Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Amos
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo. |
| 1 | 2 | Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enze isijwili, incopho yeKarmele yome. |
| 1 | 3 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeDamasko, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuba bambhulayo uGiliyadi ngezibhulo zesinyithi: |
| 1 | 4 | ndiya kuphosa umlilo endlwini kaHazayeli, utshise iingxande ezinde zikaBhen-hadade. |
| 1 | 5 | Ndowaphula umvalo weDamasko, ndinqumle ummi wasesihlanjeni seAven, nophethe intonga yobukumkani eBhete-eden; bathinjwe abantu bakwa-Aram, baye eKire; utsho uYehova. |
| 1 | 6 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeGaza, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuthimba kwabo abathinjwa ngokuzeleyo, ukuze babanikele kuEdom: |
| 1 | 7 | ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweGaza, utshise iingxande zayo ezinde. |
| 1 | 8 | Ndomnqumla omiyo eAshdode, nophethe intonga yobukumkani eAshkelon; ndisibuyisele isandla sam phezu kwe-Ekron, atshabalale amasalela amaFilisti; itsho iNkosi uYehova. |
| 1 | 9 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zeTire, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokubanikela kwabo abathinjwa bephelele kuEdom, abawukhumbula umnqophiso wobuzalwana: |
| 1 | 10 | ndiya kuthumela umlilo eludongeni lweTire, utshise iingxande zayo ezinde. |
| 1 | 11 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaEdom, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokumsukelisa kwakhe umzalwana wakhe ngekrele, eyilahlile imfesane yakhe, umsindo wakhe uhlala uqwenga, emana egcine ukuphuphuma komsindo wakhe: |
| 1 | 12 | ndiya kuthumela umlilo kwaTeman, utshise iingxande ezinde zaseBhotsera. |
| 1 | 13 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zoonyana baka-Amon, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuqangqulula kwabo abamithiyo baseGiliyadi, ukuze bandise umda wabo: |
| 1 | 14 | ndiya kubasa umlilo eludongeni lweRabha, utshise iingxande zayo ezinde, kuhlatywa umkhosi ngemini yokulwa, kukho umoya ovuthuzayo ngemini yesaqhwithi. |
| 1 | 15 | Uya kuthinjwa emke ukumkani wabo, yena nabathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova. |
| 2 | 1 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaMowabhi, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuwatshisa kwakhe amathambo ookumkani bakwaEdom, aba yikalika: |
| 2 | 2 | ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kuphithizelwa, kuhlatywa umkhosi, kuvuthelwa izigodlo. |
| 2 | 3 | Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova. |
| 2 | 4 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le ntongenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, abayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, abandwendwisa: |
| 2 | 5 | ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem. |
| 2 | 6 | Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yezineandiyi kuyibuyisa umva le nto ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini; |
| 2 | 7 | bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele; |
| 2 | 8 | banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo. |
| 2 | 9 | Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare, obeliqele njengemioki; ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi. |
| 2 | 10 | Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mane, ukuze nilihluthe ilizwe lomAmori. |
| 2 | 11 | Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, akunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. |
| 2 | 12 | Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti. |
| 2 | 13 | Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu. |
| 2 | 14 | Wokhohlwa kukusaba onamendu, owomeleleyo angawaqinisi amandla akhe, igorha lingabusindisi ubomi balo. |
| 2 | 15 | Nophethe isaphetha akayi kumisa, nonyawo zinamendu angazisindisi, nokhwele ehasheni angabusindisi ubomi bakhe; |
| 2 | 16 | nontliziyo ikhaliphileyo phakathi kwamagorha asabe eze ngaloo mini; utsho uYehova. |
| 3 | 1 | Liveni eli lizwi alithethileyo uYehova ngani, nyana bakaSirayeli, ngayo yonke imizalwane endayinyusayo ezweni laseYiputa, lisithi, |
| 3 | 2 | Ndaze nina nedwa emizalwaneni yonke yehlabathi; ngenxa yoko ndiya kubuvelela kuni ubugwenxa benu bonke. |
| 3 | 3 | Bakha bahambe ndawonye na ababini, bengavani? |
| 3 | 4 | Ikha ibharhule na ingonyama ehlathini, ingenanto iyiqwengayo? Ingonyama entsha ikha igqume na emqolombeni wayo, ingabambanga nto? |
| 3 | 5 | Ikha yeyele na intaka esibatheni emhlabeni, kungekho sango liyithiyeleyo? Wojuba na umgibe emhlabeni, ungabambisanga nokubambisa? |
| 3 | 6 | Khona khe sivuthelwe na isigodlo phakathi komzi, bangothuki abantu? Khe bubekho na ububi phakathi komzi, engabenzanga uYehova? |
| 3 | 7 | Inene, ayikhe yenze into iNkosi uYehova, ingathanga iluhlakaze ucweyo lwayo kubakhonzi bayo abaprofeti. |
| 3 | 8 | Ingonyama ibharhule, ngubani na ongoyikiyo? INkosi uYehova ithethile, ngubani na ongayi kuprofeta. |
| 3 | 9 | Memezani ezingxandeni ezinde zaseAshdode, nasezingxandeni ezinde zezwe laseYiputa, nithi, Hlanganisani ezintabeni zelakwaSamari, nibone isaqunge esikhulu esiphakathi kwalo, nabacudisiweyo abasesazulwini salo. |
| 3 | 10 | Kuba abakwazi ukwenza okuthe gca, utsho uYehova, abo bafumba ugonyamelo nobhuqo ezingxandeni zabo ezinde. |
| 3 | 11 | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umbandezeli uya kuba ngeenxa zonke elizweni; uya kuwathoba amandla akho kuwe, ziphangwe iingxande zakho ezinde. |
| 3 | 12 | Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba umalusi ehlangula emlonyeni wengonyama ooxhongo ababini, nokuba sisiqwenga sendlebe, baya kwenjiwa njalo ukuhlangulwa oonyana bakaSirayeli, abahlala kwaSamari phezu kwephundu lesingqengqelo, naphezu kweengubo zomandlalo eziluhlobo lweDamasko. |
| 3 | 13 | Yivani, ningqine kwindlu kaYakobi; itsho iNkosi uYehova, uThixo wemikhosi. |
| 3 | 14 | Kuba, mini ndiya kuzivelela izikreqo zendlu kaSirayeli phezu kwayo, ndiya kuzivelela ezibingelelweni zaseBheteli, zixakaxwe iimpondo zesibingelelo, ziwe emhlabeni. |
| 3 | 15 | Ndoyichitha indlu yasebusika, kunye nendlu yasehlotyeni, zitshabalale izindlu zeempondo zeendlovu, ziphele izindlu ezininzi; utsho uYehova. |
| 4 | 1 | Liveni eli lizwi, nina zimazi zaseBhashan, zisezintabeni zakwaSamari, zizicudisayo izisweli, ziwavikivayo amahlwempu, zithi ezinkosini zazo, Zisani sisele. |
| 4 | 2 | INkosi uYehova ifunge ubungcwele bayo, yathi, Yabonani, nizelwa yimihla eniya kuqweqwediswa ngamagwegwe, nabokugqibela kuni ngamaqerhu okubambisa iintlanzi. |
| 4 | 3 | Niya kuphuma ngamathuba okuqhekezwa kodonga, elowo aphume ngelilunge naye, niye kuphoswa eHarmon; utsho uYehova. |
| 4 | 4 | Yiyani eBheteli nikreqe; yiyani eGiligali, nandise ukukreqa; nizise imibingelelo yenu imiso ngemiso, nezishumi zenu kanye ngemihla emithathu; |
| 4 | 5 | niqhumisele umbingelelo wemibulelo ngento enegwele, nimemeze imibingelelo yokuqhutywa yintliziyo; memezani, kuba nithanda njalo, nyana bakaSirayeli; itsho iNkosi uYehova. |
| 4 | 6 | Kananjalo mna ndininike ubumsulwa bamazinyo emizini yenu yonke, nokusweleka kwesonka ezindaweni zenu zonke; anibuyanga nize kum noko; utsho uYehova. |
| 4 | 7 | Kananjalo mna ndayithintela imvula kuni, zisentathu iinyanga zokuba kuvunwe; ndayinisa komnye umzi, andayinisa komnye; esinye isahlulo somhlaba sanelwa yimvula, esinye isahlulo esinganelwanga satsha; |
| 4 | 8 | imizi emibini, emithathu, ibhadulele kumzi omnye, ukuze isele amanzi ingakholwa; anabuya nize kum noko; utsho uYehova. |
| 4 | 9 | Ndanibetha ngembabala nangexoshomba; imiyezo yenu nezidiliya zenu, nemikhiwane yenu, neminquma yenu emininzi, yadliwa yinkumbi enqunquthayo; anabuya nize kum noko utsho uYehova. |
| 4 | 10 | Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa, ngokuya kwaseYiputa, ndawabulala ngekrele amadodana enu, kwanamahashe enu angamaxhoba, ndanyusa ukunuka kweminquba yenu, kweza ezimpumlweni zenu; anabuya nize kum noko; utsho uYehova. |
| 4 | 11 | Ndibabhukuqile abanye benu, njengoko wabhukuqa ngako uThixo iSodom neGomora, naba njengesikhuni esinyothulwe emlilweni; anabuya nize kum noko; utsho uYehova. |
| 4 | 12 | Ngako oko ndiya kwenjenje kuwe, Sirayeli; ngokokuba ndiya kwenjenje ke kuwe, zilungiselele ukuhlangabeza uThixo wakho, Sirayeli. |
| 4 | 13 | Ngokuba, yabona, uloyila iintaba, ulodala umoya, uloxelela umntu into okuyiyo ukuthelekelela kwakhe, ulowenza mnyama isifingo, ulonyathela phezu kwemimango yehlabathi: nguYehova uThixo wemikhosi, igama lakhe. |
| 5 | 1 | Liveni eli lizwi ndiliphakamisayo ngani, esi simbonono, ndlu kaSirayeli. |
| 5 | 2 | Iwile, ayisayi kubuya ivuke intombi enguSirayeli; ikhahleleke emhlabeni, akukho uyiphakamisayo, |
| 5 | 3 | Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Umzi ophuma unewaka, uya kusala nekhulu; ophuma unekhulu, uya kusala neshumi kwindlu kaSirayeli. |
| 5 | 4 | Ngokuba utsho uYehova kwindlu kaSirayeli, ukuthi, Quqelani kum, niphile; |
| 5 | 5 | musani ukuquqela eBheteli, ningangeni eGiligali, ningaweleli niye eBher-shebha; kuba iGiligali, inene, iya kuthinjwa, neBheteli ibe yinto engeyakonto. |
| 5 | 6 | Quqelani kuYehova, naniya kuphila; hleze ayifikele indlu kaYosefu njengomlilo, utshise, kungabikho uwucimela iBheteli, |
| 5 | 7 | nina abo bajika okusesikweni kube ngumhlonyane, babukhahlele phantsi ubulungisa emhlabeni. |
| 5 | 8 | Quqelani kulowenza isiLimela namaKroza, uloguqula ithunzi lokufa libe ngumso, imini ayenze mnyama, ibe bubusuku; ulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu komhlaba: nguYehova igama lakhe. |
| 5 | 9 | Ngulotshangazisa imbuqo phezu koliqele, imbuqo iyifikele inqaba. |
| 5 | 10 | Bayamthiya owohlwayayo esangweni, bamenze isikizi othetha okugqibeleleyo. |
| 5 | 11 | Ngako oko, ngenxa yokusigqusha kwenu isisweli, nithabathe kuso unikelo lwengqolowa, niya kwakha izindlu ngamatye aqingqiweyo, ningahlali kuzo; nityale izidiliya ezinqwenelekayo, ningaseli wayini yazo. |
| 5 | 12 | Kuba ndiyazazi izikreqo zenu ukuba zininzi kwazo, nezono zenu ukuba zikhulu kwazo; nibandezela ilungisa, nisamkele isicengo, nisijike isigwebo samahlwempu esangweni. |
| 5 | 13 | Ngako oko, onengqiqo uthe cwaka ngeli xesha; kuba lixesha elibi eli. |
| 5 | 14 | Funani okulungileyo, ningafuni okubi, ukuze niphile; aze uYehova, uThixo wemikhosi, abe nani, njengoko nitshoyo. |
| 5 | 15 | Thiyani okubi, nithande okulungileyo, nimise okusesikweni esangweni; mhlawumbi uYehova, uThixo wemikhosi, wowababala amasalela kaYosefu. |
| 5 | 16 | Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, iNkosi, ukuthi, Ezindaweni zonke zembutho kukumbambazela; ezitratweni zonke bathi, Yoo! yoo! Babizela umlimi esijwilini, babizela abasaziyo isimema, bathi, Mbambazelani. |
| 5 | 17 | Ezidiliyeni zonke kukumbambazela, ngokuba ndicanda esazulwini sakho; utsho uYehova. |
| 5 | 18 | Yeba ke, nina banqwenela imini kaYehova! Iyintoni na imini kaYehova kuni? Ibubumnyama, ayikukukhanya. |
| 5 | 19 | Injengokuthi umntu abaleke engonyameni, aqubisane nebhere; angene endlwini, abambelele ngesandla eludongeni, inyoka imlume. |
| 5 | 20 | Ayiyi kuba bubumnyama yini na imini kaYehova, ingabi kukukhanya? Ayiyi kuba sisithokothoko, yini na, ingabi nabumhlophe? |
| 5 | 21 | Ndiyithiyile, ndiyayicekisa imithendeleko yenu; andilisezeli ivumba lengqungquthela. |
| 5 | 22 | Ngokuba, xa nithe nandinyusela amadini anyukayo, neminikelo yenu yokudla, akakholeki kum; nombingelelo wenu woxolo wamathole atyetyisiweyo andiwubheki. |
| 5 | 23 | Yisuse kum ingxokozelo yeengoma zakho, nokubetha kwemirhubhe yakho andikuphulaphuli. |
| 5 | 24 | Makugaleleke umgwebo njengamanzi, nobulungisa njengomlambo ongatshiyo. |
| 5 | 25 | Imibingelelo neminikelo yokudla naniyizisa kum yini na entlango, iminyaka emashumi mane, ndlu kaSirayeli? |
| 5 | 26 | Nasuka nathwala umnquba wokumkani wenu, noseko lwemifanekiso yenu, inkwenkwezi yoothixo benu, enazenzelayo. |
| 5 | 27 | Ndiya kuni fudusela kude ke ngaphaya kweDamasko; utsho uYehova; nguThixo wemikhosi igama lakhe. |
| 6 | 1 | Yeha ke abatyeshileyo eZiyon, nabakholose ngentaba yakwaSamari; abadumileyo ngamagama kwintlahlela yeentlanga, eza kubo indlu kaSirayeli! |
| 6 | 2 | Welelani eKalene, nibone; nisuke khona niye eHamati enkulu, nihle niye eGati yamaFilisti; ukuba ilungile na loo mizi kunezikumkani; ukuba mikhulu na imida yayo kunemida yenu. |
| 6 | 3 | Nina, baba imini yokubi ikude, basondeza isihlalo sogonyamelo; |
| 6 | 4 | nina, balele ezingqengqelweni zeempondo zeendlovu, banabe emandlalweni yabo, badle amatakane emhlambini, namathole asesitalini; |
| 6 | 5 | nina, baphololoza kukubetha umrhubhe, bazicingela ukwenza izinto zokuvuma njengoDavide; |
| 6 | 6 | nina, baseli bewayini ngezitya zokutshiza zemibingelelo, bazithambise ngentlahlela yeoli, bangahlabeki kukwaphuka kukaYosefu. |
| 6 | 7 | Ngako oko baya kuthinjwa bemke ngoku, kwasentloko kubathinjwa, iphele ingxobotshane yabanabileyo. |
| 6 | 8 | INkosi uYehova izifungile, utsho uYehova, uThixo wemikhosi; yathi, Lisikizi kum iqhayiya likaYakobi, ndizithiyile iingxande zakhe ezinde; ngako oko ndowunikela umzi nenzaliseko yawo. |
| 6 | 9 | Kuya kuthi, ukuba kuthe kwasala amadoda alishumi ndlwini-nye, afe. |
| 6 | 10 | Umntu wophakanyiswa nguyisekazi, umngcwabi wakhe, ukuba awakhuphe amathambo akhe endlwini, athi kosentla endlwini, Kusekho na okuwe? athi lowo, Akusekho nto; wothi yena, Thwize; ngokuba alingekhankanywa igama likaYehova. |
| 6 | 11 | Ngokuba, uyabona, uYehova uwisa umthetho, bayibethe indlu enkulu ibe ngamavithi, nendlu encinane ibe ziintanda. |
| 6 | 12 | Amahashe ayabaleka na phezu kweengxondorha? bayalima na khona ngeenkomo? ukuba nikujike nje okusesikweni kube bubuhlungu, nesiqhamo sobulungisa sibe ngumhlonyane; |
| 6 | 13 | nina bavuyela okungelutho; bathi, Sizenzela iimpondo ngawethu amandla. |
| 6 | 14 | Ke yabonani, ndinivusela uhlanga, ndlu kaSirayeli; utsho uYehova, uThixo wemikhosi; luya kunixina, luthabathele ekuyiweni eHamati, luse esihlanjeni seArabha. |
| 7 | 1 | Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Yabona, idala imiqikela yeenkumbi ekuqalekeni kokuhluma kwesihlabane sotyani; naso isihlabane eso, emva kokusikelwa kokumkani ingca. |
| 7 | 2 | Kwathi, yakugqiba ukuyidla imifuno yelizwe, ndathi mna, Nkosi Yehova, khawuxolele; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena. |
| 7 | 3 | Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Oko akuyi kubakho; watsho uYehova. |
| 7 | 4 | Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso iNkosi uYehova ibiza umlilo, ukuba yohlwaye ngawo; wawagqiba amanzi amaninzi enzonzobila, wasitshisa isahlulo sehlabathi. |
| 7 | 5 | Ndathi, Nkosi Yehova, khawuyeke; wothini na uYakobi ukuma? kuba mncinane yena. |
| 7 | 6 | Wazohlwaya uYehova ngenxa yoko: Nako oko akuyi kubakho; itsho iNkosi uYehova. |
| 7 | 7 | Yenjenje ukundibonisa: Nantso iNkosi imi eludongeni olumpuluswa, iphethe ngesandla ilothe yokulungelelanisa. |
| 7 | 8 | UYehova wathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ilothe yokulungelelanisa. Yathi iNkosi, Yabona, ndibeka ilothe esazulwini sabantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo. |
| 7 | 9 | Ziya kuchithwa iziganga zakwaIsake, zibengamanxuwa iingcwele zakwaSirayeli, ndisukele phezulu kwindlu kaYarobheham ngekrele. |
| 7 | 10 | UAmatsiya, umbingeleli waseBheteli, wathumela kuYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Ukucebile uAmosi esazulwini sendlu kaSirayeli; ilizwe alinakuwanyamezela onke amazwi akhe. |
| 7 | 11 | Ngokuba uAmosi utsho ukuthi, Uya kufa likrele uYarobheham, amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo. |
| 7 | 12 | Wathi uAmatsiya kuAmosi, Mboni, hamba, urhole uye ezweni lakwaYuda, udle khona isonka sakho, uprofete khona; |
| 7 | 13 | kodwa uze ungabi saphinda uprofete eBheteli, kuba yingcwele yokumkani khona, yindlu yakomkhulu leyo. |
| 7 | 14 | Waphendula uAmosi, wathi kuAmatsiya, Andimprofeti, andinyana wamprofeti; ndingumalusi weenkomo, ndingumbuthi weziqhamo zomthombe. |
| 7 | 15 | Kuba uYehova wandithabatha ndisalusa umhlambi, uYehova wathi kum, Yiya uprofete kubantu bam amaSirayeli. |
| 7 | 16 | Ngoko ke live ilizwi likaYehova. Uthi wena, Akuyi kuprofeta kumaSirayeli, akuyi kuwisa ntetho kwindlu kaIsake. |
| 7 | 17 | Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Umfazi wakho uya kuhenyuza phakathi komzi, bawe likrele oonyana bakho neentombi zakho; umhlaba wakho wabiwe ngolutya, ke wena ufele emhlabeni oyinqambi; amaSirayeli aya kuthinjwa, afuduswe emke elizweni lawo. |
| 8 | 1 | Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni. |
| 8 | 2 | Yathi kum, Ubona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ingobozi, ineziqhamo zasehlotyeni. Wathi uYehova kum, Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo. |
| 8 | 3 | Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize! |
| 8 | 4 | Yivani oku, nina bawazondayo amahlwempu, ukuba nibaphelise abaziintsizana belizwe, nisithi, |
| 8 | 5 | Kuya kugqitha nini na ukuthwasa kwenyanga, sithengise ngengqolowa? Iya kugqitha nini na isabatha, sivule izisele zengqolowa, ukuze sinciphise iefa, sikhulise ishekele, sigqwethe isikali, sibe sesokukhohlisa? |
| 8 | 6 | ukuze sizithenge izisweli ngesilivere, namahlwempu ngeembadada ezimbini, sithengise ngomdlungu wengqolowa? |
| 8 | 7 | Ulifungile uYehova iqhayiya likaYakobi, esithi, Inyaniso, andiyi kuzilibala naphakade izenzo zabo zonke. |
| 8 | 8 | Aliyi kugungqa na ngenxa yoku ilizwe, benze isijwili bonke abemiyo kulo? aliyi kunyuka na lonke liphela njengoMnayile, lisuke amadlu, liwuthe njengoMnayile waseYiputa? |
| 8 | 9 | Kothi ngaloo mini, itsho iNkosi uYehova, ndilitshonise ilanga emini enkulu, ndenze ubumnyama ehlabathini ngemini elisileyo. |
| 8 | 10 | Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra. |
| 8 | 11 | Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova. |
| 8 | 12 | Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani. |
| 8 | 13 | Ngaloo mini uya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano. |
| 8 | 14 | Bona abo bafunga ityala lakwaSamari; bathi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bathi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka. |
| 9 | 1 | Ndayibona iNkosi imi ngasesibingeleweni. Yathi, Zibethe iinqanam, inyikime imigubasi yomnyango, uziqobe ezo zinto, ziwe entlokweni yabo bonke bephela, ndibabulale abokugqibela babo ngekrele. Osabayo kubo akasayi kusinda, angasindi nokuzisindisa kubo. |
| 9 | 2 | Ukuba bathe bagqobhozela elabafileyo, sobathabatha nakhona isandla sam; nokuba bathe benyuka baya ezulwini, ndobahlisa nakhona. |
| 9 | 3 | Nokuba bathe bazimela encotsheni yeKarmele, ndofuna, ndibathabathe nalapho; nokuba bathe bazisithelisa phambi kwamehlo am emazantsi olwandle, ndoyiwisela umthetho nalapho inyoka, ibalume. |
| 9 | 4 | Nokuba bathe bathinjwa phambi kweentshaba zabo, ndoliwisela umthetho nalapho ikrele, libabulale, ndiwamise kubo amehlo am, ukuba kube kubi, kungalungi. |
| 9 | 5 | INkosi uYehova wemikhosi ngulophatha ilizwe, linyibilike, benze isijwili bonke abemiyo kulo; linyuke lonke liphela njengoMnayile, libuye liwuthe njengoMnayile waseYiputa; |
| 9 | 6 | ngulowakhela emazulwini amagumbi akhe aphezulu, nophahla lwawo alusekele phezu kwehlabathi; ngulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu kwehlabathi: nguYehova igama lakhe. |
| 9 | 7 | Aninjengoonyana bamaKushi na kum, nina nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. Andiwanyusanga na amaSirayeli ezweni laseYiputa, amaFilisti eKafetori, ama-Aram eKire? |
| 9 | 8 | Yabonani, amehlo eNkosi uYehova asebukumkanini obonayo, ndibutshabalalise, bungabikho phezu komhlaba; kodwa andiyi kuyitshabalalisa iphele indlu kaYakobi; utsho uYehova. |
| 9 | 9 | Ngokuba, yabonani, ndiwisa umthetho, ndiyihlungule indlu kaSirayeli ezintlangeni zonke, njengoko kuhlungulwa ingqolowa ngesihlungulo, kungawi nokhozo emhlabeni. |
| 9 | 10 | Baya kufa ngekrele bonke aboni babantu bam; abo bathi, Abuyi kusifumana, abuyi kusithintela ububi. |
| 9 | 11 | Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umnquba kaDavide, lowo uwileyo, ndizivingce iintanda zawo, ndizivuse iindawo zawo ezigungxulweyo, ndiwakhe ube njengokwemihla yamandulo; |
| 9 | 12 | ukuze bawathimbe amasalela akwaEdom, neentlanga zonke, ezibizwa ngegama lam; utsho uYehova okwenzayo oku. |
| 9 | 13 | Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike. |
| 9 | 14 | Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo. |
| 9 | 15 | Ndobatyala emhlabeni wabo, bangabi sanyothulwa emhlabeni wabo endabanikayo; utsho uYehova uThixo wakho. |