Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Philippians
Xhosa Bible | ||
Chapter # | Verse # | Verse Detail |
1 | 1 | UPawulos noTimoti, abakhonzi bakaYesu Kristu, babhalela bonke abangcwele abakuKristu Yesu, abaseFilipi, ndawonye nabaveleli nabalungiseleli; |
1 | 2 | bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo, oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. |
1 | 3 | Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ekunikhumbuleni kwam konke |
1 | 4 | (ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyile), |
1 | 5 | ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku; |
1 | 6 | ekubeni ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu; |
1 | 7 | njengokuba ndilungisa ukucinga oko ngani nonke, ngenxa yokuba nikum entliziyweni, nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke. |
1 | 8 | Kuba uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu. |
1 | 9 | Nako oku ndiya kuthandazela, ukuba uthando lwenu lube kukhona luphuphuma ngokuphuphuma ukwazi okukhulu, nako konke ukuqonda, |
1 | 10 | ukuze nizicikide izinto eziziincamisa, ukuze nibe nokusulungeka, ningabi nasiwo, nide nise kwimini kaKristu; |
1 | 11 | nizele ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelise ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo. |
1 | 12 | Ke kaloku ndinga ningazi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo; |
1 | 13 | ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba zikuKristu; |
1 | 14 | baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika. |
1 | 15 | Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani, abanye ke bamvakalisa ngokokuzithandela. |
1 | 16 | Abeyelenqe abo bamazisa uKristu ngokungenyulu, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam; |
1 | 17 | ke aba, benziwa luthando, bamazisa wKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo. |
1 | 18 | Ibe yini ke? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya. |
1 | 19 | Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela ekusindisweni kwam, ngako ukundikhungela kwenu, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu; |
1 | 20 | kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa. |
1 | 21 | Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo. |
1 | 22 | Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi. |
1 | 23 | Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; kuba kokona kulungileyo kakhulu oko; |
1 | 24 | kodwa ukuhlala ndihleli ndisenyameni, yeyona nto ifunekayo ngenxa yenu. |
1 | 25 | Kananjalo, ndikholose ngoko nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndihlale, ndihleli nani nonke, ukuze nihambele phambili, nivuyiswe lukholo; |
1 | 26 | ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni. |
1 | 27 | Kodwa ke ukuhlala kwenu makube kokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze, nokuba ndifikile ndanibona, nokuba andifikanga, ndizive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, ngamphefumlo mnye, nilwela inkolo yeendaba ezilungileyo, |
1 | 28 | ningothuswa nantweni-nye ngabo bachasayo; into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo. |
1 | 29 | Ngokuba nababalwa ukuthi, ngenxa kaKristu, ninganeli kukholwa kuye; nababalwa nokuva ubunzima ngenxa yakhe, |
1 | 30 | ninawo umzamo onjengalowo nawubonayo kum, nangoku niwuvayo ukuba ukho kum. |
2 | 1 | Ukuba ke ngoko kukho usizo kuKristu, ukuba kukho ukhuzo lothando, ukuba kukho ubudlelane boMoya, |
2 | 2 | ukuba kukho imfesane neemfefe, luzaliseni uvuyo lwam, ukuze nicinge nto-nye, ninaluthando lunye, ninamphefumlo mnye, nicinga nto-nye; |
2 | 3 | ningenzi nanye into ngokweyelenqe, nangokozuko olulambathayo. Yithini ngokuthobeka kwentliziyo omnye ambalele omnye ekuthini nguyena wongamileyo kunaye. |
2 | 4 | Makangathi elowo axunele kwezakhe izinto zodwa, elowo makaxunele nakwezabanye. |
2 | 5 | Yibani nale ngcinga kuni, wayenayo kuye uKristu Yesu: |
2 | 6 | yena wathi, esebumeni bukaThixo, akathi ukulingana kwakhe oku noThixo kulixhoba; |
2 | 7 | usuke wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu; |
2 | 8 | wathi ngemo efunyenwe enjengomntu, wazithoba, waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni. |
2 | 9 | Kungoko athe uThixo wamphakamisa kakhulu, wamnika igama elingaphezu kwawo onke amagama; |
2 | 10 | ukuze ngegama likaYesu onke amadolo agobe, awabasemazulwini, nawabasemhlabeni, nawabaphantsi komhlaba; |
2 | 11 | zithi zonke iilwimi zixele ukuba uYesu Kristu uyiNkosi, kuze kuzukiswe uThixo uYise. |
2 | 12 | Ngoko ke, zintanda zam, njengokuba nahlala ninokuva, lusebenzeni nilufeze olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela; ningangi nenjenjalo xa ndikhoyo kodwa, manibe kukhona nenjenjalo Xa ndingekhoyo. |
2 | 13 | Kuba nguThixo okusebenzayo Ngaphakathi kwenu ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe. |
2 | 14 | Izinto zonke zenzeni ningenakukrokra, ningenakuthandabuza, |
2 | 15 | ukuze nibe ngabangenakusoleka, abangenabuqhinga; nibe ngabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala esazulwini sesizukulwana esigoso, esigwenxa; enithi phakathi kwabo nibonakale ninjengezikhanyiso ehlabathini, nibambelele elizwini lobomi; |
2 | 16 | nibe liqhayiya lam, nide nise kwimini kaKristu, ukuba andifumananga ndabaleka, kanjalo andifumananga ndabulaleka. |
2 | 17 | Ewe, nokuba ndiyathululwa ngokomnikelo phezu kombingelelo nombuso wokholo lwenu, ndiyavuya, ndivuyisana nani nonke. |
2 | 18 | Yithini ke ngokoko nani nivuye, nivuyisane nam. |
2 | 19 | Ke kaloku ndithembele eNkosini uYesu, ukuba ndonithumela uTimoti kamsinya, ukuze nam ndonwabe, ndakuzazi iindawo ezingani. |
2 | 20 | Kuba andinamntu wumbi, umphefumlo uvana nowam, owothi ayikhathalele ngokwenyaniso imicimbi engani. |
2 | 21 | Kuba bonke bafuna ezabo izinto, zingezizo ezikaYesu Kristu. |
2 | 22 | Ukucikideka ke kwakhe niyakwazi: ukuba wathi, njengomntwana kuyise, wakhonza kunye nam kuzo iindaba ezilungileyo. |
2 | 23 | Lowo ke ngoko ndithembe ukumthuma kwaoko, xa ndithe ndayiqonda imicimbi engam. |
2 | 24 | Ke ndikholose ngeNkosi, ukuba nam ngokwam ndoza kamsinya. |
2 | 25 | Kodwa ke ndibe kuyafuneka ukuba ndinithumele uEpafrodito, umzalwana wam osebenza nam, umphumi-mkhosi nam, umthunywa wenu ke, umlungiseleli wam kwiintswelo zam; |
2 | 26 | ekubeni ke ebenilangazelela nina nonke, edandatheka, ngenxa enokuba nevayo ukuba wayesifa. |
2 | 27 | Kuba okunene wayesifa, ephantse ukufa. Ke uThixo wamenzela inceba; akenzela yena yedwa, wenzela nam lo, ukuze ndingabi buhlungu, ndibuhlungu kade. |
2 | 28 | Kukhona ngoko ndimthuma ngokukhawuleza, ukuze nithi nakumbona nibuye nivuye, kuthi nokwam ukuba buhlungu kudambe. |
2 | 29 | Mamkeleni ke ngokwaseNkosini, ninovuyo lonke; nibabeke abo banjalo; |
2 | 30 | ngokuba, ngenxa yomsebenzi kaKristu, wada waphantsa ukufa, ebenza isichenge ubomi bakhe, ukuze enzelelele ukusilela kwenu ekundilungiseleleni. |
3 | 1 | Elokugqiba, bazalwana bam, vuyani niseNkosini. Ukunibhalela kwaezo zinto akunqenekile okunene kum, ke nina kuyaninqabisa. |
3 | 2 | Zilumkeleni izinja, balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni aborhunulo. |
3 | 3 | Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama; |
3 | 4 | nakuba mna ndibe ndingakholosayo ngenyama; ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama, bendingaba ngakumbi mna: |
3 | 5 | ndalukayo ngomhla wesibhozo, ndingowenzala kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBhenjamin, umHebhere wamaHebhere, ngokomthetho ndingumFarisi, |
3 | 6 | ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla, ngokobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka. |
3 | 7 | Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu. |
3 | 8 | Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam; endithe ngenxa yakhe ndonakalelwa zezi zinto zonke, ndizibalela ekuthini ziyinkunkuma, ukuze ndimzuze uKristu, |
3 | 9 | ndifunyanwe ndikuye, ndingenabo obam ubulungisa, obo basemthethweni; ndinobo bungokukholwa kuKristu, ubulungisa ke obuphuma kuThixo ngalo ukholo; |
3 | 10 | ukuba ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nokuba ndibe nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe noko kufa kwakhe; |
3 | 11 | ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo. |
3 | 12 | Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele; ke ndiphuthuma ukuba ndingakuganga na nokukuganga oko, ndathi nam ndagangelwa khona nguye uKristu Yesu. |
3 | 13 | Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigangile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, |
3 | 14 | ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu. |
3 | 15 | Ngoko masithi, ngangoko singako thina bagqibeleleyo, sicinge oko; kanjalo ukuba nicinga into ngokukumbi, uThixo wonityhilela naleyo. |
3 | 16 | Noko ke, apho sifikelele khona, masihambe ngamgca mnye, masicinge nto-nye. |
3 | 17 | Yibani ngabaxelisa mna, bazalwana, nixunele kubo abahamba ngokunjalo, njengokuba ninomfuziselo, thina aba ke. |
3 | 18 | Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba zomnqamlezo kaKristu; |
3 | 19 | abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba. |
3 | 20 | Kuba thina ikowethu lisemazulwini, apho kananjalo silinde khona kwauMsindisi, iNkosi uYesu Kristu; |
3 | 21 | eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto. |
4 | 1 | Ngoko ke, bazalwana bam abaziintanda, balangazelelwayo, luvuyo lwam, sithsaba sam, yimani ngokunjalo eNkosini, zintanda. |
4 | 2 | UWodiya ndiyamyala, noSintike ndiyamyala, ukuba bacinge nto-nye beseNkosini. |
4 | 3 | Ndiyakucela nawe, sinxulumana senyaniso, bambisana nabo bafazi bazama nam ezindabeni ezilungileyo, kwanoKlemente, nabanye abasebenzisi bam, abamagama asencwadini yobomi. |
4 | 4 | Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani. |
4 | 5 | Ukuthantamisa kwenu makwazeke kubantu bonke. INkosi ikufuphi. |
4 | 6 | Ningaxhaleli nto; mazithi iingcelo zenu ezintweni zonke, ngako ukuthandaza nokukhunga, ndawonye nokubulela, zaziswe kuye uThixo. |
4 | 7 | Lwaye uxolo lukaThixo, olugqithisele kuko konke ukuqonda, luya kuzigcina iintliziyo zenu neengqiqo zenu kuKristu Yesu. |
4 | 8 | Elokugqiba, bazalwana, ndithi, iinto zonke eziyinene, iinto zonke ezindilekileyo, iinto zonke ezibubulungisa, iinto zonke ezinyulu, iinto zonke ezithandekayo, iinto zonke eziludumo lulungileyo, ukuba kukho sidima, ukuba kukho ndumiso, zithelekeleleni ezo zinto. |
4 | 9 | Kwa-ezo zinto nazifundayo, nazamkela, naziva, nazibona kum, yenzani zona ezo; waye uThixo woxolo eya kuba nani. |
4 | 10 | Ke kaloku ndaye ndivuya eNkosini kakhulu, ukuba ngoku kokugqibela kude kwathi ukukunyamekela kwenu okwam, kwabuya kwatyatyamba: enaye nikunyamekele okunene, koko ke naniswele ithuba. |
4 | 11 | Kungekuko ukuba ndithetha ngokuswela; kuba mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele. |
4 | 12 | Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela. |
4 | 13 | Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKristu. |
4 | 14 | Noko ke natyapha ukuba nobudlelane nam ngembandezelo. |
4 | 15 | Nani ke baseFilipi, niyazi ukuba, ekuqalekeni kweendaba ezilungileyo ezi, xenikweni ndaphumayo kwelaseMakedoni, akubangakho nalinye ibandla eladlelana nam, ngokusingisele emcimbini wokunikela nowokwamkela, yaba nini nedwa. |
4 | 16 | Ngokuba, naseTesalonika, kwaba kanye nakabini nithumela, nindinceda ekusweleni kwam. |
4 | 17 | Ingekuko ukuba ndibe ndifuna ukuphiwa; ikukuba ndibe ndifuna isiqhamo esandela emcimbini wenu. |
4 | 18 | Ke ndinezinto zonke nje, ndityebile, ndihluthi, ndizamkele nje kuEpafrodito izinto ezavela kuni: ivumba elimnandi, umbingelelo owamkelekileyo, okholekileyo kakuhle kuye uThixo. |
4 | 19 | Ke uThixo wam wokwenzelelela konke ukuswela kwenu ngokobutyebi bakhe, ngokozuko olukuKristu Yesu. |
4 | 20 | Kuye ke uThixo, uBawo wethu, malubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. |
4 | 21 | Bulisani bonke abangcwele abakuKristu Yesu. Bayanibulisa abazalwana abanam. |
4 | 22 | Bayanibulisa bonke abangcwele, ngokukodwa ke aba bendlu kaKesare. |
4 | 23 | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen. |