Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 2 Timothy
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu, |
| 1 | 2 | ubhalela uTimoti, umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu. |
| 1 | 3 | Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini; |
| 1 | 4 | ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo; |
| 1 | 5 | ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe. |
| 1 | 6 | Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho. |
| 1 | 7 | Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima. |
| 1 | 8 | Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo; |
| 1 | 9 | owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade; |
| 1 | 10 | lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi; |
| 1 | 11 | endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga; |
| 1 | 12 | endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini. |
| 1 | 13 | Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu. |
| 1 | 14 | Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu. |
| 1 | 15 | Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene. |
| 1 | 16 | Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam. |
| 1 | 17 | Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana. |
| 1 | 18 | Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese. |
| 2 | 1 | Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu; |
| 2 | 2 | uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye. |
| 2 | 3 | Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu. |
| 2 | 4 | Akukho namnye uthi, ephuma umkhosi, azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukuphuma umkhosi. |
| 2 | 5 | Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho. |
| 2 | 6 | Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo. |
| 2 | 7 | Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokupha ke ingqondo ezintweni zonke. |
| 2 | 8 | Mkhumbule uYesu Kristu, engovukileyo kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo; |
| 2 | 9 | endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni, njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe. |
| 2 | 10 | Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabo abanyulwa, ukuze nabo bamkele usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade. |
| 2 | 11 | Lithembekile ilizwi eli: Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye; |
| 2 | 12 | ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela; |
| 2 | 13 | ukuba asithembekile, yena uhlala ethembekile; akanako ukuzikhanyeza. |
| 2 | 14 | Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi angancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli. |
| 2 | 15 | Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebenzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso. |
| 2 | 16 | Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo. |
| 2 | 17 | Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto, |
| 2 | 18 | abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho, kananjalo belubhukuqa ukholo lwenxenye. |
| 2 | 19 | Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo uthi, INkosi iyabazi abangabayo; nothi, Mabasuke kuko ukungalungisi, bonke abalibizayo igama likaKristu. |
| 2 | 20 | Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko. |
| 2 | 21 | Ukuba ngoko umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo. |
| 2 | 22 | Ke zibaleke iinkanuko zobutsha; phuthuma ke ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo. |
| 2 | 23 | Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe. |
| 2 | 24 | Ke umkhonzi weNkosi akamele kulwa; umele ukuba nokuthantamisa kubantu bonke, enokufundisa, enyamezela ububi, |
| 2 | 25 | ebaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba akangethi na kanti uThixo abaphe inguquko esa ekuyazini inyaniso, |
| 2 | 26 | babuye baqabuke, baphume esibatheni sakhe uMtyholi, ababanjiselwe ukuthanda kwakhe nguye. |
| 3 | 1 | Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. |
| 3 | 2 | Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, |
| 3 | 3 | abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, |
| 3 | 4 | abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; |
| 3 | 5 | benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka. |
| 3 | 6 | Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko, |
| 3 | 7 | behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso. |
| 3 | 8 | Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo. |
| 3 | 9 | Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya. |
| 3 | 10 | Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo, |
| 3 | 11 | iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke. |
| 3 | 12 | Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa. |
| 3 | 13 | Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa. |
| 3 | 14 | Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye; |
| 3 | 15 | nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. |
| 3 | 16 | Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, |
| 3 | 17 | ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo. |
| 4 | 1 | Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe: |
| 4 | 2 | livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa. |
| 4 | 3 | Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; |
| 4 | 4 | babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi. |
| 4 | 5 | Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho. |
| 4 | 6 | Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. |
| 4 | 7 | Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. |
| 4 | 8 | Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo. |
| 4 | 9 | Khawuleza uze kum kamsinya; |
| 4 | 10 | kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati. |
| 4 | 11 | NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela. |
| 4 | 12 | Ke uTikiko ndamthumela e-Efese. |
| 4 | 13 | Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu. |
| 4 | 14 | UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe. |
| 4 | 15 | Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu. |
| 4 | 16 | Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko. |
| 4 | 17 | Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama. |
| 4 | 18 | Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. |
| 4 | 19 | Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo. |
| 4 | 20 | UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa. |
| 4 | 21 | Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke. |
| 4 | 22 | INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen. |