Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Lamentations

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi; Obe umkhulu ezintlangeni Usuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweni Usuke waba ngofakwa uviko.
12Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe; Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe; Onke amakholwane akhe ammenezelele, Aba lutshaba kuye.
13UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi; Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla; Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
14Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabaya emithendelekweni; Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina; Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.
15Ababandezeli bayo basuka bayintloko; iintshaba zayo zinobunqobo; Ngokuba uYehova uyenze yanosizi ngenxa yokreqo lwayo oluninzi; Abantwana bayo bemkile, bathinjiwe, baqhutywa ngumbandezeli.
16Buphumile entombini enguZiyon bonke ubungangamsha bayo; Abathetheli bayo baba njengamaxhama angafumani dlelo, Ahamba engenamandla phambi komsukeli.
17IYerusalem iyazikhumbula, ngemini yeentsizi zayo neyokudinga kwayo, Zonke izinto zayo ezinqwenelekayo ebinazo kwakwiimini zamandulo, Ekuweni kwabantu bayo esandleni sombandezeli, ingenamncedi; Ababandezeli bayo bayibona, bakuhleka ukucinywa kwayo.
18IYerusalem asikuko nokuba yonile yona; ngenxa yoko yaba lubhorha; Bonke ababeyizukisa bayayicukuceza, ngokuba babone ubuze bayo; Nayo ngokwayo iyancwina, ibuye umva.
19Ubunqambi bayo busezingutyeni zayo ezirhuqayo, ayilikhumbulelanga ikamva layo; Yehla ke ngokubalulekileyo; ayinamthuthuzeli; Ithi, Zikhangele, Yehova, iintsizi zam; ngokuba utshaba luzikhulisile.
110Umbandezeli usolule isandla sakhe phezu kwezinto zayo zonke ezinqwenelekayo; Kuba ibona iintlanga zingene engcweleni yayo, Owawuwise umthetho wena, ukuba zingangeni ebandleni lakho.
111Bonke abantu bayo bayancwina, befuna isonka; Barhole izinto zabo ezinqwenelekayo ngenxa yesonka, ukuze bawubuyise umphefumlo; Bona, Yehova, ukhangele, ukuba ndisuke ndacukucezeka.
112Akunto na oku kuni nonke, nina nidlula ngendlela? Bhekani nibone, ukuba kukho na umvandedwa onjengomvandedwa wam, endiwenziweyo, Athe uYehova wandenza lusizi ngemini yokuvutha komsindo wakhe.
113Engaphezulu, uthume umlilo emathanjeni am, wawanyathela; Uzanekele umnatha iinyawo zam, wandibuyisa umva; Undenze inxuwa, yonke imini ndityhafile.
114Idyokhwe yezikreqo zam ibotshwe sisandla sakhe; Zibhijelene, zenyuka zaba semqaleni wam, zawakhubekisa amandla am; INkosi yam indinikele ezandleni zabo ndingenakumisa kubo.
115INkosi yam izitshitshisile zonke iimbalasane zam eziphakathi kwam; Indimemele umthendeleko, ukuba yaphule amadodana am. INkosi yam ixovule inkazana enguYuda, ngokungathi kusesixovulweni sewayini.
116Ngenxa yezo zinto ndiyalila; iliso lam, iliso lam lihla amanzi, Ngokuba ekude kum umthuthuzeli, umbuyisi womphefumlo wam; Baziimpanza abantwana bam, ngokuba utshaba lwam lundoyisile.
117IZiyon iyazolula izandla zayo, ayinamthuthuzeli; UYehova ubawisele umthetho ngoYakobhi, ukuba ababandezeli bakhe bamngqonge: IYerusalem iyinto elubhorha phakathi kwabo.
118Ulilungisa uYehova; ngokuba bendiphikise umlomo wakhe. Khanive, nonke zizwe, niwubone umvandedwa wam; Umthinjana wam namadodana am emke nokuthinjwa.
119Ndibize izithandane zam, zandikhohlisa zona; Ababingeleli bam, namadoda amakhulu akwam, aphume umphefumlo phakathi komzi, Xa abezifunela ukudla, ukuba abuyise imiphefumlo yawo.
120Khangela, Yehova, ngokuba ndibandezelekile; izibilini zam ziyabila; Intliziyo yam iphendukile phakathi kwam; ngokuba ndasuka ndaba ziinkani kuphela; Ngaphandle ikrele landihlutha abantwana, ngaphakathi kwakukufa kodwa.
121Bandivile ukuba ndiyancwina; ndathi, Andinamthuthuzeli; Zonke iintshaba zam zibuvile ububi bam; zinemihlali, ngokuba oko kwenziwe nguwe. Uyayizisa imini oyimemileyo, ziya kuba njengam ke.
122Mabufike phambi kwakho bonke ububi bazo, Uziphathe njengoko wandiphatha ngako ngenxa yezikreqo zam zonke; Ngokuba kuninzi ukuncwina kwam, nentliziyo yam ityhafile.
21Yoo! Itheni na iNkosi yam ukuyisibekela kangaka ngomsindo wayo intombi enguZiyon? Isikhuphile ezulwini, yasikhahlela ehlabathini, isihombo sikaSirayeli, Ayasikhumbula isihlalo seenyawo zayo ngemini yomsindo wayo.
22INkosi yam iwaginyile, ayawaconga, onke amakriwa akwaYakobi; Izigungxule ngokuphuphuma komsindo wayo iinqaba ezinkulu zentombi enguYuda; Yazizisa emhlabeni; Ibungcolisile ubukumkani nabathetheli babo.
23Izixakazile ngokuvutha komsindo wayo zonke iimpondo zikaSirayeli; Isibuyise umva isandla sayo sokunene ebusweni botshaba; Yatshisa kwaYakobi njengomlilo olenyayo, odlayo ngeenxa zonke.
24Isityedile isaphetha sayo njengotshaba; imise isandla sayo sokunene, saxelisa esombandezeli, Yazibulala zonke izinto ezinqwenelekayo emehlweni; Ententeni yentombi enguZiyon, ibuphalazile ubushushu bayo njengomlilo.
25INkosi yam isuke yaba njengotshaba; imginyile uSirayeli, Iziginyile zonke iingxande zayo ezinde, izonakalisile iinqaba zayo ezinkulu; Yandisa entombini enguYuda uncwino nokukhala.
26Iyichithile indawo yayo ebiyiweyo njengomyezo; Iyitshabalalisile indawo yayo yentlangano; UYehova wenze walityalwa eZiyon umthendeleko nesabatha; Wabagiba ekubhavumeni komsindo wakhe ukumkani nombingeleli.
27INkosi yam isihlambele isibingelelo sayo, ithe nethe kuyo ingcwele yayo, Izivingcelele esandleni sotshaba iindonga zeengxande zayo ezinde; Baxokozela endlwini kaYehova njengemini yomthendeleko.
28UYehova ucinge ukonakalisa udonga lwentombi enguZiyon; Wolule ulutya lokulinganisela, akasibuyisa isandla sakhe ekuginyeni; Wenza ungqameko lomsele lwaba nesijwili, kwanodonga; zithokombisile kunye ezo zinto.
29Amasango ayo atshonile emhlabeni; uyitshabalalisile, uyaphule imivalo yayo; Ukumkani wayo nabathetheli bayo basezintlangeni, akukho myalelo; Abaprofeti bayo abafumani mbono kuYehova.
210Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon; Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo; Uzithobele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.
211Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam, Isibindi sam siphalalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
212Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini? Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi, Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.
213Ndikungqinele, ngantoni na? Ndikufanekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem? Ndikulinganise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon? Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
214Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu; Ababutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho; Bakubonele imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
215Babetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela; Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi, Ngulo mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
216Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo; Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile; Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
217Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele; Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo; Ugungxule, akaconga; Wenze lwakuvuyelela utshaba lwakho, Uphakamise uphondo lwababandezeli bakho.
218Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam; Ludonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku; Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.
219Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo; Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi; Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho, Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.
220Bona, Yehova, ukhangele, ngubani na lo wenjenje ukumphatha kakubi? Abafazi bangadla isiqhamo somzimba wabo na? Badle abantwana ababathantamisayo na? Angabulawelwa engcweleni yeNkosi na umbingeleli nomprofeti?
221Balele emhlabeni phandle oyinkwenkwe noyindoda enkulu; Umthinjana wam namadodana am awile likrele; Ubulele ngemini yomsindo wakho, usikile, akwaconga.
222Ukumemile ngokwemini yomthendeleko ukunxunguphala kwam ngeenxa zonke, Akwabakho usindayo, usalayo, ngemini yomsindo kaYehova. Endibathantamisileyo ndabakhulisa, utshaba lwam lubagqibele.
31Ndim indoda ebone iintsizi, ngentonga yokuphuphuma komsindo wakhe.
32Undikhokele wandihambisa ebumnyameni, akwaba sekukhanyeni.
33Ubuye wasiguqulela kum ndedwa isandla sakho imini yonke.
34Uyonakalisile inyama yam nolusu lwam; uwaphule amathambo am.
35Undakhele wandirhaqa ngenyongo nendiniso.
36Undibele ezindaweni ezimnyama, njengabafe ngonaphakade.
37Undibiyele ngeenxa zonke, andinakuphuma; uwenze aba nzima amakhamandela am obhedu.
38Noko ndikhalayo, ndizibikayo, uyawuvingcela umthandazo wam.
39Uzibiyele iindlela zam ngamatye aqingqiweyo, uzenze goso iingqushu zam.
310Kum uyibhere elalelayo, uyingonyama esezintsithelweni.
311Uzityekisile iindlela zam, wandidlavula; undenze inxuwa.
312Usigobile isaphetha sakhe, wandimisa ndaba yitekeni yotolo lwakhe.
313Uzise ezintsweni zam iintolo zomphongolo wakhe.
314Ndisuke ndayintlekisa kubantu bonke bakowethu; ndiyingoma yabo imini yonke.
315Undihluthise ngeento ezikrakra, wandiseza ndahlutha umhlonyane.
316Uwaphule ngohlalu amazinyo am; undixinzelele phantsi eluthuthwini.
317Uwuhlambile umphefumlo wam, awaba naluxolo; ndiyilibele into elungileyo.
318Ndathi, aphelile amandla am, nokulinda kwam kuYehova.
319Zikhumbule iintsizi zam, nokutshutshiswa kwam, umhlonyane nenyongo.
320Umphefumlo wam uyazikhumbula unangoku ezo zinto, usibekekile kum.
321Oko ndikunyamekele ngentliziyo: ngenxa yoko ndilindile.
322Kungeenceba zikaYehova le nto singagqityelwanga, ngokuba azipheli iimfesane zakhe.
323Zintsha imiso ngemiso; kukhulu ukuthembeka kwakhe.
324Isabelo sam nguYehova, utsho umphefumlo wam; ngenxa yoko ndilindele kuye.
325UYehova ulungile kwabathembele kuye, kumphefumlo omquqelayo.
326Kulungile ukuba umntu alulindele, ethe cwaka, usindiso lukaYehova.
327Kuyilungele indoda ukuba iyithwale idyokhwe kwasebutsheni bayo.
328Mayihlale yodwa ithe cwaka, xa iyithwalisiweyo.
329Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungabakho ithemba mhlawumbi.
330Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihluthe yingcikivo.
331Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
332Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
333Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibenze babe nosizi oonyana babantu.
334Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
335Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;
336Ekuphenulweni komntu ekubambaneni kwakhe nomnye: iNkosi yam ayiboni na?
337Ngubani na okhe wathetha, kwenzeka, iNkosi yam ingawisanga mthetho?
338Akuphumi okubi nokulungileyo emlonyeni wOsenyangweni na?
339Yini na ukuba umntu akhalaze ephilile? Umfo makakhalaze ngenxa yezono zakhe.
340Masiziphengulule iindlela zethu, sizigocagoce, sibuyele kuYehova.
341Masizinyuse iintliziyo zethu kunye nezandla zethu, sizise kuThixo emazulwini.
342Thina sikreqile saba neenkani; wena akuxolelanga.
343Uzigqubuthele ngomsindo, wasisukela; ubulele akwaconga.
344Uzigqubuthele ngelifu, ukuze ungaphumeli umthandazo wethu.
345Usenze inkunkuma, imvuthuluka esazulwini sezizwe.
346Zisakhamisele umlomo wazo zonke iintshaba zethu.
347Kokwethu ukunkwantya, nomgongxo, nesibatha, nokutshabalala, nokwaphuka.
348Iliso lam lihla imijelo yamanzi, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu.
349Iliso lam liyatyityizela, aliyeki, alinqamki,
350Ade aqondele abone uYehova, esemazulwini.
351Iliso lam liyawubulala umphefumlo wam, ngenxa yeentombi zonke zomzi wakowethu.
352Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelize.
353Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.
354Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.
355Ndinqule igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.
356Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.
357Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.
358Uwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.
359Ukubonile, Yehova, ukuphenulwa kwam; ligwebe ityala lam.
360Uyibonile yonke impindezelo yabo, uzivile zonke iingcinga zabo ngam.
361Ukuvile ukungcikiva kwabo, Yehova, uzivile zonke iingcinga zabo ngam,
362Umlomo wabo basukela phezulu kum, nezicamango zabo ngam yonke imini.
363Ukuhlala kwabo nokusuka kwabo kubheke; ndiyingoma yabo.
364Babuyisele imbuyekezo, Yehova, ngokwezenzo zezandla zabo.
365Banike ubumfama bentliziyo; intshwabulo yakho mayibe kubo.
366Basukele ngomsindo, ubatshabalalise, bangabikho phantsi kwamazulu kaYehova.
41Yoo! Isuke igolide yaba mncumevu; isuke ecikizekileyo, elungileyo, yaba yeyimbi; Asuke aphalazwa amatye engcwele ekujikeni kwezitrato zonke.
42AbeZiyon abanqabileyo, abamelwe yigolide engcwengiweyo, Yoo! Babalelwa ekubeni yimiphanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi.
43Kanti neempungutye ziyalirhola ibele, zanyise amathole azo; Ke yona intombi yabantu bakowethu isuke yaba sisijorha, njengenciniba entlango.
44Ulwimi losebeleni lunamathela ekhuhlangubeni lakhe linxano; Abantwana bacela isonka, akukho ubaphulelayo.
45Ababesidla ubuncwane baphanzile ezitratweni; Ababephathwa ngeengubo ezibomvu bawola amazala.
46Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom, Yona yabhukuqwayo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo.
47Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi; Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale, isibili sabo besinjengesafire;
48Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi; Abanakaneki ezitratweni; ulusu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni.
49Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala, Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.
410Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo, Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.
411Ubuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe; Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
412Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo, Ukuba ubengangenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.
413Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo, Abaphalaze igazi lamalungisa phakathi kwayo.
414Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi, Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.
415Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha! Bakusaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga, Mabangaphindi baphambukele khona.
416Ubuso bukaYehova bubachithachithile, akasayi kubabheka; Ubuso bababingeleli ababubhekanga, amadoda amakhulu abawababalanga.
417Thina, amehlo ethu ayaphela, ekhangele uncedo olungamampunge; Ekuboniseleni kwethu sibonisela uhlanga olungayi kusisindisa.
418Bazingela amanyathela ethu, ukuze singabi nakuhamba ezitratweni zethu; Kusondele ukuphela kwethu, izalisekile imihla yethu; ewe, kufikile ukuphela kwethu.
419Abasisukelayo banamendu ngaphezu kwamaxhalanga asezulwini; Basisukela ezintabeni ngokushushu, basilalela entlango.
420Umoya wamathatha ethu, umthanjiswa kaYehova, ubanjisiwe emihadini yabo: Lowo besisithi, Siya kuhlala phantsi komthunzi wakhe ezintlangeni.
421Yiba nemihlali uvuye kambe, ntombi yakwaEdom, ihleliyo ezweni lakwaUtse; Iya kudlulela nakuwe indebe; uya kunxila, uzihlube.
422Bugqityiwe ubugwenxa bakho, ntombi inguZiyon; Akayi kuphinda akufuduse; Uya kubuvelela ubugwenxa bakho, ntombi yakwaEdom. Uya kuzityhila izono zakho.
51Kukhumbule, Yehova, okusihleleyo; Bheka, uyibone ingcikivo yethu.
52Ilifa lethu lisuke lenziwa elabasemzini, Izindlu zethu zalunga kwabolunye uhlanga.
53Siziinkedama, asinabawo; Oma banjengabahlolokazi.
54Amanzi ethu siwasela ngesilivere; Iinkuni zethu ziza kuthi ngexabiso.
55Intshutshiso iphezu kwentamo yethu; Sidiniwe, asinakuphumla.
56Isandla sisinika amaYiputa, Nama-Asiriya, ukuba sihluthe sisonka.
57Oobawo bonile, abasekho; Thina sithwele ubugwenxa babo.
58Silawulwa ngabakhonzi; Akukho usiqhiwulayo ezandleni zabo.
59Isonka sethu sisizuza ngomphefumlo wethu usisichenge. Ngenxa yekrele lasentlango.
510Ulusu lwethu luyavutha njengeziko Ngenxa yolophu lwendlala.
511Badlwengule abafazi eZiyon, Iintombi emizini yakwaYuda.
512Baxhome abathetheli ngezandla; Ubuso bamadoda amakhulu abubekwa.
513Amadodana athwala amatye okusila, Amakhwenkwe akhubeka phantsi kweenkuni.
514Amadoda amakhulu aphezile ukuya esangweni; Amadodana, ekubetheni uhadi.
515Iphelile imihlali yentliziyo yethu, Ukuqamba kwethu kujike kwaba kukumbambazela.
516Siwile isithsaba entlokweni yethu; Yeha ke thina! kuba sonile.
517Ngenxa yoko ityhafile intliziyo yethu; Ngenxa yezo zinto amnyama amehlo ethu;
518Ngenxa yentaba yaseZiyon, kuba ibharhile, Kuhamba iimpungutye phezu kwayo.
519Wena, Yehova, uhleli ngonaphakade; Itrone yakho ikwisizukulwana ngesizukulwana.
520Yini na ukuba usilibale ngonaphakade, Usilahle imihla emide?
521Sibuyisele kuwe, Yehova; sobuya; Hlaziya imihla yethu njengokwamandulo.
522Ungaba usicekise mpela na, Wanoburhalarhume kuthi ngokukhulukazi na?