Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Joel
Xhosa Bible | ||
Chapter # | Verse # | Verse Detail |
1 | 1 | Ilizwi likaYehova elafika kuYoweli, unyana kaPetuweli. |
1 | 2 | Yivani oku, nina madoda makhulu, nibeke iindlebe, nonke bemi belizwe; kwakha kwakho na oku ngemihla yenu, nangemihla yooyihlo? |
1 | 3 | Kuxeleni koonyana benu, oonyana benu bakuxele koonyana babo, oonyana babo bakuxele kwisizukulwana esisemva kwabo. |
1 | 4 | Okushiywe ngumqikela kudliwe yinkumbi, okushiywe yinkumbi kudliwe ngumkhothululi, okushiywe ngumkhothululi kudliwe ngumnqunquthi. |
1 | 5 | Vukani, manxila, nilile; bhombolozani, nonke baseli bewayini, ngenxa yencindi yewayini; kuba inqunyulwe emlonyeni wenu. |
1 | 6 | Kuba ezweni lakowethu kunyuke uhlanga olunamandla, olungenakubalwa; amazinyo alo ngamazinyo engonyama, nawemihlathi alo ngawengonyamakazi. |
1 | 7 | Luwubhuqile umdiliya wam, lwawuvikiva umkhiwane wam; luwuchuhe kwathi tu, lwawulahla; amasebe awo asuka aba mhlophe. |
1 | 8 | Bhomboloza njengentombi ebhinqe ezirhwexayo, ngenxa yendoda yobutsha bayo. |
1 | 9 | Unqamkile endlwini kaYehova umnikelo wokudla nothululwayo; benza isijwili ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova. |
1 | 10 | Abhuqiwe amasimi, umhlaba wenza isijwili; kuba ibhuqiwe ingqolowa, itshile iwayini entsha, ioli yomile. |
1 | 11 | Danani, balimi; bhombolozani, basebenzi bezidiliya, ngenxa yengqolowa nangenxa yerhasi; kuba lutshabalele uvuno lwamasimi. |
1 | 12 | Umdiliya utshile, umkhiwane untshwenyile, nomrharnate, kwanamasundu nemiapile; yonke imithi yasendle yomile; ewe, iphelile imihlali, imkile koonyana babantu. |
1 | 13 | Bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, babingeleli; bhombolozani, balungiseleli besibingelelo; yizani, lalani ngezirhwexayo bonke ubusuku, balungiseleli boThixo wam; kuba indlu yoThixo wam ivinjiwe umnikelo wokudla nothululwayo. |
1 | 14 | Ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela, hlanganisani amadoda amakhulu, bonke abemi belizwe, beze endlwini kaYehova uThixo wenu, nikhale kuYehova. |
1 | 15 | Hayi ke, le mini! Kuba isondele imini kaYehova, ivela njengembuqo kuSomandla. |
1 | 16 | Akunqumke phambi kwamehlo ethu na ukudla, imivuyo nemigcobo endlwini yoThixo wethu? |
1 | 17 | Zibolile iinkozo phantsi kwamagada azo, bachithakele oovimba, athi bhuma amaqonga, kuba itshile ingqolowa. |
1 | 18 | Hayi, ukuncwina kwempahla enkulu! Ikhohliwe imihlambi yeenkomo, kuba ingenatyani; nemihlambi yempahla emfutshane ibandezelekile. |
1 | 19 | Ndikhala kuwe, Yehova; kuba umlilo uwatshisile amakriwa asentlango, nelangatye layirhawula yonke imithi yasendle. |
1 | 20 | Kwanempahla enkulu yasendle itsalela kuwe; kuba itshile imijelo yamanzi, umlilo wawatshisa amakriwa asentlango. |
2 | 1 | Vuthelani isigodlo eZiyon, nihlabe umkhosi entabeni yam engcwele. Mabagungqe bonke abemi belizwe, ngokuba isiza imini kaYehova, kuba isondele: |
2 | 2 | imini enobumnyama nesithokothoko, imini enamafu, enamafu amnyama, anjengokuthi qhiphu kokusa phezu kweentaba; abantu abaninzi, abanamandla; akuzanga kube nje naphakade, emva kwabo akusayi kuza kubuye kube nje, kude kuse eminyakeni yezizukulwana ngezizukulwana. |
2 | 3 | Phambi kwabo kutshisa umlilo; nasemva kwabo kurhawula ilangatye. Ilizwe linjengomyezo we-Eden phambi kwabo; emva kwabo linjengentlango enkangala, nento esindileyo ayi kubakho kulo. |
2 | 4 | Injengokubonakala kwamahashe imbonakalo yabo; njengakhwelwayo, benjenjalo ukubaleka. |
2 | 5 | Anjengesithonga seenqwelo zokulwa ezincotsheni zeentaba amagqasi abo; njengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza; njengabantu abanamandla abakhe uluhlu. |
2 | 6 | Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu. |
2 | 7 | Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, abaphambaphambi emendweni wabo. |
2 | 8 | Abagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali. |
2 | 9 | Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela. |
2 | 10 | Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo. |
2 | 11 | UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela? |
2 | 12 | Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela; |
2 | 13 | nikrazule intliziyo yenu, ingabi ziingubo zenu, nibuyele kuYehova uThixo wenu; kuba unobabalo nemfesane, yena uzeka kade umsindo, unenceba enkulu, uyazohlwaya ngenxa yobubi. |
2 | 14 | Ngubani na owaziyo? mhlawumbi wobuya azohlwaye, ashiye intsikelelo ngasemva kwakhe, umnikelo wokudla nothululwayo kuYehova uThixo wenu. |
2 | 15 | Vuthelani isigodlo eZiyon, ngcwalisani uzilo, memani ingqungquthela. |
2 | 16 | Hlanganisani abantu, ngcwalisani ibandla, buthani amadoda amakhulu, hlanganisani iintsapho nabanyayo emabeleni; makaphume umyeni egumbini lakhe, umtshakazi esililini sakhe. |
2 | 17 | Mabalile ababingeleli, abalungiseleli bakaYehova, phakathi kwevaranda nesibingelelo, bathi, Yiba nenceba, Yehova, ebantwini bakho, ungalinikeli ilifa lakho ekungcikivweni, ukuba iintlanga zizekelise ngabo, yini na ukuba kuthiwe ezizweni, Uphi na uThixo wabo? |
2 | 18 | Waba nobukhwele ke uYehova ngelizwe lakhe, waba nofefe ngabantu bakhe. |
2 | 19 | Waphendula uYehova, wathi ebantwini bakhe, Yabonani, ndinithumela ingqolowa, newayini entsha, neoli, eniya kwaneliswa yiyo; ndingabi saninikela ukuba nibe sisingcikivo ezintlangeni. |
2 | 20 | Ndiya kumkhwelelisela kude kuni owasentla, ndimgxothele ezweni elingumqwebedu, enkangala; umphambili wakhe usinge kulwandle lwasempumalanga, umqosheliso wakhe kulwandle lwasentshonalanga, kunyuke ukunuka kwakhe, kunyuke ukubola kwakhe, kuba eziphakamisile ukwenza izinto ezinkulu. |
2 | 21 | Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu. |
2 | 22 | Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo. |
2 | 23 | Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni. |
2 | 24 | Zozala izanda yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela. |
2 | 25 | Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu. |
2 | 26 | Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade; |
2 | 27 | nazi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangadani abantu bam naphakade. |
2 | 28 | Kuya kuthi emveni kokuba njalo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha, amadodana enu abone imibono. |
2 | 29 | Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla. |
2 | 30 | Ndiya kwenza izimanga ezulwini nasehlabathini, igazi nomlilo nemiqulu yomsi. |
2 | 31 | Ilanga liya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo. |
2 | 32 | Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova. |
3 | 1 | Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem, |
3 | 2 | ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam. |
3 | 3 | Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela. |
3 | 4 | Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu. |
3 | 5 | Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zamezintle ezinqwenelekayo, nazisa etempileni yenu; |
3 | 6 | nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan, ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo; |
3 | 7 | yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyisele ukuphatha kwenu entlokweni yenu. |
3 | 8 | Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba uthethile uYehova. |
3 | 9 | Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa. |
3 | 10 | Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali; |
3 | 11 | oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova. |
3 | 12 | Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke. |
3 | 13 | Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo. |
3 | 14 | Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo. |
3 | 15 | Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo. |
3 | 16 | UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli. |
3 | 17 | Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo. |
3 | 18 | Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo endlwini kaYehova, useze isihlambo semingampunzi. |
3 | 19 | IYiputa kuya kuba senkangala, nelakwaEdom libe yintlango esenkangala, ngenxa yokugonyamela kwabo oonyana bakaYuda, ekubeni bephalaze igazi elimsulwa ezweni labo. |
3 | 20 | Ke uYuda uya kumiwa ngonaphakade, iYerusalem imiwe kwizizukulwana ngezizukulwana. |
3 | 21 | Ndiya kulisula igazi labo endandingalisulanga; ngokuba uYehova uhleli eZiyon. |