Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Obadiah

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Umbono kaObhadiya. Itshilo iNkosi uYehova ngokusingisele kwelakwaEdom, ukuthi, Sive udaba oluvela kuYehova, kuthunywe isigidimi ezintlangeni sokuthi, Suka nime, sisukele phezulu kulo, silwe nalo.
12Yabonani, ndikwenze wamncinane ezintlangeni, udelekile kakhulu.
13Ukukhukhumala kwentliziyo yakho kukulukuhlile, wena uhleliyo emfanteni wengxondorha, okhaya liphezulu, othi entliziyweni yakhe, Ngubani na oya kundihlisela ehlabathini?
14Ukuba uthe wakhela phezulu njengexhalanga, nokuba ithe indlu yakho yabekwa phakathi kweenkwenkwezi, ndokuhlisa nalapho; utsho uYehova.
15Ukuba amasela ebethe eza kuwe, ukuba amanyangaza ebethe eza ebusuku (hayi, ukunqunyulwa kwakho!), ebengayi kuba anele na? Ukuba babethe beza kuwe abavuni beediliya, babengayi kushiya okungabhikicwayo na?
16Hayi, ukuphengululeka kwezinto zakwaEsawu! Hayi ukukhanukwa kwezinto zakhe eziqhushekiweyo!
17Onke amadoda abenqophisene nawe akukhaphile, ada esa emdeni; akulukuhlile, akweyisile amadoda abexolelene nawe. Isonka sakho asenze inxeba okulalwa ngalo, phantsi kwakho. Akukho kuqonda kuye.
18Andiyi kuthi na ngaloo mini, utsho uYehova, ndizitshabalalise izilumko kwaEdom, neengqondi ezintabeni zakwaEsawu?
19Aya kuqhiphuka umbilini amagorha akho, Teman, ukuze banqanyulwe bonke ezintabeni zakwaEsawu ngokubulawa.
110Ngenxa yokumgonyamela kwakho umninawa wakho uYakobi, kuya kukugubungela ukudana, unqanyulwe ngonaphakade.
111Ngemini owabumi malunga naye, mini abasemzini bathimba ubutyebi bakhe, abolunye uhlanga beza emasangweni akhe, bayenzela amaqashiso iYerusalem: nawe wawunjengomnye wabo.
112Musa ukukhangela kwimini yomninawa wakho ngemini yeshwangusha lakhe, ungabavuyeleli oonyana bakaYuda ngemini yenkxwaleko yabo; ungasineki ngemini yembandezelo.
113Musa ukungena esangweni labantu bam ngemini yeshwangusha labo, ungakhangeli nawe ebubini babo ngemini yeshwangusha labo, ungasi sandla ebutyebini babo ngemini yeshwangusha labo.
114Musa ukuma ekwahlukaneni kweendlela, ukuze unqumle abasabayo bakubo; ungabanikeli abaseleyo bakubo ngemini yembandezelo.
115Ngokuba isondele imini kaYehova kuzo zonke iintlanga. Njengoko wenze ngako, kuya kwenjiwa njalo kuwe; okwenzileyo kuya kubuyela entlokweni yakho.
116Ngokuba njengoko nisele ngako entabeni yam engcwele, ziya kuhlala zisela ngokunjalo zonke iintlanga, zisele zibizele, zibe njengabangabangakho.
117Ke, entabeni yeZiyon kuya kubakho okusindileyo, kube yingcwele; indlu kaYakobi izihluthe iindawo eyazihluthwayo.
118Indlu kaYakobi iya kuba ngumlilo, nendlu kaYosefu ibe lilangatye; indlu kaEsawu ibe ziindiza, batshise phakathi kwabo, babadle, kungabikho usalayo wasendlwini kaEsawu; ngokuba uYehova uthethile.
119Abakwelasezantsi bozithimba iintaba zakwaEsawu; nabasezithabazini bahluthe amaFilisti; bahluthe isisimi sakwaEfrayim, nesisimi sakwaSamari; uBhenjamin ahluthe elaseGiliyadi.
120Abathinjwa bakule mpi yonyana bakaSirayeli baya kubahlutha abangamaKanan, bade base eTsarefa, abathinjwa baseYerusalem abaseSefaradi bahluthe imizi yelasezantsi.
121Konyuka abasindisi entabeni yeZiyon, ukuze bazigwebe iintaba zakwaEsawu, ubukumkani bube bobu kaYehova.