Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 1 Samuel

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Ke kaloku kwakukho ndoda ithile yaseRama, umTsofi, yakweleentaba lakwaEfrayim, egama belinguElikana, unyana kaYeroham, unyana kaElihu, unyana kaTohu, unyana kaTsufi, wakwaEfrayim.
12Yayinabafazi ababini; igama lomnye lalinguHana, igama lowesibini linguPenina; uPenina ke wayenabantwana, uHana yena engenabantwana.
13Indoda leyo ibinyuka ivela emzini wayo iminyaka ngeminyaka, iye kunqula, ibingelele kuYehova wemikhosi eShilo. Babekhona ke oonyana bakaEli ababini, ooHofeni noPinehasi, ababingeleli bakaYehova.
14Kwathi ngemini awabingelela ngayo uElikana, wamnika uPenina umkakhe, noonyana bakhe bonke, neentombi zakhe, izabelo.
15Ke uHana wamnika isabelo sabantu ababini, ngokuba ebemthanda uHana; ke uYehova ebesivalile isizalo sakhe.
16Waza umkhweleteli wakhe wamana emchunuba, ukuze ade acunuke; ngokuba uYehova ebesivalile isizalo sakhe.
17Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; uHana walila, akadla.
18Wathi uElikana umyeni wakhe kuye, Hana, ulilelani na? Yini na ukuba ungadli? Yini na ukuba ibe mbi intliziyo yakho? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?
19Wesuka uHana emveni kokuba bedlile eShilo, emveni kokuba besele. Ke kaloku uEli umbingeleli wayeleli esilalweni ngasemgubasini webhotwe likaYehova.
110Wawukrakra umphefumlo kaHana, wathandaza kuYehova, wasitsho isililo.
111Wabhambathisa ngesibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.
112Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uzungu phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe.
113Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe, kubebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila.
114Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe.
115Waphendula uHana, wathi, Hayi, nkosi yam, ndingumfazi omoya unobunzima, andiselanga wayini nasiselo sinxilisayo; ndiphalaza umphefumlo wam phambi koYehova.
116Musa ukumbalela umkhonzazana wakho ekuthini yintombi yetshijolo; ngokuba unangoku ndithethe ngobuninzi bokukhalaza kwam nokuqunjiswa kwam.
117Waphendula uEli, wathi, Hamba unoxolo; uThixo kaSirayeli makakunike isicelo sakho osicelileyo kuye.
118Wathi ke yena, Umkhonzazana wakho lo makababalwe nguwe. Wahamba indlela yakhe umfazi lowo, wadla, ababa samatsha ubuso bakhe.
119Bavuka kusasa ngengomso, baqubuda phambi koYehova, babuya, bangena endlwini yabo eRama. UElikana wamazi uHana umkakhe; uYehova wamkhumbula.
120Kwathi ukufezeka kwemila, wamitha uHana, wazala unyana, wamthiya igama elinguSamuweli, esithi, Kungokuba ndamcelayo kuYehova.
121Yenyuka indoda leyo inguElikana nendlu yayo yonke, ukuba ibingelele kuYehova umbingelelo womnyaka, inesibhambathiso sayo.
122Ke yena uHana akanyukanga; ngokuba wathi kwindoda yakhe, Kokha kulunyulwe umntwana, ndandule ke ukumzisa abonakale phambi koYehova, alale khona kude kuse ephakadeni.
123Wathi uElikana indoda yakhe kuye, Yenza okulungileyo emelweni akho; lala ude umlumle; ke uYehova makalimise ilizwi lakhe. Walala ke umfazi, wanyisa unyana wakhe wada wamlumla.
124Wenyuka naye, akuba emlumle, eneenkunzi ezintathu ezintsha, ne-efa yomgubo, nentsuba yewayini, wamsa endlwini kaYehova eShilo, umntwana lowo esemncinane.
125Bayixhela inkunzi entsha, bamsa umntwana kuEli.
126Wathi, Camagu, nkosi yam! Uleli nje umphefumlo wakho, nkosi yam, ndingulaa mfazi wayemi kuwe apha, ethandaza kuYehova.
127Ndandithandazela lo mntwana; undinikile ke uYehova isicelo sam endandisicela kuye;
128nam ndiya kumenza oceliweyo kuYehova; yonke imihla yokubakho kwakhe, woba ngoceliweyo kuYehova. Wamnqula khona uYehova.
21Wathandaza uHana, wathi, Intliziyo yam idlamkile ngoYehova, Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova. Uvulekile umlomo wam kakhulu ngazo iintshaba zam; Ngokuba ndivuyele usindiso lwakho.
22Akukho uyingcwele njengoYehova; Ngokuba akukho namnye ngaphandle kwakho; Akukho liwa linjengoThixo wethu.
23Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo, Kungaphumi ntetho yakuhlakanipha emlonyeni wenu; Ngokuba uYehova nguThixo owazi konke, Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa.
24Izaphetha zamagorha zaphukile, Abakhubeki babhinqiswe amandla.
25Abahluthiyo baziqeshisela isonka, Abalambileyo baza kuphela ukulamba, Ade nongazaliyo azale isixhenxe, Onabantwana abaninzi antshwenye.
26UYehova uyabulala, adlise ubomi; Uhlisela kwelabafileyo, abuye anyuse.
27UYehova uyahlwempuza, atyebise; Uthoba, abuye aphakamise.
28Uvusa eluthulini abasweleyo, Aphakamise amahlwempu ezaleni, Ukuba awahlalise namanene; Uwabela ilifa elisihlalo sozuko; Ngokuba zezikaYehova iintsika zehlabathi, Walimisa phezu kwazo elimiweyo.
29Iinyawo zabakhe benceba uya kuzigcina, Abangendawo badake ebumnyameni; Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.
210UYehova yena—baya kuqhiphuka umbilini ababambana naye. Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini; UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi, Amnike ukumkani wakhe amandla, Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.
211Wesuka uElikana, waya endlwini yakhe; ke umntwana ebelungiselela kuYehova phambi kukaEli umbingeleli.
212Ke kaloku oonyana bakaEli babengamatshijolo, bengamazi uYehova.
213Kwanesilunga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubon’ ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe,
214wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.
215Kananjalo kungekaqhunyiselwa ngamanqatha, ubesithi umfana wakwambingeleli, eze kumntu obingelelayo, athi, Ethe inyama, yoselwe umbingeleli; kuba akayi kwamkela nyama iphekiweyo kuwe, mayibe yekrwada.
216Athi umntu lowo akuthi kuye, Kuya kuqhunyiselwa inene ngamanqatha kwangoku, wandule ke uzithabathele, njengoko umphefumlo wakho unqwenela ngako: athi yena, Hayi, ndinike ngoku; ukuba akundiniki, ndoyithabatha ngamandla.
217Saba sikhulu kunene isono samadodana phambi koYehova; ngokuba abantu bawudela umnikelo kaYehova.
218Waye uSamuweli elungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe ebhinqe iefodi yelinen emhlophe.
219Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka.
220UEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, UYehova makakunike imbewu ngalo mfazi esikhundleni soceliweyo, owacelwa kuYehova. Bahamba bagoduka.
221UYehova wamvelela uHana; wamitha, wazala oonyana abathathu, neentombi ezimbini. Yakhula inkwenkwe enguSamuweli ikuYehova.
222Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
223Wathi kubo, Yini na ukuba nenze izinto ezinjengezi? Kuba izenzo zenu ezibi ndiziva ngaba bantu bonke.
224Hayi, nyana bam; ngokuba asiludaba luhle olu ndiluvayo mna; nibanga ukuba abantu bakaYehova bagqithise.
225Ukuba umntu uthe wona umntu, uThixo uyamlamlela; ke ukuba umntu uthe wona kuYehova, ngubani na oya kumlamlela? Abaliphulaphula izwi likayise; kuba uYehova ubefuna ukubabulala.
226Ke inkwenkwe, uSamuweli, yaya ikhula ngokukhula, ithandeka kuYehova nakubantu.
227Kweza umntu kaThixo kuEli, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kanene ndazityhila na kwindlu kayihlo, beseYiputa endlwini kaFaro?
228Ndamnyula na ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba abe ngumbingeleli kum, anyuke esibingelelweni sam, aqhumisele ngeziqhumiso, anxibe iefodi phambi kwam? Ndayinika yonke indlu kayihlo konke ukudla kwasemlilweni koonyana bakaSirayeli?
229Yini na ke ukuba niwunyathelele phantsi umbingelelo wam nomnikelo wam wokudla, endiwise umthetho ngawo ekhayeni lam, usuke ubazukise oonyana bakho ngaphezu kwam, ukuze nizityebise ngelona nqatha leminikelo yonke yamaSirayeli, abantu bam?
230Ngoko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndatsho okunene ukuthi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohamba phambi kwam kude kuse ephakadeni; kungoku utsho uYehova ukuthi, Oko makube lee kum; ngokuba ondizukisayo ndiya kumzukisa, abandidelayo bacukucezwe.
231Yabona, imihla iyeza, endiya kuyinqumla ingalo yakho, nengalo yendlu kayihlo, kungabikho ngwevu endlwini kayihlo;
232ukubone ukubandezelwa kwekhaya lam ezintweni zonke uThixo aya kuwenzela okulungileyo ngazo amaSirayeli; kungabikho ngwevu endlwini yakho imihla yonke.
233Ke andiyi kunqumla mntu wonke wakwakho esibingelelweni sam, ukuze amehlo akho aphele, nomphefumlo wakho uthe; kufe kungamadoda konke ukwanda kwendlu yakho.
234Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi: baya kufa bobabini ngamhla mnye.
235Ndiya kuzivelisela umbingeleli othembekileyo, oya kwenza njengoko kusentliziyweni yam, nasemphefumlweni wam; ndimakhele indlu eqinileyo, ahambe phambi komthanjiswa wam yonke imihla.
236Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.
31Ke kaloku umntwana uSamuweli wayelungiselela kuYehova phambi koEli. Ilizwi likaYehova laliswelekile ngaloo mihla; kwakungekho mbono utyhilekileyo.
32Kwathi ngaloo mhla, elele uEli endaweni yakhe, amehlo akhe eqale ukuba norhatyazo ukuba angabi nakubona,
33singekacinywa isibane sikaThixo, uSamuweli elele ebhotweni likaYehova, apho ibikhona ityeya kaThixo,
34uYehova wambiza uSamuweli; wathi yena, Ndilapha.
35Wabalekela kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga; buya uye kulala. Waya walala.
36Waqokela uYehova wambiza uSamuweli. Wavuka uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga, nyana wam; buya uye kulala.
37Ke uSamuweli ebengekamazi uYehova, libe lingekatyhileki kuye ilizwi likaYehova.
38Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.
39Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba uthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.
310Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.
311Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndenza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.
312Ngaloo mini ndiyakumvelisela uEli yonke into endiyithethileyo ngokusingisele kwindlu yakhe; ndiqalile, ndiya kugqiba.
313Ndimxelele ukuba ndiyayigweba indlu yakhe kudekuse ephakadeni, ngenxa yobugwenxa abaziyo; ngokuba baziqalekisa oonyana bakhe, akabangxolisa.
314Ngoko ndiyifungele indlu kaEli, ndathi, Inene ubugwenxa bendlu kaEli abuyi kucanyagushelwa ngambingelelo, nangamnikelo wakudla, naphakade.
315Walala uSamuweli kwada kwasa, wazivula ke iingcango zendlu kaYehova. USamuweli woyika ukumxelela uEli umbono lowo.
316UEli wambiza uSamuweli, wathi, Samuweli, nyana wam.
317Wathi yena, Ndilapha. Wathi, Liyintoni na ilizwi elo alithethileyo kuwe? Musa ukukha undifihlele. Makenjenje uThixo kuwe, aqokele ukwenjenje, ukuba uthe wandifihlela lizwi, emazwini onke awathethileyo kuwe.
318USamuweli wamxelela amazwi onke, akamfihlela nto. Wathi ke yena, NguYehova; makenze oko kulungileyo emehlweni akhe.
319Wakhula uSamuweli; uYehova waba naye, akwawa phantsi nalinye ilizwi emazwini akhe onke emhlabeni.
320Onke amaSirayeli, ethabathele kwaDan esa eBher-shebha, azi ukuba uSamuweli ngumprofeti othembekileyo kaYehova.
321Waqokela uYehova wabonakala eShilo; ngokuba uYehova wazityhila kuSamuweli eShilo ngelizwi likaYehova.
41Ilizwi likaSamuweli laya kumaSirayeli onke. Aphuma amaSirayeli, eya kuwahlangabeza amaFilisti alwe nawo; amisa iintente ngase-Ebhenezere, amaFilisti amisa eAfeki.
42Aza amaFilisti akha uluhlu lokulwa namaSirayeli. Idabi lanwenwezela, abulawa amaSirayeli phambi kwamaFilisti. Kwabulawa eluhlwini ethafeni apho amadoda akumawaka amane.
43Beza abantu eminqubeni, athi amadoda amakhulu akwaSirayeli, Yini na ukuba uYehova asibulale namhla phambi kwamaFilisti? Masiye kuthabatha ityeya yomnqophiso kaYehova eShilo, ibe kuthi, ize phakathi kwethu, isisindise esandleni seentshaba zethu.
44Bathumela ke abantu eShilo; bayithabatha khona ityeya yomnqophiso kaYehova wemikhosi, ohleli phezu kweekerubhi; babekhona bobabini oonyana bakaEli, uHofeni noPinehasi, benetyeya yomnqophiso kaThixo.
45Kwathi, xa ifikayo ityeya yomnqophiso kaYehova eminqubeni, aduma kakhulu onke amaSirayeli, umhlaba wathi ndi.
46Asiva amaFilisti isandi sokuduma kwawo, athi, Sesani na esi sandi sokuduma kungaka eminqubeni yamaHebhere? Azi ke ukuba ityeya kaYehova ifikile eminqubeni.
47Oyika amaFilisti, kuba ebesithi, UThixo ufikile eminqubeni. Athi, Yeha ke thina! Ngokuba akuzanga kube nje ngaphambili.
48Yeha ke thina! Ngubani na oya kusihlangula esandleni saba thixo babungangamsha bungaka? Ngaba thixo aba babulala amaYiputa ngezibetho zonke entlango.
49Yomelelani, nibe ngamadoda, nina maFilisti, hleze nikhonze kumaHebhere, njengokuba ekhonze kuni wona. Yibani ngamadoda, nilwe.
410Alwa ke amaFilisti, awabulala amaSirayeli; asaba ke wona, waya elowo ententeni yakhe; abulawa kakhulu kunene. Kwawa kumaSirayeli amawaka angamashumi amathathu angumqikela.
411Kwathinjwa netyeya yomnqophiso kaThixo; bafa oonyana bobabini bakaEli, uHofeni noPinehasi.
412Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yafika eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko.
413Yafika; nanko uEli ehleli esihlalweni ecaleni kwendlela, ebonisela; ngokuba ibigubha intliziyo yakhe ngenxa yetyeya kaThixo. Yafika indoda leyo, yawuxelela umzi; wasitsho isililo wonke umzi.
414Waliva uEli izwi lesililo, wathi, Lelani na eli lizwi lale ntlokoma? Indoda leyo yakhawuleza, yeza yamxelela uEli.
415Ke kaloku uEli ebeminyaka imashumi asithoba anesibhozo ezelwe, amehlo akhe enorhatyazo, engenakubona.
416Yathi indoda leyo kuEli, Ndingulo uvela emkhosini mna, ndisabe emkhosini namhlanje. Wathi yena, Kuhle ntoni na, nyana wam?
417Waphendula umbiki, wathi, Asabile amaSirayeli phambi kwamaFilisti, kananjalo babulewe kakhulu abantu, kananjalo oonyana bakho bobabini bafile, ooHofeni noPinehasi; ityeya kaThixo ithinjiwe.
418Kwathi, akukhankanya ityeya kaThixo, wawa esihlalweni sakhe, eqethuka ngomva ngasecaleni kwesango, waphuka ilungu lentamo, wafa; ngokuba indoda leyo ibiselilixhego; inzima. Yayiwalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mane.
419Ke kaloku umolokazana wayo, umkaPinehasi, ebemithi, eza kuzala. Wathi akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nezokufa koyise wendoda nokwendoda yakhe, waguqa, wazala; ngokuba yamfikela inimba.
420Ngexesha lokufa kwakhe, abafazi ababemi phezu kwakhe bathetha, bathi, Musa ukoyika, ngokuba uzele unyana. Akaphendula, akakhathala koko.
421Wathi umntwana nguIkabhode, esithi, Uzuko lumkile kwaSirayeli, ngenxa yokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nangenxa yoyise wendoda, nendoda yakhe.
422Wathi, Uzuko lumkile kwaSirayeli; kuba ityeya kaThixo ithinjiwe.
51AmaFilisti ayithabatha ityeya kaThixo, esuka nayo e-Ebhenezere, aya nayo eAshdode.
52Ayithabatha amaFilisti ityeya kaThixo, aya nayo endlwini kaDagon, ayimisa ecaleni koDagon.
53Bavuka kusasa ngengomso abaseAshdode, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova. Bamthabatha uDagon, babuya bammisa endaweni yakhe.
54Bavuka kusasa ngengomso, nanko uDagon ewile ngobuso emhlabeni phambi kwetyeya kaYehova, intloko kaDagon nezandla zakhe zozibini zinqumkile, zisembundwini womnyango, kusele isikhondo sodwa.
55Ngenxa yoko ababingeleli bakaDagon, nabo bonke abangenayo endlwini kaDagon, abanyatheli embundwini womnyango wendlu kaDagon eAshdode unanamhla.
56Saba nzima isandla sikaYehova phezu kwabaseAshdode, sabaphanzisa, sababetha ngamathumba, iAshdode ke nemida yayo.
57Akubona amadoda aseAshdode ukuba kunjalo, athi, Ityeya yoThixo kaSirayeli mayingahlali kuthi; ngokuba isandla sakhe sinzima phezu kwethu, naphezu koDagon uthixo wethu.
58Athumela ahlanganisela kuwo zonke izikhulu zamaFilisti, athi, Siyithini na ityeya yoThixo kaSirayeli? Zathi, Mayijike iye eGati. Ayijika ke ityeya yoThixo kaSirayeli.
59Kwathi emveni kokujikwa kwayo, isandla sikaYehova saba phezu kwaloo mzi, sasisaqunge esikhulu kunene; wababulala abantu baloo mzi, kwathabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bathi gqobhogqobho amathumba.
510Bayithumela ityeya kaThixo e-Ekron. Kwathi, xa ifikayo ityeya kaThixo e-Ekron, bakhala abase-Ekron, besithi, Bayijikele kuthi ityeya yoThixo kaSirayeli, ukuba isibulale thina nabantu bakowethu.
511Bathumela, bazihlanganisa zonke izikhulu zamaFilisti, bathi, Yimkiseni ityeya yoThixo kaSirayeli, ibuyele endaweni yayo, ingasibulali thina, nabantu bakowethu; ngokuba ukuqungaqunga kokufa bekukho kuwo wonke umzi, besinzima kunene isandla sikaThixo khona.
512Abantu abangafanga babethwa ngamathumba; kwenyuka kwaya ezulwini ukuzibika komzi.
61Ityeya kaYehova yaba semhlabeni wamaFilisti iinyanga ezisixhenxe.
62AmaFilisti abiza ababingeleli nabavumisi, esithi, Siyithini na ityeya kaYehova? Saziseni into esingayigodusa nayo, iye endaweni yayo.
63Bathi, Ukuba iyagoduswa ityeya yoThixo kaSirayeli, musani ukuyigodusa ilambatha; ukuyibuyisela kuye, noyibuyisela inedini letyala. Niya kuphiliswa; kuya kwandula ukwazeka kuni, ukuba bekungani na ukuba isandla sakhe singesuki kuni.
64Athi, Liyintoni na idini letyala esolibuyisela kuye? Bathi, Lingamathumba egolide amahlanu, neempuku zegolide ezintlanu, ngokwenani lezikhulu zamaFilisti; ngokuba sinye isibetho kuni nonke, nakwizikhulu zenu.
65Ize niyenze imifanekiso yamathumba enu, nemifanekiso yeempuku zenu ezilonakalisayo ilizwe, nimzukise uThixo kaSirayeli; mhlawumbi wosenza lula isandla sakhe kuni, nakoothixo benu, nakwilizwe lenu.
66Yini na ukuba niziqaqadekise iintliziyo zenu, njengokuba aziqaqadekisayo iintliziyo zawo amaYiputa noFaro? Akuthanga na, akuzenza izenzo ezincamisayo kuwo, amaYiputa awandulula amaSirayeli, emka ke?
67Thabathani ngoko, nenze inqwelo entsha, nithabathe iimazi ezimbini ezintsha ezanyisayo, ezingazanga zibekwe dyokhwe, nizibophe enqwelweni, niwanqande amathole azo kuzo, aye ekhaya.
68Noyithabatha ke ityeya kaYehova, niyibeke enqwelweni; neempahla zegolide enizibuyisela kuye, ezilidini letyala, nizibeke etyeyeni ecaleni layo, niyindulule ihambe.
69Nize nikhangele: ukuba ithe yenyuka ngendlela yomda wayo, yaya eBhete-shemeshe, woba nguye osenzele obu bubi bukhulu; ke ukuba kuthe akwabo njalo, sothi sazi ukuba asibethwe sisandla sakhe, sihlelwe sisihlo.
610Enjenjalo amadoda; athabatha iimazi ezintsha ezanyisayo zambini, azibopha enqwelweni, awavalela amathole azo ekhaya.
611Ayibeka ityeya kaYehova enqwelweni, netyeya ineempuku zegolide nemifanekiso yamathumba awo.
612Iimazi ezintsha zathi ngqo ngendlela, ngendlela yaseBhete-shemeshe, zahamba ngomendo, zihamba zinxakama, azanxaxhela ekunene nasekholo; izikhulu zamaFilisti zizilandela, zada zaya emdeni waseBhete-shemeshe.
613AbaseBhete-shemeshe babevuna ingqolowa entilini; bawaphakamisa amehlo abo, bayibona ityeya, bavuya bakuyibona.
614Inqwelo yafika entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe, yema khona. Bekukho ilitye elikhulu khona. Bayicanda imithi yenqwelo, bazinyusa iimazi ezintsha ezo zalidini elinyukayo kuYehova.
615AbaLevi bayithula ityeya kaYehova, netyeya ebinayo inempahla yegolide, bazibeka elityeni elo likhulu. Amadoda aseBhete-shemeshe ke anyusa amadini anyukayo, abingelela imibingelelo ngaloo mini kuYehova.
616Zabona izikhulu ezihlanu zamaFilisti, zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.
617Ngawo la amathumba egolide awawabuyiselayo amaFilisti kuYehova, alidini letyala: elaseAshdode lalilinye, elaseGaza lalilinye, elaseAshkelon lalilinye, elaseGati lalilinye, elase-Ekron lalilinye;
618kunye neempuku zegolide ngokwenani lemizi yonke yamaFilisti yezikhulu ezihlanu, kuthabathela emizini enqatyisiweyo, kuse kwimizana yabasemaphandleni; kuse etyeni elikhulu, abayimisa kulo ityeya kaYehova, lilingqina unanamhla entsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe.
619Wabetha emadodeni aseBhete-shemeshe, ngokuba ayikhangakhangelayo ityeya kaYehova; wabulala ebantwini abo amadoda angamashumi asixhenxe emadodeni angamawaka angamashumi amahlanu. Benza isijwili abantu, ngokuba uYehova ebabulele abantu ngobulalo olukhulu.
620Athi amadoda aseBhete-shemeshe, Ngubani na onako ukuma phambi koYehova, lo Thixo uyingcwele? Uya kunyuka aye kubani na, ukusuka kwakhe kuthi?
621Athuma abathunywa kubemi baseKiriyati-yeharim, esithi, AmaFilisti ayibuyisile ityeya kaYehova; yihlani, nize kuyinyusela kuni.
71Eza amadoda aseKiriyati-yeharim, ayinyusa ityeya kaYehova, ayizisa endlwini ka-Abhinadabhi, endulini, angcwalisa uElazare, unyana wakhe, ukuba ayigcine ityeya kaYehova.
72Kwathi, ihleli eKiriyati-yeharim apho ityeya, zanda iintsuku, zayiminyaka emashumi mabini; yamlandela uYehova ngesimema yonke indlu kaSirayeli.
73Wathi ke uSamuweli kwindlu yonke kaSirayeli, Ukuba nibuyela kuYehova ngentliziyo yenu yonke, basuseni ke phakathi kwenu oothixo bolunye uhlanga nooAshtaroti, nizimise iintliziyo zenu kuYehova, nikhonze yena yedwa: wonihlangula ke esandleni samaFilisti.
74Oonyana bakaSirayeli babasusa ke ooBhahali nooAshtaroti, bakhonza uYehova yedwa.
75Wathi uSamuweli, Wahlanganiseleni eMizpa onke amaSirayeli, ndinithandazele kuYehova.
76Ahlanganiselana eMizpa, akha amanzi, awaphalaza phambi koYehova, azila ukudla ngaloo mini, athi khona, Sonile kuYehova. Wabalawula uSamuweli oonyana bakaSirayeli eMizpa.
77Eva amaFilisti ukuba oonyana bakaSirayeli bahlanganiselene eMizpa, zenyuka izikhulu zamaFilisti, zawaphumela amaSirayeli. Beva oonyana bakaSirayeli, bawoyika amaFilisti.
78Bathi oonyana bakaSirayeli kuSamuweli, Musa ukuyeka ukusikhalela kuYehova uThixo wethu, asisindise esandleni samaFilisti.
79USamuweli wathabatha itakane elanyayo, walinyusa lalidini elinyukayo lonke liphola kuYehova. Wakhala uSamuweli kuYehova ngenxa yamaSirayeli; uYehova wamphendula.
710Kwathi, xa uSamuweli alinyusayo idini elinyukayo, amaFilisti asondela, esiza kulwa namaSirayeli. UYehova wadudumisa ngezwi elikhulu loo mini kumaFilisti, wawaqungaqunga; abulawa phambi kwamaSirayeli.
711Aphuma amadoda akwaSirayeli eMizpa, awasukela amaFilisti, awabulala, esa phantsi kweBhete-kare.
712USamuweli wathabatha ilitye, walimisa phakathi kweMizpa neShen, wathi igama lalo yiEbhenezere; wathi, Kude kwaba lapha uYehova esinceda.
713Athotywa ke amaFilisti, akaba saphinda eze emdeni wakwaSirayeli; sachasana namaFilisti isandla sikaYehova yonke imihla kaSamuweli.
714Yabuyiselwa kumaSirayeli imizi leyo abeyithimbile amaFilisti kumaSirayeli, ithabathela e-Ekron yesa eGati; nemida yayo ayihla ngula amaSirayeli esandleni samaFilisti. Laxola ke phakathi kwamaSirayeli nama-Amori.
715USamuweli waye engumlawuli kumaSirayeli yonke imihla yobomi bakhe;
716ehamba iminyaka ngeminyaka, ejikeleza eBheteli, naseGiligali, naseMizpa, ewalawula amaSirayeli kwezo ndawo zonke;
717ebuyela eRama, ngokuba yayikhona indlu yakhe. Wawalawula nakhona amaSirayeli, wakha isibingelelo kuYehova khona.
81Kwathi, xenikweni uSamuweli alixhego, wabamisa oonyana bakhe baba ngabagwebi kumaSirayeli.
82Igama lonyana wakhe wamazibulo lalinguYoweli, igama lowesibini lalinguAbhiya; bengabagwebi eBher-shebha.
83Oonyana bakhe abahambanga ngendlela yakhe, banabela inzuzo embi, bamkela izicengo, basijika isigwebo.
84Aza ahlanganisana onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, eza kuSamuweli eRama, athi kuye, Uyabona,
85waluphele wena, oonyana bakho abahambi ngendlela yakho; simisele ngoko ukumkani wokusilawula, njengeentlanga ezi zonke.
86Laba libi elo zwi emehlweni kaSamuweli, xa bathi, Sinike ukumkani wokusilawula. Wathandaza uSamuweli kuYehova.
87Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abayithethayo kuwe; ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibe mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo.
88Ngokwezenzo zonke abazenzileyo, kuselokwemini endabanyusayo eYiputa kwada kwaba namhla, bandishiya, bakhonza thixo bambi, benjenjalo namhla nakuwe.
89Liphulaphule ngoko izwi labo; kodwa uze ubaqononondise kakuhle, ubaxelele isiko aya kuphatha ngalo ukumkani oya kuba ngukumkani wabo.
810Wabaxelela ke uSamuweli abo bantu babebiza ukumkani kuye onke amazwi kaYehova.
811Wathi, Lilo eli isiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni: Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe;
812abamisele yena babe ngabathetheli bamawaka, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, balime amasimi akhe, bavune ukutya kwakhe, benze iimpahla zakhe zemfazwe neempahla zenqwelo yakhe.
813Iintombi zenu wozithabatha zibe ngabaqholikazi, nabapheki, nabosi bezonka.
814Amasimi enu wowathabatha, nezidiliya zenu, nezinquma zenu ezona zilungileyo, azinike abakhonzi bakhe;
815nesishumi sembewu yenu asibize, nesezidiliya zenu, asinike ababusi bakhe nabakhonzi bakhe.
816Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe;
817isishumi sempahla yenu emfutshane asibize; nina nibe ngabakhonzi bakhe.
818Niya kukhala ngaloo mini ngokumkani wenu enazinyulelayo, anganiphenduli uYehova ngaloo mini.
819Abavuma abantu ukuliphulaphula ilizwi likaSamuweli; bathi, Hayi, inene, masibe nokumkani;
820nathi sibe njengeentlanga ezi zonke, asilawule ukumkani wethu, aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu.
821Waweva uSamuweli onke amazwi abantu, wawathetha ezindlebeni zikaYehova.
822Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labo, ubenzele ukumkani. Wathi uSamuweli kumadoda akwaSirayeli, Hambani niye elowo emzini wakhe.
91Kwakukho ndoda yakwaBhenjamin, igama lalinguKishe, unyana ka-Abhiyeli, unyana kaTserore, unyana kaBhekorati, unyana ka-Afiya, unyana womBhenjamin, indoda esisityebi.
92Yayinonyana ogama linguSawule, umfo omtsha, omhle, ebekungekho mfo phakathi koonyana bakaSirayeli umhle kunaye; ethabathela emagxeni akhe anyuse, ubemde kubantu bonke.
93Ke kaloku uKishe, uyise kaSawule, walahlekelwa ziimazi zakhe zamaesile. Wathi uKishe kuSawule unyana wakhe, Khawuthabathe omnye kubafana ahambe nawe, usuke uye kuzifuna iimazi zamaesile.
94Wacanda kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda nasezweni laseShalisha; abazifumana. Wacanda nasezweni laseShahalim, azabakho; wacanda nasezweni lakwaBhenjamin, abazifumana.
95Bakufika ezweni lakwaTsufi, uSawule wathi kumfana obenaye, Hamba sibuye, hleze ubawo azincame iimazi zamaesile, abe nesithukuthezi ngathi.
96Wathi ke yena kuye, Uyabona ke, kulo mzi kukho umntu kaThixo; ngumntu ozukileyo; konke akuthethayo kuyenzeka ngenene. Makhe siye khona ke, mhlawumbi angasibonisa indlela yethu esohamba ngayo.
97Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumnika ntoni na umntu lowo? Kuba isonka siphelile empahleni yethu; akukho sipho singasisa kumntu kaThixo. Into esinayo yintoni na?
98Waphinda umfana wamphendula uSawule, wathi, Nanku kufumaneke esandleni sam isahlulo sesine seshekele yesilivere; ndosinika umntu kaThixo, asibonise indlela yethu.
99Ngaphambili, kwaSirayeli, umntu xa aya kubuza kuThixo ubesithi, Hamba siye kwimboni; ngokuba onguprofeti namhla bekusithiwa yimboni ngenxa engaphambili.
910Wathi uSawule kumfana lowo, Lihle ilizwi lakho; hamba siye. Bahamba baya kuloo mzi, apho umntu kaThixo wayekhona.
911Bathi benyuka eqhineni lomzi, baqubisana nomthinjana, uphuma usiya kukha amanzi; bathi kuwo, Ikho na apha imboni?
912Wabaphendula, wathi, Ikho, nantso phambi kwenu; khawulezani ngoku, kuba ifike namhlanje kulo mzi, ngokuba abantu banombingelelo namhla esigangeni;
913xa ningena kulo mzi, noyifumana ingekenyuki iye kudla esigangeni; kuba abayi kudla abantu ingekafiki; ngokuba usikelelwa yiyo umbingelelo, baze badle emveni koko abamenyiweyo; nyukani ngoku, ngokuba noyifumana ngoku. Benyuka ke baya kuloo mzi.
914Bakubona ukuba bayangena kuloo mzi, nanko uSamuweli ephuma equbisana nabo, eza kunyuka aye esigangeni.
915Ke kaloku uYehova wayeyityhilele indlebe kaSamuweli ngosuku olungaphambi kokuza kukaSawule, esithi,
916Ngeli xesha ngomso, ndiya kuthumela kuwe indoda yasezweni lakwaBhenjamin, ukuze uyithambise, ibe yinganga yabantu bam amaSirayeli, ibasindise abantu bam esandleni samaFilisti; ngokuba ndibabonile abantu bam; kuba ukukhala kwabo kufikile kum.
917USamuweli wambona uSawule. UYehova wamphendula, wathi, Nantso loo ndoda ndibe ndithethe kuwe ngayo. Yiyo eya kuphatha ubukhosi phezu kwabantu bam.
918Wasondela uSawule kuSamuweli esangweni, wathi, Khawundixelele, iphi na apha indlu yemboni?
919USamuweli wamphendula uSawule, wathi, Ndim imboni; nyuka phambi kwam uye esigangeni, nidle nam namhla, ndikundulule ngomso, ndikuxelele konke okusentliziyweni yakho.
920Ke iimazi zamaesile esekuntsuku ntathu namhla zikulahlekile, musa ukuyibekela kuzo intliziyo yakho; ngokuba zifunyenwe. Kokukabani na konke okunqwenelekayo kwaSirayeli? Asikokwakho na, nokwendlu yonke kayihlo?
921Waphendula uSawule, wathi, AndingumBhenjamin yini na, wesizwe esincinanana kwaSirayeli? Nomzalwane wakowethu awuphantsi na emizalwaneni yonke yesizwe sakwaBhenjamin? Yini na ukuba uthethe ilizwi elinje kum?
922USamuweli wamthabatha uSawule nomfana lowo, wabangenisa egumbini, wabanika indawo yobukhulu phakathi kwabamenyiweyo abo, bengamadoda akumashumi amathathu.
923Wathi uSamuweli kumpheki, Ethe isabelo endakunikayo, ndathi kuwe, Sibeke.
924Wawuzisa umlenze lowo nento ephezu kwawo, wabeka phambi koSawule. Wathi uSamuweli, Nantso into endikubekeleyo, ibekiwe phambi kwakho, yidla; ngokuba ibigcinelwe wena, ukuba ibe yeyeli xesha, kususela koko ndathi, Ndibamemile abantu. Wadla uSawule noSamuweli ngaloo mini.
925Behla esigangeni apho, beza phakathi komzi; wathetha noSawule phezu kwendlu.
926Bavuka kusasa; kwathi, xa kunyuka isifingo, uSamuweli wamemeza kuSawule phezu kwendlu, esithi, Vuka, ndikugoduse. Wavuka uSawule; baphuma baya phandle bobabini, yena noSamuweli.
927Behlile, baya ekupheleni komzi, wathi uSamuweli kuSawule, Yitsho kumfana lo agqithele phambi kwethu (wagqitha ke); khawume wena ngoku, ndikuvise ilizwi likaThixo.
101USamuweli wathabatha igutyana leoli, wamgalela entloko, wamanga, wathi, Inene, uYehova ukuthambisile ukuba ube yinganga yelifa lakhe.
102Ekumkeni kwakho kum namhla, uya kufumana amadoda amabini ngasengcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, eTseletsa; aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuye kuzifuna. Yabona, ukuyekile uyihlo ukuthetha ngeemazi zamaesile ezo; unesithukuthezi ngani, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam.
103Ugqithile apho, woqhubela phambili, ufike kumoki weTabhore, uhlangane khona namadoda amathathu enyuka esiya kuThixo eBheteli, enye ithwele amatakane amathathu, enye ithwele iintenda zezonka ezithathu, enye ithwele intsuba yewayini.
104Okubuza ukuphila kwakho, akunike izonka ezibini; uzithabathe ezandleni zawo.
105Emveni koko uya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta.
106UMoya kaThixo wokufikela ngamandla, uprofete ndawonye nabo, uguquke ube mntu wumbi.
107Kothi, xa ithe yafika kuwe loo miqondiso, uzenzele njengoko siya kufumana ngako isandla sakho; ngokuba uThixo unawe;
108uhle uye phambi kwam eGiligali. Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wolinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.
109Wathi uSawule, akuthi khwitshi ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi. Yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini.
1010Bafika eGibheha apho, nalo igqiza labaprofeti limkhawulela; wamfikela ngamandla uMoya kaThixo, waprofeta phakathi kwabo.
1011Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukubaprofeti noSawule na?
1012Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo? Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukubaprofeti noSawule na?
1013Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni.
1014Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakubona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli.
1015Wathi uyisekazi kaSawule, Khawundixelele ukuba utheni na uSamuweli kuni.
1016Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto.
1017Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu;
1018beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo.
1019Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Simisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.
1020Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin.
1021Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, abamfumana.
1022Babuya babuza kuYehova, bathi, Uselefikile na umntu? Wathi uYehova, Nanko ezimele yena phantsi kwempahla.
1023Babaleka, bamthabatha apho. Wema phakathi kwabantu, wamde kubantu bonke, ethabathela emagxeni anyuse.
1024Wathi uSamuweli kubantu bonke, Niyambona na lo unyuliweyo nguYehova; ukuba akukho unjengaye ebantwini bonke? Baduma bonke abantu, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
1025USamuweli walithetha ebantwini isiko lobukumkani, walibhala encwadini, wayibeka phambi koYehova. USamuweli wabandulula abantu bonke; baya elowo endlwini yakhe.
1026Naye uSawule waya endlwini yakhe eGibheha; lahamba naye iqela elinobukroti, elintliziyo zichukunyisiweyo nguThixo.
1027Ke bona abangamatshijolo bathi, wothini na ukusisindisa lo? Bamdela; abamzisela mnikelo. Yena wanga akeva.
111Ke kaloku wenyuka uNahashe, umAmon, wayingqinga iYabheshe yaseGiliyadi. Athi onke amadoda aseYabheshe kuNahashe, Simisele umnqophiso, sikukhonze.
112Wathi kuwo uNahashe umAmon, Ndiya kunimisela umnqophiso wokuthi, ndinikrukre nonke iliso lasekunene, ndikubeke oko phezu kwamaSirayeli onke, kube sisingcikivo.
113Athi kuye amadoda amakhulu aseYabheshe, Siyeke iintsuku ezisixhenxe, sithume abathunywa emideni yonke yakwaSirayeli; sithi, ukuba akubangakho usisindisayo, siphume size kuwe.
114Bafika abathunywa eGibheha yakwaSawule, bawathetha loo mazwi ezindlebeni zabantu; baliphakamisa bonke abantu izwi labo, balila.
115Nanko uSawule, ehamba emva kweenkomo, evela ezindle; wathi uSawule, Banantoni na abantu, belila nje? Bamxelela ke amazwi amadoda aseYabheshe.
116UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uSawule ekuwaveni kwakhe la mazwi, wavutha umsindo wakhe kunene.
117Wathabatha iinkomo zambini, wazityatya, wathumela emideni yonke yakwaSirayeli ngesandla sabathunywa, esithi, Ongathanga aphume alandele uSawule, alandele uSamuweli, ziya kwenjiwa nje iinkomo zakhe. Abantu bafikelwa kukunkwantya nguYehova, baphuma njengandoda-nye.
118Wababala eBhezeki; oonyana bakaSirayeli bangamawaka angamakhulu amathathu, namadoda akwaYuda angamawaka angamashumi amathathu.
119Bathi kubathunywa abafikileyo, Yitshoni kumadoda aseYabheshe yaseGiliyadi ukuthi, Ngomso ukufudumala kwelanga, niya kukhululwa. Bemka abathunywa, bawaxelela amadoda aseYabheshe; avuya ke.
1110Athi amadoda aseYabheshe, Ngomso siya kuphuma size kuni; nenze kuthi ngako konke okulungileyo emehlweni enu.
1111Kwathi ngengomso uSawule wabamisa abantu bazizihlwele ezithathu, bafika phakathi kwempi ngomlindo wokusa, bawabulala ama-Amon yada yafudumala imini. Kwathi aseleyo aphangalaliswa; akwasala kuwo nokuba abe mabini ndaweni-nye.
1112Bathi abantu kuSamuweli, Ngoobanina abo babesithi, USawule uya kuba ngukumkani kuthi na? Waziseni loo madoda, siwabulale.
1113Wathi uSawule, Makungabulawa mntu namhla; ngokuba namhla uYehova wenze usindiso kwaSirayeli.
1114Wathi uSamuweli ebantwini, Hambani, siye eGiligali, sibusungule khona ubukumkani.
1115Baya ke bonke abantu eGiligali; bamenza ukumkani uSawule phambi koYehova eGiligali apho; wabingelela apho imibingelelo yoxolo phambi koYehova. Bavuya kunene apho ooSawule namadoda onke akwaSirayeli.
121Wathi uSamuweli kumaSirayeli onke, Yabonani, ndiliphulaphule izwi lenu ngako konke enakuthethayo kum, ndanimisela ukumkani.
122Kaloku nanko ukumkani ehamba phambi kwenu. Ke mna ndaluphele, ndiyingwevu; nabo oonyana bam benani. Mna ndibambe phambi kwenu kwasebuncinaneni bam unanamhla.
123Nanku ndikho; ngqinani ngam phambi koYehova, naphambi komthanjiswa wakhe: ndathabatha nkomo kabani na? ndathabatha esile likabani na? ndacudisa bani na? ndavikiva bani na? ndathabatha esandleni sikabani na ucamagusho lokumfamekisa amehlo am? ndonibuyisela.
124Athi, Akusicudisanga, akusivikivanga, akuthabathanga nto sandleni samntu.
125Wathi kubo, UYehova ulingqina ngani, nomthanjiswa wakhe ulingqina namhla, ukuba anifumananga nto sandleni sam. Bathi, Ulingqina.
126Wathi uSamuweli ebantwini, NguYehova owenza ooMoses noAron; owenyusa ooyihlo ezweni laseYiputa.
127Kaloku ke yimani, ndimangalelane nani phambi koYehova ngayo yonke imisebenzi yobulungisa kaYehova, ayenzileyo kuni nakooyihlo.
128Xenikweni uYakobi waya eYiputa, bakhala ooyihlo kuYehova: uYehova wathuma ooMoses noAron, babakhupha ooyihlo eYiputa, bababeka kule ndawo.
129Bamlibala uYehova uThixo wabo; wathengisa ngabo esandleni sikaSisera, umthetheli-mkhosi waseHatsore, nasesandleni samaFilisti, nakwesokumkani wakwaMowabhi, balwa nabo.
1210Bakhala kuYehova, bathi, Sonile, ngokuba samlahlayo uYehova, sakhonza ooBhahali nooAshtaroti; kaloku ke sihlangule esandleni seentshaba zethu, sikukhonze.
1211UYehova wathuma ooYerubhahali, noBhedan, noYifeta, noSamuweli, wanihlangula esandleni seentshaba zenu ngeenxa zonke, nahlala nonwabile.
1212Kwathi nakubona uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon, esiza kulwa nani, nathi kum, Hayi, masilawulwe ngukumkani, uYehova uThixo wenu engukumkani wenu.
1213Nanko ke ukumkani enimnyulileyo, enimbizileyo; yabonani, uYehova unimisele ukumkani.
1214Anaba beniya kumoyika uYehova, nimkhonze, niliphulaphule ilizwi lakhe, ningawuphikisi umlomo kaYehova, nithane mbende noYehova uThixo wenu, nina nokumkani onilawulayo, ukuze kulunge.
1215Ke ukuba anithanga niliphulaphule izwi likaYehova, ukuba nithe nawuphikisa umlomo kaYehova, isandla sikaYehova sonichasa, njengokuba sachasa ooyihlo.
1216Nangoku yimani, niyibone le nto inkulu, ayenzayo uYehova phambi kwenu.
1217Akuvunwa ingqolowa yini na namhla? Ndiya kunqula uYehova ahlise iindudumo nemvula; nazi, nibone ukuba ububi benu bukhulu enibenzileyo phambi koYehova ngokubiza ukumkani.
1218USamuweli wanqula uYehova; waza uYehova wahlisa iindudumo nemvula ngaloo mini. Bonke abantu bamoyika kunene uYehova noSamuweli.
1219Bathi bonke abantu kuSamuweli, Bathandazele abakhonzi bakho kuYehova uThixo wakho, ukuze singafi; ngokuba ezonweni zethu songeze ububi bokubiza ukumkani.
1220Wathi uSamuweli ebantwini, Musani ukoyika. Nina nibenzile bonke obo bubi; noko ke musani ukutyeka ekumlandeleni uYehova; mkhonzeni uYehova ngentliziyo yenu yonke.
1221Ize ningatyeki; ngokuba ningaba nilandela izinto ezililize, ezingenakunyusa, ezingenakuhlangula, ngokuba zililize.
1222Kuba uYehova akayi kubashiya abantu bakhe, ngenxa yegama lakhe elikhulu; ngokuba kwakholeka kuYehova ukunenza abantu bakhe.
1223Kananjalo makube lee kum ukuthi ndone kuYehova ngokuyeka ukunithandazela; ndoniyalela indlela elungileyo ethe tye.
1224Kodwa moyikeni uYehova, nimkhonze ngenyaniso, ngentliziyo yenu yonke; ngokuba kuboneni okukhulu anenzele khona.
1225Ke ukuba niphikele ukwenza, nithe nenza okubi, nocinywa, nina kwanokumkani wenu.
131USawule ebeneminyaka ezelwe, akuba ngukumkani, waba ngukumkani kumaSirayeli iminyaka emibini.
132USawule wazinyulela amawaka amathathu kumaSirayeli; amawaka amabini ayenoSawule eMikmas nakweleentaba laseBheteli, iwaka elinye laye linoYonatan eGibheha yakwaBhenjamin. Abantu abaseleyo wabandulula, baya elowo ententeni yakhe.
133UYonatan wayoyisa ikampu yamaFilisti eseGebha, eva amaFilisti. USawule wavuthela ngesigodlo ezweni lonke, esithi, Makeve amaHebhere.
134AmaSirayeli onke eva kusithiwa, USawule uyoyisile ikampu yamaFilisti; kananjalo amaSirayeli azinukisile kumaFilisti. Abantu bahlatyelwa umkhosi, beza bamlandela uSawule baya eGiligali.
135AmaFilisti azihlanganisela ukulwa namaSirayeli: iinqwelo zokulwa zaba ngamashumi omathathu amawaka, nabamahashe bangamawaka amathandathu, abantu bangangentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi; anyuka ke amisa iintente eMikmas phambi kweBhetaven.
136Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazimela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini.
137Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha.
138Walinda iintsuku zasixhenxe, ngokwexesha elibe limisiwe nguSamuweli, akafika uSamuweli eGiligali; bamphalala abantu bemka kuye.
139Wathi uSawule, Zisani kum idini elinyukayo nemibingelelo yoxolo. Wenyusa idini elinyukayo.
1310Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise.
1311Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungafiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas;
1312ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.
1313Wathi uSamuweli kuSawule, Wenze ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
1314Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yinganga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.
1315Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali, waya eGibheha yakwaBhenjamin. USawule wababala abantu abafunyenwe benaye, bengamadoda akumakhulu amathandathu.
1316USawule, noYonatan unyana wakhe, nabantu abafunyenwe benabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin. AmaFilisti amisa iintente eMikmas.
1317Kwaphuma amatutu emkhosini wamaFilisti, engamaqela amathathu: elinye iqela labheka ngendlela yaseOfra ezweni lakwaShuwali;
1318elinye iqela labheka endleleni yaseBhete-horon; elinye iqela labheka endleleni yasemdeni ovelela umfula weTsebhoyim, uye entlango.
1319Ke bekungekho mkhandi ezweni lonke lakwaSirayeli; ngokuba amaFilisti ebesithi, Aya kuze amaHebhere enze amakrele neentshuntshe.
1320AmaSirayeli onke abesihla aye kumaFilisti, alole elowo isikhali sakhe, nesitshetshe sepuluwa yakhe, nezembe lakhe, negaba lakhe,
1321zakuba nezikhewu iintlangothi zamagaba, nezezitshetshe zeepuluwa, nezeefolokhwe, nezamazembe, nezokubaza iimviko.
1322Kwathi ke ngomhla wokulwa, akwafunyanwa krele nantshuntshe esandleni sabantu bonke ababenoSawule noYonatan; ke kuSawule noYonatan unyana wakhe bezikho.
1323Kwaphuma amaFilisti ekampini, aya engxingweni yaseMikmas.
141Kwathi ngamhla uthile, uYonatan unyana kaSawule wathi kumfana ophatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yamaFilisti ephesheya phaya. Akamxelela uyise.
142USawule ke wayehleli ekupheleni kweGibheha phantsi komrharnate oseMigron. Abantu ababenaye babekumakhulu amathandathu amadoda,
143enoAhiya, unyana ka-Ahitubhi, umkhuluwa kaIkabhodi, unyana kaPinehasi, unyana kaEli, umbingeleli kaYehova eShilo, enxibe iefodi. Bebengazi abantu ukuba uYonatan uyile.
144Ezingxingweni, abefuna ukuphumela kuzo uYonatan, aye ekampini yamaFilisti, bekukho itsolo lengxondorha ngapha; kukho itsolo lengxondorha ngaphaya; igama lelinye libe linguBhotsetse, igama lelinye linguSene.
145Okunye ukutsola bekuyintsika ngasentla malunga neMikmas, okunye kungasezantsi malunga neGibheha.
146Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.
147Wathi umphathi weentonga zakhe kuye, Yenza konke okusentliziyweni yakho; singa phaya; yabona, ndinawe ngokwentliziyo yakho.
148Wathi uYonatan, Yabona, siyaphumela, siya kulaa madoda, siya kuzibonakalisa kuwo.
149Ukuba athe kuthi, Hlalani, side size kuni; siya kuma kuloo ndawo yethu, singenyuki siye kuwo.
1410Ukuba athe, Nyukani nize kuthi: sonyuka, ngokuba uYehova uwanikele esandleni sethu; lowo woba ngumqondiso kuthi.
1411Bazibonakalisa bobabini ekampini yamaFilisti; athi amaFilisti, Nanga amaHebhere ephuma emingxunyeni abezimele kuyo.
1412Abaphendula amadoda asekampini ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, athi, Nyukani nize kuthi, sinibonise. Wathi uYonatan kumphathi weentonga zakhe, Nyuka emva kwam; ngokuba uYehova uwanikele esandleni samaSirayeli.
1413Wenyuka uYonatan, ekhasa ngezandla neenyawo, umphathi weentonga zakhe esemva kwakhe. Awa phambi koYonatan; nomphathi weentonga zakhe esemva kwakhe ebulala.
1414Kwathi, ukuxabela kokuqala awaxabela ngako uYonatan nomphathi weentonga zakhe, kwaxatyelwa amadoda angathi amashumi mabini, esiqingatheni sendima eyiakile yentsimi.
1415Kwabakho umothuko emkhosini, nasezindle, nasebantwini bonke; ikampu namatutu bothuka nabo; wanyikima umhlaba; yaba sisothuso esivela kuThixo.
1416Bakhangela ababoniseli bakaSawule, baseGibheha yakwaBhenjamin, nantso ingxokolo inyibilika; yaye ichithana yodwa.
1417Wathi uSawule ebantwini ababenaye, Khanibale, nibone ukuba ngubani na ongekhoyo kuthi. Babala; yini? akakho uYonatan nomphathi weentonga zakhe.
1418Wathi usawule kuAhiya, Zisa apha ityeya kaThixo; ngokuba ityeya kaThixo ibinoonyana bakaSirayeli ngaloo mini.
1419Kwathi, esathetha uSawule kumbingeleli, ingxokozelo yempi yamaFilisti yaya ikhula. Wathi uSawule kumbingeleli, Sibuyise umva isandla sakho.
1420Bahlanganisana uSawule nabantu bonke ababenaye, baya kulwa; nalo ikrele lomntu limi kummelwane wakhe, isisaqunge esikhulu.
1421Ke kaloku athi namaHebhere abekumaFilisti njengaphambili, abenyuke ngeenxa zonke, eza nawo emkhosini, esuka aphamba nawo, angakumaSirayeli la abenoSawule noYonatan.
1422Kwanamadoda onke akwaSirayeli, abezimele kweleentaba lakwaEfrayim, eva ukuba amaFilisti asabile, awalandela athana mbende nawo ekulweni.
1423UYehova wawasindisa ke amaSirayeli ngaloo mini. Ukulwa kwegqitha eBhetaven.
1424Amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa ngaloo mini. USawule wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Bonke abantu abadla nento.
1425Lonke ilizwe leza ehlathini; kwaye kukho ubusi phezu komhlaba.
1426Bafika abantu ehlathini, nanko kuvuza ubusi. Akwabakho usa isandla emlonyeni wakhe; ngokuba abantu babesoyika isifungo.
1427Ke uYonatan ubengamvanga uyise, ukubafungisa kwakhe abantu, wesa incam yentonga ebisesandleni sakhe, wayifaka enqatheni lobusi, wasibuyisela emlonyeni wakhe isandla sakhe; aqabuka amehlo akhe.
1428Yaphendula indoda yasebantwini, yathi, Uyihlo ubafungisile wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje. Babethe ncithi abantu liphango.
1429Wathi uYonatan, Ubawo ulihlisele ishwangusha ilizwe; khanikhangele, amehlo am aqabukile, ngokuba ndive le ntwana yobusi.
1430Ukuba babethe abantu badla, besidla namhla emaxhobeni eentshaba zabo abawafumeneyo, ngelubeke phi na ke ukugqithisela ukuba lukhulu ngoku uxabelo kumaFilisti?
1431Bawaxabela ngaloo mini amaFilisti, bathabathela eMikmas besa eAyalon; betyhafile kunene abantu.
1432Baziphosa abantu emaxhobeni, bathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namathole eenkomo, baxhelela emhlabeni, abantu bayidla inegazi.
1433Waxelelwa uSawule, kwathiwa, Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokuyidla inegazi. Wathi, Nitshinizile; qengqelani kum ilitye elikhulu ngoku.
1434Wathi uSawule, Yithini saa phakathi kwabantu, nithi kubo, Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi. Bonke abantu bazisa elowo inkomo yakhe ngesandla sakhe ngobo busuku, baxhelela khona.
1435USawule wakha isibingelelo kuYehova, waqala ngaso ukwakha isibingelelo kuYehova.
1436Wathi uSawule, Masihle siwaphuthume amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kuse ngomso, singashiyi mntu kuwo. Bathi, Yenza konke okulungileyo emehlweni akho. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo apha.
1437USawule wabuza kuThixo, esithi, Ndihle ndiwalandele na amaFilisti? Wowanikela na esandleni samaSirayeli? Akamphendula loo mini.
1438Wathi uSawule, Yizani apha, nonke nina zibonda zabantu, nazi, nibone ukuba sikwini na esi sono namhlanje?
1439Ngokuba ehleli nje uYehova osindise amaSirayeli, nokuba sibe sikuYonatan unyana wam, ubeya kufa. Akwabakho umphendulayo ebantwini bonke.
1440Wathi kumaSirayeli onke, Yibani ngelinye icala nina, ndibe ngelinye icala, mna noYonatan unyana wam. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho.
1441Wathi uSawule kuYehova, Thixo kaSirayeli, velisa inyaniso. Kwathatyathwa ke uYonatan noSawule, basinda abantu.
1442Wathi uSawule, Yenzani amaqashiso kum noYonatan unyana wam. Kwathatyathwa ke uYonatan.
1443Wathi uSawule kuYonatan, Ndixelele, yintoni na le nto uyenzileyo? UYonatan wamxelela, wathi, Ndisuke ndeva intwana yobusi ngencam yentonga ebisesandleni sam; nanku ndiya kufa.
1444Wathi uSawule, UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje; inene, ukufa uya kufa, Yonatan.
1445Bathi abantu kuSawule, Afe na uYonatan, owenze olu lusindiso lukhulu kwaSirayeli? Makube lee oko! Ehleli nje uYehova, akusayi kuwa nonwele lwentloko yakhe emhlabeni; ngokuba usebenzisene noThixo namhla. Bamkhulula ke abantu uYonatan, akafa.
1446Wenyuka uSawule ekuwalandeleni amaFilisti; athi amaFilisti aya kuloo ndawo yawo.
1447Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani bakwaSirayeli; walwa ngeenxa zonke neentshaba zakhe zonke, amaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom nookumkani baseTsobha, namaFilisti; wathi, ezindaweni zonke abheka kuzo, wawatyela.
1448Wavelisa amandla, wawaxabela ama-Amaleki, wawahlangula amaSirayeli esandleni sabo babewaphanga.
1449Ke kaloku oonyana bakaSawule bebengooYonatan, noIshevi, noMalekishuwa. Ke amagama eentombi zakhe zombini ngawo la: igama leyamazibulo nguMerabhi, igama lenci nguMikali.
1450Igama lomkaSawule belinguAhinowam, intombi ka-Ahimahatse. Igama lomthetheli womkhosi wakhe belinguAbhinere, unyana kaNere, uyisekazi kaSawule.
1451Uyise kaSawule ubenguKishe; uNere, uyise ka-Abhinere, wayengunyana ka-Abhiyeli.
1452Kwaye kunzima ukulwa namaFilisti yonke imihla kaSawule; ngoko uSawule ubesithi akubona indoda eligorha nokuba yiyiphi, nendoda enobukroti nokuba yiyiphi, ayithabathele kuye.
151Wathi uSamuweli kuSawule, UYehova wandithuma ukuba ndikuthambise ube ngukumkani kubantu bakhe, kumaSirayeli. Waphulaphule ke ngoko amazwi kaYehova.
152Utsho uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndikukhangele konke awakwenzayo ama-Amaleki kumaSirayeli, okokuba awathintelayo endleleni ekunyukeni kwawo eYiputa.
153Yiya ngoko, uwaxabele ama-Amaleki, nikusingele phantsi konke anako, ningawacongi; uze ubulale, uthabathela kwindoda use kwinkazana, uthabathela kolunyulweyo use kowanyayo, uthabathela kwinkomo use kwimvu, uthabathela kwinkamela use kwiesile.
154Wababiza ke abantu, wababala eTelayim; amabini amakhulu amawaka omqikela; alishumi lamawaka amadoda akwaYuda.
155USawule wafika kumzi wama-Amaleki walalela esihlanjeni.
156Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.
157USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa.
158Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.
159USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo abavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.
1510Lafika ilizwi likaYehova kuSamuweli, lisithi,
1511Ndiyazohlwaya ngenxa yokuba ndimenzile uSawule ukumkani; ngokuba ebuyile ekundilandeleni, akalifeza ilizwi lam. Wavutha ngumsindo uSamuweli, wakhala kuYehova ubusuku bonke.
1512Wavuka kusasa uSamuweli, waya kukhawulela uSawule kusasa. Waxelelwa uSamuweli kwathiwa, USawule uzeeKarmele; nanko ezimisele isikhumbuzo, ejike wegqitha, wehla waya eGiligali.
1513USamuweli waya kuSawule; uSawule wathi kuye, Mawusikelelwe nguYehova; ndilifezile ilizwi likaYehova.
1514Wathi uSamuweli, Liyintoni na eli lizwi lempahla emfutshane lisezindlebeni zam, noku kukhonya kweenkomo ndikuvayo?
1515Wathi uSawule, Zezi bavela nazo kuma-Amaleki; ngokuba abantu bayisindisile eyona ilungileyo impahla emfutshane neenkomo, ukuze babingelele kuYehova uThixo wakho; ezinye sazisingela phantsi.
1516Wathi uSamuweli kuSawule, Yeka, ndikuxelele akuthethileyo uYehova kum ngobu busuku. Wathi kuye, Thetha.
1517Wathi uSamuweli, Akubanga yintloko yezizwe zakwaSirayeli yini na, uzeyile wena? Wakuthambisa uYehova ukuba ngukumkani kumaSirayeli.
1518UYehova wakuthuma ngendlela, wathi, Hamba uye kutshabalalisa aboni abo ama-Amaleki; ulwe nawo ude uwagqibe.
1519Yini na ke ukuba ungaliphulaphuli ilizwi likaYehova, usuke uziphose emaxhobeni, wenze okubi emehlweni kaYehova?
1520Wathi uSawule kuSamuweli, Hayi, ndiliphulaphule ilizwi likaYehova, ndahamba ngendlela abendithume ngayo uYehova, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawatshabalalisa ama-Amaleki.
1521Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali.
1522Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.
1523Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.
1524Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.
1525Khawusixolele ngoko isono sam; buya nam, ndiye ndimnqule uYehova.
1526Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.
1527Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.
1528Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
1529Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye.
1530Wathi yena, Ndonile; wosewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho.
1531Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.
1532Wathi uSamuweli, Mziseni apha kum uAgagi, ukumkani wama-Amaleki. Waya uAgagi kuye echwayithile. Wathi uAgagi, Inene, bugqithile ubukrakra bokufa.
1533Wathi uSamuweli, Njengokuba ikrele lakho labahluthayo abafazi abantwana babo, uya kwenjiwa njalo unyoko phakathi kwabafazi, ukuhluthwa abantwana. USamuweli wamxhaxha uAgagi phambi koYehova eGiligali.
1534Waya uSamuweli eRama; uSawule wenyuka waya endlwini yakhe eGibheha yakwaSawule.
1535USamuweli akabuyanga abonane noSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kuba uSamuweli wamlilela uSawule. Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba ebemenze uSawule ukumkani kwaSirayeli.
161Wathi uYehova kuSamuweli, Uya kumlilela kude kube nini na uSawule, ndimcekisile nje ukuba angabi kumkani kumaSirayeli? Zalisa isigodlo sakho ngeoli, uhambe; ndiya kukuthumela kuYese waseBhetelehem; ngokuba ndizibonele ukumkani koonyana bakhe.
162Wathi uSamuweli, Ndothini na ukuya? USawule uya kuva, andibulale. Wathi uYehova, Thabatha ithokazi lenkomo uye nalo, uthi, Ndize kubingelela kuYehova.
163Ummemele embingelelweni uYese; ndokwazisa mna into owoyenza, undithambisele endiya kuthetha kuwe ngaye.
164Wakwenza uSamuweli akuthethileyo, waya eBhetelehem. Othuka ke amadoda amakhulu omzi, eza kumkhawulela, athi, Uza uxolile na?
165Wathi, Ndixolile; ndize kubingelela kuYehova; zingcwaliseni, nize nam embingelelweni. Wamngcwalisa uYese noonyana bakhe, wabamemela embingelelweni.
166Kwathi, ekuzeni kwabo, wabona uEliyabhi, wathi, Inene, uphambi koYehova umthanjiswa wakhe.
167Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.
168UYese wabiza uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamuweli. Wathi, Nalo uYehova akamnyulanga.
169UYese wagqithisa uShama. Wathi, Nalo uYehova akamnyulanga.
1610UYese wagqithisa ke oonyana bakhe abasixhenxe phambi koSamuweli. Wathi uSamuweli kuYese, Aba uYehova akabanyulanga.
1611Wathi uSamuweli kuYese, Awonke na amakhwenkwe akho? Wathi, Kusasele encinane; nantso isalusa impahla emfutshane. Wathi uSamuweli kuYese, Thumela iye kubizwa; ngokuba asiyi kuhlala esidlweni, ide ifike apha.
1612Wathumela wayizisa. Yaye ingqombo, emahle amehlo ayo, intle nembonakalo yayo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise; ngokuba nguye lo.
1613USamuweli wathabatha isigodlo seoli, wamthambisa esesazulwini sabakhuluwa bakhe. UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uDavide, ukususela kuloo mini. Wesuka ke uSamuweli, waya eRama.
1614Ke uMoya kaYehova wemka kuSawule; wadandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuYehova.
1615Bathi abakhonzi bakaSawule kuye, Yabona, udandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuThixo.
1616Inkosi yethu mayithethe, abakhonzi bakho abaphambi kwakho baye kufuna indoda ekwaziyo ukubetha uhadi; kuthi, wakuba phezu kwakho umoya ombi ophuma kuThixo, ilubethe ngesandla sayo, kulunge kuwe.
1617Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Khanindikhangelele indoda ebetha kamnandi, niyizise kum.
1618Waphendula omnye umfana wathi, Yabona, ndibone unyana kaYese waseBhetelehem okwaziyo ukubetha; ligorha elinobukroti, indoda yokulwa, iciko lokuthetha, umfo omhle; uYehova unaye.
1619USawule wathuma abathunywa kuYese, wathi, Mthumele eze kum uDavide, unyana wakho, osempahleni emfutshane.
1620UYese wathabatha iesile, kubotshelelwe izonka kulo, nentsuba yewayini, netakane lalinye lebhokhwe, wathumela ngoDavide unyana wakhe kuSawule.
1621Weza uDavide kuSawule, wema phambi kwakhe; wamthanda kakhulu, waba ngumphathi weentonga zakhe.
1622Wathumela uSawule kuYese, esithi, Makeme phambi kwam uDavide; kuba ubabalwe ndim.
1623Kwathi, wakufika umoya ombi kaThixo kuSawule, uDavide wathabatha uhadi, wabetha ngesandla sakhe; kwee qabu kuSawule, kwalunga kuye, wemka kuye umoya ombi.
171Ke kaloku amaFilisti ayihlanganisa imikhosi yawo ukuba alwe, ayihlanganisela eSoko ekwaYuda, amisa phakathi kweSoko neAzeka, e-Efesedamim.
172USawule namadoda akwaSirayeli ahlanganisana, amisa entilini kaEla, akha uluhlu lokulwa ukuba awahlangabeze amaFilisti.
173AmaFilisti ema ngasentabeni ngapha, amaSirayeli ema ngasentabeni ngapha, umfula uphakathi kwawo.
174Kwaphuma empini yamaFilisti indoda efuna undikho, egama linguGoliyati waseGati, ebude buziikubhite ezintandathu ezinomolulo weminwe;
175enesigcina-ntloko sobhedu entloko, yambethe ingubo yentsimbi; ubunzima bengubo yentsimbi buziishekele zobhedu ezimawaka mahlanu;
176eneentsekelezane zobhedu emilenzeni, nomkhonto wobhedu phakathi kwamagxa ayo;
177uluthi lwentshuntshe yayo belungangomthi wabaluki; intsimbi yentshuntshe yayo ibiziishekele ezimakhulu mathandathu esinyithi; kuhamba umphathi wekhaka phambi kwayo.
178Yema, yamemeza kwizintlu zakwaSirayeli, yathi kuzo, Yini na ukuba niphume nakhe uluhlu lokulwa? Andinguye na umFilisti, naye nina ningabakhonzi bakaSawule? Zikhetheleni indoda, ihle ize kum.
179Ukuba ithe yanako ukulwa nam, yandibulala, soba ngabakhonzi kuni; ukuba ndithe ndayeyisa mna, ndayibulala, noba ngabakhonzi kuthi, nisikhonze.
1710Wathi umFilisti, Mna ndiyazingcikiva namhla izintlu zakwaSirayeli; ndikhupheleni indoda silwe sobabini.
1711OoSawule namaSirayeli onke baweva amazwi alo mFilisti, bathi qhiphu umbilini, boyika kunene.
1712Ke uDavide waye engunyana waloo mEfrata waseBhetelehem yakwaYuda, ugama linguYese, unyana basibhozo; ubeyindoda eyalupheleyo ngemihla kaSawule, emdala kakhulu phakathi kwamanye amadoda.
1713Babeye ekulweni oonyana abathathu bakaYese abakhulu, bemlandela uSawule. Amagama oonyana bakhe abathathu ababeye kulwa nguEliyabhi owamazibulo, emva kwakhe nguAbhinadabhi, owesithathu nguShama.
1714UDavide ubengomncinane; abakhulu bobathathu babelandele uSawule.
1715UDavide ubesiya abuye kuSawule, ukuba aluse impahla emfutshane kayise eBhetelehem.
1716UmFilisti lowo weza kusasa nangokuhlwa, wema imihla emashumi mane.
1717Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho,
1718use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo.
1719USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.
1720Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi.
1721AmaSirayeli namaFilisti akha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu.
1722UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.
1723Akubon’ ukuba uyathetha nabo, nantso inyuka indoda efuna undikho, umFilisti waseGati, egama linguGoliyati, ivela ezintlwini zamaFilisti, yathetha kwalaa mazwi; weva ke uDavide.
1724Onke amadoda akwaSirayeli, akuyibona indoda leyo, asaba ebusweni bayo, oyika kunene.
1725Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.
1726Wathetha uDavide kumadoda abemi ngakuye, wathi, Yothiwani na indoda embuleleyo lo mFilisti, yayisusa ingcikivo kwaSirayeli? Ngokuba ungubani na umFilisti, le nto ingalukileyo, ukuba ade angcikive izintlu zikaThixo ophilileyo?
1727Bathetha abantu kuye ngokwelaa lizwi, bathi, Uya kwenjiwa nje umntu ombuleleyo.
1728Wayekuva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ukuthetha kwakhe namadoda. Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Uhleleni na? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango? Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho; ngokuba uhle uze kubonela ukulwa.
1729Wathi uDavide, Ndenzeni ngoku? Bendibuza nje kodwa.
1730Wee guququ, wabheka komnye obemi ngakuye, wathetha kwaelaa lizwi. Abantu babuya bamphendula kwangelaa lizwi lokuqala.
1731Aviwa amazwi awawathethayo uDavide, axelwa phambi koSawule, wamthabatha.
1732Wathi uDavide kuSawule, Makungathambi ntliziyo yamntu ngenxa yakhe; umkhonzi wakho lo uya kuya alwe nalo mFilisti.
1733Wathi uSawule kuDavide, Akunakuya kulo mFilisti ulwe naye; ngokuba usemncinane, abe yena eyindoda eqhele ukulwa kwasebuncinaneni bakhe.
1734Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere, yathabatha ixhwane emhlambini;
1735ndaphuma, ndayilandela, ndayibetha, ndalihlangula ixhwane emlonyeni wayo. Yesuka phezu kwam, ndayibamba ngodevu lwayo, ndayibetha, ndayibulala.
1736Umkhonzi wakho wayibetha ingonyama kwanebhere; lo mFilisti ungalukileyo uya kuba njengenye kuzo ke, ngokuba ungcikive izintlu zikaThixo ophilileyo.
1737Wathi uDavide, UYehova owandihlangulayo ethupheni lengonyama nasethupheni lebhere, nguye oya kundihlangula esandleni salo mFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Hamba ke, abe nawe uYehova.
1738USawule wamambathisa uDavide ngezakhe iingubo, wambeka isigcina-ntloko sobhedu entloko, wamfaka ingubo yentsimbi.
1739UDavide walibhinqa ikrele ngaphezu kweengubo zakhe, wazama ukuhamba ngazo; ngokuba ebengekazilingi. Wathi uDavide kuSawule, Andinako ukuhamba nezi zinto, ngokuba andizilinganga. UDavide wazihluba.
1740Wathabatha intonga yakhe esandleni sakhe, wanyula amatye amahlanu abuthelezi emlanjaneni, wawafaka empahleni yabalusi abenayo, eyingxowa, ephethe inkwitshi yakhe esandleni sakhe, weza kumFilisti lowo.
1741UmFilisti wahamba, waya esondela kuDavide, nendoda ephatha ikhaka lakhe ihamba phambi kwakhe.
1742UmFilisti wondela, wambona uDavide, wamdela; ngokuba ebesengumfana oyingqombo, emhle imbonakalo.
1743Wathi umFilisti kuDavide, Ndiyinja na, ukuba uze kum uneentonga? UmFilisti wamtshabhisa uDavide ngoothixo bakhe.
1744Wathi umFilisti kuDavide, Yiza kum apha, ndiyinike iintaka zezulu namarhamncwa asendle inyama yakho.
1745Wathi uDavide kumFilisti, Wena uza kum unekrele, nentshuntshe, nomkhonto; ke mna ndiza kuwe egameni likaYehova wemikhosi, uThixo wezintlu zakwaSirayeli omngcikivileyo.
1746Namhlanje uYehova uya kukunikela esandleni sam, ndikubulale, ndikunqumle intloko, namhla ndizinike iintaka zezulu namarhamncwa omhlaba izidumbu zomkhosi wamaFilisti, wazi wonke umhlaba ukuba amaSirayeli anaye uThixo;
1747lazi lonke eli bandla, ukuba akungakrele, akungantshuntshe ukusindisa kukaYehova; ngokuba imfazwe yekaYehova; woninikela ke esandleni sethu.
1748Kwathi, xa asukayo umFilisti, ehamba esondela, esiya kumhlangabeza uDavide, wakhawuleza uDavide, wabalekela eluhlwini, esiya kumhlangabeza umFilisti.
1749UDavide wafaka isandla sakhe engxoweni, warhola ilitye khona, wasawula, watsho kumFilisti ebunzi; latshona ilitye ebunzini lakhe, wawa ngobuso bakhe emhlabeni.
1750UDavide wameyisa ke umFilisti ngenkwitshi nangelitye, watsho kumFilisti, wambulala, kungekho krele esandleni sikaDavide.
1751Wagidima uDavide, waya wema phezu komFilisti, walithabatha ikrele lakhe, walirhola esingxobeni salo, wambulala, wamnqumla intloko. Abona ke amaFilisti ukuba lifile igorha lawo, asaba.
1752Asuka amadoda akwaSirayeli nawakwaYuda, aduma, awasukela amaFilisti kwada kwayiwa emfuleni, kwesa emasangweni ase-Ekron. Awa amaFilisti angxwelerhiweyo endleleni yaseShaharayim, kwesa naseGati, kwesa nase-Ekron.
1753Babuya oonyana bakaSirayeli ekuwasukeleni ngokushushu amaFilisti, baziphanga iintente zawo.
1754UDavide wayithabatha intloko yomFilisti, wayisa eYerusalem; impahla yakhe wayibeka ententeni yakhe.
1755Xa uSawule ebembona uDavide, ephuma esiya kumhlangabeza umFilisti, wathi kuAbhinere, umthetheli-mkhosi, Wa, Abhinere, ngunyana kabani na lomfana? Wathi uAbhinere, Uhleli nje umphefumlo wakho, kumkani, andazi.
1756Wathi ukumkani, Buza ukuba ingunyana kabani na le ndodana.
1757Xa uDavide wabuyayo ekumbulaleni umFilisti, uAbhinere wamthabatha, wamzisa phambi koSawule, ephethe ngesandla intloko yomFilisti.
1758Wathi uSawule kuye, Ungunyana kabani na, mfanandini? Wathi uDavide, Ndingunyana womkhonzi wakho, uYese waseBhetelehem.
181Kwathi, xa agqibileyo ukuthetha kuSawule, umphefumlo kaYonatan wabophana nomphefumlo kaDavide; uYonatan wamthanda njengomphefumlo wakhe.
182USawule wamthabatha ngaloo mini, akamvumela ukuba abuyele endlwini kayise.
183Benza umnqophiso ooYonatan noDavide, ngokumthanda kwakhe njengomphefumlo wakhe.
184UYonatan wazihluba ingubo yokwaleka abenayo, wayinika uDavide, neengubo zakhe zokulwa, kwesa nakwikrele lakhe, nakwisaphetha sakhe, nakumbhinqo wakhe.
185Waphuma uDavide, waya apho wathunywa khona nguSawule, wenza ngengqiqo. USawule wammisa phezu kwamadoda okulwa; walunga emehlweni abantu bonke, nasemehlweni abakhonzi bakaSawule.
186Kwathi ekufikeni kwabo, ekubuyeni kukaDavide ekumbulaleni umFilisti, baphuma abafazi emizini yonke yakwaSirayeli, bevuma ingoma, bengqungqa, besiza kumkhawulela uSawule ukumkani ngeengqongqo, nangovuyo, nangeetriyangile.
187Bavuma abafazi abaqambayo, bathi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi.
188USawule wavutha kunene ngumsindo, lalibi emehlweni akhe elo lizwi; wathi, UDavide bamnike amawaka alishumi, mna bandinike amawaka nje; sekusele ukuthi ubukumkani bube bobakhe.
189USawule wahlala emgxeleshile uDavide, kususela kuloo mini.
1810Kwathi ngengomso, umoya ombi kaThixo wamfikela ngamandla uSawule, wageza endlwini; uDavide ebetha uhadi ngesandla sakhe njengemihla; intshuntshe isesandleni sikaSawule.
1811USawule wabinza ngentshuntshe, wathi, Ndiya kumqhama nodonga uDavide. UDavide waphepha izihlandlo zazibini phambi kwakhe.
1812USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.
1813USawule wamsusa kuye, wammisa wangumthetheli wakhe wewaka; waphuma engena phambi kwabantu.
1814UDavide wenza ngengqiqo ezindleleni zakhe zonke, uYehova waye enaye.
1815Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;
1816ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.
1817Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.
1818Wathi uDavide kuSawule, Ndingubani na, ayintoni na amakowethu, iyini imizalwane kabawo kwaSirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani?
1819Kwathi ngexesha lokuba uMerabhi, intombi kaSawule, anikwe uDavide, wasuka wanikwa uAdriyeli waseMehola, ukuba abe ngumkakhe.
1820UMikali, intombi kaSawule, yamthanda uDavide. Waxelelwa uSawule, yalunga loo nto emehlweni akhe.
1821Wathi uSawule, Ndiya kumnika yona ibe ngumgibe kuye, sibe kuye isandla samaFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Uya kuba ngumyeni kum namhla ngandlela mbini.
1822USawule wabawisela abakhonzi bakhe umthetho, wathi, Thethani ngasese kuDavide, nithi, Yabona, ukumkani ukunanzile, bonke abakhonzi bakhe bayakuthanda; ke ngoko yiba ngumyeni kukumkani.
1823Bawathetha abakhonzi bakaSawule loo mazwi ezindlebeni zikaDavide. Wathi uDavide, Yinto elula na emehlweni enu ukuba ngumyeni kukumkani, ndiyindoda elihlwempu nje, ndilula nje?
1824Abakhonzi bakaSawule bamxelela, besithi, UDavide uthethe wenjenje.
1825Wathi uSawule, Yitshoni kuDavide ukuthi, Ukumkani akananze khazi; lingaba likhulu leenyama zokwaluswa zamaFilisti, ukuba aziphindezelele ezintshabeni zokumkani. Ke uSawule ubecinga ukumwisa uDavide ngesandla samaFilisti.
1826Abakhonzi bakhe bamxelela uDavide loo mazwi; yalunga loo nto emehlweni kaDavide, ukuba abe ngumyeni kukumkani. Ke kaloku imihla ibingekazaliseki.
1827Wesuka uDavide, waya yena namadoda akhe, wabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amabini. UDavide wazizisa iinyama zokwaluswa zawo, wazinika ukumkani zingangoko zingako, ukuba abe ngumyeni kukumkani. USawule wamnika ke uMikali intombi yakhe, yangumkakhe.
1828Wakubona uSawule, wakwazi ukuba uYehova ebenoDavide. UMikali intombi kaSawule ubemthanda.
1829USawule wamoyika okunye uDavide; uSawule waba lutshaba kuDavide imihla yonke.
1830Baphuma abathetheli bamaFilisti; kwathi, bakuphuma, uDavide wenza ngengqiqo ngaphezu kwabakhonzi bonke bakaSawule. Lanconywa kunene igama lakhe.
191Wathetha uSawule kuYonatan unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide.
192Ke uYonatan, unyana kaSawule, ube emthanda kunene uDavide. UYonatan wamxelela uDavide, esithi, USawule ubawo ufuna ukukubulala; ngoko uze ukhe uzigcine kusasa, uhlale endaweni esese, uzimele.
193Mna ndiya kuphuma, ndime ngasecaleni likabawo endle, apho ukhona, ndithethe kubawo ngawe, ndikubone oko aya kukuthetha, ndikuxelele.
194UYonatan wathetha okulungileyo ngoDavide kuSawule uyise, wathi kuye, Makangoni ukumkani kumkhonzi wakhe uDavide; ngokuba akonanga kuwe; kuba izenzo zakhe zithe zalunga kunene kuwe;
195umphefumlo wakhe wawenza isichenge, wambulala umFilisti, uYehova wawenzela amaSirayeli onke usindiso olukhulu; wabona nawe wavuya. Yini na ke ukuba wone kwigazi elimsulwa, umbulale uDavide kungekho sizathu?
196Waliphulaphula uSawule izwi likaYonatan, wafunga uSawule, wathi, Ehleli nje uYehova, akayi kubulawa.
197UYonatan wambiza uDavide; uYonatan wamxelela la mazwi onke. UYonatan wamzisa uDavide kuSawule; waba phambi kwakhe, njengangaphambili.
198Yabuya yabakho imfazwe; waphuma uDavide, walwa namaFilisti, wawabulala kakhulu; asaba phambi kwakhe.
199Umoya ombi kaYehova wamfikela uSawule, ehleli endlwini yakhe, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, uDavide ebetha uhadi ngesandla.
1910USawule wafuna ukumqhama nodonga uDavide ngentshuntshe. Wathi nyebelele ebusweni bukaSawule; watsho yangena intshuntshe eludongeni. Wasaba uDavide, wasinda ngobo busuku.
1911USawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa. UMikali, umkakhe, wamxelela uDavide, esithi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho kwangobu busuku, wobulawa ngomso.
1912UMikali wamhlisa uDavide ngefestile. Wahamba wabaleka, wasinda.
1913UMikali wayithabatha imilonde-khaya, wayilalisa elukhukweni, wabeka nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo, wayigubungela ngengubo.
1914USawule wasusa abathunywa ukuba bamthabathe uDavide. Wathi yena, Uyafa.
1915USawule wasusa abathunywa ukuba baye kumkhangela uDavide, esithi, Nyukani, nize naye kum ngokhuko, ndimbulale.
1916Bangena abathunywa, O! yimilonde-khaya le iselukhukweni, nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo.
1917Wathi uSawule kuMikali, Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa, ulundulule uthsaba lwam lusinde. Wathi uMikali kuSawule, Wathi yena kum, Ndiyeke ndimke, yini na ukuba ndikubulale?
1918Ebalekile uDavide, wasinda, waya kuSamuweli eRama, wamxelela konke abekwenzile uSawule kuye. Wahamba yena noSamuweli, bahlala eNayoti.
1919Waxelelwa uSawule, kusithiwa, Nanko uDavide eNayoti ngaseRama.
1920USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.
1921Waxelelwa uSawule, wasusa abanye abathunywa, baprofeta kananjalo nabo. Waphinda uSawule wasusa abathunywa bengabesithathu, baprofeta kananjalo nabo.
1922Waya naye eRama, wafika kwiqula elikhulu eliseSeku, wabuza, wathi, Baphi na ooSamuweli noDavide? Kwathiwa, Nabaya eNayoti ngaseRama.
1923Waya khona eNayoti ngaseRama, uMoya kaThixo wamfikela naye; wahamba ehamba eprofeta, wada wafika eNayoti ngaseRama.
1924Wazihluba naye iingubo zakhe, waprofeta naye phambi koSamuweli, wawa phantsi eze yonke loo mini, nobo busuku bonke. Ngenxa yoko kwathiwa, Ukubaprofeti noSawule na?
201Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi phambi koYonatan, Ndenze ntoni na? Buyini na ubugwenxa bam? Siyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba angxamele umphefumlo wam nje?
202Wathi yena kuye, Makube lee oko; akuyi kufa. Uyabona, ubawo akenzi nenkulu into, nencinane into, angayityhileli indlebe yam; ubawo uyifihleleni na ke le nto kum? Akunjalo.
203Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba undibabale; uthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa.
204Wathi uYonatan kuDavide, Into oyithethayo umphefumlo wakho, ndiya kuyenza.
205Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndindulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu.
206Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wothi wena, Ucele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo.
207Ukuba uyihlo uthe, Kulungile: koba kuluxolo kumkhonzi wakho. Ke ukuba uthe wavutha kakhulu ngumsindo, yazi ukuba ugqibe kwelobubi.
208Ngoko ke uze umenzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenise emnqophisweni kaYehova umkhozi wakho lo nawe. Ke ukuba buthe bakho kum ubugwenxa, ndibulale wena ngokwakho; yini na ukuba undise kuyihlo?
209Wathi uYonatan, Makube lee kuwe; ukuba ndithe ndazi kakuhle ukuba ubawo ugqibe kwelokuba ufikelwe bububi, ndibe ndingekuxeleli na?
2010Wathi uDavide kuYonatan, Hi, ukuba uyihlo ukuphendule kalukhuni, ndoxelelwa ngubani na?
2011Wathi uYonatan kuDavide, Hamba, siphume siye ezindle. Baphuma bobabini baya ezindle.
2012Wathi uYonatan kuDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli! Xa ndithe ndamgocagoca ubawo malunga neli xesha ngomso nangomsomnye, kwabonakala ukuba kulungile kuDavide, ndaza andathumela kuwe, ndiyityhilele indlebe yakho:
2013makenjenje uYehova kuYonatan, makaqokele ukwenjenje. Xa kuthe kwalunga kubawo ukuba akwenze ububi, ndoyityhilela indlebe yakho, ndikundulule, uhambe unoxolo; uYehova makabe nawe, njengokuba ebenobawo.
2014Wanga ungathi, ukuba ndisaphilile, undenzele inceba kaYehova;
2015ungathi, ndakufa, uyinqumle inceba yakho endlwini yam nanini, ungenjenjalo nasekuzinqamleni kukaYehova iintshaba zikaDavide zonke ngazinye, ebusweni bomhlaba.
2016Wanqophisana ke uYonatan nendlu kaDavide, esithi, UYehova makakubuze ke oku esandleni seentshaba zikaDavide.
2017Waphinda uYonatan ukumfungisa uDavide ngokumthanda kwakhe; ngokuba ebemthanda njengomphefumlo wakhe.
2018UYonatan wathi kuye, Ngomso iya kuthwasa inyanga; uya kubuzwa, ngokuba isihlalo sakho siya kuba sodwa.
2019Ngomhla wesithathu uze uhle kamsinya, uye kuloo ndawo wawuzifihle kuyo ngemini yomsebenzi lowa, uhlale ecaleni lelitye le-Ezeli;
2020ndizitolele ecaleni lalo iintolo zontathu, ndinge ndizixunela etekenini.
2021Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: woza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.
2022Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.
2023Ke ilizwi eliya silithethileyo mna nawe, yabona, uYehova uphakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni.
2024Wazimela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.
2025Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa, indawo kaDavide.
2026Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; akahlambulukile, inene, akahlambulukile.
2027Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?
2028UYonatan wamphendula uSawule, wathi, UDavide ucele kum, wandibongoza ukuba aye eBhetelehem;
2029wathi, Khawundiyeke ndiye; ngokuba kukho umbingelelo wemizalwane yakowethu ekhaya; ke yena umkhuluwa wam undiwisele umthetho; kaloku ukuba undibabale, makhe ndigidime, ndibone umkhuluwa wam. Kungenxa yoko angezanga etafileni yokumkani.
2030Wavutha ke umsindo kaSawule kuYonatan, wathi kuye, Nyana wegwenxakazi eligwilikileyo, andazi yini na ukuba unyana kaYese umnyulele ukuba abe lihlazo lakho, nehlazo lobuze bonyoko?
2031Kuba yonke imihla, unyana kaYese aya kudla ubomi ngayo emhlabeni, akuyi kuqiniseka wena nobukumkani bakho. Thumela ngoko, umzise kum, ngokuba engumntwana wokufa.
2032UYonatan wamphendula uSawule uyise, wathi kuye, Yini na ukuba abulawe? ufa ngani na?
2033USawule wabinza ngentshuntshe ukuba atsho kuye. Wazi uYonatan, ukuba uyise ugqibe kwelokuba ambulale uDavide.
2034UYonatan wesuka ke etafileni evutha ngumsindo; akadla kudla ngomhla wesibini wenyanga; ngokuba ubebuhlungu ngoDavide, kuba uyise ubemhlazisile.
2035Kwathi ngengomso, waphuma uYonatan waya ezindle, ukuba ahlangane noDavide, enomfana omncinane.
2036Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye.
2037Wafika umfana kuloo ndawo belukuyo utolo abeluxunile uYonatan. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Nalo ngaphaya kwakho utolo.
2038Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe.
2039Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto.
2040UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya. Waya umfana lowo.
2041Wesuka uDavide, evela ecaleni langasezantsi, wawa ngobuso emhlabeni, waqubuda izihlandlo zozithathu; bangana, balilelana, wada uDavide watsho kakhulu.
2042Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya.
211UDavide waya eNobhi kuAhimeleki, umbingeleli. UAhimeleki wamkhawulela uDavide egubha, wathi kuye, Yini na ukuba uze wedwa, kungekho ndoda ihamba nawe.
212Wathi uDavide kuAhimeleki, umbingeleli, Ukumkani undiwisele umthetho ngento, wathi kum, Makungabikho mntu wazi ni yani ngale nto ndikuthumayo, ndikuwiseleyo umthetho ngayo; ke abafana ndibayalele ekuthini nasekuthini.
213Kaloku kukho ntoni na phantsi kwesandla sakho? Ndinike esandleni izonka zibe zihlanu, nokuba yintoni efumanekayo.
214Umbingeleli wamphendula uDavide, wathi kuye, Akukho sonka sisesabantu bonke phantsi kwesandla sam; sesingcwele sodwa isonka esikhoyo; ukuba abafana bathe kodwa bazigcina kubafazi.
215UDavide wamphendula umbingeleli, wathi kuye, Inene abafazi bathintelekile ukuza kuthi ezi ntsuku zontathu; ekuphumeni kwam ibingcwele impahla yabafana; nokuba ibiyindlela yabantu bonke, yosuka ingcwaliswe yimpahla le namhla.
216Umbingeleli wamnika ke esingcwele; ngokuba bekungekho zonka khona ezingezizo zokubonisa, ezibe zisuswe phambi koYehova, ukuba kumiswe izonka ezishushu ngemini yokuthatyathwa kwazo.
217Ke kaloku kwaye kuvalelwe khona indoda yakubakhonzi bakaSawule ngaloo mini phambi koYehova, egama belinguDowegi umEdom, inganga yabalusi bakaSawule.
218Wathi uDavide kuAhimeleki, Akukho ntshuntshe nakrele na apha phantsi kwesandla sakho? Kuba ikrele lam kwaneentonga zam andiziphathanga; ngokuba umcimbi kakumkani ungxamisekile.
219Wathi umbingeleli, Ikrele likaGoliyati umFilisti, owambulala entilini kaEla, nali lisongelwe engutyeni emva kwe-efodi. Ukuba uyalithabatha, lithabathe; ngokuba akukho limbi. Wathi uDavide, Akukho linjengalo, ndinike lona.
2110Wesuka uDavide, wabaleka ngaloo mini ebusweni bukaSawule, waya kuAkishe ukumkani waseGati.
2111Bathi abakhonzi baka-Akishe kuye, Asinguye na lo uDavide, ukumkani welizwe? Asinguye na lo babevuma ngaye ekungqungqeni, besithi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
2112UDavide wawagcina loo mazwi entliziyweni yakhe, woyika kunene ebusweni buka-Akishe, ukumkani waseGati.
2113Waziphambanisa ingqondo phambi kwabo, wazigezisa esandleni sabo, wakrwela ezingcangweni zesango, wavuzisa uluchwe ezindevini zakhe.
2114Wathi uAkishe kubakhonzi bakhe, Khangelani, nantsi le ndoda isisihiba; yini na ukuba niyizise kum?
2115Ndiswele izihiba yini na ukuba nizise lo, abhudele phezu kwam? Wongena yini na lo endlwini yam?
221Wemka ke uDavide apho, wazisindisela emqolombeni waseAdulam. Beva abakhuluwa bakhe nendlu kayise yonke, behla baya kuye khona.
222Abuthelana kuye onke amadoda axinekileyo, namadoda onke anamatyala, namadoda onke anezikrokro; waba ngumthetheli wawo. Aba kuye amadoda akumakhulu amane.
223UDavide wemka khona, waya eMizpa kwaMowabhi, wathi kukumkani wakwaMowabhi, Makhe baphume ubawo noma, bahlale nani, ndide ndazi into aya kundenzela yona uThixo.
224Wabazisa phambi kokumkani wakwaMowabhi; bahlala naye yonke imihla abesemboniselweni uDavide.
225Wathi uGadi, umprofeti, kuDavide, Uze ungahlali emboniselweni; hamba uye ezweni lakwaYuda. Wahamba ke uDavide, waya ehlathini leHerete.
226Weva uSawule ukuba uyaziwa uDavide, namadoda abenaye. USawule ebehleli eGibheha phantsi komtamariske osemmangweni, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, abakhonzi bakhe bonke bemi ngakuye.
227Wathi uSawule kubakhonzi bakhe ababemi ngakuye, Khanive, nyana bakaBhenjamin, unyana kaYese woninika amasimi nezidiliya nonke niphela yini na; anenze abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu nonke niphela yini na;
228ukuba nje nonke niphela nindicebe, kungabikho namnye uyityhilelayo indlebe yam ukunqophisana konyana wam nonyana kaYese, kungabikho namnye kuni ubuhlungu ngenxa yam, ayityhilele indlebe yam ukuba unyana wam umvusile umkhonzi wam, ukuba andilalele, njengoko kunjalo namhla?
229Waphendula uDowegi umEdom, obemiswe phezu kwabakhonzi bakaSawule, wathi, Ndimbonile unyana kaYese efika eNobhi, kuAhimeleki, unyana ka-Ahitubhi.
2210Waza yena wambuzela kuYehova, wamnika umphako, wamnika nekrele likaGoliyati umFilisti.
2211Wathumela ukumkani, wambiza uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi, umbingeleli, nendlu yonke kayise. Ababingeleli ababeseNobhi beza bonke kukumkani.
2212Wathi uSawule, Khawuve, nyana ka-Ahitubhi. Wathi yena, Ndilapha, nkosi yam.
2213Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba nindicebe, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, umbuzele kuThixo, ukuba asuke andilalele, njengoko kunjalo namhla.
2214UAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani ke kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni kukumkani, onokungena ephakathini lakho, ozukileyo endlwini yakho?
2215Ndiyaqala yini na namhla ukumbuzela kuThixo? Makube lee oko kum; ukumkani makangamthwalisi lutho umkhonzi wakhe lo, nendlu yonke kabawo ngokuba umkhonzi wakho lo akazi lutho kuyo yonke le nto, nokuba loluncinane, nokuba lolukhulu.
2216Wathi ukumkani, Uya kufa ufe, Ahimeleki, wena nendlu yonke kayihlo.
2217Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, abayityhilela indlebe yam. Abavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova.
2218Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli. Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi yelinen emhlophe.
2219NeNobhi, umzi wababingeleli, wayitshabalalisa ngohlangothi lwekrele, ethabathela kwindoda ase kumfazi, ethabathela kwiintsapho ase kwiintsana, neenkomo, namaesile, neegusha, ngohlangothi lwekrele.
2220Kwasinda unyana wamnye ka-Ahimeleki unyana ka-Ahitubhi, ogama belinguAbhiyatare; owabaleka walandela uDavide.
2221UAbhiyatare wamxelela uDavide, ukuba uSawule ubabulele ababingeleli bakaYehova.
2222Wathi uDavide kuAbhiyatare, Bendisazi kwangaloo mini, ukuba, ekho nje uDowegi umEdom, uya kumxelela kakade uSawule. Ndim obulalise imiphefumlo yonke yendlu kayihlo.
2223Hlala nam, musa ukoyika; ngokuba ofuna umphefumlo wam ufuna umphefumlo wakho; ngokuba ugcinakele, unam nje.
231Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, Nanga amaFilisti esilwa neKehila; ayazidywida izanda.
232UDavide wabuza kuYehova, wathi, Ndiye na ndiwachithe la maFilisti? Wathi uYehova kuDavide, Yiya uwachithe amaFilisti, uyisindise iKehila.
233Athi amadoda akwaDavide kuye, Nanku thina sisoyika, sikwaYuda apha. Sobeka phi na, xa sithe saya eKehila, ezintlwini zamaFilisti?
234Waphinda uDavide, wabuza kuYehova kanjalo. Wamphendula uYehova, wathi, Suka uhle, uye eKehila; ngokuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho.
235Waya ke uDavide namadoda akwakhe eKehila, walwa namaFilisti, wayiqhuba imfuyo yawo, wawabulala kakhulu. Wabasindisa ke uDavide abemi beKehila.
236Kwathi, ekubalekeni kuka-Abhiyatare, unyana ka-Ahimeleki, kuDavide eKehila, wehla ene-efodi esandleni sakhe.
237Kwaxelwa kuSawule, ukuba uDavide ufikile eKehila. Wathi uSawule, UThixo umlahlele esandleni sam; ngokuba uzivalele ngokungena emzini oneengcango nemivalo.
238USawule wababizela ndawonye emfazweni bonke abantu, ukuba behle baye eKehila, bangqinge uDavide namadoda akhe.
239Wazi uDavide ukuba uSawule umenzela ububi, wathi kuAbhiyatare umbingeleli, Zisa iefodi leyo.
2310Wathi uDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli, uvile ngenene umkhonzi wakho, ukuba uSawule ufuna ukuza eKehila, ukuba awonakalise lo mzi ngenxa yam.
2311Abemi beKehila bondinikela na esandleni sakhe? Wohla na uSawule, njengoko avileyo umkhonzi wakho? Yehova, Thixo kaSirayeli, khawumxelele umkhonzi wakho. Wathi uYehova, Uya kuhla.
2312Wathi uDavide, Abemi beKehila bondinikela na mna namadoda am esandleni sikaSawule? Wathi uYehova, Bokunikela.
2313Wesuka uDavide namadoda akhe, bekumakhulu amathandathu amadoda, baphuma eKehila, bahamba apho bangahamba khona. Waxelelwa uSawule ukuba uDavide usabile eKehila; wayeka, akaphuma.
2314Wahlala ke uDavide entlango ezimboniselweni, wahlala ezintabeni entlango yeZifi. USawule wamfuna imihla yonke; uThixo akamnikela esandleni sakhe.
2315Wabona uDavide ukuba uSawule uphume eza kufuna umphefumlo wakhe. UDavide ebesentlango yeZifi entshinyeleni yehlathi.
2316Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye,
2317Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.
2318Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.
2319Benyuka abaseZifi, baya kuSawule eGibheha, besithi, UDavide akazizimeze kuthi yini na ezimboniselweni, entshinyeleni yehlathi, endulini yeHakila esekunene kwenkangala?
2320Kaloku yihla, kumkani, ngokomnqweno wonke womphefumlo wakho ukuhla; kunathi ukumnikela esandleni sokumkani.
2321Wathi uSawule, Nisikelelwe nguYehova; ngokuba ninofefe kum.
2322Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo;
2323nibone nazi iindawo zonke zokuzimela, aya kuzimela kuzo, nibuyele kum niqiqile; ndohamba nani. Kothi, ukuba ukho kweli lizwe, ndimfune ndimfumane phakathi kwamawaka onke akwaYuda.
2324Besuka ke baya eZifi phambi koSawule. UDavide namadoda akhe wayesentlango yeMahon, eArabha, ngasekunene kwenkangala.
2325Wahamba uSawule namadoda akhe ukuya kumfuna. Bamxelela uDavide. Wehla ke waya engxondorheni, wahlala entlango yeMahon. Weva uSawule, wamsukela uDavide entlango yeMahon.
2326Wahamba uSawule ngeli cala lentaba; wahamba uDavide namadoda akhe ngelaa cala lentaba. UDavide wemka buphuthuphuthu, ngokoyika uSawule; ke uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.
2327Ke kaloku kwafika umthunywa kuSawule, esithi, Khawuleza uze, ngokuba amaFilisti alingenele ilizwe.
2328Wabuya ke uSawule ekumsukeleni uDavide, waya kuwahlangabeza amaFilisti. Ngenxa yokokwathiwa loo ndawo yiSelahamalekoti.
2329Wenyuka apho uDavide, wahlala ezimboniselweni zase-Engedi.
241Kwathi, xa uSawule wabuyayo ekuwasukeleni amaFilisti, bamxelela besithi, Nanku uDavide entlango yase-Engedi.
242USawule wawathabatha amadoda angamawaka amathathu ahleliweyo kumaSirayeli onke; wayakufuna uDavide namadoda akhe emaweni amagogo.
243Wafika ezibayeni zempahla emfutshane, ngasendleleni, kukho umqolomba apho. Wangena uSawule, ukuba agubungele iinyawo zakhe. Ke uDavide namadoda akhe babehleli entla emqolombeni.
244Athi amadoda kaDavide kuye, Nantsi imini, athe uYehova kuwe, Yabona, ndiya kulunikela utshaba lwakho esandleni sakho, wenze kulo njengoko kulungileyo emehlweni akho. Wesuka uDavide, wanqamla ngasese isondo lengubo yokwaleka abenayo uSawule.
245Kwathi emveni koko, intliziyo kaDavide yakhathazeka ngenxa yokuba ebelinqamle isondo lengubo kaSawule.
246Wathi kumadoda akhe, Makube lee kum, ngenxa kaYehova, ukuthi ndiyenze loo nto enkosini yam, umthanjiswa kaYehova, ndisise isandla sam kuye; ngokuba ungumthanjiswa kaYehova.
247UDavide wawadubula ngamazwi amadoda akhe; akawavumela ukuba amwele uSawule. Wesuka uSawule emqolombeni, wahamba indlela yakhe.
248Wesuka uDavide emveni koko, waphuma emqolombeni, wamemeza kuSawule, wathi, Nkosi yam, kumkani. Wabheka emva uSawule. Wathoba uDavide ngobuso emhlabeni, waqubuda.
249Wathi uDavide kuSawule, Yini na ukuba uve amazwi abathe, Nanku uDavide efuna ukuba uhlelwe bububi?
2410Yabona, namhla abonile amehlo akho, ukuba uYehova ebekunikele esandleni sam namhla emqolombeni; kwathiwa mawubulawe. Laba nenceba kuwe iliso lam, ndathi, Andiyi kusa sandla enkosini yam; ngokuba ingumthanjiswa kaYehova.
2411Khangela ke, bawo, nali isondo lengubo yakho yokwaleka, lisesandleni sam; ngokuba, ndingakubulalanga nje ekulinqumleni isondo lengubo yakho yokwaleka, yazi, ubone ukuba esandleni sam akukho bubi nalukreqo. Andonanga kuwe, uwuzingela nje umphefumlo wam, ukuba uwuthabathe.
2412UYehova uya kugweba phakathi kwam nawe, andiphindezelele uYehova kuwe; ke isandla sam asiyi kukuphatha.
2413Njengoko litshoyo iqhalo lamanyange ukuthi, Okungendawo kuphuma kwabangendawo; ke isandla sam asiyi kufikelela kuwe.
2414Uphumelene nabani na kodwa ukumkani wamaSirayeli? Usukela bani na? Usukela inja efileyo, usukela intakumba embala.
2415UYehova makabe ngumgwebi, agwebe phakathi kwam nawe, abone, abambane ngobambano lwam, andigwebele, ndisinde esandleni sakho.
2416Kwathi, akugqiba uDavide ukuwathetha la mazwi kuSawule, wathi uSawule, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? USawule waliphakamisa izwi lakhe, walila.
2417Wathi kuDavide, Ilungisa nguwe kunam; ngokuba undenze okulungileyo wena, ndakwenza okubi mna.
2418Wena uxelile namhla ukuba undenze okulungileyo; kuba uYehova ebendinikele esandleni sakho, akwandibulala.
2419Xa umntu alufumanayo utshaba lwakhe, wolundulula ngendlela elungileyo yini na? UYehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko undenze ngako namhla.
2420Kaloku yabona, ndiyazi ukuba uya kuba ngukumkani okunene, bume esandleni sakho ubukumkani bakwaSirayeli.
2421Ndifungele uYehova ngoko, ukuba akuyi kuyinqamla imbewu yam emveni kwam, nokuba akuyi kulitshabalalisa igama lam endlwini kabawo.
2422UDavide wamfungela ke uSawule. Wemka uSawule, waya endlwini yakhe. Ke uDavide namadoda akhe benyuka baya emboniselweni.
251Wafa uSamuweli. Abuthelana onke amaSirayeli, ammbambazelela, amngcwabela endlwini yakhe eRama. Wesuka uDavide, wehla waya entlango yeParan.
252Ke kaloku bekukho indoda eMahon, emsebenzi ubuseKarmele. Loo ndoda ke ibisisityebi kakhulu; yayineegusha ezingamawaka amathathu, neebhokhwe eziliwaka. Yayisekuchetyweni kweegusha zayo eKarmele.
253Igama laloo ndoda lalinguNabhali, igama lomkayo linguAbhigali. Umfazi lowo wayenengqondo entle, eyinzwakazi; ke indoda leyo yayiyingcuka, zimbi iintlondi zayo, ingumKalebhi.
254Weva uDavide entlango ukuba uNabhali ucheba iigusha zakhe.
255UDavide wesusa ishumi lamadodana; wathi uDavide kumadodana lawo, Nyukani eKarmele niye kuNabhali, nibuze ukuphila kwakhe egameni lam;
256nitsho ukuthi, Hlala kakuhle uphile wena, iphile nendlu yakho, kuphile konke onakho.
257Ndivile kaloku ukuba unabachebi. Ke kaloku abalusi bakho babenathi; asibenzanga nto, abalahlekelwanga nto yonke imihla ababeseKarmele.
258Buza kumadodana akho, okuxelela. Makababalwe nguwe la madodana akowethu, ngokuba sifike ngemini elungileyo. Khawubanike abakhonzi bakho, nonyana wakho uDavide, into esithe sayifumana isandla sakho.
259Aya ke amadodana kaDavide, athetha kuNabhali ngokwaloo mazwi onke egameni likaDavide, ahlala phantsi.
2510UNabhali wabaphendula abakhonzi bakaDavide, wathi, Ngubani na yena uDavide? Ngubani na unyana kaYese? Azi namhla baninzi abakhonzi abakreqayo, elowo enkosini yakhe.
2511Ndingathini na ukuthabatha isonka sam, namanzi am, nento yam exheliweyo, endiyixhelele abachebi bam, ndiyinike amadoda endingawaziyo nokuba avela phi na?
2512Ajika ke amadodana akwaDavide, ahamba ngendlela yawo, abuya eza amxelela ngokwaloo mazwi onke.
2513Wathi uDavide kumadoda akhe, Nxibani elowo ikrele lakhe. Banxiba ke elowo ikrele lakhe. Walinxiba noDavide ikrele lakhe. Kwenyuka uDavide, elandelwa ngamadoda akumakhulu amane; kwahlala amakhulu amabini nempahla.
2514Ke kaloku uAbhigali, umkaNabhali, waxelelwa yindodana ethile kumadodana akhe, isithi, Yabona, uDavide ususe abathunywa entlango, ukuba beze kusikelela inkosi yethu; yesuka yabadlakavula.
2515Kanti amadoda lawo ebelungile kunene kuthi; akasonanga, asilahlekelwanga nto ngemihla yonke esibe sihamba nawo, oko besisezindle;
2516aba ludonga kuthi nasebusuku nasemini, yonke imihla ebe sinawo, sisalusa impahla emfutshane.
2517Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke; ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo.
2518Wakhawuleza ke uAbhigali, wathabatha amakhulu amabini ezonka, neentsuba zambini zewayini, neegusha zantlanu sezihlinziwe, neeseha zantlanu zamakhweba, zalikhulu izicumba zeerasintyisi, zamakhulu mabini izicumba zamakhiwane, wazibeka emaesileni.
2519Wathi kumadodana akwakhe, Gqithelani phambi kwam; niyabona, ndiyanilandela. Akayixelela indoda yakhe uNabhali.
2520Kwathi, ekhwele e-esileni, esihla esitheni lentaba, nabo ooDavide namadoda akhe besihla, bemkhawulela, waqubisana nabo.
2521Ke kaloku uDavide ebethe, Ndifumane ndazixokisa ngokwam, ndazigcina zonke izinto zalo entlango, akwalahleka nto entweni yonke eyeyakhe; wandibuyisela ububi esikhundleni sokulungileyo.
2522UThixo makenjenje kwiintshaba zikaDavide, aqokele ukwenjenje, ukuba kude kwasa ngomso ndisalise, kubo bonke anabo, into eyindoda.
2523UAbhigali wambona uDavide, wangxama, wehla e-esileni, wawa ngobuso phambi koDavide, waqubuda emhlabeni.
2524Wawa ke ezinyaweni zakhe, wathi, Mabube kum, kum lo, nkosi yam, ubugwenxa obu. Makhe athethe umkhonzazana wakho ezindlebeni zakho, uwaphulaphule amazwi omkhonzazana wakho.
2525Inkosi yam mayingakhe ikhathale ngulo mntu ulitshijolo, uNabhali ngokuba njengoko linjalo igama lakhe, unjalo yena; nguNabhali igama lakhe, unobudenge; ke mna, mkhonzazana wakho, andiwabonanga amadodana enkosi yam, owawathumayo.
2526Ngoko, nkosi yam, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, inene, uYehova ukunqandile ukuba ungaphalazi gazi, ungazisindisi ngesandla sakho; ngoko mazibe njengoNabhali iintshaba zakho, nabayifunela ububi inkosi yam.
2527Ngoko le ntsikelelo, ayizisileyo umkhonzazana wakho enkosini yam, mayinikwe amadodana alandela inkosi yam.
2528Khawumxolele umkhonzazana wakho ukreqo lwakhe; ngokuba, inene, uYehova uya kuyenzela inkosi yam indlu eqinileyo; ngokuba inkosi yam ilwa iimfazwe zikaYehova; ububi abuyi kufunyanwa kuwe imihla yakho yonke.
2529Xa kuthe kwesuka umntu, wakusukela, wawufuna umphefumlo wakho, wobotshwa umphefumlo wenkosi yam esiqhumeni sabaphilileyo kuYehova uThixo wakho; ke wona umphefumlo weentshaba zakho wowusawula entendeni yenkwitshi.
2530Kuthi, xa uYehova athe wenza kwinkosi yam njengako konke okulungileyo akuthethileyo ngawe; wakumisa wayinganga yamaSirayeli:
2531oko kungabi sisiwiso kuwe, nesikhubekiso sentliziyo yenkosi yam, nokuphalaza igazi elimsulwa, nokuzisindisa kwenkosi yam; ukuba uthe uYehova wenza okulungileyo enkosini yam, womkhumbula umkhonzazana wakho.
2532Wathi ke uDavide kuAbhigali, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, okuthumileyo namhla, wandikhawulela.
2533Mayibongwe imvo yakho, ubongwe wena, ondaleleyo namhla ukuba ndiphalaze igazi, ndizisindise ngesandla sam.
2534Noko ke ehleli nje uYehova, uThixo kaSirayeli, ondithinteleyo andenza nto imbi, ukuba ubungangxamanga uze kundikhawulela, inene, ngekungadanga kuse ngomso kusasele kwaNabhali into eyindoda.
2535UDavide wakwamkela esandleni sakhe oko akuzisileyo kuye; wathi kuye, Nyuka unoxolo, uye endlwini yakho; uyabona, ndiliphulaphule izwi lakho, ndakunonelela.
2536Waya ke uAbhigali kuNabhali, nanko enesidlo endlwini yakhe njengesidlo sokumkani; intliziyo kaNabhali imnandi, enxila kunene. Akamxelela nto, nokuba yencinane nokuba yenkulu, kwada kwasa ngengomso.
2537Kwathi ngengomso, ukuphuma kwewayini kuNabhali, umkakhe wamxelela loo mazwi; yafa intliziyo yakhe phakathi kwakhe, yaba lilitye.
2538Kwathi, zakuba seshumini iintsuku, uYehova wambetha uNabhali, wafa.
2539Weva uDavide ukuba uNabhali ufile, wathi, Makabongwe uYehova okuthetheleleyo ukungcikivwa kwam, wandikhulula esandleni sikaNabhali, wamnqanda umkhonzi wakhe ebubini, uYehova wabubuyisela ububi bukaNabhali entlokweni yakhe. Wathumela uDavide, wathetha kuAbhigali ukuba amzeke, abe ngumkakhe.
2540Baya abakhonzi bakaDavide kuAbhigali eKarmele, bathetha kuye, besithi, UDavide usithume kuwe ukuba akuzeke, ube ngumkakhe.
2541Wesuka, waqubuda ngobuso emhlabeni, wathi, Nanku umkhonzazana wakho wokuba likhobokazana lokuhlamba iinyawo zabakhonzi benkosi yam.
2542Wangxama ke uAbhigali, wesuka, wakhwela e-esileni, elandelwa sisihlanu somthinjana, wabalandela abathunywa bakaDavide, waba ngumkakhe.
2543UDavide wabezeke noAhinowam waseYizereli; baba ngabafazi bakhe bobabini nabo.
2544Ke uSawule wayethe uMikali, intombi yakhe, umkaDavide, wamnika uFaliti, unyana kaLayishe waseGalim.
261Beza abaseZifi kuSawule eGibhela, bathi, UDavide akazifihle endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, yini na?
262Wesuka uSawule, wehla waya entlango yeZifi, enamadoda angamawaka amathathu ahleliweyo akwaSirayeli, eya kufuna uDavide entlango yaseZifi.
263USawule wamisa endulini yeHakila, ekhangelene nenkangala, ngasendleleni. Ke uDavide wayehleli entlango; wabona ukuba uSawule uyamlandela entlango.
264UDavide wasusa iintlola, wazi ngazo ukuba uSawule uzile okunene.
265Wesuka uDavide, waya kuloo ndawo ebemise kuyo uSawule. Wayibona uDavide indawo alele kuyo uSawule, noAbhinere unyana kaNere, umthetheli womkhosi wakhe; uSawule elele ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, abantu bemise iintente ngeenxa zonke kuye.
266Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.
267Waya uDavide noAbhishayi ebantwini ebusuku. Nanko uSawule elele ubuthongo ngaphakathi kothango lweenqwelo zokulwa, igxunyekiwe intshuntshe yakhe emhlabeni ngasentlokweni yakhe; ke uAbhinere nabantu bakhe belele ngeenxa zonke kuye.
268Wathi uAbhishayi kuDavide, UThixo ulunikele namhla utshaba lwakho esandleni sakho; kaloku makhe ndimqhame nomhlaba ngentshuntshe ngasihlandlo sinye, ndingenzi zibe zibini kuye.
269Wathi uDavide kuAbhishayi, Musa ukumbulala; ngokuba ngubani na ongasa isandla kumthanjiswa kaYehova, aze abe msulwa?
2610Wathi uDavide, Ehleli nje uYehova, ukuba akathanga uYehova ambulale, mhlawumbi kwafika imini yakhe wafa, mhlawumbi wehla waya emfazweni wabulawa:
2611makube lee kum ngenxa kaYehova ukukha ndise isandla sam kumthanjiswa kaYehova. Khawuthabathe kaloku intshuntshe engasentlokweni yakhe, neselwa lamanzi, sihambe.
2612Wayithabatha ke uDavide intshuntshe, neselwa lamanzi, engasentlokweni kaSawule; bemka, kungaboni mntu, kungazi mntu, kungavukanga mntu; ngokuba bonke babelele: kuba babewelwe bubuthongo obukhulu bukaYehova.
2613Wawela uDavide, waya phesheya, wema encotsheni yentaba kude, lilikhulu ithuba phakathi kwabo.
2614Wamemeza uDavide ebantwini nakuAbhinere unyana kaNere, esithi, Akuphenduli na, Abhinere? Waphendula uAbhinere, wathi, Ungubani na wena umemezayo kukumkani?
2615Wathi uDavide kuAbhinere, Akuyiyo ndoda yini na? Ngubani na onjengawe kwaSirayeli? Yini na ke ukuba ungayigcini inkosi yakho ukumkani? Ngokuba kufike ubani wasebantwini, eza konakalisa ukumkani inkosi yakho.
2616Asinto ilungileyo le uyenzileyo. Ehleli nje uYehova, ningoonyana bokufa, ningayigcinanga nje inkosi yenu, umthanjiswa kaYehova. Khangela kaloku, iphi na intshuntshe yokumkani, neselwa lamanzi elibe lingasentlokweni yakhe?
2617Walazi uSawule ilizwi likaDavide, wathi, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? Wathi uDavide, Lilizwi lam, nkosi yam kumkani.
2618Wathi, Yini na le nto inkosi yam imsukelayo umkhonzi wayo? Kuba ndeze ntoni na? Bubi buni na obusesandleni sam?
2619Ngoko inkosi yam ukumkani mayikhe iwaphulaphule amazwi omkhonzi wayo. Ukuba nguYehova okuxhokonxileyo ngakum, makasezele umnikelo wokudla; ukuba ngoonyana babantu, mabaqalekiswe phambi koYehova. Ngokuba bandigxothile namhla, ukuba ndingahlangani nelifa likaYehova, bathi, Hamba ukhonze thixo bambi.
2620Ngoko malingaphalali igazi lam emhlabeni, ndikude nobuso bukaYehova; ngokuba kuphume ukumkani wamaSirayeli, weza kufuna intakumba embala, njengosukela isikhwatsha ezintabeni.
2621Wathi uSawule, Ndonile; buya, nyana wam Davide; ngokuba andisayi kuba sakwenza nto imbi, ngendawo yokuba umphefumlo wam ubunqabile emehlweni akho namhla. Uyabona, ndenze ngobudenge, ndalahleka ngokukhulukazi.
2622Waphendula uDavide, wathi, Nantsi intshuntshe yokumkani. Makuwele enye indodana iyithabathe.
2623UYehova uya kuyibuyisela ubulungisa bayo, nokuthembeka kwayo, indoda abekunikele esandleni sayo uYehova namhla; andivumanga ukusa isandla sam kumthanjiswa kaYehova.
2624Yabona, njengoko waba mkhulu umphefumlo wakho emehlweni am namhla, ngokunjalo umphefumlo wam uya kuba mkhulu emehlweni kaYehova, andihlangule ekubandezelweni kwam konke.
2625Wathi uSawule kuDavide, Usikelelwe, nyana wam Davide; uya kwenza weyise; kananjalo uya kufeza kufezeke. Wahamba ke uDavide indlela yakhe; uSawule wabuyela endaweni yakhe.
271UDavide wathi entliziyweni yakhe, Kaloku ndoza ndibulawe ngenye imini sisandla sikaSawule; akukho nto indilungeleyo; ke mandizisindise, ndizisindisele ezweni lamaFilisti, andincame uSawule, angabi sandifuna emideni yonke yamaSirayeli, ndisinde ke esandleni sakhe.
272Wesuka ke uDavide, wawela yena namadoda angamakhulu amathandathu abenawo, waya kuAkishe, unyana kaMahoki, ukumkani waseGati.
273UDavide wahlala noAkishe eGati, yena namadoda akhe, yayileyo yanendlu yayo; uDavide enabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali waseKarmele, umkaNabhali.
274Waxelelwa uSawule ukuba uDavide ubalekele eGati, akaba saphinda amfune.
275Wathi uDavide kuAkishe, Ukuba ke ngoku undibabale, ndinike indawo komnye umzi wasezweni, ndihlale khona; yini na ukuba umkhonzi wakho ahlale ndawonye nawe emzini wakomkhulu?
276UAkishe wamnika ngaloo mini iTsikelage. Ngako oko iTsikelage yaba yeyokumkani wakwaYuda unanamhla.
277Inani lemihla, awahlala ngayo uDavide ezweni lamaFilisti, laba ngumnyaka oneenyanga ezine.
278Ke kaloku wenyuka uDavide namadoda akhe, bawangenela amaGeshure, namaGezere, nama-Amaleki; ngokuba abo bebengabemi belizwe elo, bekuhanjwa kulo ukuyiwa eShure, kuyiwe nasezweni laseYiputa, kususela kwakudala.
279UDavide walitshabalalisa elo zwe; akasindisa ndoda namfazi. Wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namaesile, neenkamela, neengubo, wabuya weza kuAkishe.
2710Wathi uAkishe, Khe nahlasela phi na namhlanje? Wathi uDavide, Sibe singenele elasezantsi lakwaYuda, nelasezantsi lamaYerameli, nelasezantsi lamaKeni.
2711UDavide akasindisanga ndoda namfazi, ungamsayo eGati, ngokuthi, Hleze basixele, bathi, Wenjenje uDavide. Lalinjalo ke isiko lakhe yonke imihla abehleli ezweni lamaFilisti.
2712UAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Ugqibile ukuzinukisa ebantwini bakowabo kwaSirayeli; woba ngumkhonzi wam ke ngonaphakade.
281Kwathi ngaloo mihla, amaFilisti ayihlanganisa yonke imikhosi yawo, ukuze aphume umkhosi aye kulwa namaSirayeli. Wathi uAkishe kuDavide, Yazi ngokuqinisekileyo ukuba uya kuphuma nomkhosi wam, wena namadoda akho.
282Wathi uDavide kuAkishe, Kaloku uya kuyazi into eya kwenziwa ngumkhonzi wakho. Wathi uAkishe kuDavide, Ngoko ke ndokumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke.
283Ke kaloku uSamuweli ubeselefile; abemmbambazelele onke amaSirayeli; abemngcwabele eRama, emzini wakhe. USawule ebebagxothile ezweni abaneshologu noosiyazi.
284Ahlanganisana ke amaFilisti, aya amisa eShunem. Wawahlanganisa uSawule amaSirayeli onke, amisa eGilibhowa.
285Wayibona uSawule impi yamaFilisti, woyika; yagubha intliziyo yakhe kunene.
286Wabuza uSawule kuYehova; uYehova akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim, nangabaprofeti.
287Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore.
288USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe.
289Yathi inkazana leyo kuye, Yabona uyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe.
2810USawule wayifungela uYehova, esithi, Ehleli nje uYehova, inene, akuyi kuba natyala ngale ndawo.
2811Yathi inkazana, Ndikunyusele bani na? Wathi, Ndinyusele uSamuweli.
2812Yambona inkazana uSamuweli, yakhala ngezwi elikhulu. Yatsho inkazana leyo kuSawule, ukuthi, Yini na ukuba undikhohlise? UnguSawule wena.
2813Wathi ukumkani kuyo, Musa ukoyika. Ubone ntoni na? Yathi inkazana kuSawule, Ndibona umnyanya unyuka uphuma emhlabeni.
2814Wathi kuye, Unjani na ukumila kwawo? Yathi inkazana, Kunyuke indoda enkulu, ithe wambu ingubo yokwaleka. Wazi ke uSawule ukuba nguSamuweli lowo. Wathoba ngobuso emhlabeni, waqubuda.
2815Wathi uSamuweli kuSawule, Yini na ukuba undigungqise, undinyuse? Wathi uSawule, Ndibandezelekile kakhulu; amaFilisti alwa nam, uThixo umkile kum, akasandiphenduli nangabaprofeti nangamaphupha; ndikubizele ukuba undazise into endingayenzayo.
2816Wathi uSamuweli, Yini na ukuba undibuze, uYehova emkile nje kuwe, waba lutshaba lwakho?
2817UYehova uzenzele njengoko wakuthethayo ngam: uYehova ubukrazule esandleni sakho ubukumkani, wabunika ummelwane wakho uDavide.
2818Ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova, ungenzanga njengokuvutha komsindo wakhe kuma-Amaleki, ngenxa yoko uYehova uyenzile le nto kuwe namhla.
2819Uwanikele uYehova namaSirayeli kunye nawe esandleni samaFilisti. Ngomso wena noonyana bakho niya kuba nam; nomkhosi wamaSirayeli uYehova uya kuwunikela esandleni samaFilisti.
2820Wawa kwaoko uSawule emhlabeni, waqungquluza, woyika kunene ngamazwi kaSamuweli; akwabakho namandla kuye; ngokuba ubengadlanga kudla imini yonke nobusuku bonke.
2821Yeza inkazana leyokuSawule, yabona ukuba ukhwankqe kunene. Yathi kuye, Yabona, umkhonzazana wakho uliphulaphule izwi lakho, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndaweva amazwi akho owathethayo kum.
2822Khawuliphulaphule nawe ngoko izwi lomkhonzazana wakho; makhe ndibeke iqhekeza lesonka phambi kwakho, udle, ube namandla xa uhamba indlela.
2823Akavuma ke; wathi, Andiyi kudla. Bamzama abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo. Waliphulaphula izwi labo, wavuka ke emhlabeni, wahlala elukhukweni.
2824Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; yangxama, yalixhela; yathabatha umgubo ocoliweyo, yawuxovula, yosa izonka ezingenagwele ngawo.
2825Yabeka phambi koSawule naphambi kwabakhonzi bakhe. Badla, besuka ke, bahamba ngobo busuku.
291Ayihlanganisa ke amaFilisti yonke imikhosi yawo eAfeki. AmaSirayeli amisa ngasemthonjeni oseYizereli.
292Izikhulu zamaFilisti zadlula zinamakhulu, zinamawaka; uDavide namadoda akhe bedlula ngasemva noAkishe.
293Bathi abathetheli bamaFilisti, Ayini na la maHebhere apha? Wathi uAkishe kubathetheli bamaFilisti, Lo asinguyena uDavide umkhonzi kaSawule, ukumkani wamaSirayeli, oseleneemini neminyaka enam? Andifumananga mposiso kuye, kuthabathela kumhla awaphamba ngawo, kwezisa kule mini.
294Abathetheli bamaFilisti baba noburhalarhume ngakuye, bathi kuye abathetheli bamaFilisti, Yibuyise loo ndoda, ibuyele endaweni yayo, apho wayiyalela khona, ingehli nathi iye ekulweni, hleze isichase ekulweni. Angazikholisisa ngantoni na lo enkosini yakhe? Akungeentloko zala madoda yini na?
295Lo asinguye na uDavide, ababevuma ngaye ekungqungqeni, besithi, USawule ubulele amawaka akhe, UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
296UAkishe wambiza uDavide, wathi kuye, Ehleli nje uYehova, uthe tye wena; kuhle emehlweni am ukuphuma kwakho nokungena kwakho nam emkhosini; ngokuba andifumananga bubi kuwe, kuthabathela kumhla wokuza kwakho kum, kuzise kule mini; ke emehlweni ezikhulu akumhle.
297Ke ngoko buya, uhambe unoxolo, ungenzi bubi emehlweni ezikhulu zamaFilisti.
298Wathi uDavide kuAkishe, Ndenze ntoni na? Ufumene ntoni na kumkhonzi wakho, kuthabathela kumhla wokubakho kwam phambi kwakho, kuzise kule mini, ukuba ndingayi nje, ndilwe neentshaba zenkosi yam ukumkani?
299Waphendula uAkishe wathi kuDavide, Ndiyazi ukuba ulungile emehlweni am njengesithunywa sikaThixo; kodwa abathetheli bamaFilisti bathe, Makangenyuki nathi, aye ekulweni.
2910Ngoko vuka kusasa ngomso, nabakhonzi benkosi yakho abaze nawe; nivuke kusasa ke ngomso, kwakusathi nwe, nihambe.
2911Bavuka ke kusasa uDavide, yena namadoda akhe, bahamba kwakusasa, babuyela ezweni lamaFilisti. AmaFilisti enyuka ke, aya eYizereli.
301Kwathi, akufika uDavide namadoda akhe eTsikelage ngomhla wesithathu, afika ama-Amaleki elingenele elasezantsi neTsikelage, ayibetha iTsikelage, ayitshisa ngomlilo.
302Abathimba abafazi ababekhona, kodwa akabulala mntu, ukuthabathela komncinane ase komkhulu; aqhuba ahamba ngendlela yawo.
303Akufika ke uDavide namadoda akhe ekhaya, nalo litshisiwe ngomlilo, bethinjiwe abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo.
304Baliphakamisa ooDavide nabantu ababenaye ilizwi labo, balila, kwada akwabakho mandla kubo okulila.
305Nabafazi bakaDavide bobabini babethinjiwe, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele.
306Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe.
307Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide.
308Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndiwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba uya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke.
309Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona.
3010Wasukela uDavide, yena namakhulu amane amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore.
3011Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi;
3012bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu.
3013Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki; indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa.
3014Sibe sithe sangenela elasezantsi lamaKreti nelakwaYuda, nelasezantsi lakwaKalebhi, sayitshisa iTsikelage ngomlilo.
3015Wathi uDavide kuyo, Ungandisa na kuloo matutu? Yathi, Ndifungele uThixo, ukuba akuyi kundibulala, akuyi kundinikela esandleni senkosi yam; ndokusa kuloo matutu.
3016Yamsa ke. Nango ezithe dwe phezu kwelizwe lonke, esidla, esela, eduda ngenxa yalo lonke ixhoba elikhulu, abelithimbile ezweni lamaFilisti, nasezweni lakwaYuda.
3017UDavide wawabulala, eqale ngocolothi kwada kwahlwa ngomhla olandelayo; akwasinda namnye kubo, yaba ngamakhulu amane amadodana odwa abekhwele ezinkameleni, asaba.
3018Wayihlangula uDavide yonke into abeyithimbile ama-Amaleki. Nabafazi bakhe bobabini wabahlangula uDavide;
3019akwasala nanye into kuzo, kuthabathela kwencinane kwesa kwenkulu, kwesa koonyana neentombi; kwathabathela kwixhoba kwesa kwinto yonke abeyithimbile kubo. Yonke into wayibuyisa uDavide.
3020Wayithimba yonke impahla emfutshane neenkomo; baqhuba phambi kwaloo mfuyo yakhe, bathi, Lixhoba likaDavide eli.
3021Wafika ke uDavide kulaa madoda angamakhulu mabini abephelelwe, abengenakumlandela uDavide, awayewashiye emlanjaneni oyiBhesore. Aphuma aya kumkhawulela uDavide aya kubakhawulela abantu ababenaye. UDavide wafika ebantwini, wababuza ukuphila kwabo.
3022Aphendula onke amadoda obubi namatshijolo akumadoda abehambe noDavide, athi, Ngenxa enokuba bengahambanga nathi, asiyi kubanika nto emaxhobeni esiwahlanguleyo; elowo makaqhube umkakhe, nabantwana bakhe, ahambe.
3023Wathi uDavide, Ningenjenjalo, bazalwana bam, ngento asinikileyo uYehova, wasigcina, wayinikela esandleni sethu impi leyo ibisifikele.
3024Ngubani na oya kuniva kweli lizwi? Njengoko sinjalo isabelo sohla aye ekulweni, sinjalo isabelo sosele nempahla; baya kwabelana ngakunye.
3025Kwaba njalo, kuthabathela kuloo mini kunyuse, wakumisa kwaba ngummiselo nesiko kwaSirayeli unanamhla.
3026Weza uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yamaxhoba kumadoda amakhulu akwaYuda, kumakowabo, esithi, Nantso intsikelelo yenu emaxhobeni eentshaba zikaYehova;
3027kwawaseBheteli, nakwawaseRamoti esezantsi, nakwawaseYatire,
3028nakwawaseArohere, nakwawaseSifimoti, nakwawase-Eshtemowa,
3029nakwawaseRakali, nakwawasemizini yamaYerameli, nakwawasemizini yamaKeni,
3030nakwawaseHorma, nakwawaseKorashan, nakwawaseAtaki,
3031nakwawaseHebron, nasezindaweni zonke apho uDavide abehambahamba khona, yena namadoda akhe.
311AmaFilisti ke ayesilwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa angxwelerhiweyo ezintabeni zeGilibhowa.
312AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe; amaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule.
313Kwaba nzima ukulwa kuSawule; bamfumana abatoli, amadoda anesaphetha, wathuthumela kakhulu ngenxa yabatoli.
314Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze aba bangalukileyo beze bandihlabe amahlanza, bafekethe ngam. Ke umphathi weentonga zakhe akavumanga; ngokuba ebesoyika kunene. Walithabatha ke uSawule ikrele, wawa phezu kwalo.
315Wabona umphathi weentonga zakhe ukuba ufile uSawule, wawa naye phezu kwekrele lakhe, wafa kunye naye.
316Wafa ke uSawule, noonyana bakhe bobathathu, nomphathi weentonga zakhe, namadoda akhe onke ngaloo mini, ndaweni-nye.
317Abona amadoda akwaSirayeli, abengaphesheya kwentili, nabengaphesheya kweYordan, ukuba asabile amadoda akwaSirayeli, ufile uSawule noonyana bakhe. Ayishiya imizi leyo, asaba; eza amaFilisti, ahlala kuyo.
318Kwathi ngengomso amaFilisti eza kubhunyula ababebulewe. Amfumana uSawule noonyana bakhe bobathathu, bewile ezintabeni zeGilibhowa.
319Amnqumla intloko, aziphanga iintonga zakhe, athumela elizweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba kushunyayelwe iindaba ezilungileyo ezindlwini zezithixo zawo nasebantwini.
3110Azibeka iintonga zakhe ezindlwini zooAshtaroti; awubuthelela umzimba wakhe eludongeni lwaseBhete-shan.
3111Beva abemi baseYabheshe yaseGiliyadi akwenzileyo amaFilisti kuSawule;
3112esuka onke amadoda anobukroti, ahamba ubusuku bonke, awuthabatha umzimba kaSawule, nemizimba yoonyana bakhe, eludongeni lwaseBhete-shan; eza eYabheshe, ayitshisa khona.
3113Awathabatha amathambo abo, awangcwabela phantsi komtamariske eYabheshe; azila ukudla iintsuku zasixhenxe.