Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Habakkuk
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | Isihlabo awasibonayo uHabhakuki umprofeti. |
| 1 | 2 | Kunini na, Yehova, ndizibika, ungeva; ndikhala kuwe ndisithi, Ugonyamelo, ungasindisi? |
| 1 | 3 | Yini na ukuba undikhangelise ubutshinga, ukondele okubi? Yimbuqo nogonyamelo phambi kwam; kukho ubambano, kuphakame ingxabano. |
| 1 | 4 | Ngenxa yoko uyekelelwe umyalelo, ukuze kungaveli naphakade okusesikweni; kuba abangendawo bayawarhawula amalungisa; ngenxa yoko okusesikweni kuphuma kujikekile. |
| 1 | 5 | Khangelani phakathi kweentlanga, nondele, ningakhulumi nokukhuluma; ngokuba ndiya kusebenza umsebenzi ngemihla yenu, eningayi kukholwa nguwo, nokuba niyawubaliselwa. |
| 1 | 6 | Kuba, yabonani, ndixhoxha amaKaledi, uhlanga olulugcalagcala, oluyintshakavula; oluhamba nobubanzi behlabathi, ukuze luhluthe amakhaya angewalo. |
| 1 | 7 | Luyadengisa, luyoyikeka; kuphuma kwakulo okusesikweni kwalo, nokuphakama kwalo. |
| 1 | 8 | Anamendu ngaphezu kwezingwe amahashe alo, aqubula ngaphezu kweengcuka zangokuhlwa. Bayaphalisa abamahashe balo; abamahashe balo beza bevela kude, bee tshwebelele njengexhalanga elikhawulezayo ukuza kudla. |
| 1 | 9 | Bonke bephela beza ngokugonyamela; ubuso babo buzamela phambili; bahlanganisa abathinjwa njengentlabathi. |
| 1 | 10 | Bona bacukuceza ookumkani, nezidwangube ziyintlekisa kubo; bona bayazihleka iinqaba zonke; bafumba uthuli, bazithi hlasi. |
| 1 | 11 | Baya kwandula bakhukule ngokomoya, badlule, bazeke ityala; la mandla abe nguthixo wabo. |
| 1 | 12 | Wena akunguye na owasusela kwakumandulo, Yehova, Thixo wam, ungoyiNgcwele wam? Asiyi kufa. Yehova, ubamisele ukuba bagwebe; Liwa, ubaseke ukuba bohlwaye. |
| 1 | 13 | Wena ungomehlo ahlambulukileyo, ukuba angayikhangeli into embi, ukuba ungabi nakukondela okubi; ubondele ngani na ke abanginizi, ukuba uthi cwaka njeongendawo emginya olilungisa kunaye? |
| 1 | 14 | Ulwenze ke uluntu lwanjengeentlanzi zaselwandle, njengezinambuzane ezingenamlawuli. |
| 1 | 15 | Bonke bephela babanyusa ngeqherhu labo; babaqweqwedisa ngomnatha wabo, babahlanganise ngomnathakazi wabo; ngenxa yoko bayavuya, bagcobe. |
| 1 | 16 | Ngenxa yoko babingelela kumnatha wabo, baqhumisele kumnathakazi wabo; kuba sityebe ngezo zinto isahlulo sabo, nokudla kwabo kwaba ngamanqatha ngazo. |
| 1 | 17 | Baya kuwukhuphela na ngenxa yoko umnatha wabo, bahlale bebulala iintlanga, bangacongi na? |
| 2 | 1 | Ndiya kuma emboniselweni yam, ndizibeke phezu kwenqaba, ndibonisele, ukuba ndiyibone into aya kuyithetha kum, nento endiya kuphendula yona ngenxa yesimangalo sam. |
| 2 | 2 | Wandiphendula ke uYehova, wathi, Bhala umbono, uwukrole kakuhle emacwecweni, ukuze abaleke owulesayo. |
| 2 | 3 | Kuba umbono usaya kuba ngowexesha elimisiweyo, ukhawulezela ekupheleni, angathethi wona amanga; ukuba uthe wazilazila, wulinde, kuba uya kuza, awuyi kubuya umva. |
| 2 | 4 | Yabona, ugxalathelene, awuthe tye, umphefumlo wakhe phakathi kwakhe; ke lona ilungisa liya kudla ubomi ngokholo lwalo. |
| 2 | 5 | Naphezu koko, iwayini ngumtshinizisi, umfo okhukhumeleyo, akahlali; yena owandisileyo umbilini wakhe njengelabafileyo, abe enjengokufa, enganeliswa, koko ezihlangani sela kuye iintlanga zonke, azibuthele kuye izizwe zonke. |
| 2 | 6 | Aziyi kuwenza umzekeliso ngaye yini na, zonke ezo ziphela, zimkwekwele, zimntsonkothele, zisithi, Uha, lowo wandisa okungekwakhe! (kunini na?) esenjenjalo ezisindanisa ngezibambiso? |
| 2 | 7 | Abakudlayo abayi kusuka beme ngesiquphe yini na, bavuke abakuqungaqungayo, ube ngamaxhoba kubo? |
| 2 | 8 | Ekubeni wena ubhunyule iintlanga ezininzi, aya kukubhunyula onke amasalela ezizwe, ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke. |
| 2 | 9 | Yeha, oyizuzela indlu yakhe inzuzo embi, ukuze ayakhele phezulu indlu yakhe, ukuze azihlangule esandleni sobubi! |
| 2 | 10 | Uyicebele ihlazo indlu yakho, ngokunqamla izizwe ezininzi; wonile kumphefumlo wakho. |
| 2 | 11 | Ngokuba ilitye eliseludongeni liya kukhala, nomqadi womthi usabele kulo. |
| 2 | 12 | Yeha ke, owakha umzi ngamagazi, oqinisa umzi ngobugqwetha! |
| 2 | 13 | Yabona, akuphumi kuYehova wemikhosi na ukuthi izizwe zizixhamlele umlilo, izizwe zizityhafisele okulambathayo? |
| 2 | 14 | Kuba ihlabathi liya kuzala kukwazi ubuqaqawuli bukaYehova, njengamanzi egubungele ulwandle. |
| 2 | 15 | Yeha, wena useza ummelwane wakho, usongezelela ubushushu bakho kuye, umnxilisa nokumnxilisa, ukuze ubondele ubuze bakhe! |
| 2 | 16 | Uya kuhluthiswa ngocukucezo, kungabi luzuko; sela nawe, kubonakale ukungaluki kwakho. Iya kujikela kuwe indebe yesokunene isandla sikaYehova, ucukucezo olukhulu lube phezu kozuko lwakho. |
| 2 | 17 | Ngokuba ukuyigonyamela kwakho iLebhanon kokugubungela; nokuchithachitha kwakho iinyamakazi, okwaziqhiphula umbilini; ngenxa yamagazi oluntu, nangenxa yokuligonyamela kwakho ilizwe, nomzi, nabemi bawo bonke. |
| 2 | 18 | Unceda ntoni na umfanekiso oqingqiweyo, ukuba awuqingqe nje umenzi wawo? Unceda ntoni na otyhidiweyo, nomyali wobuxoki, ukuba umyili wento ayiyilileyo akholose nje ngayo, ukuze enze izinto ezingento, ezizidenge? |
| 2 | 19 | Uha, kothi emthini, Vuka! athi kwilitye elithe cwaka, SukĀ ume! Lingayala na? Nalo, lifakwe egolideni nasesilivereni; akukho nto ingumoya phakathi kwalo. |
| 2 | 20 | UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele; malithi tu ebusweni bakhe lonke ihlabathi. |
| 3 | 1 | Umthandazo kaHabhakuki umprofeti, ngeshigayon: |
| 3 | 2 | Yehova, ndiluvile udaba lwakho, ndoyika; Yehova, wuphilise umsebenzi wakho phakathi kweminyaka, Wazise phakathi kweminyaka; Ekugugumeni kwakho khumbula inceba. |
| 3 | 3 | UThixo uza evela kwaTeman, OyiNgcwele evela ezintabeni zaseParan. (Phakamisani.) Igubungele amazulu indili yakhe, Ihlabathi lizele yindumiso yakhe. |
| 3 | 4 | Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya; Yimithi emacaleni akhe; Kulapho ke ukuzimela kwamandla akhe. |
| 3 | 5 | Phambi kwakhe kuhamba indyikitya yokufa, Kulandele icesina ezinyaweni zakhe. |
| 3 | 6 | Umi, walishukumisa ihlabathi; Ukhangele, wazishukumisa iintlanga; Zaba nkumenkume iintaba zanini, Zasibekeka iinduli zasephakadeni; Iindlela zakhe yena zisephakadeni. |
| 3 | 7 | Ndibone iintente zakwaKushan zisenkathazweni; Amalengalenga elizwe lakwaMidiyan adidizela. |
| 3 | 8 | Yabe iyimilambo na, Yehova, Yabe iyimilambo, kusini na, owavutha ngayo na umsindo wakho? Yabe ilulwandle, kusini na, Owaphuphumela lona umsindo wakho, Ukuze nje ukhwele emahasheni akho, Ezinqwelweni zakho zokusindisa? |
| 3 | 9 | Sizihlubile sazihluba isaphetha sakho; Zifungelwe ilizwi iintonga zokohlwaya. (Phakamisani.) Ihlabathi uligqobhoza imilambo. |
| 3 | 10 | Zikubonile, ziyankwantya iintaba, Kudlule isiphango samanzi; Amanzi anzongonzongo akhupha isandi sawo, Aziphakamisela phezulu izandla zawo. |
| 3 | 11 | Latshona ilanga nenyanga ekhayeni lazo, Ngokukhanya kweentolo zakho ezihambayo, Ngobumhlophe bokubengezela kwezikhali zakho. |
| 3 | 12 | Ulinyathela ilizwe ubhavuma, Unyhashe iintlanga unomsindo. Uphuma ukuba usindise abantu bakho. |
| 3 | 13 | Ukuba usindise umthanjiswa wakho: Uphaluse intloko endlwini yongendawo, Usihlube isiseko sakhe, ude use entanyeni. (Phakamisani.) |
| 3 | 14 | Uyihlaba ngeentonga zakhe intloko yezimpi zakhe, Ezigalelekayo zisiza kundichitha; Ezikuvuyelela kwazo ngathi ziza kudla olusizana entsithelweni. |
| 3 | 15 | Unyathela ulwandle ngamahashe akho, Isiyaluyalu samanzi amaninzi. |
| 3 | 16 | Ndithe ndakuva, saxuxuzela isisu sam, Umlomo wam wabebezela seso sithonga; Kwangena impehla emathanjeni am, ndagungqa apho ndimi khona; Ukuba ndilindele imini yembandezelo, Eza ebantwini oya kubangenela. |
| 3 | 17 | Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, Kungabikho ndyebo emidiliyeni; Nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, Amasimi angabi nakudla, Iphele esibayeni impahla emfutshane, Kungabikho nkomo esitalini: |
| 3 | 18 | Mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, Ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam. |
| 3 | 19 | Ungamandla am uYehova iNkosi; Uzenza iinyawo zam, zibe njengezamaxhamakazi, Andinyathelise emimangweni yam. Kumongameli owokubethelwa izinto ezineentambo. |