Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Habakkuk

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti.
12Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi?
13Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano.
14Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile.
15Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa.
16Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo.
17Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo.
18Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla.
19Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi.
110Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi.
111Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo.
112Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamisele ukuba bagwebe; Liwa, ubaseke ukuba bohlwaye.
113Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye?
114Ulwenze ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli.
115Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe.
116Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebe ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo.
117Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na?
21Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam.
22Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo.
23Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva.
24Yabona, ugxalathelene, awuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo.
25Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, enganeliswa, koko ezihlangani sela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke.
26Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso?
27Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo?
28Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
29Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi!
210Uyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wonile kumphefumlo wakho.
211Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo.
212Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha!
213Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo?
214Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle.
215Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe!
216Uya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho.
217Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kokugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke.
218Unceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Unceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge?
219Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, SukĀ’ ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo.
220UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi.
31Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon:
32Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika; Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka, Wazise phakathi kweminyaka; Ekugugumeni kwakho khumbula inceba.
33UThixo uza evela kwaTeman, OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.) Igubungele amazulu indili yakhe, Ihlabathi lizele yindumiso yakhe.
34Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya; Yimithi emacaleni akhe; Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe.
35Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa, Kulandele icesina ezinyaweni zakhe.
36Umi, walishukumisa ihlabathi; Ukhangele, wazishukumisa iintlanga; Zaba nkumenkume iintaba zanini, Zasibekeka iinduli zasephakadeni; Iindlela zakhe yena zisephakadeni.
37Ndibone iintente zakwaKushan zisenkathazweni; Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela.
38Yabe iyimilambo na, Yehova, Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho? Yabe ilulwandle, kusini na, Owaphuphumela lona umsindo wakho, Ukuze nje ukhwele emahasheni akho, Ezinqwelweni zakho zokusindisa?
39Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho; Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.) Ihlabathi uligqobhoza imilambo.
310Zikubonile, ziyankwantya iintaba, Kudlule isiphango samanzi; Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo, Aziphakamisela phezulu izandla zawo.
311Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo, Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo, Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho.
312Ulinyathela ilizwe ubhavuma, Unyhashe iintlanga unomsindo. Uphuma ukuba usindise abantu bakho.
313Ukuba usindise umthanjiswa wakho: Uphaluse intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.)
314Uyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe, Ezigalelekayo zisiza kundichitha; Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni.
315Unyathela ulwandle ngamahashe akho, Isiyaluyalu samanzi amaninzi.
316Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, Umlomo wam wabebezela seso sithonga; Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; Ukuba ndilindele imini yembandezelo, Eza ebantwini oya kubangenela.
317Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini:
318Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.
319Ungamandla am uYehova iNkosi; Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi, Andinyathelise emimangweni yam. Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo.