Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Malachi

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Isihlabo selizwi likaYehova, esisingisele kuSirayeli, ngoMalaki.
12Uthi uYehova, Ndinithandile; ke nina nithi, Usithande ngokuthini na? UEsawu asingumkhuluwa kaYakobi na? utsho uYehova; ukanti ndathanda ke uYakobi;
13ndamthiya uEsawu; iintaba zakhe ndazenza kwaba senkangala, nelifa lakhe laba leleempungutye entlango.
14Ekubeni ke uEdom esithi, Sivikivekile, siya kubuya siwakhe amanxuwa; utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kwakha bona, kodwa mna ndiya kugungxula; kothiwa, Bangumda wokungendawo, ngabantu ababhavumelayo uYehova kude kuse ephakadeni.
15Amehlo enu aya kubona, nithi ke nina, Mkhulu uYehova phezu komda wakwaSirayeli.
16Unyana uyambeka uyise, umkhonzi uyayihlonela inkosi yakhe; ukuba ndinguyihlo, kuphi na ke ukubekwa kwam? ukuba ndiyinkosi, kuphi na ukoyikwa kwam? utsho uYehova wemikhosi kuni, babingeleli, nina balidelileyo igama lam. Nibe ke nisithi, Silidele ngokuthini na igama lakho?
17Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona.
18Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.
19Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvele esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi.
110Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilize isibingelelo sam! Andininanze nganto, utsho uYehova wemikhosi, andikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.
111Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikelwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
112Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.
113Nabuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazisa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.
114Uqalekisiwe ke oqhathaniselayo, ukanti kukho emhlambini wakhe iduna; nobhambathisa, abingelele eNkosini into eyonakeleyo; ngokuba ndingukumkani omkhulu, utsho uYehova wemikhosi, negama lam liyoyikeka phakathi kweentlanga.
21Ngoku ke lo mthetho ubhekiswa kuni, babingeleli.
22Ukuba anithanga niphulaphule, ukuba anithanga nikunyamekele ngentliziyo ukulizukisa igama lam, utsho uYehova wemikhosi ndonithumela isiqalekiso, ndiziqalekise iintsikelelo zenu; ewe, sendiziqalekisile, kuba ningakunyamekeli ngentliziyo,
23Yabonani, ndiyayikhalimela ingalo yenu, nditshize ngomswane ebusweni benu, umswane wemithendeleko yenu, banithwale banisuse nawo;
24nazi ukuba ndinithumele lo mthetho, ukuba ube ngumnqophiso wam noLevi; utsho uYehova wemikhosi.
25Umnqophiso wam ubunaye uLevi, ububomi noxolo; ndamnika ezo zinto ukuba oyike. Wandoyika ke, waqhiphuka umbilini ngenxa yegama lam.
26Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni.
27Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
28Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi.
29Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningazigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.
210Akamnye na ubawo wethu sonke siphela? Asidalwe Thixo mnye na? Yini na ukuba singinizelane, siwuhlambele umnqophiso woobawo bethu?
211Unginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga.
212Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo nalo usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi.
213Oku ke nikwenza okwesibini: ukugubungela isibingelelo sikaYehova ngeenyembezi, ngokulila, nangokuncwina, ade angabi sawubheka umnikelo, angabi samkela nto ikholekayo ezandleni zenu.
214Nithi ke, Ngani na? Ngenxa yokuba uYehova ebelingqina phakathi kwakho nomfazi wobutsha bakho, lowo umnginizeleyo wena; kanti ke lidlelane lakho, ngumfazi womnqophiso wakho.
215Akubangakho namnye ukwenzayo oku, obenamasalela omoya. Ke wenza ntoni na omnye lowo? Wafuna imbewu yakwaThixo. Wugcineni ngoko umoya wenu, ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho;
216kuba ndikuthiyile ukwala, utsho uYehova, uThixo kaSirayeli; ndimthiyile nogubungela ingubo yakhe ngogonyamelo, utsho uYehova wemikhosi; wugcineni ke umoya wenu, ninganginizi.
217Nimdinisile uYehova ngamazwi enu. Nithi ke, Simdinise ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?
31Yabona, ndiya kuthuma umthunywa wam, agece indlela phambi kwam. Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona, uyeza; utsho uYehova wemikhosi.
32Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yakuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unjengomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo.
33Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere, abacoce oonyana bakaLevi, abahluze njengegolide, nanjengesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.
34Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokweemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.
35Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafungi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna; utsho uYehova wemikhosi.
36Ngokuba mna, Yehova, andiguquguquki; ukuze ningagqitywa nje niphele, nina nyana bakaYakobi.
37Kususela kwimihla yoyihlo, nimkile emimiselweni yam, anayigcina. Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi. Nithi ke, Sibuye ngokuthini na?
38Umntu angamqhatha na uThixo, ukuba nindiqhathe nje? Nithi ke, Sitheni na ukukuqhatha? Kwizishumi nemirhumo.
39Niqalekisiwe ngesiqalekiso; noko ke niphikele ukundiqhatha, nina luhlangandini nonke niphelu.
310Ziziseni zonke izishumi endlwini yobuncwane bam, ize ke kubekho ukudla endlwini yam; ngoku nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.
311Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi.
312Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.
313Amazwi enu andigixile, utsho uYehova. Nithi ke, Sithethe ntoni na ngawe?
314Nithi, Akunto yanto ukumkhonza uThixo; sizuze ntoni na ngakuba sigcine isigxina sakhe, sahamba ngezimnyama zokuzila ngenxa kaYehova wemikhosi?
315Kaloku ke sithi banoyolo abakhukhumeleyo; abaneli kwakheka abenzi bokungendawo; basuka bamcikide uThixo, basinde.
316Ke kaloku abamoyikayo uYehova bathetha elowo nowabo; uYehova wazibaza iindlebe, weva; incwadi yokukhumbuza phambi kwakhe yabhalelwa abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama akhe.
317Uthi ke uYehova wemikhosi, Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge, njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.
318Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.
41Ngokuba, yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.
42Ke kuni, nina baloyikayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma, linophiliso emaphikweni alo. Niya kuphuma nidlobe, njengamankonyana asesitalini, nibaxovule abangendawo;
43ngokuba baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu ngemini endikwenzayo oku; utsho uYehova wemikhosi.
44Khumbulani umyalelo kaMoses, umkhonzi wam, endamwiselayo eHorebhe, ngokusingisele kumaSirayeli onke, imimiselo namasiko.
45Yabonani, ndiya kuthumela kuni uEliya umprofeti, ingekafiki imini enkulu eyoyikekayo kaYehova.
46Wobuyisela iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze ndize ndilichithe ilizwe ngokuliphanzisa.