Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 1 Thessalonians
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | UPawulos noSilvano noTimoti babhalela ibandla labaseTesalonika elikuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu, Kristu; bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 1 | 2 | Sihlala sibulela kuye uThixo ngenxa yenu nonke; sinikhumbula emithandazweni yethu; |
| 1 | 3 | singayeki ukuwukhumbula umsebenzi wenu wokholo, nokubulaleka kwenu kothando, nokunyamezela kwenu kokuthemba iNkosi yethu uYesu Kristu, phambi koThixo uBawo wethu; |
| 1 | 4 | sikwazi, bazalwana bathandiweyo nguThixo, ukunyulwa kwenu. |
| 1 | 5 | Ngokuba iindaba ezilungileyo zethu azibangakho kuni ngantetho yodwa; zabakho nangamandla, nangoMoya oyiNgcwele, nangenkoloseko enkulu, njengoko naziyo ukuba saba ngabanjani na phakathi kwenu ngenxa yenu. |
| 1 | 6 | Nani naba ngabaxelisa thina nayo iNkosi, nalamkelayo nje ilizwi nisembandezelweni eninzi, ninovuyo loMoya oyiNgcwele; |
| 1 | 7 | nada naba yimifuziselo kubo bonke abakholwayo, abakwelaseMakedoni nelaseAkaya. |
| 1 | 8 | Kuba lahlokoma livela kuni ilizwi leNkosi, akwaba khona kwelaseMakedoni nelaseAkaya lodwa; kusuke ezindaweni zonke ukukholwa kwenu kuThixo kwaduma, ngokokude kungabi safuneka ukuba sithethe nto. |
| 1 | 9 | Kuba bona ngokwabo baxela ngathi, ukuba kwakunjani na ukungena kwethu kuni, nokokuba nathini na ukuguqukela kuThixo, niphuma kuzo izithixo, ukuze nikhonze uThixo ophilileyo oyinyaniso, |
| 1 | 10 | nilinde uNyana wakhe evela emazulwini, awamvusayo kwabafileyo, kwauYesu, osihlangulayo kuyo ingqumbo ezayo. |
| 2 | 1 | Kuba nikwazi ngokwenu, bazalwana, ukuba ukungena kwethu kuni akulambathanga; |
| 2 | 2 | sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu. |
| 2 | 3 | Kuba uvuselelo lwethu aluphumi kulahlekiseni, lungaphumi nasekungcoleni, lungekhona nasenkohlisweni. |
| 2 | 4 | Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu. |
| 2 | 5 | Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina; |
| 2 | 6 | singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu. |
| 2 | 7 | Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana; |
| 2 | 8 | ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi. |
| 2 | 9 | Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni. |
| 2 | 10 | Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo; |
| 2 | 11 | kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe, siniyala, sinikhuza, siniqononondisa, |
| 2 | 12 | ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli. |
| 2 | 13 | Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo. |
| 2 | 14 | Kuba nina, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; ngokuba neva kwaobo bunzima nani ngabesizwe sakowenu, babuvayo nabo ngokwabo kuwe amaYuda; |
| 2 | 15 | wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi, engamkholosi uThixo, echasene nabantu bonke; |
| 2 | 16 | esalela thina ukuba sithethe kuzo iintlanga, ukuze zisindiswe, esenzela ukuba azalise izono zawo ngamaxesha onke. Iwafikele ke ingqumbo, kwada kwasekupheleni. |
| 2 | 17 | Thina ke, bazalwana, sanihluthwayo nje ixesha elifutshane ngesiqu, kungengantliziyo, sakhuthalela ngokugqithiseleyo ukububona ubuso benu, sinqwena kakhulu. |
| 2 | 18 | Kungoko sathandayo ukuza kuni, mna Pawulos lo, kwakanye nakabini; wesuka uSathana wasibambezela. |
| 2 | 19 | Kuba liyintoni na ithemba lethu, novuyo lwethu, nesithsaba sethu soqhayiso? Asinini aba na, phambi kweNkosi yethu uYesu Kristu ekufikeni kwayo? |
| 2 | 20 | Inene, nini uzuko novuyo lwethu. |
| 3 | 1 | Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa. |
| 3 | 2 | Sathuma uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, osebenza nathi ezindabeni ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anivuselele ngenxa yokholo lwenu, |
| 3 | 3 | kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo; kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona. |
| 3 | 4 | Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi. |
| 3 | 5 | Ngenxa yoko nam ndithe, ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifuma ne sabulaleka. |
| 3 | 6 | Ngoku ke uTimoti, efikile nje kuthi evela kuni, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nezothando lwenu; nokuba nihlala ninokusikhumbula okuhle, nilangazelela ukusibona, kwanjengokuba nathi silangazelela ukunibona. |
| 3 | 7 | Ngenxa yoko sithuthuzelekile, bazalwana, nini, kuyo yonke imbandezelo nengxakeko yethu ngalo ukholo lwenu; |
| 3 | 8 | ngokuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini. |
| 3 | 9 | Kuba singambuyekeza ngambulelo mni na uThixo ngani, kulo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu phambi koThixo wethu, |
| 3 | 10 | ubusuku nemini sikhunga ngokugqithiseleyo kakhulu, ukuba sibubone ubuso benu, sikuzalise ukusilela kokholo lwenu? |
| 3 | 11 | Wanga ke uThixo ngokwakhe, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, angayilungisa indlela yethu yokuza kuni. |
| 3 | 12 | Yanga ke iNkosi inganandisa, inityebise eluthandweni, omnye komnye nakubo bonke, kwanjengokuba nathi sisenjenjalo kuni; |
| 3 | 13 | ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo. |
| 4 | 1 | Elokugqiba ngoko, bazalwana, siyanicela siniyala siseNkosini uYesu, ukuba nithi, njengokuba nakwamkelayo kuthi, okokuba nimelwe kukuthini na ukuhamba nokumkholisa uThixo, nikhule kuko ngakumbi. |
| 4 | 2 | Kuba niyazi ukuba zaba ziziyalo zini na, esaniyala ngazo ngeNkosi uYesu. |
| 4 | 3 | Kuba oku kukuthanda kukaThixo, ukungcwaliswa kwenu, ukuba nikhumke kulo uhenyuzo; |
| 4 | 4 | ukuba elowo kuni akwazi ukusizuza asiphathe esakhe isitya enobungcwalisa, enembeko; |
| 4 | 5 | angathabatheki yinkanuko, njengeentlanga ezingamaziyo uThixo; |
| 4 | 6 | ukuba kungabikho ugqithisayo, amlumkise umzalwana wakhe emcimbini lowo; ngenxa enokuba iNkosi ngumphindezeli wazo zonke ezi zinto, njengoko sasinixelele ngenxa engaphambili, saniqononondisa. |
| 4 | 7 | Kuba uThixo akasibizelanga ekungcoleni; usibizele ebungcwaliseni. |
| 4 | 8 | Ngako oko ke lowo ugibayo, akagibi mntu, ugiba uThixo, owasinikayo nokusinika uMoya wakhe oyiNgcwele. |
| 4 | 9 | Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane; |
| 4 | 10 | kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi; |
| 4 | 11 | nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo; |
| 4 | 12 | ukuze nihambe ngokuzibekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto. |
| 4 | 13 | Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona. |
| 4 | 14 | Kuba xa sikholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka, kwangokunjalo naye uThixo woza nabo abalele ukufa ngaye uYesu, kunye naye. |
| 4 | 15 | Kuba oku siyakutsho kuni ngelizwi leNkosi ukuthi, thina babudlayo ubomi, baya kuba besekho ekufikeni kweNkosi, asisayi kubaphangela abalele ukufa. |
| 4 | 16 | Ngokuba iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; |
| 4 | 17 | sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi. |
| 4 | 18 | Ngoko ke thuthuzelanani ngala mazwi. |
| 5 | 1 | Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; |
| 5 | 2 | kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. |
| 5 | 3 | Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde. |
| 5 | 4 | Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. |
| 5 | 5 | Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama. |
| 5 | 6 | Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. |
| 5 | 7 | Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. |
| 5 | 8 | Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. |
| 5 | 9 | Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; |
| 5 | 10 | owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye. |
| 5 | 11 | Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo. |
| 5 | 12 | Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, |
| 5 | 13 | nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu. |
| 5 | 14 | Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke. |
| 5 | 15 | Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke. |
| 5 | 16 | Hlalani nivuya. |
| 5 | 17 | Thandazani ningayeki. |
| 5 | 18 | Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. |
| 5 | 19 | UMoya musani ukumcima. |
| 5 | 20 | Iziprofeto musani ukuzenza into engento. |
| 5 | 21 | Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. |
| 5 | 22 | Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. |
| 5 | 23 | Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 5 | 24 | Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko. |
| 5 | 25 | Bazalwana, sithandazeleni. |
| 5 | 26 | Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele. |
| 5 | 27 | Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele. |
| 5 | 28 | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen. |