Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 2 Peter

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11USimon Petros, umkhonzi nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abo baluzuzileyo ukholo oluxabiso lunye nolwethu, ebulungiseni bukaThixo wethu, uMsindisi wethu uYesu Kristu:
12uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu.
13Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima.
14Esithe ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko.
15Ewe, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi;
16ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo;
17ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke.
18Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu.
19Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala.
110Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke.
111Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu.
112Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni.
113Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza;
114ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo.
115Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto.
116Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe.
117Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye.
118Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele.
119Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu;
120nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela.
121Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele.
21Ke kaloku, kwakukho nabaprofeti ababuxoki phakathi kwabantu; njengokuba naphakathi kwenu kuya kubakho abafundisi ababuxoki, bona baya kungenisa bucala amahlelo entshabalalo, bemkhanyela uMnini-nto-zonke owabathengayo, bezizisela intshabalalo emsinya.
22Baninzi abaya kulandela intshabalalo yabo; eya kunyeliswa ngenxa yabo indlela yenyaniso.
23Bathi benokubawa, banibonelele ngamazwi alalanisayo; abakugwetywa kungaphumliyo kwakudala, nayo intshabalalo yabo ayozeli.
24Kuba, xa uThixo angaziconganga izithunywa zezulu ezonayo, wesuka wathi, ezikhahlele enzonzobileni, wazinikela emixokelelwaneni yesithokothoko, zigcinelwe umgwebo;
25naxa angaliconganga ihlabathi lakudala, wesuka walondoloza uNowa, umvakalisi wobulungisa, enabasixhenxe, akuba elihlisele unogumbe ihlabathi labangahloneli Thixo;
26xa athe nemizi yaseSodom neGomora wayitshisa yaluthuthu, wayigweba ukuba ibhukuqeke, wayenza umzekelo wabaza kuba ngabangahloneli Thixo;
27wamhlangula uLote olilungisa, owacatshukiswa kukuhamba eburheletyweni kwabangenammiselo;
28kuba laye, ngokubona nangokuva, ilungisa elo lihleli phakathi kwabo imihla ngemihla, liwuthuthumbisa umphefumlo walo olungisayo, ngemisebenzi yabo echasene nomthetho;
29iyakwazi iNkosi ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo; ke abangemalungisa ibagcinele imini yomgwebo, ukuba babethwe;
210ngokukodwa ke abo balandela inyama ngokukhanuka ukuzidyobha, abadela ubukhosi. Ngabasileyo, abenza ngokuzithandela, abangoyikiyo ukunyelisa izikhakhamela.
211Ukanti izithunywa zezulu, zingaphezulu nje ngokomelela namandla, azizigwebi ngamgwebo unyelisayo phambi kweNkosi.
212Ke aba, njengezinto eziphilileyo, ezingenangqondo, ezizezemvelo, ezizalelwe ukubanjwa nokonakala, benyelisa izinto abangazaziyo, baya konakala kanye ekonakaleni kwabo, bazuzane nomvuzo wokungalungisi;
213njengababa bubuyolo ukudla ubuncwane okwemini enye; bengamabala neziphako, bexhamla ubuncwane ngokulukuhla kwabo, bezingxala ukudla ezidlweni nani;
214benamehlo azele lukrexezo, angenakuphunyuzwa esonweni, bebambisa imiphefumlo engenakuzimaseka, benentliziyo eqheliswe ukubawa; abantwana bengqalekiso.
215Beyishiyile indlela ethe tye, balahleka, belandela indlela kaBhileham okaBhehore, owathanda umvuzo wokungalungisi;
216wohlwaywa ke ngokugqitha kwakhe umthetho; lathi iesile, lingenakuthetha nje, lathetha ngezwi lomntu, lamalela umprofeti lowo, ukuba angabi nxamnye nengqondo.
217Aba bayimithombo engenamanzi, amafu aqhutywa luqhwithela, besigcinelwe bona isithokothoko sobumnyama ngonaphakade.
218Kuba, bevakalisa nje iindumbisa zamazwi angento yanto, babambisa ngeenkanuko zenyama, ngoburheletyo, abo babesindile, kanye kwabo bahambayo ekulahlekisweni.
219Bebathembisa nje inkululeko, bona ngokwabo bangabakhonzi bokonakala; kuba lowo athi ubani eyiswe nguye, ukhonzisiwe nokukhonziswa kuye.
220Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo.
221Kuba ngekubalungele kanye, ukuba bebengayazanga indlela yobulungisa, kunokuba bathi beyazile, babuye umva, baphume kuwo umthetho ongcwele abawuwiselwayo.
222Bahlelwe ke ngokomlinganiselo oyinene, othi, Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi eyahlanjwayo iye ekuzityikatyikeni eludakeni.
31Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini, endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza;
32ukuba niwakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile bethu beNkosi uMsindisi;
33nikwazi nje oku kuqala, ukuba kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko,
34besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.
35Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi ngamanzi, ngalo ilizwi likaThixo;
36elathi ngezo zinto ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala.
37Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.
38Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.
39INkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; isuka izeke kade umsindo kuthi, ingangi kungatshabalala nabani; inga bonke bangasinga enguqukweni.
310Iya kufika ke imini yeNkosi njengesela ebusuku, eliya kuthi ngayo izulu lidlule liqhuqhumba, zithi ke iziqalelo zitshe, zichithakale, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo itshiswe kuthi tu.
311Ezo zinto zonke ngoku zichithakala nje, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo;
312nikulindela, nikukhawulezela, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngenxa yayo izulu lifakwe isikhuni, lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike?
313Thina ke ngokwedinga lakhe silinde elitsha izulu, nomtsha umhlaba, apho kumi ubulungisa.
314Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.
315Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso, njengoko wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda, uPawulos, ngokobulumko awabunikwayo;
316njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.
317Nina ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina.
318Khulani ke elubabalweni na sekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. Kuye malubekho uzuko nangoku, kuse nakwimini engunaphakade. Amen.