Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Zechariah

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Ngenyanga yesibhozo, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi:
12UYehova waye enoburhalarhume obukhulu kooyihlo.
13Yithi ke kubo, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Buyelani kum, utsho uYehova wemikhosi; ndobuyela kuni, utsho uYehova wemikhosi.
14Musani ukuba njengooyihlo, ababebizwa bona ngabaprofeti bangaphambili, besithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khanibuye ngoku ezindleleni zenu ezimbi nasezintlondini zenu ezimbi; ke abaphulaphula, abandibazela ndlebe; utsho uYehova.
15Ooyihlo baphi na? nabaprofeti baya kudla ubomi ngonaphakade na?
16Kodwa amazwi am, nemimiselo yam, endayimisela abakhonzi bam abaprofeti, ayibafumananga na ooyihlo? ukuze babuye bathi, Njengoko wakunkqangiyelayo uYehova ukuba akwenze kuthi, ngokweendlela zethu nangokweentlondi zethu, wenjenjalo kuthi.
17Ngosuku lwamashumi omabini anesine lwenyanga yeshumi elinanye, inyanga enguShebhati, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya unyana kaBherekiya, unyana kaIdo, umprofeti, lisithi,
18Ndibone ebusuku, nanko umntu ekhwele ehasheni elibomvu; waye ke emi phakathi kwemimirtile ebisenyobeni, ngasemva kwakhe ingamahashe, abomvu, nangwevu, namhlophe.
19Ndathi, Ngoobani na aba, nkosi yam? Sathi kum isithunywa ebesithetha nam, Ndokubonisa ukuba ngoobani na aba.
110Waphendula umntu obemi phakathi kwemimirtile wathi, Aba ngabathunywe nguYehova, ukuba balihambahambe ihlabathi.
111Basiphendula isithunywa sikaYehova ebesimi phakathi kwemimirtile, bathi, Silihambahambile ihlabathi, nalo lonke ihlabathi lihleli lizolile.
112Saphendula ke isithunywa sikaYehova, sathi, Yehova wemikhosi, koba nini na ungasikwa yimfesane wena, ngenxa yeYerusalem nemizi yakwaYuda, owayibhavumelayo le minyaka imashumi asixhenxe?
113UYehova wasiphendula isithunywa esibe sithetha nam, ngamazwi alungileyo, ngamazwi athuthuzelayo.
114Sathi kum isithunywa esibe sithetha nam, Memeza uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeYerusalem nangeZiyon.
115Ndinoburhalarhume obukhulu kuzo iintlanga ezihleli ngokonwaba; ngokokuba bendinoburhalarhume mna umzuzwana, ke zona zongezelelela ububi.
116Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iYerusalem ngemfesane; indlu yam iya kwakhelwa khona, utsho uYehova wemikhosi; ulutya lokulinganisa luya kolulwa phezu kweYerusalem.
117Buya umemeze, uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Imizi yam isaya kuphalala okulungileyo; uYehova usaya kuyithuthuzela iZiyon, ayinyule iYerusalem.
118Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iimpondo, zine.
119Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi? Sathi kum, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, uSirayeli, neYerusalem.
120UYehova wandibonisa iingcibi zokukhanda, zine.
121Ndathi, Aba baze kwenza ntoni na? Sathetha sathi, Ezi ziimpondo ezichithachithe uYuda, ngokokude kungabikho bani uphakamisa intloko yakhe: aba ke baze kuzothusa, baziwise phantsi iimpondo zeentlanga, eziphakamise uphondo ezweni lakwaYuda, ukuba zilichithachithe.
21Ndaphakamisa amehlo am, ndakhangela, Nanko umntu ephethe ngesandla ulutya lokulinganisa.
22Ndathi ke, Uya ngaphi na? Wathi kum, Ndiya kulinganisa iYerusalem, ndibone ukuba bungakanani na ububanzi bayo, bungakanani na ubude bayo.
23Naso ke isithunywa esibe sithetha nam siphuma, kuphuma nesinye isithunywa, sisiya kusikhawulela.
24Sathi kuso, Gidima, uthethe nalaa ndodana, uthi, IYerusalem iya kuhlala ngokwamaphandle, ngenxa yobuninzi babantu neenkomo eziphakathi kwayo.
25Ndiya kuba ludonga lomlilo kuyo mna ngeenxa zonke, utsho uYehova; ndibe bubuqaqawuli phakathi kwayo.
26Wenani! wenani! Sabani ezweni langasentla, utsho uYehova; ngokuba ndiniphangalalisa njengemimoya yomine yezulu; utsho uYehova.
27Wa, Ziyon! Zisindise, wena uhleli nentombi enguBhabheli.
28Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Undithume ukuphuthuma uzuko ezintlangeni ezanibhunyulayo; ngokuba onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso lakhe.
29Ngokuba, uyabona, ndiya kulingisa ngesandla sam kuzo, zibe ngamaxhoba kwababezikhonza; nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumile.
210Memelela uvuye, ntombi inguZiyon; ngokuba, uyabona, ndiyeza, ndihlale phakathi kwakho; utsho uYehova.
211Kuya kuthelela kuYehova iintlanga ezininzi ngaloo mini, zibe ngabantu bam, ndihlale phakathi kwakho; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuwe.
212UYehova uya kumdla ilifa uYuda, isahlulo sakhe emhlabeni ongcwele, abuye ayinyule iYerusalem.
213Mayithi tu yonke inyama phambi koYehova; ngokuba esukile ekhayeni lakhe elingcwele.
31Wandibonisa uYoshuwa umbingeleli omkhulu, emi phambi kwesithunywa sikaYehova, uSathana emi ngasekunene kwakhe, ukuze amchase.
32Wathi uYehova kuSathana, UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?
33UYoshuwa ke ebambethe iingubo ezingcolileyo; wema ke phambi kwesithunywa.
34Saphendula sathetha nabemiyo phambi kwaso, sathi, Zisuseni iingubo ezingcolileyo kuye. Sathi ke kuye, Yabona, ndibususile ubugwenxa bakho kuwe, ndikwambese ngezinqabileyo.
35Ndathi ke, Mabambeke unkontsho oluhlambulukileyo entloko. Bambeka ke unkontsho oluhlambulukileyo entlokweni yakhe, bamambesa ngeengubo; saye isithunywa sikaYehova simi.
36Isithunywa sikaYehova saqononondisa kuYoshuwa, sathi,
37Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ukuba uthe wasigcina isigxina sam, woyilawula wena indlu yam, wozigcina neentendelezo zam, ndikunike ukuhamba phakathi kwaba bemiyo apha.
38Khawuphulaphule ke Yoshuwa, mbingeleli mkhulu, wena nabalingane bakho abahlala phambi kwakho; ngokuba ngamadoda asisimanga. Ngokuba, uyabona, ndiya kuzisa umkhonzi wam onguHlumelo.
39Ngokuba nalo ilitye endalibeka phambi koYoshuwa; lityeni linye kobakho amehlo asixhenxe; yabona, ndikrola ukrolo lwalo, utsho uYehova wemikhosi, ndisuse ubugwenxa beli lizwe ngamini-nye.
310Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, niya kubizelana phantsi komdiliya naphantsi komkhiwane.
41Sabuya isithunywa esibe sithetha nam, sandivusa njengomntu ovuswa ebuthongweni bakhe.
42Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi ke, Ndibona, nanko kukho isiphatho sesibane segolide sonke siphela, sineselwa laso phezu kwentloko yaso, sinezibane zaso ezisixhenxe phezu kwaso, zinamajelo asixhenxe ngasixhenxe ezibane eziphezu kwentloko yaso;
43neminquma emibini kuso, omnye ungasekunene kweselwa, omnye ungasekhohlo kwalo.
44Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?
45Saphendula isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? Ndathi, Hayi, nkosi yam.
46Saphendula sathi kum, Nali ilizwi likaYehova kuZerubhabheli, lisithi, Akungabukroti, akungamandla; kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.
47Ungubani na wena, ntaba inkulu, phambi koZerubhabheli? Yiba sisithabazi; yena uya kulivelisa ilitye lochochoyi, kunkqangazwa kusithiwa, Ubabalo, ubabalo malube kulo.
48Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
49Izandla zikaZerubhabheli ziyisekile le ndlu; izandla zakhe ziya kuyigqiba; wazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni.
410Ngokuba ngubani na owoyidela imini yezinto ezincinane? Aya kuyibona ngovuyo ilothe yokulungelelanisa esandleni sikaZerubhabheli, kwawona osixhenxe amehlo kaYehova; ayawutyhutyha umhlaba wonke.
411Ndaphendula ndathi kuso, Iyintoni na le minquma mibini, ngasekunene kwesiphatho sesibane nangasekhohlo kuso?
412Ndaphendula okwesibini, ndathi kuso, Ziyintoni na ezi mbaxa zimbini zeminquma, zikufuphi nemiboko emibini yegolide, ethulula ioli ebugolide kuzo?
413Sandiphendula, sathi, Akuzazi na ukuba ziyintoni na ezi zinto? Ndathi, Hayi, nkosi yam.
414Sathi kum, Aba babini ngabeoli, abema ngakwiNkosi yehlabathi lonke.
51Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nantso incwadi esongwayo, iphaphazela.
52Sathi kum, Ubona ntoni na? Ndathi, Ndibona incwadi esongwayo iphaphazela; ubude bayo buziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo buziikubhite ezishumi-nye.
53Sathi kum, Eso ke sisishwabulo esiphuma sihambe phezu kwelizwe lonke; ngokuba bonke abebayo baya kutshayelwa apha ngokokwayo; bonke abafungayo baya kutshayelwa ngaphaya ngokokwayo.
54Ndisikhuphile, utsho uYehova wemikhosi; siya kungena endlwini yesela, nasendlwini yolifungayo ngobuxoki igama lam, silalise endlwini yakhe, siyigqibe nemithi yayo namatye ayo.
55Saphuma isithunywa esibe sithetha nam, sathi kum, Khawuwaphakamise amehlo akho, ukhangele ukuba iyintoni na leyo iphumayo.
56Ndathi ke, Yintoni na? Sathi, Yiefa leya iphumayo. Sathi, Yimbonakalo yabo leya ezweni lonke.
57Nanko, kuphakama isiciko selothe, kuhleli umfazi phakathi kwe-efa.
58Sathi, NguNgendawo lowo; samphosa phakathi kwe-efa, saliphosa ilitye lelothe emlonyeni wayo.
59Ndawaphakamisa ke amehlo am, ndakhangela, nanko kuphuma abafazi ababini, umoya usemaphikweni abo; amaphiko abo abenjengamaphiko engwamza, bayithwala iefa phakathi komhlaba nezulu.
510Ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Bayisa phi na iefa abaya?
511Sathi kum, Baya kumakhela indlu ezweni leShinare; ithi yakugqitywa, bambeke khona esizeni sakhe.
61Ndabuya ndawaphakamisa amehlo am, ndakhangela, nanzo iinqwelo zokulwa zine, ziphuma phakathi kweentaba zombini; iintaba ke iziintaba zobhedu.
62Enqwelweni yokuqala ibingamahashe abomvu; enqwelweni yesibini ibingamahashe amnyama;
63enqwelweni yesithathu ibingamahashe amhlophe; enqwelweni yesine ibingamahashe aziingwevu ezibomvu.
64Ndaphendula ndathi kwisithunywa esibe sithetha nam, Ziyintoni na ezi zinto, nkosi yam?
65Saphendula ke isithunywa, sathi kum, Le yimimoya emine esezulwini, ephuma yakuba ibizimisile ngakwiNkosi yehlabathi lonke.
66Le inamahashe amnyama iphuma isiya ezweni langasentla; amhlophe aphume elandela wona; aziingwevu ezibomvu aphume esiya ezweni langasezantsi;
67abomvu aphuma, efuna ukulihambahamba ihlabathi. Sathi, Hambani, nilihambahambe ihlabathi. Alihambahamba ke ihlabathi.
68Sadanduluka kum, sathetha kum, sathi, Yabona, la aphuma aya ezweni langasentla, awuzolise umoya wam ezweni langasentla.
69Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
610Thabatha kwabasekuthinjweni, abaze khona bevela eBhabheli, kooHeledayi, nakooTobhiya, nakooYedaya, uye wena ngaloo mini endlwini kaYosiya unyana kaZefaniya;
611uthabathe isilivere negolide, wenze izithsaba, ubeke entloko kuYoshuwa unyana kaYotsadaki, umbingeleli omkhulu.
612Uze uthethe kuye uthi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Nantso indoda enguHlumelo, igama layo; iya kuhluma endaweni yayo, iyakhe itempile kaYehova.
613Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova, ithweswe uzuko, ihlale ilawule etroneni yayo, ibe ngumbingeleli etroneni yayo, icebo loxolo libe phakathi kwabo bobabini.
614Izithsaba zoba kooHelem, nakooTobhiya, nakooYedaya, zibe sisikhumbuzo sobubele bonyana kaZefaniya, etempileni kaYehova.
615Baya kuza abakude bakhe etempileni kaYehova; nazi ukuba uYehova wemikhosi undithumele kuni; kuya kwenzeka ke, ukuba nithe naliphulaphula ngenyameko ilizwi likaYehova uThixo wenu.
71Kwathi ngomnyaka wesine kaDariyo ukumkani, kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya ngosuku lwesine lwenyanga yesithoba, enguKisilevu.
72IBheteli ke yathuma ooSharetsere noRegem-meleki nabantu bakhe, ukuba bambongoze uYehova,
73bathethe kubabingeleli ababesendlwini kaYehova wemikhosi, nakubaprofeti, bathi, Ndilile na, ndizile na ngenyanga yesihlanu, njengoko ndisendenze ngako le minyaka ingaka?
74Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,
75Thetha kubantu bonke belizwe eli, nakubabingeleli, uthi, Oko benizila ukudla, nilila, ngenyanga yesihlanu nangeyesixhenxe, iminyaka ke engamashumi asixhenxe, ukuzila oko benizilela mna na?
76Xa benisidla naxa benisela, bekungadli nina na, bekungaseli nina na?
77Beningafanele kuwenza yini na amazwi, abewamemeza uYehova ngabaprofeti bamandulo, oko ibimiwe ichulumachile iYerusalem, kwanemizi yayo engeenxa zonke kuyo, naoko belimiwe elasezantsi nelasesithabazi?
78Kwafika ilizwi likaYehova kuZekariya, lisithi,
79Utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Gwebani ngesigwebo senyaniso, nenze inceba nemfesane elowo kumzalwana wakhe.
710Musani ukubacudisa abahlolokazi, neenkedama, nabasemzini, namahlwempu; musani ukucinga bubi entliziyweni yenu ngendoda engumzalwana wenu.
711Abavumanga ke ukubaza indlebe; balirhola igxalaba elinjubaqa, bazithi nkqi iindlebe zabo, abeva.
712Intliziyo yabo bayenza idayiman, ukuba bangawuvi umyalelo namazwi, abewathumela uYehova wemikhosi ngomoya wakhe, ngabaprofeti bamandulo; kwabakho ke uburhalarhume obukhulu obuvela kuYehova wemikhosi.
713Kuya kuthi ke, njengoko ebememeza bengeva, benjenjalo ukumemeza, utsho uYehova wemikhosi, ndingevi.
714Ndiya kubachithachithela ezintlangeni zonke ababengazazi; kube senkangala elizweni emva kwabo, kungacandi mntu, kungabuyi mntu; balenze ke ilizwe elinqwenelekayo kube senkangala kulo.
81Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi, lisithi,
82Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndinekhwele, ikhwele elikhulu, ngeZiyon; ndinekhwele, ndinobushushu obukhulu ngayo.
83Utsho uYehova ukuthi, Ndiyibuyele iZiyon; ndiya kuhlala ke phakathi kweYerusalem, kuthiwe iYerusalem ngumzi wenyaniso; nentaba kaYehova wemikhosi kuthiwe yintaba engcwele.
84Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuhlala amadoda amakhulu neentokazi ezinkulu ezitratweni zaseYerusalem, elowo ephethe umsimelelo wakhe ngesandla, ngenxa yobudala babo;
85zizale izitrato zomzi ngamakhwenkwe namantombazana, edlala ezitratweni zawo.
86Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ukuba kuyinto engummangaliso emehlweni amasalela aba bantu ngaloo mihla, kuya kuba yinto engummangaliso yini na nasemehlweni am? utsho uYehova wemikhosi.
87Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabonani, ndiya kubasindisa abantu bam elizweni lokuphuma kwelanga, naselizweni lokutshona kwalo.
88Ndobazisa, bahlale phakathi kweYerusalem, babe ngabantu bam, ndibe nguThixo wabo, ngenyaniso nangobulungisa.
89Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Izandla zenu mazomelele, nina bawevayo la mazwi ngale mihla, ephuma emlonyeni wabaprofeti, ababekho mhlenikweni yasekwayo indlu kaYehova wemikosi, itempile, ukuze yakhiwe.
810Ngokuba phambi kwaloo mihla bekungekho mvuzo wabantu, nomvuzo weenkomo ubungekho; nophumayo nongenayo ebengenaluxolo, ngenxa yombandezeli. Ndabenza bonke ukuba umntu achasane nommelwane wakhe.
811Ngoku ke andiyi kuba njengokwemihla yamandulo kumasalela aba bantu; utsho uYehova wemikhosi.
812Kobakho imbewu yoxolo; umdiliya wonika isiqhamo sawo, nelizwe linike indyebo yalo, nezulu linike umbethe walo; zonke ezo zinto ndizidlise ilifa amasalela abantu.
813Kothi, njengoko benilutshabhiso ezintlangeni, ndlu kaYuda, nani ndlu kaSirayeli, ndenjenjalo ukunisindisa, nibe yintsikelelo; musani ukoyika, mazomelele izandla zenu.
814Ngokuba utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Njengoko ndankqangiyelayo ukwenza ububi kuni, oko ooyihlo bandenza ndaba noburhalarhume, utsho uYehova wemikhosi, andazohlwaya ke:
815ngokunjalo ndibuye ndankqangiyela ngale mihla ukwenza okulungileyo kwiYerusalem, nakwindlu kaYuda; musani ukoyika.
816Nanzi iindawo enothi nizenze zona: Thethani inyaniso elowo kummelwane wakhe; gwebani ngenyaniso nangesigwebo soxolo emasangweni enu.
817Musani ukucinga okubi, elowo ngommelwane wakhe entliziyweni yakhe; ningathandi ukufunga ngobuxoki; ngokuba konke oko; koko ndikuthiyileyo; utsho uYehova.
818Ezinye iintlanga ziya kumfuna uYehova Kwafika ilizwi likaYehova wemikhosi kum, lisithi,
819Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Uzilo lweyesine inyanga, nozilo lweyesihlanu, nozilo lweyesixhenxe, nozilo lweyeshumi, luya kuba yimihlali, nemivuyo, namaxesha emisiweyo okuchwayitha, kwindlu kaYuda; ke thandani inyaniso noxolo.
820Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kusaya kuza izizwe, nabemi bemizi emininzi.
821Baya kuhamba abemi bomnye baye komnye, bathi, Masihambe siye kumbongoza uYehova, simquqele uYehova wemikhosi; bathi abo, Siya kuhamba nathi.
822Izizwe ezininzi neentlanga ezinamandla ziya kuza kumquqela uYehova wemikhosi eYerusalem, zimbongoze uYehova.
823Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ngezo mini aya kuthi abambe amadoda alishumi asezilwimini zonke zeentlanga, abambe esondweni lengubo yendoda engumYuda, athi, Siya kuhamba nani, ngokuba sivile ukuba uThixo unani.
91Isihlabo selizwi likaYehova esisingisele elizweni laseHadraki; yiDamasko indawo yokuphumla kwaso; ngokuba uYehova usingise iliso ebantwini, nasezizweni zonke zakwaSirayeli;
92kwaneHamati ehlangene nayo ngomda; iTire neTsidon, nakuba zilumkile kakhulu.
93ITire yazakhela inqaba, yafumba isilivere njengothuli, negolide njengodaka lwezitrato.
94Yabona, iNkosi iya kuyihlutha, ibubethe ubuhandiba bayo elwandle, yona itshiswe ngumlilo.
95IAshkelon iya kukubona, yoyike; neGaza iya kukubona, ithuthumele kakhulu; kwane-Ekron, kuba inqolonci yayo iya kudaniswa, adake ukumkani, angabikho eGaza, neAshkelon ingemiwa.
96Kuya kuhlala imigqakhwe eAshdode, ndinqumle iqhayiya lamaFilisti.
97Ndolisusa igazi lemibingelelo yawo emlonyeni wawo, nezinto zawo ezinezothe emazinyweni awo; kwanawo aya kusalela uThixo wethu, abe njengenkosana kwaYuda, ne-Ekron ibe njengomYebhusi.
98Ndoyinqabisa indlu yam kumkhosi, kodlulayo nakobuyayo, kungabi sacanda mkhandanisi kubo; ngokuba ngoku ndibonile ngamehlo am.
99Gcoba kunene, ntombi inguZiyon; duma, ntombi inguYerusalem; yabona, uKumkani wakho uza kuwe, elilungisa, enosindiso, enentobeko, ekhwele e-esileni, exhamxweni, etholeni lemazi ye-esile.
910Ndozinqumla iinqwelo zokulwa kwaEfrayim namahashe eYerusalem, sinqunyulwe isaphetha sokulwa; athethe uxolo kwiintlanga; ulawulo lwakhe luthabathele elwandle luse elwandle, luthabathele kuwo uMlambo luse eziphelweni zehlabathi.
911Nawe, ngenxa yegazi lomnqophiso wakho, ndiyabandulula ababanjiweyo bakho, baphume emhadini ongenamanzi.
912Buyelani enqabeni, babanjwandini banethemba; nanamhla ndiyaxela, ndithi, Ndiya kukubuyisela ngokuphindiweyo.
913Ngokuba ndimgobile uYuda, isaphetha sam; ndimfakile uEfrayim, utolo lwam; ndiya kubaxhokonxa oonyana bakho, Ziyon, koonyana bakho, Yavan, ndikwenze ube njengekrele legorha.
914UYehova uya kubonakala phezu kwabo, luphume njengombane utolo lwakhe; iNkosi uYehova iya kuvuthela isigodlo, ihambe ngemimoya evuthuzayo yasezantsi.
915UYehova wemikhosi uya kubakhusela ngaphezulu, badle, banyathele amatye okusawula, basele, baxokozele ngokwasewayinini; bazale ngokweengqayi, ngokweembombo zesibingelelo.
916Wobasindisa abantu bakhe uYehova uThixo wabo ngaloo mini, njengomhlambi ngokuba bengamatye esithsaba, abengezela emhlabeni wakhe.
917Kuba kungakanani na ukulunga kwabo, bungakanani na ubuhle babo! Ingqolowa iya konwabisa umlisela, iwayini entsha iwonwabise umthinjana.
101Celani imvula kuYehova ngexesha lemvula evuthisayo. UYehova wenza imibane, abanike imvula eziziphango, elowo amnike umfuno wasendle.
102Ngokuba imilonde-khaya ithethe into ebubutshinga, nabavumisi babone ubuxoki, balawula amaphupha enkohlakalo, bathuthuzela kwangamampunge; ngenxa yoko bakhokile njengomhlambi, bacinezeleka, kuba kungekho malusi.
103Umsindo wam uvuthela abalusi; ndozivelela ngawo iinkunzi ezikhokelayo; kuba uYehova wemikhosi uyawuvelela umhlambi wakhe, indlu kaYuda, abenze babe njengogcadalala lwakhe lwehashe emfazweni.
104Kuya kuphuma kuye ilitye lembombo; kuya kuphuma kuye ibhaxa; kuya kuvela kuye isaphetha sokulwa; kuya kuvela kuye bonke abakhandanisi ngakunye.
105Baya kuba njengamagorha, enyathelela iintshaba zawo eludakeni lwezitrato, kusiliwa; balwe, ngokuba uYehova enabo; badane abakhweli bamahashe.
106Ndiya kuyomeleza indlu kaYuda, ndiyisindise indlu kaYosefu, ndibahlalise; kuba ndisikwa yimfesane ngenxa yabo; boba ngangabo ndingabahlambanga, ngokuba ndinguYehova uThixo wabo ndobaphendula.
107Woba njengegorha uEfrayim, ivuye intliziyo yabo ngokwasewayinini; oonyana babo babone, bavuye; iya kugcoba intliziyo yabo kuYehova.
108Ndiya kubenzela ikhwelo, ndibabuthe; ngokuba ndibakhulule ngokubahlawulela; baya kwanda, njengoko babesanda ngako.
109Ndobahlwayela ezizweni, bandikhumbule emazweni akude, baphile noonyana babo, babuye.
1010Ndobabuyisa ezweni laseYiputa, ndibabuthe eAsiriya, ndibazise ezweni laseGiliyadi nelaseLebhanon, kungafumaneki ndawo ibalingeneyo.
1011UYehova uya kucanda kulwandle lwembandezelo, abethe emazeni olwandle, zitshe zonke iziziba zoMnayile; lithotywe iqhayiya laseAsiriya, imke intonga yaseYiputa.
1012Ndobomeleza ngoYehova, bahambahambe egameni lakhe; utsho uYehova.
111Vula amasango akho, Lebhanon, uyitshise ngomlilo imisedare yakho.
112Bhomboloza, msipres, ngokuba kuwe umsedare, ngenxa yokuba iingangamsha zibhuqiwe. Bhombolozani, mioki yaseBhashan, ngokuba lihlahliwe ihlathi elinwabileyo.
113Yivani ukubhomboloza kwabalusi, ngokuba bubhuqiwe ubungangamsha babo! Yivani ukubharhula kweengonyama ezintsha, ngokuba libhuqiwe iqhayiya laseYordan!
114Watsho uYehova uThixo wam, ukuthi, Yalusa umhlambi wezixhelwayo;
115obathengi bawo bawubulalayo, bathi abanatyala; nabathengisa ngawo bathi, Makabongwe uYehova, ndinobutyebi; nabalusi bawo abawucongi.
116Ngokuba andiyi kubuya ndibaconge abemi behlabathi; utsho uYehova. Yabona, abantu ndibanikela, elowo esandleni sommelwane wakhe, nasesandleni sokumkani wakhe, baliqobe ilizwe, ndingabahlanguli esandleni sabo.
117Ndawalusa ke umhlambi wezixhelwayo, kunye nezinqinileyo zomhlambi. Ndathabatha iintonga zambini, enye ndathi nguMnandi, enye ndathi nguZintya; ndawalusa ke umhlambi.
118Ndabetha bathishwaka abalusi abathathu nganyanga-nye; ndazekaneka ngabo, ndanezothe kubo.
119Ndathi, Andiyi kunalusa; efayo mayife; nethi shwaka mayithi shwaka, neziseleyo mazidlane inyama.
1110Ndathabatha intonga yam, uMnandi, ndayaphula, ukuze ndiwaphule umnqophiso wam endanqophisana ngawo nezizwe zonke.
1111Waphulwa ke ngaloo mini; zazi ngokunjalo ezinqinileyo zomhlambi, ebe zindiphulaphule, ukuba lilizwi likaYehova eli.
1112Ndathi kuwo, Ukuba kulungile emehlweni enu, etheni umvuzo wam; ukuba akulungile, yekani. Bandilinganisela ke umvuzo wam, amashumi amathathu esilivere.
1113Wathi uYehova kum, Yiphose kumbumbi, ixabiso elingengangani, abandimisela lona. Ndawathabatha ke amashumi amathathu esilivere, ndawaphosa kumbumbi endlwini kaYehova.
1114Ndayaphula intonga yam yesibini, uZintya, ukuze ndibutshitshise ubuzalwana phakathi koYuda noSirayeli.
1115Wathi uYehova kum, Phinda uthabathe impahla yomalusi osisimathane.
1116Ngokuba, yabona, ndivelisa umalusi elizweni apha, ongayi kuzivelela eziza kuthi shwaka; akayi kuzifuna ezilusali; akayi kuziphilisa ezaphukileyo; akayi kuzondla ezimiyo; inyama yezityebileyo uya kuyidla, awalimaze amanqina azo.
1117Yeha, umalusi ongento, owulahlayo umhlambi! Ikrele malibe phezu kwengalo yakhe, neliso lakhe lasekunene! Ingalo yakhe iya koma kanye, neliso lakhe lasekunene licime okukanye.
121Isihlabo selizwe likaYehova, esisingisele kuSirayeli. Utsho uYehova, umaneki wezulu, umseki wehlabathi, umenzi womoya womntu phakathi kwakhe, ukuthi,
122Yabona, iYerusalem ndiyenza ibe yindebe enombilini, yokuhexisa zonke izizwe ngeenxa zonke, imfikele noYuda ekungqingweni kweYerusalem.
123Kothi ngaloo mini, ndiyenze iYerusalem ibe lilitye elingumthwalo ezizweni zonke; bonke abalifunqulayo baya kuzisikisa, bazilimazise, ziyihlanganyele zonke iintlanga zehlabathi.
124Ngaloo mini, utsho uYehova, ndiya kuwabetha othuke amahashe onke, ndibabethe babe nomgada abakhweli bawo, ndiwavule amehlo am phezu kwendlu kaYuda, onke amahashe ezizwe ndiwabethe abe ziimfama.
125Zothi iinkosana zakwaYuda ezintliziyweni zazo, Bangamandla am abemi baseYerusalem, ngoYehova wemikhosi, uThixo wabo.
126Ngaloo mini ndiya kuzenza iinkosana zakwaYuda zibe njengokhamba lomlilo ezinkunini, nanjengezikhuni ezitshangaziswayo ezithungwini, zizitshise ngasekunene nangasekhohlo izizwe zonke ngeenxa zonke; iYerusalem ibuye imiwe esikhundleni sayo eYerusalem.
127UYehova uya kusindisa iintente zakwaYuda kuqala, ukuze isihombo sendlu kaDavide, nesihombo sabemi baseYerusalem, singazikhulisi ngaphezu koYuda.
128Ngaloo mini uYehova uya kubakhusela ubemi baseYerusalem; athi okhubekayo phakathi kwabo abe njengoDavide ngaloo mini; indlu kaDavide ibe njengoThixo, njengesithunywa sikaYehova phambi kwabo.
129Kothi ngaloo mini, ndifune ukuzitshabalalisa zonke iintlanga eziyingenelayo iYerusalem.
1210Ndothululela phezu kwendlu kaDavide, naphezu kwabemi baseYerusalem, uMoya wokubabala nowokutarhuzisa, babheke kum mna bamhlabileyo amahlanza; bammbambazelele njengokumbambazelelwa kozelwe wamnye, babe krakra ngenxa yakhe, njengokrakra ngenxa yamazibulo akhe.
1211Ngaloo mini siya kuba sikhulu isililo eYerusalem, sibe njengesililo saseHadade-rimon esihlanjeni seMegido.
1212Liya kulila ilizwe, imizalwane ngemizalwane iyodwa; umzalwane wendlu kaDavide uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wendlu kaNatan uwodwa, abafazi babo bebodwa;
1213umzalwane wendlu kaLevi uwodwa, abafazi babo bebodwa; umzalwane wamaShimehi uwodwa, abafazi bawo bebodwa;
1214yonke imizalwane eseleyo, imizalwane ngemizalwane iyodwa, nabafazi babo bebodwa.
131Ngaloo mini kuya kubakho ithende elivulelwe indlu kaDavide nabemi baseYerusalem, ngenxa yesono nangenxa yokungcola.
132Kothi ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni, zingabi sakhunjulwa; nabaprofeti nomoya wobunqambi ndibagqithise, bangabikho ezweni apha.
133Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe.
134Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangambathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise.
135Wothi, Andimprofeti, ndingumntu olima umhlaba; kuba wandithenga umntu ndisemncinane.
136Kothiwa kuye, Ayini na la manxeba asezandleni zakho? athi, Ngandangxwelerhwa ngawo endlwini yabazizihlobo zam.
137Krele, vuka usukele phezulu kumalusi wam, kumfo ongummelwane, utsho uYehova wemikhosi; betha kumalusi, umhlambi ube lusali; ndisibuyisele isandla sam phezu kwezincinane.
138Kothi ezweni lonke, utsho uYehova, izahlulo ezibini kulo zinqanyulwe zife, esesithathu sihlale kulo.
139Ndosizisa emlilweni esesithathu, ndibanyibilikise njengokunyibilikiswa kwesilivere, ndibacikide njengokucikidwa kwegolide. Bona baya kunqula igama lam, ndibaphendule mna; ndiya kuthi, Ngabantu bam bona; bathi bona, Yehova, unguThixo wethu.
141Yabonani, kuza imini eyekaYehova, kwabiwe amaxhoba akho esazulwini sakho.
142Ndozihlanganisela eYerusalem zonke iintlanga ukuba zilwe; umzi uthinjwe, ziphangwe izindlu, badlwengulwe abafazi; siphume isiqingatha somzi sithinjwe; ke amasalela abantu anganqunyulwa wona kuwo umzi.
143Uya kuphuma ke uYehova, alwe nezo ntlanga, njengemini yokulwa kwakhe, ngemini yomdibaniso.
144Ziya kuma iinyawo zakhe ngaloo mini phezu kweNtaba yemiNquma, ephambi kweYerusalem ngasempumalanga, icandeke iNtaba yemiNquma phakathi, ithabathele empumalanga ise entshonalanga, ibe sisihlambo esikhulu kakhulu; sisunduzeke isiqingatha sentaba sisinge entla, esinye isiqingatha sayo sisinge ezantsi.
145Nosabela esihlanjeni seentaba zam, kuba isihlambo seentaba ezo siya kufika naseAtsele; nisabe njengoko nasabayo ngenxa yenyikima emihleni kaUziya ukumkani wakwaYuda, eze uYehova uThixo wam, eneengcwele zakhe zonke.
146Kothi ngaloo mini kungabi mhlophe, iinkwenkwezi ezinendili zibe luzizi.
147Kuya kuba yimini eyodwa; yona iya kwazeka kuYehova; ayimini, ayibusuku; kuthi ngexa langokuhlwa kube mhlophe.
148Kothi ke ngaloo mini, kuphume eYerusalem amanzi aphilileyo: esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasempumalanga, esinye isiqingatha sawo siye kulwandle lwasentshonalanga; kube njalo ehlotyeni nasebusika.
149UYehova woba ngukumkani phezu kwehlabathi lonke; ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.
1410Ilizwe lonke liya kujika libe njengeArabha, lithabathele eGebha lise eRimon, ezantsi kweYerusalem; liphakame, lihlale esikhundleni salo, lithabathele esangweni lakwaBhenjamin, lise endaweni yesango lokuqala, lise esangweni lembombo; lithabathele enqabeni ende yakwaHananeli, lise ezixovulelweni zokumkani.
1411Bohlala kulo, kungabi sabakho kusingela phantsi; ihlale iYerusalem ikholosile.
1412Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, luphelele ulwimi wakhe emlonyeni wakhe.
1413Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo, siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sommelwane wakhe, isandla sakhe siphakamele isandla sommelwane wakhe.
1414Naye uYuda uya kulwa nazo eYerusalem; buhlanganiswe ubutyebi beentlanga zonke ezingeenxa zonke, igolide, nesilivere, neengubo, into eninzi kakhulu.
1415Soba njalo isibetho kumahashe, nakoondlebende, nakwiinkamela, nakunaesile, nakwiinkomo zonke eziya kuba seminqubeni leyo, sibe njengeso sibetho.
1416Othi onke amaqongqolo eentlanga zonke ezibe ziyingenele iYerusalem, enyuke iminyaka ngeminyaka, aye kumnqula uKumkani, uYehova wemikhosi, enze umthendeleko weminquba.
1417Kothi emizalwaneni yehlabathi, osukuba engenyuki aye kumnqula eYerusalem uKumkani, uYehova wemikhosi, anganelwa mvula.
1418Uya kuthi umzalwane wamaYiputa ongathanga unyuke uze, anganelwa mvula; yoba sisibetho, aya kubetha ngaso uYehova zonke iintlanga ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
1419Siya kuba seso isohlwayo sesono seYiputa, nesohlwayo sesono seentlanga zonke ezingenyukiyo ziye kwenza umthendeleko weminquba.
1420Ngaloo mini kuya kubhalwa emankentezeni amahashe, kuthiwe, bubungcwele kuYehova; neembiza endlwini kaYehova zoba njengezitya zokutshiza eziphambi kwesibingelelo.
1421Zothi zonke iimbiza eYerusalem nakwaYuda zibe ngcwele kuYehova wemikhosi; beze bonke ababingelelayo, bathabathe kuzo, baphekele kuzo; ngaloo mini kungabi sabakho mKanan endlwini kaYehova wemikhosi.