Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » James
Xhosa Bible | ||
Chapter # | Verse # | Verse Detail |
1 | 1 | UYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa. |
1 | 2 | Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, |
1 | 3 | nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde. |
1 | 4 | Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto. |
1 | 5 | Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa. |
1 | 6 | Ke makacele ekholwa, engathandabuzi; kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka. |
1 | 7 | Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi. |
1 | 8 | Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo. |
1 | 9 | Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe; |
1 | 10 | osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca. |
1 | 11 | Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso. |
1 | 12 | Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo. |
1 | 13 | Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo; kuba uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena. |
1 | 14 | Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko. |
1 | 15 | Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa. |
1 | 16 | Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda. |
1 | 17 | Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika. |
1 | 18 | Uthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe. |
1 | 19 | Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; |
1 | 20 | kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo. |
1 | 21 | Kungoko endithi, yithini, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu. |
1 | 22 | Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizidephisela. |
1 | 23 | Ngokuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini; |
1 | 24 | kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na. |
1 | 25 | Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, lowo, ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe. |
1 | 26 | Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto. |
1 | 27 | Unqulo lona oluhlambulukileyo, olu ngadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni, yabo: kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi. |
2 | 1 | Bazalwana bam, musani ukukuphatha ngokukhetha buso bamntu, ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu. |
2 | 2 | Kuba, xa kuthe kwangena endlwini yenu yesikhungu indoda enemisesane yegolide, inengubo eqaqambileyo; kwaza ke kwangena ihlwempu, lineengubo ezimdaka; |
2 | 3 | naza nakhangela kulowo uvethe ingubo eqaqambileyo, nathi kuye, Hlala apha kakuhle wena; nathi kulo ihlwempu, Yima phaya wena; mhlawumbi, Hlala phantsi apha ngasesihlalweni seenyawo zam: |
2 | 4 | anicalulanga na ke phakathi kwenu, naba ngabagwebi abanezicamango ezingendawo? |
2 | 5 | Yivani, bazalwana bam baziintanda: uThixo akawanyulanga na amahlwempu eli hlabathi, ukuba abe zizityebi zokholo, neendlalifa zobukumkani, awababeka ngedinga abo bamthandayo? |
2 | 6 | Ke nina nilihlazisile ihlwempu. Izityebi azinishicileli na? Zona azinirholeli ematyaleni na? |
2 | 7 | Zona azilinyelisi na igama elihle elo, nabizwa ngalo? |
2 | 8 | Ukuba okunene niyawuzalisa umthetho wakomkhulu, ngokwesibhalo esithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako, nityaphile; |
2 | 9 | kodwa ukuba nikhetha ubuso bomntu, nisebenza isono, niyohlwaywa ngumthetho ngokwabagqithi. |
2 | 10 | Kuba yena oya kuwugcina umthetho uphela, akhubeke mthethweni mnye, unetyala layo yonke. |
2 | 11 | Kuba lowo wathi, Musa ukukrexeza, ubuye wathi, Musa ukubulala. Ke, ukuba akukrexezi, kodwa ubulala, usewuthe waba ngumgqithi-mthetho. |
2 | 12 | Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko. |
2 | 13 | Kuba umgwebo awuyi kuba natarhu kulowo ungenzanga nceba; kananjalo inceba iyawuqhayisela umgwebo. |
2 | 14 | Kunceda ntoni na, bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe? |
2 | 15 | Ukuba ke umzalwana, nokuba ngudade, bathi bahambe ze, beswele ukudla imihla ngemihla, |
2 | 16 | athi ke omnye wenu kubo, Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na? |
2 | 17 | Ngokunjalo nalo ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo. |
2 | 18 | Wosuka omnye, athi, Wena unokholo, ke mna ndinemisebenzi; ndibonise ukholo lwakho olungenamisebenzi yakho; nam ndokubonisa ngokwasemisebenzini yam ukholo lwam. |
2 | 19 | Wena uyakholwa ukuba uThixo mnye; uyatyapha; nazo iidemon ziyakholwa, zibe namanwele. |
2 | 20 | Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile? |
2 | 21 | UAbraham, ubawo wethu, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akumnikela uIsake, unyana wakhe, phezu kwesibingelelo? |
2 | 22 | Uyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwenziwa wagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini? |
2 | 23 | Saza sazaliseka isibhalo esithi, Wakholwa ke uAbraham nguye uThixo; kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye, wabizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo. |
2 | 24 | Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa. |
2 | 25 | Ngokunjalo ke, noRahabhi, ihenyukazi, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akubamkela ngobubele abathunywa, abakhuphele phandle ngayimbi indlela? |
2 | 26 | Kuba, kwanjengokuba umzimba, ungekho umoya, ufile, ngokunjalo ukholo, ingekho imisebenzi, lufile nalo. |
3 | 1 | Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo. |
3 | 2 | Kuba siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela. |
3 | 3 | Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela. |
3 | 4 | Yabona, nayo imikhombe, imikhulu kangaka nje, iqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona. |
3 | 5 | Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu. |
3 | 6 | Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo. |
3 | 7 | Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho zine, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu; |
3 | 8 | ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo. |
3 | 9 | Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. |
3 | 10 | Kwakulo mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso. Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje. |
3 | 11 | Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na? |
3 | 12 | Unako yini na, bazalwana bam, umkhiwane ukuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongavelisa amanzi amtyuba namnandi. |
3 | 13 | Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko. |
3 | 14 | Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso. |
3 | 15 | Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon. |
3 | 16 | Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke. |
3 | 17 | Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozame kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso. |
3 | 18 | Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo. |
4 | 1 | Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? |
4 | 2 | Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli. |
4 | 3 | Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu. |
4 | 4 | Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko wanga angaba sisihlobo salo ihlabathi, uzenza utshaba lukaThixo. |
4 | 5 | Okanye niba isibhalo esi sifumana sisitsho na, ukuthi, Umoya owahlala ngaphakathi kwethu ulangazelela ukukhweleta? |
4 | 6 | Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko sithi, UThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. |
4 | 7 | Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka. |
4 | 8 | Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni, nenze nyulu iintliziyo, nina bamphefumlo umbaxa. |
4 | 9 | Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, nalo uvuyo lwenu lube kukuthi dakumba. |
4 | 10 | Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa. |
4 | 11 | Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha okubi ngomzalwana, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, agwebe umthetho; ke, ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi. |
4 | 12 | Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye? |
4 | 13 | Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze; |
4 | 14 | kanti nina aba anikwazi kakuhle okwangomso. Kuba buyintoni na ubomi benu? Bungumphunga obonakala ixesha elincinane, uze ke uthi shwaka. |
4 | 15 | Endaweni yokuba nithi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le nto, nalaa nto. |
4 | 16 | Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo akundawo. |
4 | 17 | Ngoko kowaziyo ukwenza okuhle, angakwenzi, kulowo kusisono. |
5 | 1 | Wenani kaloku, zityebi, lilani nenze isijwili ngeenkxwaleko zenu ezizayo. |
5 | 2 | Ubutyebi benu bubolile, neengubo zenu zidliwe ngamanundu. |
5 | 3 | Igolide nesilivere yenu idliwe ngumhlwa; umhlwa wazo uya kuba lingqina ngakuni, uyidle inyama yenu njengomlilo. Niziqwebele ubutyebi ngeemini zokugqibela. |
5 | 4 | Yabonani, umvuzo wabasebenzi, abavune amasimi enu, lowo ubandeziweyo nini, uyakhala; kwaye ukubhomboloza kwabavuni abo kungenile ezindlebeni zeNkosi yemikhosi. |
5 | 5 | Nadla ubuncwane emhlabeni apha, naxhamla iziyolo, nazondla iintliziyo zenu njengamhla kuxheliweyo. |
5 | 6 | Namgweba, nambulala olilungisa; yena akanichasi. |
5 | 7 | Nyamezelani ngoko, bazalwana, ide ifike iNkosi. Niyabona, umlimi uyasilinda isiqhamo sawo umhlaba esinexabiso elikhulu, anyamezele ngaso, side samkele eyaphambili neyasemva imvula. |
5 | 8 | Nyamezelani nani, zizimaseni iintliziyo zenu, ngokuba ukufika kweNkosi kusondele. |
5 | 9 | Musani ukukrokrelana omnye nomnye, bazalwana, ukuze ningagwetywa; yabonani, uMgwebi umi phambi komnyango. |
5 | 10 | Bathabatheni, bazalwana bam, abaprofeti ababethetha egameni leNkosi, babe ngumzekelo wokuva ubunzima, nowokunyamezela. |
5 | 11 | Yabonani, sithi, banoyolo abo banyamezelayo. Unyamezelo lukaYobhi naluva, nesigqibo seNkosi nasibona, ngokuba iNkosi inemfesane enkulu, inenceba. |
5 | 12 | Ke kaloku, ngaphezu kweento zonke, bazalwana bam, musani ukufunga, nokuba lizulu, nokuba ngumhlaba, nokuba sesinye isifungo esiyini; makathi ke uewe wenu abe nguewe, nohayi abe nguhayi, ukuze ningeyeli ekugwetyweni. |
5 | 13 | Kukho mntu na phakathi kwenu uva ububi? Makathandaze. Kukho mntu na unomxhelo owonwabileyo? Makenze indumiso. |
5 | 14 | Kukho mntu na ufayo phakathi kwenu? Makabizele kuye amadoda amakhulu alo ibandla, athandaze wona phezu kwakhe, akuba emthambisile ngeoli, egameni leNkosi; |
5 | 15 | wothi umthandazo wokholo umsindise lowo uleleyo, iNkosi imvuse; nokuba ubethe wenza izono, wozixolelwa. |
5 | 16 | Xelelanani iziphoso, nithandazelane, ukuze niphiliswe. Sinamandla kakhulu isikhungo selungisa, siyeyisa. |
5 | 17 | UEliya wayengumntu oluvo lunjengolwethu, wathandaza umthandazo ukuba ingani; ayana emhlabeni iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu. |
5 | 18 | Wabuya wathandaza, laza izulu lanika imvula, umhlaba wavelisa isiqhamo sawo. |
5 | 19 | Bazalwana, ukuba uthe omnye phakathi kwenu walahleka enyanisweni, wathi ubani wamguqula, |
5 | 20 | makazi ukuba lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo ekufeni, wagubungela inkitha yezono. |