Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Zephaniah
Xhosa Bible | ||
Chapter # | Verse # | Verse Detail |
1 | 1 | Ilizwi likaYehova elafika kuZefaniya unyana kaKushi, unyana kaGedaliya, unyana ka-Amariya, unyana kaHezekiya, ngemihla kaYosiya unyana ka-Amon, ukumkani wakwaYuda. |
1 | 2 | Ndiya kususa ndiyisuse into yonke ehlabathini; utsho uYehova. |
1 | 3 | Ndiya kususa abantu neenkomo; ndiya kususa iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle; nezikhubekiso kunye nabangendawo; ndibanqamle abantu emhlabeni; utsho uYehova. |
1 | 4 | Ndiya kusolula isandla sam phezu koYuda, naphezu kwabemi bonke baseYerusalem, ndinqamle kuyo le ndawo amasalela akwaBhahali, negama lababingeleli abangengabo, kunye nababingeleli; |
1 | 5 | nabaqubuda kumkhosi wezulu phezu kwezindlu, nabaqubudi abazinikela kuYehova ngesifungo, bafunge ukumkani wabo; |
1 | 6 | nababuya umva kuYehova, nabangamfunanga uYehova, abangamquqelanga. |
1 | 7 | Yithini tu ebusweni beNkosi uYehova; ngokuba isondele imini kaYehova; kuba uYehova ulungise umbingelelo, ungcwalise abamenywa bakhe. |
1 | 8 | Kuya kuthi ngemini yombingelelo kaYehova, ndibavelele abathetheli, noonyana bokumkani, nabo bonke abambatha izambatho zolunye uhlanga. |
1 | 9 | Ndobavelela ngaloo mini bonke abatsiba embundwini womnyango, abazalisa indlu yenkosi yabo ngogonyamelo nenkohliso. |
1 | 10 | Kothi ngaloo mini, utsho uYehova, kuvele izwi lokukhala esangweni leentlanzi, kuvele nokubhomboloza kwesesibini isahlulo somzi, kuvele ukuqhekeka okukhulu ezindulini. |
1 | 11 | Bhombolozani, bemi basemgongxweni, kuba badakile bonke abantu bakwaKanan, banqunyulwe bonke abathwali besilivere. |
1 | 12 | Kuya kuthi ngelo xesha, ndiyigqutha gquthe iYerusalem ndinezibane, ndiwavelele amadoda agovalele ezintliziyweni zawo; atshoyo ukuthi ezintliziyweni zawo, UYehova akenzi kulungileyo, akenzi nakubi. |
1 | 13 | Ubutyebi bawo buya kudywidwa, nezindlu zawo zibe ngamanxuwa; akhe izindlu, angazihlali; atyale izidiliya, angayiseli iwayini yazo. |
1 | 14 | Isondele imini enkulu kaYehova, isondele, ikhawulezile kakhulu. Yivani, imini kaYehova! Liyakhala ngokukrakra khona igorha. |
1 | 15 | Loo mini yimini yokuphuphuma komsindo, yimini yembandezelo nocutheko, yimini yentshabalala yakwantshabalala, yimini yobumnyama nesithokothoko, yimini yamafu, namafu amnyama; |
1 | 16 | yimini yesigodlo nokuhlaba umkhosi emizini enqatyisiweyo, naseluqoqweni olude. |
1 | 17 | Ndiya kubabandezela abantu, bahambe ngokweemfama, kuba bonile kuYehova; liphalazwe igazi labo njengothuli, nenyama yabo njengobulongo. |
1 | 18 | Nesilivere yabo negolide yabo ayisayi kuba nako ukubahlangula ngemini yokuphuphuma komsindo kaYehova; lotshiswa lonke ihlabathi ngumlilo wekhwele lakhe. Ngokuba uya kubaphelisa, inene, abenze into ekhwankqisayo bonke abemi behlabathi. |
2 | 1 | Zihlanganiseni nizihlanganise, luhlangandini lungadaniyo, |
2 | 2 | ungekazali ummiselo (kuba imini le idlula njengomququ), kungekanifikeli ukuvutha komsindo kaYehova, ingekanifikeli imini yomsindo kaYehova. |
2 | 3 | Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe, bakwenzileyo okusesikweni kwakhe; funani ubulungisa, funani ululamo, mhlawumbi nositheliswa ngemini yomsindo kaYehova. |
2 | 4 | Ngokuba iGaza iya kuba sisishiywa, neAshkelon ibe linxuwa; iAshdode iya kugxothwa emini emaqanda, inyothulwe iEkron. |
2 | 5 | Uha, abemi becandelo laselwandle, uhlanga lwamaKreti! Ilizwi likaYehova lichasene nani, Kanan, lizwe lamaFilisti. Ndokutshabalalisa ke, kungabikho ukumayo. |
2 | 6 | Icandelo laselwandle liya kuba ngamakriwa, nemiqolomba yabalusi, libe zizibaya zempahla emfutshane. |
2 | 7 | Loba licandelo lamasalela endlu yakwaYuda; aya kwalusela kulo, abuthe ezindlwini zaseAshkelon ngokuhlwa; kuba uya kuwavelela uYehova uThixo wawo, akubuyise ukuthinjwa kwawo. |
2 | 8 | Ndikuvile ukungcikiva kukaMowabhi, nokunyelisa koonyana baka-Amon, ababangcikive ngako abantu bam, bazikhulisa emdeni wabo. |
2 | 9 | Ngako oko, ndihleli nje, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, inene, elakwaMowabhi liya kuba njengeSodom, neloonyana baka-Amon libe njengeGomora, libe lilifa lamarhawu, libe sisigingqi setyuwa, kube senkangala kulo, kude kuse ephakadeni. Amasalela abantu bam aya kubaphanga, amaqongqolo ohlanga lwam abadle ilifa. |
2 | 10 | Kuya kuba njalo kubo ngenxa yekratshi labo, ngokuba bengcikivile, bazikhulisa kubantu bakaYehova wemikhosi. |
2 | 11 | Uyoyikeka uYehova kubo; kuba uyabangcungcuthekisa bonke oothixo behlabathi, ziqubude kuye zonke iziqithi zeentlanga, elowo esendaweni yakhe. |
2 | 12 | Nani maKushi, ningababuleweyo ngekrele lam. |
2 | 13 | Uya kusolula isandla sakhe ngakwelisentla, ayitshabalalise iAsiriya, ayenze ibe linxuwa iNineve, ayenze umqwebedu onjengentlango. |
2 | 14 | Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho lizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare. |
2 | 15 | Nguwo lowo umzi obudlamkile, obuhleli ukholosile, obusithi entliziyweni yawo, Ndim kwaphela, akukho wumbi. Utheni na ukuba ube linxuwa, ube sisikhundla samarhamncwa! Bonke abadlulayo kuwo benza umsondlo, baphekuze ngesandla sabo. |
3 | 1 | Yeha, umzi oneenkani, ongcolileyo, oxinzelela phantsi! |
3 | 2 | Awuphulaphulanga lizwi; awamkelanga ngqeqesho; awukholosanga ngoYehova, awusondelanga kuThixo wawo. |
3 | 3 | Abathetheli bawo phakathi kwawo baziingonyama ezibharhulayo; abagwebi bawo baziingcuka zangokuhlwa, ezingabeki nto ukuze ziyigunuze kwakusa. |
3 | 4 | Abaprofeti bawo bayaxhaphazela, ngamadoda anginizayo: ababingeleli bawo bayayihlambela ingcwele, bagonyamela umyalelo. |
3 | 5 | UYehova ulilungisa esazulwini sawo; akenzi ngabugqwetha; imiso ngemiso ukumisa emhlotsheni okusesikweni kwakhe, angasileli; ke yena onobugqwetha akakwazi ukudana. |
3 | 6 | Ndizinqamle iintlanga, zichithakele iingqoqo zezindlu zazo. Ndizonakalisile izitrato zazo, ukuba kungabikho udlula ngazo; idilikile imizi yazo, ukuba kungabikho mntu, kungabikho umiyo kuyo. |
3 | 7 | Ndathi kodwa, Mawundoyike, uyamkele ingqeqesho, linganqanyulwa ikhaya lakho, njengako konke endakumisela khona; ke bavuka kusasa, bonakalise ngeentlondi zabo zonke. |
3 | 8 | Ngako oko yilindeleni kum, utsho uYehova, ide ibe yimini yokuvuka kwam, ndithimbe. Ngokuba kulunge kum ukuhlanganisa iintlanga, ndibuthe izikumkani, ukuze ndiyiphalaze ingqumbo yam phezu kwazo, konke ukuvutha komsindo wam; kuba liya kutshiswa ngumlilo wekhwele lam lonke ihlabathi. |
3 | 9 | Kuba ngelo xesha ndiya kuziguqulela izizwe intetho enyulu, ukuze zinqule igama likaYehova zonke ziphela, zimkhonze ngaxhatha linye. |
3 | 10 | Ziya kuthabathela phesheya kwemilambo yakwaKushi, zibazise abandithandayo, intombi yeentsali zam, bengumnikelo wam wokudla. |
3 | 11 | Ngaloo mini akuyi kudana ngenxa yeentlondi zakho zonke, owakreqa ngazo kum; ngokuba ngelo xesha ndiya kubasusa phakathi kwakho abadlamkileyo bakho, benekratshi, ungaphindi uzidle ngokwakho entabeni yam engcwele. |
3 | 12 | Kanjalo ndiya kusalisa phakathi kwakho abantu abaziintsizana, abazizisweli, abaya kuzimela egameni likaYehova. |
3 | 13 | Amasalela akwaSirayeli akayi kwenza ngobugqwetha, akayi kuthetha amanga, aluyi kufumaneka emlonyeni wawo ulwimi lwenkohliso; ngokuba wona aya kudla, abuthe, kungabikho uwothusayo. |
3 | 14 | Memelela, ntombi inguZiyon: duma, Sirayeli; vuya, udlamke ngentliziyo yonke, ntombi inguYerusalem. |
3 | 15 | UYehova ukususile ukugwetywa kwakho, uzidedisile iintshaba zakho; ukumkani wakwaSirayeli, uYehova, uphakathi kwakho; akusayi kuba sabona bubi. |
3 | 16 | Ngaloo mini baya kuthi kwiYerusalem, Musa ukoyika; Ziyon, mazingawi izandla zakho. |
3 | 17 | UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha elisindisayo; unemihlali ngawe, enovuyo; uthe cwaka eluthandweni lwakhe, ugcoba ngawe ememelela. |
3 | 18 | Ndiya kubahlanganisa abalilela umthendeleko, bengabakuni; ingcikivo ibaphethe. |
3 | 19 | Yabona, ndiya kubenza ngendawo bonke abacinezeli bakho ngelo xesha; ndiyisindise into eqhwalelayo, ndiyihlanganise into egxothiweyo; ndibenze indumiso negama emazweni onke abahlaziswa kuwo. |
3 | 20 | Ngelo xesha ndiya kunizisa, ndinibuthe ngexesha elililo; ngokuba ndiya kunenza nibe negama, nidunyiswe phakathi kwezizwe zonke zehlabathi, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwenu phambi kwamehlo enu; utsho uYehova. |