Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 2 Thessalonians

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika, elikuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu;
12bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo, neNkosi yethu uYesu Kristu.
13Simelwe kukuhlala sibulela kuThixo ngenxa yenu, bazalwana, njengokuba kufanelekile, ngokuba lukhula ngokugqithiseleyo ukholo lwenu, lusanda uthandano lwenu nonke ngabanye;
14ngokokude thina ngokwethu siqhayise ngani emabandleni kaThixo, ngenxa yonyamezelo lwenu, nokholo lwenu, ezintshutshisweni zenu zonke, nasezimbandezelweni enizinyamezelayo;
15umbonakaliso ke lowo womgwebo onobulungisa kaThixo, ukuze nibalelwe ekuthini nibufanele ubukumkani bukaThixo, enithi ngenxa yabo nive nokuva ubunzima;
16ukuba kanti yinto ebubulungisa kuThixo ukubabuyekeza ngembandezelo abanibandezelayo;
17athi, nina babandezelwayo, anibuyekeze ngokuniphumza kunye nathi, ekutyhilekeni kweNkosi uYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo;
18inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo zeNkosi yethu uYesu Kristu;
19bona abo baya kuva ukubethwa, intshabalalo engunaphakade ke leyo, bemke ebusweni beNkosi, nasebuqaqawulini bokomelela kwayo;
110xa ithe yeza kuzukiswa kubangcwele bayo, imangaliseke kubo bonke abakholwayo (ngokuba nakholwa bubungqina bethu kuni), ngaloo mini.
111Ngoko ke sihlala sithandaza nokuthandaza ngenxa yenu, ukuba uThixo wethu anibalele ekuthini nilufanele ubizo lwenu, azalise ngokunamandla konke ukukholiswa kukulunga, nomsebenzi wokholo;
112ukuze lizukiswe igama leNkosi yethu uYesu Kristu kuni, nani nizukiswe kuye, ngokobabalo lukaThixo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
21Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ngenxa yokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu, nokuhlanganiselwa kwethu kuyo,
22ukuba ningazanyazanyiswa kwakamsinya, nahlukane nengqiqo; ukuba ningabi navuso ngamoya, ngalizwi, ngancwadi ingathi, ivela kuthi, ngokungathi iselingene imini leyo kaKristu.
23Makungabikho bani unilukuhlayo nangalunye uhlobo; ngokuba ayinakufika yona, lungakhanga lufike ulahlo kuqala, atyhileke umntu wesono, unyana wotshabalalo;
24lowo uchasayo, uziphakamisayo ngaphezu kwento yonke ekuthiwa nguThixo, nehlonelwayo, ngokokude azihlalise etempileni kaThixo, ezenza uThixo, ezibonisa ukuba unguThixo.
25Anikhumbuli na, ukuba oko bendisekuni ndanixelela ezi zinto?
26Nangoku niyakwazi okubambezelayo, ukuze atyhileke ngelakhe ixesha.
27Kuba imfihlelo yokuchasana nomthetho iselisebenza; kodwa kulindwe ukuba ade lowo ubambezelayo ngoku asuswe kanye.
28Andule ukutyhileka ongenamthetho; lowo iya kumtshisa iNkosi ngomoya womlomo wayo, imbangise ngokubonakala kokufika kwayo:
29kwalowo, ukufika kungokokusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki,
210nangako ukulukuhla konke kokungalungisi kwabo batshabalalayo; ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe.
211Nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki;
212ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.
213Ke thina simelwe kukuhlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu, bazalwana bathandiweyo yiNkosi, ukuba uThixo kwasekuqalekeni waninyulela ukusindiswa, ngokungcwalisa koMoya nokukholwa yinyaniso;
214awanibizela kuko oko ngazo iindaba ezilungileyo zethu, ukuba nizuze uzuko lweNkosi yethu uYesu Kristu.
215Ngoko ke, bazalwana, yimani, nizibambe izithethe enazifundiswayo, nokuba kungelizwi, nokuba kungencwadi yethu.
216Ke kaloku, iNkosi yethu uYesu Kristu ngokwayo, noThixo uBawo wethu owasithandayo, wasinika intuthuzelo engunaphakade, nethemba elilungileyo ngobabalo,
217wanga angazithuthuzela iintliziyo zenu, anizimase kuwo onke amazwi nemisebenzi elungileyo.
31Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni;
32nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke.
33Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo.
34Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza.
35Yanga ke iNkosi ingathi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu.
36Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi.
37Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu.
38Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni;
39kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina.
310Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.
311Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye.
312Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka.
313Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo.
314Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane.
315Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana.
316Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke.
317Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala.
318Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen.