Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Numbers

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ententeni yokuhlangana, ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, esithi,
12Thabathani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ngokwemizalwane yabo ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama yonke into eyindoda, ngokwentloko yayo.
13Nothabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe ninyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli; nibabale emlibeni ngokwemikhosi yabo, wena noAron;
14kubekho nani indoda esizweni ngasinye, indoda eyintloko yendlu kayise.
15Ngawo la amagama amadoda aya kuma nani: kwaRubhen: uElitsure unyana kaShediyure;
16kwaSimon: uShelumiyeli unyana kaTsurishadayi;
17kwaYuda: uNashon unyana ka-Aminadabhi;
18kwaIsakare: uNathaniyeli unyana kaTsuhare;
19kwaZebhulon: uEliyabhi unyana kaHelon;
110koonyana bakaYosefu: kwaEfrayim: uElishama unyana ka-Amihudi; kwaManase: uGamaliyeli unyana kaPedatsure;
111kwaBhenjamin: uAbhidan unyana kaGidiyoni;
112kwaDan: uAhiyezere unyana ka-Amishadayi;
113kwa-Ashere: uPagiyeli unyana kaOkran;
114kwaGadi: uEliyasafu unyana kaDehuweli;
115kwaNafetali: uAhira unyana kaEnan.
116Ngabo abo babizwe libandla, abazizikhulu zezizwe zooyise, abaziintloko zamawaka akwaSirayeli bona.
117OoMoses noAron bawathabatha loo madoda ahleliweyo ngamagama.
118Balibizela ndawonye lonke ibandla ngolokuqala usuku lwenyanga yesibini, ukuba baxele ukuzalwa kwabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, ngokweentloko zabo.
119Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses, wababala entlango yaseSinayi.
120Koonyana bakaRubhen, owamazibulo kaSirayeli, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke abaphuma umkhosi:
121abalwayo kubo besizwe sakwaRubhen, baba ngamashumi amane anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
122Koonyana bakaSimon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ababalwa kubo ngenani lamagama, ngokweentloko zabo, yonke into eyindoda ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, inyuse, bonke baphuma umkhosi;
123ababalwayo kubo besizwe sakwaSimon, baba ngamashumi amahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.
124Koonyana bakaGadi, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
125ababalwayo kubo besizwe sakwaGadi, baba ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.
126Koonyana bakaYuda, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
127ababalwayo kubo besizwe sakwaYuda, baba ngamashumi asixhenxe anamane amawaka, anamakhulu mathandathu.
128Koonyana bakaIsakare, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
129ababalwayo kubo besizwe sakwaIsakare, baba ngamashumi amahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane.
130Koonyana bakaZebhulon, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
131ababalwayo kubo besizwe sakwaZebhulon, baba ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulu mane.
132Koonyana bakaYosefu: koonyana bakaEfrayim: inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
133ababalwayo kubo besizwe sakwaEfrayim, baba ngamashumi amane amawaka, anamakhulu mahlanu.
134Koonyana bakaManase, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
135ababalwayo kubo besizwe sakwaManase, baba ngamashumi amathathu anamabini amawaka, anamakhulu mabini.
136Koonyana bakaBhenjamin, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwenzindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
137ababalwayo kubo besizwe sakwaBhenjamin, baba ngamashumi amathathu anamahlanu amawaka, anamakhulu mane.
138Koonyana bakaDan, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
139ababalwayo kubo besizwe sakwaDan, baba ngamashumi amathandathu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
140Koonyana baka-Ashere, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke baphuma umkhosi:
141ababalwayo kubo besizwe sakwa-Ashere, baba ngamashumi amane analinye amawaka, anamakhulu mahlanu.
142Koonyana bakaNafetali, inzala yabo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, ngenani lamagama, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi:
143ababalwayo kubo besizwe sakwaNafetali, baba ngamashumi amahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane.
144Ngabo abo babalwayo, babalwayo nguMoses, noAron, nezikhulu zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini, iyileyo indoda ibalelwa indlu kayise.
145Bonke ababalwayo boonyana bakaSirayeli ngokwezindlu zooyise, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli:
146bonke ababalwayo baba ngamakhulu amathandathu amawaka, anamawaka mathathu, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.
147Ke bona abaLevi, ngokwesizwe sezindlu zooyise, ababalelwanga phakathi kwabo.
148Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
149Kodwa sona isizwe sakwaLevi uze ungasibali; ungalithabathi inani laso phakathi koonyana bakaSirayeli.
150Wena ke abaLevi uze ubenze bavelele umnquba wesingqino nempahla yawo yonke, nento yonke ekuwo, bawuthwale umnquba nempahla yawo yonke, balungiselele kuwo, bamise iintente zabo ngeenxa zonke emnqubeni.
151Ekundulukeni komnquba wowiswa ngabaLevi; ekumisweni komnquba wophakanyiswa ngabaLevi; owasemzini osondelayo kuwo makabulawe.
152Oonyana bakaSirayeli bomisa elowo intente yakhe eminqubeni yakowabo, elowo ebhanileni yakowabo, ngokwemikhosi yabo.
153AbaLevi bona bozimisa ezabo ngeenxa zonke emnqubeni wesingqino, ukuze kungezi burhalarhume phezu kwebandla loonyana bakaSirayeli, basigcine abaLevi isigxina somnquba wesingqino.
154Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo.
21Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
22Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke.
23Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi;
24umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi osixhenxe anesine amawaka, anamakhulu mathandathu.
25Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare;
26umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane.
27Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon;
28umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulumane.
29Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mane, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.
210Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure;
211umkhosi wakhe, abo babalwayo kuye, ngamashumi omane anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.
212Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;
213umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.
214Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli;
215umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.
216Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mane, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini.
217Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.
218Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude;
219umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu.
220Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
221umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini.
222Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni;
223umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mane.
224Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu.
225Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;
226umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
227Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran;
228umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu.
229Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan;
230umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mane.
231Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo.
232Ngabo ke abo babalwayo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.
233Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
234Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo ukumisa iintente ngokweebhanile zakowabo; benjenjalo ukunduluka, elowo ngokomzalwane wakhe, ngokwezindlu zooyise.
31Yiyo le inzala ka-Aron noMoses, mini uYehova wathethayo noMoses entabeni yaseSinayi.
32Ngawo la amagama oonyana baka-Aron: owamazibulo nguNadabhi, noAbhihu, uElazare, noItamare.
33Ngawo lawo amagama oonyana baka-Aron, ababingeleli abathanjiswayo, bamiselwa ukuba babe ngababingeleli.
34Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koYehova, ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova, entlango yaseSinayi; ababa nanyana bona. Baba ngababingeleli ooElazare noItamare ebusweni buka-Aron uyise.
35Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
36Sisondeze isizwe sakwaLevi, usimise phambi koAron umbingeleli, ukuba balungiselele kuye.
37Bosigcina isigxina sakhe nesigxina sebandla lonke phambi kwentente yokuhlangana, ukuba basebenze umsebenzi womnquba;
38bazigcine iimpahla zonke zentente yokuhlangana, nesigxina soonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi womnquba.
39Womnika abaLevi uAron noonyana bakhe, abanikwe banikwa ngoonyana bakaSirayeli;
310ooAron noonyana bakhe ubenze bavelele babugcine ububingeleli babo. Owasemzini osondelayo makabulawe.
311Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
312Uyabona, mna ndibathabathile abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, esikhundleni samazibulo onke avula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, baba ngabam abaLevi;
313kuba onke amazibulo ngawam, mini ndawabethayo onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndazingcwalisela onke amazibulo kwaSirayeli, ethabathela emntwini esa enkomeni. Oba ngawam, mna Yehova.
314Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, esithi,
315Babale oonyana bakaLevi ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo; yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye inyuse, woyibala.
316Wababala ke uMoses ngokomlomo kaYehova, njengoko wamwiselayo umthetho.
317Ngabo aba oonyana bakaLevi ngamagama abo: nguGershon noKehati noNerari.
318Ngawo la amagama oonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo: nguLibheni noShimehi.
319Oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo: nguAmram noItsare, nguHebron noUziyeli.
320Oonyana bakaMerari ngokwemizalwane yabo: nguMaheli noMushi. Yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngokwezindlu zooyise.
321KwaGershon ngumzalwane wakwaLibheni, nomzalwane wakwaShimehi; yiyo leyo imizalwane yakwaGershon.
322Ababalwayo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse, ababalwayo kubo: ngamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu.
323Imizalwane yakwaGershon yomisa intente ngasemva komnquba ngasentshonalanga.
324Inkulu yendlu yooyise kwaGershon nguEliyasafu, unyana kaLayeli.
325Isigxina soonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana soba ngumnquba, nentente, nesigubungelo sayo, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
326namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso somnyango wentendelezo esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo emsebenzini wawo wonke.
327KwaKehati ngumzalwane wakwa-Amram, nomzalwane wakwaItsare, nomzalwane wakwaHebron, nomzalwane wakwa-Aziyeli; yiyo leyo imizalwane yakwaKehati.
328Ngenani, into yonke eyindoda, ethabathela kunyana onyanganye yenyusa: ngamawaka osibhozo, anamakhulu mathandathu, egcine isigxina sengcwele.
329Imizalwane yoonyana bakaKehati yomisa intente ngecala lomnquba elingasezantsi.
330Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaKehati nguElitsafan, unyana kaUziyeli.
331Isigxina sabo yityeya, netafile, nesiphatho sezibane, nezibingelelo, neempahla zengcwele abalungiselela ngazo, nesisitheliso, nomsebenzi wawo wonke.
332Inkulu yezikhulu zakwaLevi nguElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, umveleli wabagcina isigxina sengcwele.
333KwaMerari ngumzalwane wakwaMaheli, nomzalwane wakwaMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaMerari.
334Ababalwayo kubo ngenani lawo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamawaka amathandathu, anamakhulu mabini.
335Inkulu yendlu yooyise ngokwemizalwane yakwaMerari nguTsuriyeli, unyana ka-Abhihayili; yomisa iintente ngecala lomnquba elingasentla.
336Isigxina soonyana bakaMerari kukugcina iiplanga zomnquba nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neempahla zawo zonke, nomsebenzi wawo wonke,
337neentsika zentendelezo ngeenxa zonke, neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo.
338Abomisa iintente phambi komnquba ngasempumalanga, phambi kwentente yokuhlangana, nguMoses, noAron, noonyana bakhe, abagcina isigxina sengcwele, ngokwesigxina soonyana bakaSirayeli. Owasemzini osondelayo makabulawe.
339Bonke ke ababalwayo bakwaLevi, ababalwayo nguMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngokwemizalwane yabo, yonke into eyindoda, ethabathela kunyana onyanga-nye inyuse: ngamashumi amabini anamabini amawaka.
340Wathi uYehova kuMoses, Wabale onke amazibulo ento eyindoda koonyana bakaSirayeli, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, uthabathe inani lamagama awo.
341Wondithabathela mna Yehova abaLevi, esikhundleni samazibulo onke aphakathi koonyana bakaSirayeli; neenkomo zabaLevi esikhundleni samazibulo onke ezinkomeni zoonyana bakaSirayeli.
342Wawabala ke uMoses onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho;
343onke amazibulo ento eyindoda ngenani lamagama, ethabathela kunyana onyanga-nye anyuse, ngokubalwa kwawo, aba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini, anamanci asixhenxe anesithathu.
344Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
345Thabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli, neenkomo zabaLevi, esikhundleni seenkomo zabo, babe ngabam abaLevi, mna Yehova.
346Ke amakhulu amabini, anamanci asixhenxe anamathathu aza kukhululwa ngokumiselwa, kumazibulo oonyana bakaSirayeli, agqithiseleyo kubaLevi.
347Uze uthabathe iishekele zibe ntlanu ngentloko yomntu, uthabathe ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera ezimashumi mabini);
348umnike uAron noonyana bakhe loo mali yabakhululwe ngokumiselwa, abagqithiseleyo kubo.
349Wayithabatha ke uMoses loo mali yokukhululwa kwabo bagqithiseleyo kwabakhululwe ngabaLevi ngokumiselwa;
350wayithabatha kumazibulo oonyana bakaSirayeli imali, iliwaka elinamakhulu mathathu, anamanci amathandathu anesihlanu, ngokweshekele yengcwele.
351UMoses wayinika uAron noonyana bakhe imali leyo yenkululo, ngokomlomo kaYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
41Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
42Libale inani loonyana bakaKehati abaphakathi koonyana bakaLevi ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
43uthabathele kominyaka imashumi mathathu ezelwe, unyuse, use kominyaka imashumi mahlanu ezelwe: labo bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba benze umsebenzi ententeni yokuhlangana.
44Nguwo lo umsebenzi woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana wengcwele kangcwele:
45ekundulukeni komkhosi eminqubeni bongena ooAron noonyana bakhe, bawuthule umkhusane osisisitheliso, bayigubungele ngawo ityeya yesingqino.
46Bobeka phezu kwawo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi batwabulule ngaphezulu ingubo ebala limsi liphela, bazifake izibonda zawo.
47Ize batwabulule ingubo ebala limsi phezu kwetafile yezonka zokubonisa, babeke phezu kwayo izitya, neenkamba, namathunga, neendebe zokuthululwa, nezonka zamaxhesha onke, zibe phezu kwayo.
48Botwabulula phezu kwazo ingubo ebomvu, bagubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zayo.
49Bothabatha ingubo ebala limsi, bagubungele isiphatho sezikhanyiso nezibane zaso, nezifinyiso zaso, neenkamba zaso, nazo zonke izitya zeoli zaso abasilungiselela ngazo;
410basibeke nempahla yaso yonke esigubungelweni sezikhumba zamahlengezi, basibeke ethaleni.
411Ize batwabulule phezu kwesibingelelo segolide ingubo ebala limsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso.
412Bothabatha yonke impahla yokulungiselela, abalungiselela ngayo engcweleni, bayibeke engutyeni ebalalimsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bayibeke ethaleni.
413Boluwola uthuthu lwesibingelelo, batwabulule phezu kwaso ingubo emfusa;
414bazibeke phezu kwayo zonke iimpahla zaso, abalungiselela ngazo kuso: iingcedevu zamalahle, neefolokhwe, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, zonke iimpahla zesibingelelo, batwabulule phezu kwazo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso;
415bagqibe ooAron noonyana bakhe ukuyigubungela ingcwele nempahla yonke yengcwele ekundulukeni komkhosi eminqubeni. Emveni koko ke boza kuthwala oonyana bakaKehati; bangayichukumisi ingcwele, hleze bafe. Nguwo lowo umthwalo woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana.
416Isigxina sikaElazare, unyana ka-Aron, umbingeleli, kukugcina ioli yesikhanyiso, nesiqhumiso esimnandi, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, neoli yokuthambisa, uvelelo lomnquba wonke nento yonke ekuwo engcweleni, nasezimpahleni zayo.
417Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
418Musani ukusinqumla isizwe esingumzalwana wakwaKehati phakathi kwabaLevi.
419Yenzani le nto kubo, ukuba baphile, bangafi ekusondeleni kwabo engcweleni kangcwele: bongena ooAron noonyana bakhe, babamise elowo emsebenzini wakhe nasemthwalweni wakhe;
420bangangeni bakhangele ingcwele, nangephanyazo eli, hleze bafe.
421Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
422Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo,
423bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
424Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:
425bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
426namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.
427Woba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo.
428Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
429Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
430bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.
431Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana: iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neentsika zentendelezo ngeenxa zonke,
432neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.
433Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
434OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
435bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
436Ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.
437Ngabo abo ababalwayo kwimizalwane yakwaKehati; bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
438Ababalwayo koonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
439bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,
440ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, baba ngamawaka amabini, anamakhulu mathandathu, anamanci mathathu.
441Ngabo abo ababalwayo kwimizalwane yoonyana bakaGershon, bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova.
442Ababalwayo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
443bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,
444ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo, baba ngamawaka amathathu, anamakhulu mabini.
445Ngabo abo babalwayo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
446Bonke ke ababalwayo, awababalayo uMoses noAron nezikhulu zakwaSirayeli, kubaLevi ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
447bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe banyuse, basekominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abo baza kusebenza imisebenzi ngemisebenzi, nomsebenzi wokuthwala ententeni yokuhlangana,
448ababalwayo kubo, baba ngamawaka asibhozo, anamakhulu mahlanu, anamanci asibhozo.
449Babenza bavelela ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses, elowo emsebenzini wakhe, nasemthwalweni wakhe, nasezintweni awozivelela, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
51Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
52Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, babakhuphe eminqubeni bonke abaneqhenqa, nabo bonke ababhobhozayo, nabo bonke abaziinqambi ngofileyo;
53oyindoda noyinkazana, nobakhuphela phandle kweminquba, bangayenzi inqambi iminquba yabo, endihleli phakathi kwayo.
54Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, babakhuphela phandle kweminquba; njengoko uYehova wathethayo kuMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
55Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
56Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Indoda nokuba yinkazana, xa bathe benza isono kwizono zonke zoluntu, ngokuthi bameneze kuYehova, yazeka ityala ke loo miphefumlo,
57mabasixele isono sabo abasenzileyo, owonileyo alihlambe ityala lakhe ngangenani lalo, ongeze isahlulo salo sesihlanu kulo, anike lowo anetyala kuye.
58Ukuba umntu lowo uthe akaba namzalwana kungahlawulwa kuye ukuhlamba ityala, ityala elo malihlawulelwe uYehova, kumbingeleli, ngaphandle kwenkunzi yemvu yokucamagusha, aya kucanyagushelwa ngayo.
59Wonke umrhumo weento zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli, abawusondezayo kumbingeleli, wobangowakhe.
510Elowo izinto zakhe ezingcwele zoba zezakhe; elowo into ayinike umbingeleli, yoba yeyakhe.
511Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
512Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda ngendoda, xa athe umkayo wanxaxha, wayimenezelela,
513kwalala enye indoda naye, kwafihlakala emehlweni endoda yakhe, kwasithela, wazenza inqambi yena, akaba nangqina, akabanjwa;
514yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, eyinqambi yena; nokuba yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo engeyiyo inqambi:
515indoda leyo mayimzise umkayo kumbingeleli, iwuzise umsondezo wakhe ngenxa yakhe, isahlulo seshumi se-efa yomgubo werhasi, ingagaleli oli phezu kwawo, ingabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba ngumnikelo wokudla wobukhwele, ngumnikelo wokudla wenkumbuzo, okhumbuza ubugwenxa obo.
516Umbingeleli womsondeza, ammise phambi koYehova,
517athabathe umbingeleli amanzi angcwele ngomphanda, athabathe umbingeleli naseluthulini olusemgangathweni womnquba, alugalele emanzini lawo.
518Umbingeleli wommisa ke umfazi phambi koYehova, amcombulule iinwele loo mfazi, awubeke ezandleni zakhe umnikelo wokudla wenkumbuzo, umnikelo wokudla wobukhwele lowo, abe esesandleni sombingeleli amanzi obukrakra esiqalekiso;
519umbingeleli amfungise, athi kumfazi, Ukuba akuthanga kulale ndoda nawe, nokuba akuthanga unxaxhele ebunqambini, unendoda yakho, yiba msulwa kula manzi obukrakra esiqalekiso.
520Ke wena, xa uthe wanxaxha, unendoda yakho, xa uthe wazenza inqambi, walalwa yenye indoda engeyiyo indoda yakho:
521umbingeli womfungisa umfazi lowo isifungo— sokuzishwabulela, athi umbingeleli kumfazi, UYehova makakwenze isishwabulo, nesithuko phakathi kwabantu bakowenu, ngokuthi uYehova alintshwenyise ithanga lakho, asidumbise isisu sakho;
522angene la manzi esiqalekiso embilinini wakho, akudumbise isisu, akuntshwenyise ithanga. Wothi loo mfazi, Amen, amen.
523Makazibhale ezo zishwabulo umbingeleli encwadini, azicime ngaloo manzi obukrakra,
524amseze umfazi amanzi obukrakra esiqalekiso, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra.
525Wowuthabatha umbingeleli esandleni somfazi umnikelo wokudla wobukhwele, awutshangatshangise umnikelo wokudla phambi koYehova, amsondeze esibingelelweni;
526asube umbingeleli emnikelweni wokudla isikhumbuzo sawo, aqhumisele ngaso esibingelelweni, emveni koko amseze umfazi amanzi lawo.
527Emsezile amanzi lawo, kothi ukuba ubezenze inqambi, wayimenezela indoda yakhe, angene kuye amanzi esiqalekiso abe bubukrakra, sidumbe isisu sakhe, lintshwenye ithanga lakhe, lo mfazi abe sisishwabulo phakathi kwabantu bakowabo.
528Ke ukuba lo mfazi ubengathanga azenze nqambi, uhlambulukile yena; woba msulwa, amithe.
529Nguwo lowo umyalelo wobukhwele bokunxaxha komfazi enendoda yakhe, wazenza inqambi;
530nokuba indoda ithe yafikelwa ngumoya wobukhwele, yamkhweletela umkayo, yammisa umfazi phambi koYehova, umbingeleli wawenza kuye wonke lo myalelo.
531Yoba msulwa ke indoda yakhe kobo bugwenxa, loo mfazi abuthwale obo bugwenxa bakhe.
61Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
62Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Indoda, nokuba yinkazana, xa ithe yazibalulela esibhambathisweni, esibhambathisweni sozahlulileyo, ezahlulela kuYehova,
63wozahlula ewayinini nakwisiselo esinxilisayo, angaseli viniga yawayini, naviniga yasiselo sinxilisayo, angaseli nancindi yazidiliya, angadli zidiliya zimanzi nadiliya zomileyo;
64yonke imihla yokuzahlula kwakhe aze angadli nto yenziweyo ngomdiliya, ethabathela ezinkozweni ese exolweni.
65Yonke imihla yesibhambathiso sokuzahlula kwakhe, isitshetshe masingahambi entlokweni yakhe; ide izaliseke imihla azahlulele kuYehova, woba ngcwele, aziyeke iinwele zentloko yakhe, zihlume ziyakazele.
66Yonke imihla yokuzahlulela kwakhe kuYehova, aze angasondeli kofileyo;
67angazenzi nqambi ngoyise nangonina, ngomzalwana wakhe nangodade wabo, ekufeni kwabo; ngokuba imbasa yoThixo wakhe iphezu kwentloko yakhe.
68Yonke imihla yokuzahlula kwakhe ungcwele kuYehova.
69Xa kuthe kwafa ubani ngakuye ngephanyazo ngesiquphe, wayenza inqambi intloko yokuzahlula kwakhe, woyicheba intloko yakhe ngomhla wokuhlanjululwa kwakhe, ayichebe ngomhla wesixhenxe.
610Ngomhla wesibhozo maze azise amahobe amabini, nokuba ngamagobo amabini evukuthu, kumbingeleli emnyango wentente yokuhlangana.
611Umbingeleli wolenza elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo, amcamagushele, ngokokuba wonile ngofileyo; ayingcwalise intloko yakhe ngaloo mhla.
612Woyahlulela kuYehova imihla yokuzahlula kwakhe, azise imvana emnyaka mnye, ibe lidini letyala. Ke imihla yangaphambili ize ingabalwa, ngokuba kwaba yinqambi ukuzahlula kwakhe.
613Nguwo lo umyalelo wozahluleyo: Ngemini yokuzaliseka kwemihla yokuzahlula kwakhe, woziswa emnyango wentente yokuhlangana.
614Aze asondeze umsondezo wakhe kuYehova, imvana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini elinyukayo; nemvanazana emnyaka mnye egqibeleleyo, ibe nye, ibe lidini lesono; nenkunzi yemvu egqibeleleyo, ibe nye, ibe ngumbingelelo woxolo;
615nengobozi yemiqhathane engenagwele yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli; nezonkana ezisicaba ezingenagwele, zithanjiswe ioli; neminikelo yawo yokudla, neminikelo yawo ethululwayo.
616Wosondeza ke umbingeleli phambi koYehova, enze idini lakhe lesono nedini lakhe elinyukayo;
617inkunzi yemvu ayenze umbingelelo woxolo kuYehova, kunye nengobozi yezonka ezingenagwele; awenze umbingeleli umnikelo wakhe wokudla, nomnikelo wakhe othululwayo.
618Womcheba ozahluleyo intloko yokuzahlula kwakhe emnyango wentente yokuhlangana, athabathe iinwele zentloko yokuzahlula kwakhe, azifake emlilweni ongaphantsi kombingelelo woxolo.
619Wowuthabatha umbingeleli umkhono ophekiweyo wenkunzi yemvu, nomqhathane ongenagwele ube mnye engobozini, nesonkana esisicaba esingenagwele sibe sinye, azibeke ezandleni zozahluleyo, emva kokuyicheba intloko yokuzahlula kwakhe;
620azitshangatshangise umbingeleli, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova. Zingcwele ezo kumbingeleli, kunye nencum yedini lokutshangatshangisa, kunye nomlenze womrhumo. Emveni koko ozahluleyo angayisela iwayini.
621Nguwo lowo umyalelo wozahluleyo, obhambathisa umsondezo wakhe kuYehova ngenxa yokuzahlula kwakhe, ngaphandle koko sinokufikelela kuko isandla sakhe; ngokwesibhambathiso sakhe abesibhambathisile, makenjenjalo ngokomyalelo wokuzahlula kwakhe.
622Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
623Thetha kuAron nakoonyana bakhe, uthi, Ize nenjenje ukubasikelela oonyana bakaSirayeli, nithi kubo,
624Makakusikelele uYehova, akugcine;
625Makabukhanyise uYehova ubusobakhe kuwe, akubabale;
626Makabuphakamisele uYehova ubuso bakhe kuwe, akunike uxolo.
627Mabalibeke ke igama lam phezu koonyana bakaSirayeli; mna ndiya kubasikelela.
71Kwathi, mini uMoses wagqiba ukuwumisa umnquba, nokuwuthambisa nokuwungcwalisa wona, nempahla yawo yonke, nokusithambisa nokusingcwalisa isibingelelo neempahla zaso zonke,
72izikhulu zakwaSirayeli eziziintloko zeendlu zooyise, ezizizikhulu zezizwe ezibe zisongamela ababalwayo, zasondeza iminikelo.
73Zawuzisa umnikelo wazo phambi koYehova, iinqwelo ezinophahla zantandathu, neenkomo zalishumi elinambini: yayinqwelo kwizikhulu ezibini, yayinkomo kwisikhulu esinye; zazisondeza phambi komnquba.
74Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
75Zithabathe kuzo zibe zezokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, uzinike abaLevi, elowo ngokomsebenzi wakhe.
76Wazithabatha ke uMoses iinqwelo neenkomo, wazinika abaLevi.
77Ezimbini iinqwelo neenkomo ezine wazinika oonyana bakaGershon ngokomsebenzi wabo;
78ezine iinqwelo neenkomo ezisibhozo wazinika oonyana bakaMerari ngokomsebenzi wabo, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
79Ke oonyana bakaKehati akabanikanga nto, ngokuba umsebenzi wengcwele obuphezu kwabo bebewuthwala ngegxalaba bona.
710Zasondeza izikhulu iminikelo yokusungulwa kwesibingelelo mini sathanjiswa, zawusondeza izikhulu umnikelo wazo phambi kwesibingelelo.
711Wathi uYehova kuMoses, Soba sinye isikhulu ngemini, soba sinye isikhulu ngemini, ukusondeza umsondezo waso, ukusisungula isibingelelo.
712Owawusondezayo umsondezo wakhe ngemini yokuqala waba nguNashon unyana ka-Aminadabhi, wesizwe sakwaYuda.
713Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
714lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
715yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
716yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
717ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaNashon, unyana ka-Aminadabhi.
718Ngemini yesibini kwasondeza uNataniyeli unyana kaTsuhare, inkulu yakwaIsakare.
719Wasondeza umsondezo wakhe, waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
720lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
721yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo.
722Yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
723ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaNataniyeli, unyana kaTsuhare.
724Ngemini yesithathu kwasondeza inkulu yoonyana bakaZebhulon, uEliyabhi, unyana kaHelon.
725Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele, ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
726lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
727yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
728yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
729ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaEliyabhi, unyana kaHelon.
730Ngemini yesine kwasondeza inkulu yoonyana bakaRubhen, uElitsure unyana kaShedeyure.
731Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
732lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
733yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
734yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
735ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaElitsure, unyana kaShedeyure.
736Ngemini yesihlanu kwasondeza inkulu yoonyana bakaSimon, uShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi.
737Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
738lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
739yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
740yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
741ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi.
742Ngemini yesithandathu kwasondeza inkulu yoonyana bakaGadi, uEliyasafu, unyana kaDehuweli.
743Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
744lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
745yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
746yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
747ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaEliyasafu, unyana kaDehuweli.
748Ngemini yesixhenxe kwasondeza inkulu yoonyana bakaEfrayim, uElishama unyana ka-Amihudi.
749Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
750lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso; yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo,
751yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye zizezedini elinyukayo ke ezo;
752yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
753ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaElishama, unyana ka-Amihudi.
754Ngemini yesibhozo kwasondeza inkulu yoonyana bakaManase, uGamaliyeli, unyana kaPedatsure.
755Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
756lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
757yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
758yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
759ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaGamaliyeli, unyana kaPedatsure.
760Ngemini yesithoba kwasondeza inkulu yoonyana bakaBhenjamin, uAbhidan unyana kaGidiyoni.
761Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
762lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
763yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
764yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
765ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo ka-Abhidan, unyana kaGidiyoni.
766Ngemini yeshumi kwasondeza inkulu yoonyana bakaDan, uAhiyezere, unyana ka-Amishadayi.
767Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
768lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
769yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
770yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
771ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo ka-Ahiyezere, unyana ka-Amishadayi.
772Ngemini yeshumi elinanye kwasondeza inkulu yoonyana baka-Ashere, uPagiyeli unyana kaOkran.
773Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
774lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi, luzele sisiqhumiso;
775yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
776yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
777ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo kaPagiyeli, unyana kaOkran.
778Ngemini yeshumi elinambini kwasondeza inkulu yoonyana bakaNafetali, UAhira, unyana kaEnana.
779Umsondezo wakhe waba sisitya esinye sesilivere, bulikhulu elinamanci mathathu eeshekele ubunzima baso; sasinye isitya sokutshiza sesilivere, esiziishekele ezimashumi asixhenxe ngokweshekele yengcwele, zozibini zizele ngumgubo ocoliweyo womnikelo wokudla, ugalelwe ioli;
780lwalunye ukhamba lwegolide oluziishekele ezilishumi luzele sisiqhumiso;
781yanye inkunzi entsha, ithole lenkomo, yanye inkunzi yemvu, yanye imvana emnyaka mnye, zizezedini elinyukayo ke ezo;
782yanye inkunzi yebhokhwe exhonti yedini lesono;
783ezombingelelo woxolo zambini iinkomo, zantlanu iinkunzi zezimvu, zantlanu iibhokhwe, zantlanu iimvana ezimnyaka mnye. Nguwo lowo umsondezo ka-Ahira, unyana kaEnan.
784Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, mini sathanjiswa zizikhulu zakwaSirayeli. Zaba lishumi elinazibini izitya zesilivere, zalishumi elinazibini izitya zokutshiza zesilivere, zalishumi elinambini iinkamba zegolide.
785Salikhulu elinamanci mathathu eeshekele isitya sesilivere sisinye, sangamashumi osixhenxe eeshekele isitya sokutshiza sisinye; iyonke isilivere yezo mpahla yaba ngamawaka amabini, anamakhulu mane, ngokweshekele yengcwele.
786Zaba lishumi elinambini iinkamba zegolide, zizele sisiqhumiso, zalishumi iishekele kukhamba lulunye ngokweshekele yengcwele; iyonke igolide yeenkamba yaba likhulu elinamanci mabini.
787Zizonke iinkomo zedini elinyukayo zaba ziinkunzi ezintsha ezilishumi elinambini, neenkunzi zezimvu zabalishumi elinambini, neemvana ezimnyaka mnye zaba lishumi elinambini, neminikelo yazo yokudla; neenkunzi zeebhokhwe ezixhonti zedini lesono zaba lishumi elinambini.
788Zonke iinkomo zombingelelo woxolo zaye zingamashumi omabini anane, iinkunzi ezintsha, neenkunzi zezimvu zaba ngamashumi omathandathu, neebhokhwe zaba ngamashumi omathandathu, neemvana ezimnyaka mnye zaba ngamashumi omathandathu. Kuko oko ukusungulwa kwesibingelelo, emveni kokuthanjiswa kwaso.
789Ke ekungeneni kukaMoses ententeni yokuhlangana, ukuba athethe naye, weva izwi lithetha kuye, livela esihlalweni sokucamagusha esiphezu kwetyeya yesingqino, phakathi kweekerubhi zombini; wathetha ke yena kuye.
81Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
82Thetha kuAron, uthi kuye, Ekuzimiseni kwakho izibane, mazikhanyise zibhekise phambili, phambi kwesiphatho sezibane, izibane zosixhenxe.
83Wenjenjalo uAron; wazimisa izibane zaso zabhekisa phambili, phambi kwesiphatho sezibane, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
84Kuko oku ukusetyenzwa kwesiphatho; saba yigolide ekhandiweyo, kwasa esikhondweni saso, kwasa ezintyantyambeni zaso, ingumkhando wona; ngokomfuziselo uYehova awambonisa wona uMoses wasenjenjalo isiphatho.
85Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
86Thabatha abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, ubahlambulule.
87Wenjenje ke ukubahlambulula; bafefe ngamanzi esono, bahambise isitshetshe sokunquthula enyameni yabo yonke, bahlambe iingubo zabo, bahlambuluke.
88Baze bathabathe inkunzi entsha, ithole lenkomo, nomnikelo wayo wokudla, umgubo ocoliweyo ugalelwe ioli; uthabathe eyesibini inkunzi entsha, ithole lenkomo yedini lesono.
89Wobasondeza abaLevi phambi kwentente yokuhlangana, ubizele ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli;
810ubasondeze abaLevi phambi koYehova, bacinezele oonyana bakaSirayeli ngezandla zabophezu kwabaLevi;
811abatshangatshangise uAron abaLevi, babe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ovela koonyana bakaSirayeli; babe ngabokusebenza umsebenzi kaYehova.
812AbaLevi bocinezela ngezandla zabo phezu kweentloko zeenkunzi ezintsha ezo; enye uyenze idini lesono, enye idini elinyukayo kuYehova, ukucamagushela abaLevi.
813Uze ubamise ke abaLevi phambi koAron naphambi koonyana bakhe, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso kuYehova;
814ubahlule abaLevi koonyana bakaSirayeli, babe ngabam abaLevi.
815Emveni koko bongena abaLevi, basebenze ententeni yokuhlangana; ubahlambulule ke, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso.
816Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli.
817Ngokuba ngawam onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, ebantwini nasezinkomeni; mini ndawabetha onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndawangcwalisela kum.
818Ndathabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli.
819AbaLevi ke ndibanike ndabanika uAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi woonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, babacamagushele oonyana bakaSirayeli, ukuzekungabikho sibetho phakathi koonyana bakaSirayeli ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.
820Benza ke ooMoses noAron nebandla lonke loonyana bakaSirayeli kubaLevi; ngako konke uYehova awamwisela umthetho uMoses ngabo abaLevi, benjenjalo kubo oonyana bakaSirayeli.
821Bazihlambulula isono abaLevi, bahlamba iingubo zabo; uAron wabatshangatshangisa, baba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; uAron wabacamagushela ukuba bahlambuluke.
822Emveni koko bangena abaLevi, ukuba basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana, phambi koAron naphambi koonyana bakhe. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses ngabaLevi, benjenjalo kubo.
823Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
824Nantsi indawo eyeyabaLevi: bethabathela kominyaka imashumi mabini anesihlanu ezelwe, banyuse, mabeze kuphuma umkhosi wokusebenza ententeni yokuhlangana.
825Bethabathela kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bobuya ekuphumeni umkhosi wokusebenza, bangabi sasebenza.
826Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi. Uya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.
91Wathetha uYehova kuMoses entlango yaseSinayi, ngomnyaka wesibini wokuphuma kwabo ezweni laseYiputa, ngenyanga yokuqala, esithi,
92Oonyana bakaSirayeli mabayenze ipasika ngexesha layo elimisiweyo.
93Noyenza ngomhla weshumi elinesine kuloo nyanga, lakutshona ilanga, ngexesha layo elimisiweyo. Noyenza ngokwemimiselo yayo yonke, nangokwamasiko ayo onke.
94Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli, ukuba bayenze ipasika.
95Bayenza ke ipasika ngenyanga yokuqala, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, entlango yaseSinayi. Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo oonyana bakaSirayeli.
96Ke kwakukho amadoda awayethe azenza iinqambi ngomntu ofileyo, akaba nako ukuyenza ipasika ngaloo mhla. Asondela phambi koMoses naphambi koAron ngaloo mhla;
97athi loo madoda kuye, Siziinqambi ngomntu ofileyo; sivalelwa ngani na, ukuba singasondezi umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo phakathi koonyana bakaSirayeli?
98Wathi uMoses kuwo, Yimani, khe ndive ukuba uYehova wowisa mtetho mni nangani.
99Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
910Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Umntu ngomntu, xa athe wayinqambi ngofileyo, mhlawumbi waseluhambeni ehambele kude, engowakuni, nokuba ngowezizukulwana zenu, woyenza ipasika kuYehova.
911Boyenza ngenyanga yesibini, ngomhla weshumi elinesine, lakutshona ilanga, kunye nezonka ezingenagwele bayidle inemithana ekrakra;
912bangasalisi nto kuyo kude kuse, bangaphuli thambo layo. Boyenza ngokommiselo wonke wepasika.
913Ke umntu lowo uhlambulukileyo yena, ungekhona eluhambeni, ethe wayeka ukuyenza ipasika, loo mphefumlo wonqanyulwa, ungabikho ebantwini bakowawo; ngokuba akawusondezanga umsondezo kaYehova ngexesha lawo elimisiweyo. Loo mntu wosithwala isono sakhe.
914Umphambukeli, xa athe waphambukela kuni, woyenza ipasika kuYehova; ngokommiselo wepasika nangokwesiko layo woyenjenjalo; ummiselo woba mnye kuni, nakumphambukeli, nakozalelwe kulo ilizwe.
915Ngomhla wokumiswa komnquba, ilifu lawusibekela umnquba wentente yesingqino; ngokuhlwa lanjengembonakalo yomlilo phezu komnquba, kwada kwasa.
916Kwahlala kunjalo; ilifu lawusibekela emini, laba yimbonakalo yomlilo ebusuku.
917Kube kusithi, linganyuka ilifu lisuke phezu kwentente, emveni koko banduluke oonyana bakaSirayeli; kuthi endaweni elithe zinzi kuyo ilifu, bamise iintente khona oonyana bakaSirayeli.
918Ngokomlomo kaYehova banduluka oonyana bakaSirayeli, ngokomlomo kaYehova bamisa; yonke imihla elathi zinzi ngayo ilifu phezu komnquba, bamisa.
919Lakolula ilifu imihla emininzi lihleli phezu komnquba, basigcina isigxina sikaYehova oonyana bakaSirayeli, abanduluka.
920Kwathi, lakubakho ilifu phezu komnquba nokuba yimihla embalwa, basigcina isigxina sikaYehova, abanduluka. Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka.
921Kube kusithi lakubakho ilifu ngokuhlwa kude kuse, lakunyuswa ke ilifu kwakusa, banduluke; nokubabekusemini, nokuba bekusebusuku, lakunyuswa ilifu, banduluka.
922Nokuba yimihla emibini, nokuba yinyanga, nokuba yimihla ethile ukolula kwelifu phezu komnquba, ukuthi zinzi kwalo phezu kwawo, bamisa oonyana bakaSirayeli, abanduluka; ekunyukeni kwalo ke banduluka.
923Ngokomlomo kaYehova bamisa, ngokomlomo kaYehova banduluka. Basigcina isigxina sikaYehova ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
101Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
102Zenzele amaxilongo esilivere ekhandiweyo, abe mabini, abe ngawokubiza ibandla, nokundulula iminquba.
103Kwakuvuthelwa ixilongo kuqutshwa, lozihlanganisela kuwe lonke ibandla emnyango wentente yokuhlangana.
104Ukuba kuthe kwavuthelwa ixilongo, kwaqutshwa ngakanye, zozihlanganisela kuwe izikhulu, iintloko zamawaka akwaSirayeli.
105Nakuvuthela nolule, yonduluka iminquba emise iintente ngasempumalanga.
106Nakuvuthela nolule okwesibini, yonduluka iminquba emise ngasezantsi; bovuthela bolule ukuba induluke.
107Ekusibizeleni ndawonye isikhungu, novuthela niquphe, ningavutheli nolule.
108Bovuthela ngamaxilongo oonyana baka-Aron ababingeleli, ibe ngummiselo ongunaphakade kunikwi zizukulwana zenu.
109Xa nithe naya kulwa ezweni lenu nombandezeli onibandezelayo, navuthela ngamaxilongo nolula, nokhunjulwa phambi koYehova uThixo wenu, nisindiswe ezintshabeni zenu.
1010Ngomhla wovuyo lwenu, nangamaxesha enu amisiweyo, nasekuthwaseni kweenyanga zenu, novuthela niquphe ngamaxilongo phezu kwamadini enu anyukayo, naphezu kwemibingelelo yenu yoxolo, ibe sisikhumbuzo senu phambi koThixo wenu: ndinguYehova uThixo wenu.
1011Kwathi ngomnyaka wesibini, ngenyanga yesibini, ngolwamashumi omabini enyangeni leyo, lenyuswa lemka ilifu phezu komnquba wesingqino.
1012Banduluka ke oonyana bakaSirayeli ngokweehambo zabo entlango yaseSinayi; lathi zinzi ilifu entlango yaseParan.
1013Banduluka ekuqaleni ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
1014Kuqala ke kwanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaYuda, ngokwemikhosi yabo; inguNashon, unyana ka-Aminadabhi,
1015phezu komkhosi wakhe; phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaIsakare inguNataniyeli, unyana kaTsuhare;
1016phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaZebhulon inguEliyabhi, unyana kaElon.
1017Wawiswa umnquba; banduluka ke oonyana bakaGershon noonyana bakaMerari, bewuthwele umnquba.
1018Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaRubhen ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElitsure, unyana kaShedeyure;
1019phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaSimon inguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;
1020phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaGadi inguEliyasafu, unyana kaDehuweli.
1021Anduluka amaKehati, ethwele ingcwele. Babesithi ke abaya bawumise umnquba engekafiki wona.
1022Yanduluka ibhanile yeminquba yoonyana bakaEfrayim, ngokwemikhosi yabo; phezu komkhosi wakhe inguElishama, unyana ka-Amihude;
1023phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaManase inguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
1024phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaBhenjamin inguAbhidan, unyana kaGidiyoni.
1025Yanduluka ibhanile yeminquba yonyana bakaDan, umqoshelisi weminquba yonke ngokwemikhosi yayo; phezu komkhosi wakhe inguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;
1026phezu komkhosi wesizwe soonyana baka-Ashere inguPagiyeli, unyana kaOkran;
1027phezu komkhosi wesizwe soonyana bakaNafetali inguAhira, unyana kaEnana.
1028Kuko oko ukunduluka koonyana bakaSirayeli; banduluka ke ngokwemikhosi yabo.
1029Wathi uMoses kuHobhabhi, unyana kaRehuweli, umMidiyan, uyise womkaMoses, Thina siyanduluka; siya endaweni athe uYehova, Ndiya kuninika yona. Hamba nathi, sokwenzela okulungileyo; ngokuba uYehova uthethe okulungileyo ngoSirayeli.
1030Wathi yena kuye, Andiyi kuhamba; ndiya kuya ezweni lakowethu, kwelokuzalwa kwam.
1031Wathi, Musa ukusishiya kaloku, ngenxa enokuba nguwe owaziyo apho singalalisa khona entlango; yibangamehlo ethu.
1032Kothi, xa uthe wahamba nathi, kothi oko kulunga uYehova asenzela kona, sikwenzele kona nawe.
1033Banduluka ke entabeni kaYehova uhambo lwemihla emithathu, ityeya yomnqophiso kaYehova ihamba phambi kwabo uhambo lwemihla emithathu, ukubahlolela indawo abangalalisa kuyo.
1034Ilifu likaYehova laba phezu kwabo emini, ekundulukeni kwabo eminqubeni.
1035Kube kusakuthi ekundulukeni kwetyeya, athi uMoses, Vuka, Yehova; zichithachithe iintshaba zakho, basabe phambi kwakho abakuthiyayo:
1036kuthi ekulaliseni kwawo athi, Buyela, Yehova, kumawaka amawaka akwaSirayeli.
111Abantu babenjengabakhalazela ububi ezindlebeni zikaYehova. Weva uYehova, wavutha umsindo wakhe, watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo, wadla esiphelweni seminquba.
112Bakhala abantu kuMoses; wathandaza uMoses kuYehova, wadamba umlilo.
113Wathi igama laloo ndawo yiTabhera: ngokuba watsha umlilo kaYehova phakathi kwabo.
114Indibandiba ephakathi kwabo yakhanuka ikhanukile; babuya balila oonyana bakaSirayeli, bathi, Ngubanina oya kusinika inyama sidle.
115Sikhumbula iintlanzi esibe sizidla eYiputa ngelize, kwaneekomkomere, neevatala, neelike, namatswele, nekinofile.
116Kungoku umphefumlo wethu womile; akukho nento, yile mana yodwa emehlweni ethu.
117Imana leyo ibinjengeenkozo zekoriyandire; ukubonakala kwayo bekunjengokubonakala kwebhedolaki.
118Babesithi saa abantu, bayibuthe, bayisile ematyeni, okunye bayingqushe ngezingqusho, bayipheke ngeembiza, benze amaqebengwana ngayo; isongo sayo saye sinjengesongo sesonkana esigalelwe ioli.
119Ukuhla kombethe eminqubeni ebusuku, ibisithi ihle nayo imana kuyo.
1110Wabeva uMoses abantu belila ngokwemizalwane yabo, elowo emnyango wentente yakhe. Wavutha umsindo kaYehova kunene; kwakubi nasemehlweni kaMoses.
1111Wathi uMoses kuYehova, Yinina ukuba umphathe kakubi, umkhonzi wakho lo? Yini na ukuba ndingababalwa nguwe, usuke uwubeke umthwalo waba bantu bonke phezu kwam?
1112Ndim na obakhawuleyo aba bantu bonke? Ndim na obazeleyo, ukuba uthi kum, Bathwale ngesifuba sakho, njengomondli ethwele umntwana owanyayo, ndibase emhlabeni owawufungela ooyise?
1113Ndoyizuza phi na inyama, ndibanike bonke aba bantu? Ngokuba balila kum, besithi, Sinike inyama sidle.
1114Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum.
1115Ukuba undenjenjalo, sewundibulala kanye, ukuba undibabale; mandingabuboni ububi bam.
1116Wathi uYehova kuMoses, Hlanganisela kumamadoda abe ngamashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, owaziyo ukuba ngamadoda amakhulu abantu, ababhali babo; uwazise ententeni yokuhlangana, eme khona nawe.
1117Ndiya kuhla, ndithethe nawe khona, ndicaphule kumoya okuwe, ndibeke kuwo, awuthwale nawe umthwalo wabantu aba, ungawuthwali wedwa wena.
1118Yithi ebantwini, Zingcwaliseleni ingomso, nodla inyama; kuba nililile ezindlebeni zikaYehova, nisithi, Ngubani na oya kusinika inyama sidle; ngokuba kwakumnandi kuthi eYiputa. UYehova uya kuninika ke inyama nidle.
1119Aniyi kuyidla mhla mnye, namihla mibini, namihla mihlanu, namihla ilishumi, namihla imashumi mabini;
1120nodla inyanga iphela, ide iphume ngeempumlo zenu, ibe lubhokra kuni; ngenxa enokuba nimcekisile uYehova ophakathi kwenu, nalila phambi kwakhe, nisithi, Saphumelani na eYiputa?
1121Wathi uMoses, Ngumqikela ongamakhulu omathandathu amawaka abantu endiphakathi kwabo; ke uthi wena. Ndiya kubanika inyama, badle inyanga iphela.
1122Impahla emfutshane neenkomo ziya kuxhelelwa bona na, zibalingane? Ziya kuhlanganiselwa bona nazonke iintlanzi zolwandle, zibalingane?
1123Wathi uYehova kuMoses, Isandla sikaYehova sifutshane na? Ngoku uya kubona ukuba ilizwi lam liya kwenzeka, aliyi kwenzeka, kusini na.
1124Waphuma uMoses, wawathetha ebantwini amazwi kaYehova, wawahlanganisa amadoda amashumi osixhenxe kumadoda amakhulu abantu, wawamisa aba sisangqa ententeni.
1125Wehla uYehova ngelifu, wathetha kuye, wacaphula kumoya okuye, wawubeka kumadoda amakhulu angamashumi osixhenxe; kwathi, xa wahlalayo umoya phezu kwawo, aprofeta, akaphinda kodwa.
1126Ke kaloku kwasala amadoda amabini eminqubeni, igama lenye linguElidade, igama leyesibini linguMedade; wahlala umoya phezu kwawo; aba kwababhalwayo wona, kodwa akaphumanga aye ententeni; aprofeta eminqubeni.
1127Kwagidima umfana, waxelela uMoses, wathi, OoElidade noMedade bayaprofeta eminqubeni phaya.
1128Waphendula uYoshuwa unyana kaNun, umlungiseleli kaMoses, wakwabanyuliweyo bakhe, wathi, Nkosi yam, Moses, bathintele.
1129Wathi uMoses kuye, Unekhwele ngenxa yam na? Akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti, waba uYehova ubeke uMoya wakhe kubo!
1130Wabuya uMoses, waya eminqubeni, yena namadoda amakhulu akwaSirayeli.
1131Kwesuka umoya kuYehova, waguqula izagwityi elwandle, wazithi saa eminqubeni, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zaba ngangohambo lwemini ngapha, zajikeleza iminquba; zangangeekubhite zombini, ukuphakama phezu komhlaba.
1132Besuka ke abantu yonke loo mini, bonke ubusuku, yonke imini yengomso, bazibutha izagwityi. Owabutha kancinane wabutha iihomere ezilishumi; bamana ukuzaneka, bajikelezisa eminqubeni.
1133Yathi inyama leyo isesemazinyweni abo, ingekahlafunwa, wavutha umsindo kaYehova kubo abantu, wababetha uYehova abantu ngesibetho esikhulu kunene.
1134Kwathiwa igama laloo ndawo yiKibroti-hatahava; ngokuba bangcwatyelwa khona abantu abakhanukayo.
1135Banduluka abantu eKibroti-hatahava, baya eHatseroti, baba seHatseroti.
121Bathetha ooMiriyam noAron ngoMoses ngenxa yendawo yenkazana engumKushikazi abeyizekile: ngokuba wayezeke inkazana engumKushikazi.
122Bathi, UYehova uthethe ngoMoses yedwa yini na? Akathethanga nangathi na? Weva uYehova.
123Ke indoda le inguMoses ibilulamile kunene kunabantu bonke abasemhlabeni.
124Wathetha uYehova ngesiquphe kuMoses, nakuAron, nakuMiriyam, esithi, Phumani nina nobathathu, nize ententeni yokuhlangana; baphuma bobathathu.
125Wehla uYehova ngomqulu welifu, wema emnyango wentente, wabiza ooAron noMiriyam; baphuma bobabini.
126Wathi, Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.
127Akanjalo umkhonzi wam uMoses; unyanisekile yena endlwini yam yonke.
128Ndiya kuthetha naye umlomo kumlomo, ngokubonakalayo, kungabi ngantsonkotha; asikhangele yena isimilo sikaYehova. Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?
129Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena.
1210Lemka ilifu ententeni; yini le? uMiriyam uneqhenqa njengekhephu. Wabheka uAron kuMiriyam; yini? uneqhenqa.
1211Wathi uAron kuMoses, Tarhu, nkosi yam; musa ukusibeka tyala ngesono esisenzileyo ngokumatha, sonangaso.
1212Makangaseleba njengofileyo, othi ekuphumeni kwakhe esizalweni sonina abe seledlekile isiqingatha senyama yakhe.
1213Wakhala uMoses kuYehova, esithi, Thixo, ndiyakukhunga, khawumphilise.
1214Wathi uYehova kuMoses, Ukuba uyise ubetshice ukutshica oku ebusweni bakhe, ubengayi kuva ihlazo na iintsuku ezisixhenxe? Makavalelwe imihla ibe sixhenxe ngaphandle kweminquba, emveni koko amkelwe.
1215Wavalelwa ke uMiriyam ngaphandle kweminquba imihla esixhenxe. Abanduluka abantu, wada wamkelwa uMiriyam.
1216Emveni koko banduluka abantu eHatseroti, bamisa entlango yaseParan.
131Wathetha uYehova kuMoses, esithi, Thumela amadoda, aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, endibanike lona oonyana bakaSirayeli.
132Wothumela indoda ibe nye kwisizwe sooyise, iyileyo ibe yeyinkulu kuso.
133Wawathuma ke uMoses, esentlango yaseParan, ngokomlomo kaYehova, onke loo madoda, eziintloko zoonyana bakaSirayeli.
134Ngawo la amagama awo: kwisizwe sakwaRubhen, ibinguShamuwa, unyana kaZakure;
135kwisizwe sakwaSimon, ibinguShafati, unyana kaHori;
136kwisizwe sakwaYuda, ibinguKalebhi, unyana kaYefune;
137kwisizwe sakwaIsakare, ibinguIgali, unyana kaYosefu;
138kwisizwe sakwaEfrayim, ibinguHosheya, unyana kaNun;
139kwisizwe sakwaBhenjamin, ibinguPalti, unyana kaRafu;
1310kwisizwe sakwaZebhulon, ibinguGadiyeli, unyana kaSodi;
1311kwisizwe sakwaYosefu, esisisizwe sakwaManase, ibinguGadi, unyana kaSusi;
1312kwisizwe sakwaDan, ibinguAmiyeli, unyana kaGemali;
1313kwisizwe sakwa-Ashere, ibinguSeture, unyana kaMikayeli;
1314kwisizwe sakwaNafetali, ibinguNabhi, unyana kaVofesi;
1315kwisizwe sakwaGadi, ibinguGehuweli, unyana kaMaki.
1316Ngawo lawo amagama amadoda awawathumayo uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe. UMoses wathi uHosheya, unyana kaNun, nguYoshuwa.
1317Wawathuma ke uMoses, ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan, wathi kuwo, Nyukani nina ngasezantsi, ngale ndlela;
1318nyukani niye entabeni, nilikhangele ilizwe ukuba linjani na, nabantu abemi kulo, ukubabomelele, bangamaphakuphaku, kusini na; bambalwa, baninzi, kusini na;
1319ukuba linjani na ilizwe abemi kulo, lihle, libi, kusini na; ukuba injani na imizi abemi kuyo, baseminqubeni, basezinqabeni, kusini na;
1320ukuba linjani na ilizwe elo, liyachuma, alichumi, kusini na; linemithi, alinayo, kusini na. Yomelelani, nize neziqhamo zelo zwe. Loo mihla yabe iyimihla yentlahlela yeediliya.
1321Enyuka ke, alihlola ilizwe, ethabathela entlango yaseTsin, esa eRehobhi, ekuyeni eHamati.
1322Enyuka ngezantsi, afike eHebron; babekhona ooAhiman, noSheshayi, noTalemayi, abenzalo ka-Anaki. Ke owaseHebron wawusewakhiwe iminyaka esixhenxe, ingekakhiwa iTsohan eYiputa.
1323Afika esihlanjeni sakwaEshekoli, anqumla khona isebe linesihloko seediliya sisinye, asithwala ngesibonda emabini; nakwiirharnate, nakumakhiwane enjenjalo.
1324Loo ndawo kwathiwa sisihlambo sakwaEshekoli, ngenxa yesihloko eso basinqumla khona oonyana bakaSirayeli.
1325Abuya ekulihloleni ilizwe ekupheleni kweentsuku ezimashumi mane.
1326Eza afika kuMoses, nakuAron, nakwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, entlango yaseParan eKadeshe; azisa ilizwi kubo, nakwibandla lonke, ababonisa neziqhamo zelizwe elo.
1327Abaxelela athi, Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.
1328Kodwa banamandla abantu, abemi kwelo zwe; imizi inqatyisiwe, imikhulu kunene; kananjalo sibone abenzalo ka-Anaki khona.
1329Kumi ama-Amaleki ezweni lasezantsi; amaHeti namaYebhusi nama-Amori emi ezintabeni; amaKanan emingaselwandle nangecala laseYordan.
1330Wabazolisa uKalebhi abantu phambi koMoses, wathi, Masinyuke kwangoku, silihluthe; ngokuba siyakuleyisa kakade.
1331Ke amadoda abenyuke naye athi, Asinako ukunyuka siye kwabo bantu; ngokuba bomelele kunathi.
1332Ahambisa udaba olubi ngelo zwe abelihlolile koonyana bakaSirayeli, esithi, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elibadlayo abemi balo; abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade.
1333Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.
141Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ungobo busuku.
142Bonke oonyana bakaSirayeli babakrokrela ooMoses noAron; lathi kubo lonke ibandla, Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!
143Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwelikrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa?
144Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.
145Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaSirayeli.
146UYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, ababekwababelihlolile ilizwe, bazikrazula iingubo zabo.
147Bathi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene.
148Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; lilizwe elibaleka amasi nobusi.
149Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.
1410Ke lathi lonke ibandla mabaxulutywe ngamatye. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova ententeni yokuhlangana kubo bonke oonyana bakaSirayeli.
1411Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na bendigiba aba bantu? Kuya kuda kube nini nabengakholwa kum, kwimiqondiso yonke endiyenzileyo phakathi kwabo?
1412Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu olunamandla kunabo.
1413Wathi uMoses kuYehova, AmaYiputa avile ukuba ubanyusile ngamandla akho aba bantu phakathi kwawo;
1414abaxelele nokubaxelela abemi beli lizwe. Bavile nabo ukuba wena, Yehova, uphakathi kwaba bantu. Ubonakala iliso kwiliso, wena Yehova, nelifu lakho limi phezu kwabo; uhamba phambi kwabo emqulwini welifu emini, emqulwini womlilo ebusuku.
1415Ukuba uthe wababulala aba bantu njengandoda-nye, zotsho iintlanga eziluvileyo udaba lwakho, ukuthi,
1416Kungenxa enokuba uYehova ebengenako ukubasa abobantu ezweni abebafungele lona, le nto abasikileyo entlango.
1417Kaloku amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi,
1418UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba, uxolela ubugwenxa nesikreqo, engeze amenze msulwa onetyala; uvelela ubugwenxa booyise koonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana.
1419Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxa baba bantu ngokobukhulu benceba yakho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathele eYiputa wezisa apha.
1420Wathi uYehova, Ndibaxolele ngokwelizwi lakho.
1421Noko, ndihleli nje, buya kulizalisa ihlabathi lonke ubuqaqawuli bukaYehova.
1422Amadoda onke abubonileyo ubuqaqawuli bam, nemiqondiso yam endayenzayo eYiputa nasentlango, andilingileyo ezi zihlandlo zilishumi, akaliphulaphula izwi lam,
1423wona akasayi kulibona ilizwe endalifungela ooyise; bonke abandigibileyo abasayi kulibona.
1424Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiyakumfikisa ezweni ebeye kulo, lihluthwe yimbewu yakhe.
1425Ke ama-Amaleki namaKanan emi entilini. Jikani ngomso, ninduluke, nisinge entlango ngendlela eya eLwandle oluBomvu.
1426Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
1427Kuya kuda kube nini na ndilithwele eli bandla lingendawo, lona elilindikrokrelayo? Izikrokro zoonyana bakaSirayeli abandikrokrela ngazo ndizivile.
1428Yithi kubo, Ndihleli nje, utsho uYehova, inene, njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni.
1429Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwayo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse, nina nindikrokreleyo,
1430aniyi kungena ezweni endaliphakamisela isandla sam ukuba ndinihlalise kulo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.
1431Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.
1432Nina, izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango;
1433oonyana benu babe ngabalusi entlango iminyaka emashumi mane, bathwale ukuhenyuza kwenu, zide ziphele izidumbu zenu entlango.
1434Ngokwenani lemihla enalihlola ngayo ilizwe, imihla emashumi mane, umhla ube ngumnyaka, niyakubuthwala ubugwenxa benu iminyaka emashumi mane, nikwazi ukunishiya kwam.
1435Mna Yehova ndithethile; inene, le nto ndiya kuyenza kweli bandla lonke lingendawo, kwaba bahlangene ngam; baya kuphela kule ntlango, bafele kuyo.
1436Ke amadoda la abewathumile uMoses, ukuba alihlole ilizwe, aza abuya akrokrisa lonke ibandla ngaye, ngokuhambisa udaba olubi ngalo ilizwe,
1437wona loo madoda abehambise udaba olubi ngelizwe elo, afa sisibetho eso phambi koYehova.
1438Kwasala uYoshuwa unyana kaNun, noKalebhi unyana kaYefune, kuloo madoda abeye kulihlola ilizwe.
1439Wawathetha uMoses la mazwi kubo bonke oonyana bakaSirayeli; benza isijwili esikhulu abantu.
1440Bavuka kusasa, baya encotsheni yentaba, besithi, Sikho, siyakunyuka siyekuloo ndawo ayithethileyo uYehova; ngokuba sonile.
1441Wathi uMoses, Yini na, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova? Le nto ayiyi kuphumelela.
1442Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningagxothwa ziintshaba zenu.
1443Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele; ngenxa yokuba nibuyile ekumlandeleni uYehova, akayi kuba nani uYehova.
1444Bagxalathelana, benyuka baya encotsheni yentaba; ke yona ityeya yomnqophiso kaYehova noMoses ayiphumanga phakathi kweminquba.
1445Ehla ama-Amaleki namaKanan abehleli kuloo ntaba, abaxabela, abaqoba kwasa eHorma.
151Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
152Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nafika ezweni lokuhlala kwenu endininika lona,
153nenza ukudla kwasemlilweni kuYehova, idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowokuqhutywa yintliziyo, nokuba ngowamaxesha enu amisiweyo, nisenza ivumba elithozamisayo kuYehova, nithabatha kwiinkomo, nokuba nithabatha kwimpahla emfutshane:
154lowo uwusondezayo umsondezo wakhe kuYehova, wosondeza umnikelo wokudla osisahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe isahlulo sesine sehin yeoli;
155nesahlulo sesine sehin yewayini yomnikelo othululwayo, usenze ndawonye nedini elinyukayo; nokuba ngumbingelelo, ube ngowamvana-nye.
156Nokuba ngowenkunzi yegusha, wowenza umnikelo wokudla ube zizahlulo ezibini zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisahlulo sesithathu sehin;
157newayini yomnikelo othululwayo, isahlulo sesithathu sehin, uyisondeze ibe livumba elithozamisayo kuYehova.
158Xa uthe wenza ithole lenkomo idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo wesibhambathiso esibalulekileyo, nokuba ngowoxolo kuYehova:
159wosondeza ndawonye nethole lenkomo umnikelo wokudla, ube zizahlulo ezithathu zesishumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli esisiqinqatha sehin.
1510Woyisondeza newayini ibe yeyomnikelo othululwayo, esisiqingatha sehin: ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova;
1511kwenjiwe njalo kwinkomo enye, nokuba kukwinkunzi yemvu enye, nokuba kukwitakane legusha elinye, nelebhokhwe elinye.
1512Ngangenani enithe nalenza, niya kwenjenjalo kuyo inye, kube ngangenani lazo.
1513Bonke abo bazalelwe kuloo ndawo baya kwenjenjalo kwezo zinto ekusondezeni kwabo ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova.
1514Xa athe waphambukela kuni umphambukeli, nokuba ngophakathi kwenu ezizukulwaneni zenu, wenza ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: njengoko nenza ngako nina, uya kwenza ngakonaye.
1515Ngokubhekisele kuso isikhungu, woba mnye ummiselo kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni, ummiselo ongunaphakade kwizizukulwana zenu. Njengoko ninjalo nina, woba njalo umphambukeli phambi koYehova.
1516Umyalelo woba mnye, nesiko loba linye kuni, nakumphambukeli ophambukele kuni.
1517Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
1518Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Ekufikeni kwenu ezweni elondinisa kulo,
1519kothi ekudleni kwenu isonka selizwe, nirhumele uYehova umrhumo.
1520Norhuma umrhumo womgrayo wenu wokuqala, wenziwe umqhathane; njengomrhumo wesanda, nowenjenjalo ukuwurhuma.
1521Kuwo umgrayo wenu wokuqala, nomnika uYehova umrhumo ezizukulwaneni zenu.
1522Xa nithe nalahleka, anayenza le mithetho yonke ayithethileyo uYehova kuMoses,
1523zonke izinto uYehova aniwisele umthetho ngazo ngesandla sikaMoses, kususela kumhla uYehova awawisa umthetho, nasemva koko ezizukulwaneni zenu:
1524kothi, ukuba kuthe kwenzeka into ngokulahleka, ingabonwa libandla, ibandla lonke lenze inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe linye, ibe lidini elinyukayo, ibe livumba elithozamisayo kuYehova, ndawonye nomnikelo walo wokudla, nomnikelo walo othululwayo, ngokwesiko; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono;
1525alicamagushele umbingeleli lonke ibandla loonyana bakaSirayeli. Boxolelwa ke, ngokuba ibikukulahleka oku; bawuzisile bona umsondezo wabo, ukudla kwasemlilweni kuYehova, nedini labo lesono phambi koYehova ngenxa yokulahleka kwabo.
1526Loxolelwa ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, ngokuba kubahlele oku abantu bonke ngokulahleka.
1527Ukuba ubani uthe wona ngokulahleka, wosondeza ibhokhwe elithokazi elimnyaka mnye, ibe lidini lesono;
1528umbingeleli acamagushele umphefumlo olahlekayo ngokona kwawo, ngokulahleka kwawo phambi koYehova. Akuwucamagushela, woxolelwa ke.
1529Kozalwayo phakathi koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli ophambukele phakathi kwenu, woba mnye umyalelo kuni, ngokusingisele kowenza ngokulahleka.
1530Ke yena owenza ngesandla esiphakamileyo kwabazalelwe kuloo ndawo nakubaphambukeli, yena uyamnyelisa uYehova; loo mphefumlo ke wonqanyulwa, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
1531Ngokuba ulidelile ilizwi likaYehova, uwaphule nomyalelo wakhe; loo mphefumlo wonqanyulwa kanye, ubugwenxa buphezu kwawo.
1532Kwathi, oonyana bakaSirayeli besentlango, bafumana umntu etheza iinkuni ngomhla wesabatha.
1533Abo bamfumanayo etheza iinkuni, bamsondeza kuMoses nakuAron nakwibandla lonke;
1534bamfaka elugcinweni, kuba bekungekamiswa okuya kwenziwa kuye.
1535Wathi uYehova kuMoses, Makabulawe afe loo mntu, limxulube ibandla lonke ngamatye, ngaphandle kweminquba.
1536Lonke ibandla lamkhuphela ngaphandle kweminquba, lamxuluba ke ngamatye. Wafa, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
1537Wathi uYehova kuMoses,
1538Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, mabenze iintshinga emasondweni eengubo zabo, kwizizukulwana zabo, bafake entshingeni yesondo intsontelo ebala limsi.
1539Mayibe yintshinga kuni; nithi, nakuyibona, niyikhumbule yonke imithetho kaYehova, niyenze, ningabhaduli nilandele intliziyo yenu, namehlo enu, enibe nihenyuza ngokulandela wona;
1540ukuze niyikhumbule niyenze yonke imithetho yam, nibe ngcwele kuThixo wenu.
1541NdinguYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuba ndibe nguThixo kuni: ndinguYehova, uThixo wenu.
161Ke kaloku uKora, unyana kaItsare, unyana kaKehati, unyana kaLevi, noDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi, no-On unyana kaPelete, oonyana bakaRubhen,
162bathabatha amadoda angamakhulu amabini, anamanci mahlanu, akoonyana bakaSirayeli, izikhulu zebandla ezanyulwa yintlanganiso, amadoda anodumo; bavukelana noMoses.
163Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, bathi kubo, Nisenanele nina, ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?
164Weva uMoses, wawa ngobuso.
165Wathetha kuKora nakwibandla lakhe lonke, esithi, Ngomso uYehova uya kwazisa ongowakhe, ongcwele, amsondeze kuye, lowo amnyulileyo womsondeza kuye.
166Yenzani oku: zithabatheleni iingcedevu, wena Kora nebandla lakho lonke,
167nibeke umlilo kuzo, nibeke isiqhumiso phezu kwazo phambi koYehova ngomso. Kothi, umntu athe uYehova wamnyula abe ngcwele yena; senanele nina, nyana bakaLevi.
168Wathi uMoses kuKora, Khanive, nina nyana bakaLevi.
169Yinto encinane na kuni, ukuba uThixo kaSirayeli anahlule kwibandla lakwaSirayeli, anisondeze kuye, ukubanisebenze umsebenzi womnquba kaYehova, nime phambi kwebandla, nilungiselele kubo,
1610ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na?
1611Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele?
1612Wathuma uMoses, wabiza uDatan noAbhiram oonyana bakaEliyabhi. Bathi, Asiyi kunyuka size.
1613Yinto encinane na le yokuba usinyuse ezweni elibaleka amasi nobusi, uze kusibulala apha entlango, le nto uhlala uzenze umphathi phezu kwethu?
1614Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.
1615Wavutha kunene umsindo kaMoses, wathi kuYehova, Musa ukuwubheka umnikelo wabo wokudla. Andithabathanga ne-esile elinye kubo, andiphathanga kakubi namnye wabo.
1616Wathi uMoses kuKora, Wena nebandla lakho lonke, ze nibe phambi koYehova, wena nabo noAron, ngomso;
1617nithabathe elowo ugcedevu lwakhe, nibeke isiqhumiso phezu kwazo, nisondeze phambi koYehova, elowo abe nogcedevu lwakhe, iingcedevu ezimakhulu mabini anamanci mahlanu; nawe noAron elowo abenogcedevu lwakhe.
1618Bathabatha ke elowo ugcedevu lwakhe, babeka umlilo kuzo, babeka isiqhumiso phezu kwazo, bema emnyango wentente yokuhlangana noMoses noAron.
1619UKora walibizela ndawonye ngabo ibandla lonke emnyango wentente yokuhlangana. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kwibandla lonke.
1620Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
1621Zahluleni kweli bandla; ndiya kubagqibela ngephanyazo.
1622Bawa ngobuso, bathi, Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, kone umntu wamnye nje, unoburhalarhume kwibandla lonke na?
1623Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
1624Thetha kwibandla, uthi, Sukani nimke ngeenxa zonke emzini kaKora noDatan noAbhiram.
1625Wesuka uMoses, waya kuDatan noAbhiram; amlandela amadoda amakhulu akwaSirayeli.
1626Wathetha kwibandla esithi, Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.
1627Benyuka ke, bemka emzini kaKora noDatan noAbhiram ngeenxa zonke. OoDatan noAbhiram bema emnyango weentente zabo, nabafazi babo, noonyana babo, neentsatshana zabo.
1628Wathi uMoses, Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyantliziyo yam.
1629Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, nokuba bathe bavelelwa ngokuvelelwa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga.
1630Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.
1631Kwathi, ukugqiba kwakhe ukuwathetha onke la mazwi, wacandeka umhlaba obuphantsi kwabo;
1632umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya, nezindlu zabo, nabantu bonke bakaKora, nempahla yabo yonke.
1633Behla bona besaphilile, nento yonke abanayo, baya kwelabafileyo, umhlaba wabaselela, batshabalala, ababakho phakathi kwesikhungu.
1634Onke amaSirayeli abebangqongile abalekiswa sisithonga sesikhalo sabo; ngokuba abesithi, Hleze umhlaba usiginye nathi.
1635Kwaphuma umlilo kuYehova, wawadla amadoda angamakhulu amabini anamanci mahlanu, asondeza isiqhumiso.
1636Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
1637Yitsho kuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, azichole iingcedevu eluvundwini, wena uwuchithachithele kude umlilo, ngokuba zingcwele.
1638Iingcedevu zabo bonayo ngakwimiphefumlo yabo, ize nizenze izixwexwe ezicekethekileyo zokwaleka isibingelelo; ngokuba bazisondeza phambi koYehova zangcwaliswa. Zoba ngumqondiso koonyana bakaSirayeli.
1639Wazithabatha ke uElazare umbingeleli iingcedevu zobhedu, ababezisondezile abo batshiswayo, zakhandwa, zaba zezokwaleka isibingelelo.
1640Yaba sisikhumbuzo eso koonyana bakaSirayeli, ukuze kungasondeli ndoda yasemzini, ingengowembewu ka-Aron, iqhumisele ngesiqhumiso phambi koYehova, ukuze ingabi njengoKora nanjengebandla lakhe, njengoko uYehova wathethayo kuye ngoMoses.
1641Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, lisithi, Nina nibabulele abantu bakaYehova.
1642Kwathi ekubizelweni ndawonye kwebandla ngoMoses nangoAron, babheka ententeni yokuhlangana. Nalo ilifu liyisibekele babonakala ubuqaqawuli bukaYehova.
1643Beza ooMoses noAron phambi kwentente yokuhlangana.
1644Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
1645Sukani phakathi kweli bandla, ndiligqibele ngephanyazo. Bawa ngobuso.
1646Wathi uMoses kuAron, Luthabathe ugcedevu, ubeke umlilo phezu kwalo ovela esibingelelweni, ubeke isiqhumiso, ukhawuleze uye ebandleni, ubacamagushele; kuba kuphume uburhalarhume ebusweni bukaYehova, siqalile isibetho.
1647Wathabatha ke uAron njengoko uMoses wathethayo, wabalekela phakathi kwesikhungu; naso isibetho siqalile ebantwini. Wabeka isiqhumiso, wabacamagushela abantu.
1648Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo; sathintelwa ke isibetho.
1649Abo bafayo sisibetho baba lishumi elinesine lamawaka anamakhulu asixhenxe, ngaphandle kwabafayo ngendawo yakwaKora.
1650Wabuyela uAron kuMoses emnyango wentente yokuhlangana; isibetho sathintelwa ke.
171Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
172Thetha koonyana bakaSirayeli, uthabathe kubo iintonga: intonga ngokwendlu yooyise, kwiinkulu zabo zonke ngokwezindlu zooyise, iintonga ezilishumi elinambini, ubhale igama lalowo nalowo entongeni yakhe.
173Wobhala igama lika-Aron entongeni yakwaLevi; kuba yoba nye intonga yentloko yendlu yooyise.
174Uze uzibeke ententeni yokuhlangana phambi kwesingqino, apho ndihlangana nani khona.
175Kothi indoda endinyule yona, intonga yayo idubule; ndikuphelise phambi kwam ukukrokra koonyana bakaSirayeli, ababenikrokrela ngako.
176Wathetha ke uMoses koonyana bakaSirayeli; zonke iinkulu zabo zamnika iintonga nganye, intonga yanye kwinkulu, ngokwezindlu zooyise, zalishumi elinambini iintonga. Intonga ka-Aron yabe iphakathi kweentonga zazo.
177Wazibeka uMoses iintonga phambi koYehova, ententeni yesingqino.
178Kwathi ngengomso, wangena uMoses ententeni yesingqino; nantso intonga ka-Aron, wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.
179Waphuma uMoses neentonga zonke, evela kuYehova weza nazo koonyana bonke bakaSirayeli. Bakhangela, bathabatha elowo intonga yakhe.
1710Wathi uYehova kuMoses, Yibuyisele intonga ka-Aron phambi kwesingqino igcinwe, ukuba ibe ngumqondiso kwabaneenkani, ukuphelise ukukrokra kwabo phambi kwam, bangafi.
1711Wenza ke uMoses; njengoko uYehova abemwisele umthetho, wenjenjalo.
1712Bathetha oonyana bakaSirayeli kuMoses, bathi, Yabona, siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.
1713Bonke abasondelayo, abasondela emnqubeni kaYehova, baya kufa. Siya kubhubha sigqibele na?
181Wathi uYehova kuAron, Wena noonyana bakho, nendlu kayihlo ndawonyenawe, nobuthwala ubugwenxa obenziwe kwindawo engcwele; wena noonyana bakho ndawonye nawe nobuthwala ubugwenxa bobubingeleli benu.
182Kananjalo abazalwana bakho, isizwe sakwaLevi, isizwe sikayihlo, wobasondeza nawe, banamathele kuwe, balungiselele wena; wena ke, noonyana bakho ndawonye nawe, phambi kwentente yesingqino.
183Bogcina isigxina sakho nesigxina sentente yonke; kodwa empahleni yengcwele nasesibingelelweni mabangasondeli, ukuze bangafi bona aba kwanani.
184Bonamathela kuwe, bagcine isigxina sentente yokuhlangana emsebenzini wonke wayo intente; ke owase unzini aze angasondeli kuni.
185Nize nigcine isigxina sengcwele nesigxina sesibingelo, kungabuyi kubhekho burhalarhume phezu koonyana bakaSirayeli.
186Mna ke, yabona, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; nibanikiwe bangumnikelo kuYehova wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana.
187Ke wena noonyana bakho ndawonye nawe, nobugcina ububingeleli benu ezintweni zonke zesibingelelo, nangaphaya komkhusane; nisebenze umsebenzi. Ndininika ububingeleli ukuba bube ngumsebenzi eniwunikiweyo. Owasemzini osondelayo uya kubulawa.
188Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade.
189Yile into eyoba yeyakho ezintweni eziyingcwele kangcwele, ekudleni kwasemlilweni: yonke imisondezo yabo, eminikelweni yabo yokudla, nasemadinini abo onke esono, nasemadinini abo onke etyala, abayibuyisela kum, yoba ziinto eziyingcwele kangcwele kuwe nakoonyana bakho.
1810Nozidla engcweleni kangcwele; yonke into eyindoda yozidla; zoba ngcwele kuwe.
1811Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.
1812Konke ukutyeba kweoli, konke ukutyeba kwewayini entsha, nokwengqolowa, ulibo lwezo zinto baya kuzinika uYehova, ndikunika lona.
1813Iintlahlela zeento zonke ezisezweni labo, abazizisa kuYehova, zoba zezakho; bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bozidla.
1814Zonke izinto ezisingelwe phantsi kwaSirayeli zoba zezakho.
1815Zonke izinto ezivula isizalo kwinyama yonke, abaya kuzisondeza kuYehova, ebantwini nasezinkomeni, zoba zezakho. Kodwa wona amazibulo abantu wowakhulula ngokuwamisela; amazibulo ezinto ezizitho zine eziziinqambi wowakhulula ngokuwamisela.
1816Ukukhululwa komntu ke womkhulula ngokummisela, uthabathela kumntwana onyanga-nye, ngokulinganisela kwakho isilivere yeeshekele ezintlanu ngokweshekele yengcwele, eziigera ezimashumi mabini.
1817Kodwa amazibulo eenkomo, namazibulo ezimvu, namazibulo eebhokhwe, akuyi kuwakhulula ngokuwamisela. Angcwele wona; igazi lawo wolitshiza esibingelelweni, uqhumisele ngamanqatha awo; kukudla kwasemlilweni ke oko, livumba elithozamisayo kuYehova.
1818Inyama yawo yoba yeyakho; njengencum yomtshangatshangiso, nanjengomlenze wasekunene, yoba yeyakho.
1819Yonke imirhumo engcwele, abayirhumela uYehova oonyana bakaSirayeli, ndiyinika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ibe ngummiselo ongunaphakade; ingumnqophiso wetyuwa ongunaphakade phambi koYehova, kuwe nakwimbewu yakho ndawonye nawe.
1820Wathi uYehova kuAron, Ezweni labo akuyi kuba nalifa, akuyi kuba nasabelo phakathi kwabo; ndisisabelo sakho nelifa lakho phakathi koonyana bakaSirayeli.
1821Uyabona, oonyana bakaLevi ndibanika zonke izishumi kwaSirayeli, ukuba zibe lilifa, ngenxa yomsebenzi wabo abasebenza wona, umsebenzi wentente yokuhlangana;
1822bangaphindi oonyana bakaSirayeli basondele ententeni yokuhlangana, hleze bathwale isono bafe.
1823Ke bona abaLevi bosebenza umsebenzi wentente yokuhlangana, babuthwale ubugwenxa babo; ngummiselo ongunaphakade ezizukulwaneni zenu. Abayi kuba nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
1824Ngokuba isishumi soonyana bakaSirayeli, abasirhumela uYehova umrhumo, ndisinika abaLevi sibe lilifa. Ngenxa yoko ndithe kubo, Mabangabi nalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
1825Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
1826Thetha kubaLevi, uthi kubo, Xa nithe nasithabatha koonyana bakaSirayeli isishumi endininika sona, esiphuma kubo sililifa lenu, norhuma ngaso umrhumo kaYehova, ngesishumi sesishumi.
1827Wothi umrhumo wenu ubalelwe kuni uyingqolowa yasesandeni, uyinzaliseko yasesixovulelweni.
1828Ngokunjalo nani norhuma umrhumo kaYehova ngezishumi zenu zonke enizithabathayo koonyana bakaSirayeli, nimnika uAron umbingeleli kuzo umrhumo kaYehova.
1829Eminikelweni yonke eniyinikiweyo, norhuma imirhumo yonke kaYehova; ekutyebeni kwayo konke norhuma into yakhe eyingcwele ivela kuyo.
1830Uze uthi ke kubo, Ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo, kobalelwa kubaLevi, ilungeniselo lwesanda, ilungeniselo lwesixovulelo.
1831Nokudla oko ezindaweni zonke, nina nezindlu zenu; kuba ngumvuzo wenu ngenxa yomsebenzi wenu ententeni yokuhlangana.
1832Anisayi kuzithwalisa zono ngenxa yoko ekurhumeni kwenu ukutyeba kwayo okukuyo; anisayi kuzihlambela izinto ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; anisayi kufa.
191Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
192Nguwo lo ummiselo womyalelo awumisileyo uYehova, esithi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bakuzisele ithokazi elibomvu eligqibeleleyo, elingenasiphako, ekungabekwanga dyokhwe kulo;
193nilinike uElazare umbingeleli, alise ngaphandle kweminquba, lixhelelwe phambi kwakhe.
194Wocaphula ke uElazare umbingeleli egazini lalo ngomnwe wakhe, alifefe ngaphambili ententeni yokuhlangana izihlandlo ezisixhenxe;
195litshiswe ithokazi phambi kwakhe, sitshiswe isikhumba salo, nenyama yalo, negazi lalo, ndawonye nomswane walo.
196Umbingeleli wothabatha ke umsedare, nehisope, nosinga olubomvu, aziphose ezo nto phakathi kokutsha kwethokazi;
197ahlambe iingubo zakhe umbingeleli, ahlambe umzimba wakhe ngamanzi, angene emveni koko eminqubeni, abe yinqambi umbingeleli kude kuhlwe.
198Lowo ulitshisileyo makazihlambe iingubo zakhe ngamanzi, ahlambe umzimba ngamanzi, abe yinqambi kude kuhlwe.
199Indoda ehlambulukileyo yoluwola uthuthu lwethokazi, ilubeke ngaphandle kweminquba endaweni emhlophe, lugcinelwe ibandla loonyana bakaSirayeli, lube lolwamanzi okuhlamba ukungcola: lidini lesono eli.
1910Oluwolayo uthuthu lwethokazi wazihlamba iingubo zakhe, abe yinqambi kude kuhlwe; kube ngummiselo ongunaphakade koonyana bakaSirayeli, nakowolunye uhlanga oluphambukele phakathi kwabo.
1911Ochukumisa ofileyo kuzo izidumbu zabantu, woba yinqambi iintsuku ezisixhenxe.
1912Wothi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe azihlambulule isono, ahlambululeke ke. Ukuba ke akathanga azihlambulule isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe akayi kuba uhlambulukile.
1913Bonke abo bachukumisa ofileyo, isidumbu somntu, bangazihlambululi isono, bawenza inqambi umnquba kaYehova. Wonqunyulwa ungabikho kwaSirayeli loo mphefumlo; ngokuba engatshizwanga ngamanzi okuhlamba ukungcola phezu kwakhe, woba yinqambi; ubunqambi bakhe busekuye.
1914Nguwo lo umyalelo xa athe umntu wafela ententeni; bonke abo bangena ententeni, nabo bonke abasukuba besesententeni, boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
1915Zonke izitya ezivulekileyo, ezingenasiciko sibotshiweyo, ziziinqambi.
1916Bonke abasukuba bemchukumisa emaphandleni obulewe ngekrele, nokuba ngofele khona, nokuba lithambo lomntu, nokuba lingcwaba: bona boba ziinqambi iintsuku ezisixhenxe.
1917Bomcaphulela oyinqambi eluthuthwini lokutsha kwedini lesono, kubekwe phezu kwalo amanzi aphilileyo ngesitya;
1918indoda ehlambulukileyo ithabathe ihisope, iyithi nkxu emanzini, ifefe intente, neempahla zonke, nabantu ababekuyo, nalowo uchukumise ithambo, nobuleweyo, nofileyo, nokuba ke kusengcwabeni.
1919Wofefa ohlambulukileyo koyinqambi ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, amhlambulule ke isono ngomhla wesixhenxe, azihlambe iingubo zakhe, ahlambe umzimba ngamanzi; wohlambuluka ke ngokuhlwa.
1920Ke umntu osukuba eyinqambi, angazihlambululi isono, loo mphefumlo mawunqunyulwe phakathi kwesikhungu; ngokuba uyenze inqambi ingcwele kaYehova, akatshizwa ngamanzi okuhlamba ukungcola; uyinqambi.
1921Woba ngummiselo ongunaphakade kubo: okokuba ofefa ngamanzi okuhlamba ukungcola, makazihlambe iingubo zakhe; nalowo uchukumisa amanzi okuhlamba ukungcola woba yinqambi kude kuhlwe.
1922Yonke into asukuba eyichukumisa oyinqambi yoba yinqambi; nomphefumlo omchukumisayo woba yinqambi kude kuhlwe.
201Bafika oonyana bakaSirayeli, lonke ibandla, entlango yaseTsin ngenyanga yokuqala; bahlala abantu eKadeshe. Wafela khona uMiriyam, wangcwatyelwa khona.
202Lalingenamanzi ibandla.
203Babizelana ndawonye ngoMoses nangoAron, babambana abantu noMoses, bathi, Akwaba sibe siphume umphefumlo oko abazalwana bethu baphuma umphefumlo phambi koYehova!
204Yini na ukuba nisingenise isikhungu sikaYehova kule ntlango, sifele kuyo, thina neenkomo zethu?
205Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, nisizise kule ndawo imbi kangaka? Asindawo yambewu, namakhiwane, namidiliya, nazirharnate, tu namanzi okusela!
206Besuka ooMoses noAron ebusweni besikhungu, baya emnyango wentente yokuhlangana, bawa ngobuso. Babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kubo.
207Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
208Yithabathe intonga, ulibizele ndawonye ibandla, wena noAron umkhuluwa wakho, nithethe engxondorheni phambi kwabo, inike amanzi ayo, ubakhuphele amanzi engxondorheni apho, uliseze ibandla neenkomo zalo.
209Wayithabatha ke uMoses intonga ebusweni bukaYehova, njengoko wawiswayo umthetho.
2010Wasibizela ndawonye uMoses noAron isikhungu phambi kwengxondorha leyo, wathi kubo, Khanive, nina baneenkani. Sinikhuphele amanzi kule ngxondorha na?
2011Wasiphakamisa uMoses isandla sakhe, wayibetha ingxondorha ngentonga yakhe izihlandlo zazibini; aphuma amanzi amaninzi, lasela ibandla neenkomo zalo.
2012Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ngokokuba ningakholwanga kum, ukuba nindingcwalise emehlweni oonyana bakaSirayeli, ngoko aniyi kusingenisa esi sikhungu ezweni endibanika lona.
2013Ngawo lawo amanzi aseMeribha, ababambana ngawo oonyana bakaSirayeli noYehova, waza wazingcwalisela bona.
2014UMoses wasusa izigidimi eKadeshe, zaya kuthi kukumkani wakwaEdom, Utsho umzalwana wakho uSirayeli ukuthi, Wena uyakwazi konke ukuxhamleka esafumanana nako.
2015Behla oobawo, baya eYiputa, sahlala eYiputa imihla emininzi. Asiphatha kakubi amaYiputa, thina noobawo bethu;
2016sakhala kuYehova, waliva ilizwi lethu; wathuma isithunywa, sasikhupha eYiputa. Nanku ke siseKadeshe, umzi osekupheleni komda wakho.
2017Makhe sicande ezweni lakho. Asiyi kucanda masimini nasezidiliyeni. Asiyi kusela manzi amaqula. Sohamba ngomendo wenkosi; asiyi kuthi gu bucala siye ekunene nasekhohlo side sicande emdeni wakho.
2018Wathi uEdom kuye, Uze ungacandi kum, hleze ndiphume ndinekrele, ndikuhlangabeze.
2019Bathi oonyana bakaSirayeli kuye, Sonyuka ngomendo. Ukuba sithe sasela amanzi akho, mna nemfuyo yam, ndokuhlawulela. Akukho nto, ndocanda nje kodwa, ndihamba ngeenyawo.
2020Wathi, Uze ungacandi. Watsho waphuma uEdom, wamhlangabeza enento eninzi yabantu, enesandla esithe nkqi.
2021Wala uEdom ukumvumela uSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. Wajika ke uSirayeli, wemka kuye.
2022Banduluka eKadeshe beza oonyana bakaSirayeli, ibandla lonke, entabeni yeHore.
2023Wathetha uYehova kuMoses nakuAron entabeni yeHore, emdeni welizwe lakwaEdom, wathi,
2024UAron makahlanganiselwe kwabakowabo; ngokuba akayi kungena ezweni endilinika oonyana bakaSirayeli, ngenxa yokuba nawuphikisayo umlomo wam emanzini embambano.
2025Thabatha uAron noElazare unyana wakhe, ubanyuse entabeni yeHore;
2026umhlube uAron iingubo zakhe, uzambathise uElazare unyana wakhe. UAron wohlanganiselwa kwabakowabo, afele khona.
2027Wenza uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho; benyuka entabeni yeHore phambi kwebandla lonke.
2028UMoses wamhluba uAron iingubo zakhe, wazambathisa uElazare unyana wakhe. Wafela khona uAron encotsheni yentaba. Wehla uMoses noElazare entabeni.
2029Lakubona lonke ibandla ukuba uAron uphume umphefumlo, bamlilela uAron imihla emashumi mathathu, yonke indlu yakwaSirayeli.
211Weva umKanan, ukumkani waseAradi, obehleli kwelasezantsi, ukuba ayeza amaSirayeli ngendlela yeentlola, walwa namaSirayeli, wathimba abantu kuwo.
212Abhambathisa amaSirayeli isibhambathiso kuYehova, athi, Ukuba uthe wabanikela inene aba bantu esandleni sam, ndoyisingela phantsi imizi yabo.
213Waliva uYehova ilizwi lamaSirayeli, wamnikela umKanan lowo kuwo, wasingelwa phantsi nemizi yakhe. Kwathiwa igama laloo ndawo yiHorma.
214Banduluka entabeni yeHore ngendlela yoLwandle oluBomvu, ukuba bajikele ilizwe lakwaEdom; bakhathazeka abantu endleleni.
215Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.
216UYehova wathuma iinyoka ezinobuhlungu ebantwini, zabaluma abantu; kwafa abantu abaninzi bakwaSirayeli.
217Beza abantu kuMoses, bathi, Sonile, ngokuba sithethe ngoYehova nangawe; thandaza kuYehova, azisuse kuthi iinyoka ezo. Wabathandazela ke uMoses abantu.
218Wathi uYehova kuMoses, Zenzele inyoka enobuhlungu, uyixhome esibondeni eside; kothi, bonke abobalunyiweyo, bakukhangela kuyo, baphile.
219Wenza ke uMoses inyoka yobhedu, wayixhoma esibondeni eside; kwathi, yakuba ithe inyoka yamluma umntu, waza wabheka enyokeni yobhedu, waphila.
2110Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa iintente eObhoti.
2111Banduluka eObhoti, baya bamisa eIye-abharim, entlango ephambi kwelakwaMowabhi, ngasekuphumeni kwelanga.
2112Banduluka khona, baya bamisa esihlanjeni saseZerede.
2113Banduluka khona, baya bamisa phesheya kweArnon, esentlango, ephuma emdeni wama-Amori; kuba iArnon ngumda wakwaMowabhi, ophakathi kwamaMowabhi nama-Amori.
2114Ngenxa yoko, kuthiwa encwadini yeemfazwe zikaYehova: IVahebhi wayithabatha esiza ngesaqhwithi, Nezibhaxa zaseArnon,
2115Namathambeka ezibhaxa, Olukela ekhayeni laseAri, Ayame umda wakwaMowabhi.
2116Banduluka khona, baye eBhere; elo lelo qula wathi ngalo uYehova kuMoses, Hlanganisa abantu, ndibanike amanzi.
2117Oko ahlaba amaSirayeli le ngoma: Nyuka, qula; vumani kulo,
2118Kwiqula elambiwa ngabathetheli, Lagonjwa ngamanene abantu, Ngentonga yommisi-mthetho, ngemisimelelo yawo. Banduluka entlango, baya eMatana.
2119Banduluka eMatana, baya eNahaliyeli. Banduluka eNahaliyeli, baya eBhamoti.
2120Banduluka eBhamoti, baya esihlanjeni esisemhlabeni wakwaMowabhi, baya encotsheni yePisga, ekhangele enkangala.
2121AmaSirayeli athuma izigidimi kuSihon, ukumkani wama-Amori, esithi, Mandicande ezweni lakho;
2122asiyi kuthi gu bucala, siye emasimini nasezidiliyeni; asiyi kusela manzi equla; siya kubamba ngomendo wenkosi, side sicande emdeni wakho.
2123Akawavumela uSihon amaSirayeli ukuba acande emdeni wakhe. USihon wahlanganisa bonke abantu bakhe, waphuma waya kuwahlangabeza amaSirayeli entlango, wafika eYatsa, walwa namaSirayeli.
2124AmaSirayeli amxabela ngohlangothi lwekrele, alihlutha ilizwe lakhe, athabathela eArnon, esa eYabhoki, esa koonyana baka-Amon; ngokuba umda woonyana baka-Amon ubuliqele.
2125AmaSirayeli ayithabatha yonke le mizi, ahlala amaSirayeli emizini yonke yama-Amori, eHeshbhon nasemagxamesini ayo.
2126Kuba iHeshbhon ngumzi wakwaSihon, ukumkani wama-Amori, owalwa nokumkani wakwaMowabhi wangaphambili, walihlutha lonke ilizwe lakhe kuye, kwesa eArnon.
2127Ngenxa yoko babesithi abenzi bemizekeliso: Yizani eHeshbhon, mawakhiwe uzinziswe umzi wakwaSihon;
2128Ngokuba kuphume umlilo eHeshbhon, Ilangatye emzini wakwaSihon; Wayidla iAri yakwaMowabhi, Abaninimimango baseArnon.
2129Yeha wena, Mowabhi! Nidakile, bantu bakwaKemoshe, Ubanikele oonyana bakhe baba ngabasabi, lintombi zakhe uzinikele ekuthinjweni, KuSihon, ukumkani wama-Amori.
2130Sibatolile; idakile iHeshbhon, kwesa eDibhon; Sababhangazisa, kwesa eNofa, Yangumlilo, kwesa eMedebha.
2131Ahlala amaSirayeli ezweni lama-Amori.
2132Wathuma uMoses ukuba iye kuhlolwa iYazere; bawathimba amagxamesi ayo, bawagqogqa ama-Amori abekhona.
2133Bajika, benyuka ngendlela yaseBhashan. Waphuma uOgi, ukumkani waseBhashan, waya kubahlangabeza, yena nabantu bakhe bonke, ukuba kuliwee-Edreyi.
2134Wathi uYehova kuMoses, Musa ukumoyika; ngokuba ndimnikele esandleni sakho, nabantu bakhe bonke, nelizwe lakhe, ukuba wenze kuye njengoko wenzayo kuSihon, unkumkani wama-Amori, owayehleli eHeshbhon.
2135Bambulala yena noonyana bakhe, nabantu bakhe bonke, kwada akwasala usindileyo; balihlutha ilizwe lakhe.
221Banduluka oonyana bakaSirayeli, baya bamisa ezinkqantsoni zakwaMowabhi phesheya kweYordan, malunga neYeriko.
222Wakubona uBhalaki, unyana kaTsipore, konke abekwenzile uSirayeli kuma-Amori.
223UMowabhi wanxunguphala kakhulu ngabantu, ngokuba bebaninzi; wakruquka uMowabhi ngoonyana bakaSirayeli.
224Wathi uMowabhi kumadoda amakhulu akwaMidiyan, Ngoku esi sikhungu siya kukukhotha konke okungeenxa zonke kuthi, njengoko inkomo ilukhothayo uhlaza lwasendle. Ke uBhalaki, unyana kaTsipore, ubengukumkani wamaMowabhi ngelo xesha.
225Wathuma abathunywa kuBhileham, unyana kaBhehore, ePehore, esemlanjeni welizwe loonyana babantu bakowabo, ukuba bambize bathi, Yabona, kuphume abantu eYiputa; nabo bebugubungele ubuso belizwe, behleli malungana nam.
226Khawuze ke, undiqalekisele aba bantu, ngokuba banamandla kunam; mhlawumbi ndingaba nako ukubabulala, ndibagxothe kweli lizwe; ngokuba ndiyazi ukuba omsikelelayo usikelelwe, omqalekisayo uqalekisiwe.
227Ahamba ke amadoda amakhulu akwaMowabhi, namadoda amakhulu akwaMidiyan, eneenkozo zokuvumisa ezandleni zawo, aya kuBhileham, athetha kuye amazwi kaBhalaki.
228Wathi kuwo, Lalani apha ngobu busuku; ndoninika ilizwi, njengoko uYehova aya kuthetha kum. Bahlala ke abathetheli abo bakwaMowabhi noBhileham.
229Wafika uThixo kuBhileham, wathi, Angoobani na la madoda anawe apha?
2210Wathi uBhileham kuThixo, UBhalaki unyana kaTsipore, ukumkani wamaMowabhi, uthumele kum, esithi,
2211Yabona, kuphume abantu eYiputa, babugubungela ubuso belizwe; yiza ke undiqalekisele bona, mhlawumbi ndingaba nako ukulwanabo, ndibagxothe.
2212Wathi uThixo kuBhileham, Uze ungahambi nawo, ungabaqalekisi abo bantu, kuba basikelelwe.
2213Wavuka uBhileham kusasa, wathi kubathetheli bakaBhalaki, Yiyani ezweni lenu; ngokuba uYehova uyala ukundivumela ndihambe nani.
2214Besuka ke abathetheli bakwaMowabhi, baya kuBhalaki, bathi, Walile uBhileham ukuza nathi.
2215Waphinda uBhalaki, wathuma abathetheli bebaninzi, bebekekile kunabo.
2216Bafika ke kuBhileham, bathi kuye, Utsho uBhalaki, unyana kaTsipore, ukuthi, Musa ukukha unqandwe nto ukuza kum;
2217kuba ukukuzukisa kona ndiya kukuzukisa kunene, ndikwenze konke ondixelela kona; khawuze undiqalekisele aba bantu.
2218Waphendula uBhileham, wathi kubakhonzi bakaBhalaki, Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andinako ukuwugqitha umlomo kaYehova, uThixo wam, ndenze okuncinane nokuba kokukhulu.
2219Khanihlale apha ke nani ngobu busuku, udide ndiyazi into aya kuyongeza uYehova, ayithethe kum.
2220Wafika uThixo kuBhileham ebusuku, wathi kuye, Ukuba la madoda afike kuwe eza kukubiza, suka uhambe nawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze wenze lona lodwa.
2221Wavuka uBhileham kusasa, wayibopha imazi yakhe ye-esile, wahamba nabathetheli abo bakwaMowabhi.
2222Wavutha umsindo kaThixo, ngokuba wahambayo. Sema isithunywa sikaYehova endleleni ukuba simchase. Wayekhwele e-esileni lakhe, enamadodana akwakhe omabini.
2223Iesile lasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele laso ngesandla saso, lathi gu bucala iesile endleleni, laya entsimini. UBhileham walibetha iesile, elisongela endleleni.
2224Sema isithunywa sikaYehova engxingweni yezidiliya, iludonga ngapha, iludonga ngapha.
2225Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lagudla udonga, lalugudla unyawo lukaBhileham ngodonga; waphinda walibetha.
2226Saphinda sagqitha isithunywa sikaYehova, sema endaweni exineneyo, apho bekungekho ndlela yakucezela ekunene nasekhohlo.
2227Iesile lasibona isithunywa sikaYehova, lasadalala phantsi koBhileham. Wavutha umsindo kaBhileham, walibetha iesile ngentonga.
2228Wawuvula ke uYehova umlomo we-esile, lathi kuBhileham, Ndikwenze ntoni na, ukuba undibethe lamaxesha mathathu?
2229Wathi uBhileham kwiesile, Kungokuba ufekethe ngam; akwaba bendiphethe ikrele ngesandla sam; inene, ngendikubulele ngoku!
2230Lathi iesile kuBhileham, Andililo iesile lakho na okhwela kulo, kuseloko wabakhoyo unanamhla? Ndiqhelile na ukwenjenje kuwe? Wathi, Hayi.
2231Wawavula uYehova amehlo kaBhileham, wasibona isithunywa sikaYehova simi endleleni, sirhole ikrele lasongesandla saso. Wathoba waqubuda ngobuso bakhe.
2232Sathi kuye isithunywa sikaYehova, Ulibethele ntoni na iesile lakho la maxesha mathathu? Yabona, kuphume mna ukuza kukuchasa; ngokuba ekuboneni kwam le ndlela iseyelisela.
2233Landibona iesile, lacezela phaya kum la maxesha omathathu; koko lacezela phaya ngenxa yam, okanye ngendikubulele ngoku wena, ndalisindisa lona.
2234Wathi uBhileham kwisithunywa sikaYehova, Ndonile, kuba bendingazi ukuba wena uze kundimela endleleni; ngoku, ukuba kubi emehlweni akho, ndobuya.
2235Sathi isithunywa sikaYehova kuBhileham, Hamba namadoda lawo; ke ilizwi endolithetha kuwe, uze uthethe lona lodwa. Wahamba ke uBhileham nabathetheli bakaBhalaki.
2236Weva uBhalaki ukuba uBhileham uyeza. Waphuma waya kumhlangabeza emzini wakwaMowabhi osemdeni waseArnon, ekupheleni komda.
2237Wathi uBhalaki kuBhileham, Andikuthumelanga na ndiqinisile ukuba ndikubize? Yini na ukuba ungezi kum? Ndihleli nje, andinako na ukukuzukisa?
2238Wathi uBhileham kuBhalaki, Uyabona, ndifikile kuwe; ndinako na ke ngoku ukuthetha into eyiyo? Ilizwi alibekayo uThixo emlonyeni wam, ndiya kuthetha lona.
2239Wahamba uBhileham noBhalaki, bafika eKiriyati-hutsoti.
2240Wabingelela uBhalaki iinkomo nempahla emfutshane, wathumela kuBhileham nakubathetheli ababenaye.
2241Kwathi ngomso, uBhalaki wamthabatha uBhileham, wamnyusa wamsa ezigangeni zikaBhahali. Wabona khona wada wesa ekupheleni kwabantu.
231Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.
232Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham. Bathi ooBhalaki noBhileham benyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.
233Wathi uBhileham kuBhalaki, Yima wena ngasedinini lakho elinyukayo, ndihambe mna; mhlawumbi uYehova woza kundihlangabeza, nelizwi asukuba endibonisa lona ndokuxelela ke. Waya eluqhayini.
234UThixo waqubisana noBhileham; wathi yena kuye, Ndilungise izibingelelo zasixhenxe, ndanyusa inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu kwisibingelelo ngesibingelelo.
235UYehova wabeka ilizwi emlonyeni kaBhileham, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
236Wabuya waya ke kuye. Nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, yena nabathetheli bonke bakwaMowabhi.
237Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, UBhalaki ukumkani wamaMowabhi undithabathe kwa-Aram, Ezintabeni zasempumalanga, esithi, Yiza undiqalekisele uYakobi; Yiza ubhavumele uSirayeli.
238Ndothini na ukuqalekisa angamqalekisiyo uThixo? Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?
239Ngokuba, ndisencotsheni yamawa, ndiyambona; Ndisezindulini, ndibonisela yena. Yabona, ngabantu abahlala bodwa, Ababalelwa phakathi kwazo iintlanga.
2310Ngubani na ongalubalayo uthuli lwakwaYakobi, Nesahlulo sesine sakwaSirayeli ngokwenani? Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, Ukuphela kwam kube njengokwabo!
2311Wathi uBhalaki kuBhileham, Yintoni na le nto undenze yona? Ndikuthabathele ukuba uziqalekise iintshaba zam, nanku amana ukuzisikelela.
2312Waphendula yena, wathi, Oko akubekileyo uYehova emlonyeni wam, mandingakugcini na, ndikuthethe?
2313Wathi uBhalaki kuye, Khawuze siye ndaweni yimbi, apho uya kubabona; wobona isiphelo sabo sodwa, ungababoni bonke bephela; undiqalekiseleke bona apho.
2314Wamsa emhlabeni wababoniseli, encotsheni yePisga, wakha izibingelelo ezisixhenxe; wenyusa inkunzi entsha yenkomo, nenkunzi yemvu, kwisibingelelo ngesibingelelo.
2315Wathi kuBhalaki, Yenjenje ukuma ngasedinini lakho elinyukayo, ndenjenje mna ukuhlangabeza uYehova.
2316UYehova waqubisana noBhileham, wabeka ilizwi emlonyeni wakhe, wathi, Buya uye kuBhalaki, wenjenje ukuthetha.
2317Wafika ke kuye; nanko emi ngasedinini lakhe elinyukayo, nabathetheli bakwaMowabhi benaye; wathi uBhalaki kuye, Uthethe ntoni na uYehova?
2318Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Suka ume, Bhalaki uve; Ndibekele indlebe, nyana kaTsipore.
2319UThixo akamntu ukuba athethe amanga, Akanyana waluntu ukuba azohlwaye. Etshilo nje yena, akayi kwenza na? Ethethile nje, akayi kufeza na?
2320Yabona, ndamkele ukusikelela; Usikelele, ke andinakukubuyisa.
2321Akaboni butshinga kuYakobi, Akaboni bubi kuSirayeli. UYehova uThixo wakhe unaye, Ukuduma kokumkani kuphakathi kwakhe.
2322UThixo umkhupha eYiputa; Amendu akhe anjengawenqu.
2323Akukho zihlabo ngoYakobi, Akukho kuvumisa ngoSirayeli. Ngexesha elililo, kuthethwa kuYakobi nakuSirayeli Into ayenzayo uThixo.
2324Yabona, abantu besuka njengengonyamakazi; Baziphakamisa njengengonyamÂ’ induna. Abalali phantsi, bade badle okuqwengiweyo, Basele igazi labahlatyiweyo.
2325Wathi uBhalaki kuBhileham, Uze ungabi sabaqalekisa, uze ungabi sabasikelela.
2326Waphendula uBhileham wathi kuBhalaki, Bendingathethanga na kuwe ndathi, Konke akuthethayo uYehova ndiya kwenza kona?
2327Wathi uBhalaki kuBhileham, Khawuze ndikuse ndaweni yimbi; mhlawumbi kolunga emehlweni kaThixo, ukuba undiqalekisele ke bona khona.
2328UBhalaki wamsa ke uBhileham encotsheni yePehore, ekhangele enkangala.
2329Wathi uBhileham kuBhalaki, Ndakhele apha izibingelelo zibe sixhenxe, undimisele apha iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zezimvu zibe sixhenxe.
2330Wenza ke uBhalaki njengoko wathethayo uBhileham, wenyusa kwisibingelelo ngesibingelelo inkunzi entsha yenkomo nenkunzi yemvu.
241Wabona uBhileham, ukuba kuhle emehlweni kaYehova ukumsikelela uSirayeli, akaya kuhlangabeza zihlabo ngokwezinye izihlandlo, wabubhekisa ubuso bakhe entlango.
242Waphakamisa amehlo akhe uBhileham, wawabona amaSirayeli ehleli ngokwezizwe zawo, uMoya kaThixo wamfikela.
243Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Utsho uBhileham unyana kaBhehore, Itsho indoda ecinywe amehlo;
244Utsho ova ukuthetha kukaThixo, Owubonayo umbono woSomandla, Esiwa phantsi, etyhilwe amehlo.
245Azizintle ngako iintente zakho, Yakobi! Neminquba yakho, Sirayeli!
246Zitwabulukile njengezihlambo, Njengamasimi aphezu komlambo, Njengemihlaba etyelwe nguYehova, Njengemisedare ephezu kwamanzi.
247Aya kumpompoza amanzi emiphandeni yakhe, Imbewu yakhe ingasemanzini amaninzi. Ukumkani wakhe makabe ngaphezulu koAgagi, Buziphakamise ubukumkani bakhe.
248UThixo umkhupha eYiputa. Amendu akhe anjengawenqu. Uya kuzidla iintlanga, ababandezeli bakhe, Awakhukhuze amathambo abo, Abaphaluse ngeentolo zakhe.
249Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na owomvusa? Mabasikelelwe abakusikelelayo, Baqalekiswe abakuqalekisayo.
2410Wavutha umsindo kaBhalaki kuBhileham, wazityhwakraza izandla zakhe, wathi uBhalaki kuBhileham, Ndikubizele ukuba uziqalekise iintshaba zam; nanku, umana ukuzisikelela ezi zihlandlo zozithathu.
2411Khwelela ngokunje, uye endaweni yakho. Bendithe ndokuzukisa kakhulu; yabona uYehova ukuvimbile uzuko.
2412Wathi uBhileham kuBhalaki, Bendingathethanga na nakubathunywa bakho owabathumela kum ndisithi,
2413Angafanelana uBhalaki endinika indlu yakhe izele yisilivere negolide, andingekhe ndiwugqithe umlomo kaYehova, ndenze okulungileyo nokuba kokubi okuphuma entliziyweni yam; oko akuthethayo uYehova, ndiya kwenza kona.
2414Kaloku yabona, ndiyahamba, ndiya ebantwini bakowethu. Yiza ndikutyele into abaya kuyenza aba bantu kubantu bakho ngemihla yokugqibela.
2415Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Utsho uBhileham unyana kaBhehore, Itsho indoda ecinywe amehlo.
2416Utsho ova ukuthetha kukaThixo, Wakwazi ukwazi kOsenyangweni; Obona umbono woSomandla, Esiwaphantsi, etyhilwe amehlo:
2417Ndiyayibona, kungekhona ngoku, Ndiyikhangele, ingekufuphi. Inkwenkwezi iphuma kwaYakobi; Intonga ivela kwaSirayeli, Iwaphaluse amaMowabhi emacaleni omabini, Ibagombe bonke abengxolo;
2418UEdom abe lilifa, Abe lilifa uSehire, iintshaba zakhe; USirayeli yena avelise amandla.
2419Makehle ophuma kwaYakobi, Atshabalalise abaseleyo emizini.
2420Wawabona ama-Amaleki, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Ingqalo yeentlanga nguAmaleki; Isiphelo sakhe sikukutshabalala.
2421Wawabona amaKeni, wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Liqinile ikhaya lakho; Indlu yakho imiswe eweni.
2422Kuba uKayin angatshayelwa yini na, Ade uAsiriya akuthimbe?
2423Wasusela ngomzekeliso wakhe, wathi, Yeha! Azi ngubani na oya kubudla ubomi, akukumisa oko uThixo?
2424Iinqanawa zivela elunxwemeni lwamaKiti. Ziyamcinezela uAsiriya, ziyamcinezela uEbhere, Naye woda atshabalale.
2425Wesuka ke uBhileham wahamba, wabuyela endaweni yakhe; naye uBhalaki wahamba ngendlela yakhe.
251AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi.
252Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo.
253AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahali-pehore. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.
254Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.
255Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.
256Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.
257Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe.
258Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlanza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli.
259Abafayo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamane.
2510Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2511UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.
2512Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,
2513ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.
2514Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.
2515Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.
2516Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2517Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele;
2518ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.
261Kwathi emva kwesibetho eso, wathetha uYehova kuMoses nakuElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wathi,
262Balani inani lebandla lonke loonyana bakaSirayeli, nithabathele kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, ngokwezindlu zooyise, bonke abaphuma umkhosi kwaSirayeli.
263UMoses noElazare umbingeleli bathetha nabo ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, besithi,
264Thabathelani kominyaka imashumi mabini ezelwe, ninyuse, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
265Oonyana bakaSirayeli abaphumayo ezweni lamaYiputa babengaba: kwaRubhen amazibulo kaSirayeli: oonyana bakaRubhen: nguHanoki ozala amaHanoki; nguPalu ozala amaPalu;
266nguHetseron ozala amaHetseron; nguKarmi ozala amaKarmi.
267Yiyo leyo imizalwane yamaRubhen; ababalwayo kuyo babengamashumi amane anamathathu amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.
268Oonyana bakaPalu nguEliyabhi.
269Oonyana bakaEliyabhi nguNemuweli noDatan noAbhiram. Nguloo Datan noAbhiram babizwayo libandla, baphikisana noMoses noAron ebandleni likaKora, ekuphikisaneni kwabo noYehova;
2610waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wabaginya noKora ekufenikwelo bandla, ekudleni komlilo amadoda angamakhulu omabini, anamanci mahlanu, aba ngumqondiso.
2611Ke oonyana bakaKora abafanga.
2612Oonyana bakaSimon ngokwemizalwane yabo: nguNemuweli ozala amaNemuweli; nguYamin ozala amaYamin; nguYakin ozala amaYakin;
2613nguZera ozala amaZera; nguSawule ozala amaSawule.
2614Yiyo leyo imizalwane yamaSimon: amashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu mabini.
2615Oonyana bakaGadi ngokwemizalwane yabo: nguTsefon ozala amaTsefon; nguHagi ozala amaHagi; nguShuni ozala amaShuni;
2616nguOzeni ozala amaOzeni; nguEri ozala amaEri;
2617nguArodi ozala ama-Arodi; nguAreli ozala ama-Areli.
2618Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaGadi, ngokwababalwayo kubo: amashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu.
2619Oonyana bakaYuda nguEre no-Onan; bafa ooEre no-Onan ezweni lakwaKanan.
2620Oonyana bakaYuda ngokwemizalwane yabo babengaba: nguShela ozala amaShela; nguPeretse ozala amaPeretse; nguZera ozala amaZera.
2621Oonyana bakaPeretse babengaba: nguHetseron ozala amaHetseron; nguHamuli ozala amaHamuli.
2622Yiyo leyo imizalwane yakwaYuda, ngokwababalwayo kubo: amashumi asixhenxe anamathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
2623Oonyana bakaIsakare ngokwemizalwane yabo; nguTola ozala amaTola; nguPuwa ozala amaPuwa;
2624nguYashubhi ozala amaYashubhi; nguShimron ozala amaShimron.
2625Yiyo leyo imizalwane yakwaIsakare, ngokwababalwayo kubo: anashumi amathandathu anamane amawaka, anamakhulu mathathu.
2626Oonyana bakaZebhulon ngokwemizalwane yabo; nguSerede ozala amaSerede; nguElon ozala amaElon; nguYaleli ozala amaYaleli.
2627Yiyo leyo imizalwane yamaZebhulon, ngokwababalwayo kubo: amashumi amathandathu amawaka, anamakhulu mahlanu.
2628Oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo nguManase noEfrayim.
2629Oonyana bakaManase: nguMakire ozala amaMakire; uMakire wazala uGiliyadi; nguGiliyadi ozala amaGiliyadi.
2630Ngabo aba oonyana bakaGiliyadi: nguIyezere ozala amaIyezere; nguHeleki ozala amaHeleki;
2631nguAseriyeli ozala ama-Aseriyeli; nguShekem ozala amaShekem; nguShemida ozala amaShemida;
2632nguHefere ozala amaHefere.
2633Ke uTselofehadi, unyana kaHefere, ebengenanyana; waye eneentombi zodwa. Amagama eentombi zikaTselofehadi nguMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.
2634Yiyo leyo imizalwane yakwaManase, ngokwababalwayo kubo: amashumi amahlanu anamabini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
2635Ngabo aba oonyana bakaEfrayim ngokwemizalwane yabo: nguShutela ozala amaShutela; nguBhekere ozala amaBhekere; nguTahan ozala amaTahan.
2636Ngabo aba oonyana bakaShutela: nguEran ozala amaEran.
2637Yiyo leyo imizalwane yoonyana bakaEfrayim, ngokwababalwayo kubo; amashumi omathathu anamabini amawaka, anamakhulu mahlanu. Ngabo abo oonyana bakaYosefu ngokwemizalwane yabo.
2638Oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; nguBhela ozala amaBhela; nguAshebhele ozala ama-Ashebhele; nguAhiram ozala ama-Ahiram;
2639nguShefufam ozala amaShefufam; nguHufam ozala amaHufam.
2640Oonyana bakaBhela nguArdi noNahaman; nguArdi ozala ama-Ardi; nguNahaman ozala amaNahaman.
2641Ngabo abo oonyana bakaBhenjamin ngokwemizalwane yabo; ababalwayo kubo ngamashumi amane anamahlanu amawaka, anamakhulu mathandathu.
2642Ngabo aba oonyana bakaDan ngokwemizalwane yabo; nguShuham ozala amaShuham. Yiyo leyo imizalwane yakwaDan ngokwemizalwane yabo.
2643Yonke imizalwane yamaShuham, ngokwababalwayo kubo, ngamashumi omathandathu anamane amawaka, anamakhulu mane.
2644Oonyana baka-Ashere ngokwemizalwane yabo: nguImna ozaa amaImna; nguIshwi ozala amaIshwi; nguBheriya ozala amaBheriya.
2645Koonyana bakaBheriya: nguHebhere ozala amaHebhere; nguMalekiyeli ozaa amaMalekiyeli.
2646Igama lentombi ka-Ashere nguSara.
2647Yiyo leyo imizalwane yoonyana baka-Ashere, ngokwababalwayo kubo: ngamashumi omahlanu anamathathu amawaka, anamakhulu mane.
2648Oonyana bakaNafetali ngokwemizalwane yabo: nguGatseli ozala amaGatseli; nguGuni ozala amaGuni;
2649nguYetsere ozala amaYetsere; nguShilem ozala amaShilem.
2650Yiyo leyo imizalwane yakwaNafetali ngokwemizalwane yabo; ababaliweyo kubo ngamashumi omane anamahlanu amawaka, anamakhulu mane.
2651Ngabo abo ababalwayo koonyana bakaSirayeli: ngamakhulu omathandathu amawaka anawaka-nye, anamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu.
2652Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2653Malabelwe ezo zizwe ilizwe, libe lilifa lazo ngenani lamagama.
2654Esininzi wolenza lininzi ilifa laso, esincinane wolenza lincinane ilifa laso; eso sinikwe ilifa ngokwababalwayo kuso.
2655Kodwa ilizwe malabiwe ngeqashiso, balidle ilifa ngokwamagama ezizwe zooyise;
2656labiwe ilifa lazo ngokweqashiso, phakathi kwesininzi nesincinane.
2657Ngabo aba ababalwayo kubaLevi ngokwemizalwane yabo; nguGershon ozala amaGershon; nguKehati ozala amaKehati; nguMerari ozala amaMerari.
2658Yiyo le imizalwane yabaLevi: ngumzalwane wamaLibheni, ngumzalwane wamaHebron, ngumzalwane wamaMaheli, ngumzalwane wamaMushi, ngumzalwane wamaKora. UKehati wazala uAmram.
2659Igama lomka-Amram nguYokebhede, intombi kaLevi, eyazalelwa uLevi eYiputa; yamzalela uAmram ooAron noMoses, noMiriyam udade wabo.
2660UAron wazalelwa uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
2661Bafa ooNadabhi noAbhihu ekusondezeni kwabo umlilo ongesesikweni phambi koYehova.
2662Ababalwayo kubo baba ngamashumi omabini anamathathu amawaka, yonke into eyindoda, bethabathela kumntwana onyanga-nye benyusa; kuba bebengabalwanga phakathi koonyana bakaSirayeli; ngokuba bebengenalifa phakathi koonyana bakaSirayeli.
2663Ngabo abo babalwayo nguMoses noElazare umbingeleli, ababebabala oonyana bakaSirayeli ezinkqantosini zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko.
2664Ke kwabo kube kungasekho mntu wababebalwe ngooMoses noAron umbingeleli, abababalayo oonyana bakaSirayeli entlango yeSinayi.
2665Ngokuba uYehova ebethe kubo, Mabafele bona entlango kanye. Akwasala namnye ke kubo, ingenguKalebhi unyana kaYefune, noYoshuwa unyana kaNun.
271Zasondela iintombi zikaTselofehadi, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, zomzalwane kaManase, unyana kaYosefu. Ngawo ke la amagama eentombi zakhe ezo: uMala, noNoha, noHogela, noMilka, noTirtsa.
272Zema phambi koMoses naphambi koElazare umbingeleli, naphambi kwezikhulu zebandla lonke emnyango wentente yokuhlangana, zathi,
273Ubawo wafela entlango; yena wayengekho phakathi kwebandla labahlanganayo ngoYehova ebandleni likaKora; ngokuba wafa ngesakhe isono, engabanga nanyana.
274Yini na ke ukuba igama likabawo licinywe phakathi kwemizalwane yakhe, kuba engenanyana? Sinike ilifa phakathi kwabazalwana bakabawo.
275UMoses wasibeka isimangalo sazo phambi koYehova.
276Wathetha uYehova kuMoses wathi,
277Iintombi zikaTselofehadi zilungisile ukuthetha; wozinika ilifa phakathi kwabazalwana bakayise, ulihambisele kuzo ilifa likayise;
278uthethe koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa ithe yafa indoda, ingenanyana, nolihambisela ilifa layo kwintombi yayo.
279Ke ukuba ithe ayaba nantombi, nolinika abazalwana bayo ilifa layo.
2710Ukuba ithe ayaba nabazalwana, nolinika abazalwana bakayise ilifa layo.
2711Ukuba uyise uthe akaba nabazalwana, ilifa layo nolinika umzalwana wayo okufuphi kuyo emizalwaneni yayo, alidle ilifa. Woba ngummiselo ke wokugweba lowo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
2712Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uye kule ntaba yeAbharim, ulikhangele ilizwe endilinike oonyana bakaSirayeli, ulikhangele;
2713uhlanganiselwe kwabakowenu nawe, njengokuba wahlanganiselwayo kubo uAron, umkhuluwa wakho;
2714njengokuba nawuphikisayo umlomo wam entlango yeTsin, embambanweni yebandla, endaweni yokundingcwalisa emanzini emehlweni abo. Lawo ngamanzi embambano aseKadeshe, entlango yeTsin.
2715Wathetha uMoses kuYehova, esithi,
2716UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla;
2717eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe, ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.
2718Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe,
2719ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo;
2720uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limve lonke ibandla loonyana bakaSirayeli.
2721Maze eme phambi koElazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaSirayeli ndawonye naye, nebandla lonke.
2722Wenza ke uMoses njengoko uYehova wamwiselayo umthetho. Wamthabatha uYoshuwa, wammisa phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke;
2723wacinezela ngezandla zakhe phezu kwakhe, wamwisela umthetho, njengoko uYehova wathethayo ngoMoses.
281Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
282Bawisele umthetho oonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Umsondezo wam, isonka sam sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kum, nokugcina ukuwusondeza kum ngexesha lawo elimisiweyo.
283Uze uthi kubo, Kuko oku ukudla kwasemlilweni enokusondeza kuYehova: iimvana ezimbini ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zemini ngemini, zedini elinyukayo lamaxesha onke;
284enye imvana woyenza kusasa, eyesibini uyenze lakutshona ilanga;
285nesahlulo seshumi se-efa somgubo ocoliweyo woba ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli engqushiweyo, esisahlulo sesine sehin.
286Lidini elinyukayo lamaxesha onke, elamiselwa entabeni yeSinayi ukuba libe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
287nomnikelo walo othululwayo woba sisahlulo sesine sehin kwimvana yokuqala. Wowuthululela engcweleni umnikelo othululwayo, usisiselo esinamandla kuYehova.
288Eyesibini imvana woyenza lakutshona ilanga. Woyenza ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ukudla kwasemlilweni ivumba elithozamisayo ke elo kuYehova.
289Ke ngomhla wesabatha, nosondeza iimvana ezimbini ezimnyaka mnye, ezigqibeleleyo, nezahlulo zeshumi zibe zibini zomgubo ocoliweyo, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, nomnikelo walo othululwayo.
2810Lidini elinyukayo ke elo lesabatha ngesabatha, ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
2811Ekuthwaseni kweenyanga zenu nosondeza kuYehova idini elinyukayo, iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezigqibeleleyo ezimnyaka mnye zibe sixhenxe;
2812nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zithathu, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo inkunzi entsha enye yenkomo; nezahlulo zeshumi zomgubo ocoliweyo zibe zibini, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo inkunzi enye yemvu;
2813nesahlulo seshumi somgubo ocoliweyo ngasinye, ube ngumnikelo wokudla, ugalelwe ioli, kuyo imvana enye. Lidini elinyukayo, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni ke oko kuYehova;
2814neminikelo yazo ethululwayo yoba sisiqingatha sehin kuyo inkunzi entsha yenkomo, nesahlulo sesithathu sehin kuyo inkunzi yemvu, nesahlulo sesine sehin yewayini kwimvana. Lilo elo idini elinyukayo lenyanga ngenyanga ezinyangeni zomnyaka.
2815Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, ibe lidini lesono kuYehova; nolenza ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke nomnikelo walo othululwayo.
2816Ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, yipasika kuYehova.
2817Ngomhla weshumi elinesihlanu waloo nyanga ngumthendeleko. Iintsuku ezisixhenxe kodliwa izonka ezingenagwele.
2818Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
2819Nosondeza ukudla kwasemlilweni, idini elinyukayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye, zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni.
2820Nowenza umnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu.
2821Wosenza isahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe.
2822Nenkunzi yebhokhwe yoba nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela nina.
2823Nowenza wona ngaphandle kwedini elinyukayo lakusasa, elileledini elinyukayo lamaxesha onke.
2824Niya kwenjenjalo imihla yonke, ngaloo mihla isixhenxe, isonka sokudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova, nenze ndawonye nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo othululwayo.
2825Ngomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
2826Ngomhla wokushwama, ekuwusondezeni kwenu umnikelo wokudla okutsha kuYehova, emthendelekweni wenu weeveki, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
2827Nosondeza idini elinyukayo libe livumba elithozamisayo kuYehova: iinkunzi ezintsha zibe mbini, amathole eenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye;
2828neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe: nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye,
2829nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye, nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe.
2830Nenkunzi yebhokhwe exhonti yoba nye, yokunicamagushela.
2831Ezo nto nozenza ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla (zoba zezigqibeleleyo kuni), neminikelo yazo ethululwayo.
291Ngenyanga yesixhenxe, ngolokuqala enyangeni leyo, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Yoba ngumhla wokumema ngezigodlo kuni.
292Ize nenze idini elinyukayo, libe livumba elithozamisayo kuYehova; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo, nenkunzi yemvu ibe nye, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe sixhenxe;
293nomnikelo wazowokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezalululo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu,
294nesahlulo seshumi sibe sinye kuyo imvana enye, kuzo iimvana ezisixhenxe;
295nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono lokunicamagushela:
296ngaphandle kwedini elinyukayo lenyanga, nomnikelo walo wokudla, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walowokudla, neminikelo yawo ethululwayo, ngokwesiko lawo; libe livumba elithozamisayo, ukudla, kwasemlilweni ke oko kuYehova.
297Ngolweshumi lwaloo nyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni, niyithobe imiphefumlo yenu. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza;
298nosondeza idini elinyukayo kuYehova, ivumba elithozamisayo; ibe nye inkunzi entsha, ithole lenkomo; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye zibe sixhenxe; zoba zezigqibeleleyo kuni;
299nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo, nezahlulo zeshumi zibe zibini kuyo inkunzi yemvu inye,
2910nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye, kuzo iimvana ezisixhenxe;
2911nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibelidini lesono: ngaphandle kwedini lesono lokucamagusha, nedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwaneminikelo yawo ethululwayo.
2912Ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesixhenxe, kobakho intlanganiso engcwele kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza. Niya kwenza umthendeleko kuYehova iintsuku ezisixhenxe.
2913Nize nisondeze idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova: zibe lishumi elinantathu iinkunzi ezintsha, amathole eenkomo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye zibe lishumi elinane; zoba zezigqibeleleyo;
2914nomnikelo wazo wokudla womgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli, izahlulo zeshumi zibe zithathu kuyo inkunzi entsha yenkomo inye, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo ezilishumi elinantathu, nezahlulo zeshumi zibe zibini kwinkunzi yemvu inye, kuzo iinkunzi zezimvu ezimbini,
2915nesahlulo seshumi ngasinye kuyo imvana inye kuzo iimvana ezilishumi elinane;
2916nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2917Ngosuku lwesibini nosondeza zibe lishumi elinambini iinkunzi ezintsha, amathole eenkomo; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo, zibe lishumi elinane;
2918nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo ngokwesiko;
2919nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwaneminikelo yazo ethululwayo.
2920Ngosuku lwesithathu nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe lishumi elinanye; neenkunzi zezimvu zibembini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinane;
2921nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
2922nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2923Ngosuku lwesine nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe lishumi, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinane;
2924nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
2925nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe nye; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2926Ngosuku lwesihlanu nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sithoba, neenkunzi zezimvu zibe mbini, neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinane;
2927nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
2928nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2929Ngosuku lwesithandathu nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sibhozo: neenkunzi zezimvu zibembini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinane;
2930nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
2931nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono; ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2932Ngosuku lwesixhenxe nosondeza iinkunzi ezintsha zeenkomo zibesixhenxe; neenkunzi zezimvu zibe mbini; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe lishumi elinane;
2933nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuzo iinkunzi ezintsha zeenkomo, nakuzo iinkunzi zezimvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko lazo;
2934nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2935Ngosuku lwesibhozo yoba yingqungquthela kuni. Ize ningenzi msebenzi wakukhonza.
2936Nosondeza idini elinyukayo, ukudla kwasemlilweni, ivumba elithozamisayo kuYehova; inkunzi entsha yenkomo ibe nye; nenkunzi yemvu ibe nye; neemvana ezimnyaka mnye ezigqibeleleyo zibe sixhenxe;
2937nomnikelo wazo wokudla, neminikelo yazo ethululwayo, kuyo inkunzi entsha yenkomo, nakuyo inkunzi yemvu, nakuzo iimvana, ngangenani lazo, ngokwesiko;
2938nenkunzi yebhokhwe ibe nye, ibe lidini lesono: ngaphandle kwedini elinyukayo lamaxesha onke, nomnikelo walo wokudla, kwanomnikelo walo othululwayo.
2939Loo madini nowenza kuYehova ngamaxesha enu amisiweyo, ngaphandle kwezibhambathiso zenu, nemibingelelo yenu yokuqhutywa yintliziyo, emadinini enu anyukayo, naseminikelweni yenu yokudla, naseminikelweni yenu ethululwayo, nasemibingelelweni yenu yoxolo.
2940UMoses wabaxelela oonyana bakaSirayeli ngokwezinto zonke, uYehova abemwisele umthetho ngazo uMoses.
301Wathetha uMoses kwiintloko zezizwe zoonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo eli ilizwi awise umthetho ngalo uYehova:
302Xa athe umntu wabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ufunge isifungo sokuwubopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza, makangalihlambeli ilizwi lakhe; makenze ngokwento yonke ephume emlonyeni wakhe.
303Xa ithe inkazana yabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ithe yazibopha ngokuzikhanyeza, isendlwini kayise, isebuncinaneni bayo;
304wasiva uyise isibhambathiso sayo nokuzikhanyeza kwayo, ebophe ngako umphefumlo wayo, wathi cwaka uyise kuyo: mazime zonke izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo konke, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.
305Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise.
306Ke ukuba ithe yenda inesibhambathiso, nokuba inokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayongako,
307yeva indoda, yathi cwaka kuyo ngomhla wokuva kwayo, mazime izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.
308Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela.
309Isibhambathiso somhlolokazi nesowaliweyo, yonke into abophe umphefumlo wakhe ngayo, mayime phezu kwakhe.
3010Ukuba umfazi uthe wenza isibhambathiso esendlwini yendoda yakhe, nokuba uthe wabopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza ngesifungo,
3011yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe.
3012Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphule, uYehova womxolela.
3013Zonke izibhambathiso, nezifungo zonke zokuzikhanyeza, zokuthoba umphefumlo, indoda yakhe ingazimisa, indoda yakhe ingazaphula.
3014Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo.
3015Ukuba ithe yakwaphula mpela emva kokuva kwayo, yobuthwala ubugwenxa bakhe.
3016Yiyo leyo imimiselo, uYehova awamwisela umthetho ngayo uMoses, phakathi kwendoda nomkayo, phakathi koyise nentombi yakhe, isebuncinaneni bayo, isendlwini kayise.
311Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
312Baphindezele kumaMidiyan oonyana bakaSirayeli, ngento awayenza kubo; emveni koko wohlanganiselwa ebantwini bakowenu.
313Wathetha ke uMoses ebantwini, esithi, Makuxhobe amadoda kuni, aphume umkhosi aye kumaMidiyan, enze impindezelo kaYehova kumaMidiyan;
314iwaka esizweni, iwaka esizweni, ezizweni zonke zakwaSirayeli, nowathuma aphume umkhosi.
315Kwakhutshwa ke emawakeni akwaSirayeli iwaka esizweni, iwaka esizweni, alishumi elinamabini amawaka, exhobele ukuphuma umkhosi.
316Wawathuma uMoses, yaliwaka esizweni, ukuba aphume umkhosi; wona enoPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, aphume umkhosi eneempahla ezingcwele, namaxilongo okuhlaba umkhosi esandleni sakhe.
317Aphuma ke umkhosi, aya kumaMidiyan, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, ayibulala yonke into eyindoda.
318Ababulala ookumkani bamaMidiyan ndawonye nababuleweyo babo, uEvi, noRekem, noTsure, noHure, noRebha, ookumkani abahlanu bamaMidiyan; noBhileham, unyana kaBhehore, ambulala ngekrele.
319Oonyana bakaSirayeli babathimba abafazi bakwaMidiyan, neentsapho zabo; namaqegu abo onke, nemfuyo yabo yonke, nobutyebi babo bonke babuphanga.
3110Bayitshisa ngomlilo imizi yabo yonke ezindaweni zokuhlala kwabo, neengqili zabo zonke;
3111bawathabatha onke amaxhoba nezinto zonke eziphangiweyo, awabantu naweenkomo.
3112Babazisa abathinjiweyo, namaxhoba, nempahla ephangiweyo, kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwibandla loonyana bakaSirayeli eminqubeni, ezinkqantoshini zakwaMowabhi, ezingaseYordan malunga neYeriko.
3113Baphuma ooMoses noElazare umbingeleli nezikhulu zonke zebandla, baya kubakhawulela ngaphandle kweminquba.
3114UMoses wanoburhalarhume kubo abaveleli bomkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu, ababevela emkhosini waloo mfazwe.
3115Wathi uMoses kubo, Niwasindisile na onke amankazana?
3116Yabonani, ngawo la athi ngelizwi likaBhileham amenezisa oonyana bakaSirayeli kuYehova ngenxa kaPehore, kwabakho isibetho ebandleni likaYehova.
3117Yibulaleni ngoko yonke into eyindoda ezintsatsheni; namankazana onke ayazileyo indoda ngokulala nayo wabulaleni.
3118Ke zonke iintsapho emankazaneni ezingalalanga nandoda, zisindiseni.
3119Ke nina misani iintente ngaphandle kweminquba iintsuku ezisixhenxe. Bonke ababulele umntu, bonke abachukumise obuleweyo, nozihlambulula isono ngomhla wesithathu nangomhla wesixhenxe, nina nabo nibathimbileyo.
3120Neengubo zonke, neempahla zonke zezikhumba, neento zonke ezenziwe ngoboya bebhokhwe, neempahla zonke zomthi, nozihlambulula.
3121Wathi uElazare umbingeleli kumadoda omkhosi abeye kuloo mfazwe, Nguwo lowo ummiselo womyalelo uYehova ammiseleyo uMoses.
3122Kodwa igolide, nesilivere, nobhedu, nesinyithi, netin, nelothe,
3123yonke into enokumelana nomlilo, noyicandisa emlilweni, ihlambuluke, kodwa ke ihlanjululwe ngamanzi okuhlamba ukungcola. Ke yonke into engenako ukumelana nomlilo, noyicandisa emanzini.
3124Ize nihlambe iingubo zenu ngomhla wesixhenxe; nohlambuluka ke, ningene emveni koko eminqubeni.
3125Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
3126Bala inani lamaxhoba athinjiweyo, awabantu naweenkomo, wenanoElazare umbingeleli, neentloko zezindlu zooyise zebandla.
3127Uze uwahlule kubini amaxhoba, phakathi kwabayilwileyo imfazwe baphuma umkhosi, nebandla lonke:
3128urhumele uYehova inani kumadoda okulwa aphume umkhosi, umphefumlo ube mnye emakhulwini amahlanu, kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane.
3129Nothabatha esiqingatheni sabo, unike uElazare umbingeleli, ibe ngumrhumo kaYehova.
3130Esiqingatheni soonyana bakaSirayeli wothabatha ibe nye, ekhethiweyo emashumini amahlanu kubo abantu, nakuzo iinkomo, nakuwo amaesile, nakuyo impahla emfutshane, nakuwo amaqegu onke, unike abaLevi abagcina isigxina somnquba kaYehova.
3131Wenza ke uMoses noElazare umbingeleli njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
3132Ke amaxhoba, amasalela ezinto eziphangiweyo, ababeziphangile abantu bomkhosi, aba ngamakhulu omathandathu amawaka, anamanci asixhenxe amawaka, anesihlanu samawaka empahla emfutshane;
3133ngamashumi osixhenxe amawaka, anesibini samawaka eenkomo;
3134ngamashumi omathandathu amawaka, anawaka-nye amaesile;
3135neziqu zabantu emankazaneni angalalanga nandoda, zonke iziqu ngamashumi omathathu anesibini samawaka.
3136Isiqingatha, isabelo sabaphuma umkhosi ngokwenani, saba yimpahla emfutshane engamakhulu omathathu amawaka, anamanci mathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu;
3137inani likaYehova empahleni emfutshane, ngamakhulu omathandathu, anamanci asixhenxe anantlanu.
3138Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka; kuzo, inani likaYehova ngamashumi osixhenxe anambini.
3139Amaesile, ngamashumi omathandathu amawaka, anamakhulu omahlanu; kuwo, inani likaYehova ngamashumi omathandathu ananye.
3140Iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka; kuzo, inani likaYehova, iziqu zabantu, ngamashumi omathathu anazibini.
3141UMoses inani elo walinika uElazare umbingeleli, ukuba libe ngumrhumo kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
3142Isiqingatha soonyana bakaSirayeli, awasahlulayo uMoses kweyamadoda abephume umkhosi,
3143isiqingatha esisesebandla, empahleni emfutshane, saba ngamakhulu omathathu amawaka, anamancimathathu amawaka, anesixhenxe samawaka, anamakhulu mahlanu.
3144Iinkomo, ngamashumi omathathu amawaka, anesithandathu samawaka;
3145amaesile, ngamashumi omathathu amawaka, anamakhulu mahlanu;
3146iziqu zabantu, lishumi elinesithandathu lamawaka.
3147Wacaphula uMoses esiqingatheni soonyana bakaSirayeli into ekhethiweyo, yanye emashumini omahlanu ebantwini, nasezinkomeni, wazinika abaLevi, abagcina isigxina somnquba kaYehova, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
3148Basondela kuMoses abaveleli ababengabamawaka omkhosi, abathetheli-waka nabathetheli-khulu,
3149bathi kuMoses, Abakhonzi bakho balibalile inani lamadoda okulwa, abesezandleni zethu; akukho nanye indoda engekhoyo kuthi.
3150Sisondeze umsondezo kaYehova, elowo ngokufumana kwakhe, impahla yegolide imixhaka, nezacholo, nemisesane yokutywina, namajikazi, nezidanga, ukuba siyicamagushele imiphefumlo yethu phambi koYehova.
3151Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubo, yonke impahla esetyenziweyo.
3152Yonke igolide yomrhumo ababeyirhumele uYehova yaba ziishekele ezilishumi elinesithandathu lamawaka, anamakhulu osixhenxe, anamanci mahlanu, evela kubathetheli-waka, evela kubathetheli-khulu.
3153Wona amadoda abephume umkhosi abezithimbele.
3154Wayithabatha uMoses noElazare umbingeleli igolide kubathetheli-waka nakubathetheli-khulu, bayingenisa ententeni yokuhlangana. Yaba sisikhumbuzo soonyana bakaSirayeli phambi koYehova.
321Oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi baye benemfuyo eninzi, inkulu kunene. Balibona ilizwe laseYazere nelizwe laseGiliyadi, nantso loo ndawo iyindawo yemfuyo.
322Beza oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathetha kuMoses nakuElazare umbingeleli, nakwizikhulu zebandla, bathi,
323IAtaroti, neDibhon, neYazare, neNimra, neHeshbhon, ne-Elale, neSebham, neNebho, neBhehon,
324ilizwe awalibethayo uYehova phambi kwebandla lakwaSirayeli, lilizwe lemfuyo; ke abakhonzi bakho banemfuyo.
325Bathi, Ukuba usibabale, abakhonzi bakho mabanikwe elo zwe, ukuba libe lelabo; ungasiwezi iYordan.
326Wathi uMoses koonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, Baye emfazweni abazalwana benu, nihlale apha na nina?
327Yini na ukuba nizityhafise iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangaweleli ezweni abanika lona uYehova?
328Benjenjalo ooyihlo ekubasuseni kwam eKadeshe-bharneha, ukuba balikhangele ilizwe.
329Benyuka bada baya esihlanjeni sakwaEshkoli, balibona ilizwe, bazityhafisa iintliziyo zoonyana bakaSirayeli, ukuba bangayi ezweni abanikayo uYehova.
3210Wavutha umsindo kaYehova ngaloo mhla, wafunga, wathi,
3211Ndobona ukuba okha awubone amadoda anyukayo eYiputa, athabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe enyusa, umhlaba endawufungela uAbraham noIsake noYakobi, kuba engakuzalisanga ukundilandela;
3212ingenguKalebhi unyana kaYefune, umKenazi, noYoshuwa, unyana kaNun; ngokuba bekuzalisile ukumlandela uYehova bona.
3213Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawabhadulisa entlango iminyaka emashumi mane, sada sagqitywa sonke isizukulwana, esaye senze ububi emehlweni kaYehova.
3214Nanku nisuke nema esikhundleni sooyihlo, nikukwanda kwamadoda awonayo, ukongeza ngakumbi ekuvutheni komsindo kaYehova kwaSirayeli.
3215Xa nithe nabuya ekumlandeleni, wophinda kanjalo abasalise entlango nibonakalise ke aba bantu bonke.
3216Basondela kuye bathi, Izibaya zempahla emfutshane siya kuzibiyela imfuyo yethu apha, imizi siyakhele usapho lwethu.
3217Ke thina siya kukhawuleza sixhobe, sihambe phambi koonyana bakaSirayeli, side sibaseendaweni yabo; usapho lwethu luhlale emizini enqatyisiweyo, ngenxa yabemi balo ilizwe.
3218Asiyi kubuyela ezindlwini zethu, bade oonyana bakaSirayeli balizuze ilifa, elowo ilifa lakhe.
3219Kuba asiyi kudla lifa nabo phesheya kweYordan nangaphaya, xa ilifa lethu silizuze nganeno kweYordan ngasempumalanga.
3220Wathi uMoses kubo, Ukuba nithe nalenza elo lizwi, ukuba nithe naxhobela imfazwe phambi koYehova,
3221bayiwela iYordan bonke abaxhobileyo kuni, behamba phambi koYehova, bada bazigqogqa iintshaba zabo phambi kwabo,
3222leyiswa ilizwe phambi koYehova, nabuya emveni koko: noba msulwa ke kuYehova nakuSirayeli, eli lizwe libe lelenu phambi koYehova.
3223Ke ukuba anithanga nenjenjalo, yabonani, noba nonile kuYehova, nazi ukuba isono senu siya kunifumana.
3224Zakheleni imizi iintsapho zenu, nezibaya zempahla yenu emfutshane, niyenze le nto iphumileyo emlonyeni wenu.
3225Bathetha oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Abakhonzi bakho baya kwenza njengoko inkosi yethu iwise umthetho.
3226Abantwana bethu, nabafazi bethu, nemfuyo yethu, namaqegu ethu onke, oba khona emizini yaseGiliyadi.
3227Ke abakhonzi bakho baya kuwela, bonke abomkhosi bexhobele imfazwe phambi koYehova, njengoko inkosi yethu itshoyo.
3228UMoses wamwisela umthetho ngabo uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun, neentloko zezindlu zooyise zezizwe zoonyana bakaSirayeli.
3229Wathi uMoses kubo, Ukuba oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen bathe bawela nani eYordan, bonke bexhobele imfazwe phambi koYehova, laza leyiswa ilizwe phambi kwenu, nobanika ilizwe laseGiliyadi, ukuba libe lelabo.
3230Ke ukuba abathanga bawele bexhobile nani, boba nelifa phakathi kwenu ezweni lakwaKanan.
3231Baphendula oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen, bathi, Oko akuthethileyo uYehova kubakhonzi bakho, baya kukwenza.
3232Thina siya kuwela sixhobile phambi koYehova, siye ezweni lakwaKanan, ukuze ibe yeyethu inzuzo yelifa lethu nganeno kweYordan.
3233UMoses wabanika oonyana bakaGadi noonyana bakaRubhen nesiqingatha sesizwe sakwaManase, unyana kaYosefu, ubukumkani bukaSihon ukumkani wama-Amori, nobukumkani bukaOgi ukumkani waseBhashan, ilizwe elo ngokwemizi yalo nemida yalo, imizi yelizwe elo ngeenxa zonke.
3234Bayakha oonyana bakaGadi iDibhon, neAtaroti, neArohere,
3235neAtaroti-shofan, neYazere, neYogebheha,
3236neBhete-nimra, neBhete-haran, imizi enqatyisiweyo, nezibaya zempahla emfutshane.
3237Oonyana bakaRubhen bayakha iHeshbhon, ne-Elale, neKiriyatayim,
3238neNebho, neBhahali-mehon (iguqulwe amagama ayo), neSibhema; bayibiza ngamagama wambi imizi abayakhayo.
3239Baya oonyana bakaMakire, unyana kaManase, eGiliyadi; bayithimba, bawagqogqa ama-Amori abekuyo.
3240UMoses wamnika elaseGiliyadi uMakire, unyana kaManase, wahlala kulo.
3241UYahire unyana kaManase waya wazithimba iilali zakhona, wathi yiHavoti-yahire.
3242UNobha wayawayithimba iKenati namagxamesi ayo, wathi igama layo yiNobha.
331Zizo ezi iimfuduka zoonyana bakaSirayeli, abaphumayo ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo, ngesandla sikaMoses noAron.
332UMoses wakubhala ukuphuma kwabo ngokweemfuduka zabo, ngokomlomo kaYehova. Zizo ke ezi iimfuduka zabo ngokuphuma kwabo:
333Banduluka eRameses ngenyanga yokuqala, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yokuqala; ngengomso emva kwepasika, baphuma oonyana bakaSirayeli ngesandla esiphakamileyo, emehlweni amaYiputa onke.
334AmaYiputa ayengcwaba abo wababethayo uYehova kuwo, bonke abamazibulo; nasezithixweni zabo uYehova wenza izigwebo.
335Banduluka oonyana bakaSirayeli eRameses, bamisa iintente eSukoti.
336Banduluka eSukoti, bamisa e-Etam, esesiphelweni sentlango.
337Banduluka e-Etam, babuyela ngasePihahiroti, ephambi kweBhahali-tsefon, bamisa phambi kweMigidoli.
338Banduluka phambi kweHahiroti, baluwela ulwandle, baya entlango; bahamba uhambo lweemini ezintathu entlango ye-Etam, bamisa eMara.
339Banduluka eMara, bafika e-Elim; kwakukho e-Elim apho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi asixhenxe, bamisa khona.
3310Banduluka e-Elim, bamisa ngaseLwandle oluBomvu.
3311Banduluka eLwandle oluBomvu, bamisa entlango yeSin.
3312Banduluka entlango yeSin, bamisa eDofeka.
3313Banduluka eDofeka, bamisa eAlushe.
3314Banduluka eAlushe, bamisa eRefidim, apho kwakungekho manzi okuba abantu basele.
3315Banduluka eRefidim, bamisa entlango yeSinayi.
3316Banduluka entlango yeSinayi, bamisa eKibroti-hatahava.
3317Banduluka eKibroti-hatahava, bamisa eHatseroti.
3318Banduluka eHatseroti, bamisa eRitema.
3319Banduluka eRitema, bamisa eRimon-peretse.
3320Banduluka eRimon-peretse, bamisa eLibhena.
3321Banduluka eLibhena, bamisa eRisa.
3322Banduluka eRisa, bamisa eKehelata.
3323Banduluka eKehelata, bamisa entabeni yeShefere.
3324Banduluka entabeni yeShefere, bamisa eHarada.
3325Banduluka eHarada, bamisa eMakeloti.
3326Banduluka eMakeloti, bamisa eTahati.
3327Banduluka eTahati, bamisa eTara.
3328Banduluka eTara, bamisa eMiteka.
3329Banduluka eMiteka, bamisa eHashemona.
3330Banduluka eHashemona, bamisa eMoseroti.
3331Banduluka eMoseroti, bamisa eBhene-yahakan.
3332Banduluka eBhene-yahakan, bamisa emqolombeni waseGidegadi.
3333Banduluka emqolombeni waseGidegadi, bamisa eYotebhata.
3334Banduluka eYotebhata, bamisa eAbrona.
3335Banduluka eAbrona, bamisa e-Etsiyon-gebhere.
3336Banduluka e-Etsiyon-gebhere, bamisa entlango yeTsin eyiKadeshe.
3337Banduluka eKadeshe, bamisa entabeni yeHore, esiphelweni selizwe lwakwaEdom.
3338Wenyuka uAron, umbingeleli, waya entabeni yeHore ngokomlomo kaYehova, wafela khona ngomnyaka wamashumi amane wokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngenyanga yesihlanu, ngolokuqala enyangeni leyo.
3339UAron wayeminyaka ilikhulu linamanci mabini anamithathu ezelwe, ekufeni kwakhe entabeni yeHore.
3340Weva umKanan, ukumkani waseAradi, owayehleli kwelisezantsi ezweni lakwaKanan ukuba bafikile oonyana bakaSirayeli.
3341Banduluka entabeni yeHore, bamisa eTsalimona.
3342Banduluka eTsalimona, bamisa ePunon.
3343Banduluka ePunon, bamisa eObhoti.
3344Banduluka eObhoti, bamisa eIye-abharim, emdeni wakwaMowabhi.
3345Banduluka eIyim, bamisa eDibhon yakwaGadi.
3346Banduluka eDibhon yakwaGadi, bamisa eAlimon-dihlatayim.
3347Banduluka eAlimon-dihlatayim, bamisa ezintabeni zeAbharim phambi kweNebho.
3348Banduluka ezintabeni zeAbharim, bamisa ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko,
3349Bamisa ngaseYordan, bethabathela kwiBhete-yeshimoti, besa kwiAbhele-shitim ezinkqantosini zakwaMowabhi.
3350Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko, esithi,
3351Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nangena ezweni lakwaKanan,
3352nobagqogqa bonke abemi belo zwe phambi kwenu, niwachithe onke amatye angumfanekiso, nemifanekiso yabo yonke etyhidiweyo niyichithe, nazo zonke iziganga zabo nizitshabalalise;
3353nilihluthe ilizwe, nihlale kulo; kuba ndininikile ilizwe eli, ukuba nime kulo.
3354Nize nilabe ilizwe ngamaqashiso ngokwemizalwane yenu. Omninzi nolenza lininzi ilifa lawo, omncinane nilenze lincinane ilifa lawo; ingulowo ube sendaweni elothiliwe kuyo iqashiso lawo. Nolidla ilifa ngokwezizwe zooyihlo.
3355Ukuba anithanga nibagqogqe abemi belizwe phambi kwenu, kothi abo nibasalisileyo babengameva emehlweni enu, neemviko emacaleni enu, banibandezele ezweni enihleli kulo.
3356Kothi, njengoko ndagqibayo ukwenza kubo, ndenze ngako nakuni.
341Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
342Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, uthi kubo, Xa nithe nangena ezweni lakwaKanan (lilo eli ilizwe eliya kuwela kuni libe lilifa, ilizwe lakwaKanan ngokwemida yalo),
343icala lenu lasezantsi lothabathela entlango yeTsin, ngasemacaleni akwaEdom; nomda wenu wasezantsi wothabathela esiphelweni soLwandle lweTyuwa ngasempumalanga;
344umda wenu ujikele ezantsi, uye ekunyukeni kweAkrabhim, udlule uye eTsin, nokuphuma kwawo usinge ezantsi eKadeshe-bharneha; uphume uye eHatsare-adare, udlule uye eAtsemon;
345umda ujikele eAtsemon, uye emlanjaneni waseYiputa; ukuphuma kwawo usinge elwandle.
346Umda wenu wasentshonalanga woba lulwandle olukhulu, nommandla walo; lowo woba ngumda wenu wasentshonalanga.
347Woba ngulo umda wenu wangasentla: nothabathela elwandle olukhulu, nizisikele intaba yeHore;
348nithabathele entabeni yeHore, nisike niye eHamati; ukuphuma komda, uye eTsedada;
349uphume umda uyeeZifron; ukuphuma kwawo ume eHatsare-enan. Ngumda wenu wangasentla ke lowo.
3410Nozisikela umda wasempumalanga, nithabathele eHatsare-enan, nise eShefam;
3411uhle umda eShefam, uyeeRibhela, ngasempumalanga eAyin; uhle umda uthane nqiphu negxalaba loLwandle lwaseKinerete ngasempumalanga;
3412umda uhle iYordan; ukuphuma kwawo kume ngoLwandle lweTyuwa. Loba lilizwe lenu elo, ngokwemida yalo ngeenxa zonke.
3413UMoses wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo elo ilizwe enolabelwa ngeqashiso, awise umthetho ngalo uYehova wokuba linikwe izizwe ezisithoba ezinesiqingatha sesizwe.
3414Ngokuba isizwe soonyana bakaRubhen ngokwezindlu zooyise, nesizwe soonyana bakaGadi ngokwezindlu zooyise, nesiqingatha sesizwe sikaManase, sisesilizuzile ilifa laso.
3415Izizwe ezibini nesiqingatha sesizwe zilizuzile ilifa lazo nganeno kweYordan, malunga neYeriko ngasempumalanga phambili.
3416Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
3417Ngawo la amagama amadoda aya kunabela ilizwe ukuba libe lilifa: uElazare umbingeleli, noYoshuwa unyana kaNun.
3418Nothabatha isikhulu sibe sinye, isikhulu sibe sinye esizweni, nilabe ilizwe ukuba libe lilifa.
3419Ngawo la amagama aloo madoda: esizweni sakwaYuda, nguKalebhi unyana kaYefune;
3420esizweni soonyana bakaSimon, nguShemuweli unyana ka-Amihude;
3421esizweni sakwaBhenjamin, nguElidade unyana kaKiselon;
3422esizweni soonyana bakaDan, sisikhulu esinguBhuki unyana kaYogeli;
3423koonyana bakaYosefu, esizweni soonyana bakaManase, sisikhulu esinguHaniyeli, unyana kaEfodi;
3424esizweni soonyana bakaEfrayim, sisikhulu esinguKemuweli, unyana kaShifitan;
3425esizweni soonyana bakaZebhulon, sisikhulu esinguElitsafan, unyana kaParnaki;
3426esizweni soonyana bakaIsakare, sisikhulu esinguPalatiyeli, unyana ka-Azan;
3427esizweni soonyana baka-Ashere, sisikhulu esinguAhihudi, unyana kaShelomi;
3428esizweni soonyana bakaNafetali, sisikhulu esinguPedayeli, unyana ka-Amihude.
3429Ngabo abo, awabawiselayo umthetho uYehova wokuba bababele ilifa oonyana bakaSirayeli ezweni lakwaKanan.
351Wathetha uYehova kuMoses ezinkqantsoni zakwaMowabhi ngaseYordan, malunga neYeriko, esithi,
352Bawisele oonyana bakaSirayeli umthetho, ukuba babanike abaLevi elifeni lenzuzo yabo imizi yokubabahlale kuyo, nibanike abaLevi namadlelo ngasemizini yabo ngeenxa zonke.
353Imizi yabo yoba yeyokuhlala, amadlelo ayo abe ngaweenkomo zabo, nempahla yabo, nento yabo yonke ephilileyo.
354Amadlelo emizi enobanika abaLevi othabathela eludongeni lomzi ase ngaphandle, abe ziikubhite eziliwaka ngeenxa zonke;
355nilinganise nithabathela ngaphandle komzi, icala lasempumalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasezantsi libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala lasentshonalanga libe ziikubhite ezingamawaka amabini, icala langasentla libe ziikubhite ezingamawaka amabini, umzi ubesesazulwini. Lawo oba ngamadlelo emizi yabo.
356Imizi eniya kuyinika abaLevi yoba nemizi emithandathu yokusabela, enobanika ukuba abalekele kuyo umbulali, kuleyo nongeze imizi engamashumi amane anambini.
357Yonke imizi enobanika yona abaLevi yoba yimizi engamashumi amane anesibhozo, anamadlelo ayo.
358Imizi enobanika enzuzweni yoonyana bakaSirayeli noyenza mininzi kwesininzi, niyenze mincinane kwesincinane; eso isizwe, ngokomlinganiso welifa laso esiya kulidla, sobanika abaLevi emizini yaso.
359Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
3510Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa nithe nayiwela iYordan, nafika ezweni lakwaKanan,
3511nozihlelela imizi ibe yimizi yenu yokusabela, abalekele kuyo umbulali obulele umntu ngengozi.
3512Yoba yimizi yenu yokusaba kumphindezeli, angafi umbulali, ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe.
3513Ke imizi enobanika yoba yimizi yenu yokusabela emithandathu.
3514Nganeno kweYordan nobanika imizi emithathu; ezweni lakwaKanan nobanika imizi emithathu, ibe yimiziyokusabela.
3515Loo mizi mithandathu yoba yeyokusabela koonyana bakaSirayeli, nakumphambukeli, nakundwendwe oluphakathi kwenu, babalekele kuyo bonke ababulele umntu ngengozi.
3516Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi, wafa, ungumbulali; wobulawa afe umbulali lowo.
3517Ukuba uthe wambetha ngelitye elisesandleni, angafayo ngalo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
3518Nokuba uthe wambetha ngento engumthi osesandleni, angafayo ngayo, wafa, ungumbulali; makabulawe afe umbulali lowo.
3519Umphindezeli wegazi wombulala ngokwakhe umbulali lowo; akuqubisana naye wombulala ngokwakhe.
3520Ukuba uthe wamtyhala ngokumthiya, nokuba umgibisele emzonda, wafa;
3521nokuba uthe wambetha ngesandla sakhe ngobutshaba, wafa: makabulawe afe lowo umbethileyo; ungumbulali yena. Umphindezeli wegazi wombulala umbulali lowo akuqubisana naye.
3522Ukuba uthe wamqubula wamtyhala, engenabutshaba, nokuba umgibisele ngempahla nokuba nangayiphi na into, engamzondi,
3523nokuba lilitye angafayo ngalo, engamboni, amwisele ngalo, engenabutshaba naye, engafuni kumenza nto imbi:
3524liya kwahlula ibandla phakathi kobethileyo nomphindezeli wegazi, ngokwezo zigwebo;
3525limhlangule ibandla umbulali esandleni somphindezeli wegazi, limbuvisele ibandla emzini wokusabela kwakhe, abebalekele kuwo, ahlale kuwo ade afe umbingeleli omkhulu othanjisiweyo ngeoli engcwele.
3526Ukuba umbulali uthe waphuma ngaphandle komda womzi wokusabela kwakhe abebalekele kuwo,
3527umphindezeli wegazi wamfumana engaphandle komda womzi wokusabela kwakhe, umphindezeli wegazi wambulala umbulali lowo, akayi kuba natyala lagazi lowo.
3528Kuba ange ehleli emzini wokusabela kwakhe, kwada kwafa umbingeleli omkhulu. Ke emveni kukufa kombingeleli omkhulu, umbulali wobuyela emhlabeni wenzuzo yakhe.
3529Ezo zinto zoba ngummiselo wokugweba kuni kwizizukulwana zenu emakhayeni enu onke.
3530Bonke ababulele umntu, makabulawe umbulali lowo ngomlomo wamangqina; kodwa ingqina lilinye aliyikungqina ngomntu afe.
3531Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yomphefumlo wobulali osukuba engongendawo, engowokufa; makabulawe afe.
3532Ize ningathabathi lucamagusho ngenxa yobalekele emzini wokusabela kwakhe, ukuba abuye eze kuhlala emhlabeni wakhe, ade afe umbingeleli.
3533Ize ningalihlambeli ilizwe enikulo, kuba ligazi elihlambela ilizwe. Ilizwe ke alinakucanyagushelwa ngenxa yegazi eliphalaziweyo kulo, kungengagazi lowaliphalazayo.
3534Nize ningalenzi nqambi ke ilizwe enihleli kulo, endihleli kulo; kuba mna, Yehova, ndihleli phakathi koonyana bakaSirayeli.
361Kwasondela iintloko zezindlu zooyise ngokwemizalwane yoonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, wasemizalwaneni yoonyana bakaYosefu, bathetha phambi koMoses naphambi kwezikhulu, iintloko zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli,
362bathi, UYehova wayiwisela umthetho inkosi yethu, ukuba ibanike ilizwe ngamaqashiso oonyana bakaSirayeli, ukuba libe lilifa. Inkosi yethu ke yawiselwa umthetho nguYehova, ukuba ilifa likaTselofehadi, umzalwana wethu, ilinike iintombi zakhe.
363Ke ukuba zithe zaba ngabafazi bothile koonyana bezizwe zoonyana bakaSirayeli, loncitshiswa ilifa loobawo lilifa lazo, longezelelwe kwilifa lesizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe iqashiso lelifa lethu.
364Ukuba uthe wafika umnyaka wakuhlokomisa ngesigodlo koonyana bakaSirayeli, losuka longezelelwe ilifalazo kwilifa lezizwe eziya kuba kuso, lincitshiswe ilifa lesizwe soobawo lilifa lazo.
365Wabawisela ke uMoses umthetho oonyana bakaSirayeli ngokomlomo kaYehova, esithi, Isizwe soonyana bakaYosefu silungisile ukuthetha.
366Lilo eli ilizwi alenze umthetho uYehova ezintombini zikaTselofehadi: uthi, Mazendele kulowo zimthandileyo, kodwa mazendele emzalwaneni wesizwe sikayise;
367ukuze lingashenxi ilifa loonyana bakaSirayeli, lisuke kwesinye isizwe, liye kwesinye isizwe. Ngokuba baya kunamathela oonyana bakaSirayeli elowo elifeni lesizwe sooyise.
368Zonke iintombi ezinelifa ezizweni zoonyana bakaSirayeli ziya kwendela kothile emzalwaneni wesizwe sooyise, ukuze oonyana bakaSirayeli babe nalo elowo ilifa looyise;
369ukuze lingashenxi ilifa esizweni, liyesizweni simbi, kuba izizwe zoonyana bakaSirayeli ziya kunamathela eso elifeni laso.
3610Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses, zenjenjalo iintombi zikaTselofehadi.
3611UMala, noTirtsa, noHogela, noMilka, noNoha, iintombi zikaTselofehadi, zendela koonyana babazalwana bakayise;
3612zendela emizalwaneni yoonyana bakaManase, unyana kaYosefu; ilifa lazo laba sesizweni somzalwana kayise.
3613Yiyo leyo imithetho namasiko awawawisayo uYehova ngesandla sikaMoses koonyana bakaSirayeli, ezinkqantosini zakwaMowabhi, ngaseYordan malunga neYeriko.