Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Colossians
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, |
| 1 | 2 | ubhalela abaseKolose, abazalwana abangcwele abakholwayo kuKristu; uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. |
| 1 | 3 | Sihlala sibulela kuye uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, xa sinithandazelayo, |
| 1 | 4 | sivile nje ngokukholwa kwenu kuKristu Yesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele, |
| 1 | 5 | ngenxa yethemba eli nalibekelwayo emazulwini; nalivayo ngenxa engaphambili ngalo ilizwi lenyaniso leendaba ezi zilungileyo; |
| 1 | 6 | zikhoyo kuni, njengoko zikhoyo nakulo lonke ihlabathi, zixakatha neziqhamo, kwanjengoko zixakathayo ngaphakathi kwenu, kususela kwimini enaluvayo, nalwazi, ubabalo lukaThixo ngenya, niso. |
| 1 | 7 | njengoko nafundayo nokufunda kuEpafra, ongumkhonzi oyintanda kunye nathi, engumlungiseleli othembekileyo kaKristu ngenxa yenu; |
| 1 | 8 | owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni. |
| 1 | 9 | Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; |
| 1 | 10 | ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; |
| 1 | 11 | nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo, kunye novuyo; |
| 1 | 12 | nibulela kuye uYise, owasenza sakulingana ukwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni; |
| 1 | 13 | owasihlangulayo egunyeni lobumnyama, wasifudusela ebukumkanini boNyana wothando lwakhe, |
| 1 | 14 | esinayo kuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa kwezono ke oko. |
| 1 | 15 | Ungumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. |
| 1 | 16 | Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. |
| 1 | 17 | Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye. |
| 1 | 18 | Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke. |
| 1 | 19 | Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye, |
| 1 | 20 | nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini. |
| 1 | 21 | Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe, |
| 1 | 22 | ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe; |
| 1 | 23 | ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos. |
| 1 | 24 | Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; |
| 1 | 25 | endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo, |
| 1 | 26 | kwaimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe, |
| 1 | 27 | awathandayo uThixo ukubazisa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga, obunguKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko. |
| 1 | 28 | Sazisa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko, ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; |
| 1 | 29 | endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla. |
| 2 | 1 | Kuba ndithanda ukuba nikwazi ukuba kukhulu kwako ukuzama endikuzamayo ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo bonke abangabubonanga ubuso bam ngokwenyama; |
| 2 | 2 | ukuze zithuthuzelwe iintliziyo zabo, bebandakanyiwe ngothando, kusingise kuyo yonke indyebo yokuqonda okuqinisekileyo, kusingise ekwazini imfihlelo kaThixo uYise, nekaKristu, |
| 2 | 3 | ekufihlwe kuye bonke ubutyebi bobulumko nobokwazi. |
| 2 | 4 | Nditsho ke, ukuze kungabikho bani unilukuhlayo ngentetho egudileyo. |
| 2 | 5 | Kuba nangona ndingekhoyo ngenyama, khona ngomoya ndinani, ndivuya, ndibona ulungelelwano lwenu, nokuzimaseka kokukholwa kwenu kuKristu. |
| 2 | 6 | Njengokuba ngoko namamkelayo uKristu Yesu iNkosi, hambani kuye, nendele nakhelwe kuye, |
| 2 | 7 | naqiniswa ngokholo, njengoko nafundiswayo nafezeka kulo, ninombulelo. |
| 2 | 8 | Lumkani, kungabikho bani unithimbayo ngayo intanda-bulumko, nangokulukuhla okungento yanto, ngokwesithethe sabantu, ngokweziqalelo zehlabathi, kungengokukaKristu. |
| 2 | 9 | Ngokuba kuhleli kuye konke ukuzaliseka kobuThixo ngokomzimba; |
| 2 | 10 | kanjalo nigqibelele kuye, oyintloko yabo bonke ubulawuli negunya; |
| 2 | 11 | enathi kuye naluswa nokwaluswa ngolwaluko olungenakwenziwa ngazandla, ngako ukuhluba umzimba wenyama, ngalo ulwaluko lukaKristu; |
| 2 | 12 | ningcwatywe naye elubhaptizweni; enathi nikuye, navuswa nokuvuswa naye, ngokukholwa kwenu kukusebenza kukaThixo, owamvusa kubo abafileyo. |
| 2 | 13 | Nani, nifile nje ziziphoso nakukungaluki kwenyama yenu, unidlise ubomi ndawonye naye, enixolele zonke iziphoso. |
| 2 | 14 | Ewucimile umbhalo wesandla owalana nathi, owawumelene nathi ngayo imimiselo, uwususile ke kanye, ngokuwubethelela emnqamlezweni; |
| 2 | 15 | ebabhunyule obalawuli nomagunya, wabenza isibonelo ekuhleni, ememelela ngabo ekuwo umnqamlezo. |
| 2 | 16 | Makungabikho mntu ngoko unigwebayo ngento edliwayo, nangento eselwayo, nangendawo yomthendeleko, nangenyanga ethwasileyo, nangeesabatha; |
| 2 | 17 | ezisisithunzi sezinto eziza kuza; ke sona isiqu sesikaKristu. |
| 2 | 18 | Makungabikho namnye unilahlekanisa nomvuzo wenu, ethanda ukwenjenjalo ngokuthobeka kwentliziyo, nangokunqula izithunywa zezulu, engena ezintweni angazibonanga, efumana wakhukhumaliswa yiyo ingqiqo yenyama yakhe, |
| 2 | 19 | engabambe yona iNtloko, ekuphuma kuyo ukuthi umzimba wonke ukhule ngokukhulisa kukaThixo, uncedwa, ubandakanywa ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu nemisipha. |
| 2 | 20 | Ukuba ngoko nafa noKristu, nakhululeka kuzo iziqalelo zehlabathi, yini na ukuba ninge nisadla ubomi ngokwabehlabathi, nimiselwe imimiselo |
| 2 | 21 | (eyokuthi, Musa ukuphatha, musa ukungcamla, musa ukuchukumisa, |
| 2 | 22 | kanti zonke ezi zinto zezonakaliswa kukudliwa), nenze ngokwemithetho neemfundiso zabantu? |
| 2 | 23 | Okunene zizinto ezo ezidunyelwe bubulumko ngokunqula okuzithandelayo, nangokuthobeka kwentliziyo, nangokubandezela umzimba, kodwa kungengambeko yanelisa inyama. |
| 3 | 1 | Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo. |
| 3 | 2 | Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni. |
| 3 | 3 | Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo. |
| 3 | 4 | Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini. |
| 3 | 5 | Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni: umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko; |
| 3 | 6 | eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo; |
| 3 | 7 | enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo. |
| 3 | 8 | Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu. |
| 3 | 9 | Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe, |
| 3 | 10 | nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo; |
| 3 | 11 | apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke. |
| 3 | 12 | Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, |
| 3 | 13 | ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani. |
| 3 | 14 | Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo. |
| 3 | 15 | Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela. |
| 3 | 16 | Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi. |
| 3 | 17 | Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise. |
| 3 | 18 | Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini. |
| 3 | 19 | Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo. |
| 3 | 20 | Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi. |
| 3 | 21 | Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo. |
| 3 | 22 | Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo. |
| 3 | 23 | Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu; |
| 3 | 24 | nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu. |
| 3 | 25 | Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu. |
| 4 | 1 | Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini. |
| 4 | 2 | Zingisani ukuthandaza, niphaphamile kuko, ninombulelo; |
| 4 | 3 | kunye noko nisithandazela, ukuze uThixo asivulele umnyango welizwi, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo; |
| 4 | 4 | ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako. |
| 4 | 5 | Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli. |
| 4 | 6 | Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye. |
| 4 | 7 | Izinto zonke ezilunge nam wonazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini; |
| 4 | 8 | endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu; |
| 4 | 9 | kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ongomnye wenu. Bonazisa izinto zonke zalapha. |
| 4 | 10 | Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni; |
| 4 | 11 | noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum. |
| 4 | 12 | Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo. |
| 4 | 13 | Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli. |
| 4 | 14 | Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas. |
| 4 | 15 | Bulisani kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe. |
| 4 | 16 | Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike. |
| 4 | 17 | Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise. |
| 4 | 18 | Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Yikhumbuleni imixokelelwane yam. Ubabalo malube nani. Amen. |