Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Ephesians

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ubhalela abangcwele abase-Efese, abakholwayo kuKristu Yesu;
12athi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
13Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, lowo wasisikelelayo ngeentsikelelo zonke zoMoya kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu;
14njengokuba wathi, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, wasinyulela kuye, ukuba sibe ngcwele, singabi nasiphako phambi kwakhe;
15othe ngokusithanda wasimisela ngenxa engaphambili, ukuba senziwe oonyana kuye ngokwakhe ngoYesu Kristu, ngokwenkolelo yokuthanda kwakhe,
16ukuze kudunyiswe uzuko lobabalo lwakhe, awasibabala ngalo sikuye Othandiweyo;
17esinayo sikuye inkululeko ngokuhlawulelwa ngegazi lakhe, ukuxolelwa ke kweziphoso zethu, ngokobutyebi bobabalo lwakhe;
18awaluphuphumisela kuthi, lunabo bonke ubulumko nokuqonda;
19esazisile imfihlelo yokuthanda kwakhe ngokwenkolelo yakhe, awayimisayo ngokwakhe,
110ebhekise ekuhleleni aya kuhlela ngako, akuzaliseka amaxesha, ukuba azihlanganisele zonke izinto kuye uKristu, ezisemazulwini kwanezisemhlabeni;
111ewe, kuye lo sithe sikuye sadla ilifa; simisiwe ngenxa engaphambili ngokwengqibo yozisebenzayo zonke ezo nto ngokwecebo lokuthanda kwakhe;
112ukuze sibe ngabokudumisa uzuko lwakhe, thina aba sathi ngenxa engaphambili sathembela kuye uKristu;
113enithe, nikuye nani, nakuliva ilizwi lenyaniso, iindaba ezi zilungileyo zokusindiswa kwenu-enithe, nakukholwa nokukholwa kuye, natywinwa naqiniselwa ngaye uMoya oyiNgcwele wedinga,
114osisinyaniso selifa lethu, ukude kugqibelele ukukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo kuye, ukuba kudunyiswe uzuko lwakhe.
115Ngenxa yoko nam, ndakuba ndikuvile okwenu ukukholwa yiNkosi uYesu, nokubathanda kwenu bonke abangcwele,
116andiphezi ukubulela ngenxa yenu, ndinikhumbula emithandazweni yam,
117ukuba uThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle;
118nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, nento obuyiyo ubutyebi bobuqaqawuli belifa lakhe phakathi kwabo abangcwele;
119nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo, angokokusebenza kokuqinisela kokomelela kwakhe,
120awakusebenza kuye uKristu, ekumvuseni kwakhe kwabafileyo; waza wamhlalisa ngasekunene kwakhe kwezasemazulwini iindawo,
121ngaphezu kwalo lonke ulawulo, negunya, namandla, nobukhosi, nalo lonke igama elikhankanywayo, kungekhona kweli phakade lodwa, kunakwelo lizayo.
122Waza izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe, wammisa ukuba abe yintloko phezu kweento zonke kulo ibandla,
123lona lingumzimba wakhe, ukuzala ke oko kozizalisayo izinto zonke ngako konke.
21Nani unidlise ubomi, nifile nje ziziphoso na zizono;
22enanifudula nihamba kuzo ngokwesimo seli hlabathi, ngokomphathi wegunya lesibhakabhaka, womoya lo usebenzayo ngoku kubo abangevayo;
23esasifudula nathi sonke sihleli phakathi kwabo ezinkanukweni zenyama yethu, sisenza ukuthanda kwenyama nokwengcinga, saye ngemvelo sikwangabantwana bengqumbo, njengabanye abo.
24Ke uThixo, esisityebi nje ngenceba, uthe ngenxa yothando lwakhe olukhulu, awasithanda ngalo,
25thina sifile nje ziziphoso, wasidlisa ubomi ndawonye noKristu (nisindiswe ngokubabalwa),
26wasivusa naye, wasihlalisa naye kwezasemazulwini iindawo, sikuKristu Yesu;
27ukuze ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwakhe abubonakalalise emaphakadeni azayo, ngokusenzela ububele ngoKristu Yesu.
28Kuba nisindiswe ngokubabalwa nangalo ukholo; nako oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo;
29akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo.
210Kuba thina singumsebenzi wakhe, sidalelwe kuKristu Yesu, ukuze senze imisebenzi elungileyo, awayilungisayo uThixo ngenxa engaphambili, ukuze sihambe kuyo.
211Ngoko ndithi, Khumbulani ukuba nina, enibe nifudule niziintlanga ngokwenyama, kusithiwa ningabangalukileyo, ngabo kuthiwa ngabolwaluko olwenziwe ngezandla enyameni:
212okokuba ngelo xesha nibe ningenaKristu, ningazani nawo umzi wakwaSirayeli, ningabasemzini kuyo iminqophiso yalo idinga, ningenathemba, ningenaThixo ehlabathini.
213Ke ngoku ngoKristu Yesu, nina, enibe nifudula nikude, nithe naba kufuphi ngalo igazi likaKristu.
214Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo,
215akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini abadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo;
216nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo.
217Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi;
218ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.
219Ngoko ke anisengabasemzini nabaphambukeli; ningamakhaya kubo abangcwele, ningabendlu kaThixo,
220nakhelwe phezu kwelitye lesiseko sabapostile nabaprofeti, inguYesu Kristu ngokwakhe ilitye lembombo;
221esithi kuye sonke isakhiwo, sihlangene kakuhle, sikhule, sibe yitempile engcwele eNkosini;
222enithi nani nakhelwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.
31Ngenxa yoko, mna Pawulos, mbanjwa kaKristu Yesu ngenxa yenu zintlanga—
32ukuba ke nikuvile ukugosisa kobabalo lukaThixo endanibabalelwa ngalo;
33okokuba wandazisa imfihlelo leyo ngokotyhilelo, njengoko sendibhale kade ngokufutshane;
34enothi ngoko, nakulesa, nibe nokuqiqa okwam ukuyiqonda imfihlelo kaKristu;
35ababengathanga kuzimbi izizukulwana bayaziswe oonyana babantu, njengoko bayityhilelweyo ngoku abapostile bakhe abangcwele, nabaprofeti bakhe, ngaye uMoya;
36eyokuba iintlanga ziziindlalifa nathi, zikwamzimba mnye nathi, zingamahlulelana nathi ngedinga lakhe, sikuye nje uKristu ngazo iindaba ezilungileyo,
37endaba ngumlungiseleli wazo ngokwesipho sobabalo lukaThixo, endababalwa ngaso ngokokusebenza kwamandla akhe.
38Mna lo, unguyena mncinanana kubo bonke abangcwele, ndababalwa ngolo lubabalo, lokuba ndishumayele phakathi kweentlanga iindaba ezilungileyo zobutyebi obungalandekiyo bukaKristu;
39ndibakhanyisele bonke, bayibone into obuyiyo ubudlelane bemfihlelo ebifihliwe kwasemaphakadeni, ikuye uThixo owazidalayo zonke izinto ngoYesu Kristu;
310ukuze ngoku oozilawuli noomagunya, abakwezasemazulwini iindawo, babaziswe ngalo ibandla ubulumko bukaThixo, obuziintlobo ezininzi,
311ngokokwengqibo yakhe yasemaphakadeni, awayenzayo kuKristu Yesu, iNkosi yethu;
312esinako sikuye ukungafihlisi kwethu, nokungeniswa kuye sikholosile, ngokukholwa kuye.
313Kungoko ndicelayo ukuba ningethi amandla ziimbandezelo zam, ezingenxa yenu, zona ezi ziluzuko lwenu.
314Ngenxa yoko ndiyawagoba amadolo am kuye uYise weNkosi yethu uYesu Kristu,
315ebizwe ngaye yonke imizalwane esemazulwini nesemhlabeni,
316ukuba aninike, ngokobutyebi bozuko lwakhe, ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe, ngokusingisele emntwini ongaphakathi;
317ukuba uKristu ahlale ngalo ukholo ezintliziyweni zenu, nendele nisekelwe eluthandweni,
318ukuze nithi, ndawonye nabo bonke abangcwele, nibe nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo,
319kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi; ukuze niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.
320Kuye ke onako ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa, ngokokwamandla asebenzayo ngaphakathi kwethu,
321kuye malubekho uzuko ebandleni elikuKristu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana zalo iphakade lasemaphakadeni. Amen.
41Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo,
42ninako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando,
43nikhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo.
44Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu.
45Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo,
46mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke.
47Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu.
48Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu.
49Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona ziseza ntsi iindawo zomhlaba?
410Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto.
411Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi,
412ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu;
413side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu;
414ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso;
415sithi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu;
416ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando.
417Ke ngoko, oku ndiyakuthetha ndikungqine ndiseNkosini, ukuthi, maningabi sahamba njengoko zihamba ngako nezinye iintlanga, ngamampunge engqiqo yazo,
418zenziwe mnyama iingqondo, zingazani nobomi bukaThixo ngenxa yokungazi okukuzo, ngenxa yokuqaqadeka kwentliziyo yazo;
419abathe bona, bengasaziva, bazinikela eburheletyweni, ukuze basebenze ukungcola konke, bebawa.
420Ke nina animfundanga ngokunjalo uKristu,
421ukuba kambe ningaba nimvile, nafundiswa nikuye, njengoko inyaniso ikuye uYesu;
422yokuba nithi ngakwihambo yangaphambili nimlahle umntu omdala, owonakaliswayo ngokokweenkanuko zokulukuhla;
423nihlaziywe ke kuwo umoya wengqiqo yenu,
424nimambathe umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni, nasebungcweleni benyaniso.
425Kungoko ke ndithi, lahlani ubuxoki, thethani inyaniso elowo nommelwane wakhe; ngokuba singamalungu, omnye elelomnye.
426Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;
427kananjalo musani ukumkhwelela indawo uMtyholi lo.
428Lowo ubayo makangabi seba; kanye ke makabulaleke esebenza okulungileyo ngezandla zakhe, ukuze abe nako ukwabela osweleyo.
429Makungaphumi nanye intetho ebolileyo emlonyeni wenu; mayibe yesukuba ilungele ukuxuma oko kuluncedo, ukuze ibabale abevayo.
430Kanjalo musani ukumenza buhlungu uMoya oyiNgcwele kaThixo, enathi kuye natywinwa, naqiniselelwa imini yentlawulelo.
431Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.
432Ke nina yibani nobubele omnye komnye, nibe nemfesane kakhulu, nixolelane, njengokuba naye uThixo wanixolelayo ekuKristu.
51Ngoko yibani ngabaxelisa uThixo, ngokwabantwana abaziintanda;
52nihambe eluthandweni, kwanjengokuba naye uKristu wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, ukuba abe ngumnikelo nedini kuye uThixo, ukuba abe livumba elimnandi.
53Ke umbulo, nako konke ukungcola, nokubawa, makungakhe kukhankanywe phakathi kwenu, njengoko kubafaneleyo abangcwele;
54kwanamanyala, nentetho yobuyatha, nobuhiba, izinto ezo ezingafanelekileyo. Makube kokukhona ninemibulelo.
55Kuba oku nikwazi, ukuba wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.
56Makungabikho namnye unilukuhlayo ngamazwi alambathayo; kuba iza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo.
57Ngoko musani ukuba ngamahlulelana nabo.
58Kuba nina naye nifudula nibubumnyama, ke ngoku nikukukhanya, niseNkosini nje; hambani ke ngokwabantwana bokukhanya.
59Kuba sona isiqhamo soMoya sikuko konke ukulunga, nobulungisa, nenyaniso;
510nicikida ukuba yintoni na ekholekileyo kakuhle kwiNkosi.
511Kanjalo musani ukuba nabudlelane ngemisebenzi yobumnyama engenasiqhamo; makube kukhona niyohlwayayo.
512Kuba izinto ezenziwa ngabo emfihlekweni kulihlazo nokuzithetha.
513Ke zonke ezi zinto, zakohlwaywa, ziyabonakalaliswa kukukhanya; kuba konke okubonakalaliswayo kukukhanya.
514Kungoko athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela.
515Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko;
516nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.
517Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.
518Kanjalo musani ukunxila yiwayini, ekukhoyo kuloo nto ukuzibhubhisa; manizaliswe nguMoya;
519nithetha omnye nomnye ngeendumiso, neengoma, nezango ezizezomoya, nivuma, nibetha uhadi entliziyweni yenu kuyo iNkosi,
520nimana nibulela ngenxa yeento zonke, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, kuye uThixo uYise;
521nilulamelana ngokoyika uThixo.
522Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, ngokokululamela iNkosi;
523ngokuba indoda le iyintloko yomfazi, njengokuba naye uKristu eyintloko yebandla, eli; waye yena ngokwakhe enguMsindisi wawo umzimba.
524Ke, kwanjengokuba ibandla eli limlulamela uKristu, mabathi ngokunjalo nabafazi bawalulamele awabo amadoda ezintweni zonke.
525Nina madoda, bathandeni abafazi benu, njengokuba naye uKristu walithandayo ibandla, wazinikela ngenxa yalo;
526ukuze alingcwalise, elihlambulule ngokuhlamba kwamanzi ngelizwi;
527ukuze alimise phambi kwakhe linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo, ukuze libe ngcwele, lingabi nasiphako.
528Ngoko amelwe amadoda ukubathanda abawo abafazi, njengokuba beyimizimba yawo. Lowo umthandayo umkakhe, uyazithanda;
529kuba akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine, njengokuba nayo iNkosi ilenjenjalo ibandla.
530Ngokuba singamalungu omzimba wayo, singabenyama yayo, singabamathambo ayo.
531Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele kuye umkakhe, baze abo babini babe nyama-nye.
532Loo mfihlelo inkulu; ke mna ndithetha ndisingisele kuKristu, ndisingisele nakulo ibandla.
533Kodwa ke manithi nani ngabanye, elowo amthande umkakhe, njengoko azithanda ngako; umfazi ke makayoyike indoda.
61Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
62Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga;
63ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
64Nani boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu; bondleleni ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.
65Nina bakhonzi, baveni abaziinkosi zenu ngokwenyama, ninokuzoyikela nokugubha, ningenakumbi ezintliziyweni zenu, ninge niva uKristu ngokwakhe.
66Ukukhonza kwenu makungabi ngokweliso, ngathi nithomalalisa abantu; makube ngokwabakhonzi bakaKristu, nikwenza ukuthanda kukaThixo ngokwasemphefumlweni,
67nikhonza ngentumekelelo, kukuyo iNkosi, kungekubo abantu;
68nisazi nje ukuba into esukuba ilungile, athe ulowo wayenza, uya kwamkeliswa kwayona yiNkosi, nokuba uNonzi nokuba ungokhululekileyo.
69Nani baziinkosi zabo, yenzani kwaezo zinto kubo, nikuyeke ukusongela; nisazi nje ukuba kwaeyabo neyenu iNkosi isemazulwini, nokuba akukho kukhetha buso kuyo.
610Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
611Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.
612Ngokuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
613Ngenxa yoko, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo; ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.
614Misani ke ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa,
615nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
616Ngaphezu kwezo zinto zonke, qubulani ikhaka lokholo, lona nothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zakhe ongendawo.
617Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo;
618ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele;
619nangenxa yam, ukuba ndiphiwe ilizwi ekuwuvuleni umlomo wam, ndize ndazise ngokungafihlisiyo imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo,
620ekungenxa yazo endisisigidimi esisezintanjeni; ukuze ndingafihlisi ukuthetha kuzo, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
621Ke kaloku, ukuze nani nikwazi okukokwam, ukuba ndinjani na, wonazisa konke uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo ngokwaseNkosini;
622endimthume le nto kuni, ukuze nizazi iindaba zethu, nokuze azithuthuzele iintliziyo zenu.
623Makube luxolo kubo abazalwana, nothando, ndawonye nokholo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu.
624Ubabalo malube nabo bonke abayithandayo iNkosi yethu uYesu Kristu ngokungenakonakala. Amen.