Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 2 John

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Indoda enkulu ibhalela inkosikazi enyuliweyo nabantwana bayo, endibathandayo mna ngenyaniso; ingendim ndedwa, ingabo bonke abayazileyo inyaniso;
12ngenxa yenyaniso ehleliyo kuthi, eya kuba nathi ngonaphakade:
13ithi, Makubekho kuni ubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, nakwiNkosi yethu uYesu Kristu, uNyana kaYise, kuni basenyanisweni naseluthandweni.
14Ndavuya kunene kuba ndifumene kubantwana bakho kukho abahamba enyanisweni, njengoko samkelayo umthetho kuye uYise.
15Nangoku ndiyakucela, nkosikazi, kungengakuba ndikubhalela umthetho omtsha; ndikubhalela lowo sasinawo kwasekuqalekeni: ukuba sithandane.
16Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo.
17Ngokuba kungene abalahlekisi abaninzi ehlabathini, abangamvumiyo uYesu Kristu esiza esenyameni. Lowo ngumkhohlisi nomchasi-Kristu.
18Zilumkeleni, ukuba singalahlekani nezinto esizisebenzileyo; masamkele umvuzo ozalisekileyo.
19Bonke abagqithayo, abangahlaliyo emfundisweni kaKristu, abanaThixo; ohleliyo emfundisweni kaKristu, lowo unaye uYise noNyana.
110Ukuba umntu uza kuni, engazisi yona le mfundiso, musani ukumamkela endlwini yenu, ningambulisi nokumbulisa;
111kuba lowo umbulisayo unobudlelane naye ngemisebenzi yakhe engendawo.
112Ndinezinto ezininzi nje zokunibhalela, andingi ndingazibhala ngaphepha nangainki; ndithembe ukuza kuni, sithethe ngomlomo, ukuze uvuyo lwethu luzaliseke.
113Bayakubulisa abantwana bodade wenu onyuliweyo. Amen.