Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Galatians

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11UPawulos, umpostile (ongavele bantwini, kanjalo kungengamntu; kungaye uYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo),
12kwanabazalwana aba bonke banam, uthi kuwo amabandla kaThixo akwelaseGalati:
13Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu;
14owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.
15Kuye makubekho uzuko, kude kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
16Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi;
17ezingezizo nokuba zizo ezinye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu.
18Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi.
19Njengokuba besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi.
110Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu.
111Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim;
112kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu.
113Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo;
114ndaye ndihambela phambili ebuYudeni, ngaphezu kwabaninzi ababeziintanga zam eluhlangeni lwakowethu, ndizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu.
115Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe,
116ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga: kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi.
117Andinyukanga nokunyuka ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko.
118Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu.
119Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa.
120Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki.
121Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya;
122ndaye ke ndingaziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu;
123banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa.
124Bamzukisa uThixo ngam.
21Ndaza emva kweminyaka elishumi elinamine, ndabuya ndenyuka ndaya eYerusalem ndinoBharnabhas, ndathabatha noTito.
22Ndenyuka ke ngokwesityhilelo, ndazandlala phambi kwabo iindaba ezilungileyo endizivakalisayo phakathi kweentlanga; ndazandlala ke phambi kwabo badumileyo bebodwa, hleze ndibe ndifumana ndibaleka, mhlawumbi ndibe ndafumana ndabaleka.
23NoTito lo, ubenam, nangona ebengumGrike, akanyanzelwanga ukuba aluke:
24ngenxa ke yabazalwana ababuxoki, abangeniswayo bucala, bona bangena ngokunyebeleza, besiza kuhlola inkululeko yethu esinayo kuKristu Yesu, ukuze basithobele ebukhobokeni.
25Esathi abo asabavumela ngolulamo nokwexa elinye, ukuze inyaniso yeendaba ezilungileyo ihlale ihleli kuni.
26Ke aba badumele ukuba bayinto, nokuba babefudula benjani, akunto oko kum; uThixo akakhethi buso bamntu. Kuba aba babedume ngobunto ababhekisanga nto kum.
27Basuka bathi kanye, bakubona ukuba ndiziphathisiwe iindaba ezilungileyo kwabangalukileyo, njengokuba uPetros ebeziphathisiwe kwabolwaluko
28(kuba kwalowo wamsebenzelayo uPetros ngokusingisele kubo ubupostile babolwaluko, wandisebenzela nam ngokusingisele kwiintlanga);
29kananjalo bakulwazi ubabalo endababalwa ngalo: bathi ooYakobi noKefas noYohane, abo ke babedume ukuba baziintsika, basinika thina noBharnabhas izandla zokunene zobudlelane, ukuze siye thina kwiintlanga; bona ke baye kwabolwaluko;
210bathi, maze siwakhumbule amahlwempu; into ke leyo endandiyikhuthalela ukuyenza.
211Ke kaloku, xenikweni uPetros wafikayo kwa-Antiyokwe, ndamelana naye ngokusekuhleni, ngokuba ube engogwetyiweyo.
212Kuba phambi kokuba kufike abathile bevela kuYakobi, wadla ndawonye nabeentlanga; ke wathi bakufika, wesuka wanqwanqwa, wazahlula kubo, esoyika abo bolwaluko.
213Ke ahanahanisa njengaye namanye amaYuda; wada noBharnabhas wakhukuliswa luhanahaniso lwawo.
214Xenikweni ke ndabonayo ukuba abathe ngqo ukuhamba enyanisweni yeendaba ezilungileyo, ndathi kuPetros phambi kwabo bonke, Ukuba wena, ungumYuda nje, uhleli ngokwabeentlanga, ungahlali ngokobuYuda, yini na ukuba ubanyanzele abeentlanga ukuba bahlale ngokobuYuda?
215Thina, singamaYuda ngemvelo, asingaboni abavela kwiintlanga,
216sisazi nje ukuba akagwetyelwa umntu ngokwasemisebenzini yomthetho, kuphela kungokukholwa kuYesu Kristu: sithe ke nathi aba sakholwa kuKristu Yesu, ukuze sigwetyelwe ngokwasekukholweni kuKristu, kungabi ngokwasemisebenzini yomthetho; ngokokuba akuyi kugwetyelwa mntu ngokwasemisebenzini yomthetho.
217Ke ukuba, sifuna nje ukugwetyelwa ngoKristu, sifunyanwa singaboni nathi ngokwethu, ndiyabuza ndithi, uKristu ungumlungiseleli wesono na ke ngoko? Nakanye!
218Kuba, ukuba izinto endazichithayo, ndibuya ndakhe zona, ndiyaziqondakalisa ngokwam ukuba ndingumgqithi.
219Kuba mna ngomthetho ndafa kumthetho, ukuze ubomi ndibudlele kuThixo.
220Ndibethelelwe emnqamlezweni noKristu; ayisendim ke odla ubomi, nguKristu ke oselesidla ubomi kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku, ndisenyameni, ndibudlela ekukholweni kuNyana kaThixo, owandithandayo, wazinikela ngenxa yam.
221Andilutshitshisi ubabalo lukaThixo; kuba, ukuba bungomthetho ubulungisa, oko uKristu angaba wafumana wafa.
31Ehlani, maGalati aswele ukuqonda! Ngubani na oninyangileyo, ukuba ningayithambeli nje inyaniso, ebethe nje phambi kwamehlo enu uYesu Kristu wabhalwa, wabhegezwa phakathi kwenu, ebethelelwe emnqamlezweni?
32Ndithanda ukukha ndiqonde kuni le ndawo yodwa: Namamkela uMoya emisebenzini yomthetho, namamkela ezindabeni zokholo, kusini na?
33Ninje na ukuswela ukuqonda? Nakuba niqale kuMoya, ngoku nigqibela kwinyama na?
34Izinto ezinzima kangaka nafumana naziva na? ukuba kanti benifumana nisenza.
35Lowo ngoko uniphayo uMoya, usebenza imisebenzi yamandla kuni, ukwenza oko ngokwasemisebenzini yomthetho, ukwenza ngokwasezindabeni zokholo, kusini na?
36njengokuba uAbraham wakholwayo nguThixo, kwaza oko kwabalelwa ebulungiseni kuye.
37Yazini ngoko ukuba abaselukholweni, ngabo abo abangoonyana baka-Abraham.
38Isibhalo, sibona ke ngenxa engaphambili ukuba uThixo uyazigwebela iintlanga ngokwaselukholweni, sazishumayela ngenxa engaphambili iindaba ezilungileyo kuAbraham, sisithi, Ziya kusikelelelwa kuwe zonke iintlanga.
39Ngoko ke abaselukholweni bayasikelelwa ndawonye noAbraham okholwayo.
310Kuba bonke abangabasemisebenzini yomthetho, baphantsi kwesiqalekiso; kuba kubhaliwe kwathiwa, Baqalekisiwe bonke abangahlaliyo ezintweni zonke ezibhaliweyo encwadini yomthetho, ukuba bazenze.
311Okokuba ke akukho namnye ugwetyelwayo ngomthetho kuye uThixo, kuyabonakala; ngokuba lowo ulilungisa, uya kudla ubomi obuphuma elukholweni.
312Wona ke umthetho asingowaselukholweni; uthi, umntu owazenzayo ezo zinto uya kudla ubomi ngazo.
313UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu (kuba kubhaliwe kwathiwa, Uqalekisiwe wonke umntu oxhonywe emthini);
314ukuze intsikelelo ka-Abraham ibe sezintlangeni ngoKristu Yesu, ukuze idinga loMoya silamkele ngalo ukholo.
315Bazalwana, ndithetha ngokwabantu: kwanowomntu umnqophiso ozinzisiweyo, akukho namnye uwutshitshisayo, athi mhlawumbi ongeze kuwo.
316Enziwa ke kuye uAbraham amadinga, nakuyo imbewu yakhe. Akathi, nakuzo iimbewu, ngathi uthetha ezininzi; usuka ngathi uthetha nye, athi, Nakuyo imbewu yakho: nguKristu ke lowo.
317Ukutsho ke ndithi, Umnqophiso ozinzisiweyo ngenxa engaphambili nguThixo, usingisele kuKristu, awunakuphangwa igunya ngumthetho, owabakhoyo emva kweminyaka engamakhulu omane anamanci mathathu, ukuze ulibhangise idinga elo.
318Kuba ilifa elo, ukuba liphuma emthethweni, loba alisaphumi edingeni; ke yena uThixo umbabale uAbraham ngedinga.
319Uyintoni na ngoko umthetho? Walekelwa ngenxa yezigqitho, ukude ifike imbewu leyo yayibekwe ngedinga; wamiswa ngezithunywa zezulu, sisandla somlamleli.
320Ke umlamleli akamnye; uThixo ke yena mnye.
321Umthetho ngoko uchasene na namadinga kaThixo? Nakanye! Kuba, ukuba bekuwiswe umthetho onako ukudlisa ubomi, kuhleliwe nje, ngebuphume emthethweni lowo ubulungisa.
322Ke sona isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo.
323Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa.
324Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni.
325Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli.
326Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu;
327kuba nina nonke, nabhaptizelwayo kuKristu, namambatha uKristu.
328Akusekho mYuda namGrike; akusekho khoboka nakhululekileyo; akusekho ndoda nankazana; kuba nina nonke nimntu mnye, nikuKristu Yesu.
329Ukuba ke nina ningabakaKristu, niyimbewu ka-Abraham ngoko, neendlalifa ngokwedinga.
41Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke;
42iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.
43Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi.
44Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho,
45ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana.
46Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha, Bawo.
47Ngoko ke akusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.
48Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo;
49ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha?
410Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka.
411Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.
412Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto.
413Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala.
414Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.
415Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika.
416Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni?
417Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani.
418Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni.
419Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu,
420bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.
421Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho?
422Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo.
423Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga.
424Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo;
425kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo.
426Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo.
427Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.
428Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga.
429Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku.
430Sithini na ke sona isibhalo? Sithi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo.
431Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
51Yimani ngoko enkululekweni, athe uKristu wasikhululela kuyo; nize ningabuyi nibanjwe yidyokhwe yobukhoboka.
52Niyabona, mna, Pawulos, ndithi kuni, ukuba nithe naluka, uKristu akasayi kuninceda lutho.
53Ndiphinda ndingqina ke kumntu wonke owalukileyo, ukuba ungonetyala lokuwenza umthetho uphela.
54Nibhangile, nahlukana noKristu, nina aba nigwetyelwayo emthethweni, naphalala elubabalweni.
55Kuba thina ngoMoya silinde kakhulu ithemba lobulungisa ngokwaselukholweni.
56Kuba kwabakuKristu Yesu akunamandla anto ukwaluka, kwanokungaluki; into enamandla lukholo olusebenza ngothando.
57Nibe nibaleka kakuhle; ngubani na osuke wanithintela ukuba ningayithambeli inyaniso?
58Olo loyiseko lwenu aluphumi konibizayo.
59Igwele elincinane liyayibilisa intlama iphela.
510Mna ndikholosekile malunga nani eNkosini, ukuba aniyi kucinga nto yimbi; ke onikhathazayo uya kuluthwala ugwebo, nokuba ngongubani.
511Mna ke, bazalwana, ukuba ndingaba ndisavakalisa ulwaluko, ndisatshutshiselwani na? —singaba sibhangisiwe njengoko isikhubekiso eso somnqamlezo.
512Akwaba bangazinqumla nokuzinqumla abaniqungaqungayo.
513Kuba nina nabizelwa enkululekweni, bazalwana; kodwa ke musani ukuthi, ukuyiphatha inkululeko leyo, nivulele inyama ithuba; manisuke ngalo uthando nikhonzane.
514Kuba wonke umthetho uzaliswe ngazwi linye, ngeli lithi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.
515Ukuba ke niyagrenyana, nidlane, lumkani ukuba ningagqitywa omnye ngomnye.
516Ke kaloku ndithi, Hambani ngokoMoya, naningasayi kuthi ke niyizalise inkanuko yenyama.
517Kuba inyama ikhanuka ngokuchasene noMoya, uMoya ke ukhanuka ngokuchasene nenyama; ezo zinto ke ziphambene, ukuze ningazenzi izinto enisukuba nizithanda.
518Ukuba ke nikhokelwa nguMoya, aningaphantsi komthetho.
519Iyabonakala ke yona imisebenzi yenyama, eyile: ukrexezo, umbulo, ukungcola, uburheletyo,
520ukubusa kwizithixo, ukukhafula, intiyo, iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iimbambaniso, izahlukano,
521oomona, ookubulala, ookunxila, iindywala, nezinto ezinjengezo; endinixelelayo ngenxa engaphambili, njengokuba besendinixelele kade, ukuba abazenzayo izinto ezinjalo abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.
522Ke sona esoMoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali, ukuzeyisa;
523akukho mthetho uchasene nezinto ezinjalo.
524Ke kaloku abo ke bakaKristu, inyama bayibethelele emnqamlezweni, kunye neminqweno neenkanuko zayo.
525Ukuba sidla ubomi ngokoMoya, masihambe nokuhamba kwangokoMoya.
526Masingabi ngabozuko olulambathayo, sithelekisana, simonelana.
61Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkela ukuba ungahendwa nawe.
62Thwalisanani ubunzima, ize ngokunjalo niwuzalise umthetho kaKristu;
63kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
64Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;
65kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
66Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
67Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa. Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;
68ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
69Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
610Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
611Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.
612Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu.
613Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho, bathanda ukuba naluswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.
614Mna ke mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
615Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.
616Bonke ke abahamba ngalo mgca, makube luxolo nenceba kubo ke, nakwabangamaSirayeli kaThixo.
617Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.
618Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana. Amen.