Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Ruth
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | Ke kaloku kwathi ngemihla yokulawula kwabagwebi, kwabakho indlala elizweni. Yahamba indoda yaseBhetelehem yakwaYuda, yaza yaphambukela elizweni lakwaMowabhi, yona nomkayo, noonyana bayo bobabini. |
| 1 | 2 | Ke igama laloo ndoda lalinguElimeleki, igama lomkayo linguNahomi; amagama oonyana bayo babengooMalon noKiliyon, bengamaEfrata aseBhetelehem yakwaYuda. Baya ke elizweni lakwaMowabhi, baba khona. |
| 1 | 3 | Wafa uElimeleki indoda kaNahomi; washiywa ke yena noonyana bakhe bobabini. |
| 1 | 4 | Bazeka abafazi abangamaMowabhikazi; igama lomnye lalinguOrpa, igama lomnye lalinguRute; bahlala khona iminyaka eseshumini. |
| 1 | 5 | Bafa kananjalo bobabini ooMalon noKiliyon; washiywa ke loo mfazi ngoonyana bakhe bobabini nayindoda yakhe. |
| 1 | 6 | Wesuka yena noomolokazana bakhe, ebuya elizweni lakwaMowabhi; ngokuba weva eselizweni lakwaMowabhi, ukuba uYehova ubavelele abantu bakhe ngokubanika isonka. |
| 1 | 7 | Waphuma kuloo ndawo abekuyo, enoomolokazana bakhe bobabini; wahamba ngendlela ebuyela ezweni lakwaYuda. |
| 1 | 8 | Wathi uNahomi koomolokazana bakhe bobabini, Hambani, nibuyele elowo endlwini yonina; uYehova makanenzele inceba, njengoko nenze ngako kubafi nakum. |
| 1 | 9 | UYehova makaninike nifumane indawo yokuphumla, elowo endlwini yendoda yakhe. Wabanga; baliphakamisa ilizwi labo, balila. |
| 1 | 10 | Bathi kuye, Hayi, siya kubuyela nawe kubantu bakowenu. |
| 1 | 11 | Wathi uNahomi, Buyani, zintombi zam; kungani na ukuba nihambe nam? Ndisenoonyana yini na embilinini wam, ukuze babe ngamadoda kuni? |
| 1 | 12 | Buyani, zintombi zam; hambani, ngokuba sendikwaluphalele ukuba nendoda. Khona ukuba ndibe ndisithi, Ndisenethemba, nokuba bendithe ndaba ngonendoda ngobu busuku, nokuba bendithe ndazala oonyana, |
| 1 | 13 | beniya kuthi ngenxa yoko nilinde bade bakhule, yini na? Beniya kuthi ngenxa yoko nizibambe ningabi namadoda, yini na? Hayi, zintombi zam; ngokuba kukrakra kunene kum ngenxa yenu, kuba isandla sikaYehova siphumelene nam. |
| 1 | 14 | Baliphakamisa ilizwi labo, babuya balila. UOrpa wamanga uninazala; ke yena uRute wanamathela kuye. |
| 1 | 15 | Wathi yena, Uyabona, umkhuluwakazi wakho ubuyele kubantu bakowabo, nakoothixo bakowabo; buya nawe, ulandele umkhuluwakazi wakho. |
| 1 | 16 | Wathi uRute, Musa akundibongoza ngokuthi mandikushiye, ndibuye, ndingakulandeli; ngokuba apho uya khona, ndiya kuya nam; apho uya kuthi vu khona, ndiya kuthi vu khona; abantu bakowenu baya kuba ngabantu bam, uThixo wakho abe nguThixo wam; |
| 1 | 17 | apho ufela khona, ndiya kufela khona, ndingcwatyelwe khona. Makenjenje uYehova kum, aphinde ukwenjenje: kukufa kodwa okuya kundahlula nawe. |
| 1 | 18 | Wabona ukuba uzimisele ukuhamba naye, wayeka ukuthetha kuye. |
| 1 | 19 | Bahamba ke bobabini, bada bafika eBhetelehem. Kwathi, xa bangenayo eBhetelehem, wazamazama wonke umzi ngenxa yabo, bathi, NguNahomi na lo? |
| 1 | 20 | Wathi kubo, Musani ukuthi ndinguNahomi; yithini ndinguMara, ngokuba uSomandla undenze ndakrakra kunene. |
| 1 | 21 | Ndemka mna ndizele; ke uYehova undibuyisa ndilambatha. Yini na ukuba nithi ndinguNahomi; uYehova engqinile nje ngam, uSomandla endenzele ububi nje. |
| 1 | 22 | Wabuya ke uNahomi enoRute umMowabhikazi, umolokazana wakhe, owabuya elizweni lakwaMowabhi; bafika bona eBhetelehem ekuqalekeni kokuvunwa kwerhasi. |
| 2 | 1 | Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi. |
| 2 | 2 | Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam. |
| 2 | 3 | Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki. |
| 2 | 4 | Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele. |
| 2 | 5 | Wathi uBhohazi kwindodana yakhe ephethe abavuni, Yekabani na le nkazana? |
| 2 | 6 | Yaphendula indodana ephethe abavuni, yathi. Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela elizweni lakwaMowabhi; |
| 2 | 7 | yathi ke, Makhe ndibhikice, ndibuthe phakathi kwezithungu emva kwabavuni; yeza ke, yema kwakusasa kwada kwangoku; ukuhlala kwayo endlwini kukancinane. |
| 2 | 8 | Wathi uBhohazi kuRute, Uyeva na, ntombi yam? Musa ukuya kubhikica ntsimini yimbi; kananjalo uze ungadluli apha; namathela wenjenje kumthinjana wam lo; |
| 2 | 9 | amehlo akho makabe sentsimini oyivunayo wona, uwulandele; yabona, abafana bakwam ndibawisele umthetho wokuba bangakuchukumisi; xa unxaniweyo, yiya ezityeni, usele into ekhiwe ngabafana. |
| 2 | 10 | Wawa ngobuso bakhe, waqubuda emhlabeni, wathi kuye, Kutheni na ukuba ndibabalwe nguwe, undibuke, ndiyinkazana yolunye uhlanga nje? |
| 2 | 11 | Waphendula uBhohazi, wathi kuye, Ndiyixelelwe kakuhle yonke into oyenzileyo kunyokozala, emva kokufa kwendoda yakho; ukuba ushiye uyihlo nonyoko, nelizwe owazalelwa kulo, weza ebantwini obungabazi ngaphambili. |
| 2 | 12 | UYehova makakubuyekeze ukwenza kwakho, uzaliseke umvuzo wakho ovela kuYehova uThixo kaSirayeli, oze wazimela phantsi kwamaphiko akhe wena. |
| 2 | 13 | Wathi yena, Mandibabalwe nguwe, nkosi yam; ngokuba undithuthuzele, ngokuba uthethe kakuhle nomkhonzazana wakho, ndingenjengomnye wabakhonzazana bakho nje. |
| 2 | 14 | Wathi uBhohazi kuye, Ngexesha lokudla sondela apha, udle isonka, uncinde iviniga ngeqhekeza lakho. Wahlala phantsi ngasecaleni labavuni. Wamnika ikhweba; wadla, wahlutha, washiya. |
| 2 | 15 | Wesuka ke waya kubhikica; uBhohazi waluwisela umthetho ulutsha olulolwakhe, wathi, Makabhikice naphakathi kwezithungu, ningamdanisi; |
| 2 | 16 | nimrholele nokumrholela inxenye ezithungwini, nishiye, abhikice, ningamkhalimeli. |
| 2 | 17 | Wabhikica entsimini leyo kwada kwahlwa; wayibhula into abeyibhikicile, yanga yiefa yerhasi. |
| 2 | 18 | Wathwala, waya ekhaya; wayibona uninazala into ayibhikicileyo; wakurhola, wamnika abekushiyile akuba ehluthi. |
| 2 | 19 | Wathi uninazala kuye, Ubhikice phi na namhla? Ubusebenza phi na? Makasikelelwe okubukileyo wena. Wamxelela uninazala umntu abesebenza kuye, wathi, Igama lendoda endisebenze kuyo namhla nguBhohazi. |
| 2 | 20 | Wathi uNahomi kumolokazana wakhe, Makasikelelwe yena nguYehova, ongayekelelanga ukwenza inceba yakhe kwabaphilileyo nakwabafileyo. Wathi uNahomi kuye, Indoda leyo iyalamana nathi; ingowabakhululi bethu. |
| 2 | 21 | Wathi uRute umMowabhikazi, Kananjalo ithe yona kum, Uze unamathele kulutsha olulolwam, lude lulugqibe lonke uvuno olulolwam. |
| 2 | 22 | Wathi uNahomi kuRute umolokazana wakhe, Kulungile, ntombi yam, ukuba uphume nomthinjana wakhe, ukuze ungafikelwa mntu ukwenye intsimi. |
| 2 | 23 | Wanamathela kumthinjana kaBhohazi, wabhikica, kwada kwagqitywa ukuvunwa kwerhasi nokuvunwa kwengqolowa; wahlala noninazala. |
| 3 | 1 | Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingakufuneli na ukuphumla okokulungela? |
| 3 | 2 | Kaloku akasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandeni. |
| 3 | 3 | Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandeni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela. |
| 3 | 4 | Wothi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yokuxelela ke yona into owoyenza. |
| 3 | 5 | Wathi kuye, Yonke into oyithethayo ndoyenza. |
| 3 | 6 | Wehla ke waya esandeni, wenza ngako konke abemwisele umthetho ngako uninazala. |
| 3 | 7 | Wadla uBhohazi, wasela, yachwayitha intliziyo yakhe; waya walala phantsi ekupheleni kwentlaba. Waya ke ecotha, wamtyhila ingubo ngasezinyaweni zakhe, walala phantsi. |
| 3 | 8 | Kwathi phakathi kobusuku, yothuka indoda leyo, yaguquka, yabona kulele inkazana ngasezinyaweni zayo. |
| 3 | 9 | Yathi, Ungubani? Wathi, NdinguRute, umkhonzazana wakho; twabulula isondo lengubo yakho phezu komkhonzazana wakho, ngokuba ungumkhululi wena. |
| 3 | 10 | Yathi, Usikelelwe nguYehova, ntombi yam. Inceba yakho yamva nje ingaphezu kweyokuqala, ungalandelanga madodana nje, nokuba ngasweleyo nokuba nganobutyebi. |
| 3 | 11 | Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. |
| 3 | 12 | Ewe! Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam. |
| 3 | 13 | Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba uthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse. |
| 3 | 14 | Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungaziwa ukuba bekuze inkazana esandeni. |
| 3 | 15 | Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka. |
| 3 | 16 | Waya kuninazala, wathi yena, Utheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo. |
| 3 | 17 | Wathi, Indinike ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha. |
| 3 | 18 | Wathi, Hlala, ntombi yam, ude wazi okuya kuhla; kuba indoda leyo ayiyi kuphumla, ingakuphelisanga oku namhla. |
| 4 | 1 | Ke kaloku wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; nanko egqitha umkhululi lowa abethetha yena uBhohazi; wathi, Wa, Nantsi, khawuphambukele apha, uhlale phantsi. |
| 4 | 2 | Waphambuka, wahlala. Wathabatha ishumi lamadoda kumadoda amakhulu omzi, wathi, Hlalani apha; ahlala ke. |
| 4 | 3 | Wathi kumkhululi lowo, Isahlulo somhlaba obungowomzalwana wethu uElimeleki, uthengise ngaso uNahomi, obuye elizweni lakwaMowabhi; |
| 4 | 4 | ndathi ke mna, mandivule indlebe yakho, ndithi, Wuthenge ngaphambi kwaba bahleliyo apha, phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu. Ukuba uyawukhulula ngentlawulelo, wukhulule ngentlawulelo; ukuba akuwukhululi ngentlawulelo, ndixelele ndazi; ngokuba akukho bani unokuwukhulula ngentlawulelo, ingenguwe; ndisemva kwakho mna. Wathi, Ndowukhulula ngentlawulelo mna. |
| 4 | 5 | Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe. |
| 4 | 6 | Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo. |
| 4 | 7 | Ke kaloku kwakusithiwa kudala kwaSirayeli, ukukhulula ngentlawulelo nokwanana, ukuze yonke into ibe iqiniselwe, ubani anyothule imbadada yakhe ayinike ummelwane wakhe; oko kwaye kububungqina kwaSirayeli. |
| 4 | 8 | Wathi umkhululi lowo kuBhohazi, Zithengele. Wanyothula imbadada yakhe. |
| 4 | 9 | Wathi ke uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndikuthengile konke okukaElimeleki, nako konke okukaKiliyon noMalon, esandleni sikaNahomi; |
| 4 | 10 | noRute umMowabhikazi, umkaMalon, ndimzuzile ukuba abe ngumkam, ukuze kuvuswe igama lomfi elifeni lakhe, linganqanyulwa igama lomfi ebazalwaneni bakhe, nasesangweni lendawo yakhe: ningamangqina namhla. |
| 4 | 11 | Bathi bonke abantu abasesangweni namadoda amakhulu, Singamangqina. UYehova makamenze lo mfazi ungenayo endlwini yakho, abe njengoRakeli nanjengoLeya, abayakhayo indlu kaSirayeli bobabini, avelise amandla e-Efrata, akwenzele udumo eBhetelehem; |
| 4 | 12 | indlu yakho ibe njengendlu kaPeretse, awamzalayo uTamare kuYuda, ngembewu leyo aya kukunika uYehova ngale ntombazana. |
| 4 | 13 | UBhohazi wamzeka ke uRute waba ngumkakhe, wamngena; waza uYehova wamnika ukuzala; wazala unyana. |
| 4 | 14 | Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga uswele umkhululi namhla; igama lakhe malivakale kwaSirayeli; |
| 4 | 15 | abe ngumbuyisi womphefumlo kuwe, nomnqaki wezimvi zakho; ngokuba umolokazana wakho okuthandayo, lowo ulungileyo kuwe ngaphezu koonyana abasixhenxe, umzele. |
| 4 | 16 | UNahomi wamthabatha umntwana lowo, wambeka esifubeni sakhe, waba ngumondli wakhe. |
| 4 | 17 | Lwamthiya igama ummelwanekazi, lwathi, UNahomi uzalelwe unyana, lwathi igama lakhe nguObhedi; yena nguyise kaYese, uyise kaDavide. |
| 4 | 18 | Yiyo le ke inzala kaPeretse: uPeretse wazala uHetseron; |
| 4 | 19 | uHetseron wazala uRam; uRam wazala uAminadabhi; |
| 4 | 20 | uAminadabhi wazala uNashon; uNashon wazala uSalemon; |
| 4 | 21 | uSalemon wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhedi; |
| 4 | 22 | UObhedi wazala uYese; uYese wazala uDavide. |