Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 3 John

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso: ithi,
12Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.
13Kuba ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni.
14Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
15Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini,
16abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owothi ukuba ubaxhobisele indlela ngokufanele uThixo, ube uyatyapha;
17kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga.
18Thina ngoko sifanele ukubaxhasa abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.
19Ndalibhalela ibandla; ke usuke lowo uthanda ukuzenza mkhulu kubo, uDiyotrefe, angasamkeli.
110Ngenxa yoko, ukuba ndithe ndafika, ndomkhumbuza imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, usuka angabamkeli abazalwana ngokwakhe, abalele abanga bangenjenjalo, abakhuphe ebandleni.
111Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.
112UDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ukuba ubungqina bethu buyinene.
113Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba;
114ndiyathemba ke ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Ziyakubulisa izihlobo. Zibulise izihlobo ngegama. Amen.