Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Judges

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Kwathi emva kokufa kukaYoshuwa, babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova, besithi, Ngubani na oya kusiqalela ukunyuka aye kumaKanan, alwe nawo?
12Wathi uYehova, Konyuka uYuda: yabonani, ndilinikele ilizwe esandleni sakhe.
13Wathi uYuda kuSimon umkhuluwa wakhe, Nyuka nam, siye eqashisweni lam silwe namaKanan; nam ndoya nawe eqashisweni lakho. USimon wahamba naye ke.
14Wenyuka ke uYuda; uYehova wawanikela amaKanan namaPerizi esandleni sabo. Bawabulala eBhezeki amadoda angamawaka alishumi.
15UAdoni waseBhezeki bamfumana eBhezeki, balwa naye, bawabulala amaKanan namaPerizi.
16Wasaba uAdoni waseBhezeki; bamsukela, bambamba, bamnqumla oozithupha noobhontsi.
17Wathi uAdoni waseBhezeki, Ookumkani abamashumi asixhenxe babechola phantsi kwetafile yam, benqunyulwe oozithupha noobhontsi; njengoko ndenza ngako, wenjenjalo uThixo ukubuyekeza kum. Bamsa eYerusalem, wafela khona.
18Ke kaloku oonyana bakaYuda balwa neYerusalem, bayithimba, bayibulala ngohlangothi lwekrele, bathi umzi bawufaka umlilo.
19Behla emveni koko oonyana bakaYuda, baya kulwa namaKanan abehleli kweleentaba, nakwelasezantsi, nakweleentlambo.
110Waya uYuda kumaKanan abehleli eHebron; igama leHebron ngenxa engaphambili beliyiKiriyati ka-Arbha; babulala uSheshayi, noAhiman, noTalemayi.
111Wesuka khona waya kubemi baseDebhiri; igama leDebhiri ngenxa engaphambili beliyiKiriyati-sefere.
112Wathi uKalebhi, Othe wayingenela iKiriyati-sefere, wayithimba, ndomnika intombi yam, uAkesa, ibe ngumkakhe.
113Wayithimba uOteniyeli unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi; wamnika ke intombi yakhe, uAkesa, yangumkakhe.
114Kwathi ekuzeni kwayo, yamvuselela ukuba acele umhlaba kuyise wayo; yehla e-esileni layo. Wathi uKalebhi kuyo, Yintoni na?
115Yathi kuye, Ndinike into, ngokuba undinike umhlaba ongenamanzi; ndinike nemithombo yamanzi. UKalebhi wayinika ke imithombo yasentla nemithombo yasezantsi.
116Oonyana bomKeni, uyise womkaMoses, benyuka eMzini wamaSundu noonyana bakaYuda, baya kwintlango yakwaYuda, engasezantsi kweArade, baya bahlala nabantu abo.
117Waya uYuda noSimon umkhuluwa wakhe, bawabulala amaKanan abehleli eTsefati, bayitshabalalisa. Kwathiwa igama laloo mzi yiHorma.
118UYuda wayithimba iGaza nommandla wayo, neAshkelon nommandla wayo, ne-Ekron nommandla wayo.
119UYehova waye enoYuda, wabagqogqa abeentaba; kodwa ebengenako ukubagqogqa abemi bentili, ngokuba baye beneenqwelo zesinyithi.
120Bamnika uKalebhi umzi waseHebron, njengoko wathethayo uMoses; wabagqogqa apho oonyana bobathathu baka-Anaki.
121Ke amaYebhusi, abehleli eYerusalem, abawagqogqanga oonyana bakaBhenjamin. Ahleli amaYebhusi noonyana bakaBhenjamin eYerusalem unanamhla.
122Indlu kaYosefu yenyuka nayo, yaya kuyingenela iBheteli; uYehova waye enayo.
123Indlu kaYosefu yayihlola iBheteli; ke igama laloo mzi ngenxa engaphambili beliyiLuzi.
124Iintlola ezo zambona umntu ephuma kuloo mzi, zathi kuye, Khawusibonise ithuba lokungena kulo mzi; sokwenzela inceba.
125Wazibonisa ithuba lokungena kuloo mzi; zawubulala umzi ngohlangothi lwekrele; bamndulula loo mntu nemizalwane yakhe yonke.
126Waya loo mntu ezweni lamaHeti, wakha umzi, wathi igama lawo yiLuzi; ligama lawo unanamhla.
127UManase akayigqogqanga iBhete-shehan namagxamesi ayo, neTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi baseIhlam namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo; ke amaKanan aphikela ukuhlala kwelo zwe.
128Kwathi, akomelela amaSirayeli, awafaka uviko amaKanan, akawagqogqa awagqibe.
129UEfrayim akawagqogqanga amaKanan abemi eGezere; ahlala amaKanan phakathi kwakhe eGezere.
130UZebhulon akabagqogqanga abemi baseKitron nabemi baseNahaloli; ahlala amaKanan phakathi kwakhe, afakwa uviko.
131UAshere akabagqogqanga abemi baseAko, nabemi baseTsidon, neAhalabhi, neAkezibhi, neHelebha, neAfiki, neRehobhi.
132Ama-Ashere ahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe; ngokuba akawagqogqanga.
133UNafetali akabagqogqanga abemi baseBhete-shemeshe, nabemi baseBhete-anati; wahlala phakathi kwamaKanan abemi kwelo zwe. Abemi baseBhete-shemeshe nabaseBhete-anati bafakwa uviko nguye.
134Ama-Amori abaxinela kweleentaba oonyana bakaDan; ngokuba akabavumelanga ukuba behle beze entilini.
135Ama-Amori aphikela ukuhlala eHarheres, naseAyalon, naseShahalebhim. Isandla sendlu kaYosefu saba nzima, afakwa uviko.
136Umda wama-Amori wathabathela eqhineni leAkrabhim, engxondorheni, wenyusa.
21Kwenyuka isithunywa sikaYehova eGiligali, saya eBhokim, sathi, Ndaninyusa eYiputa, ndanizisa kwelo zwe ndafunga kooyihlo ngalo, ndathi, Andiyi kuwaphula umnqophiso wam nani naphakade;
22ke nina nize ningenzi mnqophiso nabemi beli lizwe; nize nizidilize izibingelelo zabo. Aniliphulaphulanga ke izwi lam. Yintoni na le niyenzileyo?
23Kananjalo ndathi, Andiyi kubagqogqa phambi kwenu, ukuze babe ziimviko emacaleni enu, oothixo babo babe ngumgibe kuni.
24Kwathi, sakuwathetha isithunywa sikaYehova la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli, basuka abantu baliphakamisa izwi labo, balila.
25Bayibiza loo ndawo ngokuthi, yiBhokim; babingelela apho kuYehova.
26Ke kaloku okuya uYoshuwa wabandululayo abantu, baya oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lakhe, ukuba balime ilizwe.
27Abantu bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalelayo kuYoshuwa, abewubonile wonke umsebenzi omkhulu kaYehova, abewenzele amaSirayeli.
28Wafa ke uYoshuwa unyana kaNun, umkhonzi kaYehova, eminyaka ilikhulu elinashumi-nye ezelwe.
29Bamngcwabela emdeni welifa lakhe, eTimnata-heres, kweleentaba lakwaEfrayim, entla kwentaba yaseGahashe.
210Sakuba neso sizukulwana sonke sihlanganiselwe kooyise, kwavela sizukulwana simbi emva kwaso, esibe singamazi uYehova, kwanomsebenzi abewenzele amaSirayeli.
211Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bakhonza ooBhahali.
212Bamlahla uYehova, uThixo wooyise, owabakhuphayo ezweni lamaYiputa; balandela thixo bambi koothixo bezizwe ezibajikelezileyo, babanqula, bamqumbisa uYehova.
213Bamlahla ke uYehova, bakhonza uBhahali noAshtaroti.
214Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sabaphangi, bawaphanga. Wathengisa ngawo, wawanikela esandleni seentshaba zawo ngeenxa zonke; akaba saba nakuma phambi kweentshaba zawo.
215Athi akuphuma esiya naphi, sasuka isandla sikaYehova sawachasa ngobubi, njengoko wakuthethayo uYehova, njengoko wawafungelayo; abandezeleka kunene.
216UYehova wavelisa abagwebi; bawasindisa esandleni sabaphangi bawo.
217Akabaphulaphula nabagwebi bawo, asuka ahenyuza ngokulandela thixo bambi, abanqula, atyeka kamsinya endleleni ababehamba ngayo ooyise, yokuphulaphula imithetho kaYehova. Akenjanga njalo ke wona.
218Naxa uYehova wawavelisela abagwebi, uYehova waba nomgwebi lowo, wawasindisa esandleni seentshaba zawo yonke imihla yomgwebi lowo; ngokuba uYehova wazohlwaya ngenxa yokuncwina kwawo, phambi kwabaxini bawo, ababandezeli bawo.
219Kwathi, akufa umgwebi lowo, abuya onakalisa ngaphezu kooyise, alandela thixo bambi ngokubakhonza nangokubanqula; akaziyeka iintlondi zawo nendlela yokuba lukhuni kwawo.
220Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli; wathi, Ngenxa enokuba olu hlanga luwugqithile umnqophiso wam endawumisela ooyise, alwaliphulaphula ilizwi lam:
221nam andiyi kuphinda ndithi phambi kwabo ndigqogqe mntu wezi ntlanga, wazishiyayo uYoshuwa ekufeni kwakhe;
222ukuze ndiwalinge ngazo amaSirayeli, ukuba oyigcina na indlela kaYehova, ahambe ngayo, njengoko bayigcinayo ooyise, akayi kuyigcina, kusini na?
223Waziyeka ke uYehova ezo ntlanga, akazigqogqa kamsinya, akazinikela esandleni sikaYoshuwa.
31Zizo ke ezi iintlanga awaziyekayo uYehova, ukuze awalinge ngazo amaSirayeli, lawo angazazanga iimfazwe zonke zakwaKanan;
32ukuze kodwa azazi izizukulwana zoonyana bakaSirayeli ngokuzifundisa imfazwe, zona ezo zanga phambili zazingazazi:
33izikhulu zozihlanu zamaFilisti, namaKanan onke, namaTsidon, namaHivi ahleli ezintabeni zeLebhanon, ethabathela ezintabeni zeBhahali-hermon, ese ekuyeni eHamati.
34Abo ke babengabokulinga amaSirayeli, ukuze kwazeke ukuba oyiphulaphula na imithetho kaYehova, awayiwisela ooyise ngesandla sikaMoses.
35Bahlala ke oonyana bakaSirayeli phakathi kwamaKanan, namaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
36Bazizeka iintombi zawo zaba ngabafazi babo, bendisa iintombi zabo koonyana bawo, bakhonza oothixo bawo.
37Oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, bamlibala uYehova uThixo wabo, bakhonza ooBhahali nooAshera.
38Wavutha ke umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni sikaKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram phakathi kweMilambo; bamkhonza ke oonyana bakaSirayeli uKushan-rishatayim iminyaka esibhozo.
39Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela uYehova oonyana bakaSirayeli umsindisi owabasindisayo, onguOteniyeli, unyana kaKenazi, umninawa kaKalebhi.
310Wafikelwa nguMoya kaYehova, wawalawula amaSirayeli, waphuma waya kulwa. UYehova wamnikela esandleni sakhe uKushan-rishatayim, ukumkani wakwa-Aram; isandla sakhe saba namandla phezu koKushan-rishatayim.
311Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane. Wafa uOteniyeli unyana kaKenazi.
312Ke kaloku oonyana bakaSirayeli baphinda benza ububi emehlweni kaYehova; uYehova wamomeleza uEglon ukumkani wakwaMowabhi, ukuba awachase amaSirayeli, ngenxa yokuba enze ububi emehlweni kaYehova.
313Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.
314Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.
315Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.
316UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangeni lakhe lokunene.
317Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba.
318Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.
319Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.
320Weza uEhude kuye, ehleli egumbini eliphezulu elinempepho, elibe lilelakhe yedwa. Wathi uEhude, Ndinelizwi likaThixo eliza kuwe; wesuka esihlalweni.
321UEhude wasolula isandla sakhe sokhohlo, walithabatha ikrele ethangeni lakhe lokunene, walifaka esiswini sakhe.
322Watsho sangena nesiphatho, salandela intsimbi; inqatha layivingcela intsimbi, ngokuba akalirholanga ikrele esiswini sakhe; laphuma phakathi kweempundu.
323Waphuma uEhude waya evarandeni, wazivala iingcango zegumbi elo liphezulu, wamvalela, wazitshixa.
324Ephumile ke yena, bangena abakhonzi, babona iingcango zegumbi eliphezulu zivaliwe; bathi, Fanel’ ukuba ugubungela iinyawo zakhe egumbini lempepho.
325Baphongoma bada baneentloni; nanko kungavuli mntu ezingcangweni zegumbi eliphezulu; bathabatha isitshixo, bavula: nantsi inkosi yabo iwe phantsi ifile.
326UEhude wasaba, besazilazila bona; wagqitha emifanekisweni eqingqiweyo, wasaba, waya eSehira.
327Kwathi, ukufika kwakhe, wavuthela ngesigodlo ekweleentaba lakwaEfrayim; behla naye oonyana bakaSirayeli kweleentaba, ephambi kwabo yena.
328Wathi kubo, Ndilandeleni, ngokuba uYehova uzinikele iintshaba zenu, amaMowabhi, esandleni senu. Bamlandela ke, bawavingca amazibuko aseYordan angakwaMowabhi, abavuma ukuba kuwele mntu.
329Babulala amaMowabhi ngelo xesha, amadoda angathi angamawaka alishumi, onke etyebile, onke engamadoda anobukroti; akwasinda nanye indoda.
330Athotywa ke amaMowabhi loo mini aba phantsi kwesandla samaSirayeli; lazola ilizwe iminyaka emashumi asibhozo.
331Emveni kwakhe yaba nguShamgare, unyana ka-Anati, owabulala kumaFilisti amadoda angamakhulu amathandathu ngoviko lweenkomo, wawasindisa naye amaSirayeli.
41Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova, akuba efile uEhude.
42UYehova wathengisa ngabo, wabanikela esandleni sikaYabhin, ukumkani wakwaKanan, obephethe ubukumkani eHatsore, omthetheli-mkhosi ebenguSisera, ohleli eHarosheti yeentlanga.
43Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; ngokuba ebeneenqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba; wabaxina ke oonyana bakaSirayeli ngamandla iminyaka emashumi mabini.
44Ke kaloku uDebhora, umprofetikazi, umkaLapidoti, ebewalawula amaSirayeli ngelo xesha.
45Wayehleli phantsi komthi wesundu kaDebhora, phakathi kweRama neBheteli, kweleentaba lakwaEfrayim. Benyuka baya kuye oonyana bakaSirayeli ukuba athethe amatyala.
46Wathumela ke wabiza uBharaki, unyana ka-Abhinowam, eKedeshe yakwaNafetali, wathi kuye, Akakuwiselanga mthetho na uYehova, uThixo kaSirayeli, esithi, Hamba utsalele entabeni yeTabhore, uthabathe nawe amadoda angamawaka alishumi, koonyana bakaNafetali nakoonyana bakaZebhulon?
47Ndomtsalela kuwe emlanjaneni waseKishon uSisera, umthetheli womkhosi kaYabhin, neenqwelo zakhe zokulwa, nengxokolo yakhe; ndimnikele esandleni sakho.
48Wathi uBharaki kuye, Ukuba uthe wahamba nam, ndohamba; ukuba akuthanga ubambe nam, andiyi kuhamba.
49Wathi ke, Ukuhamba ndiya kuhamba nawe, kodwa akuyi kuba naludumo kule ndlela uyihambayo; ngokuba uYehova uya kuthengisa ngoSisera, amnikele esandleni senkazana. Wesuka ke uDebhora waya noBharaki eKedeshe.
410UBharaki wawahlabela umkhosi amaZebhulon namaNafetali eKedeshe. Kwenyuka amadoda angamawaka alishumi, amlandela.
411Wenyuka naye uDebhora. Ke kaloku uHebhere, umKeni, wayezahlule kumaKeni, koonyana bakaHobhabhi, uyise womkaMoses, wazimisa iintente zakhe, zaya kuma ngoMoki waseTsahanayim ngaseKedeshe.
412Waxelelwa uSisera ukuba uBharaki, unyana ka-Abhinowam, unyuke weza entabeni yeTabhore.
413USisera wazihlanganisa zonke iinqwelo zakhe zokulwa, iinqwelo zesinyithi ezingamakhulu asithoba, nabantu bonke abanaye, bethabathele eHarosheti yeentlanga, besa emlanjaneni waseKishon.
414Wathi uDebhora kuBharaki, Suk’ ume, ngokuba yiyo le imini uYehova amnikele ngayo uSisera esandleni sakho; akaphumi yini na uYehova phambi kwakho? Wehla uBharaki entabeni yeTabhore, elandelwa ngamadoda angamawaka alishumi.
415UYehova wamdubaduba uSisera neenqwelo zakhe zonke zokulwa, nomkhosi wakhe wonke, ngohlangothi lwekrele phambi koBharaki; wehla uSisera enqwelweni, wasaba ngeenyawo.
416UBharaki wazisukela iinqwelo zokulwa, wawusukela nomkhosi, wesa eHarosheti yeentlanga; wawa wonke umkhosi kaSisera ngohlangothi lwekrele, akwasala noko amnye.
417USisera wasaba ngeenyawo, waya ententeni kaYaheli, umkaHebhere umKeni; ngokuba belixolile phakathi koYabhin ukumkani waseHatsore nendlu kaHebhere umKeni.
418Waphuma ke uYaheli, waya wamkhawulela uSisera, wathi kuye, Phambuka, nkosi yam, phambukela kum; musa ukoyika. Waphambukela ke kuye ententeni, wamgubungela ngengubo.
419Wathi kuye, Khawundiphe intwana yamanzi ndisele, ngokuba ndinxaniwe. Wamthululela amasi emvabeni, wamnika wasela; wamgubungela.
420Wathi kuye, Yima emnyango ententeni; kothi, ukuba kuze umntu, wabuza wathi, Kukho umntu na apha? uthi, Hayi.
421UYaheli umkaHebhere wathabatha isikhonkwane sentente, waphatha isando ngesandla, waya kuye ecotha, wasibethela isikhonkwane ezintlafunweni zakhe, saphumela sangena emhlabeni; kuba wayesebuthongweni obukhulu, ediniwe; wafa ke.
422Kwathi thaphu uBharaki, esukela uSisera. Waphuma uYaheli waya kumkhawulela, wathi kuye, Yiza, ndikubonise indoda oyifunayo. Waya kuye; nanko uSisera eludwamba efile, enesikhonkwane ezintlafunweni.
423UThixo wamthoba loo mini uYabhin, ukumkani wamaKanan, phambi koonyana bakaSirayeli.
424Saya isandla soonyana bakaSirayeli siba nzima ngokuba nzima phezu koYabhin, ukumkani wamaKanan, bada bamchitha uYabhin, ukumkani wamaKanan.
51Baza bavuma ooDebhora noBharaki, unyana ka-Abhinowam, ngaloo mini, besithi,
52Ngenxa yokukhokela kweenkokeli, Ngenxa yokuqhutywa kwabantu ziintliziyo zabo, Bongani uYehova.
53Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube; Mna lo ndiya kuvuma kuYehova, Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.
54Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire, Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom, Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu; Ewe, amafu avuza amanzi.
55Iintaba zazamazama phambi koYehova; ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.
56Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati. Ngemihla kaYaheli, bezingahanjwa iindlela, Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.
57Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa, Ndada ndesuka, mna Debhora, Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.
58Kwakunyulwe oothixo abatsha, Kwaza kwayimfazwe emasangweni; Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na, Phakathi kwamawaka amashumi mane akwaSirayeli?
59Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli, Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu; Bongani uYehova.
510Nina bakhwele ezimazini ezimhlophe zamaesile, Nina bahlala ezinkukweni, Nani bahamba ngendlela, camngcani.
511Kude nezwi lababi bamaxhoba, apho kukhiwa khona amanzi, Khona apho bobonga imisebenzi kaYehova yobulungisa, Imisebenzi yobulungisa awayenza emaphandleni akhe kwaSirayeli; Oko behla abantu bakaYehova, baya emasangweni.
512Vuka, vuka, Debhora! Vuka, vuka, hlaba ingoma! Suk’ ume, Bharaki, thimba abathinjwa bakho, nyana ka-Abhinowam.
513Yihlani ke, maqongqolo aziingangamsha, ningabantu; Yehova, ndihlele phakathi kwamagorha.
514Avela kwaEfrayim angcambu ikwa-Amaleki, Emva kwakho, Bhenjamin, phakathi kwezizwe zakowenu; Kwehla kwaMakire abamisi-mthetho, KwaZebhulon umqikela unomnqayi wombhali wempi.
515KwaIsakare abathetheli kunye noDebhora, NjengoIsakare, ukwanjalo uBharaki; Bagaleleka entilini, bamlandela. Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukusongela okukhulu kwentliziyo.
516Ubuhlaleleni na phakathi kwezibaya, Uphulaphula amakhwelo emihlambini? Emijelweni yakwaRubhen Yaba kukugocagoca okukhulu kwentliziyo.
517UGiliyadi phesheya kweYordan walala, akalwa; UDan ke yena walibala yini na ngasezinqanaweni? UAshere wahlala ngaselunxwemeni lolwandle. Walala phantsi ngasemachwebeni alo, akalwa.
518AmaZebhulon ngabantu ababenza isichenge ubomi babo ekufeni, NamaNafetali, ezindaweni eziphakamileyo zelizwe.
519Kwafika ookumkani, balwa, Baza ookumkani bakwaKanan balwa ETahanaki, ngasemanzini aseMegido; Abathimba neqhosha lesilivere.
520Zalwa ezulwini, Zalwa iinkwenkwezi emendweni yazo noSisera.
521Umlanjana waseKishon wabakhukulisa, Umlanjana wamanyange, umlanjana waseKishon. Nyathela ngamandla, mphefumlo wam.
522Aza angqisha ke ngamanqina amahashe Ngokuphala, ngokuphala anamandla kuwo.
523Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova, Qalekisani, qalekisani abemi bakhona. Ngokuba bengezanga kunceda uYehova, Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.
524Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli, UmkaHebhere umKeni. Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.
525Wacela amanzi, wamnika amasi, Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka.
526Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni, Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima, Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko, Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni.
527Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa, walala phantsi. Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa; Apho waguqa khona, wawa ephelile.
528Walunguza ngefestile, wamemeza Ngesithuba unina kaSisera, wathi, Ilibele yini na inqwelo yakhe yokulwa, ingafiki nje? Zihlaleleni na iinqwelo zakhe zomkhosi, zingahlokomi nje?
529Aphendule alumkileyo amakhosazana akhe—Ke yena aphinde kwaelakhe, ethetha yedwa, athi,
530Abafumene na? Ababi amaxhoba na? Yintombi, ziintombi ngambini kwintloko yendoda? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele kuSisera? Ngamaxhoba eengubo ezimfakamfele, eengubo ezilukwe zamfakamfele? Yingubo emfakamfele, ziingubo ezimbini ezilukwe zamfakamfele ezintanyeni zamaxhoba?
531Makube njalo ukubhubha kweentshaba zakho zonke, Yehova; Ke abamthandayo mababe njengokuphuma kwelanga linamandla. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane.
61Ke kaloku oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova; wabanikela uYehova esandleni samaMidiyan iminyaka esixhenxe.
62Isandla samaMidiyan saba namandla phezu kwamaSirayeli; oonyana bakaSirayeli bazilungisela imigongxo esezintabeni, nemiqolomba, neemboniselo ngenxa yamaMidiyan.
63Kwathi, xa abehlwayele amaSirayeli, enyuka amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga;
64benyuka, bawafikela, bawangqinga, bayonakalisa indyebo yelizwe kwada kwaya eGaza, abashiya nto idliwayo kwaSirayeli, nagusha, nankomo, naesile.
65Ngokuba bebenyuka bona nemfuyo yabo, neentente zabo, beza benjengeenkumbi ukuba baninzi, ababa nakubalwa, bona neenkamela zabo; balingena ilizwe ukuba balonakalise.
66Abhitya kunene amaSirayeli ngenxa yamaMidiyan. Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.
67Kwathi, bakukhala oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa yamaMidiyan,
68uYehova wathuma indoda engumprofeti koonyana bakaSirayeli; yathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndaninyusa mna eYiputa, ndanikhupha endlwini yobukhoboka;
69ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sabaxini benu bonke, ndabagxotha phambi kwenu, ndaninika ilizwe labo;
610ndathi kuni, NdinguYehova, uThixo wenu; ningaboyiki oothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo; analiphulaphula izwi lam.
611Kweza isithunywa sikaYehova, sahlala phantsi komoki obuseOfra, kaYowashe umAbhihezere. Ke uGidiyon, unyana wakhe, wayebhula ingqolowa esixovulelweni, ukuze ayifihle kumaMidiyan.
612Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, sathi kuye, UYehova unawe, gorhandini linobukroti.
613Wathi uGidiyon kuso, Camagu, Nkosi yam; ukuba uYehova unathi, yini na ukuba kusihlele konke oku? Iphi na yonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo, ababesibalisela ngayo oobawo, besithi, Sasinganyuswanga nguYehova na eYiputa? Kungoku uYehova usilahlile, wasinikela esandleni samaMidiyan.
614Wabheka ke uYehova kuye, wathi, Hamba ngala mandla akho, uwasindise amaSirayeli esandleni samaMidiyan. Akuthunywe ndim yini na?
615Wathi yena kuye, Camagu, Nkosi yam, ndowasindisa ngantoni na amaSirayeli? Khangela, umzi wakowethu ngowona uphantsi kwaManase, nam ndinguyena mncinane endlwini kabawo.
616Wathi uYehova kuye, Ndiya kuba nawe, uwabulale amaMidiyan njengandoda-nye.
617Wathi kuye, Ukuba ndibabalwe nguwe, khawundenzele umqondiso wokuba nguwe othetha nam.
618Musa ukumka apha, ndide ndize kuwe, ndirhole umnikelo wam, ndiwubeke phambi kwakho.
619Wathi, Ndohlala mna, ude ubuye. UGidiyon waya walungisa itakane lebhokhwe, nezonka ezingenagwele ze-efa yomgubo ocoliweyo; inyama wayibeka engobozini, umhluzi wawugalela embizeni, wazisa kuye phantsi komoki, wasondeza.
620Sathi kuye isithunywa sikaThixo, Thabatha inyama nezonka ezingenagwele, uzibeke phezu kweli litye, uwuphalazele kulo umhluzi. Wenjenjalo.
621Saza isithunywa sikaYehova sesa incam yentonga esesandleni saso, sachukumisa inyama nezonka ezingenagwele; wenyuka umlilo elityeni, wayidla inyama nezonka ezingenagwele, saza isithunywa sikaYehova semka ke emehlweni akhe.
622Wabona uGidiyon ukuba sisithunywa sikaYehova; wathi uGidiyon, Yoo! Nkosi Yehova! Nditsho ngokuba ndibonene nesithunywa sikaYehova.
623UYehova wathi kuye, Uxolo malube kuwe; musa ukoyika, akuyi kufa.
624UGidiyon wakha khona isibingelelo kuYehova, wathi igama laso nguYehova-uluxolo; sisekho nanamhla eOfra yama-Abhihezere.
625Kwathi ngobo busuku, wathi uYehova kuye, Thabatha inkunzi yenkomo eyekayihlo, eyesibini inkunzi eminyaka isixhenxe, usidilize isibingelelo sikaBhahali sikayihlo, umgawule uAshera ongakuso;
626wakhe isibingelelo kuYehova uThixo wakho encotsheni yale nqaba, usilungiselele, uthabathe eyesibini inkunzi, unyuse idini elinyukayo ngeenkuni zika-Ashera omgawuleyo.
627UGidiyon wathabatha amadoda alishumi kubakhonzi bakhe; wenza njengoko wathethayo uYehova kuye. Kwathi, kuba esoyika indlu kayise namadoda aloo mzi, akenza emini, wenza ebusuku.
628Avuka kusasa ngengomso amadoda aloo mzi: naso isibingelelo sikaBhahali sidiliziwe, egawulwe noAshera obengakuso, neyesibini inkunzi inyusiwe phezu kwesibingelelo esibe sakhiwe.
629Yathi enye kwenye, Ngubani na lo wenze le nto? Abuza, afuna. Bathi, NguGidiyon unyana kaYowashe, lo wenze le nto.
630Athi amadoda aloo mzi kuYowashe, Khupha unyana wakho, afe; ngokuba usidilizile isibingelelo sikaBhahali, wamgawula uAshera obengakuso.
631Wathi uYowashe kubo bonke ababemmele, Niya kummela uBhahali nina aba na? Niya kumsindisa nina aba na? Lowo ummelayo uBhahali makabulawe; makhe kuse. Ukuba unguThixo, makazithethele, ngokuba sidiliziwe isibingelelo sakhe.
632Kwathiwa loo mini unguYerubhahali, kusithiwa, uBhahali makaphikisane naye, ngokuba esidilizile isibingelelo sakhe.
633Ahlangana ndawonye onke amaMidiyan, nama-Amaleki, nabasempumalanga; awela, amisa emathafeni aseYizereli.
634UMoya kaYehova wangena kuGidiyon, wavuthela ngesigodlo; ahlatyelwa umkhosi, eza ama-Abhihezere, amlandela.
635Wathuma abathunywa kumaManase onke, ahlatyelwa; eza nawo amlandela. Wathuma abathunywa kuma-Ashere, nakumaZebhulon, nakumaNafetali; enyuka awakhawulela.
636Wathi uGidiyon kuThixo, Ukuba uyawasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo,
637nanku ndibeke uboya obuchetyiweyo esandeni; ukuba umbethe uthe waba seboyeni bodwa, wonke umhlaba wawomile, ndiya kwazi ke ukuba uya kuwasindisa amaSirayeli ngesandla sam, njengoko uthethileyo.
638Kwaba njalo ke. Wavuka kusasa ngengomso, wabukhamanga uboya, wawukhama umbethe eboyeni, kwazala indebe ngamanzi.
639Wathi uGidiyon kuThixo, Mawungavuthi umsindo wakho kum, ndakuthetha okwesi sihlandlo sodwa; makhe ndilinge okwesi sihlandlo sodwa ngoboya, kome uboya bodwa, umbethe ube semhlabeni wonke.
640Wenjenjalo uThixo ngobo busuku: koma uboya bodwa, umbethe waba semhlabeni wonke.
71Wavuka kusasa uYerubhahali (nguGidiyon ke lowo), nabantu bonke naye, bamisa emantloko omthombo weHarodi; ke umkhosi wamaMidiyan wawungakuye, ngasentla kwenduli yakwaMore, entilini.
72Wathi uYehova kuGidiyon, Baninzi abantu abanawe, kunokuba ndiwanikele amaMidiyan esandleni sabo; hleze amaSirayeli aqhayise, athi, Sisindiswe sisandla sethu.
73Khawudanduluke ke ngoko ezindlebeni zabantu, uthi, Owoyikayo nogubhayo makabuye, makanyebeleze emke ezintabeni zeGiliyadi. Kwabuya ke kubo abantu abangamawaka angamashumi omabini anamabini; kwasala amawaka alishumi.
74Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angabambi nawe yena.
75Wehla nabantu waya emanzini; wathi uYehova kuGidiyon, Bonke abasukuba bekramncela amanzi ngolwimi lwabo, njengoko ixhaphayo inja, uze ubamise bodwa; bonke abasukuba beguqa ngamadolo abo ukuba basele, uze ubamise bodwa.
76Inani labaselayo ngesandla salo emlonyeni laba ngamadoda amakhulu mathathu; bonke abanye abantu baguqa ngamadolo abo ukuba basele amanzi.
77Wathi uYehova kuGidiyon, Ndiya kunisindisa ngala madoda amakhulu mathathu akramnceleyo, ndiwanikele amaMidiyan esandleni sakho. Bonke abanye abantu mabagoduke, elowo aye endaweni yakhe.
78Bawuphatha abantu abo umphako ngesandla sabo, nezigodlo zabo. Wawandulula onke amadoda akwaSirayeli, ukuba ileyo iye ententeni yayo; wagcina amadoda lawo amakhulu mathathu. Umkhosi wamaMidiyan waba ngezantsi kwakhe entilini.
79Kwathi ngobo busuku, uYehova wathi kuye, Vuka, uhle uye empini; ngokuba ndiyinikele esandleni sakho.
710Ukuba uyoyika ukuhla, yihla nomfana wakwakho uFura,
711uye empini, uve into abayithethayo; emveni koko siya komelela isandla sakho. Yihla ke uye empini. Wehla ke yena noFura, umfana wakwakhe, baya ekupheleni kwabaxhobileyo abasempini.
712AmaMidiyan nama-Amaleki nabasempumalanga bonke babelele entilini benjengeenkumbi ukuba baninzi; neenkamela zawo zibe zingenakubalwa, njengentlabathi yonxweme lolwandle ukuba zininzi.
713Wafika uGidiyon; nantso indoda ixelela ummelwane wayo iphupha, isithi, Yabona, ndiphuphe iphupha; ndibone kuqengqeleka isonka serhasi sisiza emkhosini wamaMidiyan, sifike ententeni, sibethe iwe, ithi bhukuqu intente, ithi bhuma.
714Waphendula ummelwane wayo wathi, Loo nto kunje likrele likaGidiyon, unyana kaYowashe, indoda yakwaSirayeli; uThixo uwanikele amaMidiyan nomkhosi wonke esandleni sakhe.
715Kwathi, akukuva uGidiyon ukuxelwa kwephupha nokutyhilwa kwalo, wanqula, wabuyela emkhosini wamaSirayeli, wathi, Vukani, ngokuba uYehova uyinikele impi yamaMidiyan esandleni senu.
716Wawahlula aba ngamaqela omathathu amadoda lawo amakhulu mathathu; wabeka izigodlo esandleni sawo onke, nemiphanda engenanto, nezikhuni ezivuthayo ngaphakathi kwemiphanda leyo.
717Wathi kuwo, Khangelani kum, nenjenje: yabonani, ndakufika ekupheleni kwempi, nothi njengoko ndenza ngako mna, nenjenjalo nina.
718Ndovuthela ngezigodlo mna, nabo bonke abanam, nivuthele ke ngezigodlo nani ngeenxa zonke emkhosini, nithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
719Wafika ke uGidiyon, nekhulu lamadoda elinaye, ekupheleni kwempi, ekuqalekeni komlindo ophakathi kobusuku, bakuth’ ukuthi ukumiswa abalindi. Lavuthela ngezigodlo, liyiqhekeza imiphanda esezandleni zalo.
720Avuthela ke ngezigodlo amaqela omathathu, ayiqhekeza imiphanda; aziphatha izibane ezivuthayo ngezandla zawo zokhohlo, awaphatha amaxilongo ngezandla zawo zokunene, ukuba avuthele; adanduluka esithi, Ha! Ha! Ikrele likaYehova, likaGidiyon!
721Ema onke ezindaweni zawo ngeenxa zonke empini. Yasaba yonke impi, yakhala, yasabisa.
722Amakhulu omathathu avuthela ngezigodlo. UYehova walibhekisa ikrele lendoda kummelwane wayo, nakwimpi yonke; yasaba impi, yasinga eBhete-shita ngaseTserera, yasinga emdeni weAbhele-mehola ngaphaya kweTabhata.
723Wahlatyelwa umkhosi, weza umntu wakwaSirayeli ephuma kwaNafetali, nakwa-Ashere, nakuManase wonke, wawasukela amaMidiyan.
724UGidiyon wathuma abathunywa kweleentaba lonke lakwaEfrayim, esithi, Yihlani niwahlangabeze amaMidiyan, niwaphangele ukuthabatha amanzi, nise eBhete-bhara neYordan. Wahlatywa umkhosi, beza abantu bonke bakwaEfrayim, baphangela ukuwathabatha amanzi lawo, besa eBhete-bhara neYordan.
725Bababamba abathetheli ababini bamaMidiyan, uOrebhe noZebhe; bambulalela uOrebhe eweni likaOrebhe, uZebhe bambulalela esixovulelweni sikaZebhe, bawasukela amaMidiyan. Beza nentloko kaOrebhe nekaZebhe kuGidiyon phesheya kweYordan.
81Athi amadoda akwaEfrayim kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi, yokuba ungasibizi, ukuya kulwa kwakho namaMidiyan? Babambana naye kabukhali.
82Wathi kuwo, Ndenze ntoni na ngoku ngangani? Ukubhikica kwamaEfrayim akukugqithile na ngokulunga ukuvuna iidiliya komAbhihezere?
83UThixo ubanikele esandleni senu abathetheli bakwaMidiyan, uOrebhe noZebhe; yintoni na endinokuyenza ngangani? Yaza ingqumbo yawo ngakuye yadamba ekulithetheni kwakhe elolizwi.
84Akufika uGidiyon eYordan, ewela enamadoda amakhulu mathathu, etyhafile, esasukela noko,
85wathi kumadoda aseSukoti, Khanibaphe abantu aba bandilandelayo iintendana zezonka, ngokuba batyhafile; ndisukela uZebha noTsalimuna, ookumkani bamaMidiyan.
86Bathi abathetheli baseSukoti, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwunike umkhosi wakho isonka?
87Wathi uGidiyon, Xa kunjalo, akubanikela uYehova ooZebha noTsalimuna esandleni sam, ndoyibhalula inyama yenu ngemithana enameva yasentlango, nangamakhakakhaka.
88Wenyuka khona, waya ePenuweli, wathetha kubo kwangokunjalo. Bamphendula abantu basePenuweli njengoko bamphendula ngako abantu baseSukoti.
89Watsho nakubantu basePenuweli, ukuthi, Ekubuyeni kwam ngoxolo ndoyidiliza le nqaba inde.
810Ke kaloku uZebha noTsalimuna bebeseKarkore, benemikhosi yabo, ngathi ngamawaka alishumi elinamahlanu ewonke amadoda, abesele kwimikhosi yonke yabasempumalanga. Kwakuwe amadoda alikhulu elinamanci mabini amawaka, arhola ikrele.
811Wenyuka uGidiyon ngendlela yabahlala ezintenteni, ngasempumalanga kweNobha neYogebheha, wayibulala impi; impi leyo ibingaxhalele nto.
812Basaba ooZebha noTsalimuna; wabasukela, wababamba ookumkani bobabini bamaMidiyan, ooZebha noTsalimuna; wayothusa yonke impi.
813Wabuya uGidiyon unyana kaYowashe emfazweni, evela eqhineni leHeheres,
814wabamba indodana yabantu baseSukoti, wayibuza; yambalela abathetheli baseSukoti, namadoda amakhulu akhona, amadoda amashumi asixhenxe anesixhenxe.
815Weza ebantwini baseSukoti, wathi, Naba ooZebha noTsalimuna, enibe nindingcikiva ngabo, nisithi, Isandla sikaZebha noTsalimuna sesisesandleni sakho yini na, ukuba siwanike isonka amadoda akho atyhafileyo?
816Wawathabatha amadoda amakhulu aloo mzi, nemithana enameva yasentlango namakhakakhaka, wawaqondisa ngayo amadoda aseSukoti.
817Wayidiliza nenqaba ende yasePenuweli, wababulala abantu baloo mzi.
818Wathi kuZebha noTsalimuna, Ebenjani na amadoda enawabulalayo eTabhore? Bathi, Abenjengawe, elowo enesithomo sonyana wokumkani.
819Wathi, Babengabazalwana bam abo, oonyana bakama. Ehleli nje uYehova, ukuba benibasindisile, ngendinganibulali.
820Wathi kuYetere owamazibulo kuye, Suk’ ume, ubabulale. Ke indodana leyo ayilirholanga ikrele layo; ngokuba ibisoyika, kuba ibisengumfana.
821Bathi ooZebha noTsalimuna, Suk’ ume wena, usithi qwele; njengoko injalo indoda, bunjalo nobugorha bayo. Wesuka ke uGidiyon, wababulala ooZebha noTsalimuna, wazithabatha iintsimbi ezisezintanyeni zeenkamela zabo.
822Athi amaSirayeli kuGidiyon, Silawule wena, kwanonyana wakho, nonyana wonyana wakho; ngokuba usisindisile esandleni samaMidiyan.
823Wathi uGidiyon kuwo, Andiyi kunilawula mna; akayi kunilawula nonyana wam; nguYehova oya kunilawula nina.
824Wathi uGidiyon kuwo, Ndiya kucela ngcelo-nye kuni; ndinikeni elowo ijikazi lexhoba lakhe. (Ngokuba ebenamajikazi egolide, kuba ebengamaIshmayeli.)
825Athi, Sokunika ngemvume. Azandlala iingubo, aphosa khona elowo ijikazi lexhoba lakhe.
826Ubunzima bamajikazi egolide awawacelayo baba liwaka elinamakhulu asixhenxe eeshekele zegolide, ngaphandle kwezaa ntsimbi namacici neengubo ezimfusa ezibe zikookumkani bamaMidiyan, nangaphandle kwezidanga ezibe zisezintanyeni zeenkamela zabo.
827UGidiyon wenza ngazo iefodi, wayibeka emzini wakhe eOfra; athi onke amaSirayeli ahenyuza ngokuyilandela khona; yangumgibe kuGidiyon nakwindlu yakhe.
828Athotywa amaMidiyan phambi koonyana bakaSirayeli, akaphinda aziphakamise iintloko zawo. Lazola ke ilizwe iminyaka emashumi mane ngemihla kaGidiyon.
829Waya uYerubhahali, unyana kaYowashe, wahlala endlwini yakhe.
830UGidiyon ebenoonyana abangamashumi asixhenxe abaphumayo esinqeni sakhe, ngokuba ebenabafazi abaninzi.
831Neshweshwe lakhe, elibe likwaShekem, lamzalela unyana nalo; awamthiya igama lokuba nguAbhimeleki.
832Wafa uGidiyon unyana kaYowashe, eyingwevu enkulu, wangcwatyelwa engcwabeni likaYowashe uyise, eOfra yama-Abhihezere.
833Kwathi, akufa uGidiyon, babuya oonyana bakaSirayeli bahenyuza ngokulandela uBhahali; bazimisela uBhahali-bheriti, waba nguthixo wabo.
834Oonyana bakaSirayeli abamkhumbulanga uYehova uThixo wabo, owabahlangulayo esandleni seentshaba zabo zonke ngeenxa zonke;
835abayenzela nceba indlu kaYerubhahali, kaGidiyon, ngokokulunga konke awawenzelayo amaSirayeli.
91Waya uAbhimeleki kaYerubhahali kwaShekem kubazalwana bonina, wathetha kubo nakwimizalwane yonke yendlu kayise yonina, wathi,
92Khanithethe ezindlebeni zabemi bakwaShekem bonke, nithi, Okona kulungileyo kuni, kukuthi nilawulwe ngamadoda amashumi asixhenxe, oonyana bonke bakaYerubhahali, kukuthi nilawulwe yindoda ibe nye, kusini na? Khumbulani ukuba ndilithambo lenu; ndiyinyama yenu.
93Bathetha abazalwana bonina ngaye, ezindebeni zabemi bakwaShekem bonke loo mazwi onke, intliziyo yabo yakuthobela ukumlandela uAbhimeleki; ngokuba bathi, Ngumzalwana wethu.
94Bamnika iisilivere ezimashumi asixhenxe ezivela endlwini kaBhahali-bheriti; uAbhimeleki waqesha ngazo amadoda angenabuntu, agasileyo; amlandela ke.
95Weza endlwini kayise eOfra, wababulala abazalwana bakhe, oonyana bakaYerubhahali, amadoda amashumi asixhenxe, tyeni linye; kwasala uYotam, unyana omncinane kaYerubhahali, ngokuba wazimela.
96Bahlangana bonke abemi bakwaShekem nendlu yonke yeMilo, baya bamenza uAbhimeleki ukumkani ngasemokini wesikhumbuzo okwaShekem.
97Waxelelwa uYotam, waya wema encotsheni yentaba yeGerizim, waliphakamisa izwi lakhe, wadanduluka, wathi kubo, Ndiveni, nina bemi bakwaShekem, aze uYehova anive nani.
98Yaya imithi ukuya kuthambisa ukumkani ukuba abe phezu kwayo. Yathi kumnquma, Yiba ngukumkani wethu.
99Wathi umnquma kuyo, Ndingade ndikuncame na ukutyeba kwam abakuzukisayo oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
910Yathi imithi kumkhiwane, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
911Wathi umkhiwane kuyo, Ndingade ndiyincame na incasa yam, neziveliso zam ezihle, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
912Yathi imithi kumdiliya, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
913Wathi umdiliya kuyo, Ndingade ndiyincame na iwayini yam evuyisa oothixo nabantu, ndiye kujingajinga phezu kwemithi?
914Yathi yonke imithi kwiqunube, Yiza wena, ube ngukumkani wethu.
915Lathi iqunube kuyo imithi, Ukuba okunene niyandithambisa ndibe ngukumkani wenu, yizani nizimele ngomthunzi wam; ukuba akunjalo, makuphume umlilo equnubeni, uyidle imisedare yaseLebhanon.
916Ukuba ke ngoko nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo, uAbhimeleki nimenze ukumkani nje, ukuba nenze okulungileyo kuYerubhahali nakwindlu yakhe, ukuba nimenzele ngokwempatho yezandla zakhe;
917(ekubeni ubawo wanilwelayo, wawulahlayo umphefumlo wakhe, wanihlagulayo esandleni samaMidiyan;
918ke nina nisuke nayivunukela indlu kabawo namhla, nababulala oonyana bakhe, amadoda angamashumi asixhenxe, tyeni linye, namenza ukumkani wabemi bakwaShekem uAbhimeleki, unyana womkhonzazana wakhe, ngokuba engumzalwana wenu);
919ukuba ke nenze ngenyaniso nangokugqibeleleyo namhla kuYerubhahali nakwindlu yakhe: vuyani ke ngoAbhimeleki, avuye naye ngani.
920Ukuba akunjalo, makuphume umlilo kuAbhimeleki, ubadle abemi bakwaShekem nendlu yeMilo, uphume umlilo kubemi bakwaShekem nakwindlu yeMilo, umdle uAbhimeleki.
921Wabaleka ke uYotam, wasaba, waya eBhere, wahlala khona ngenxa ka-Abhimeleki umzalwana wakhe.
922UAbhimeleki waba ngumthetheli wamaSirayeli iminyaka emithathu.
923UThixo wathuma umoya ombi phakathi koAbhimeleki nabemi bakwaShekem, bamkhohlisa uAbhimeleki abemi bakwaShekem;
924ukuze ukungonyanyelwa koonyana abangamashumi asixhenxe bakaYerubhahali kufike, igazi labo libekwe phezu koAbhimeleki umzalwana wabo, owababulalayo, naphezu kwabemi bakwaShekem, abasomelezayo isandla sakhe, wababulala abazalwana bakhe.
925Abemi bakwaShekem bammisela abalaleli ezincotsheni zeentaba, baxhakamfula bonke abadlula kubo ngendlela. Waxelelwa ke uAbhimeleki.
926Waya uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, badlula besiya kwaShekem. Abemi bakwaShekem bakholosa ngaye.
927Baphuma baya emasimini, bavuna izidiliya zabo, bazixovula, benza iminikelo yendumiso, baya endlwini yothixo wabo, badla, basela, bamqalekisa uAbhimeleki.
928Wathi uGahali unyana kaEbhede, Ngubani na yena uAbhimeleki? Engubani na yena uShekem, ukuba simkhonze? Akanyana kaYerubhahali na, waye uZebhule engemveleli wakhe na? Khonzani amadoda akwaHamore, usoShekem. Kungani na ukuba simkhonze yena?
929Ababa aba bantu babesesandleni sam! Kukhona bendingamsusayo uAbhimeleki. Wathi, esingisa kuAbhimeleki, Wandise umkhosi wakho, uphume.
930Waweva uZebhule, umphathi waloo mzi, amazwi kaGahali unyana kaEbhede, wavutha umsindo wakhe.
931Wathuma abathunywa kuAbhimeleki ngenkohliso, esithi, Nanku uGahali unyana kaEbhede, nabazalwana bakhe, befike kwaShekem; yabona, bayawubandezela umzi ukuba uchasane nawe.
932Vuka ke ngoko ebusuku, wena nabantu onabo, ulalele emasimini;
933kothi, kusasa ukuphuma kwelanga, uvuke kusasa, wakhe uluhlu uye kuloo mzi; nanko yena nabantu anabo bephuma besiza kuwe; wenze kuye, njengoko sithe safumana ngako isandla sakho.
934Wavuka ke ebusuku uAbhimeleki nabantu bonke anabo, bawulalela owakwaShekem, bemaqela mane.
935Waphuma uGahali unyana kaEbhede, wema ekungeneni kwesango lomzi; wesuka uAbhimeleki nabantu anabo ekulaleleni.
936UGahali wababona abantu, wathi kuZebhule, Naba abantu besihla ezincotsheni zeentaba. Wathi uZebhule kuye, Ubona amathunzi eentaba ngathi ngabantu.
937Waphinda waqokela uGahali, wathi ukuthetha, Naba abantu besihla emnyeleni welizwe, elinye iqela lisiza ngendlela yoMoki wamaTola.
938Wathi uZebhule kuye, Uphi na kaloku umlomo wakho owathi ngawo, Ngubani na uAbhimeleki ukuba simkhonze? Asingabo abo bantu na wabacekisayo? Khawuphume kaloku, ulwe nabo.
939Waphuma uGahali phambi kwabemi bakwaShekem, walwa noAbhimeleki.
940UAbhimeleki wamsukela; wasaba yena phambi kwakhe. Kwawa ababuleweyo baba baninzi, kwada kwesa ekungeneni kwesango.
941UAbhimeleki wahlala eAruma; uZebhule wamgxotha uGahali nabazalwana bakhe ukuba bangahlali kwaShekem.
942Kwathi ngengomso, baphuma abantu baya emasimini; waxelewa uAbhimeleki.
943Wabathabatha abantu, wabahlula baba maqela mathathu, walalela emasimini; wakhangela, wabona abantu bephuma kuloo mzi, wabavunukela wabaxabela.
944UAbhimeleki namaqela abenawo badwela ekungeneni kwesango lomzi; aza amaqela amabini akha uluhlu kubo bonke ababesemasimini, abaxabela ke.
945UAbhimeleki walwa naloo mzi imini yonke, wawuthimba umzi, nabantu abakuwo wababulala; wawudiliza umzi, wawuhlwayela ityuwa.
946Beva ke bonke abasenqabeni ende yakwaShekem, bangena engontsini yendlu yoEle-Bheriti.
947Waxelelwa uAbhimeleki, ukuba babuthelene khona bonke abasenqabeni ende yakwaShekem.
948Wayinyuka uAbhimeleki intaba yaseTsalimon, yena nabantu bonke abenabo; uAbhimeleki waphatha amazembe ngesandla, wagawula isebe emithini, walifunqula, walibeka egxalabeni lakhe; wathi ebantwini abenabo, Into enibone ndiyenza, ngxamani nenze njengam.
949Bagawula ke nabo abantu bonke, elowo isebe lakhe, bamlandela uAbhimeleki, bawabeka engontsini leyo, bayifaka isikhuni ingontsi, bekuyo abasenqabeni; kwafa nabantu bonke benqaba ende yakwaShekem, ngathi liwaka lamadoda nabafazi.
950UAbhimeleki waya eTebhetse, wayingqinga iTebhetse, wayithimba.
951Kwakukho inqaba ende eliqele phakathi komzi, abalekela khona onke amadoda, nabafazi, nabemi bonke bomzi, bazivalela, bakhwela phezu kwentungo yenqaba leyo inde.
952Wafika ke uAbhimeleki enqabeni ende, walwa nayo, wasondela emnyango wenqaba ende, ukuze ayitshise ngomlilo.
953Yasuka inkazana ethile, yaphosa ilitye lokusila langaphezulu entlokweni ka-Abhimeleki, yamtyumza ukakayi.
954Wabiza kamsinya umfana wakwakhe obephethe iintonga zakhe, wathi kuye, Rhola ikrele lakho, undibulale, hleze kuthiwe ngam, Ubulewe yinkazana. Umfana wakwakhe wamhlaba amahlanza, wafa ke.
955Abona amaSirayeli ukuba ufile uAbhimeleki, aya elowo endaweni yakhe.
956UThixo wabubuyisela entlokweni yakhe ububi buka-Abhimeleki abebenzile kuyise, ngokubulala abazalwana bakhe abamashumi asixhenxe;
957nobubi bonke bamadoda akwaShekem uThixo wabubuyisela ezintlokweni zawo; afikelwa sisiqalekiso sikaYotam, unyana kaYerubhahali.
101Emva koAbhimeleki kwavela uTola, unyana kaPuwa, unyana kaDodo, umIsakare, ohleli eShamire ezintabeni zakwaEfrayim; wawasindisa amaSirayeli.
102Wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamithathu; wafa, wangcwatyelwa eShamire.
103Emva kwakhe kwavela uYahire umGiliyadi, wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamibini.
104Wayenoonyana abamashumi mathathu, abakhwela emaesileni amatsha amashumi mathathu, benemizi emashumi mathathu, ekuthiwa yiHavoti-yahire yona unanamhla, esezweni laseGiliyadi.
105Wafa uYahire, wangcwatyelwa eKamon.
106Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali, nooAshtaroti, noothixo bakwa-Aram, noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, abamkhonza.
107Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni samaFilisti, nasesandleni soonyana baka-Amon.
108Babaguba babacola oonyana bakaSirayeli kwangaloo mnyaka; babacola iminyaka elishumi elinesibhozo bonke oonyana bakaSirayeli, ababephesheya kweYordan ezweni lama-Amori eliseGiliyadi.
109Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene.
1010Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali.
1011Wathi uYehova koonyana bakaSirayeli, Ndibe ndinganisindisanga na kumaYiputa, nakuma-Amori, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti,
1012nakumaTsidon, nakuma-Amaleki, nakumaMahon, abenixina; nakhala kum, ndanisindisa esandleni sawo?
1013Nindilahlile nina, nakhonza thixo bambi; ngako oko andiyi kuphinda ndinisindise.
1014Hambani niye kukhala koothixo enibanyulileyo; mabanisindise bona ngexesha lokubandezelwa kwenu.
1015Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla.
1016Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli.
1017Babizeleka ndawonye oonyana baka-Amon, bamisa eGiliyadi. Bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bamisa eMizpa.
1018Bathi abantu, abathetheli baseGiliyadi, omnye komnye, Ngubani na indoda eya kuqala ukulwa noonyana baka-Amon? Yoba yintloko yabemi bonke baseGiliyadi.
111Ke kaloku uYifeta, umGiliyadi, ebeligorha elinobukroti; ke ubengunyana wenkazana elihenyukazi. UGiliyadi wazala uYifeta.
112UmkaGiliyadi wamzalela oonyana; bakhula oonyana bomkakhe, bamgxotha uYifeta, bathi kuye, Akuyi kudla lifa endlwini kabawo, ngokuba ungunyana wankazana yimbi wena.
113Wabaleka uYifeta phambi kwabazalwana bakhe, wahlala ezweni laseTobhi. Kwathuthelana kuYifeta amadoda angenabuntu, aphuma naye.
114Kwathi, kwakuba ntsuku, balwa oonyana baka-Amon noonyana bakaSirayeli.
115Kwathi, bakuba besilwa oonyana baka-Amon namaSirayeli, amadoda amakhulu aseGiliyadi aya kumthabatha uYifeta ezweni laseTobhi;
116athi kuYifeta, Yiza ube ngumphathi wethu, silwe noonyana baka-Amon.
117Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Asinini yini na abandithiyayo, bandigxotha endlwini kabawo? Kungani na ukuba nize kum kaloku, nakuba nibandezelekile?
118Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, Kukho kaloku le nto sibuyela kuwe, ukuba uhambe nathi, ulwe noonyana baka-Amon, ube yintloko kuthi, kubemi bonke baseGiliyadi.
119Wathi uYifeta kumadoda amakhulu aseGiliyadi, Ukuba nithe nandibuyisa, ukuze ndilwe noonyana baka-Amon, uYehova wabanikela kum, mna ndoba yintloko kuni na?
1110Athi amadoda amakhulu aseGiliyadi kuYifeta, UYehova makabe lingqina phakathi kwethu; inene siya kwenjenjalo ngokwelizwi lakho.
1111Wahamba ke uYifeta namadoda amakhulu aseGiliyadi; abantu bammisa phezu kwabo, waba yintloko nomphathi. Wawathetha uYifeta onke amazwi akhe phambi koYehova eMizpa.
1112UYifeta wasusa abathunywa, baya kukumkani woonyana baka-Amon, wathi, Yintoni na enam nawe, uze kum nje ukuba ulwe nelizwe lam?
1113Wathi ukumkani woonyana baka-Amon kubathunywa bakaYifeta, Kungokuba amaSirayeli alithabathayo ilizwe lam, ukunyuka kwawo eYiputa, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa eYordan; libuyise ngoxolo kalokunje.
1114UYifeta waphinda wathuma abathunywa kukumkani woonyaka baka-Amon, wathi kuye,
1115Utsho uYifeta ukuthi, AmaSirayeli akalithabathanga ilizwe lakwaMowabhi, nelizwe loonyana baka-Amon;
1116ngokuba ekunyukeni kwawo eYiputa amaSirayeli ahamba ngentlango, eza eLwandle oluBomvu, eza eKadeshe;
1117amaSirayeli athuma abathunywa kukumkani wakwaEdom, esithi, Makhe ndicande ezweni lakho. Ke ukumkani wakwaEdom akaphulaphulanga. Athuma nakukumkani wakwaMowabhi, naye akavumanga. Ahlala amaSirayeli eKadeshe.
1118Ahamba entlango, alijikela ilizwe lakwaEdom nelizwe lakwaMowabhi, evela ekuphumeni kwelanga; aya ezweni lakwaMowabhi, amisa ngaphesheya kweArnon, akangena emdeni wakwaMowabhi, ngokuba iArnon ngumda wakwaMowabhi.
1119AmaSirayeli athuma abathunywa kuSihon, ukumkani wama-Amori, ukumkani waseHeshbhon; athi amaSirayeli kuye, Makhe ndicande ezweni lakho, ndiye endaweni yam.
1120Ke uSihon akakholwa ngamaSirayeli, ukuba acande emdeni wakhe. Wabahlanganisa uSihon bonke abantu bakhe, bamisa eYatsa, walwa namaSirayeli.
1121UYehova, uThixo kaSirayeli, wamnikela uSihon nabantu bakhe bonke, esandleni samaSirayeli. Ababulala, alihlutha amaSirayeli lonke ilizwe lama-Amori abehleli kweli lizwe.
1122Awuhlutha wonke umda wama-Amori, athabathela eArnon esa eYabhoki, athabathela entlango esa eYordan.
1123Kaloku uYehova, uThixo kaSirayeli, uwagqogqile ama-Amori phambi kwabantu bakhe amaSirayeli. Uya kulihlutha na ke wena?
1124Akuhluthi elo na, akuhluthele lona uKemoshe uthixo wakho? Nathi sihluthe lonke asihluthele lona uYehova uThixo wethu ebusweni bethu?
1125Ngoku wena ulunge ngaphezu koBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wakwaMowabhi, yini na? Wakha wabambana nokubambana na yena namaSirayeli, wakha walwa nokulwa na yena nawo?
1126Ekuhlaleni kwamaSirayeli eHeshbhon nasemagxamesini ayo, naseArohere nasemagxamesini ayo, nasemizini yonke esemacaleni eArnon iminyaka emakhulu mathathu, ibiyini na ukuba ningayihlanguli ngelo xesha?
1127Mna andikonanga; nguwe ondenza into embi ngokulwa nam. UYehova uMgwebi makagwebe namhla phakathi koonyana bakaSirayeli noonyana baka-Amon.
1128Ukumkani woonyana baka-Amon akawaphulaphula amazwi kaYifeta awawathumela kuye.
1129UMoya kaYehova wamfikela uYifeta, wacanda eGiliyadi nakwaManase, wacanda naseMizpa yaseGiliyadi; wesuka eMizpa yaseGiliyadi, wabangenela oonyana baka-Amon.
1130UYifeta wabhambathisa kuYehova isibhambathiso, wathi, Ukuba uthe wabanikela kanye oonyana baka-Amon esandleni sam,
1131wothi, osukuba ephuma emnyango wendlu yam, eza kundikhawulela ekubuyeni kwam ngoxolo koonyana baka-Amon, abe ngokaYehova; ndimnyuse abe lidini elinyukayo.
1132Wagqitha ke uYifeta, waya koonyana baka-Amon ukuba alwe nabo. Wabanikela uYehova esandleni sakhe.
1133Wababulala kakhulu kunene, kwathabathela eArohere kwada kwaya eMiniti, imizi emashumi mabini, kwesa eAbhele-keramim. Bathotywa oonyana baka-Amon phambi koonyana bakaSirayeli.
1134Wafika uYifeta eMizpa endlwini yakhe; nantso intombi yakhe iphuma iza kumkhawulela, inengqongqo ingqungqa; yaye ikuphela komntwana wakhe, ngaphandle kwayo wayengenanyana nantombi.
1135Kwathi akuyibona, wazikrazulu iingubo zakhe, wathi, Yini na le, ntombi yam! Undithobile kakhulu wena ungowabandihlisele intlekele! Mna ndiwuvulile umlomo wam kuYehova; andinakubuya umva.
1136Yathi kuye, Bawo, uwuvulile umlomo wakho kuYehova; yenza kum njengoko kuphume emlonyeni wakho; okunje uYehova akwenzele impindezelo ezintshabeni zakho, oonyana baka-Amon.
1137Yathi kuyise, Mandenzelwe le ndawo; ndiyeke iinyanga zibe mbini, ndihambe ndihle ndiye ezintabeni, ndililele ubuntombi bam, mna nabalingane bam.
1138Wathi, Yiya. Wayindulula, yaya iinyanga ezimbini. Yaya yona nabalingane bayo, yabulilela ubuntombi bayo ezintabeni.
1139Kwathi, ekupheleni kweenyanga ezimbini, yabuya yeza kuyise, wasenzela kuyo isibhambathiso sakhe, awayesibhambathisile; ke yona yayingazani nandoda. Yaba lisiko kwaSirayeli ukuthi,
1140imihla kamihla, iintombi zakwaSirayeli ziye ziyibonge intombi kaYifeta umGiliyadi, imihla emine ngomnyaka.
121Ahlatyelwa umkhosi eza amadoda akwaEfrayim, awela aya entla, athi kuYifeta, Ibiyini na ukuba ugqithe uye kulwa noonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? Siya kuyitshisa ngomlilo indlu yakho phezu kwakho.
122Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo.
123Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?
124Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase.
125AmaGiliyadi awaphangela amaEfrayim ngokuvingca amazibuko eYordan. Babesithi abasabileyo bakwaEfrayim bakuthi, Mandiwele, athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ubesithi akuthi, Hayi,
126athi kuye, Khawuthi, Shibholete; wathi yena, Sibholete, engalungisi ukulibiza ngokwenjenjalo; asuke ambambe, amsike emazibukweni eYordan. Kwawa ke ngelo xesha kumaEfrayim amawaka angamashumi omane anamabini.
127UYifeta wawalawula amaSirayeli iminyaka yamithandathu. Wafa ke uYifeta umGiliyadi, wangcwatyelwa komnye wemizi yaseGiliyadi.
128Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uIbhetsan waseBhetelehem.
129Wayenoonyana abamashumi mathathu; waya kwendisa ngaphandle iintombi ezimashumi mathathu, wazekela oonyana bakhe iintombi ezimashumi mathathu ezivela ngaphandle. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esixhenxe.
1210Wafa ke uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem.
1211Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uElon, umZebhulon; wawalawula amaSirayeli iminyaka elishumi.
1212Wafa ke uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon, ezweni lakwaZebhulon.
1213Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uAbhedon, unyana kaHileli, wasePiraton.
1214Waye enoonyana abamashumi mane, noonyana boonyana abamashumi mathathu, abakhwela kumaesile amatsha amashumi asixhenxe. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esibhozo.
1215Wafa ke uAbhedon unyana kaHileli, wasePiraton, wangcwatyelwa ePiraton ezweni lakwaEfrayim, kweleentaba lama-Amaleki.
131Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova. UYehova wabanikela esandleni samaFilisti iminyaka emashumi mane.
132Ke kaloku kwabakho ndoda ithile yaseTsora, yomlibo wamaDan, egama linguManowa, umkayo eludlolo, engazali.
133Kwabonakala isithunywa sikaYehova kumfazi lowo, sathi kuye, Yabona, uludlolo wena, akuzali; ke uya kumitha, uzale unyana.
134Ke ngoko khawuzigcine, uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo; ungadli nanye into eyinqambi.
135Ngokuba uyabona, uya kumitha, uzale unyana; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo kwasesizalweni. Yiyo ke eya kuqala ukuwasindisa amaSirayeli esandleni samaFilisti.
136Weza lo mfazi, wathi kwindoda yakhe, Kufike kum umntu kaThixo, imbonakalo yakhe injengembonakalo yesithunywa sikaThixo, isoyikeka kunene; kodwa andimbuzanga apho avela khona, naye akandixelelanga igama lakhe.
137Wathi kum, Uyabona, uya kumitha, uzale unyana; ke ngoko uze ungaseli wayini nasiselo sinxilisayo, ungadli nanye into eyinqambi; ngokuba le nkwenkwe iya kuba ngumahlulwa kaThixo, kwasesizalweni, kude kube ngumhla wokufa kwayo.
138Wathandaza ke uManowa kuYehova, wathi, Camagu, Nkosi yam; umntu kaThixo owamthumayo makakhe abuye eze kuthi, asifundise ukuba simthini na umntwana oya kuzalwa.
139Waliphulaphula uThixo izwi likaManowa; sabuya seza ke isithunywa sikaYehova kumfazi lowo ehleli entsimini, uManowa indoda yakhe ingenaye.
1310Wakhawuleza umfazi, wagidima, wayixelela indoda yakhe, wathi kuyo, Yabona, ubonakele kum laa mntu ubeze kum laa mhla.
1311Wesuka ke uManowa, wamlandela umkakhe, waya kuloo mntu, wathi kuye, Ungulaa mntu na ubethetha nomfazi? Wathi, Ndinguye.
1312Wathi uManowa, Ukuba lithe lenzeka kaloku ilizwi lakho, loba yintoni na isiko lale nkwenkwe, nokwenza kwayo?
1313Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Konke endikuthethileyo kumfazi makazigcine kuko.
1314Maze angadli nto iphuma emdiliyeni, angaseli wayini nasiselo sinxilisayo, angadli nanye into eyinqambi. Konke endimwisele umthetho ngako makakugcine.
1315Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Makhe sikubambezele, sikwenzele itakane lebhokhwe.
1316Sathi isithunywa sikaYehova kuManowa, Nokuba undibambezele, andiyi kudla ekudleni kwakho; ke ukuba wenza idini elinyukayo kuYehova, linyuse. Ngokuba uManowa ebengazi ukuba sisithunywa sikaYehova.
1317Wathi uManowa kwisithunywa sikaYehova, Ungubani na igama; sikuzukise lakwenzeka ilizwi lakho?
1318Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Yini na le nto ulibuzayo igama lam, libalulekile nje?
1319Wathabatha uManowa itakane lebhokhwe nomnikelo wokudla, wazinyusa kuYehova eweni; sona sisenza ngokumangalisayo, bebonela uManowa nomkakhe.
1320Kwathi, ekunyukeni kwelangatye esibingelelweni, lisinga ezulwini, senyuka isithunywa sikaYehova ngelangatye lesibingelelo, uManowa nomkakhe bebona. Bawa ngobuso emhlabeni.
1321Asaba saphinda sibonakale isithunywa sikaYehova kuManowa nomkakhe. Wandula ukwazi uManowa ukuba sisithunywa sikaYehova esi.
1322Wathi uManowa kumkakhe, Siya kufa ngenene, ngokuba simbonile uThixo.
1323Wathi umkakhe kuye, Ukuba uYehova ubefuna ukusibulala, ange engalamkelanga esandleni sethu idini elinyukayo, nomnikelo wokudla; ange engasibonisanga zonke ezi zinto; ange engasivisanga okunje ngexesha elinjengeli.
1324Wazala unyana umfazi lowo, wathi igama lakhe nguSamson. Yakhula ke inkwenkwe leyo, uYehova wayisikelela.
1325Waqala uMoya kaYehova wamqhuba eseMahane-dan, phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.
141Wehla uSamson waya eTimnata, wabona inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti.
142Wenyuka, waxelela uyise nonina, wathi, Ndibone inkazana eTimnata, ezintombini zamaFilisti; kaloku ke ndizekeleni ibe ngumfazi.
143Bathi kuye uyise nonina, Akukho nkazana ezintombini zabazalwana bakho, nasebantwini bakowethu bonke na, ukuba nje ude uye kuzeka umfazi kumaFilisti angalukileyo? Wathi uSamson kuyise, Ndizekele yona, ngokuba ndikholiwe yiyo.
144Uyise nonina babengazi ukuba ivela kuYehova le nto; ngokuba ebefuna ithuba lokubambana namaFilisti. Ngelo xesha amaFilisti ebelawula kwaSirayeli.
145Wehla uSamson noyise nonina, baya eTimnata, bafika ezidiliyeni zaseTimnata; nantso ingonyama entsha imkhawulela, igquma.
146Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wayiqwenga, wanga uqwenga itakane, kungekho nto esandleni sakhe; akakuxela kuyise nakunina akwenzileyo.
147Wehla wathetha nenkazana leyo; yamkholisa kunene uSamson.
148Wabuya kwakuba ntsuku, esiya kuyizeka. Watyeka, wakhangela isidumbu sengonyama leya; nalo ibubu leenyosi lisesidumbini sengonyama, kukho nobusi.
149Wabuthabatha, waphatha ngesandla, wahamba, wahamba esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla; akabaxelela ukuba ubusi ubuthabathe esidumbini sengonyama.
1410Wehla ke uyise waya kuloo nkazana; uSamson wenza umsitho khona; ngokuba abesenjenjalo amadodana.
1411Kwathi, bakumbona, bazisa abalingane abangamashumi omathathu, baba naye.
1412Wathi uSamson kubo, Ndonijikela iqhina; ukuba nithe nandicombululela ngeentsuku ezisixhenxe zomsitho, nalifumana, ndoninika iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu.
1413Ke ukuba anithanga nibe nako ukundicombululela, nondinika nina iingubo zelinen entle ezingamashumi amathathu, neengubo zokukhululana ezingamashumi omathathu. Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive.
1414Bathi kuye, Lijike iqhina lakho silive. Wathi kubo, Kodlayo kwaphuma ukudla, Konamandla kwaphuma incasa. Ababa nako ukulicombulula iqhina imihla emithathu.
1415Kwathi ngosuku lwesixhenxe bathi kumkaSamson, Yirhwebeshe indoda yakho, isicombululele iqhina, hleze sikutshise wena nendlu kayihlo ngomlilo. Nisimemele ukuba nisihlwempuzise na? Akunjalo na?
1416UmkaSamson wamlilela wathi, Kodwa undithiyile, akundithandi; ubajikele iqhina oonyana babantu bakowethu, akwandicombululela. Wathi kuye, Yabona, andibacombululelanga ubawo noma; ndicombululele wena na?
1417Ke wamlilela iintsuku zosixhenxe ababesemsithweni ngazo. Kwathi ngolwesixhenxe usuku wamcombululela, kuba ebemxinile. Waza yena wabaxela oonyana babantu bakowabo.
1418Athi kuye amadoda aloo mzi ngomhla wesixhenxe, lingekatshoni ilanga, Yintoni na enencasa ngaphezu kobusi? Yintoni na enamandla ngaphezu kwengonyama? Wathi kuwo, Ukuba beningalimanga ngethokazi lam, Ngeningalifumananga iqhina lam.
1419Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova, wehla waya eAshkelon, wabulala kubo apho amashumi omathathu amadoda, wawahluba iingubo, wanika abacombululi beqhina elo iingubo zokukhululana. Wavutha umsindo wakhe, wenyuka waya endlwini kayise.
1420Ke umkaSamson waba ngowomlingane wakhe, abemenze isihlobo sakhe.
151Kwathi kwakuba ntsuku, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson wamvelela umkakhe, enetakane lebhokhwe; wathi, Ndiya kungena kumkam egumbini. Ke uyise womfazi ebengamvumeli ukuba angene.
152Wathi uyise womfazi, Bendiba umthiyile ngenene, ndamnika umlingane wakho. Akamhle na umsakwabo kunaye? Makabe ngowakho esikhundleni sakhe.
153Wathi uSamson kubo, Ndimsulwa okwesi sihlandlo kumaFilisti, xa ndithe ndenza ububi kuwo.
154Waya uSamson wabamba amakhulu omathathu eempungutye, wathabatha izikhuni ezivuthayo, waziqhagamshela ngemisila, wafaka isikhuni sasinye phakathi kwayo.
155Walumeka ngomlilo ezikhunini, wazindulula zaya engqoloweni yamaFilisti engekavunwa; watshisa, ethabathela ezitheni, wesa engqoloweni engekavunwa, wesa emiyezweni yeminquma.
156Athi amaFilisti, Ngubani na lo wenze oku? Bathi, NguSamson, umyeni womTimnata; ngokuba emthabathile umkakhe, wamnika umlingane wakhe. Enyuka amaFilisti, amtshisa yena noyise ngomlilo.
157Wathi uSamson kuwo, Ukuba nenjenje, inene, ndiya kuziphindezelela kuni, ndandule ukupheza.
158Wawaxabela kakhulu ihleza nethanga; wehla ke, wahlala emqhokrweni wengxondorha yase-Etam.
159Enyuka amaFilisti, amisa kwaYuda, akha uluhlu eLehi.
1510Athi amadoda akwaYuda, Yini na ukuba ninyuke nize phezu kwethu? Athi wona, Sinyuke seza kukhonkxa uSamson, senze kuye njengoko enze ngako kuthi.
1511Ehla amadoda angamawaka amathathu, evela kwaYuda, aya emqhokrweni wengxondorha yase-Etam, athi kuSamson, Akwazi na ukuba amaFilisti ayasilawula? Yintoni na le usenze yona? Wathi kuwo, Njengoko enze ngako kum, ndenze ngako nam kuwo.
1512Athi kuye, Sihle, size kukukhonkxa, ukuba sikunikele esandleni samaFilisti. Wathi uSamson kuwo, Ndifungeleni, ukuba aniyi kundibulala ngokwenu.
1513Athi kuye, Siya kukukhonkxa sikuqinise, sikunikele esa ndleni sawo; ukukubulala, asiyi kukubulala. Amkhonkxa ngezintya ezintsha ezimbini, amnyusa engxondorheni.
1514Weza eLehi; amaFilisti amkhawulela eduma. Wamfikela ngamandla uMoya kaYehova; izintya ebezisemikhonweni yakhe zaba njengeflakisi ngumlilo, amakhamandela akhe acombuluka ezandleni zakhe.
1515Wafumanana nomhlathi omtsha we-esile, wasolula isandla, wawuthabatha, wabulala ngawo iwaka lamadoda.
1516Wathi uSamson, Ngomhlathi we-esile zizigigaba ngezigigaba; Ngomhlathi we-esile ndisike iwaka lamadoda.
1517Kwathi, akugqiba ukuthetha, wawulahla umhlathi esandleni sakhe, wathi loo ndawo yiRamati-lehi.
1518Wanxanwa kakhulu, wanqula uYehova, wathi, Wena unike ngesandla somkhonzi wakho usindiso olungaka; kanti nanku ndiya kufa linxano, ndeyele esandleni sabangalukanga.
1519Wawucanda uThixo umgongxo oseLehi; kwaphuma amanzi kuwo. Wasela, wabuya umoya wakhe, waphila ke. Ngenxa yoko wathi igama laloo ndawo nguMthombo woMnquli, oseLehi unanamhla.
1520Wawalawula amaSirayeli ngemihla yamaFilisti iminyaka emashumi mabini.
161USamson waya eGaza, wabona khona inkazana elihenyukazi, wayilala.
162Kwathiwa kwabaseGaza, USamson ungene apha. Bamrhawula, bamlalela ubusuku bonke esangweni lomzi; bathi cwaka ubusuku bonke, besithi, Kwakusa ngomso sombulala.
163Walala uSamson kwada kwaba phakathi kobusuku. Wavuka phakathi kobusuku, wabambelela ezingcangweni zesango lomzi, nasemigubasini yomibini, wayincothula inomvalo; wayibeka emagxeni akhe, wayithwalela encotsheni yentaba phambi kweHebron.
164Kwathi emveni koko, wathanda inkazana esihlanjeni saseSoreki, igama layo linguDelila.
165Zenyuka zaya kuyo izikhulu zamaFilisti, zathi kuyo, Mrhwebeshe, ubone ukuba asenini na la mandla akhe angaka, nokuba singameyisa ngantoni na, simkhonkxe ukuze simthobe; sokunika thina elowo iwaka elinekhulu lesilivere.
166Wathi uDelila kuSamson, Khawundixelele ukuba asenini na la mandla akho angaka, nokuba ungakhonkxwa ngantoni na, ukuze uqotywe?
167Wathi uSamson kuye, Ukuba bathe bandibopha ngeentambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.
168Izikhulu zamaFilisti zenyuka, zamzisela iintambo ezisixhenxe ezintsha ezingomanga; wamkhonkxa ngazo.
169Ke abalaleli babehleli naye egumbini. Wathi umkakhe kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wazijaca iintambo, kwanga kukujaceka kwentsontelo yeflakisi yakuva umlilo; akaziwa ke amandla akhe.
1610Wathi uDelila kuSamson, Yabona, udlale ngam, wandixokisa; khawundixelele kaloku ukuba ungakhonkxwa ngantoni na.
1611Wathi kuye, Ukuba bathe ukundikhonkxa bandikhonkxa ngeentsontelo ezintsha, ekungasetyenzwanga msebenzi ngazo, ndothi fehle, ndibe njengomnye umntu.
1612UDelila wathabatha iintsontelo ezintsha, wamkhonkxa ngazo, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Ke abalaleli babehleli egumbini. Wazijaca emikhonweni yakhe njengomsonto.
1613Wathi uDelila kuSamson, Udlale ngam unangoku, undixokisa; ndixelele, ungakhonkxwa ngantoni na? Wathi kuye, Ukuba uthe waluka izihlwitha ezisixhenxe zentloko yam ngemisonto yokuluka.
1614Waziqinisa ngesikhonkwane, wathi kuye, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni bakhe, wasincothula isikhonkwane sokuluka kwanemisonto yaso.
1615Wathi kuye, Ungathini na ukuthi uyandithanda, ukanti intliziyo yakho ayinam? Undikhohlisile ezi zihlandlo zozithathu, akwandixelela ukuba asenini na la mandla akho angaka.
1616Kwathi, akumxina ngamazwi akhe zonke iimini, emmele, wakhathazeka umphefumlo wakhe, wasingisa ekufeni.
1617Wamxelela intliziyo yakhe yonke, wathi kuye, Isitshetshe sokucheba asizanga sisondele entlokweni yam; ngokuba ndingumahlulwa kaThixo kwasesizalweni sikama. Ukuba ndithe ndachetywa, osuka kum amandla am, ndithi fehle, ndibe njengabantu bonke.
1618Wabona uDelila ukuba umxelele yonke intliziyo yakhe, wathumela wabiza izikhulu zamaFilisti, esithi, Nyukani esi sihlandlo, ngokuba undixelele yonke intliziyo yakhe. Zenyuka ke zaya kuye izikhulu zamaFilisti, zenyuka zinemali esandleni sazo.
1619Wamlalisa emathangeni akhe, wabiza umntu, wazicheba izihlwitha zosixhenxe zentloko yakhe, waqala ke ukumqoba; emka ke amandla akhe kuye.
1620Wathi, AmaFilisti aphezu kwakho, Samson. Wavuka ebuthongweni, wathi, Ndiya kuphuma esi sihlandlo njengezinye izihlandlo, ndizivuthulule. Wayengazi yena, ukuba uYehova umkile kuye.
1621Ambamba amaFilisti, amkrukra amehlo; ehla naye aya eGaza, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu amabini, waba ngumsili endlwini yamakhonkxwa.
1622Zaqala iinwele zentloko yakhe zahluma, emva kokuba wayechetyiwe.
1623Izikhulu zamaFilisti zahlanganiselwa ukuba zibingelele umbingelelo omkhulu kuDagon uthixo wazo, zivuye; zathi, Uthixo wethu umnikele esandleni sethu uSamson, utshaba lwethu.
1624Bambona abantu, badumisa uthixo wabo; ngokuba bebesithi, Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu, umtshabalalisi welizwe lethu, obenze babaninzi ababuleweyo kuthi.
1625Kwathi, xa intliziyo yabo ichwayithileyo, bathi, Bizani uSamson, asihlekise. Bambiza ke uSamson endlwini yamakhonkxwa; waphuma wahlekisa phambi kwabo. Bammisa phakathi kweentsika.
1626Wathi uSamson kumfana ombambe ngesandla, Ndiyeke, ndizive iintsika emi ngazo indlu, ndayame ngazo.
1627Ke indlu ibizele ngamadoda nabafazi; zibe zikhona zonke izikhulu zamaFilisti; phezu kophahla kwakuhleli amawaka omathathu amadoda nabafazi, bebonela ukuhlekisa kukaSamson.
1628USamson wanqula uYehova wathi, Nkosi yam, Yehova, khawundikhumbule, khawundomeleze okwesi sihlandlo sodwa, Thixo; ndiphindezele kumaFilisti impindezelo nokuba inye ngenxa yamehlo am omabini.
1629Waziwola uSamson zombini iintsika eziphakathi, emi ngazo indlu leyo, wacinezela kuzo, enye ngesandla sokunene, enye ngesokhohlo.
1630Wathi uSamson, Mandife namaFilisti. Wathoba ngamandla; yawa indlu phezu kwezikhulu, naphezu kwabantu bonke ababekuyo. Bathi abafi, awababulala ekufeni kwakhe, baba baninzi kunabafi awababulala esaphilile.
1631Behla abazalwana bakhe nendlu kayise yonke, bamthabatha, bamnyusa, bamngcwabela phakathi kweTsora ne-Eshtawoli, engcwabeni likaManowa uyise. Wawalawula yena amaSirayeli iminyaka emashumi mabini.
171Kwaye kukho indoda yelasezintabeni zakwaEfrayim egama linguMika.
172Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam; yathatyathwa ndim. Wathi unina, Usikelelwe, nyana wam, nguYehova.
173Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko.
174Wayibuyisela ke kunina isilivere. Wawathabatha unina amakhulu omabini esilivere, wawanika umnyibilikisi, wenza ngawo umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; waba sendlwini kaMika.
175Indoda leyo inguMika ibinendlu yoothixo, yayenze iefodi nemilondekhaya; yayimisele omnye koonyana bayo, waba ngumbingeleli wayo.
176Ngaloo mihla bekungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza oko kuthe tye emehlweni akhe.
177Ke kaloku kwakukho umfana waseBhetelehem yakwaYuda, wasemlibeni wakwaYuda, ongumLevi, engumphambukeli khona.
178Yahamba indoda leyo, isuka kuloo mzi eBhetelehem yakwaYuda, yaya kuphambukela apho ingafumana indawo. Yafika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, ihamba uhambo lwayo.
179Wathi uMika kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda; ndiya kuphambukela apho ndingafumana indawo.
1710Wathi uMika kuyo, Hlala nam, kum ube ngubawo nombingeleli; ndokunika mna ishumi lesilivere ngomnyaka, ndikuxhase ngento eziingubo nekukudla. Waya ke umLevi lowo.
1711Kwakholeka kumLevi ukuhlala nale ndoda. Loo mfana waba njengomnye woonyana bayo kuyo.
1712Wammisela uMika umLevi lowo, waba ngumbingeleli kuye umfana lowo; waba sendlwini kaMika.
1713Wathi uMika, Kaloku ndiyazi ukuba uYehova uya kundenzela okulungileyo; ngokuba ndinombingeleli ongumLevi.
181Ngaloo mihla kube kungekho kumkani kwaSirayeli. Ngaloo mihla isizwe sakwaDan besizifunela ilifa lendawo yokuhlala; ngokuba kwada kwanguloo mhla, sibe sona singabelwanga lifa ngeqashiso, phakathi kwesizwe sakwaSirayeli.
182Oonyana bakaDan besusa kumlibo wakowabo amadoda amahlanu, evela kwinani lawo lonke, amadoda anobukroti aseTsora nase-Eshtawoli, ukuba alihlole ilizwe, aligocagoce. Bathi kuwo, Hambani niligocagoce ilizwe. Afika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, alala khona.
183Akubona ukuba angasendlwini kaMika, alifanisa ilizwi lendodana engumLevi, aphambukela khona, athi kuye, Uziswe ngubani na apha? Wenza ntoni na kule ndawo? Ungantoni na apha?
184Yathi kuwo, Wenjenje, wenjenje uMika kum; wandiqesha, ndaba ngumbinge leli kuye.
185Athi kuyo, Khawubuze kuThixo, sazi ukuba iya kuba nempumelelo na indlela yethu esihambela yona.
186Wathi umbingeleli kuwo, Ha mbani ninoxolo, iphambi koYehova indlela yenu eniya kuhamba ngayo.
187Ahamba ke amadoda amahlanu afika eLayishe; ababona abantu abaphakathi kwayo, behleli bonwabile ngokwesiko lamaTsidon, bezolile, bonwabile; kungekho uwona nganto kubaphathi belo zwe; babekude kumaTsidon, bengatheni nabani.
188Afika kubazalwana bawo eTsora nase-Eshtawoli. Bathi abazalwana bawo kuwo, Nitheni na?
189Athi, Sukani, sinyuke siye kubo; ngokuba silibonile ilizwe; nalo lilihle kunene, ke nithe quthu. Musani ukunqena ukuhamba, niye kulihlutha ilizwe elo.
1810Xa nithe nafika, nofika kubantu abonwabileyo, kwilizwe eliphangaleleyo ngamacala omabini; ngokuba uThixo ulinikele ezandleni zenu, indawo apho kungasweleke nanye into esehlabathini.
1811Kwanduluka ke kumlibo wakwaDan, eTsora nase-Eshtawoli, amadoda angamakhulu omathandathu, exhobe iimpahla zemfazwe.
1812Enyuka ke, amisa eKiriyati-yeharim yakwaYuda; ngenxa yoko bathi loo ndawo yiMahane yakwaDan unanamhla. Nantso isemva kweKiriyati-yeharim.
1813Agqitha aya kweleentaba lakwaEfrayim, afika endlwini kaMika.
1814Ke kaloku aphendula amadoda amahlanu, abeze kulihlola ilizwe laseLayishe, athi kubazalwana bawo, Niyazi na ukuba kwezi zindlu kukho iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, nomtyhido? Ke ngoko kuqondeni eniza kukwenza.
1815Aphambukela khona, angena endlwini yendodana engumLevi, endlwini kaMika, ayibuza ukuphila kwayo.
1816Athi amadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe, akoonyana bakwaDan, ema ekungeneni kwesango.
1817Anyuka la madoda mahlanu abeye kulihlola ilizwe, aya khona, awuthabatha umfanekiso oqingqiweyo, ne-efodi, nemilonde-khaya, nomtyhido; waye umbingeleli lowo emi ekungeneni kwesango namadoda angamakhulu amathandathu axhobe iimpahla zemfazwe.
1818Akuba lawa engene endlwini kaMika, ewuthabathile umfanekiso oqingqiweyo, iefodi, nemilonde-khaya, nomtyhido, uthe umbingeleli kuwo, Nenzani?
1819Athi kuye, Yithi tu, beka isandla sakho emlonyeni wakho, uhambe nathi, ube ngubawo nombingeleli kuthi. Kulungile na ukuba ube ngumbingeleli wendlu yamntu mnye, kunokuba ube ngumbingeleli wesizwe nomzalwana kwaSirayeli?
1820Yachwayitha intliziyo yombingeleli, wayithabatha iefodi, nemilonde-khaya, nomfanekiso oqingqiweyo, weza phakathi kwabantu abo.
1821Ajika ke, ahamba, azibeka iintsapho neemfuyo nezinto ezizukileyo phambi kwawo.
1822Akuba kude nendlu kaMika wona, athi amadoda asezindlwini ezingakwekaMika indlu ahlabelana umkhosi, eza afumanana noonyana bakaDan.
1823Amemeza koonyana bakaDan; baguquka ngobuso, bathi kuMika, Ukhathazwa yini na, uhlaba umkhosi nje?
1824Wathi yena, Oothixo bam endabenzayo nibathabathile, nemka naye nombingeleli wam; ndisenantoni na? Nitsho ngani na ke ukuthi kum, Ukhathazwa yini na?
1825Bathi kuye oonyana bakaDan, Musa ukulivakalisa ilizwi lakho kuthi, hleze akugqibele amadoda amphefumlo ulugcalagcala, asuse umphefumlo wakho, nomphefumlo wendlu yakho.
1826Bahamba ke ngendlela yabo oonyana bakaDan. Wabona uMika ukuba bomelele kunaye, wajika wabuyela endlwini yakhe.
1827Bayithabatha ke bona into abeyenzile uMika, nombingeleli lowo abenaye; bafika eLayishe kubantu abazolileyo, abonwabileyo, bababulala ngohlangothi lwekrele, bawutshisa umzi ngomlilo.
1828Bekungekho mhlanguli, ngokuba bekude nowaseTsidon, bengatheni nabani, besentilini esingise eBhete-rehobhi. Bakha umzi, bahlala khona.
1829Bathi igama laloo mzi ngowakwaDan, ngegama likaDan uyise, owazalelwa uSirayeli; kodwa igama laloo mzi libe liyiLayishe ngenxa engaphambili.
1830Baza oonyana bakaDan bazimisela umfanekiso oqingqiweyo lowo; uYonatan unyana kaGershom, unyana kaManase, yena noonyana bakhe baba ngababingeleli esizweni sakwaDan, kwada kwayimini yokuthinjwa kwelizwe.
1831Bazimisela ke umfanekiso oqingqiweyo kaMika abewenzile, yonke imihla ebiseseShilo indlu kaThixo.
191Kwathi ngaloo mihla, kungekho kumkani kwaSirayeli, kwabakho indoda engumLevi ephambukele emathambekeni akwaEfrayim, yazeka umfazi olishweshwe eBhetelehem yakwaYuda.
192Lahenyuza likuyo ishweshwe layo, lemka kuyo, laya endlwini yoyise walo eBhetelehem yakwaYuda, laba khona imihla eziinyanga ezine.
193Yesuka indoda yalo yaliphuthuma, ukuba ithethe kakuhle nalo ilibuyise, inomfana namaesile amabini. Layingenisa endlwini yoyise walo. Wayibona uyise wentombazana leyo, wakuvuyela ukuhlangana nayo.
194Wayigcina uyise womfazi, uyise wentombazana leyo; yahlala naye imihla yamithathu, badla, basela, balala khona.
195Kwathi ngomhla wesine, bavuka kusasa; yesuka yona ukuba imke. Wathi uyise wentombazana kumyeni wayo, Khawuxhase intliziyo yakho ngeqhekeza lesonka, nandule ukuhamba.
196Bahlala ke badla bobabini ndawonye, basela. Wathi uyise wentombazana kwindoda, Makhe kukholeke kuwe, ulale, ichwayithe intliziyo yakho.
197Yesuka indoda leyo ukuba ihambe; wayijoka uyise womkayo, yabuya yalala khona.
198Yavuka kusasa ngomhla wesihlanu ukuba ihambe. Wathi uyise wentombazana, Khawuxhase intliziyo yakho, nizilazile ide ijike imini; badla ke bobabini.
199Yesuka indoda ukuba imke, yona neshweshwe layo nomfana wakuyo. Wathi kuyo uyise womkayo, uyise wentombazana, Khawukhangele, imini iyemka, kuyahlwa; khanilale; yabona, imini isangene; lala apha, ichwayithe intliziyo yakho, nivuke kusasa ngomso, nihambe ngendlela yenu, uye ententeni yakho.
1910Ayavuma ukulala indoda leyo, yesuka yemka; yafika malungana neYebhusi (yiYerusalem ke leyo), inamaesile amabini ebotshiwe, ineshweshwe layo.
1911Xa babengaseYebhusi, imini yayise ithambamile kakhulu. Wathi umfana kwinkosi yakhe, Khawuze siphambukele kulo mzi wamaYebhusi, silale kuwo.
1912Yathi kuye inkosi yakhe, Asiyi kuphambukela apha kumzi wolunye uhlanga, ongengowoonyana bakaSirayeli; sodlula siye eGibheha.
1913Yathi kumfana wakuyo, Yiza, sisondele kwenye indawo, silale; nokuba kuseGibheha, nokuba kuseRama.
1914Bagqitha, bahamba; batshonelwa lilanga ecaleni laseGibheha yakwaBhenjamin.
1915Baphambukela apho, baya kulala eGibheha; yafika yahlala endaweni yokubutha kwamadoda omzi; akwabakho mntu ubamkelela endlwini yakhe, ukuba balale.
1916Kwathi thu indoda enkulu ivela emsebenzini wayo emasimini, ngokuhlwa; iyindoda yelasezintabeni lakwaEfrayim, ingumphambukeli eGibheha. Ke amadoda aloo mzi abengamaBhenjamin.
1917Yawaphakamisa amehlo ayo, yabona ndoda ingumhambi endaweni yokubutha kwamadoda omzi, yathi indoda enkulu leyo, Uya ngaphi na? Uvela phi na?
1918Yathi kuyo, Siyagqitha, sivela eBhetelehem yakwaYuda; siya emathambekeni akwaEfrayim; endingowakhona. Ndibe ndihambele eBhetelehem yakwaYuda, ngoku ndihambela endlwini kaYehova. Akukho bani ke undamkelela endlwini yakhe apha;
1919kanti ke sinomququ kwaneendiza zamaesile ethu, nesonka newayini eyiyeyam, nomkhonzazana wakho, nomfana okubakhonzi bakho; akusweleke nto.
1920Yathi indoda enkulu, Uxolo malube nawe; ke ukuswela kwakho konke makube phezu kwam; kodwa musa ukulala endaweni yokubutha kwamadoda omzi.
1921Yayingenisa endlwini yayo, yawanika iindiza amaesile; bazihlamba iinyawo zabo, badla, basela.
1922Bakubon’ ukuba bayazichwayithisa iintliziyo zabo, nango amadoda aloo mzi, amadoda angamatshijolo, eyirhawula indlu leyo, emana enkqonkqoza elucangweni; atsho kwindoda enkulu engumninindlu ukuthi, Yikhuphe indoda engene endlwini yakho, siyazi.
1923Yaphuma indoda engumninindlu, yaya kuwo, yathi kuwo, Hayi, bazalwana bam, hayi, musani ukukha nenze into embi. Emveni kokuba le ndoda ingene endlwini yam, musani ukwenza obu budenge.
1924Nantsi intombi yam eyintombi, neshweshwe lale ndoda; makhe ndikhuphe bona, nibone, nenze kubo okulungileyo emehlweni enu; ke kule ndoda ze ningenzi nto yobu budenge.
1925Akavuma loo madoda ukumphulaphula. Yalibamba indoda ishweshwe layo, yalikhuphela phandle kuwo; alazi, afeketha ngalo bonke ubusuku kwada kwasa; alindulula ngesifingo.
1926Yafika inkazana leyo xa kusayo, yawa emnyango wendlu yendoda apho yayikhona inkosi yayo, kwada kwamhlophe.
1927Yavuka inkosi yayo kusasa, yazivula iingcango zendlu, yaphuma ukuba ihambe ngendlela yayo; nantso le nkazana ilishweshwe layo iwile emnyango waloo ndlu, nezandla zayo zisembundwini wawo.
1928Yathi kuyo, Vuka sihambe; ayaphendula. Yayithabatha yayibeka phezu kwe-esile; yesuka loo ndoda, yasinga endaweni yayo.
1929Yafika endlwini yayo, yathabatha isitshetshe, yalibamba ishweshwe layo, yalityatya ngokwamathambo alo laziinyama ezilishumi elinambini, yalithumela kuyo yonke imida yakwaSirayeli;
1930ukuze bonke ababona oko bathi, Okunje akuzanga kubekho; akuzanga kubonwe kususela kumhla abanyuka ngawo oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, unanamhla; kubekeleni iintliziyo zenu oku, nicebe, nithethe.
201Baphuma ke bonke oonyana bakaSirayeli, labizelwa ndawonye lonke ibandla njengandoda-nye, lathabathela kwaDan lesa eBher-shebha, nelizwe laseGiliyadi, laya kuYehova eMizpa.
202Zema izibonda zabantu bonke, zezizwe zonke zakwaSirayeli, ebandleni labantu bakaThixo, abangamawaka angamakhulu amane amadoda angumqikela arhola ikrele.
203Beva oonyana bakaBhenjamin, ukuba oonyana bakaSirayeli benyukile beza eMizpa. Bathi oonyana bakaSirayeli, Thethani; itheni na ukubakho le nto inje ukuba mbi?
204Yaphendula indoda leyo, ingumLevi, indoda yaloo nkazana incinithiweyo, yathi, Ndafika eGibheha ekwaBhenjamin, mna neshweshwe lam, salalisa khona.
205Abemi baseGibheha bandivunukela, bayirhawula indlu ngenxa yam ebusuku; bagqiba kwelokundibulala; balidlwengula ishweshwe lam, lafa.
206Ndalibamba ishweshwe lam, ndalityatya, ndalithumela kwilizwe lonke lelifa lakwaSirayeli; ngokuba benze amanyala nobudenge kwaSirayeli.
207Nanko ke nina nonke, nyana bakaSirayeli; khuphani ilizwi necebo apha.
208Besuka bonke abantu njengandoda-nye, bathi, Asiyi kuya elowo ententeni yakhe, asiyi kuphambukela elowo endlwini yakhe;
209ke ngoko, nantsi into esiya kwenza yona kwiGibheha; siya kwenza kuyo ngokweqashiso,
2010sithabathe ishumi lamadoda ekhulwini ezizweni zonke zakwaSirayeli, ikhulu ewakeni, iwaka emawakeni alishumi, ukuya kuthabathela abantu umphako; ukuze ekufikeni kwabo eGibheha yakwaBhenjamin, bohlwaywe njengokobudenge bonke ababenzileyo kwaSirayeli.
2011Ahlanganisana ke onke amadoda akwaSirayeli kuloo mzi, ebandakanyiwe njengandoda-nye.
2012Izizwe zakwaSirayeli zathuma amadoda kwimizalwane yonke yakwaBhenjamin, zisithi, Bububi buni na obu, benziweyo phakathi kwenu?
2013Sinikeleni kalokunje loo madoda angamatshijolo aseGibheha, siwabulale, sibutshayele ububi bungabikho kwaSirayeli. Abavuma ke oonyana bakaBhenjamin ukuliphulaphula izwi labazalwana babo, oonyana bakaSirayeli.
2014Oonyana bakaBhenjamin bahlanganisana eGibheha, bephuma emizini besiya kulwa noonyana bakaSirayeli.
2015Babalwa oonyana bakaBhenjamin ngaloo mhla, bephuma emizini; baba ngamadoda angamashumi amabini anamathandathu amawaka arhola ikrele, ngaphandle kwabemi baseGibheha, ababalwayo baba ngamadoda ahleliweyo angamakhulu asixhenxe.
2016Kwaba bantu bonke bekukho amakhulu asixhenxe amadoda ahleliweyo angamanxele, onke enokusawula ngelitye, achane angaphosi.
2017Ke amadoda akwaSirayeli, ngaphandle kwamaBhenjamin, abebalwe aba ngamawaka angamakhulu amane amadoda arhola ikrele; onke lawo ingamadoda okulwa.
2018Besuka, benyuka baya eBheteli, babuza kuThixo. Bathi oonyana bakaSirayeli, Makunyuke bani na kuthi, aqale ukulwa noonyana bakaBhenjamin? Wathi uYehova, Makuqale uYuda.
2019Besuka oonyana bakaSirayeli kusasa, bayingqinga iGibheha.
2020Aphuma amadoda akwaSirayeli, aya kulwa namaBhenjamin. Amadoda akwaSirayeli akha uluhlu lokulwa nawo ngaseGibheha.
2021Baphuma oonyana bakaBhenjamin eGibheha, bavunela phantsi ngaloo mini kumaSirayeli amashumi amabini anamabini amawaka amadoda.
2022Bazomeleza abantu, amadoda akwaSirayeli, baphinda bakha uluhlu lokulwa, kwasendaweni ababakhe uluhlu kuyo ngomhla wokuqala.
2023Benyuka oonyana bakaSirayeli, balila phambi koYehova, kwada kwahlwa. Babuza kuYehova, bathi, Ndiphinde na ndisondele ekulweni noonyana bakaBhenjamin, umzalwana wam? Wathi uYehova, Nyukani niye kubo.
2024Basondela oonyana bakaSirayeli koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesibini.
2025Aphuma amaBhenjamin eGibheha, aya kubahlangabeza ngomhla wesibini, abuya avunela phantsi koonyana bakaSirayeli ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke lawo arhola ikrele.
2026Benyuka bonke oonyana bakaSirayeli, bonke abantu, baya eBheteli, balila, bahlala khona phambi koYehova, bazila ukudla loo mini kwada kwahlwa, banyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo phambi koYehova.
2027Babuza oonyana bakaSirayeli kuYehova (yayikhona ityeya yomnqophiso kaYehova ngaloo mihla;
2028uPinehasi unyana kaElazare, unyana ka-Aron, emi phambi kwayo ngaloo mihla), besithi, Ndibuye ndiphinde, ndiphume ndiye kulwa noonyana bakaBhenjamin umzalwana wethu, ndiyeke, kusini na? Wathi uYehova, Nyukani, ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni senu.
2029AmaSirayeli abeka abalaleli eGibheha ngeenxa zonke.
2030Benyuka oonyana bakaSirayeli baya koonyana bakaBhenjamin ngomhla wesithathu, bakha uluhlu lokulwa eGibheha, njengokweminye imihla.
2031Baphuma oonyana bakaBhenjamin, baya kubahlangabeza abantu, beqhawukene nomzi. Baqala ukubulala ebantwini njengokweminye imihla, emendweni, othi omnye unyuke uye eBheteli, uthi omnye uya eGibheha emaphandleni, bahlaba amadoda kwaSirayeli, akumashumi amathathu.
2032Bathi oonyana bakaBhenjamin, Babulewe phambi kwethu, njengasekuqaleni; ke oonyana bakaSirayeli babesithi, Masirhole sibaqhawule kuwo umzi, beze emendweni.
2033Asuka onke amadoda akwaSirayeli endaweni yawo, akha uluhlu eBhahali-tamare; abalaleli bamaSirayeli bathi chithithi endaweni yabo ethafeni laseGebha.
2034Kwavela malungana neGibheha ishumi lamawaka amadoda ahleliweyo kumaSirayeli onke; ukulwa kwashushu; babengazi bona ukuba ububi bubafikele.
2035UYehova wawabulala amaBhenjamin phambi kwamaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli batshabalalisa kwaBhenjamin ngaloo mini amashumi amabini anesihlanu amawaka anekhulu lamadoda; lawo onke ngarhola ikrele.
2036Ke kaloku oonyana bakaBhenjamin babona ukuba boyisiwe, ukuba amadoda akwaSirayeli ayehlehla phambi kwamaBhenjamin, ngokuba abekholose ngabalaleli ababebabeke eGibheha.
2037Abalaleli bakhawuleza, bagaleleka eGibheha, batsalela kuyo abalaleli, bawubulala wonke umzi ngohlangothi lwekrele.
2038Ke kaloku ibhunga lamadoda akwaSirayeli nabalaleli laye libe lelokuthi, Qhumisani kakhulu umsi, unyuke kuloo mzi.
2039Ajika ke amadoda akwaSirayeli ekulweni, akuba ebeqalile amaBhenjamin ukubulala iingxwelerha phakathi kwamadoda akwaSirayeli, amodada akumashumi amathathu; ngokuba abesithi, Abethiwe ngenene wona phambi kwethu, njengokulwa kokuqala.
2040Wakuba umsi uqalile ukunyuka emzini, ungumqulu womsi, amaBhenjamin abheka emva kwawo, nango umzi wonke unyuka usiya ezulwini ungumsi.
2041Aphethula amadoda akwaSirayeli, akhwankqiswa amadoda akwaBhenjamin; ngokuba abona ukuba afikelwe bububi.
2042Ajika ke phambi kwamadoda akwaSirayeli, abheka endleleni yentlango. Ukulwa kwathana mbende nawo, besuka nabemi bemizi bawatshabalalisa kuyo.
2043Bawarhawula amaBhenjamin, bawasukela, bawanyathelela phantsi endaweni yokuphumla, besa malunga neGibheha ngecala eliphuma ilanga.
2044Kwawa kumaBhenjamin ishumi elinesibhozo lamawaka amadoda; onke ke lawo ingamadoda anobukroti.
2045Ajika ke, asabela entlango, engxondorheni yeRimon. Bacholachola ke kuwo emendweni amawaka amahlanu amadoda; bathana mbende nawo bada besa eGidiyom, babulala kuwo amawaka amabini amadoda.
2046Athi ke onke awawayo kumaBhenjamin ngaloo mini aba ngamashumi amabini anesihlanu amawaka, ingamadoda arhola ikrele; onke ke lawo ayengamadoda anobukroti.
2047Ke ajika asabela entlango engxondorheni eRimon engamakhulu amathandathu amadoda, ahlala engxondorheni yeRimon apho iinyanga zane.
2048Amadoda akwaSirayeli abuyela koonyana bakaBhenjamin, abulala ngohlangothi lwekrele, ethabathela kumzi, kumadoda ke kwaneenkomo esa kwinto yonke efumanekayo naphi. Kananjalo imizi yonke efunyenweyo ayifaka umlilo.
211Ke kaloku amadoda akwaSirayeli abefungile eMizpa, esithi, Akukho kuthi uya kunika umBhenjamin intombi yakhe ibe ngumfazi.
212Baya abantu eBheteli, bahlala khona kwada kwahlwa phambi koThixo, baliphakamisa izwi labo, batsho ngesililo esikhulu.
213Bathi, Kungani na, Yehova, Thixo kaSirayeli, ukuthi kuhle oku kwaSirayeli, ukuba esinye isizwe singabikho namhla kwaSirayeli?
214Kwathi ngengomso, bavuka kusasa abantu, bakha isibingelelo khona, benyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo.
215Bathi oonyana bakaSirayeli, Ngubani na ezizweni zonke zakwaSirayeli onganyukanga eze ebandleni kuYehova? Ngokuba ubefungelwe kakhulu onganyukanga eze kuYehova eMizpa, ngokuthi, Makabulawe afe.
216Babezohlwaya oonyana bakaSirayeli ngenxa kaBhenjamin umninawa wabo, besithi, Namhla sinqanyulwe esinye isizwe kwaSirayeli;
217siya kubathini na abaseleyo ngabo abafazi, sifunge uYehova nje thina, ukuba asiyi kubanika ezintombini zethu zibe ngabafazi?
218Bathi ke, Sisiphi na isizwe sakwaSirayeli esinganyukanga size kuYehova eMizpa? Nanko ke eYabheshe yaseGiliyadi kungezanga ndoda eminqubeni ebandleni.
219Babalwa abantu, nanko kungabangakho nanye indoda yabemi beYabheshe yaseGiliyadi khona.
2110Ibandla lathumela khona ishumi elinamabini lamawaka amadoda kubafo abanobukroti, lawawisela umthetho, lisithi, Hambani niye kubulala abemi baseYabheshe yaseGiliyadi ngohlangothi lwekrele, abafazi nabantwana.
2111Nantsi into enoyenza: yonke into eyindoda, nento yonke eyinkazana eyazene nendoda ngokulalwa yiyo, noyisingela phantsi.
2112Afumana kubemi baseYabheshe yaseGiliyadi amankazana angamakhulu amane aziintombi, angazani nandoda ngokulala nayo, awazisa eminqubeni eShilo, eselizweni lamaKanan.
2113Lathumela lonke ibandla, lathetha noonyana bakaBhenjamin ababesengxondorheni yeRimon, lamemeza kubo lathi lixolile.
2114Abuya ke amaBhenjamin ngelo xesha; lawanika amankazana ebeliwasindisile kumankazana aseYabheshe yaseGiliyadi; akawalingana, noko angako.
2115Abantu bazohlwaya ngenxa kaBhenjamin; ngokuba uYehova ebenze uthanda ezizweni zakwaSirayeli.
2116Athi amadoda amakhulu ebandla, Siya kubathini na abaseleyo ngabafazi, etshabalele nje amankazana kwaBhenjamin?
2117Athi, Ilifa labasindileyo malibe lelakwaBhenjamin, kungacinywa sizwe kwaSirayeli.
2118Ke thina asinakubanika bafazi ezintombini zethu; ngokuba oonyana bakaSirayeli bafungile besithi, Uqalekisiwe onika umBhenjamin umfazi.
2119Athi, Niyabona, kukho umthendeleko kaYehova iminyaka ngeminyaka eShilo, engasentla yeBheteli, ngasempumalanga komendo ovela eBheteli, onyuka uye kwaShekem, nangasezantsi kweLebhona.
2120Abawisela oonyana bakaBhenjamin umthetho, esithi, Hambani niye kulalela ezidiliyeni;
2121yabonani, nikhangele; ukuba zithe zaphuma iintombi zaseShilo, zingqungqa, zibetha ingqongqo, ze niphume ezidiliyeni, nizithele hlasi elowo umkakhe ezintombini zaseShilo, niye ezweni lakwaBhenjamin.
2122Kothi, xa ooyise nabanakwazo baze kubambana nathi, sithi kubo, Sibabaleni ngazo; ngokuba singabathabathelanga elowo umkakhe ekulweni; ngokuba anibanikanga nina, okanye beniya kuba netyala.
2123Benjenjalo oonyana bakaBhenjamin, bazeka abafazi ngokwenani labo kwezo zazingqungqa, bazixhakamfulayo; bahamba babuyela elifeni labo, bakha imizi, bahlala kuyo.
2124Bemka apho oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, elowo waya esizweni sakowabo, nasemzalwaneni wakowabo. Baphuma ke apho, waya elowo elifeni lakhe.
2125Ngaloo mihla kwakungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza ngokubona kwakhe.