Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Isaiah
| Xhosa Bible | ||
| Chapter # | Verse # | Verse Detail |
| 1 | 1 | Umbono kaIsaya unyana ka-Amotsi, awawubonayo ngokusingisele kuYuda neYerusalem, ngemihla yoUziya, noYotam, noAhazi, noHezekiya, ookumkani bakwaYuda. |
| 1 | 2 | Yivani, mazulu; bekani indlebe, hlabathi, ngokuba kuthetha uYehova. Uthi, Ndikhulise abantwana ndabondla, besuka bakreqa kum. |
| 1 | 3 | Inkomo iyamazi umniniyo, ne-esile liyawazi umkhombe wesitali senkosi yalo; ke yena uSirayeli akazi, abantu bam abaqiqi. |
| 1 | 4 | Hayi, luhlanga lonayo, bantu banobugwenxa, mbewu yabenza ububi, nyana bonakalisayo! Bamshiyile uYehova, bamgibile oyiNgcwele kaSirayeli, babuyela emva. |
| 1 | 5 | Yini na ukuba nimane ukubethwa, nimane ukukwandisa ukutyeka? Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe; |
| 1 | 6 | kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha: akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli. |
| 1 | 7 | Kusenkangala elizweni lenu, imizi yenu itshiswe ngomlilo, umhlaba wenu udliwa ngabasemzini phambi kwenu, uyinkangala njengokubhukuqwa kwabasemzini. |
| 1 | 8 | Isele ke intombi enguZiyon, njengexhobongo esidiliyeni, njengephempe entsimini yemixoxozi, njengomzi ongqingiweyo. |
| 1 | 9 | Koko uYehova wemikhosi wasisalisela intwana esindileyo, singe saba njengeSodom, singe safana neGomora. |
| 1 | 10 | Liveni ilizwi likaYehova, baphathi baseSodom; wubekeleni indlebe umyalelo kaThixo wethu, bantu baseGomora. |
| 1 | 11 | Yeyani na kum le mibingelelo yenu mininzi kangaka? utsho uYehova. Ndidikiwe ngamadini anyukayo eenkunzi zeegusha, namanqatha amathole atyetyisiweyo; negazi leenkunzi ezintsha, neleemvana, neleebhokhwe, andilinanzile. |
| 1 | 12 | Xa niza kubonakala ebusweni bam, ngubani na okufunileyo oko esandleni senu, ukugqusha iintendelezo zam? |
| 1 | 13 | Nize ningaphindi nizise mnikelo wakudla ukhohlakeleyo; isiqhumiso silisikizi kum; ukuthwasa kwenyanga, nesabatha, nokumema intlanganiso, ubutshinga kunye nengqungquthela, andinakubuthwala. |
| 1 | 14 | Ukuthwasa kweenyanga zenu, namaxesha enu amisiweyo, umphefumlo wam uwathiyile; asuka aba bubunzima kum; ndidiniwe kukuwathwala. |
| 1 | 15 | Ekoluleni kwenu izandla zenu, ndiya kuwafihla amehlo am kuni; nokuba nandise ukuthandaza, andiyi kuva; izandla zenu zizele ngamagazi. |
| 1 | 16 | Zihlambeni, ziqaqambiseni; susani ububi beentlondi zenu phambi kwamehlo am; |
| 1 | 17 | yekani ukwenza ububi; fundani ukwenza okulungileyo; khathalelani ukugweba; lulekani isibhovubhovu; gwebani ityala lenkedama; lithetheni ityala lomhlolokazi. |
| 1 | 18 | Khanize sibonisane, utsho uYehova; nokuba izono zenu zide zavela zanjengengubo ebomvu, zoba mhlophe njengekhephu; nokuba zide zayingqombela njengebala elibomvu, zovela zinjengoboya begusha. |
| 1 | 19 | Ukuba nithe navuma naphulaphula, nodla izinto ezilungileyo zelizwe; |
| 1 | 20 | ukuba nithe anavuma, naba neenkani, nodliwa likrele; kuba umlomo kaYehova uthethile. |
| 1 | 21 | Yoo! Utheni na ukuba lihenyukazi umzi lo, ubunyanisile; ubuzele kokusesikweni; ubulungisa bebulala kuwo; ke ngoku ngabancinithi! |
| 1 | 22 | Isilivere yakho isuke yaba ligwebu; iwayini yakho entle ingxengelelwe ngamanzi. |
| 1 | 23 | Abathetheli bakho baziinjubaqa, ngamadlelana namasela; bathanda izicengo bonke bephela, basukela imivuzo; ityala lenkedama abaligwebi, netyala lomhlolokazi alinakufika kubo. |
| 1 | 24 | Ngako oko itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, imbalasane yakwaSirayeli, ukuthi, Yeha! Ndiya kuzithuthuzela kubabandezeli bam, ndiziphindezelele ezintshabeni zam. |
| 1 | 25 | Ndosibuyisela phezu kwakho isandla sam, ndikunyibilikise ngokufezekileyo njengegolide, likhutshwe igwebu lakho, ndisuse yonke intsila yakho. |
| 1 | 26 | Ndobabuyisa abagwebi bakho njengokwasekuqaleni, namaphakathi akho njengokwamatanci. Emveni koko kuya kuthiwa, Wena ungumzi wobulungisa, uyinqaba enyanisileyo. |
| 1 | 27 | IZiyon iya kukhululwa ngokusesikweni, nabaguquki bayo ngobulungisa; |
| 1 | 28 | ukwaphulwa kwabakreqi naboni kube kunye, bapheliswe abamshiyayo uYehova. |
| 1 | 29 | Ngokuba baya kudana yimiterebhinti ebeniyinqwenela, nibe neentloni yimiyezo ebeniyinyula; |
| 1 | 30 | kuba niya kuba njengomterebhinti omagqabi omayo, nanjengomyezo ongenamanzi; |
| 1 | 31 | nenjengele ibe yingxubuwa, nomsebenzi wayo ube yintlantsi, kutshe kuphele kokubini kunye, kungabikho ucimayo. |
| 2 | 1 | Ilizwi awalibonayo uIsaya unyana ka-Amotsi, ngokusingisele kuYuda neYerusalem. |
| 2 | 2 | Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. |
| 2 | 3 | Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem. |
| 2 | 4 | Uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa. |
| 2 | 5 | Ndlu kaYakobi, yizani, sihambe ekukhanyeni kukaYehova. |
| 2 | 6 | Kuba ubalahlile abantu bakho, indlu kaYakobi; ngokuba bezele zizinto zasempumalanga, bengamatola njengamaFilisti, bebambene ngezandla nabantwana bezinye iintlanga. |
| 2 | 7 | Ilizwe labo lizele yisilivere negolide; abunakuphela ubuncwane babo. Ilizwe labo lizele ngamahashe; azinakuphela iinqwelo zabo zokulwa. |
| 2 | 8 | Ilizwe labo lizele zizithixo ezingeni; baqubuda kumsebenzi wezandla zabo, kwinto eyenziwe yiminwe yabo. |
| 2 | 9 | Ophantsi uyagoba, nendoda ephakamileyo ithotyelwe phantsi, ungabaxoleli ke. |
| 2 | 10 | Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe. |
| 2 | 11 | Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini. |
| 2 | 12 | Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe nezinto zonke ezisinyusileyo zithotywe ke. |
| 2 | 13 | Woyongamela imisedare yonke yaseLebhanon, emide, ezinyusileyo, |
| 2 | 14 | nezonke ezinde, neenduli zonke ezizinyusileyo; |
| 2 | 15 | neenqaba zonke eziphakamileyo, neendonga zonke ezinqatyisiweyo; |
| 2 | 16 | neenqanawa zonke zaseTarshishe, nezinto zonke ezibonakala zinqweneleka. |
| 2 | 17 | Kosibekeka ukuzidla kwaba baphantsi, kuthotywe ukuqhankqalaza kwamadoda aphakamileyo. NguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini; |
| 2 | 18 | izithixo ezingeni zothi shwaka zonke ziphela. |
| 2 | 19 | Bongena emiqolombeni yamawa nasemingxunyeni yomhlaba ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe. |
| 2 | 20 | Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo; |
| 2 | 21 | ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe. |
| 2 | 22 | Khanimyeke umntu omphefumlo usemathatheni akhe; ngokuba kuthiwa, Uyintoni na? |
| 3 | 1 | Ngokuba uyabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, isusa eYerusalem nakwaYuda isixhaso nenkxaso, sonke isixhaso sesonka kwanesixhaso samanzi: |
| 3 | 2 | igorha nendoda yokulwa, umgwebi nomprofeti, umvumisi nendoda enkulu, |
| 3 | 3 | umthetheli wamashumi amahlanu, nobekekileyo, nomphakathi, nesilumko esinobungcibi, nengqondi yokukhwitsa. |
| 3 | 4 | Ndobanika abathetheli abangabantwana, nabafekethi babalawule; |
| 3 | 5 | bakhandanisane abantu ulowo nalowo, ulowo nalowa. Baya kusunduzana umntwana nendoda enkulu, ubuvuvu nabazukileyo. |
| 3 | 6 | Xa umntu aya kuthi abambelele kumzalwana wakhe endlwini kayise, athi, Unengubo wena, masiphathwe nguwe, oku kukhahleleka kube sesandleni sakho: |
| 3 | 7 | wophimisela ngaloo mini athi, Andingebi mphilisi, endlwini yam kungekho sonka, kungekho ngubo; aninakundenza umphathi wabantu. |
| 3 | 8 | Ngokuba ikhahlelekile iYerusalem, awile amaYuda; ngokuba iilwimi zabo neentlondi zabo zichase uYehova, ukuba bawaphikise amehlo obuqaqawuli bakhe. |
| 3 | 9 | Imbonakalo yobuso babo iyangqina ngabo, bayaxixela izono zabo njengeSodom, abakhanyeli. Yeha umphefumlo wabo, ngokuba beziphethe kakubi kwabona! |
| 3 | 10 | Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo; ngokuba isiqhamo sezenzo zawo aya kusidla. |
| 3 | 11 | Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye; ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye. |
| 3 | 12 | Abantu bam bakhandaniswa ngabantwana, balawulwa ngabafazi. Bantu bam, abakhokeli benu ngabandwendwisi, bayigqukile indlela yomendo wenu. |
| 3 | 13 | Usukile wema uYehova ukuba athethe ityala; umi ukuba agwebe ebantwini. |
| 3 | 14 | UYehova uya kungena ematyaleni namadoda amakhulu abantu bakhe, nabathetheli babo; esithi, Ke nina nisigqibile isidiliya; okuphangwe kusizana kusezindlwini zenu. |
| 3 | 15 | Ninani na, ukuba nibatyumze nje abantu bam, nibusile ubuso beentsizana? itsho iNkosi, uYehova wemikhosi. |
| 3 | 16 | Kananjalo uthi ke uYehova, Ngenxa enokuba zizidla iintombi zaseZiyon, zihamba zolule iintamo, zitshawula ngamehlo, zihamba zicothoza ukuhamba kwazo, zisenza isigampe esisezinyaweni zazo: |
| 3 | 17 | ngako oko iNkosi yolujaduka ukakayi lweentombi zaseZiyon, uYehova azihlube ubunkazana bazo. |
| 3 | 18 | Ngaloo mini iNkosi yozisusa izihombo zemixokelelwane, nesangqawe, nentsimbi yomqala, |
| 3 | 19 | namajikazi, neewatsha, nezigqubuthelo, |
| 3 | 20 | neembasa, neenxaxhazo, neenqwemesha, namahlala okujoja, namakhubalo, |
| 3 | 21 | nemisesane, namakhonkco empumlo, |
| 3 | 22 | nezambatho ezinqabileyo, neengubo zokwaleka ezingaphezulu, neetyali, neengxowa zemali, |
| 3 | 23 | nezipili, neeqhiya zelinen entle, neenkontsho, neengubo zokwaleka ezikrelekrele. |
| 3 | 24 | Kothi esikhundleni sobulawu ibe kukuvunda, esikhundleni sombhinqo ibe yintambo; esikhundleni seempothe ibe yimpempethe, esikhundleni sengubo engwabungwabu ibe sisikhaka esirhwexayo; ibe ngumtshiso esikhundleni sobunzwakazi. |
| 3 | 25 | Amadoda akho aya kuwa likrele, namagorha akho yimfazwe; |
| 3 | 26 | ancwine enze isijwili amasango ayo, ithi yona ikhutshululwe, ihlale phantsi emhlabeni. |
| 4 | 1 | Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, ukususe ukungcikiveka kwethu. |
| 4 | 2 | Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaSirayeli. |
| 4 | 3 | Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe ungcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem; |
| 4 | 4 | yakuba ithe iNkosi yakuhlamba ukungcola kweentombi zaseZiyon, yawahlanza amagazi aseYerusalem phakathi kwayo ngomoya ogwebayo, nangomoya olulophu. |
| 4 | 5 | Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo; |
| 4 | 6 | sibe ngumnquba ongumthunzi emini, ekubaleleni, sibe yindawo yokuzimela nokusithela esiphangweni nasemvuleni. |
| 5 | 1 | Intanda yam makhe ndiyivumele ingoma yentanda yam, ngesidiliya sayo. Intanda yam ibe inesidiliya endulini echumayo; |
| 5 | 2 | yasigaba, yawemba amatye, yasityala imidiliya yohlobo, yakha inyango phakathi kwaso, yaxhola kuso umkhombe wokukhongozela iwayini. Yalinda ukuba sivelise iidiliya ezizizo; ke sona savelisa iidiliya ezingezizo. |
| 5 | 3 | Kaloku ke, bemi baseYerusalem, nani madoda akwaYuda, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam. |
| 5 | 4 | Kube kusekho ntoni na eyenziwayo esidiliyeni sam, endingayenzanga ke kuso? Kube kungani na ukuba ndikulinde ukuba sivelise iidiliya ezizizo, sisuke sivelise ezingezizo? |
| 5 | 5 | Kaloku ke makhe ndinazise into endiya kusenza yona isidiliya sam. Ndiza kususa uthango lwaso, sibe lidlelo; ndiya kuluchitha udonga lwaso, sibe yingqushu; ndisijece kuphele. |
| 5 | 6 | Asiyi kuthenwa, asiyi kuhlakulwa; siya kumila ubobo namakhakakhaka; ndiwawisele umthetho amafu, ukuba angani mvula phezu kwaso. |
| 5 | 7 | Kuba isidiliya sikaYehova wemikhosi yindlu kaSirayeli; namadoda akwaYuda sisityalo sokumyolisa. Walinda ukuba kubekho okusesikweni, nanku ikukudywida; walinda ukuba kubekho ubulungisa, nanko ikukukhalisa. |
| 5 | 8 | Yeha, abahlomela indlu kwindlu, abasondeza intsimi kwintsimi, kude kungabikho ndawo, nihlale nedwa phakathi kwelizwe! |
| 5 | 9 | Ezindlebeni zam uthi uYehova wemikhosi, Inyaniso, izindlu ezininzi ziya kuba ngamanxuwa, ezinkulu, ezintle zingabi namhlali. |
| 5 | 10 | Kuba ishumi leendima zesidiliya liya kwenza ibhate ibe nye, nehomere yembewu yenze iefa yodwa. |
| 5 | 11 | Yeha, abavuka kusasa, besukela isiselo esinxilisayo; balibale kude kube lungcwalazi, ide ibatshise iwayini! |
| 5 | 12 | Ibe luhadi nomrhubhe, ingqongqo nogwali, newayini, emgidini wabo; ke wona umsebenzi kaYehova abawubeki, nezenzo zezandla zakhe abaziboni. |
| 5 | 13 | Ngako oko abantu bam bayafuduswa bengazi, nabazukileyo kubo baba ngabafo bendlala, ingxokolo yabo itshiswa linxano. |
| 5 | 14 | Ngako oko elabafileyo lizandisile, lakhame ngokungenamlinganiso; buhlile ubungangamela babo, nengxokozelo yabo, nengxolo yabo, nabadlamkileyo kubo. |
| 5 | 15 | Bayasibekeka abantu abaphantsi, athotywe amadoda aphakamileyo, athotywe amehlo abazidlayo; |
| 5 | 16 | ke yena uYehova wemikhosi uyaziphakamisa ngogwebo, azingcwalise uThixo oyiNgcwele ngobulungisa. |
| 5 | 17 | Kodla iimvana apho, kunge kusedlelweni lazo; abasemathanga badlise emanxuweni ezityebi. |
| 5 | 18 | Yeha, abatsala ubugwenxa ngeentambo zenkohlakalo, nesono bange basitsala ngomqokozo wenqwelo; |
| 5 | 19 | abathi, Makasingxamise asikhawulezise isenzo sakhe, ukuze sibone; malisondele lize icebo loyiNgcwele kaSirayeli, ukuze sazi! |
| 5 | 20 | Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama; abamisa ubukrakra endaweni yobumnandi, ubumnandi endaweni yobukrakra! |
| 5 | 21 | Yeha, abalumkileyo kwawabo amehlo, abanengqondo kokwabo ukubona! |
| 5 | 22 | Yeha, abangamagorha okusela iwayini; abangamadoda akrotele ukuphithikeza isiselo esinxilisayo; abagwebela abangendawo, besekeleze isicengo; |
| 5 | 23 | ubulungisa bamalungisa babususe kuwo! |
| 5 | 24 | Ngako oko, njengokuba ulwimi lomlilo luzidla iindiza, nesikhotha esomileyo sibohla edangatyeni: kwangokunjalo ingcambu yabo iya kuba njengento evundileyo, nentyantyambo yabo inyuke njengothuli; kuba besilahlile isiyalo sikaYehova wemikhosi, bayigiba intetho yoyiNgcwele kaSirayeli. |
| 5 | 25 | Ngenxa yoko uyavutha umsindo kaYehova kubantu bakhe; usolule phezu kwabo isandla sakhe, uyababetha; zagungqa iintaba, izidumbu zabo zanjengenkunkuma phakathi kwezitrato. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, isandla sakhe sisolukile. |
| 5 | 26 | Uzinyusela ibhanile iintlanga zakude, azenzele ikhwelo eziphelweni zehlabathi; nanzo zisiza zikhawuleza ngamendu. |
| 5 | 27 | Akukho utyhafileyo, akukho ukhubekayo kuzo; azozeli, azilali, umbhinqo wamanqe azo awuthukululeki, umtya weembadada zazo awuqhawuki. |
| 5 | 28 | Iintolo zazo zitsolile, nezaphetha zazo zonke zityediwe; amanqina amahashe azo kuthiwa anjengeqhwitha, neevili zazo zinjengesaqhwithi. Ukubharhula kwazo kunjengengonyamakazi; |
| 5 | 29 | zibharhula njengeengonyama ezintsha, zigqume, ziyibambe inyamakazi, zimke nayo, kungabikho uhlangulayo. |
| 5 | 30 | Zogquma phezu kwabo ngaloo mini, ngathi kukugquma kolwandle; babheke emhlabeni, nanko kumnyama yimbandezelo, nokukhanya kumnyama emafini phezu kwabo. |
| 6 | 1 | Ngomnyaka wokufa kokumkani u-Uziya, ndayibona iNkosi ihleli etroneni ende enyukileyo; amasondo eengubo zayo ezirholayo azalisa itempile. |
| 6 | 2 | Kumi iiserafi ngaphezu kwayo, iyileyo inamaphiko amathandathu, ngamabini ifihle ubuso bayo, ngamabini ifihle iinyawo zayo, ngamabini iphaphazela. |
| 6 | 3 | Iyileyo idanduluke kuleyo isithi. Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele uYehova wemikhosi; buzalise ihlabathi lonke ubuqaqawuli bakhe. |
| 6 | 4 | Yadidizela imigubasi yeminyango lilizwi lowadandulukayo; yaye indlu izele ngumsi. |
| 6 | 5 | Ndathi, Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani, uYehova wemikhosi. |
| 6 | 6 | Yaphaphazela yeza kum enye yeeserafi, iphethe ilahle elivuthayo, elithabathe ngesithabatho esibingelelweni; |
| 6 | 7 | yalifikisa emlonyeni wam, yathi, Yabona, eli lahle lifikile nje emlonyeni wakho, bususiwe ubugwenxa bakho, nesono sakho sicanyagushelwe. |
| 6 | 8 | Ndeva izwi leNkosi, lisithi, Ndothuma bani na? Ngubani na owosiyela? |
| 6 | 9 | Ndathi, Ndikho, thuma mna. Yathi, Yiya, uthi kubo aba bantu, Yivani, ukuva oku niya kuva, ningaqondi; qiqani, ukubona oku niya kubona, ningaqiqi. |
| 6 | 10 | Yityebise intliziyo yaba bantu, neendlebe zabo zenze zithi nkqi, namehlo abo uwavingce; hleze babone ngamehlo abo, beve ngeendlebe zabo, baqonde ngentliziyo yabo, babuye, baze baphiliswe. |
| 6 | 11 | Ndathi, Kube mzuzu ungakanani na, Nkosi? Yathi, Kude kuye kuchithwa imizi, ingabi nabemi, nezindlu zingabi namntu, utshabalale umhlaba kube senkangala; |
| 6 | 12 | uYehova amse kude umntu, abe maninzi amanxuwa phakathi kwelizwe. |
| 6 | 13 | Kuya kuthi, ukuba kusekho isahlulo seshumi khona, sibuye naso sibe yinto yokutshayelwa; njengomterebhinti nanjengomoki, othi ekuwisweni kwawo kushiyeke isiphunzi; yimbewu engcwele ke isiphunzi eso. |
| 7 | 1 | Ke kaloku kwathi, ngemihla ka-Ahazi unyana kaYotam, unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda, wenyuka uRetsin ukumkani wama-Aram, enoPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, weza eYerusalem, ukuba alwe nayo; akaba nako ke ukulwa nayo. |
| 7 | 2 | Kwaxelwa kwindlu kaDavide, kwathiwa, Ama-Aram athelele kwabelakwaEfrayim. Yadidizela intliziyo yakhe nentliziyo yabantu bakhe, njengokudidizela kwemithi yehlathi phambi komoya. |
| 7 | 3 | Wathi uYehova kuIsaya, Khawuphume uye umkhawulele uAhazi, wena noMasalela-obuya unyana wakho, ekupheleni komjelo wechibi lasentla, emendweni ongasentsimini yomxovuli weengubo; |
| 7 | 4 | uthi kuye, Gcinisa, uzole, ungoyiki, ingathambi intliziyo yakho ngenxa yezo zikhondo zibini zezikhuni eziqhumayo, ekuvutheni komsindo kaRetsin nama-Aram, nonyana kaRemaliya; |
| 7 | 5 | ngenxa enokuba ama-Aram namaEfrayim nonyana kaRemaliya becebile ububi ngawe, besithi, |
| 7 | 6 | Masinyuke siye kwelakwaYuda, silikruqule, silinqike libe lelethu, simise ukumkani phakathi kwalo, unyana kaTabhele; |
| 7 | 7 | itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Loo nto ayiyi kuma, ayiyi kubakho. |
| 7 | 8 | Ngokuba intloko yama-Aram yiDamasko, intloko yeDamasko nguRetsin; kuya kuthi iseyiminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, aqotywe amaEfrayim, angabi bantu. |
| 7 | 9 | Intloko yamaEfrayim kukwaSamari, intloko yakwaSamari ngunyana kaRemaliya. Ukuba nithe anakholwa, inene, aniyi kuqiniseka. |
| 7 | 10 | Waqokela uYehova, wathetha kuAhazi, esithi, |
| 7 | 11 | Zicelele umqondiso kuYehova uThixo wakho; cela ubhekise enzulwini kwelabafileyo, mhlawumbi ubhekise enyangweni phezulu. |
| 7 | 12 | Wathi uAhazi, Andiyi kucela, andiyi kumlinga uYehova. |
| 7 | 13 | Wathi yena, Khanive, ndlu kaDavide; kuyinto encinane na kuni ukudinisa abantu, ukuda oku nidinise noThixo wam? |
| 7 | 14 | Ngako oko iya kuninika umqondiso ngokwayo iNkosi: uyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, imthiye igama elinguImanuweli. |
| 7 | 15 | Uya kudla amasi nobusi, ade akwazi ukulahla okubi, anyule okulungileyo. |
| 7 | 16 | Kuba, engekakwazi umntwana lowo ukulahla okubi, anyule okulungileyo, woba selushiyiwe loo mhlaba, ukumkani bawo babini bakukruqulayo. |
| 7 | 17 | UYehova uya kukuzisela wena nabantu bakho, nendlu kayihlo, imihla ekungazanga kubekho ingangayo, kususela kwimini wemka ngayo uEfrayim kwaYuda; ngukumkani waseAsiriya ke lowo. |
| 7 | 18 | Kothi ngaloo mini uYehova ayenzele ikhwelo impukane esekupheleni kwemijelo yoMnayile waseYiputa, nenyosi esezweni laseAsiriya; |
| 7 | 19 | zize, ziphumle zonke ziphela ezihlanjeni eziphakathi kwamaxandeka, nasezimfanteni zeengxondorha, nasezintangweni zonke zemiqaqoba, nasemadlelweni onke. |
| 7 | 20 | Ngaloo mini iNkosi iya kuguya ngesitshetshe esiqeshiweyo selasezinxwemeni zoMlambo, ngokumkani waseAsiriya, intloko noboya beenyawo; siphephethe neendevu. |
| 7 | 21 | Kothi ngaloo mini umntu aphilise ithokazi lenkomo neemazi zezimvu zibe mbini; |
| 7 | 22 | kuthi ngokwehlisa kwazo kakhulu adle amasi; ngokuba baya kudla amasi nobusi bonke abo baseleyo phakathi kwelizwe. |
| 7 | 23 | Kothi ngaloo mini zonke iindawo ezazinewaka lemidiliya elimelwe liwaka leesilivere, zibe zezobobo namakhakakhaka. |
| 7 | 24 | Kuya kuyiwa khona neentolo nezaphetha; ngokuba lonke ilizwe liya kuba lubobo namakhakakhaka. |
| 7 | 25 | Zonke iintaba ebezigatywa ngamagaba, akuyi kuya kuzo, ngokoyika ubobo namakhakakhaka; loba lelokugxothela iinkomo, nokunyashwa ziigusha. |
| 8 | 1 | Wathi uYehova kum, Thabatha icwecwe elikhulu, ubhale kulo ngenkxola yabantu, uthi, NgoMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile, |
| 8 | 2 | Ndathabathela amangqina anyanisileyo, ooUriya umbingeleli, noZekariya unyana kaYebherekiya. |
| 8 | 3 | Ndasondela kumprofetikazi, wamitha, wazala unyana. Wathi uYehova kum, Yithi igama lakhe nguMaxhoba ayakhawuleza iinto eziphangiweyo zingxamile. |
| 8 | 4 | Ngokuba, engekakwazi umntwana lo ukuthi, Bawo, nokuthi, Ma, ubutyebi baseDamasko namaxhoba akwaSamari aya kuthwalelwa phambi kokumkani waseAsiriya. |
| 8 | 5 | Waqokela uYehova, wabuya wathetha kum, esithi, |
| 8 | 6 | Ngenxa enokuba abo bantu bewacekisa amanzi aseShilowa, la ahamba kuhle, benze imihlali noRetsin nonyana kaRemaliya: |
| 8 | 7 | ngako oko, yabona, iNkosi inyusela phezu kwakho amanzi oMlambo, lawo anamandla amakhulu, kwaukumkani waseAsiriya nobunzima bakhe bonke. Wonyuka wona ube ngaphezu kwemisele yawo yonke, uhambe ngaphandle kweendonga zawo zonke, |
| 8 | 8 | utyhudisele kwelakwaYuda, ukhukule, udlule, ubethe emqaleni; kuthi ukunaba kwamahlelo awo kuzalise ububanzi belizwe lakho, Imanuweli. |
| 8 | 9 | Bhavumani, zizwe, niqotywe; bekani indlebe, nonke mimandla ikude yehlabathi; bhinqani, niqotywe; bhinqani, niqotywe. |
| 8 | 10 | Cebani icebo, lotshitsha; thethani ilizwi, aliyi kuma; ngokuba uThixo unathi. |
| 8 | 11 | Kuba utshilo uYehova kum, eseyisa ngamandla, endithethisa ukuba ndingahambi ngendlela yabo bantu, ukuthi, |
| 8 | 12 | Ize ningathi, Ikukucetywa into yonke abathi abo bantu, Ikukucetywa; nento eyoyikwa ngabo ningayoyiki, ningangcangcazeliswa yiyo. |
| 8 | 13 | UYehova wemikhosi, ngcwalisani yena nina, abe nguye enimoyikayo, abe nguye oningcangcazelisayo. |
| 8 | 14 | Woba yingcwele kuni; ke yena uya kuba lilitye lokubetheka, neliwa lokukhubeka, kuzo zombini izindlu zakwaSirayeli, abe sisibatha nomgibe kubemi baseYerusalem. |
| 8 | 15 | Abaninzi kubo baya kukhubeka apho, bawe, baphuke, barhintyeleke, babanjiswe. |
| 8 | 16 | Bopha isingqino, tywina uqinise isiyalo kubafundi bam. |
| 8 | 17 | Ndiya kulindela kuYehova, lo ubusithelisayo ubuso bakhe kwindlu kaYakobi, ndithembele kuye. |
| 8 | 18 | Yabona, mna nabantwana andinikileyo uYehova, singabemiqondiso nezimanga kwaSirayeli, ezivela kuYehova wemikhosi, ulohlala entabeni yaseZiyon. |
| 8 | 19 | Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? |
| 8 | 20 | Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo. |
| 8 | 21 | Baya kucanda kulo ilizwe begogotyelwe, belambile; kuthi ke, xa bathe balamba, babe noburhalarhume, batshabhise ukumkani wabo noThixo wabo, babheke phezulu; |
| 8 | 22 | babheke emhlabeni, nanko kuyimbandezelo nobumnyama, bethiwe ncithi yingcutheko, begxothelwe esithokothokweni. |
| 9 | 1 | Ngokuba akuyi kuhlala kuthe ncithi kwelinengcutheko. Ngexesha lokuqala walicukuceza ilizwe lakwaZebhulon nelizwe lakwaNafetali; ngelakamva uya kuyizukisa indlela yaselwandle, phesheya kweYordan, ummandla weentlanga. |
| 9 | 2 | Abantu abo babamba emnyameni babone ukukhanya okukhulu; abemi basezweni lethunzi lokufa, ukukhanya kubengezele phezu kwabo. |
| 9 | 3 | Uyalwandisa uhlanga, ulukhulisela uvuyo; bayavuya phambi kwakho, njengokuvuya kwexa lokuvuna, njengokuvuyelela kwabo ekwabeni kwabo amaxhoba. |
| 9 | 4 | Kuba idyokhwe yomthwalo wabo noswazi lwamagxa abo, intonga yomqhubi wabo, uyaphule njengemini yakwaMidiyan. |
| 9 | 5 | Ngokuba zonke izihlangu zabanyathela ngezihlangu ekungxoleni kokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini, ezo ziya kutshiswa, zibe kukudla komlilo. |
| 9 | 6 | Ngokuba sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; ukuthethela kusesixhantini sakhe; igama lakhe kuthiwa nguMmangaliso, nguMcebisi, nguThixo oligorha, nguSonini-nanini, nguMthetheli woxolo, |
| 9 | 7 | ukuba kwande ukuthethela oko, kubekho uxolo olungenakuphela etroneni kaDavide, nasebukumkanini bakhe, ukuba bumiswe buxhaswe ngokusesikweni nangobulungisa, kususela koko kude kuse ephakadeni. Ikhwele likaYehova wemikhosi liya kukwenza oko. |
| 9 | 8 | INkosi ithumela ilizwi kwaYakobi, liwa ke kwaSirayeli. |
| 9 | 9 | Bonke ke abantu bephela baya kwazi, amaEfrayim nabemi belakwaSamari: abathi ngekratshi nangobukhulu bentliziyo, |
| 9 | 10 | Izitena ziwile, siya kwakha ngamatye aqingqiweyo; imithombe ixakaxiwe, siya kuyimisela ngemisedare. |
| 9 | 11 | UYehova ubaphakamisile ababandezeli bakaRetsin phezu kwakhe, uzixhoxhile iintshaba zakhe. |
| 9 | 12 | Ama-Aram ngasempumalanga, namaFilisti ngasentshonalanga, awadlile amaSirayeli ngomlomo wonke. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile. |
| 9 | 13 | Aba bantu ke ababuyeli kulowo ubabethileyo; abamngxamele uYehova wemikhosi. |
| 9 | 14 | Ngoko ke usuke uYehova wanqumla kuSirayeli intloko nomsila, isebe lomthi wesundu nomzi, ngamini-nye. |
| 9 | 15 | Amadoda amakhulu nabafo ababekekileyo, yintloko ke leyo; abaprofeti abayala ngobuxoki, ngumsila ke lowo. |
| 9 | 16 | Abakhokeli baba bantu basuke baba ngaba bandwendwisayo, nabakhokelwa ngabo basuke baba ngabaginyiweyo. |
| 9 | 17 | Ngenxa yoko iNkosi ayiyi kuvuya ngamadodana abo, ingabi namfesane ngeenkedama zabo nabahlolokazi babo; ngokuba bonke bephela baziintshembenxa, nabenzi bobubi; yonke imilomo ithetha ngobudenge. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; isandla sakhe sisolukile. |
| 9 | 18 | Kuba okungendawo kutsha njengomlilo, kudla ubobo namakhakakhaka, kufaka isikhuni ezintshinyeleni zehlathi, kunyuka njengomqulu womsi. |
| 9 | 19 | Ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi ilizwe liyatsha; abantu banjengokudla komlilo; umntu akamcongi umzalwana wakhe. |
| 9 | 20 | Basika ngasekunene, balambe noko; badle ngasekhohlo, bangahluthi noko; umntu adle inyama yengalo yakhe; |
| 9 | 21 | uManase adle uEfrayim, uEfrayim adle uManase; bona bachasane noYuda. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe; sisolukile isandla sakhe. |
| 10 | 1 | Yeha, abamisi bemimiselo yobutshinga, ababhali ababhala uxhamlo; |
| 10 | 2 | ukuze bazisunduze izisweli, zingafiki ematyaleni, bazihluthe ibango lazo iintsizana zabantu bam, ukuba abahlolokazi babe lixhoba labo, baphange iinkedama! |
| 10 | 3 | Niya kuthini na ke ngemini yovelelo, nasesithongeni esivela kude? Niya kusabela kubani na ukuba anincede, nilushiye phi na uzuko lwenu? |
| 10 | 4 | Akukho kumbi, sekukukuguqa phakathi kwabakhonkwixeyo, bawe phakathi kwababuleweyo. Kuko konke oko, awubuyi umsindo wakhe, sisolukile isandla sakhe. |
| 10 | 5 | Yeha, uAsiriya, ntonga yomsindo wam: luswazi olusesandleni sabo ukubhavuma kwam! |
| 10 | 6 | Ndiya kumthumela kuhlanga oluyintshembenxa, ndimwisele umthetho ngabantu bokuphuphuma komsindo wam, ukuba athimbe amaxhoba, aphange okuphangiweyo, abenze into yokunyathelwa njengodaka lwezitrato. |
| 10 | 7 | Ke yena akabi kunjalo; intliziyo yakhe ayiyicingi loo nto; ngokuba okusentliziyweni yakhe kukutshabalalisa nokunqumla iintlanga ezingembalwa. |
| 10 | 8 | Kuba uthi, Abathetheli bam asingookumkani bonke na? IKaleno ayinjengeKarkemishe na, |
| 10 | 9 | iHamati ayinjengeArpadi na, owakwaSamari awunjengeDamasko na? |
| 10 | 10 | Njengokuba isandla sam sazifumanayo izikumkani zezithixo ezingeni; ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo ingaphezulu kweyaseYerusalem neyakwaSamari: |
| 10 | 11 | andiyi kuthi na, njengoko ndenza ngako kowakwaSamari nezithixo zawo ezingeni, ndenjenjalo kwiYerusalem nezithixo zayo? |
| 10 | 12 | Kuya kuthi, xa ithe iNkosi yazifeza izenzo zayo zonke entabeni yaseZiyon naseYerusalem, ndizivelele iziqhamo zobukhulu bentliziyo yokumkani waseAsiriya, nokuqhayisa ngokuqwayinga kwamehlo akhe. |
| 10 | 13 | Kuba uthe, Ndenze ngamandla esandla sam nangobulumko bam; ngokuba ndinengqondo, ndayishenxisa imida yezizwe, ndaziphanga iimpahla zazo, ndabahlisa njengenkunzi eyimbalasane abahleli ezitroneni; |
| 10 | 14 | isandla sam sabufumana ubutyebi bezizwe njengendlu yentaka, ndalibutha mna lonke ihlabathi, njengokubutha amaqanda; akwabakho nanye ishukumisa iphiko, neyakhamayo, netswinayo. |
| 10 | 15 | Izembe lingamqhayisela na ogawula ngalo? isarha ingazikhulisa na ngaphezu koyitsalayo? ngathi intonga ingabajingisa abaphakamisi bayo, ngathi uswazi lungamphakamisa ongenguwo umthi! |
| 10 | 16 | Ngako oko iNkosi, iNkosi yemikhosi, iya kubathumela ukungcumbeka kwabatyebileyo bakhe, nangaphantsi kobuqaqawuli baseAsiriya kutshe ukutsha, njengokutsha komlilo. |
| 10 | 17 | Ukhanyiso lukaSirayeli luya kuba ngumlilo, oyiNgcwele wakhe abe lilangatye, litshise lidle amakhakakhaka akhe nobobo lwakhe ngamini-nye. |
| 10 | 18 | Uya kubuphelisa ubuqaqawuli behlathi lakhe, nobentsimi yakhe echumayo, ethabathela emphefumlweni ase enyameni, kube njengokungcungcutheka komntu ofayo; |
| 10 | 19 | abe mbalwa amasalela emithi yehlathi lakhe, ibhalwe nangumntwana. |
| 10 | 20 | Kuya kuthi ngaloo mini, angabi saphinda amasalela akwaSirayeli, nabasindileyo bendlu kaYakobi, bayame ngobabethayo; baya kwayama ngoYehova oyiNgcwele kaSirayeli, benyanisile. |
| 10 | 21 | Amasalela aya kubuya, amasalela akwaYakobi, eze kuThixo oligorha. |
| 10 | 22 | Kuba nangona bathe baba ngangentlabathi yaselwandle abantu bakho, Sirayeli, kobuya amasalela odwa kubo; ukupheliswa kumisiwe kwagqitywa, kukhukula ubulungisa. |
| 10 | 23 | Ngokuba iNkosi uYehova wemikhosi iza kwenza phakathi kwehlabathi lonke impeliso, iyemisiweyo ke yagqitywa. |
| 10 | 24 | Ngako oko, itsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Musani ukumoyika uAsiriya, bantu bam bahleliyo eZiyon, akunibetha ngentonga, aniphakamisele uswazi lwakhe ngohlobo lwamaYiputa. |
| 10 | 25 | Kuba kusaya kuba mzuzwana mncinane, kuphele ukubhavuma kwam, nomsindo wam uye kumonakalisa; |
| 10 | 26 | ajiwule phezu kwakhe uYehova wemikhosi iziniya, njengoko wabetha amaMidiyan eweni likaOrebhe; intonga yakhe ibe phezu kolwandle, ayiphakamise ngohlobo lwamaYiputa. |
| 10 | 27 | Kuya kuthi ngaloo mini, usuke umthwalo wakhe esixhantini sakho, nedyokhwe yakhe entanyeni yakho, idyokhwe yonakale kukutyeba. |
| 10 | 28 | Ufikile eAyati, ucande eMigron, uyibeke eMikimashe impahla yakhe. |
| 10 | 29 | Baqabele enkalweni, bathi, Masilalise eGebha. Iyagubha iRama, isabile iGibheha yakwaSawule. |
| 10 | 30 | Khala ngezwi lakho, ntombi yaseGalim! Baza iindlebe, Layisha! Uha, Anatoti! |
| 10 | 31 | IMadema ibalekile; abemi baseGebhim bazisabisile iintsapho zabo. |
| 10 | 32 | Umisa eNobhi kwanamhlanje, ulingisa ngesandla sakhe entabeni yentombi enguZiyon, endulini yaseYerusalem. |
| 10 | 33 | Yabona, iNkosi, uYehova wemikhosi, iyawathi tyhobotyhobo amahlamvu ngokungcangcazelisayo, namade aphezulu axakaxwe, naphakamileyo athotywe; |
| 10 | 34 | ihlahla neentshinyela zehlathi ngesixengxe, iwiswe iLebhanon ngonamandla. |
| 11 | 1 | Kophuma igatya esiphunzini sikaYese, kuqhame ihlumelo ezingcanjini zakhe; |
| 11 | 2 | ahle ahlale phezu kwalo uMoya kaYehova, umoya wobulumko nowengqondo, umoya wecebo nowobugorha, umoya wokwazi nowokoyika uYehova. |
| 11 | 3 | Ivumba elithozamisayo kuye likukoyika uYehova, angagwebi ngokokubona kwamehlo akhe, angohlwayi ngokokuva kweendlebe zakhe. |
| 11 | 4 | Uya kuligweba ityala lezisweli ngobulungisa, abalungiselele abalulamileyo behlabathi ngokuthe tye, alibethe ihlabathi ngentonga yomlomo wakhe, ambulale ongendawo ngomoya wemilebe yomlomo wakhe. |
| 11 | 5 | Yoba bubulungisa iqamesi lesinqe sakhe, ibe yintembeko iqamesi lamanqe akhe. |
| 11 | 6 | Ingcuka iya kuhlala nemvana, ingwe ibuthe netakane lebhokhwe; kubuthe ndawonye ithole lenkomo, nengonyama entsha, nenkomo etyetyisiweyo; nomntwana aziqhube ezo zinto. |
| 11 | 7 | Ithokazi lenkomo nemazi yebhere ziya kudla utyani ndawonye, amankonyana azo abuthe ndaweni-nye; ingonyama idle umququ njengenkomo; |
| 11 | 8 | adlale umntwana owanyayo emngxunyeni wephimpi, olunyulweyo ase isandla sakhe elukhozweni lweliso lerhamba. |
| 11 | 9 | Ezo zinto aziyi kwenza bubi, aziyi konakalisa ezintabeni zam zonke ezingcwele; ngokuba ilizwe liya kuzala kukwazi uYehova, njengamanzi egubungele ulwandle. |
| 11 | 10 | Kuya kuthi ngaloo mini, ihlumelo likaYese, elimele ukuba yibhanile yezizwe, iintlanga ziquqele kulo; nendafo yokuphumla kwalo ibe bubuqaqawuli. |
| 11 | 11 | Kuya kuthi ngaloo mini, iNkosi isiphindise okwesibini isandla sayo sokuwathenga siwakhulule amasalela abantu bayo, aya kusala eAsiriya, naseYiputa, nasePatros, nakwaKushi, nakwaElam, naseShinare, naseHamati, naseziqithini zolwandle: |
| 11 | 12 | izinyusele ibhanile iintlanga, ibahlanganise abagxothiweyo bakwaSirayeli, izibuthe iintsali zakwaYuda emasondweni omane ehlabathi. |
| 11 | 13 | Losuka ikhwele likaEfrayim, banqunyulwe ababandezeli bakaYuda. UEfrayim akayi kumkhweletela uYuda, uYuda angambandezeli uEfrayim. |
| 11 | 14 | Bophaphazela egxalabeni lamaFilisti, babheke ngasentshonalanga. Baya kudibana baphange oonyana basempumalanga, base isandla kooEdom noMowabhi; oonyana baka-Amon babeve. |
| 11 | 15 | UYehova wosisingela phantsi isibhaxa solwandle lwaseYiputa, alingise ngesandla sakhe kuwo uMlambo ekuvutheni komoya wakhe, awubethe ube yimilanjana esixhenxe, abaweze beneembadada. |
| 11 | 16 | Kuya kubakho umendo wamasalela abantu bakhe, abaya kusala eAsiriya, njengoko kwaba njalo kumaSirayeli, mini anyuka ephuma ezweni leYiputa. |
| 12 | 1 | Uya kuthi wena ngaloo mini, Ndiyabulela kuwe, Yehova, ngokokuba ubundiqumbele, waza wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela wena. |
| 12 | 2 | Yabona, uThixo ukukusindiswa kwam; ndikholosile, andikwantyi; ngokokuba iqhayiya lam nengoma yam nguYa, nguYehova obuye waba lusindiso kum. |
| 12 | 3 | Ngoko ke niya kukha amanzi ninemihlali emithonjeni yosindiso; |
| 12 | 4 | nithi ngaloo mini, Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe, zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde. |
| 12 | 5 | Mbetheleni uhadi uYehova; ngokuba enze ngobungangamsha; makwazeke oko ehlabathini lonke. |
| 12 | 6 | Tsholoza umemelele, wena mmi waseZiyon; ngokuba mkhulu phakathi kwakho oyiNgcwele kaSirayeli. |
| 13 | 1 | Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi. |
| 13 | 2 | Nyusani ibhanile phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene. |
| 13 | 3 | Mna ndibawisele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi. |
| 13 | 4 | Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zihlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe. |
| 13 | 5 | Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu-nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke. |
| 13 | 6 | Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla. |
| 13 | 7 | Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile. |
| 13 | 8 | Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye. |
| 13 | 9 | Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilenze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo. |
| 13 | 10 | Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo. |
| 13 | 11 | Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi; |
| 13 | 12 | ndiwenze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire. |
| 13 | 13 | Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe; |
| 13 | 14 | bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo. |
| 13 | 15 | Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlanza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele. |
| 13 | 16 | Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo. |
| 13 | 17 | Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide. |
| 13 | 18 | Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana. |
| 13 | 19 | IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora. |
| 13 | 20 | Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti. |
| 13 | 21 | Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona; |
| 13 | 22 | kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane; kusondele ukuza kwexesha layo, nemini yayo ingalibali. |
| 14 | 1 | Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi. |
| 14 | 2 | Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo: bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo. |
| 14 | 3 | Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu, nasekukhonzeni okunzima, enakhonziswa ngako, |
| 14 | 4 | nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli, nithi, Utheni na ukupheza umqhubi! ukupheza umzi othisayo! |
| 14 | 5 | UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli, |
| 14 | 6 | ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa. |
| 14 | 7 | Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele. |
| 14 | 8 | Nayo imisipres ikuvuyele, imisedare yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo. |
| 14 | 9 | Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga. |
| 14 | 10 | Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwe ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na? |
| 14 | 11 | Buhliselwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubungele amanundu. |
| 14 | 12 | Utheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga! |
| 14 | 13 | Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiyakunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla. |
| 14 | 14 | Ndiya kunyuka ngaphezu kweziganga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni; |
| 14 | 15 | kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi. |
| 14 | 16 | Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani? |
| 14 | 17 | eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke? |
| 14 | 18 | Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe; |
| 14 | 19 | ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo. |
| 14 | 20 | Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi. |
| 14 | 21 | Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemizi, |
| 14 | 22 | Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova; |
| 14 | 23 | ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi. |
| 14 | 24 | Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo; |
| 14 | 25 | ukuba ndimaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo. |
| 14 | 26 | Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke. |
| 14 | 27 | Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa? |
| 14 | 28 | Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi: |
| 14 | 29 | Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo. |
| 14 | 30 | Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho. |
| 14 | 31 | Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe. |
| 14 | 32 | Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozimela ngayo iintsizana zabantu bakhe. |
| 15 | 1 | Isihlabo esisingisele kuMowabhi. Kuba ngobusuku iAri yakwaMowabhi ibhuqiwe, yadaka; kuba ngobusuku ibhuqiwe iKire yakwaMowabhi, yathi shwaka. |
| 15 | 2 | Banyuke baya endlwini naseDibhon, ezigangeni, besiya kulila; phezu kweNebho naphezu kweMedebha uMowabhi uyabhomboloza; zonke iintloko zichetyiwe, zonke iindevu ziguyiwe. |
| 15 | 3 | Ezitratweni zakhe babhinqa ezirhwexayo; phezu kwezindlu zakhona, nasezindaweni zeembutho zakhona, bonke bephela bayabhomboloza, besithi ngxa iinyembezi. |
| 15 | 4 | Iyakhala iHeshbhon ne-Elale, lide laya kuvakala naseYahazi izwi labo; ngenxa yoko abaxhobileyo bakwaMowabhi benza isijwili, umphefumlo wabo uyajijitheka kubo. |
| 15 | 5 | Intliziyo yam iyakhala ngokubona uMowabhi, omivalo ide yesa eTsohare, elithokazi elilizibulokazi; kuba banyuka eqhineni laseLuhiti belila; kuba endleleni yaseHoronayim bakhaliswa kukwaphulwa kwabo; |
| 15 | 6 | kuba amanzi aseNimrim athe qoko; kuba bubunile utyani, luphelile uhlaza, awukho umfuno. |
| 15 | 7 | Ngenxa yoko intwana ebisele, ababeyenzile, ababeyiqwebile, bayayithwala bayiweze esihlanjeni semingculuba. |
| 15 | 8 | Kuba isikhalo siwuzungulezile umda wakwaMowabhi; ukubhomboloza kwakhe kwesa e-Eglayim, kwesa naseBhere-elim ukubhomboloza kwakhe. |
| 15 | 9 | Kuba amanzi aseDimon azele ligazi; ngokuba iDimon ndiyimisela ezinye izinto ezimbi; abasindileyo bakwaMowabhi nabaseleyo emhlabeni ndibamisela ingonyama. |
| 16 | 1 | Thumelani iimvana kumlawuli welizwe, zivela eSela, zibheke entlango, ziye entabeni yentombi uZiyon. |
| 16 | 2 | Kuba njengeentaka eziphekuziweyo, njengendlu yentaka esuselweyo, aya kuba njalo amagxamesi akwaMowabhi emazibukweni aseArnon, esithi, |
| 16 | 3 | Siphe iqhinga, yahlula; misa isithunzi sakho sibe njengobusuku emini enkulu; fihla abagxothiweyo, musa ukumncetheza obhadubhadulayo. |
| 16 | 4 | Mabaphambukele kuwe abagxothiweyo bam; ube lisithe kuye uMowabhi phambi kombhuqi; ngokuba umkhamangi ugqibele, umbhuqi uphelile, abanyashi batshatyalalisiwe ezweni. |
| 16 | 5 | Kuya kuzinziswa itrone ngenceba, kuhlale phezu kwayo onenyaniso, ententeni kaDavide: umgwebi okhathalele okusesikweni, okhawulezayo ukulungisa. |
| 16 | 6 | Silivile ikratshi likaMowabhi, ikratshi elikhulu. Hayi, ukukratsha kwakhe! Hayi, ikratshi lakhe nokuphuphuma komsindo wakhe, ukuphololoza kwakhe into engeyiyo! |
| 16 | 7 | Ngako oko uMowabhi uya kubhomboloza ngenxa kaMowabhi; bonke bephela baya kubhomboloza; niya kunkwinizela izicumba zeerasintyisi zaseKir-hareshete, nithe dakumba kanye. |
| 16 | 8 | Kuba amasimi aseHeshbhon antshwenyile, nomdiliya waseSibhema. Abantu beentlanga bayivithile imidiliya yawo yohlobo; ibide yaya kufika eYazere, yanabela entlango, amasebe ayo anaba ada awela ulwandle. |
| 16 | 9 | Ngenxa yoko ndiyawulilela ngokulila kweYazere umdiliya waseSibhema; ndikunyakamisa ngeenyembezi zam, Heshbhon, nawe Elale, ngokuba ukuvunwa kweziqhamo zakho nokuvunwa kweediliya zakho kufikelwe ngamayeyeye. |
| 16 | 10 | Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo; akusamemelelwa ezidiliyeni, akusadunywa nokudunywa; umxovuli akasaxovuli newayini emkhombeni; ndiwaphelisile amayeyeye. |
| 16 | 11 | Ngenxa yoko izibilini zam ziyahlokoma njengohadi ngoMowabhi, nento ephakathi kwam ngeKir-beres. |
| 16 | 12 | Kuya kuthi, xa athe wabonakala, xa athe wazidinisa uMowabhi esigangeni, wangena engcweleni yakhe ukuba athandaze, asuke angabi nakuthini. |
| 16 | 13 | Lilo elo ilizwi, awalithethayo uYehova ngoMowabhi kwanini. |
| 16 | 14 | Kaloku ke uYehova uthetha esithi, Ngeminyaka emithathu, njengeminyaka yomqeshwa, buya kucukucezwa ubuqaqawuli bukaMowabhi, naloo ngxokolo yonke eninzi, amasalela abe mancinane, abe mbalwa, angabi makhulu. |
| 17 | 1 | Isihlabo esisingisele kwiDamasko. Yabona, iDamasko iya kususwa ekubeni ngumzi, ibe ngumwewe owileyo. |
| 17 | 2 | Ishiyiwe imizi yaseArohere; iya kuba yeyemihlambi, ibuthe khona, kungabikho uyothusayo; |
| 17 | 3 | ipheliswe inqaba kwaEfrayim nobukumkani kwiDamasko, amasalela ama-Aram abe njengobuqaqawuli boonyana bakaSirayeli; utsho uYehova wemikhosi. |
| 17 | 4 | Kuya kuthi ngaloo mini, busweleke ubuqaqawuli bukaYakobi, ingcumbeke inyama yakhe etyebileyo. |
| 17 | 5 | Kuya kuba njengomvuni ehlanganisa ingqolowa emiyo, ingalo yakhe isika izikhwebu, kube njengokubhikica izikhwebu esihlanjeni samaRafa; |
| 17 | 6 | kusale okubhikicwayo khona, njengasekuvuthululweni komnquma; amabhumbulu abe mabini namathathu emancamini phezulu, abe mane namahlanu ezimbaxeni zawo umthi oneziqhamo; utsho uYehova, uThixo kaSirayeli. |
| 17 | 7 | Ngaloo mini umntu uya kondela kuMenzi wakhe, amehlo akhe akhangele koyiNgcwele kaSirayeli; |
| 17 | 8 | anganoneleli izibingelelo, izenzo zezandla zakhe, angayikhangeli into eyenziwa yiminwe yakhe, noAshera, nezithixo zelanga. |
| 17 | 9 | Ngaloo mini imizi yakhe enqabileyo iya kuba ngamanxuwa asezintshinyeleni zehlathi, nawasezincotsheni zeentaba, abawashiyayo phambi koonyana bakaSirayeli; koba senkangala. |
| 17 | 10 | Ngokokuba umlibele uThixo, umsindisi wakho, akwalikhumbula neliwa lokunqaba kwakho; ngenxa yoko watyala izityalo ezimnandi, wamilisela kuzo iintswazi zomdiliya wasemzini. |
| 17 | 11 | Ngemini yokutyala kwakho wawubiyela, kusasa wayityatyambisa imbewu yakhosisitha sokwindla eso ngemini yesifo, nomvandedwa obulalayo. |
| 17 | 12 | Yeha, ukuguguma kwezizwe ezininzi, ziguguma njengokuguguma kweelwandle! Yeha, ukungxola kwezizwe, zingxola njengokungxola kwamanzi anamandla! |
| 17 | 13 | Izizwe zingxola njengokungxola kwamanzi amaninzi; ke uThixo wozikhalimela, zisabe ziye kude, zisukelwe njengomququ weentaba phambi komoya, njengefukufuku lothuli phambi kwesaqhwithi. |
| 17 | 14 | Ngexa langokuhlwa, nanko zikhwankqile; kungekasi, azikho. Siso eso isahlulo sabasidywidayo, nelifa labasiphangayo. |
| 18 | 1 | Yeha ke, ilizwe lenzwinini yamaphiko, eliphesheya kwemilambo yakwaKushi: |
| 18 | 2 | elithuma izigidimi ngolwandle ngemikhombe yemikhanzi phezu kwamanzi! Ndithi, Hambani, bathunywa banamendu, niye kuhlanga olude, olugudileyo, kubantu aboyikekayo ngapha nangapha, kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo! |
| 18 | 3 | Nonke bemi belimiweyo, nani bahleli ehlabathini, xa kuthe kwenyuka ibhanile ezintabeni, khangelani; xa kuthe kwavuthelwa isigodlo, yivani. |
| 18 | 4 | Ngokuba utshilo uYehova kum ukuthi, Ndiya kuzola, ndibonele ndisendaweni yam; kufudumele, lisile, likho ilanga, kukho ilifu lombethe ekufudumaleni ngexa lokuvuna. |
| 18 | 5 | Kuba phambi kokuvuna, akugqibela ukuphuma amathupha, intyantyambo yakuba yidiliya emuncu: uya kuwanqumla amasebe ngesitshetshe, awasuse awavikive anabayo. |
| 18 | 6 | Onke aya kushiywa abe ngawamaxhalanga eentaba, abe ngawamarhamncwa elizwe; amaxhalanga adlulise ihlobo phezu kwawo, onke amarhamncwa elizwe adlulise ubusika phezu kwawo. |
| 18 | 7 | Ngelo xesha kuya kusiwa kuYehova wemikhosi isithabathaba, esingabantu abade, abagudileyo, bephuma kubantu aboyikekayo abangapha nangapha; kuhlanga olumithetho inzima, olugqushayo, olulizwe licandwacandwe yimilambo; sisiwe endaweni yegama likaYehova wemikhosi, entabeni yaseZiyon. |
| 19 | 1 | Isihlabo esisingisele kwiYiputa. Bona ke uYehova ekhwele efini elinamendu, uza eYiputa. Ziya kudidizela izithixo ezingento zaseYiputa phambi kwakhe, intliziyo yeYiputa inyibilika phakathi kwayo. |
| 19 | 2 | AmaYiputa ndiya kuwaxhokonxela kwa-amaYiputa, alwe elowo nomzalwana wakhe, elowo nommelwane wakhe, umzi nomzi, ubukumkani nobukumkani. |
| 19 | 3 | Wothiwa qongqololo umoya wamaYiputa phakathi kwawo; ndiliginye icebo lawo, aquqele kwizithixo ezingento, nakwabadumze layo, nakwabaneshologu, nakoosiyazi; |
| 19 | 4 | ndiwavingcele amaYiputa ngesandla senkosi esilukhuni, alawulwe ngukumkani onengcwangu; itsho iNkosi, uYehova wemikhosi. |
| 19 | 5 | Aya kuthi qoko amanzi aselwandle, utshe wome umlambo; |
| 19 | 6 | zinuke izibhaxa zawo, iwuthe itshe imijelo yoMnayile waseYiputa, zishwabane iingcongolo nemikhanzi. |
| 19 | 7 | Iintili ezingakuMnayile, ngasechwebeni loMnayile, nento yonke ehlwayelweyo, iya koma, iphetshethwe ingabikho. |
| 19 | 8 | Baya kuncwina ababambisi beentlanzi, bambambazele bonke abaphosa iqherhu eMnayileni, bathi matshamatsha abaneka umnatha phezu kwamanzi. |
| 19 | 9 | Baya kudana abasebenzi beflakisi echazwayo, nabaluki belinen emhlophe; |
| 19 | 10 | zithiwe vithivithi iintsika zalo, ube buhlungu umphefumlo wabo bonke abasebenzela umvuzo. |
| 19 | 11 | Bazizimathane zodwa abathetheli baseTsohan; amaphakathi alumkileyo kaFaro, icebo labo libubutyhakala. Ningathini na ukuthi kuFaro, Ndingunyana wezilumko, ndingunyana wookumkani bamandulo? |
| 19 | 12 | Ziphi na, ziphi na ke izilumko zakho? Mazikuxelele kaloku, ziyazi into ayicebileyo uYehova wemikhosi ngeYiputa. |
| 19 | 13 | Bazizimathane abathetheli baseTsohan, balukuhliwe abathetheli baseNofu; bayilahlekisile iYiputa abayimbombo yezizwe zayo. |
| 19 | 14 | UYehova uthululele embilinini wayo umoya wobugwenxa, ukuba bayilahlekise iYiputa ekwenzeni kwayo konke, njengokugxadazela kwenxila emhlanzweni walo. |
| 19 | 15 | IYiputa ayiyi kuba nasenzo isenzayo intloko kwanomsila, isebe lesundu nomzi womlambo, |
| 19 | 16 | Ngaloo mini amaYiputa aya kuba njengabafazi, agubhe, ankwantye phambi kokulingisa ngesandla kukaYehova wemikhosi, alingisa ngaso kuwo. |
| 19 | 17 | Umhlaba wakwaYuda woyixhalabisa iYiputa; athi othe wawukhankanya kuyo, ankwantye, ngenxa yecebo likaYehova wemikhosi, alicebileyo ngayo. |
| 19 | 18 | Ngaloo mini imizi emihlanu ezweni lamaYiputa iya kuthetha intetho yelakwaKanan, ifunge uYehova wemikhosi; omnye kuya kuthiwa yi-Ir-heres. |
| 19 | 19 | Ngaloo mini kuya kubakho isibingelelo kuYehova phakathi kwelizwe lamaYiputa, nelitye elimisiweyo kuYehova ngasemdeni walo. |
| 19 | 20 | Oko koba ngumqondiso nobungqina kuYehova wemikhosi ezweni lamaYiputa; xa athe akhala kuYehova ngenxa yabaxinezeli bawo, wowathumela umsindisi nomthetheleli, awahlangule. |
| 19 | 21 | UYehova uya kuzazisa kumaYiputa, amazi uYehova amaYiputa ngaloo mini, amkhonze ngemibingelelo nangeminikelo yokudla; abhambathise ngezibhambathiso kuYehova, azizalise. |
| 19 | 22 | UYehova uya kuwabetha ke amaYiputa, ebetha ephilisa; abuyele kuYehova, yena athandazeke ngawo, awaphilise. |
| 19 | 23 | Ngaloo mini kuya kubakho umendo ophuma eYiputa, oya eAsiriya; eze ama-Asiriya eYiputa, amaYiputa aye eAsiriya, akhonze uYehova amaYiputa kunye nama-Asiriya. |
| 19 | 24 | Ngaloo mini amaSirayeli aya kuba sisahlulo sesithathu kumaYiputa nakuma-Asiriya, eyintsikelelo phakathi kwehlabathi; |
| 19 | 25 | ewasikelela uYehova wemikhosi, esithi, Nisikelelwe, maYiputa, bantu bam; ma-Asiriya, msebenzi wezandla zam; maSirayeli, lifa lam. |
| 20 | 1 | Ngomnyaka wokuza kukaTartan eAshdode, ethunywe nguSargon, ukumkani waseAsiriya (walwa neAshdode, wayithimba), ngelo xesha, |
| 20 | 2 | wathetha uYehova ngoIsaya unyana ka-Amotsi, esithi, Yiya ukhulule ingubo erhwexayo emanqeni akho, uzikhulule iimbadada ezinyaweni zakho. Wenjenjalo ke, wahamba ze, engenazo neembadada. |
| 20 | 3 | Wathi ke uYehova, Njengokuba umkhonzi wam uIsaya ehambe ze, engenambadada, iminyaka emithathu, waba ngumqondiso nesimanga kwiYiputa nakwaKushi: |
| 20 | 4 | uya kwenjenjalo ukumkani waseAsiriya ukubaqhuba abathinjiweyo baseYiputa, nabafudusiweyo bakwaKushi, abantwana namadoda amakhulu, beze, bengenambadada, behamba ngeempundu, intoleyo eziintloni kwiYiputa. |
| 20 | 5 | Baya kuqhiphuka umbilini badane nguKushi, inqolonci yabo, nayiYiputa, iqhayiya labo; |
| 20 | 6 | bathi ke abemi bolo nxweme ngaloo mini, Yabonani, inje inqolonci yethu, esasabela kuyo ukuba sincedwe, sihlangulwe kukumkani waseAsiriya; singathini na ke ukusinda thina? |
| 21 | 1 | Isihlabo esisingisele kwintlango yaselwandle. Njengezaqhwithi zasezantsi zikhukula, kuphuma into entlango, ezweni eloyikekayo. |
| 21 | 2 | Ndiboniswe umbono olukhuni: inginingini linginiza, umbhuqi ebhuqa. Nyuka, Elam; ngqinga, Madayi; ukuncwina kwabo konke ndiya kuphelisa. |
| 21 | 3 | Ngenxa yoko azele amanqe am kukuzibhijabhija, inimba indifikele njengenimba yozalayo; ndiyapenapena, andiva; ndikhwankqile, andiboni. |
| 21 | 4 | Intliziyo yam iyadinga, ukududuzela kundidandathekisile; ungcwalazi, into endiyilangazelelayo, ulwenze into endigubhisayo. |
| 21 | 5 | Kulungiswa isithebe, kuboniselwa umboniselo, kuyadliwa, kuyaselwavukani, bathetheli, thambisani iingweletshetshe. |
| 21 | 6 | Ngokuba itsho kum iNkosi, ukuthi, Yiya umise umboniseli, athi akubona into aze kuyixela. |
| 21 | 7 | Wabona umkhoko wabakhweli, abamahashe bengababini, nabakhweli bamaesile, nabakhweli beenkamela; wabaza iindlebe, wazibaza kakhulu kunene. |
| 21 | 8 | Wadanduluka ngelengonyama, esithi, Nkosi, kususela koko ndimi emboniselweni emini, ndizimisile esigxineni sam ubusuku ngobusuku. |
| 21 | 9 | Ke, yabona, kweza umkhoko wamadoda, abamahashe bengababini. Wasusela wathi, Iwile, iwile iBhabheli; yonke imifanekiso eqingqiweyo yoothixo bayo uyaphulele emhlabeni. |
| 21 | 10 | Wena, nto yam ibhuliweyo, ngqolowa yesanda sam, endikuvileyo kuYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ndikuxelile kuni. |
| 21 | 11 | Isihlabo esisingisele kothe cwaka. Omemeza kum ekwelakwaSehire, uthi, Mlindi, kuxa liphi na ebusuku? mlindi, kuxa liphi na ebusuku? |
| 21 | 12 | Uthi umlindi, Kuyeza ukusa, kwanobusuku. Ukuba niyabuza, buzani; buyani, yizani. |
| 21 | 13 | Isihlabo esisingisele kwelaseArabhi. KwelaseArabhi niya kulalisa emxawukeni, nina mikhoko yamaDedan. |
| 21 | 14 | Baziseleni amanzi abanxaniweyo; nina, bemi bakwaTema, nibakhawulele ngesonka abaphalaphalayo. |
| 21 | 15 | Ngokuba baphalaphaliswa ngamakrele, amakrele athiwe kruthu, nasisaphetha esityhidiweyo, nayimfazwe enzima. |
| 21 | 16 | Ngokuba iNkosi itshilo kum ukuthi, Kwakulo mnyaka, njengeminyaka yomqeshwa, buya kuphela ubuqaqawuli bonke bakwaKedare; |
| 21 | 17 | abe mbalwa amasalela enani lezaphetha zamagorha, oonyana bakaKedare; ngokuba uYehova uThixo kaSirayeli uthethile. |
| 22 | 1 | Isihlabo esisingisele kumfula wombono. Ukholose ngantoni na kaloku, le nto unyukileyo waya phezu kwezindlu wonke uphela? |
| 22 | 2 | Wena uzeleyo kukungxola, wena mzi uxokozelayo, wena nqaba ivuyelelayo; ababuleweyo bakho ababulawanga likrele, abafanga yimfazwe. |
| 22 | 3 | Bonke abaphathi bakho babaleka kunye, bakhonkxwe kungabangakho saphetha; bonke abafunyanwa kuwe bakhonkxwa kunye ekubalekeleni kwabo kude. |
| 22 | 4 | Ngenxa yoko ndathi, Susani amehlo kum, ndikwenze kube krakra ukulila kwam; musani ukundizama ngokundithuthuzela ngenxa yokubhuqwa kwentombi yabantu bakowethu. |
| 22 | 5 | Ngokuba ifikelwe ngumhla wokudungwadungwa, wokugqushwa, wokuqungwaqungwa, okuvela kwiNkosi uYehova wemikhosi, emfuleni wombono; umhla wokuwiselwa phantsi iindonga, wokuzibika ezintabeni. |
| 22 | 6 | AmaElam aqubule umphongolo, eneenqwelo zokulwa ezinamadoda na bamahashe; amaKiri ahlube iingweletshetshe. |
| 22 | 7 | Zathi ke iintili zakho ezintle zazala ziinqwelo zokulwa, bathi abamahashe bamisa bemisile esangweni. |
| 22 | 8 | Wasibhenqa isigqubuthelo sakwaYuda; waza wena ngaloo mini wabheka esikrweqeni sendlu yehlathi. |
| 22 | 9 | Nazibona iintanda zomzi kaDavide ukuba ninzi, nahlanganisa amanzi echibi lasezantsi; |
| 22 | 10 | izindlu zaseYerusalem nazibala; nazidiliza izindlu, ukuze ninqabise udonga. |
| 22 | 11 | Nenza isigingqi samanzi echibi elidala phakathi kweendonga zombini, anakhangela kumenzi wale nto, anambeka owayibumbayo kwakudala. |
| 22 | 12 | INkosi, uYehova wemikhosi, ngaloo mini yabizela ekulileni, nasekumbambazeleni, nasekuchebeni intloko, nasekubhinqeni iingubo ezirhwexayo; |
| 22 | 13 | kanti kusuke kwaba yimihlali nemivuyo, kusoselwa iinkomo, kuxhelwa iigusha, kudliwa inyama, kuselwa iwayini; kudliwa, kuselwa, kuba kusithiwa, Ngomso soba sesifile. |
| 22 | 14 | UYehova wemikhosi wazityhila ngokwakhe ezindlebeni zam, wathi, Nento, ukuba nokha nicanyagushelwe obo bugwenxa, nide nife! itsho iNkosi, uYehova wemikhosi. |
| 22 | 15 | Yatsho iNkosi, uYehova wemikhosi, ukuthi, Hamba uye kwelaa gosa, kuShebhena umphathi wendlu, uthi, |
| 22 | 16 | Unantoni na apha, unabani na apha, ukuba nje uzixholele ingcwaba apha, njengoxhola ingcwaba lakhe phezulu, ezikrolela ikhaya engxondorheni? |
| 22 | 17 | Yabona, uYehova uya kukudandalazisa ngokudandalazisa kwendoda, akuxhakamfule, akuqinise. |
| 22 | 18 | Uya kukuthandela akuthandele, ube yinto yokunqakulisa, imbumbulu esinga ezweni elibanzi ngeenxa zombini. Uya kufela apho, zibe lapho iinqwelo zobuqaqawuli bakho, wena, hlazo lendlu yenkosi yakho. |
| 22 | 19 | Ndokuguzula usuke ebugoseni bakho, akugungxule ebumeni bakho. |
| 22 | 20 | Kuya kuthi ngaloo mini, ndibize umkhonzi wam, uEliyakim unyana kaHilekiya; |
| 22 | 21 | ndimambathise iingubo zakho zangaphantsi, ndimbophe ngombhinqo wakho, ndimnikele esandleni ulawulo lwakho, abe nguyise wabemi baseYerusalem nowabendlu kaYuda. |
| 22 | 22 | Ndiya kusibeka isitshixo sendlu kaDavide esixhantini sakhe, avule kungabikho uvalayo, avale kungabikho uvulayo; |
| 22 | 23 | ndimbethelele abe sisikhonkwane endaweni eqinileyo; abe yitrone yozuko kwindlu kayise. |
| 22 | 24 | Baya kubuxhoma kuye bonke ubunzima bendlu kayise, amagatya neempakatha, yonke impahla encinane, kuthabathele empahleni ezizidendeleko, kuse empahleni yonke eyimiphanda. |
| 22 | 25 | Ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, siya kususwa isikhonkwane, eso sibethelelwe endaweni eqinileyo, sixakaxwe, siwe, unqanyulwe umthwalo ophezu kwaso; ngokuba uYehova ethethile. |
| 23 | 1 | Isihlabo esisingisele kwiTire. Bhombolozani, nina zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe, akwabakho ndlu, akwabakho kungena. |
| 23 | 2 | Bakutyhilelwe ezweni lamaKiti. Yithini cwaka, bemi bonxweme; wena uzaliswe ngabarhwebi baseTsidon, abawela ulwandle. |
| 23 | 3 | Yayisemanzini amakhulu imbewu yaseSihore, ukuvuna koMnayile kwaba lungeniselo kuyo; yaba yindawo yokurhweba kweentlanga. |
| 23 | 4 | Dana, Tsidon; kuba luthethile ulwandle, inqaba yolwandle, lwathi, Andizibhijabhijanga, andizalanga, andikhulisanga mlisela, andondlanga mthinjana. |
| 23 | 5 | Lothi lwakuthi ukuthi ukufika olu daba eYiputa, basuke bazibhijabhije ngodaba olungeTire. |
| 23 | 6 | Welelani niye eTarshishe; bhombolozani, bemi bonxwene. |
| 23 | 7 | Kunje na kuwe, wena mvuyeleli, ukuvela kwakho kukho kwasemihleni yamandulo, iinyawo zakho zakusa kude, ukuba uye kuthi vu? |
| 23 | 8 | Ngubani na lo ucebe le nto ngeTire, ngomzi othwesa ngezithsaba, obarhwebi bawo bangabathetheli, obathengeli bawo bangabazukileyo behlabathi? |
| 23 | 9 | Icetywe nguYehova wemikhosi, ukuba angcolise ubungangamsha bamakhazikhazi onke, ukuba acukuceze bonke abazukileyo behlabathi. |
| 23 | 10 | Canda kulo ilizwe lakowenu njengoMnayile, ntombi inguTarshishe; akusekho luqhwemesha lukuxinileyo. |
| 23 | 11 | Isandla sakhe usolulele phezu kolwandle, ugungqise izikumkani. UYehova uwise umthetho ngelakwaKanan wokutshabalalisa iinqaba zalo. |
| 23 | 12 | Wathi, Akuyi kuba sabuya udlamke, nkazana idlwengulweyo, ntombi inguTsidon. Suk ume, welela kumaKiti; nalapho akuyi kuba nakuphumla. |
| 23 | 13 | Yabona, ilizwe lamaKaledi, ngabantu ababengekho; ama-Asiriya abamisela ukuba babe ngabomqwebedu; bamisa iimboniselo zabo, bezinqika iingxande zalo ezinde, bezenza umwewe. |
| 23 | 14 | Bhombolozani, zinqanawa zaseTarshishe, ngokuba ibhuqiwe inqaba yenu. |
| 23 | 15 | Kuya kuthi ngaloo mini, ilityalwe iTire iminyaka engamashumi asixhenxe, njengemihla yokumkani omnye. Ekupheleni kweminyaka engamashumi asixhenxe kuya kwenzeka kwiTire ngokwengoma yehenyukazi, ethi, |
| 23 | 16 | Thabatha uhadi uwujikajike umzi, henyukazi lilityelweyo; betha kamnandi; vuma iingoma ezininzi, ukuze ukhunjulwe. |
| 23 | 17 | Kuya kuthi ekupheleni kweminyaka emashumi asixhenxe, ayivelele iTire uYehova, ibuyele elutsheqweni lwayo, ihenyuzane nezikumkani zonke zehlabathi eziphezu komhlaba; |
| 23 | 18 | lube ngcwele kuYehova urhwebo lwayo notsheqo lwayo; aluyi kubekwa, aluyi kuqwetywa; kuba urhwebo lwayo luya kuba lolwabahleli phambi koYehova, ukuze badle bahluthe, nokuze bambathe ngokobunene. |
| 24 | 1 | Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo; |
| 24 | 2 | kube mfani-nye abantu nababingeleli, kube mfani-nye ikhoboka nenkosi yalo, kube mfani-nye ikhobokazana nenkosikazi yalo, kube mfani-nye othengayo nothengisayo, kube mfani-nye obolekayo nobolekwayo, |
| 24 | 3 | kube mfani-nye umnikimali nomamkelimali. Ihlabathi lithiwe qongqololo ngakunye, liphangwe liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi. |
| 24 | 4 | Ihlabathi lenza isijwili, libunile; lintshwenyile, libunile elimiweyo; bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi. |
| 24 | 5 | Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. |
| 24 | 6 | Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi, kwasala abantu abambalwa. |
| 24 | 7 | Iwayini entsha yenza isijwili, untshwenyile umdiliya, bayancwina bonke abantliziyo inemivuyo. |
| 24 | 8 | Iphelile imihlali yengqongqo; iyekile ingxokozelo yabadlamkileyo; iphelile imihlali yohadi. |
| 24 | 9 | Abayi kusela wayini benengoma; sikrakra isiselo esinxilisayo kwabasiselayo. |
| 24 | 10 | Uqhekekile umzi osenyanyeni, zivalekile zonke izindlu ukuba zingangenwa mntu. |
| 24 | 11 | Bakhala ngewayini phandle; itshonile yonke imivuyo; iphele kwathi tu imihlali yehlabathi. |
| 24 | 12 | Umzi usele walinxuwa, laqotywa isango layimvithi. |
| 24 | 13 | Kuba kuya kuba nje esazulwini sehlabathi lonke phakathi kwezizwe, kube njengasekuvuthululweni komnquma, njengasekubhikiceni ukuphela kokuvuna iidiliya. |
| 24 | 14 | Bona aba baya kuphakamisa ilizwi, bamemelele; baya kutsholoza ngobungangamsha bukaYehova, beselwandle, bathi, |
| 24 | 15 | Ngenxa yoko, zukisani uYehova emimandleni yokukhanya: igama likaYehova, uThixo kaSirayeli, eziqithini zolwandle. |
| 24 | 16 | Esondweni lehlabathi siva iingoma ezithi, Udumo malube kwilungisa. Ndaza ndathi, Hayi, ukungcungcutheka kwam! ukungcungcutheka kwam! Athi ke mna! Amanginingini ayanginiza, amanginingini ayanginiza ngonginizo lwawo. |
| 24 | 17 | Ufikelwe lunkwantyo nomgongxo nesibatha, wena mmi wehlabathi. |
| 24 | 18 | Kuya kuthi, othe walibaleka ilizwi elinkwantyisayo, eyele emgongxweni; othe wenyuka waphuma emgongxweni, abanjiswe sisibatha; ngokuba iingcango zaphezulu zivulekile, zanyikima iziseko zehlabathi. |
| 24 | 19 | Liyavikiveka livikiveke ihlabathi; liyacandeka licandeke ihlabathi; liyashukuma lishukume ihlabathi; liyatalasa ihlabathi njengenxila; |
| 24 | 20 | liyajinga njengomandlalo oxhonyiweyo; ukreqo lwalo lunzima phezu kwalo; liyawa, lingabuyi livuke. |
| 24 | 21 | Kuya kuthi ngaloo mini, awuvulele uYehova umkhosi wabaphezulu, nokumkani behlabathi ehlabathini; |
| 24 | 22 | bahlanganiswe behlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini, bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi. |
| 24 | 23 | Iya kuba neentloni inyanga, lidane ilanga, xa uYehova wemikhosi angukumkani entabeni yeZiyon, naseYerusalem, naphambi kwamadoda akhe amakhulu, ngobuqaqawuli. |
| 25 | 1 | Yehova, unguThixo wam; ndiya kukuphakamisa, ndiya kubulela kwigama lakho; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, amacebo akho kwakude, ukunyaniseka, inyaniso. |
| 25 | 2 | Ngokuba umzi uwenze walinxuwa; inqaba enqatyisiweyo yangumwewe; uxande olude lwabasemzini alwaba mzi, ungakhiwa naphakade. |
| 25 | 3 | Ngenxa yoko baya kukuzukisa abantu abanengcwangu, ikoyike imizi yeentlanga ezingcangcazelisayo. |
| 25 | 4 | Ngokuba waba ligwiba kwisisweli, igwiba kwihlwempu ekubandezelweni kwalo, ihlathi esiphangweni, umthunzi lakubalela, xa ukufutha kwabangcangcazelisayo kwaba njengesiphango eludongeni. |
| 25 | 5 | Njengokubalela emqwebedwini, udambise ingxolo yabasemzini; njengokudanjiswa kokubalela lithunzi lelifu, yathotywa ngokunjalo ingoma yabangcangcazelisayo. |
| 25 | 6 | UYehova wemikhosi uya kuzenzela zonke izizwe isidlo sezinto ezityebileyo kule ntaba, isidlo sewayini egcinwe ngeentsipho, sezinto ezityebileyo ezinomongo, sewayini egcinwe ngeentsipho, yaza yahluzwa; |
| 25 | 7 | aginye kule ntaba umphambili wesigqubuthelo esizigqubutheleyo izizwe zonke, nesigubungelo esizigubungeleyo zonke iintlanga. |
| 25 | 8 | Iya kuginya ukufa kuphele, izisule iNkosi uYehova iinyembezi ebusweni bonke, ingcikivo yabantu bayo iyisuse ehlabathini lonke, kuba uYehova ethethile. |
| 25 | 9 | Kuya kuthiwa ngaloo mini, Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise; nguYehova lo besithembele kuye; masigcobe, sivuye ngosindiso lwakhe. |
| 25 | 10 | Ngokuba isandla sikaYehova siya kuhlala phezu kwale ntaba, anyathelwe amaMowabhi endaweni yawo, njengokunyathelwa komququ emanzini omgquba. |
| 25 | 11 | Aya kuzaneka izandla zawo emthonyameni wawo, njengokuba indadi izaneka izandla ukuba idade; ke uYehova uya kulithoba ikratshi lawo, kunye nezigcaliselo zezandla zawo. |
| 25 | 12 | Wozisibekekisa iindonga zakho ezinqabileyo eziphakamileyo, azigungxule, ade azifikise emhlabeni, eluthulini. |
| 26 | 1 | Ngaloo mini kuya kuvunywa le ngoma ezweni lakwaYuda, ithi, Yinqaba umzi wethu thina; umisa iidonga nongqameko zibe lusindiso. |
| 26 | 2 | Vulani amasango, lungene uhlanga olunobulungisa, olugcine ukuthembeka. |
| 26 | 3 | Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe. |
| 26 | 4 | Kholosani ngoYehova ngonaphakade; kuba uYa, uYehova, uliliwa elingunaphakade. |
| 26 | 5 | Ngokuba uthulele phantsi abahleli phezulu; umzi oyingxonde uwugungxule wawugungxulela emhlabeni, wawufikisa eluthulini. |
| 26 | 6 | Ziyawunyasha iinyawo, iinyawo zeentsizana, amanyathelo ezisweli. |
| 26 | 7 | Umendo wamalungisa ulungelelene; wena uyawulinganisela umkhondo wamalungisa, ulungelelane. |
| 26 | 8 | Kakade, Yehova, sibe sikulindile, ukuba uze emendweni wemigwebo yakho; umnqweno womphefumlo wethu wasinga egameni lakho, nasekukukhumbuleni. |
| 26 | 9 | Nangomphefumlo wam ndakunqwenela ebusuku; inene, ngomoya wam phakathi kwam ndakufuna kwakusasa; ngokuba xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo. |
| 26 | 10 | Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; nasezweni labathe gca uyagqwetha; akabuboni ubungangamsha bukaYehova. |
| 26 | 11 | Yehova, sibe siphakamile isandla sakho, ababona; ke baya kulibona ikhwele lakho ngenxa yabantu, badane; ewe, umlilo mawubadle ababandezeli bakho. |
| 26 | 12 | Yehova, uya kusimisela uxolo; ngokuba nezenzo zethu zonke usisebenzele. |
| 26 | 13 | Yehova Thixo wethu, iinkosi ezingenguwe bezinobukhosi phezu kwethu; kodwa sikhankanya igama lakho ngawe wedwa. |
| 26 | 14 | Abafileyo abo abasayi kuba saphila; abangasekhoyo abo abasayi kuba savuka; ngoko ke ubavelele wabatshabalalisa, wakwenza kwadaka konke ukukhunjulwa kwabo. |
| 26 | 15 | Ulwandisile uhlanga, Yehova, ulwandisile uhlanga; uzizukisile; uzikhwelelisele kude iziphelo zelizwe. |
| 26 | 16 | Yehova, embandezelweni baquqela kuwe, bathulula umthandazo ngelizwi eliphantsi ekubathethiseni kwakho. |
| 26 | 17 | Njengomithiyo eza kuzala, ezibhijabhija, ekhaliswa yinimba, saba njalo phambi kwakho, Yehova. |
| 26 | 18 | Sibe simithi, sibe sizibhijabhija, sanga sizele umoya. Asilenzelanga sindiso ilizwe, abaphumanga abemi belimiweyo. |
| 26 | 19 | Abafileyo bakho baya kuphila; izidumbu zakowethu ziya kuvuka. Vukani, nimemelele, nina bahleli eluthulini; kuba ngumbethe wezikhanyiso umbethe wakho, nehlabathi liya kubakhupha abangasekhoyo. |
| 26 | 20 | Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma. |
| 26 | 21 | Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo. |
| 27 | 1 | Ngaloo mini uYehova uya kuyivelela ngekrele lakhe, elo lilukhuni, elo likhulu, elo lomeleleyo, ileviyatan inyoka ebalekayo, neleviyatan inyoka ephinyaphinyelayo; ayibulale ingwenya eselwandle. |
| 27 | 2 | Ngaloo mini kuya kuthiwa, Isidiliya esinqwenelekayo, hlabelani ngaso. |
| 27 | 3 | Mna Yehova ndingumlondolozi waso; ndiya kusinyela ngamaxesha onke, ndiya kusilondoloza ubusuku nemini, hleze sivelelwe yinto. |
| 27 | 4 | Ubushushu abukho kum; akwaba bekukho ubobo namakhakakhaka phambi kwam! Bendiya kugaleleka kuwo ngokulwa, bendiya kuwatshisa kanye. |
| 27 | 5 | Okanye mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam. |
| 27 | 6 | Ngezayo imihla uYakobi uya kwendelisela iingcambu, atyatyambe adubule uSirayeli, balizalise lonke elimiweyo ngeziqhamo. |
| 27 | 7 | Umbethe ngokubetha kwababethi bakhe na? Mhlawumbi ubulewe ngokubulawa kwababulewe nguye na? |
| 27 | 8 | Ekumaleni wabambana naye, walinganisela, wakha uluhlu, wamgxotha ngomoya wakhe owomeleleyo ngemini yomoya wasempumalanga. |
| 27 | 9 | Ngako oko ubugwenxa bukaYakobi buya kucanyagushelwa ngale nto; isiqhamo sonke sokususa isono sakhe soba sesi sokuthi, awenze onke amatye esibingelelo abe njengamatye ekalika ankumenkume, bangavuki ooAshera nezithixo zelanga. |
| 27 | 10 | Ngokuba umzi onqatyisiweyo uwodwa, usisithili esilahliweyo, esishiyiweyo njengentlango. Aya kudla khona amathole, abuthe khona, awadle awagqibe khona amahlamvu aso. |
| 27 | 11 | Othi akoma amasebe aso, aphulwe; beze abafazi, bawabase; kuba asibantu banangqondo aba; ngako oko umenzi wabo akayi kuba namfesane kubo, umbumbi wabo akayi kubababala. |
| 27 | 12 | Kuya kuthi ngaloo mini, abhulise uYehova, athabathele emsingeni woMlambo, ase esihlanjeni saseYiputa, nihlanganiselwe omnye komnye, nina nyana bakaSirayeli. |
| 27 | 13 | Kuya kuthi ngaloo mini, kuvuthelwe isigodlo esikhulu, beze ababelahlekele ezweni laseAsiriya, nababegxothelwe ezweni lamaYiputa, baqubude kuYehova entabeni engcwele eseYerusalem. |
| 28 | 1 | Yaha ke, isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim, nentyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo wababuleweyo yiwayini! |
| 28 | 2 | Yabona, iNkosi inento eyomeleleyo, ekhaliphileyo, njengesiphango sesichotho, isaqhwithi esibhubhisayo; njengesiphango esimanzi anamandla akhukulayo, iya kunqumela emhlabeni ngesandla. |
| 28 | 3 | Siya kunyashwa ngeenyawo isithsaba sekratshi samanxila akwaEfrayim. |
| 28 | 4 | Intyantyambo ebunayo yamakhazikhazi esihombo sakhe, esemantloko omfula ochumayo, yoba njengekhiwane elilikhikhizela, kungekabi sehlotyeni; athi olibonileyo alibone, aliginye esaliphethe ngesandla. |
| 28 | 5 | Ngaloo mini uYehova wemikhosi uya kuba sisithsaba esimakhazikhazi, nesangqawe sokuhomba kumasalela abantu bakhe; |
| 28 | 6 | abe ngumoya wesiko kwabahleli esihlalweni sokugweba, nobugorha kwababuyisela imfazwe esangweni. |
| 28 | 7 | Kwanaba ke bayotywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; umbingeleli nomprofeti bayotywe sisiselo esinxilisayo, baginywe yiwayini, bayahexa sisiselo esinxilisayo; bayotyiwe bebona imibono, bayagexa begweba ityala. |
| 28 | 8 | Kuba zonke izithebe zizele ngumhlanzo oyintshontsho; akukho ndawo ingenawo. |
| 28 | 9 | Bathi, Uya kuyala bani na ukuba azi? aqondise bani na udaba? Abalunyulweyo emasini? abancothulweyo ebeleni? |
| 28 | 10 | Kuba umthetho uza phezu komthetho, umthetho phezu komthetho; ummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya. |
| 28 | 11 | Inene, uya kuthetha ngentetho ethintithayo nangalulwimi lumbi kwaba bantu; |
| 28 | 12 | watshoyo kubo ukuthi, Nantsi indawo yokuphumla, phumzani abatyhafileyo; nantsi indawo yokunyhamnyheka; basuka abavuma ukuva. |
| 28 | 13 | Ngoko ke ilizwi likaYehova loba ngumthetho phezu komthetho kubo, umthetho phezu komthetho; ngummiselo phezu kommiselo, ummiselo phezu kommiselo; intwana apha, intwana phaya: ukuze baye bakhubeke, bawe ngomva, baphuke, barhintyelwe, babanjiswe. |
| 28 | 14 | Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, madoda agxekayo, balawuli baba bantu baseYerusalem. |
| 28 | 15 | Ngokuba nisithi, Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenze ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki. |
| 28 | 16 | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiseke eZiyon ilitye, ilitye locikido, ilitye elinqabileyo lembombo, loseko olusekiweyo. Okholiweyo akayi kungxama. |
| 28 | 17 | Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela. |
| 28 | 18 | Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo. |
| 28 | 19 | Oku kungenela singenelayo, siya kunisusa; ngokuba imiso ngemiso siya kuningenela, imini nobusuku; kuthi ukuqonda udaba kube kukuhlasimla kodwa. |
| 28 | 20 | Inene, umandlalo mfutshane, akukho kunaba; nesigubungelo sincinane, ukuba azisongele kuso. |
| 28 | 21 | Ngokuba uya kusuk eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo. |
| 28 | 22 | Kaloku ke musani ukugxeka, hleze kuqiniselwe ukubotshelelwa kwenu; ngokokuba isiphelo esiya kulifikela ilizwe lonke sisesimisiweyo ke sagqitywa; ndisivile eNkosini, uYehova wemikhosi. |
| 28 | 23 | Libekeleni indlebe nilive ilizwi lam; yibazeleni indlebe niyive intetho yam. |
| 28 | 24 | Umlimi ulima iimini ezi zonke na, ukuba ahlwayele? anqike aqwakanise umhlaba wakhe na? |
| 28 | 25 | Akathi na, akuba ebulungelelanisile ubuso bawo, asasaze idile, agcwayele ikumin, akrozise ingqolowa, nerhasi endaweni ephawuliweyo, nespelete ngasemdeni wayo? |
| 28 | 26 | Umqeqeshile ngokwesiko uThixo wakhe, wamyala. |
| 28 | 27 | Kuba idile ayisizilwa ngempahla yokusizila, ayiqengqelwa ngevili yenqwelo ikumin; itsinwa ngoswazi idile, nekumin ngentonga. |
| 28 | 28 | Ingqolowa ikhe ityunyuzwe na? Hayi, akahlali eyisizila, agoqozise ivili yenqwelo yakhe namahashe akhe phezu kwayo; akayityumzi. |
| 28 | 29 | Nale nto iphuma kuYehova wemikhosi; omacebo angummangaliso, obulumko butshatsheleyo. |
| 29 | 1 | Yeha, Ariyeli, Ariyeli, mzi awamisa intente kuwo uDavide! Yongezelelani umnyaka kumnyaka; mayizunguleze imithendeleko. |
| 29 | 2 | Ndiya kuyicutha ke iAriyeli, kubekho ukuncwina noncwino, ibe njengeAriyeli ke leyo kum. |
| 29 | 3 | Ndiya kukurhawula, ndikungqinge ngenqaba, ndikumisele iintango zokukungqinga; |
| 29 | 4 | uya kugungxulelwa phantsi, uthethe usemhlabeni, ukuthetha kwakho kudambe, kuvela eluthulini; izwi lakho liphume emhlabeni njengeloneshologu, ukuthetha kwakho kudumzele eluthulini. |
| 29 | 5 | Ingxokolo yabakungenelayo iya kuba njengothuli olucolekileyo, ingxokolo yabakungcangcazelisayo ibe njengomququ ophephukayo; ibekho le nto ngephanyazo nangesiquphe. |
| 29 | 6 | Kuphuma kuYehova wemikhosi ukuvelelwa kwayo ngeendudumo nangonyikimo lwehlabathi, nesandi esikhulu; ngesaqhwithi nomoya ovuthuzayo, nokulenya komlilo otshisayo. |
| 29 | 7 | Yoba njengephupha, njengombono wasebusuku, ingxokolo yeentlanga zonke eziyiphumela umkhosi iAriyeli; zonke eziyiphumela umkhosi, yona nemboniselo yayo, eziyicuthayo. |
| 29 | 8 | Koba njengokuthi olambileyo aphuphe, abone esidla, avuke ulambatha umphefumlo wakhe; njengokuthi onxaniweyo aphuphe, abone esela, avuke, nanko etyhafile, utshoba umphefumlo wakhe; iya kuba njalo ingxokolo yeentlanga eziyiphumele umkhosi intaba yeZiyon. |
| 29 | 9 | Zilazilani ningakhulumi; zimfamekiseni nibe ziimfama. Bayanxila kungengawayini, bayatalasa kungengasiselo sinxilisayo. |
| 29 | 10 | Ngokuba uYehova uthulule phezu kwenu umoya wobuthongo obukhulu, wawabopha amehlo enu, abaprofeti; nabaziintloko benu, iimboni zenu, uzigubungele. |
| 29 | 11 | Kuni umbono weento zonke ube njengamazwi encwadi etywiniweyo, abathi bayinike okwaziyo ukuyifunda, besithi, Khawulese apha; athi, Ndikhohliwe, kuba itywiniwe; |
| 29 | 12 | incwadi inikwe ongakwaziyo ukuyifunda, kuthiwe, Khawulese apha; athi, Andikwazi ukuyifunda incwadi. |
| 29 | 13 | Yathi iNkosi, Ngenxa enokuba aba bantu besondela kum ngomlomo wabo, bendizukisa ngemilebe yomlomo wabo, intliziyo yabo beyikhwelelisele kude kum, nokundoyika kwabo kungumthetho wabantu abawufunda nje kodwa: |
| 29 | 14 | ngako oko, yabona, ndiya kuphinda ndibaphathe aba bantu ngokubalulekileyo, kubaluleke, kumangaliseke; butshone ubulumko bezilumko zabo, isithele ingqondo yeengqondi zabo. |
| 29 | 15 | Yeha ke abangxokayo, besithelisa iqhinga labo kuYehova, zibe semnyameni izenzo zabo: bathi, Ngubani na osibonayo? ngubani na osaziyo? |
| 29 | 16 | Hayi, ukuphenduka kwenu! Kuya kuthiwa umbumbi unjengodongwe na? into eyenziweyo ithi na kumenzi wayo, Akandenzanga? into ebunjiweyo ithi na kumbumbi wayo, Akaqondi? |
| 29 | 17 | Awusemncinane na umzuzwana, ukuze iLebhanon ibuye ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi? |
| 29 | 18 | Kuya kuthi ngaloo mini izithulu ziweve amazwi encwadi, amehlo eemfama abone esithokothokweni nasemnyameni. |
| 29 | 19 | Abalulamileyo baya kukwandisa ukuvuya ngoYehova, abangamahlwempu eluntwini bagcobe ngoyiNgcwele kaSirayeli; |
| 29 | 20 | ngokuba esusiwe umngcangcazelisi, ephelile umgxeki, benqunyulwe bonke abaphaphela ubutshinga; |
| 29 | 21 | abamenza umoni umntu ngenxa yelizwi eli, bamthiyele owohlwayayo esangweni, balisunduze ilungisa ngochuku. |
| 29 | 22 | Ngako oko utsho uYehova kwindlu kaYakobi, lowo wamkhululayo uAbraham, ukuthi, Ngoku uYakobi akayi kudana, ngoku ubuso bakhe abuyi kuba luthuthu. |
| 29 | 23 | Ngokuba ekuboneni kwakhe, ekuboneni kwabantwana bakhe, isenzo sezandla zam phakathi kwabo, baya kulingcwalisa igama lam, bamngcwalise oyiNgcwele kaYakobi, bangcangcazele phambi koThixo kaSirayeli. |
| 29 | 24 | Baya kukwazi ukuqonda abamoya undwendwayo, bayamkele imfundo abakrokrayo. |
| 30 | 1 | Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono; |
| 30 | 2 | abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazimele ngomthunzi weYiputa! |
| 30 | 3 | Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzimela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo. |
| 30 | 4 | Ngokuba abathetheli babo baseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes. |
| 30 | 5 | Bonke baya kudana ngabantu abangabanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangabokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo. |
| 30 | 6 | Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi. Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa. |
| 30 | 7 | AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo angabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu. |
| 30 | 8 | Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni unabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade. |
| 30 | 9 | Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova; |
| 30 | 10 | abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso; |
| 30 | 11 | tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli. |
| 30 | 12 | Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona: |
| 30 | 13 | ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo; |
| 30 | 14 | uya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni. |
| 30 | 15 | Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma. |
| 30 | 16 | Ke nathi, Hayi, siya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo. |
| 30 | 17 | Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide nisale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile endulini. |
| 30 | 18 | Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye! |
| 30 | 19 | Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela. |
| 30 | 20 | INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazimela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho; |
| 30 | 21 | iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo. |
| 30 | 22 | Nowenza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; uya kuthi kuyo, Khwelela umke apha. |
| 30 | 23 | INkosi yoyinika imvula imbewu yakho, owuhlwayela ngayo umhlaba; nesonka songeniselo lomhlaba sityebe, sibe namafutha; imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini emadlelweni abanzi. |
| 30 | 24 | Iinkomo namaesile amatsha asebenza umhlaba, aya kudla umtywakaniselo onetyuwa, oweliweyo ngomnyazi nefolokhwe yokwela. |
| 30 | 25 | Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde. |
| 30 | 26 | Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe. |
| 30 | 27 | Yabona, igama likaYehova liyeza, livela kude, uvutha umsindo wakhe, kuthe shinyi umsi: umlomo wakhe ulephuza amagwebu, ulwimi lwakhe lunjengomlilo otshisayo. |
| 30 | 28 | Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe. |
| 30 | 29 | Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli. |
| 30 | 30 | Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho. |
| 30 | 31 | Kuba uAsiriya uya kuqhiphuka umbilini lilizwi likaYehova, ekubetheni kwakhe ngentonga. |
| 30 | 32 | Kuya kuthi konke ukuhamba koswazi lommiselo, aluhlisayo uYehova phezu kwakhe, kube neengqongqo neehadi, kusiliwa naye imfazwe, kujinga ingalo. |
| 30 | 33 | Kuba kukade icangcisiwe, ilungisiwe iTofete, ibe ke ilungiselwe ukumkani; yenziwa yanzulu, yabanzi; igoqo layo linomlilo neenkuni ezininzi; ukuphefumla kukaYehova kuliphemba njengomlambo wesulfure. |
| 31 | 1 | Yeha, abehla baye eYiputa ukuba bancedwe, abayama ngamahashe, abakholosa ngeenqwelo zokulwa, kuba zininzi, nangabamahashe, kuba beqine kunene; abangamnoneleli oyiNgcwele kaSirayeli, abangamquqeliyo uYehova! |
| 31 | 2 | Ulumkile ke naye; uya kuzisa ububi, angawabeki nxamnye amazwi akhe; uya kusukela phezulu kwindlu yabenzi bobubi, nakuncedo lwabasebenza ubutshinga. |
| 31 | 3 | AmaYiputa angabantu, akaThixo; amahashe awo ayinyama, akamoya; ukuba uYehova angasolula isandla sakhe, wokhubeka umncedi, awe umncedwa, baphele kunye bonke. |
| 31 | 4 | Ngokuba uYehova utshilo kum ukuthi, Njengokuba ingonyama, nengonyama entsha, isuka igqume phezu kwento eyibambileyo, yakubizelwa ihlokondiba labalusi, ingaloyiki ilizwi labo, ingayilahli ngokuxokozela kwabo: kwangokunjalo uya kuhla uYehova wemikhosi, ukuba ayikhuphele umkhosi intaba yeZiyon nenduli yayo. |
| 31 | 5 | Njengeentaka zindanda, uya kwenjenjalo uYehova wemikhosi ukuyikhusela iYerusalem, eyikhusela, eyihlangula, eyiconga, eyisiza. |
| 31 | 6 | Buyelani kulowo nimkileyo kuye ngokunzulu, nyana bakaSirayeli. |
| 31 | 7 | Ngokuba ngaloo mini baya kucekisa elowo izithixo zakhe zesilivere ezingeni, nezegolide ezingeni, ezinenzele zona izandla zenu, ukuba none ngazo. |
| 31 | 8 | Wowa uAsiriya likrele elingelelandoda, limdle ikrele elingelelamntu, asabe phambi kwekrele, amadodana akhe afakwe uviko. |
| 31 | 9 | Ingxondorha yakhe yodlula imke ngokunxunguphala, baqhiphuke umbilini abathetheli bakhe, bemke kwibhanile; utsho uYehova, omlilo useZiyon, oziko liseYerusalem. |
| 32 | 1 | Yabona, ukumkani uya kulawula ngokobulungisa, abathetheli bathethele ngokwesiko; |
| 32 | 2 | umntu abe njengendawo yokuzimela umoya, neyokusithela esiphangweni; abe njengemijelo yamanzi emqwebedwini, njengomthunzi wengxondorha enkulu ezweni elibharhileyo. |
| 32 | 3 | Akayi kuvingcwa amehlo ababonayo; zibazeke iindlebe zabevayo. |
| 32 | 4 | Yoqonda ukwazi intliziyo yabangxamayo, ulwimi lwabathintithayo lungxamise ukuthetha ngokuthe tyhatyhasini. |
| 32 | 5 | Isidenge akuyi kuba sathiwa silinene, itshivela akuyi kuthiwa lilinono; |
| 32 | 6 | kuba isidenge sithetha ubudenge, intliziyo yaso yenza ubutshinga, ukuze senze ububi; sithetha into yokubhuda ngoYehova, silambathise umphefumlo wolambileyo, simswelise onxaniweyo into eselwayo. |
| 32 | 7 | Ubutshivela betshivela bubi; liceba amayelenqe okonakalisa iintsizana ngamazwi obuxoki, naxa ihlwempu lithetha ngokusesikweni. |
| 32 | 8 | Inene lona liceba izinto zobunene; lona limi ngezinto zobunene. |
| 32 | 9 | Bafazi batyeshileyo, sukani nime; liveni ilizwi lam, zintombi zingakhathaliyo; yibekeleni indlebe intetho yam. |
| 32 | 10 | Iya kuba ziintsuku nokuba ngumnyaka, nigungqe, zintokazi zingakhathaliyo; kuba kuphelile ukuvuna izidiliya; ukubutha iziqhamo akuyi kubakho nakanye. |
| 32 | 11 | Gubhani, zintokazi zityeshileyo; gungqani, zintokazi zingakhathaliyo; hlubani nichushuluze, nibhinqe ezirhwexayo emanqeni. |
| 32 | 12 | Baya kubetha emabeleni ngenxa yamasimi anqwenelekayo, nangenxa yemidiliya eneziqhamo. |
| 32 | 13 | Kuya kuphuma imithi enameva namakhakakhaka emhlabeni wabantu bakowethu; ewe, naphezu kwezindlu zonke zemihlali kumzi odlamkileyo. |
| 32 | 14 | Kuba iingxande ezinde zilahliwe, ingxokolo yomzi ishiyiwe; iOfele nemboniselo ziza kuba yimiqolomba ngonaphakade, zibe ziindawo zokudlamkela kwamaesile asendle, zibe lidlelo lemihlambi; |
| 32 | 15 | ade agalelwe phezu kwethu uMoya ophuma phezulu, isuke intlango ibe yintsimi echumayo, intsimi echumayo kuthiwe lihlathi. |
| 32 | 16 | Entlango ke kuya kuma okusesikweni, buhlale ubulungisa entsimini echumayo. |
| 32 | 17 | Wothi umsebenzi wobulungisa ube luxolo, nokwenza kobulungisa kube kukuzola nokukholosa ngonaphakade; |
| 32 | 18 | abantu bakowethu baya kuhlala esithilini esinoxolo, eminqubeni yenkoloseko, ezindaweni zokuphumla ezinokonwaba. |
| 32 | 19 | Kuya kuphalala izichotho ekuweni kwehlathi, ugungxulelwe umzi endaweni ephantsi. |
| 32 | 20 | Hayi, uyolo lwenu bahlwayela ngasemanzini onke, bayekele amanqina enkomo nawe-esile. |
| 33 | 1 | Yeha ke, mbhuqi, wena ke ungabhuqwanga; nginingini, wena ke ungatshinizelwanga! Wakugqiba ukubhuqa, uya kubhuqwa; wakukufeza ukunginiza, uya kunginizelwa. |
| 33 | 2 | Yehova, sibabale, sithembele kuwe; yiba yingalo yabo imiso ngemiso; yiba lusindiso kuthi ngexesha lembandezelo. |
| 33 | 3 | Ziyaphalaphaliswa izizwe lilizwi lengxokolo, ziyaphangalaliswa iintlanga kukuphakama kwakho. |
| 33 | 4 | Ohlanganiswa emke amaxhoba enu njengokuhlanganisa kweenkumbi ezinqunquthayo, bawaququzelele njengokuququzela komqikela. |
| 33 | 5 | UYehova uphakamile, ngokuba ehleli phezulu; uyizalisile iZiyon ngokusesikweni nangobulungisa. |
| 33 | 6 | Kuya kubakho ukuzimaseka kwamaxesha akho, nobutyebi bosindiso, nobulumko, nokwazi; ukoyika uYehova bubuncwane bakhe. |
| 33 | 7 | Yabona, iinjengele zabo ziyakhala ngaphandle; abathunywa boxolo balila ngokukrakra. |
| 33 | 8 | Iindlela azihanjwa; umhambi uphelile; uwaphule umnqophiso, ucekise imizi, akakhathalela mntu. |
| 33 | 9 | Ilizwe lenza isijwili, lintshwenyile; ineentloni iLebhanon, ishwabene; iSharon isuke yaba njengenkqantosi; ivuthulula amagqabi iBhashan neKarmele. |
| 33 | 10 | Kungokunje ndiya kusuka ndime, utsho uYehova; kungokunje ndiya kuphakama; kungokunje ndiya kuzinyusa. |
| 33 | 11 | Niya kumitha isikhotha, nizale iindiza; ukufutha kwenu ngumlilo oya kunidla. |
| 33 | 12 | Izizwe zoba yimitshiso yekalika, zoba yimithi enameva ehlahliweyo, ibaswe umlilo. |
| 33 | 13 | Yivani, nina bakude, endikwenzileyo: nibazi ubugorha bam, nina basondeleyo. |
| 33 | 14 | Bayankwantya eZiyon aboni, abaziintshembenxa babanjwe kukuthuthumela; bathi, Ngubani na ke kuthi onokuphambukela emlilweni odlayo? ngubani na ke kuthi onokuphambukela emalangatyeni angunaphakade? |
| 33 | 15 | Ohamba ngobulungisa, othetha okuthe tye, ocekisa inzuzo yokucudisa, ovuthulula isandla sakhe singaphathi sicengo, ovingca iindlebe zakhe zingevi ngegazi, ocima amehlo akhe angakhangeli entweni embi: |
| 33 | 16 | nguye oya kuhlala ezindaweni eziphezulu. Iimboniselo zeengxondorha yingxonde yakhe; isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho. |
| 33 | 17 | Amehlo akho aya kumkhangela ukumkani ebuhleni bakhe; aya kulibona ilizwe elisingise kude. |
| 33 | 18 | Intliziyo yakho iya kucamanga ngesothuso, ithi, Uphi na umbali? uphi na umlinganiseli? uphi na umbali weenqaba ezinde? |
| 33 | 19 | Abantu abaziingwanyalala akuyi kubabona: abantu abantetho inzulu, ingavakaliyo, abalulwimi luthintithayo lungenakuqondeka. |
| 33 | 20 | Khangela iZiyon, umzi wemithendeleko yethu. Amehlo akho aya kuyibona iYerusalem, isithili esinokonwaba, iyintente engafuduswayo, ezikhonkwane zingancothulwayo naphakade, ezintambo zonke zingaqhawukiyo. |
| 33 | 21 | Ewe, ngenxa yethu ikhona ingangamsha uYehova; yindawo enemilambo, enemijelo ebanzi ngeenxa zombini; akuyi kuhamba sinqanawa sibheqwayo apho, kungaweli khona nqanawa iyingangamsha. |
| 33 | 22 | Kuba umgwebi wethu nguYehova, ummisimthetho wethu nguYehova, ukumkani wethu nguYehova; uya kusisindisa yena. |
| 33 | 23 | Zityeketyeke iintambo zakho, azilubambi useko lwemasti yazo, aziyitwabululi iseyile; kuya kwandula kwabiwe amaxhoba amaninzi athinjiweyo, neziqhwala ziphange okuphangiweyo. |
| 33 | 24 | Akayi kuthi ummi wakhona, Ndiyafa; abantu abahleliyo khona babuxolelwe ubugwenxa babo. |
| 34 | 1 | Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo. |
| 34 | 2 | Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni. |
| 34 | 3 | Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo. |
| 34 | 4 | Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni. |
| 34 | 5 | Ngokuba lisele lahlutha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo. |
| 34 | 6 | Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom. |
| 34 | 7 | Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha. |
| 34 | 8 | Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon. |
| 34 | 9 | Yoguquka imilambo yabo ibe yitela, uthuli lwabo lube yisulfure, ilizwe labo libe yitela etshayo. |
| 34 | 10 | Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana; liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo. |
| 34 | 11 | Loba lilifa lengcwangube nokhwalimanzi, kuhlale kulo ifubesi nehlungulu, olule phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwakwanyanyeni, nelothe yokulungelelanisa yakwalubala. |
| 34 | 12 | Abanumzana baloakuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo. |
| 34 | 13 | Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba. |
| 34 | 14 | Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla. |
| 34 | 15 | Kulapho iya kwenzela khona indlu inyoka ejubayo, izale amaqanda, ifukame emthunzini khona; ewe, khona apho baya kubutha oontloyiya, elowo nowabo. |
| 34 | 16 | Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo. |
| 34 | 17 | Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kudekuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana. |
| 35 | 1 | Inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo. |
| 35 | 2 | Iyatyatyamba, ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba, imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon, ubungangamela beKarmele neSharon; ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ubungangamela boThixo wethu. |
| 35 | 3 | Yomelezani izandla eziwileyo, niwaqinise amadolo agexayo. |
| 35 | 4 | Yithini kwabantliziyo zingxamayo, Yomelelani, ningoyiki. Yabonani, uThixo wenu uyeza enempindezelo, enembuyekezo kaThixo; uya kuza yena anisindise. |
| 35 | 5 | Aya kuvulwa amehlo eemfama, zivulwe iindlebe zezithulu; |
| 35 | 6 | size sitsibe njengexhama isiqhwala, lumemelele ulwimi lwesidenge; ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango, nemilambo enkqantosini; |
| 35 | 7 | isanga sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi. Esikhundleni sempungutye, apho ibuthuma khona, kuya kuba butyani neengcongolo nemikhanzi. |
| 35 | 8 | Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela, kuthiwe ukubizwa kwayo, yindlela engcwele le. Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo; yeyabo yona: abahamba loo ndlela nabazizihula abayi kulahleka kuyo. |
| 35 | 9 | Akuyi kubakho ngonyama khona, aliyi kuqabela khona irhamncwa eliqwengayo; aliyi kufunyanwa khona; kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa; |
| 35 | 10 | abakhululwa bakaYehova babuye beze eZiyon bememelela; benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nosizi. |
| 36 | 1 | Kwathi ngomnyaka weshumi elinesine wokumkani uHezekiya, kwenyuka uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, waya kuyo yonke imizi yakwaYuda enqatyisiweyo, wayithimba. |
| 36 | 2 | Ukumkani waseAsiriya wasusa uRabheshake eLakishe, ukuba aye eYerusalem kukumkani uHezekiya, enempi enzima. Wafika wema emjelweni wechibi lasentla, ongasemendweni wentsimi yomsuki weengubo. |
| 36 | 3 | Kwaphuma kwaya kuye uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu. |
| 36 | 4 | Wathi kubo uRabheshake, Khanithi kuHezekiya, Utsho ukumkani omkhulu, ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Yeyani na le nkoloseko ukholose ngayo? |
| 36 | 5 | Ndithi mna, lilizwi lomlomo wodwa iqhinga lakho nobugorha bakho bemfazwe; okungoku ke ukholose ngabani na, ugwilike kum nje? |
| 36 | 6 | Uyabona, ukholose ngaloo msimelelo wengcongolo evikivekileyo, iYiputa, ethi, othe wayama ngayo, ingene esandleni sakhe, imhlabe; unjalo uFaro ukumkani weYiputa kubo bonke abakholose ngaye. |
| 36 | 7 | Ke ukuba uthi kum, Sikholose ngoYehova uThixo wethu, ndithi, Asinguye na lo uziganga nezibingelelo azisusileyo uHezekiya, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Ize niqubude phambi kwesi sibingelelo sodwa? |
| 36 | 8 | Khawubekelane kaloku nenkosi yam, ukumkani waseAsiriya; ndokunika amawaka amabini amahashe, ukuba unako ngecala lakho ukukhupha abakhweli bokukhwela kuwo. |
| 36 | 9 | Wothini na ukubujika ubuso benkosana enye, yakubo abancinane babakhonzi benkosi yam, ukholose ngeYiputa, ngeenqwelo zokulwa nangabamahashe? |
| 36 | 10 | Ngokunje ndinyuke ndeza kulonakalisa eli lizwe, ndingenaye uYehova, yini na? UYehova uthe kum, Nyuka uye kweli lizwe, ulonakalise. |
| 36 | 11 | Bathi ooEliyakim noShebhena noYowa kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram, kuba sisiva sona; musa ukuthetha kuthi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni. |
| 36 | 12 | Wathi uRabheshake, Inkosi yam indithume ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho nakuwe, yini na? Asikula madoda ahleli eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani? |
| 36 | 13 | Wema uRabheshake, wadanduluka ngezwi elikhulu ngesiYuda, wathi, Waveni amazwi okumkani omkhulu, okumkani waseAsiriya. |
| 36 | 14 | Uthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya, ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula. |
| 36 | 15 | Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya. |
| 36 | 16 | Musani ukumphulaphula uHezekiya, ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe; |
| 36 | 17 | ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya. |
| 36 | 18 | Ize nilumke hleze aninyange uHezekiya, esithi, UYehova uya kusihlangula. Oothixo beentlanga balihlangule na elowo ilizwe lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya? |
| 36 | 19 | Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? baphi na oothixo baseSefarvayim, ukuba bangabi balihlangule elakwaSamari esandleni sam? |
| 36 | 20 | Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam? |
| 36 | 21 | Bathi tu, abamphendula nazwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Nize ningamphenduli. |
| 36 | 22 | Weza ke uEliyakim unyana kaHilekiya, umphathi wendlu, noShebhena umbhali, noYowa unyana ka-Asafu, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, kuHezekiya, bezikrazule iingubo zabo, bamxelela amazwi kaRabheshake. |
| 37 | 1 | Kwathi, akukuva okukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova. |
| 37 | 2 | Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, bezigqume ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotsi. |
| 37 | 3 | Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo neyokohlwaya neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala. |
| 37 | 4 | Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva amazwi kaRabheshake, othunyiweyo ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho; wena uphakamise umthandazo ngenxa yamasalela asekhoyo. |
| 37 | 5 | Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya. |
| 37 | 6 | Wathi uIsaya kubo, Nothi kwinkosi yenu, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukoyikiswa ngamazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bakwakumkani waseAsiriya. |
| 37 | 7 | Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe. |
| 37 | 8 | Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe. |
| 37 | 9 | Weva kusithiwa ngoTiraka ukumkani wakwaKushi, Uphumile esiza kulwa nawe. Weva ke, wathumela abathunywa kuHezekiya esithi, |
| 37 | 10 | Notsho kuHezekiya ukumkani wakwaYuda ukuthi, Makangakulukuhli uThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya. |
| 37 | 11 | Uyabona, ukuvile wena abakwenzileyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa; uya kuhlangulwa na ke wena? |
| 37 | 12 | Oothixo beentlanga ke bazihlangula na ezo, bazitshabalalisayo oobawo, iGozan, neHaran, neRetsefe, noonyana bakaEden ababeseTelasare? |
| 37 | 13 | Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva? |
| 37 | 14 | Wawathabatha uHezekiya amaphepha encwadi esandleni sabathunywa, wawafunda; wenyuka waya endlwini kaYehova, wayaneka uHezekiya phambi koYehova. |
| 37 | 15 | Wathandaza uHezekiya kuYehova esithi, |
| 37 | 16 | Yehova wemikhosi, Thixo wakwaSirayeli, wena uhleli phakathi kweekerubhi, unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena ulenzile izulu nehlabathi. |
| 37 | 17 | Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve onke amazwi kaSaneribhe, awathumele ukungcikiva uThixo ophilileyo. |
| 37 | 18 | Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya baziphanzisile zonke iintlanga namazwe azo; |
| 37 | 19 | babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba bebengethixo, bebengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshabalalisa ke. |
| 37 | 20 | Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, sisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi, ukuba wena unguYehova wedwa. |
| 37 | 21 | Wathumela ke uIsaya unyana ka-Amotsi kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum, ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile. |
| 37 | 22 | Lilo eli ilizwi alithethayo uYehova ngaye, Intombi eyintombi uZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi uYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho. |
| 37 | 23 | Ngubani na lo umngcikivileyo, umnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele ilizwi lakho, ukude uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli. |
| 37 | 24 | Uyingcikivile iNkosi ngabakhonzi bakho, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyigawule imisedare yayo emide kakhulu nemisipres yayo enyuliweyo; ndifike kweyokuphela indawo yayo ephezulu, ehlathini lentsimi yayo echumayo. |
| 37 | 25 | Ndimbe, ndasela amanzi mna; ndiya kuyomisa ngentende yeenyawo zam yonke imijelo yoMnayile oseYiputa. |
| 37 | 26 | Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba; ndikufikisile, kwenzeka ngoku ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe. |
| 37 | 27 | Abemi bayo banqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, nentsimi yengqolowa engekabi mvila. |
| 37 | 28 | Ke ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam. |
| 37 | 29 | Ngenxa yokuguguma kwakho ngam, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo. |
| 37 | 30 | Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane; ngomnyaka wesithathu nohlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo. |
| 37 | 31 | Abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, baya kubuya bendelisele iingcambu phantsi, benze iziqhamo phezulu. |
| 37 | 32 | Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko. |
| 37 | 33 | Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi, akayi kutola notolo kuwo, akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lakungqinga. |
| 37 | 34 | Uya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kulo mzi; utsho uYehova. |
| 37 | 35 | Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide, umkhonzi wam. |
| 37 | 36 | Kwaphuma ke isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu amawaka. Bavuka kusasa, nango ezizidumbu ezifileyo onke. |
| 37 | 37 | Wanduluka, wahamba; wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve. |
| 37 | 38 | Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 38 | 1 | Ngaloo mihla wayesifa UHezekiya, eza kufa. Waya umprofeti kuye, uIsaya unyana ka-Amotsi; wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yolela indlu yakho, ngokuba uya kufa wena, akuyi kuphila. |
| 38 | 2 | UHezekiya wabubhekisa eludongeni ubuso bakhe, wathandaza kuYehova, wathi, |
| 38 | 3 | Khawukhumbule, ndiyakukhunga, Yehova, okokuba ndihambe phambi kwakho ngokunyaniseka nangentliziyo ephelelisileyo, ndakwenza okulungileyo emehlweni akho. Watsho uHezekiya isililo esikhulu. |
| 38 | 4 | Kwafika ilizwi likaYehova kuIsaya, lisithi, |
| 38 | 5 | Yiya uthi kuHezekiya, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ndiwuvile umthandazo wakho, ndizibonile iinyembezi zakho. Uyabona, ndiya kongezelela kwimihla yakho ishumi elinesihlanu leminyaka. |
| 38 | 6 | Ndiya kukuhlangula wena nalo mzi esandleni sokumkani waseAsiriya, ndiwukhusele lo mzi. |
| 38 | 7 | Nangu ke umqondiso kuwe, uphuma kuYehova, ukuba uya kulenza uYehova elo lizwi alithethileyo. |
| 38 | 8 | Uyabona, ndiyasibuyisa isithunzi sezinyuko, esehlayo esinyukweni sika-Ahazi ngelanga, ndisibuyisa umva izinyuko ezilishumi. Labuya ke ilanga izinyuko ezilishumi ezinyukweni elibe lihlile ngazo. |
| 38 | 9 | Umbhalo kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, oko ebesifa, waza waphila: |
| 38 | 10 | Ndathi mna, yakubon ukuba ithe cwaka imihla yam, mandimke ndiye emasangweni elabafileyo; Ndivelelwe, ndayihluthwa eseleyo iminyaka yam. |
| 38 | 11 | Ndathi, Andiyi kumbona uYa, uYa ezweni labaphilileyo; Andiyi kuba samkhangela umntu, ndikubemi belabangasekhoyo. |
| 38 | 12 | Umnquba wam uza kuncothulwa, ufuduswe umke kum, njengentente yomalusi; Ndibusongile njengomluki ubomi bam; unditsheca ezintsingeni. Uya kundigqibela ngosuku olunye. |
| 38 | 13 | Ndazizolisa kwada kwasa; njengengonyama, wenjenjalo ukuwaphula onke amathambo am. Uya kundigqibela ngosuku olunye. |
| 38 | 14 | Njengehlankomo, njengendwe, ndenjenjalo ukukrikriza, Ndalila njengevukuthu; aphela amehlo am kukubheka phezulu: Yehova, ndifingekile, ndimele. |
| 38 | 15 | Ndothini na ukubulela, ethethile nje kum, wenza nokwenza? Mandicothoze yonke iminyaka yam eya kuza phezu kobukrakra bomphefumlo wam. |
| 38 | 16 | Nkosi yam, babuya baphile zezo zinto abantu, Bukuzo kanye ubomi bomoya wam: Wondiphilisa ke, ndidlise ubomi. |
| 38 | 17 | Yabona, baba lusindiso kum ubukrakra obukhulu. Wena ke ngokundithanda, wawurhola umphefumlo wam esihogweni sokonakala; Ngokuba izono zam uzilahlile emva komhlana wakho. |
| 38 | 18 | Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; Abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho. |
| 38 | 19 | Ophilileyo, ophilileyo nguye owokuncoma, njengam nje namhla. Uyise uya kukwazisa ukunyanisa kwakho koonyana. |
| 38 | 20 | UYehova uza kundisindisa; Ngoko ke sozibetha iihadi zethu Yonke imihla yobomi bethu, endlwini kaYehova. |
| 38 | 21 | Wathi uIsaya, mabathabathe isicumba samakhiwane, basibeke ethumbeni, ukuze aphile. |
| 38 | 22 | Wathi uHezekiya, Uyintoni na umqondiso wokuba ndiya kunyuka ndiye endlwini kaYehova? |
| 39 | 1 | Ngelo xesha uMerodaki-bhaladan, unyana kaBhaladan, ukumkani waseBhabheli, wathumela incwadi nomnikelo kuHezekiya; kuba wayevile ukuba ubesifa, wabuya wachacha. |
| 39 | 2 | Wavuya uHezekiya ngabo, wababonisa indlu yakhe yezinto aziqwebileyo: isilivere, negolide, nobulawu, neoli entle, nendlu yonke yezixhobo zakhe, nento yonke ebikho ebuncwaneni bakhe. Akwabakho nto endlwini yakhe nasekulawuleni kwakhe konke, angababonisanga yona uHezekiya. |
| 39 | 3 | Waya uIsaya umprofeti kukumkani uHezekiya, wathi kuye, Atheni na la madoda? avele ngaphi na ukuza kuwe? Wathi uHezekiya, Avele ezweni elikude eBhabheli, esiza kum. |
| 39 | 4 | Wathi ke, Abone ntoni na endlwini yakho? Wathi uHezekiya, Abone into yonke esendlwini yam; akubangakho nto ndingababonisanga yona ebuncwaneni bam. |
| 39 | 5 | Wathi uIsaya kuHezekiya, Live ke ilizwi likaYehova wemikhosi. |
| 39 | 6 | Uyabona, kuza imihla, eya kuthi yonke into esendlwini yakho, nento abayiqwebayo ooyihlo, kwada kwayile mini, ithwalelwe eBhabheli, kungasali nto; utsho uYehova. |
| 39 | 7 | Baya kuthabatha nakoonyana bakho abaya kuphuma kuwe, oya kubazala, babe ngababusi ebhotweni lokumkani waseBhabheli. |
| 39 | 8 | Wathi uHezekiya kuIsaya, Lilungile ilizwi likaYehova, olithethileyo. Wathi, Inene, kuya kubakho uxolo nozingiso ngeyam imihla. |
| 40 | 1 | Thuthuzelani, bathuthuzeleni abantu bam, utsho uThixo wenu. |
| 40 | 2 | Thethani kakuhle neYerusalem, nimemeze kuyo, nithi kuzalisekile ukuphuma kwayo umkhosi; nithi, buhlawulelwe ubugwenxa bayo; nithi, yamkeliswe esandleni sikaYehova okuphindwe kabini kwizono zayo zonke. |
| 40 | 3 | Yivani omemezayo, esithi, Yigeceni entlango indlela kaYehova; tyenenezelani uThixo wethu umendo enkqantosini. |
| 40 | 4 | Yonke imifula mayinyuswe, zonke iintaba neenduli zigungxulwe; iindawo ezimagqagala zibe zithabazi, nemixawuka ibe ziintili; |
| 40 | 5 | butyhileke ubuqaqawuli bukaYehova, ibubone inyama yonke kunye; ngokuba uthethile umlomo kaYehova. |
| 40 | 6 | Ilizwi lothile lathi, Memeza. Wathi yena, Ndimemeze ntoni na? Yithi, Yonke inyama ibutyani, bonke ubuhle bayo bunjengentyantyambo yasendle. |
| 40 | 7 | Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ngokuba umoya kaYehova uvuthuza kuyo; inene, abantu babutyani. |
| 40 | 8 | Buyoma utyani, iyabuna intyantyambo; ke lona ilizwi likaThixo wethu liya kuma ngonaphakade. |
| 40 | 9 | Wena Ziyon, mshumayeli weendaba ezilungileyo, nyuka uye entabeni ephakamileyo; wena Yerusalem, mshumayeli weendaba ezilungileyo, liphakamise ngamandla ilizwi lakho, phakamisa ungoyiki. Yithi kwimizi yakwaYuda, Nanko uThixo wenu! |
| 40 | 10 | Uyabona, iNkosi uYehova iya kuza, ingowomeleleyo, ingalo yayo iyilawulela. Uyabona, umvuzo wayo inawo, nomsebenzi wayo uphambi kwayo. |
| 40 | 11 | Iya kuwalusa umhlambi wayo njengomalusi; iya kuwabutha ngeengalo zayo amatakane, iwathwale ngesifuba sayo, izithundeze ezanyisayo. |
| 40 | 12 | Ngubani na olinganise amanzi la entendeni yesandla sakhe, walilungisa izulu ngomoluko weminwe, walukhongozela uthuli lomhlaba ngomlinganiselo, wazilinganisa iintaba ngesilinganiso, neenduli ngesikali? |
| 40 | 13 | Ngubani na owalungisa uMoya kaYehova, waba yindoda emcebisayo, wamazisa? |
| 40 | 14 | Wacebisana nabani na owamqondisayo, wamfundisa umendo wesiko, wamfundisa ukwazi, wamazisa indlela yokuqonda? |
| 40 | 15 | Yabona, iintlanga zibalelwa ekubeni zinjengethontsi emphandeni, njengesuntswana esikalini. Yabona, iziqithi zinjengothuli oluqhaphukayo. |
| 40 | 16 | ILebhanon ayilingene kubaswa, neenyamakazi zayo azilingene kubalidini elinyukayo. |
| 40 | 17 | Zonke iintlanga zinjengento engento phambi kwakhe; kuye zibalelwa ekuthini asizanto, ziluchuku. |
| 40 | 18 | Ningamfanekisa ke nabani na uThixo, ninxulumise mfanekiselo mni na naye? |
| 40 | 19 | Umfanekiso oqingqiweyo utyhidwa yingcibi, awaleke ngegolide umnyibilikisi, awunyibilikisele imixokelelwane yesilivere. |
| 40 | 20 | Okhohliweyo ngumrhumo ukhetha umthi ongenakubola; uzifunela ingcibi eyaziyo, ukuba imlungisele umfanekiso oqingqiweyo ongayi kushukuma. |
| 40 | 21 | Anazi na? aniva na? anixelelwanga na kwasentloko? aniqondanga na kwasekusekweni kwehlabathi? |
| 40 | 22 | Ngulo uhlala phezu kwesazinge sehlabathi, abemi balo ke benjengemicikwane; ulowaneka izulu njengeqhiya eliyasuyasu, walitwabulula njengentente yokuhlala; |
| 40 | 23 | ulozenza izidwangube ukuba zingabi nto, abagwebi behlabathi abenze babe luchuku. |
| 40 | 24 | Bengekathi ukutyalwa, bengekathi ukuhlwayelwa, singekathi ukwendelisela iingcambu emhlabeni isiphunzi sabo, uselebafuthela bome, ubathabathe umoya ovuthuzayo njengomququ. |
| 40 | 25 | Niya kundifanisa nabani na, ndilingane naye? utsho oyiNgcwele. |
| 40 | 26 | Phakamiselani amehlo enu phezulu, nibone: ngubani na owadala ezi zinto? Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye. |
| 40 | 27 | Yini na ukuba uthi, Yakobiuthethe uthi, Sirayeli Indlela yam isithele kuYehova, nebango lam lidlule kuThixo wam? |
| 40 | 28 | Akwazi na? akuvanga na, ukuba uThixo ongunaphakade nguYehova, tyhafi, akadinwa; ayinakugocwagocwa ingqondo yakhe. |
| 40 | 29 | Umnika otyhafileyo amandla, ongenakomelela amandisele ukuqina. |
| 40 | 30 | Namadodana angatyhafa adinwe, nabafana bakhubeke bawe; |
| 40 | 31 | ke bona abathembele kuYehova baya kuhlaziyeka emandleni; banyuke ngamaphiko njengeenkozi. Baya kugidima bangadinwa, bahambe bangatyhafi. |
| 41 | 1 | Yithini tu phambi kwam, ziqithi; izizwe mazihlaziye amandla; mazize zisondele, zandule zithethe; masiqubisane ematyaleni. |
| 41 | 2 | Ngubani na ovuse empumalanga lowo ukhawulelwa bubulungisa ezinyaweni zakhe? Unikela iintlanga phambi kwakhe, unyathela ookumkani, ubanikela ekreleni lakhe njengothuli, esaphetheni sakhe njengomququ ophetshethwayo. |
| 41 | 3 | Uyabasukela, udlula enoxolo ngomendo abengawuhambanga ngeenyawo zakhe. |
| 41 | 4 | Ngubani na okusebenzileyo wakwenza oko, obiza izizukulwana kwasentloko? Ndim, mna Yehova, ndingowokuqala; nakwabangasemva ndikwanguye. |
| 41 | 5 | Iziqithi zabona zoyika, iziphelo zehlabathi zagubha, zasondela, zeza. |
| 41 | 6 | Umntu wamnceda ummelwane wakhe, wathi kumzalwana wakhe, Yomelela. |
| 41 | 7 | Ingcibi yomeleza umnyibilikisi; ogudisayo ngesando womeleza obetha esikhandelweni, esithi, Kulungile; wasiqinisa ngezikhonkwane, ukuba singashukumi isithixo. |
| 41 | 8 | Ke wena Sirayeli, mkhonzi wam Yakobi, wena ndakunyulayo, mbewu ka-Abraham umthandi wam; |
| 41 | 9 | endakubambayo kwaseziphelweni zehlabathi, endakubizayo kwasemacaleni alo; endathi kuwe, Ungumkhonzi wam wena, ndikunyule, andikucekisile; |
| 41 | 10 | musa ukoyika, kuba ndinawe mna; musa ukubhekabheka, kuba ndinguThixo wakho; ndikukhaliphisile, ewe, ndikuncedile, ndikuxhasile ngesandla sam sokunene sobulungisa bam. |
| 41 | 11 | Yabona, baya kudana bahlazeke bonke abavutha umsindo ngawe; aya kuba yinto engento, adake amadoda abambana nawe. |
| 41 | 12 | Uya kuwafuna, ungawafumani, amadoda aphikisana nawe; aya kuba yinto engento, engekhoyo, amadoda alwa nawe. |
| 41 | 13 | Ngokuba mna, Yehova Thixo wakho, ndiya kusibamba isandla sakho sokunene; ndingothi kuwe, Musa ukoyika, ndiya kukunceda mna. |
| 41 | 14 | Musa ukoyika, mbungu Yakobi, bantu bambalwa bakwaSirayeli; ndiya kukunceda mna; utsho uYehova, uMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli. |
| 41 | 15 | Yabona, ndikwenze isisizilo esibukhali esitsha, esintlangothi mbini; uya kuzi bhula iintaba uzicole, iinduli uzixelise umququ. |
| 41 | 16 | Uya kuzela, umoya uzitha bathe, umoya ovuthuzayo uziphangalalise; ke wena ugcobe ngoYehova, uqhayise ngoyiNgcwele kaSirayeli. |
| 41 | 17 | Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome linxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaSirayeli, andiyi kubashiya. |
| 41 | 18 | Ndiya kuyivula imilambo eluqayini, nemithombo phakathi kweentili, ndenze intlango ibe lidike elinamanzi, nomhlaba ongumqwebedu ube ziindawo eziphuma amanzi. |
| 41 | 19 | Ndiya kutyala entlango imisedare, nemingampunzi, nemimirtile, neminquma yasendle, ndimise enkqantosini imisipres, nemipleyini, nemigalagala, ndawonye; |
| 41 | 20 | ukuze babone, bazi, bagqale ngentliziyo, baqiqe kunye, ukuba isandla sikaYehova sikwenzile oko, oyiNgcwele kaSirayeli ukudalile oko. |
| 41 | 21 | Sondezani iindawo enibambene ngazo, utsho uYehova; zimiseni iziganeko zenu, utsho uKumkani kaYakobi. |
| 41 | 22 | Mabazizise, basixelele okuza kuhla; mabaxele izinto zangaphambili, ubunjani bazo, sizigqale ngeentliziyo, silazi ikamva lazo; nokuba zezizayo siviseni. |
| 41 | 23 | Xelani izinto ezizayo ngasemva, ukuze sazi ukuba ningoothixo; ewe, yenzani okulungileyo, nokuba kokubi, sikhwankqiswe, sibonisane ngako. |
| 41 | 24 | Yabonani, ningabento engento, nomsebenzi wenu awuni yani; ulisikizi oninyulayo. |
| 41 | 25 | Ndivuse owasentla, weza; owasempumalanga, onqula igama lam; uzifikela iirhuluneli njengodaka, njengombumbi exovula udongwe. |
| 41 | 26 | Ngubani na owakuxelayo oko kwasekuqaleni? makavele sazi; owakuxelayo ngenxa engaphambili makavele, sithi, Ulungisile. Hayi, akukho waxelayo; hayi, akukho wavakalisayo; hayi, akukho wazivayo iintetho zenu. |
| 41 | 27 | Ndim endaqala ndathi kwiZiyon, Yabona, nanzo; ndayinika iYerusalem umshumayeli weendaba ezilungileyo. |
| 41 | 28 | Kuba ndakhangela, akwabakho bani; nakwaba akwabakho bacebisi ndingababuzayo, baphendule ngelizwi. |
| 41 | 29 | Yabona, bonke bephela bayinto engento, ziyinto engekhoyo izenzo zabo, imifanekiso yabo etyhidiweyo ingumoya nochuku. |
| 42 | 1 | Mboneni ke umkhonzi wam endimxhasayo; umnyulwa wam, okholwa nguye umphefumlo wam. Ndibeke uMoya wam phezu kwakhe; uya kukuphumelelisa okusesikweni ezintlangeni. |
| 42 | 2 | Akayi kunkqangaza, aliphakamise, alivakalise ezitratweni ilizwi lakhe. |
| 42 | 3 | Ingcongolo evikivekileyo akayi kuyaphula, umsonto oqhumayo akayi kuwucima; uya kukuphumelelisa okusesikweni ngokwenyaniso. |
| 42 | 4 | Akayi kuba nakucinywa, akayi kuvikiveka, ade akumise okusesikweni ehlabathini, zilindele isiyalo sakhe iziqithi. |
| 42 | 5 | Utsho uThixo yena, uYehova, udala izulu, alaneke; utwabulula umhlaba neziveliso zawo; unika abantu abaphezu kwawo ukuphefumla, unika abahamba kuwo umoya: |
| 42 | 6 | ukuthi, Mna, Yehova, ndikubizile ngokobulungisa, ndakubamba ngesandla; ndiya kukulondoloza, ndikwenze umnqophiso wabantu, isikhanyiselo seentlanga; |
| 42 | 7 | ukuba uvule amehlo eemfama, ukuba ukhuphe abakhonkxiweyo ekuvalelweni, abahleli ebumnyameni ubakhuphe entolongweni. |
| 42 | 8 | NdinguYehova, lilo elo igama lam; andiluniki omnye uzuko lwam, nendumiso yam andiyiniki imifanekiso eqingqiweyo. |
| 42 | 9 | Izinto zokuqala, yabona, zifikile; ndixela izinto ezintsha, ke zingekantshuli ndiyanivisa. |
| 42 | 10 | Vumani kuYehova ingoma entsha, indumiso yakhe kwaseziphelweni zehlabathi, nina bahla baye elwandle, nenzaliseko yalo, nina ziqhithi nabemi bazo. |
| 42 | 11 | Mayiphakamise izwi intlango, nemizi yayo, nemizana ehleli amaKedare; mabamemelele abemi bengxondorha, batsholoze ezincotsheni zeentaba. |
| 42 | 12 | Mabamzukise uYehova, baxele indumiso yakhe eziqithini. |
| 42 | 13 | UYehova uya kuphuma njengegorha, uya kuxhoxha ikhwele njengendoda yokulwa; uya kuduma, ewe, uya kunkqangaza; uya kuba ligorha ezintshabeni zakhe. |
| 42 | 14 | Kususela kwakude ndithe quthu, ndathi tu, ndazibamba; ngoku ndiya kubefuza njengozalayo, ndibe nephika, ndifuthe nokufutha. |
| 42 | 15 | Ndobharhisa iintaba neenduli, ndiyitshise yonke imifuno yazo, imilambo ndiyenze iziqithi, ndiwatshise amadike. |
| 42 | 16 | Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi. |
| 42 | 17 | Baya kubuya umva, badane bedanile, abakholosa ngemifanekiso eqingqiweyo, abathi kwetyhidiweyo, Ningoothixo bethu. |
| 42 | 18 | Yivani, zithulu; bhekani nibone, zimfama. |
| 42 | 19 | Ngubani na oyimfama, ingenguye umkhonzi wam? osisithulu njengomthunywa wam endimthumayo? Ngubani na oyimfama njengenqogu, oyimfama njengomkhonzi kaYehova? |
| 42 | 20 | Ubona izinto ezininzi, akazigcini noko; uvula iindlebe, akeva noko. |
| 42 | 21 | UYehova uthande ngenxa yobulungisa bakhe ukuwukhulisa umyalo, wawenza wanobungangamsha. |
| 42 | 22 | Ke bona ngabantu abaphangiweyo, abahluthiweyo, ababotshelelwe emingxunyeni bonke bephela, abafakwe ezintolongweni, baba lixhoba, akwabakho mhlanguli; baba ngabahluthiweyo, akwabakho uthi, Buyisa. |
| 42 | 23 | Ngubani na kuni oya kukubekela indlebe oko, abaze indlebe, eve emveni koku? |
| 42 | 24 | Ngubani na owamnikela uYakobi ekuhluthweni, owamnikela uSirayeli kubaphangi? AsinguYehova nalowo sonayo kuye, lowo bangavumanga ukuhamba ngeendlela zakhe, abawuphulaphula umyalo wakhe? |
| 42 | 25 | Wamphalazela ngobushushu bomsindo wakhe, nangamandla emfazwe; wamlenya ngomlilo ngeenxa zonke, akakwazi noko; wamtshisa, noko akakunyamekela oko ngentliziyo. |
| 43 | 1 | Kaloku ke utsho uYehova, uMdali wakho, Yakobi, uMbumbi wakho, Sirayeli, ukuthi, Musa ukoyika; ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam. |
| 43 | 2 | Xa uthi uwele emanzini, ndoba nawe: nasemilanjeni, ayisayi kukuntywilisela; xa uthi uhambe emlilweni, akuyi kurhawuka, nelangatye lingakutshisi. |
| 43 | 3 | Ngokuba mna, Yehova, ndinguThixo wakho, mna, Ngcwele kaSirayeli, ndingumsindisi wakho; ndirhole iYiputa yakucamagushela, iKushi neSebha zaba sesikhundleni sakho. |
| 43 | 4 | Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho. |
| 43 | 5 | Musa ukoyika, ngokuba ndinawe: ndiya kuyizisa imbewu yakho ivela empumalanga, ndikubuthe nasentshonalanga. |
| 43 | 6 | Ndiya kuthi kumntla, Ethe; nakumzantsi, Musa ukuthintela; nazise oonyana bam bevela kude, neentombi zam zivela eziphelweni zehlabathi: |
| 43 | 7 | yonke into ebizwe ngegama lam, endiyidalele uzuko lwam, endiyibumbileyo, endiyenzileyo. |
| 43 | 8 | Khupha abantu abaziimfama benamehlo, nabazizithulu beneendlebe. |
| 43 | 9 | Nonke zintlanga, buthelanani ndawonye, zihlangane izizwe. Ngubani na kuni onokukuxela oko? Mabasivise izinto zangaphambili, mabamise amangqina abo, bagwetyelwe; mabeve ke abantu, bathi, Yinyaniso. |
| 43 | 10 | Ningamangqina am, utsho uYehova, nina ningumkhonzi wam endimnyulileyo; ukuze nazi, nikholwe ndim, niqonde ukuba ndim; phambi kwam akubunjwanga thixo, nasemva kwam akuyi kubakho namnye. |
| 43 | 11 | Mna ke, mna ndinguYehova, akukho msindisi ingendim. |
| 43 | 12 | Mna ndixelile, ndasindisa, ndabonisa, kungekho thixo wumbi kuni; ningamangqina am, utsho uYehova, ukuba ndinguThixo. |
| 43 | 13 | Unanamhla ndinguye, akukho unokuhlangula esandleni sam; ndisebenza, ngubani na ke onokukubuyisa oko umva? |
| 43 | 14 | Utsho uYehova, umkhululi wenu, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa yenu ndithumele eBhabheli, ukuba ndibahlise abasabayo bonke bephela, namaKaledi, ngeenqanawa zokumemelela kwabo. |
| 43 | 15 | Mna, Yehova, ndingoyiNgcwele wenu, uMdali kaSirayeli, uKumkani wenu. |
| 43 | 16 | Utsho uYehova, umenzi wendlela elwandle, womendo emanzini anamandla; |
| 43 | 17 | umkhuphi wenqwelo nehashe, wempi nentshatshela; baya kulala bangavuki, bethile, becimile njengomsonto wesibane: |
| 43 | 18 | utsho ukuthi, Musani ukukhumbula izinto zangaphambili, ningazikhathaleli nezamandulo. |
| 43 | 19 | Yabonani, ndiya kwenza into entsha, intshule ngoku; aniyi kuyazi na? Inene, ndiya kwenza indlela entlango, nemilambo enkangala. |
| 43 | 20 | Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam. |
| 43 | 21 | Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam. |
| 43 | 22 | Akundinqulanga ke mna, Yakobi, ngokude uzixhamle ngam, Sirayeli. |
| 43 | 23 | Akundiziselanga mpahla imfutshane yamadini akho anyukayo; akundizukisanga ngamibingelelo yakho. Andikukhonzisanga ngaminikelo yakudla, andikudinisanga ngantlaka imhlophe. |
| 43 | 24 | Akundithengelanga kalamo ngemali, akundihluthisanga ngamanqatha emibingelelo yakho; hayi, undikhonzise ngezono zakho, undidinisile ngobugwenxa bakho. |
| 43 | 25 | Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho. |
| 43 | 26 | Ndikhumbuze, masimangalelane; misa intetho yakho, ukuze ugwetyelwe. |
| 43 | 27 | Uyihlo wokuqala wona, nabalamleli bakho bakreqa kum. |
| 43 | 28 | Ngako oko ndabangcolisa ke abathetheli abangcwele, ndamnikela uYakobi ukuba asingelwe phantsi, uSirayeli ukuba anyeliswe. |
| 44 | 1 | Kaloku ke yiva, Yakobi mkhonzi wam, Sirayeli endikunyulileyo. |
| 44 | 2 | Utsho uYehova uMenzi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, uMncedi wakho, ukuthi, Musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, Yeshurun endimnyulileyo. |
| 44 | 3 | Ngokuba ndiya kugalela amanzi phezu kwabanxaniweyo, nemiqukuqela yamanzi phezu kwelizwe elomileyo. Ndiya kugalela uMoya wam phezu kwembewu yakho, nentsikelelo yam phezu kwenzala yakho. |
| 44 | 4 | Baya kuhluma phakathi kotyani, njengemingculuba engasemisingeni yamanzi. |
| 44 | 5 | Omnye uya kuthi, NdingokaYehova; nomnye uya kunqula igama likaYakobi; kwanomnye uya kuzibhala ngesandla sakhe kuYehova, alihloniphe igama likaSirayeli. |
| 44 | 6 | Utsho uYehova, uKumkani wakwaSirayeli, uMkhululi wakhe, uYehova wemikhosi, ukuthi, Ndingowokuqala, ndingowokugqibela; akukho Thixo ingendim. |
| 44 | 7 | Ngubani na oshumayela njengam-makaxele andicacisele-ethabathela ekumiseni kwam abantu basendaleni? Izinto ezizayo, neziza kubakho, mabazixele. |
| 44 | 8 | Musani ukunkwantya, ningajijitheki; andikuvisanga na kwanini, ndanixelela? Ningamangqina am. Kukho Thixo na, ingendim? Akukho liwa, andilazi mna. |
| 44 | 9 | Abayili bemifanekiso eqingqiweyo bonke bephela baluchuku, neento zabo ezinqwenelekayo azincedi nto; bona bangamangqina azo; ababoni, abazi, ukuze badane. |
| 44 | 10 | Ngubani na oyile uthixo, watyhida umfanekiso ongenakunceda nto? |
| 44 | 11 | Yabona, onke amadlelane awo aya kudana, neengcibi ezo zezasebantwini; mababuthelane bonke bephela, beme, bankwantye, badane kunye. |
| 44 | 12 | Ingcibi yesinyithi ilola inkxola, isebenza ngamalahle avuthayo, isiyila isithixo ngezando, isibenza ngengalo yayo enamandla; kanjalo iyalamba, ingabi namandla; ayiseli manzi, ityhafe. |
| 44 | 13 | Ingcibi yemithi yolula ulutya lokulinganisa, isibabula isiqu saso ngechitywa; isilungisa ngezinto zokuchwela; isibabula isiqu saso ngekompas, isenze ngemfano yendoda, ngokobuhle bomntu, ukuba sihlale endlwini. |
| 44 | 14 | Ugawula imisedare, uthabatha umholem nomoki, akhethe emithini yehlathi; utyala umpayine, imvula iwukhulise. |
| 44 | 15 | Woba ke yinto yokuba umntu aphembe umlilo; athabathe kuwo, othe; uphatha kuthi abase umlilo, ose isonka; uphatha kuthi enze uthixo, aqubude kuye, enze umfanekiso oqingqiweyo, asibekeke kuwo. |
| 44 | 16 | Inxalenye yawo uyitshisa emlilweni; inxalenye yawo uyidla inyama ngayo; wosa ose ahluthe; ewe, uyotha, athi, Hee ke! ndiyotha, ndiva umlilo! |
| 44 | 17 | Oseleyo kuwo uwenza uthixo, umfanekiso wakhe oqingqiweyo, asibekeke kuwo, aqubude kuwo, athandaze kuwo, athi, Ndihlangule; ngokuba, unguthixo wam. |
| 44 | 18 | Ahazi, abaqondi; ngokuba avingciwe amehlo abo ukuba angaboni, ukuba iintliziyo zabo zingaqiqi; |
| 44 | 19 | banganyamekeli ngeentliziyo zabo, kungabikho kwazi, kungabikho kuqonda, ukuba bathi, Inxalenye yawo ndiyitshisile emlilweni; ewe, ndosa isonka emalahleni awo; ndosa inyama, ndadla; oseleyo kuwo ndiya kuwenza amasikizi na? ndisibekeke na kwinto evele emthini? |
| 44 | 20 | Esukelana nothuthu nje, intliziyo edetshiselweyo imtyekisile kangangokuba angawuhlanguli umphefumlo wakhe, athi, Akukho buxoki na esandleni sam sokunene? |
| 44 | 21 | Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam; ndikubumbile, ungumkhonzi kum; Sirayeli, akuyi kulityalwa ndim. |
| 44 | 22 | Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela. |
| 44 | 23 | Memelelani, mazulu, ngokuba uYehova ekwenzile; dumani, zinzulu zehlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba, hlathi, nani nonke mithi ekulo; ngokuba uYehova emhlawulele wamkhulula uYakobi, ezihombisile ngoSirayeli.. |
| 44 | 24 | Utsho uYehova, uMkhululi wakho, uMbumbi wakho kwasesizalweni, ukuthi, Mna Yehova ndinguMenzi weento zonke; uManeki wezulu ndedwa; uMtwabululi wehlabathi ndingenabani; |
| 44 | 25 | uMtshitshisi wemiqondiso yabaphololoza into engeyiyo; uMgezisi wabavumisayo; uMbuyisi wezilumko umva; uMzulisi wokwazi kwazo; |
| 44 | 26 | uMmisi welizwi lomkhonzi wakhe; uMzalisi wecebo labathunywa bakhe; uNdithi kwiYerusalem, Iya kumiwa; nakwimizi yakwaYuda, Iya kwakhiwa, ndiwamise amanxuwa ayo; |
| 44 | 27 | uNdithi kumanzi enzonzobila, Yitshani, ndiyomise imilambo yakho; |
| 44 | 28 | uNdithi kuKoreshi, Ngumalusi wam, oya kukuzalisa konke ukuthanda kwam; athi kwiYerusalem, Mayakhiwe; nakwitempile, Mayisekwe. |
| 45 | 1 | Utsho uYehova kumthanjiswa wakhe, kuKoreshi, endimbambe ngesandla sokunene, ukuba ndizinyathele iintlanga phambi kwakhe; ndikhulule amanqe ookumkani, ukuba ndizivule iingcango ezingambini, namasango angabi nakuvalwa: |
| 45 | 2 | ukuthi, Ndiya kuhamba phambi kwakho, ndilungelelanise iindawo ezimaqhubu, ndiqhekeze iingcango zobhedu, ndixakaxe nemivalo yesinyithi; |
| 45 | 3 | ndikunike ubuncwane obusemnyameni, neengqwebo ezisezintsithelweni; ukuze wazi, ukuba mna Yehova ndingulo ukubize ngegama, uThixo kaSirayeli. |
| 45 | 4 | Ngenxa yomkhonzi wam uYakobi, uSirayeli umnyulwa wam, ndakubiza ngegama lakho, ndakuthiya namanye amagama, ungandazi. |
| 45 | 5 | NdinguYehova; akukho wumbi, akukho Thixo ingendim. |
| 45 | 6 | Ndakubhinqa ungandazi, ukuze bazi, bethabathela ekuphumeni kwelanga bese nasekutshoneni kwalo, ukuba akukho namnye ingendim; ndinguYehova, akukho wumbi. |
| 45 | 7 | NdinguMenzi wokukhanya, uMdali wobumnyama, uMenzi woxolo, uMdali wobubi: mna Yehova ndinguMenzi wezo zinto zonke. |
| 45 | 8 | Vuzisani, mazulu phezulu, sikhumezele ubulungisa isibhakabhaka; mawuvuleke umhlaba, uqhame usindiso, uhlumise ubulungisa kunye: mna Yehova ndikudalile oko. |
| 45 | 9 | Yeha ke, obambana noMenzi wakhe! Ligophe emagopheni ezitya zomdongwe! Udongwe lunokuthi na kumbumbi walo, Wenza ntoni na? nomsebenzi wakho unokuthi na, Akunazandla? |
| 45 | 10 | Yeha ke, othi kuyise, Uzaleleni na? nakumfazi, Unanimba ngani na? |
| 45 | 11 | Utsho uYehova, oyiNgcwele kaSirayeli, uMenzi wakhe, ukuthi, buzani kum izinto ezizayo; oonyana bam nomsebenzi wezandla zam wuyalezeni kum. |
| 45 | 12 | Mna ndenza ihlabathi, ndadala abantu phezu kwalo; izandla zam, mna lo zaneka izulu, nomkhosi walo wonke ndawuwisela umthetho. |
| 45 | 13 | Mna ndimvelisile ngobulungisa, ndiya kuzilungelelanisa iindlela zakhe zonke. Yena uya kuwakha umzi wam, abakhulule abafuduswa bam, kungarholwanga nani, kungarholwanga sicengo; utsho uYehova wemikhosi. |
| 45 | 14 | Utsho uYehova ukuthi, Ukuxelenga kweYiputa nokurhweba kukaKushi nokwamaSebha, abafo abanewonga, kuya kuwelela kuwe kube kokwakho. Baya kuhamba emva kwakho, baya kuwela benemixokelelwane, baqubude kuwe; baya kuthandaza kuwe, besithi, Inene, ukuwe uThixo; akusekho thixo, akukho nokuba abe mnye. |
| 45 | 15 | Inyaniso, unguThixo ozisithelisayo, Thixo kaSirayeli, Msindisi. |
| 45 | 16 | Baya kudana, kananjalo bahlazeke bonke bephela; baya kuhamba behlazekile kunye abaziingcibi zezithixo. |
| 45 | 17 | USirayeli uya kusindiswa nguYehova ngosindiso olungunaphakade; aniyi kudaniswa, aniyi kuhlazeka, kude kuse emaphakadeni asephakadeni. |
| 45 | 18 | Ngokuba utsho uYehova, uMdali wezulu (nguye uThixo), uMenzi wehlabathi, uMseki walo, yena walizinzisayo (akalidalelanga ukuba kube senyanyeni, walibumba ukuba limiwe), ukuthi, NdinguYehova, akukho wumbi. |
| 45 | 19 | Andithethanga entsithelweni, endaweni emnyama yelizwe; anditshongo embewini kaYakobi ukuthi, Ndiquqeleni enyanyeni. Mna Yehova ndithetha ubulungisa, ndixela into ethe tye. |
| 45 | 20 | Buthani nize, sondelani kunye, nina basindileyo basezintlangeni: abanakwazi abathwali bomthi womfanekiso wabo oqinqiweyo, abathandazi bothixo ongasindisiyo. |
| 45 | 21 | Xelani, nifikise; ewe, mabacebisane kunye, ukuthi, Ngubani na owavisa oko kwabamandulo, owakuxelayo kwanini? Asindim na Yehova, ekungekho Thixo wumbi ingendim? UThixo onobulungisa, osindisayo, akakho ingendim. |
| 45 | 22 | Bhekani kum, nisindiswe, nonke ziphelo zehlabathi; ngokuba ndinguThixo, akukho wumbi. |
| 45 | 23 | Ndizifungile, ilizwi liphume emlonyeni ngobulungisa, aliyi kuguqulwa; lithe, Aya kuguqa kum onke amadolo, zifunge mna zonke iilwimi; |
| 45 | 24 | kuthiwe ngokubhekisele kum, KuYehova yedwa bubulungisa namandla, kuyiwa kuye; baya kudana bonke abavutha ngomsindo ngaye. |
| 45 | 25 | NgoYehova iya kugwetyelwa iqhayise yonke imbewu kaSirayeli. |
| 46 | 1 | UBhele uyaguqa, uNebho uya bhanyalaza; izithixo zabo zibekwe emaqegwini nasezinkomeni ezitsalayo; ezi nibe nizithwala zibotshiwe, zingumthwalo kwizinto ezityhafileyo. |
| 46 | 2 | Izithixo zabhanyalaza, zaguqa kunye, azaba nakuzisiza ekuthwaleni, ke inkqu yazo yaya ekuthinjweni. |
| 46 | 3 | Phulaphulani kum, ndlu kaYakobi, nonke masalela endlu kaSirayeli, nina nabekwayo phezu kwam kwasesiswini, nina nathwalwayo ndim kwasesizalweni; |
| 46 | 4 | kude kuse ebudaleni ikwandim, kude kuse ezimvini ndiya kunityatha emagxeni mna. Ndikwenzile mna; ndiya kunithwala mna, ndiya kunityatha emagxeni mna, ndinisize. |
| 46 | 5 | Ninokundifanisa, nindilinganise, nindinxulumise nabani na, ukuba sifane? |
| 46 | 6 | Bona bawohloza igolide engxoweni, balinganise isilivere ngesikali; baqesha umnyibilikisi, ayenze isithixo; basibekeke, ewe, baqubude. |
| 46 | 7 | Bayasithwala, basityathe emagxeni, basibeke phantsi endaweni yaso, sime; asibuyi sisuke kuloo ndawo yaso; ewe, bayakhala kuso, singaphenduli; asisindisi bani embandezelweni yakhe. |
| 46 | 8 | Khumbulani oko, nibe ngamadoda; kunyamekeleni ngentliziyo, nina bakreqileyo. |
| 46 | 9 | Khumbulani izinto zangaphambili, zasephakadeni, okokuba ndinguThixo, akukho wumbi; ndinguThixo, akukho namnye unjengam; |
| 46 | 10 | ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki, ndisithi, Icebo lam liya kuma, ndikwenze konke ukuthanda kwam; |
| 46 | 11 | ndibiza ukhozi empumalanga, indoda yecebo lam ezweni elikude; nditshilo, ewe, ndiya kukufeza; ndiyilile, ewe, ndiya kukwenza. |
| 46 | 12 | Phulaphulani kum, nina bantliziyo ilukhuni, bakude nobulungisa. |
| 46 | 13 | Ndisondeza ubulungisa bam, abuyi kuba kude; nosindiso lwam aluyi kulibala; ndinika usindiso eZiyon, uzuko lwam kuSirayeli. |
| 47 | 1 | Yihla, uhlale eluthulini, nkazanandini, ntombi inguBhabheli; hlala phantsi emhlabeni ungenatrone, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sathiwa uyimvoco, noxhamla ubuncwane. |
| 47 | 2 | Thabatha amatye, usile umgubo; bhenqa isigqubuthelo sakho, finyezela phezulu, tyhila umlenze, wela imilambo. |
| 47 | 3 | Mabutyhileke ubuze bakho, kubonakale nokungcikiveka kwakho; ndiya kuphindezela, andiyi kubuka mntu. |
| 47 | 4 | Umkhululi wethu, igama lakhe nguYehova wemikhosi, oyiNgcwele kaSirayeli. |
| 47 | 5 | Hlala uthi cwaka, ungeneemnyameni, ntombi ingamaKaledi; ngokuba akuyi kuba sabizwa ngokuba uyinkosikazi yezikumkani. |
| 47 | 6 | Ndaba noburhalarhume kubantu bam, ndalingcolisa ilifa lam, ndabanikela ezandleni zakho; akwaba namfesane kubo; naphezu kwamadoda amakhulu wayenza yanzima kakhulu idyokhwe yakho. |
| 47 | 7 | Ubusithi, Ndiya kuba yinkosikazi ngonaphakade; wada akwakunyamekela oko ngentliziyo, akwalikhumbula ikamva lakho oko. |
| 47 | 8 | Kaloku ke yiva oku, wena mxhamli weziyolo, uhleliyo ukholosile, wena uthi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi; andiyi kuhlala ndingumhlolokazi, andiyi kukwazi ukungabi nabantwana. |
| 47 | 9 | Ziya kukuzela ezo zinto zombini ngephanyazo, ngamini-nye, ukungabi nabantwana nobuhlolokazi; ziya kukuzela ngokugqibelela kwazo ebuninzini bokukhafula kwakho, enkitheni eninzi yomabophe bakho. |
| 47 | 10 | Ngokuba ukholose ngezinto zakho ezimbi, wathi, Akukho undibonayo; ubulumko bakho nokwazi kwakho kuko okukuphambanisileyo; wathi entliziyweni yakho, Ndim kwaphela, akukho wumbi. |
| 47 | 11 | Bokuzela ke ububi, ungakwazi ukubunyanga; ikuwele inkohlakalo, ungabi nako ukuyicamagushela; ikuzele ngesiquphe intshabalala ongayaziyo. |
| 47 | 12 | Khawumise ngomabophe bakho, nangokukhafula kwakho okuninzi, ozixhamle ngako kwasebuncinaneni bakho; mhlawumbi ungaba nokunceda, mhlawumbi ungaba nokweyisa. |
| 47 | 13 | Udiniwe bubuninzi bamaqhinga akho; mabamise kaloku, bakusindise oonocanda bezulu, oojongiinkwenkwezi, abakwazisayo ekuthwaseni kwenyanga ngenyanga izinto ezikuzelayo. |
| 47 | 14 | Yabona, basuke baba njengeendiza; umlilo ubatshisile; abanakuwuhlangula umphefumlo wabo emandleni elangatye; akukho lahle lakuzifudumeza, akukho mlilo kungahlalwa phambi kwawo. |
| 47 | 15 | Boba njalo kuwe abo uzixhamle ngabo, ababerhwebelana nawe kwasebuncinaneni bakho; elowo uya kundwendwela ecaleni lakhe, kungabikho ukusindisayo. |
| 48 | 1 | Yivani oko, ndlu kaYakobi, nibizwayo ngegama likaSirayeli, naphumayo emanzini kaYuda; nina nilifungayo igama likaYehova, nimkhankanye uThixo kaSirayeli, kungenganyaniso, kungengabulungisa. |
| 48 | 2 | Ngokuba bazibiza ngokuthi ngabomzi ongcwele, bazixhase ngoThixo kaSirayeli, ogama lakhe linguYehova wemikhosi. |
| 48 | 3 | Izinto zangaphambili ndazixela kwanini; zaphuma emlonyeni wam, ndazibonakalalisa; ndazenza ngesiquphe, zabakho. |
| 48 | 4 | Ngokukwazi kwam ukuba ulukhuni, nentamo yakho ingumsipha wesinyithi, nebunzi lakho lilubhedu, |
| 48 | 5 | ndakuxelela ezo zinto kwanini; zingekafiki ndakuvisa, hleze uthi, Isithixo sam sizenzile, umfanekiso wam oqingqiweyo notyhidiweyo uzimisile. |
| 48 | 6 | Uvile; sikhangele zonke ziphela; wena ke akunakuzixela na? Ndiya kukuvisa izinto ezintsha, ezifihlakeleyo, obungazazi. |
| 48 | 7 | Zidalwa ngoku, azidalwanga kwanini; ingekabikho le mini, ubungaziva; hleze uthi, Yabona, bendizazi. |
| 48 | 8 | Ubungaziva; ubungazazi; ibingavulekile indlebe yakho kwanini. Kuba bendisazi ukuba unginiza unginizile; ukubizwa kwakho kuthiwa ungumkreqi kwasesizalwani. |
| 48 | 9 | Ngenxa yegama lam ndizeka kade ukuba nomsindo, nangenxa yendumiso yam ndiyawubamba ngakuwe, ukuze ndingakunqumli. |
| 48 | 10 | Uyabona, ndikunyibilikisile, akwaba ngokwesilivere; ndakucikida ezikweni leentsizi. |
| 48 | 11 | Ndikwenza oko ngenxa yam, ngenxa yam (hayi, ukuhlanjelwa kwegama lam!); andiluniki wumbi uzuko lwam. |
| 48 | 12 | Phulaphula kum, Yakobi, Sirayeli, mbizwa wam; ndim, ndingowokuqala, ewe, ndingowokugqibela. |
| 48 | 13 | Ewe, isandla sam siseke ihlabathi, esokunene sam saneke izulu; ndithi ndakuzibiza ezo zinto, zime kunye. |
| 48 | 14 | Zihlanganiseni, nonke niphela, nive; ngubani na phakathi kwezithixo owazixelayo ezo zinto? Umthandwa kaYehova uya kukwenza ukuthanda kwakhe kwiBhabheli, nengalo yakhe ikwenze kumaKaledi. |
| 48 | 15 | Mna nditshilo, ewe, ndimbizile, ndimzisile; inempumelelo indlela yakhe. |
| 48 | 16 | Sondelani kum, nive oku. Kwasekuqaleni andithethanga entsithelweni; kususela kwixesha lokwenzeka kwako oko, ndilapha; nangoku iNkosi uYehova indithumile, mna noMoya wayo. |
| 48 | 17 | Utsho uYehova, umkhululi wakho, oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Mna Yehova, Thixo wakho, ndingokufundisa okungakuncedayo, ndikunyathelise ngendlela oya kuhamba ngayo. |
| 48 | 18 | Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle; |
| 48 | 19 | ibiya kuba njengentlabathi imbewu yakho, abaphuma ezibilinini zakho babe njengamasuntsu ayo belingayi kunqunyulwa litshabalale igama labo ebusweni bam. |
| 48 | 20 | Phumani eBhabheli, sabani kwelamaKaledi; kuxeleni ninelizwi lokumemelela, kuvakaliseni oku, kuhlabeleni kuye naseziphelweni zehlabathi; yithini, UYehova umkhulule ngokumhlawulela umkhonzi wakhe uYakobi. |
| 48 | 21 | Abanxanwanga, ebahambisa engqaqasini; wabatsitsisela amanzi eweni, wacanda iliwa, atsaza amanzi. |
| 48 | 22 | Akukho luxolo kwabangendawo, utsho uYehova. |
| 49 | 1 | Phulaphulani kum, ziqithi; bazani indlebe, zizwe zikude; uYehova undibize kwasesizalweni, ulikhankanye kwasezibilinini zikama igama lam. |
| 49 | 2 | Wawenza umlomo wam wanjengekrele elibukhali, wandizimeza esithunzini sesandla sakhe, wandenza utolo olubaziweyo, wandisithelisa emphongolweni; |
| 49 | 3 | wathi kum, Ungumkhonzi wam, wena Sirayeli, endiya kuhomba ngaye. |
| 49 | 4 | Ndathi mna, Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam. |
| 49 | 5 | Kaloku ke uthi uYehova, owandibumba kwasesizalweni, ukuba ndibe ngumkhonzi kuye wokubuyisela uYakobi kuye, uSirayeli ahlanganiselwe kuye (ndizukile emehlweni kaYehova, uThixo wam waba ngamandla am); |
| 49 | 6 | uthi ke, Kuyinto elula ukuba ube ngumkhonzi kum wokumisa izizwe zakwaYakobi, ubuyise abalondolozwa bakaSirayeli; kananjalo ndiya kukwenza isikhanyiso seentlanga, ukuba ube lusindiso lwam, ude uze eziphelweni zehlabathi. |
| 49 | 7 | Utsho uYehova, uMkhululi kaSirayeli, oyiNgcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni, kumkhonzi wezilawuli, ukuthi, Ookumkani baya kubona, basuke beme, nabathetheli babone, baqubude ngenxa kaYehova onyanisekileyo, oyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekunyule. |
| 49 | 8 | Utsho uYehova ukuthi, Ngexesha elamkelekileyo ndikuphendule, ndakunceda ngemini yosindiso. Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; |
| 49 | 9 | uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasemnyameni, Velani. Baya kudla ngokomhlambi ezindleleni, amadlelo abo abekho naseluqayini lonke. |
| 49 | 10 | Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayikubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo. |
| 49 | 11 | Ndiya kuzenza zonke iintaba zam zibe ziindlela, uphakame umendo wam. |
| 49 | 12 | Yabona, aba baya kuvela kude; yabona, aba baya kuvela kwelasentla naselwandle, aba bavele ezweni lamaSini. |
| 49 | 13 | Memelelani, mazulu; gcoba, hlabathi; gqabhukani nimemelele, zintaba; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana zakhe. |
| 49 | 14 | Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala. |
| 49 | 15 | Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna. |
| 49 | 16 | Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam; iindonga zakho zihlala zimi phambi kwam. |
| 49 | 17 | Oonyana bakho bayakhawuleza, bayeza; abagungxuli bakho nabachithi bakho bayaphuma kuwe. |
| 49 | 18 | Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, beza kuwe. Ndihleli nje, utsho uYehova, uya kubanxiba bonke bephela njengezivatho, ubabhinqe ngokombhinqo womtshakazi. |
| 49 | 19 | Ngokuba amanxuwa akho la, neendawo zakho ezigungxuliweyo, nelizwe lakho elichithakeleyo-inene, ngoku uya kuxinana ngabemi kulo, babe kude abaginyi bakho. |
| 49 | 20 | Basaya kuthi ezindlebeni zakho oonyana bakho obubahluthiwe, Indawo ixinene kum, ndikhwelele, ndihlale; |
| 49 | 21 | uya kuthi entliziyweni yakho, Ngubani na lo undizalele aba? Mna bendihluthiwe abantwana nje, ndaba ludlolo, ndafuduswa, ndagxothwa; ke aba bakhuliswe ngubani na? Uyabona, mna bendisele ndedwa; aba babephi na? |
| 49 | 22 | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Uyabona, ndisiphakamisela ezintlangeni isandla sam, ndiyinyusele ezizweni ibhanile yam, zibazise ke oonyana bakho, zibawole ngeengalo, neentombi zakho zithwalwe ngamagxa, |
| 49 | 23 | Ookumkani baya kuba ngabondli bakho, namakhosikazi abo abe ngabanyisi bakho. Baya kuqubuda kuwe, bese ubuso emhlabeni, bakhothe uthuli lweenyawo zakho; wazi ke ukuba ndinguYehova, obathembi bakhe bangayi kudana. |
| 49 | 24 | Anokuthatyathwa na amaxhoba kwigorha, basinde na abathinjiweyo bengamulungisa? |
| 49 | 25 | Inene, utsho uYehova ukuthi, Nabathinjwe ligorha baya kuthatyathwa, namaxhoba omngcangcazelisi aya kusinda; ke obambana nawe, mna ndiya kubambana naye, ndibasindise mna oonyana bakho. |
| 49 | 26 | Abakuxinzelela phantsi ndobadlisa eyabo inyama, banxiliswe lelabo igazi ngathi kungewayini entsha; yazi inyama yonke, ukuba mna, Yehova, ndinguMsindisi wakho, ukuba uMkhululi wakho ngOnamandla kaYakobi. |
| 50 | 1 | Utsho uYehova ukuthi, Iphi na incwadi yokwaliwa kukanyoko, endamgxotha ngayo? Khona kwabandibolekayo, uphi na lowo ndathengisa ngani kuye? Yabonani, kwathengiswa ngani ngenxa yobugwenxa benu; wagxothwa unyoko ngenxa yezikreqo zenu. |
| 50 | 2 | Yini na ukuba ndifike, kungekho mntu? ndibize, kungabikho usabelayo? Sifutshane kakhulu na isandla sam ukuba singakhululi? Akakho na kum amandla okuhlangula? Yabonani, ngokukhalima kwam ndomisa ulwandle, imilambo ndiyenze intlango; ziyabola iintlanzi zayo, ngokuba kungekho manzi, ziyafa kukunxanwa; |
| 50 | 3 | ndambesa izulu ngezimnyama zokuzila, ndenze ezirhwexayo zibe sisigubungelo salo. |
| 50 | 4 | INkosi uYehova indinike ulwimi lwabafundileyo, ukuze ndikwazi ukuzimasa otyhafileyo ngelizwi. Ivusa imiso ngemiso, indivusela indlebe ukuba ndive ngokwabafundileyo. |
| 50 | 5 | INkosi uYehova indivule indlebe: ke mna andenza zinkani, andabuya umva. |
| 50 | 6 | Ndawunikela umhlana wam kubabethi, nezidlele zam kubadlathuli beendevu; andibusithelisanga ubuso bam ehlazweni nasekutshicelweni. |
| 50 | 7 | Ke iNkosi uYehova iya kundinceda; ngenxa yoko andihlazekanga; ngenxa yoko ndabenza ubuso bam banjengeqhwitha; ndiyazi ukuba andiyi kudana. |
| 50 | 8 | Usondele ondigwebelayo; ngubani na oya kubambana nam? masime ndaweni-nye. Ngubani na ummangaleli wam? makeze kum. |
| 50 | 9 | Uyabona, INkosi uYehova iya kundinceda; ngubani na yena oya kundigweba? Yabona bonke bephela baya konakala njengengubo, amanundu aya kubadla. |
| 50 | 10 | Ngubani na kuni owoyika uYehova, ophulaphula izwi lomkhonzi wakhe? Ohamba emnyameni, kungabi mhlophe kuye, makakholose ngegama likaYehova, ayame kuThixo wakhe. |
| 50 | 11 | Yabonani, nonke niphela, nina baphemba umlilo, baxhobe iintolo ezinomlilo, hambani niye elangatyeni lomlilo wenu, nasezintolweni ezinomlilo enizivuthisileyo. Ke esandleni sam nantsi into eniya kuyizuza; niya kulala phantsi ninembulaleko. |
| 51 | 1 | Phulaphulani kum, nina babusukelayo ubulungisa, bamquqelayo uYehova; bhekani eweni enaxholwa kulo, nasesigingqini somhadi enembiwa kuwo. |
| 51 | 2 | Bhekani kuAbraham uyihlo, nakuSara owanizalayo; kuba waye emnye ndakumbiza, ndakumsikelela, ndakumandisa. |
| 51 | 3 | Ngokuba uYehova uyithuthuzele iZiyon, uwathuthuzele onke amanxuwa ayo, wayenza intlango yayo yanjenge-Eden, nenkqantosi yayo yanjengomyezo kaYehova; kufumaneka imihlali nemivuyo kuyo, imibulelo nezwi lohadi. |
| 51 | 4 | Ndibazeleni indlebe, bantu bam; ndibekeleni indlebe, sizwe sam; ngokuba isiyalelo siya kuphuma kum, ndilizinzise isiko lam, ukuba libe sisikhanyiso sezizwe. |
| 51 | 5 | Busondele ubulungisa bam, luphumile usindiso lwam; iingalo zam ziya kugweba izizwe, iziqithi zithembele kum, zilindele engalweni yam. |
| 51 | 6 | Phakamiselani ezulwini amehlo enu, nibheke nasemhlabeni phantsi; ngokuba izulu liya kuthi shwaka njengomsi, wonakale umhlaba njengengubo, nabemi bawo bafe ngokunjalo, lube ngonaphakade lona usindiso lwam, bungaqotywa ubulungisa bam. |
| 51 | 7 | Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo; musani ukukoyika ukungcikiva kwabafo, ningaqhiphuki umbilini kukunyelisa kwabo. |
| 51 | 8 | Kuba amanundu aya kubadla njengengubo, umbungu ubadle njengoboya begusha; ke bona ubulungisa bam buya kuba ngunaphakade, nosindiso lwam lube kwizizukulwana ngezizukulwana. |
| 51 | 9 | Vuka, vuka, nxiba amandla, ngalo kaYehova! Vuka, njengokwemihla yamandulo, njengokwezizukulwana zaphakade! Asinguwe na lowa wachitha uRahabhi, wayihlaba ingwenya? |
| 51 | 10 | Asinguwe na lowa womisa ulwandle, amanzi enzonzobila enkulu; iinzulu zolwandle wazenza indlela yokuwela abahlawulelweyo? |
| 51 | 11 | Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina. |
| 51 | 12 | Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ungubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca; |
| 51 | 13 | ukuba umlibale uYehova uMenzi wakho, uManeki wezulu, uMseki wehlabathi; ukuba uhlale unkwantya imini yonke bubushushu bombandezeli, ngokokuba exunela ukonakalisa; buphi na ke ubushushu bombandezeli? |
| 51 | 14 | Ogotyiweyo ngamakhamandela wobehle akhululwe, angafeli esihogweni, angasisweli isonka sakhe. |
| 51 | 15 | Kuba ndinguYehova uThixo wakho, uMlatyuzisi wolwandle, agqume amaza alo, ogama lakhe linguYehova wemikhosi. |
| 51 | 16 | Ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, ndakugubungela ngesithunzi sesandla sam, ukuba ndityale izulu, ukuba ndiseke ihlabathi, ukuba ndithi kwiZiyon, Ningabantu bam. |
| 51 | 17 | Zivuse, zivuse, suk ume, Yerusalem wena uyiseleyo esandleni sikaYehova indebe yobushushu bakhe; uyisele wayifinca indebe enombilini ehexisayo. |
| 51 | 18 | Bekungekho namnye uyithundezayo iYerusalem, phakathi koonyana bonke eyabazalayo; bekungekho namnye uyibambe ngesandla, phakathi koonyana bonke eyabakhulisayo. |
| 51 | 19 | Zazimbini izinto ezakuhlelayo; ngubani na owakukhuzayo? Yimbuqo nokwaphuka, yindlala nekrele; bendingathini na ukukuthuthuzela? |
| 51 | 20 | Oonyana bakho bawa isiduli, balala emantloko ezitrato zonke, njengeula eli libanjisiweyo; bazele bubushushu bukaYehova, kukukhalima koThixo wakho. |
| 51 | 21 | Ngako oko, khawuve le nto, wena ludwayinge, unxilayo kodwa kungengayo iwayini; |
| 51 | 22 | itsho iNkosi yakho uYehova, uThixo wakho obathethelelayo abantu bakhe, ukuthi, Yabona, ndiyayithabatha esandleni sakho indebe ehexisayo, indebe enombilini yobushushu bam; akusayi kuphinda usele kuyo. |
| 51 | 23 | Ndoyibeka esandleni sabakwenza isingqala, ababesithi kumphefumlo wakho, Qubuda sigqithe, waza wena wawenza umhlana wakho wanjengomhlaba, wanjengesitrato kwabagqitha phezu kwawo. |
| 52 | 1 | Vuka, vuka, nxiba amandla akho, Ziyon! Nxiba iingubo zakho zokuhomba, Yerusalem, mzi ungcwele! Kuba akuyi kuba saphinda kungene kuwe ongalukanga, noyinqambi. |
| 52 | 2 | Zivuthulule uthuli; suk ume, hlala phantsi, Yerusalem; zikhulule iimbophelelo zentamo yakho, mthinjwa, ntombi inguZiyon. |
| 52 | 3 | Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Kwathengiswa ngani ngelize; aniyi kuhlawulelwa nikhululwe ngamali. |
| 52 | 4 | Kuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Abantu bam behla baya eYiputa ekuqaleni, ukuba baphambukele khona; ke ama-Asiriya abacudisa kungekho sizathu. |
| 52 | 5 | Kaloku ke yintoni na enamapha, utsho uYehova, bethatyathwe ngelize nje abantu bam? Abalawuli babo bayabhomboloza, utsho uYehova; igama lam lihlala ligitywa imini yonke. |
| 52 | 6 | Ngako oko abantu bam baya kulazi igama lam; ngako oko baya kwazi ngaloo mini ukuba ndinguye lowo uthi, Ndingokhoyo. |
| 52 | 7 | Hayi, ukuba zintle kwazo ezintabeni iinyawo zabashumayela iindaba ezimnandi, zabavakalisa uxolo, zabashumayela iindaba ezilungileyo, zabavakalisa usindiso; zabathi kwiZiyon, Uyalawula uThixo wakho! |
| 52 | 8 | Phulaphula ilizwi lababoniseli bakho. Baliphakamisa kunye ilizwi, bayamemelela; ngokuba bekubona iliso kwiliso ukuyibuyisa kukaYehova iZiyon. |
| 52 | 9 | Gqobhokelani ekumemeleleni kunye, manxuwa aseYerusalem; ngokuba uYehova ubathuthuzele abantu bakhe, uyihlawulele wayikhulula iYerusalem. |
| 52 | 10 | UYehova uyihlubile ingalo yakhe engcwele emehlweni eentlanga zonke; zonke iziphelo zehlabathi ziya kulubona ke usindiso loThixo wethu. |
| 52 | 11 | Mkani, mkani, phumani apho; musani ukuphatha nto iyinqambi; phumani phakathi kwayo; zenzeni nyulu, nina bathwali beempahla zikaYehova. |
| 52 | 12 | Ngokuba aniyi kuphuma buphuthuphuthu, nihambe ngokusaba; kuba uYehova uhamba phambi kwenu, uMqoshelisi wenu nguThixo kaSirayeli. |
| 52 | 13 | Yabonani, umkhonzi wam uya kwenza ngengqiqo, uya kuphakama, athi gqi, anyuke kakhulu. |
| 52 | 14 | Kwanjengokuba babemangaliswa nguwe abaninzi (ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe ukuda singabi sesoonyana baka-Adam): |
| 52 | 15 | ngokunjalo yena uya kubetha zithi makatha iintlanga ezininzi; ngenxa yakhe ookumkani baya kuthi khamnqa; ngokuba baya kukubona abangazanga bakubaliselwe, bakugqale abangazanga bakuve. |
| 53 | 1 | Ngubani na okholiweyo ludaba lwethu, nengalo kaYehova ityhileke kubani na? |
| 53 | 2 | Kuba yena umkhonzi unyuka njengegatya phambi kwakhe, njengehlumelo eliphuma ezweni elingumqwebedu, engenasithomo nabungangamela; sakukhangela, akwabakho kubonakala ukuba masimnqwenele. |
| 53 | 3 | Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso, udeliwe, thina ke asambeka. |
| 53 | 4 | Okwenene, uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu, ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye. |
| 53 | 5 | Kanti yena uhlatywe ngenxa yezikreqo zethu, watyunyuzwa ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa; ubetho lokuba sibe noxolo thina lube luphezu kwakhe; siphiliswe ngemivumbo yakhe. |
| 53 | 6 | Thina zonke salahleka njengeegusha, sabheka elowo endleleni yakhe, waza uYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke. |
| 53 | 7 | Wakhandaniswa, wazithoba, engawuvuli umlomo wakhe, njengemvana esiwa ekuxhelweni; nanjengegusha esisidenge phambi kwabachebi bayo, akawuvula umlomo wakhe. |
| 53 | 8 | Uthatyathwe ekuxinweni nasematyaleni; esizukulwaneni sakhe ngubani na owathelekelela ukuthi, unqanyulwe ezweni labaphilileyo, ubandezelwe ngenxa yesikreqo sabantu bakowethu? |
| 53 | 9 | Lamiswa nawaboni ingcwaba lakheke laba nosisityebi, akuba efile; ekubeni engenzanga lugonyamelo, kungabangakho nkohliso emlonyeni wakhe. |
| 53 | 10 | UYehova ke wathanda ukumtyumza nokumvisa isifo. Xa uthe umphefumlo wakhe wawenza idini letyala, woyibona imbewu yakhe, abe nemihla emide; ukuthanda kukaYehova kube nempumelelo ngesandla sakhe. |
| 53 | 11 | Ngokwaphuka komphefumlo wakhe wobona, aneliswe; ngokwazi kwakhe, umkhonzi wam olilungisa uya kugwebela abaninzi, athwale yena izenzo zabo ezigwenxa. |
| 53 | 12 | Ngako oko ndiya kumahlulela isahlulo nabakhulu, alabe nabanegunya ixhoba, ngethuba lokuba ewuminyele ekufeni umphefumlo wakhe, wavuma ukubalelwa kubakreqi, akubon ukuba usithabathile phezu kwakhe isono sabaninzi, ebathandazele abakreqi. |
| 54 | 1 | Memelela, ludlolo lungazaliyo; gqabhuka umemelele, utsholoze, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabantwana bonendoda; utsho uYehova. |
| 54 | 2 | Yenze banzi indawo yentente yakho, uwatwabulule amalengalenga eminquba yakho, ungathinteli; zolule izintya zakho, uziqinisele izikhonkwane zakho. |
| 54 | 3 | Kuba uya kutyhobozela ekunene nasekholo, imbewu yakho izidle ilifa iintlanga, iyime imizi ebingamanxuwa. |
| 54 | 4 | Musa ukoyika, ngokuba akuyi kudana; musa ukudideka lihlazo, ngokuba akuyi kuba nazintloni. Ngokuba ukudana kobuntombi bakho uya kukulibala, ungcikivo lobuhlolokazi bakho ungabi salukhumbula. |
| 54 | 5 | Ngokuba indoda yakho nguMenzi wakho, ogama lakhe linguYehova wemikhosi; nguMkhululi wakho oyiNgcwele kaSirayeli, ekuthiwa nguThixo wehlabathi lonke. |
| 54 | 6 | Ngokuba uYehova ukubize njengomfazi obeshiyiwe, omoya ubulalekileyo, njengomfazi wobutsha, xeshikweni ebethe wacekiswa; utsho uThixo wakho. |
| 54 | 7 | Ndakushiya okwephanyazo elincinane; ndiya kukubutha ngemfesane enkulu. |
| 54 | 8 | Ngomkhukula woburhalarhume ndabusithelisa ubuso bam kuwe okwephanyazo; ndiya kuba nemfesane kuwe ngenceba engunaphakade; utsho uMkhululi wakho uYehova. |
| 54 | 9 | Ngokuba injengonogumbe kaNowa le nto kum; oko ndafungayo ukuba amanzi kaNowa akasayi kuba sahamba phezu kwehlabathi, ngokunjalo ndifungile ukuba andiyi kuba naburhalarhume kuwe, ndingakukhalimeli. |
| 54 | 10 | Ngokuba zingade zimke iintaba, neenduli zishukume; yona inceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe, uYehova. |
| 54 | 11 | Wena lusizana, uphetshethwayo ungenantuthuzelo, yabona, ndiwabeka amatye akho kwistibhiya, ndikuseka ngeesafire. |
| 54 | 12 | Ndolumisa uqoqo lwakho ngeerubhi, namasango akho ngamatye abengezelayo, nemida yakho yonke ngamatye anqabileyo. |
| 54 | 13 | Bonke abantwana bakho baya kuba ngabafundi bakaYehova, lube lukhulu uxolo lwabantwana bakho. |
| 54 | 14 | Uya kuzinza ngobulungisa; ungakhe uxhale, ngokuba akuyi kuba nakoyika; ungakhe uqhiphuke umbilini, ngokuba akuyi kusondela kuwe. |
| 54 | 15 | Yabona, bayaqukana bahlanganisane, andikho mna kuloo nto; nokuba ngoobani na abaya kuqukana ngawe, baya kuwa ngenxa enawe. |
| 54 | 16 | Yabona, mna ndadala ingcibi efutha umlilo wamalahle, ivelise impahla ngokweshishini layo; kwamna ndadala nomonakalisi wokuyonakalisa. |
| 54 | 17 | Zonke izixhobo ezikhandelwa ukulwa nawe aziyi kuba nampumelelo; zonke iilwimi ezimelene nawe ematyaleni uya kuzigweba. Lilo eli ilifa labakhonzi bakaYehova, nobulungisa babo obuphuma kum; utsho uYehova. |
| 55 | 1 | Wenani! Nonke nina ninxaniweyo, yizani emanzini, nabangenamali; yizani, thengani nidle; yizani, thengani iwayini namasi, ningenani, ningenamali. |
| 55 | 2 | Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba. |
| 55 | 3 | Thobani iindlebe zenu, nize kum; yivani, uphile umphefumlo wenu; ndenze umnqophiso ongunaphakade nani, iinceba zikaDavide ezinyanisekileyo. |
| 55 | 4 | Yabona, ndimenze ingqina ezizweni, inganga nomwisimethetho ezizweni. |
| 55 | 5 | Yabona, uya kubiza uhlanga ongalwaziyo, uhlanga olungakwaziyo wena lugidimele kuwe, ngenxa kaYehova uThixo wakho, ngenxa yoyiNgcwele kaSirayeli, kuba ekuhombisile. |
| 55 | 6 | Funani uYehova esenokufunyanwa; mbizeni esekufuphi. |
| 55 | 7 | Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu. |
| 55 | 8 | Kuba iingcinga zam asizizo iingcinga zenu, neendlela zenu asizizo iindlela zam, utsho uYehova. |
| 55 | 9 | Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu. |
| 55 | 10 | Kuba, njengokuba kusihla imvula nekhephu ezulwini, ingabuyeli kulo ingathanga iwunyakamise umhlaba uvunde, iwuhlumise, iwenze untshule, imnike imbewu umhlwayeli, imnike isonka odlayo: |
| 55 | 11 | liya kuba njalo ilizwi lam eliphuma emlonyeni wam; aliyi kubuyela kum lilambatha, lingakwenzanga endikuthandayo, lingakuphumelelisanga oko ndilithumela kuko. |
| 55 | 12 | Kuba niya kuphuma ninovuyo, nithundezwe ninoxolo. Iintaba neenduli ziya kugqabhuka zimemelele phambi kwenu, imithi yasendle ibethe izandla. |
| 55 | 13 | Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare, esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile; oko kube ligama kuYehova, nomqondiso ongunaphakade ongayi kunqanyulwa. |
| 56 | 1 | Utsho uYehova ukuthi, Gcinani isiko, nenze ubulungisa; kuba lusondele ukuba luze usindiso lwam, nobulungisa bam ukuba butyhileke. |
| 56 | 2 | Hayi, uyolo lomntu okwenzayo oku, nonyana womntu obambelela kuko oku; ogcina isabatha ukuba angayihlambeli; ogcina isandla sakhe ukuba singenzi nanye into embi. |
| 56 | 3 | Makangatsho ke unyana wolunye uhlanga, lo unamathele kuYehova, ukuthi, UYehova uya kundahlula kube kanye ebantwini bakhe; malingathi ithenwa, Yabona, ndingumthi owomileyo. |
| 56 | 4 | Ngokuba utsho uYehova kumathenwa ukuthi, Abazigcinayo iisabatha zam, banyule endikuthandayo, babambelele emnqophisweni wam, |
| 56 | 5 | ndobanika, endlwini yam nasezindongeni zam, indawo negama elilungileyo ngaphezu koonyana neentombi; ndobanika igama elingunaphakade elingayi kunqunyulwa. |
| 56 | 6 | Ke oonyana bolunye uhlanga, abanamathele kuYehova, ukuze balungiselele kuye, balithande igama likaYehova, ukuba babe ngabakhonzi kuye, bonke abayigcinayo isabatha bangayihlambeli, ababambelela emnqophisweni wam: |
| 56 | 7 | ndobazisa entabeni yam engcwele, ndibavuyise endlwini yam yokuthandaza; amadini abo anyukayo nemibingelelo yabo yokholiseka esibingelelweni sam; kuba indlu yam kuya kuthiwa yindlu yokuthandaza ezizweni zonke. |
| 56 | 8 | Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubabutheni abagxothiweyo bakaSirayeli, ndisaya kubutha nabanye ngaphaya kwakhe, ngaphaya kwababuthiweyo bakhe. |
| 56 | 9 | Nonke marhamncwa asendle, yizani apha; yizani kudla, nonke marhamncwa asehlathini. |
| 56 | 10 | Ababoniseli bakhe baziimfama, bonke bephela abanakwazi, bonke bephela bazizinja ezizizidenge, ezingenakukhonkotha; zibhuda, zilala, zithanda ubuthongo. |
| 56 | 11 | Ewe, bazizinja ezithanda ukudla, ezingahluthiyo nokuhlutha; banjalo ke abalusi, abakwazi ukuqonda; bonke bephela babheke kwezabo iindlela, elowo kweyakhe inzuzo, kowakhe ummandla. |
| 56 | 12 | Uthi, Yizani, ndiya kuthabatha iwayini, sisele kunene isiselo esinxilisayo; neyangomso imini ibe njengale, ibe nkulu, incamise kunene. |
| 57 | 1 | Ilungisa liyatshabalala; akukho mntu ke ukunyamekelayo oko ngentliziyo; amadoda anobubele ayemka, akukho mntu ke uqondayo ukuba ilungisa limka phambi kokuba kubekho ububi. |
| 57 | 2 | Lingena eluxolweni; baphumla ezililini zabo ababehambe ngokuthe gca. |
| 57 | 3 | Ke nina, sondelani apha, nyana betolakazi, mbewu yomkrexezi neyehenyukazi. |
| 57 | 4 | Nivuyelela bani na? Nisinekela bani na, ningongoza nje? Aningabantwana bokreqo, imbewu yobuxoki, yini na, |
| 57 | 5 | nina bazitshisekisayo emiterebhintini, phantsi kwemithi yonke eluhlaza; nina babasikayo abantwana ezihlanjeni phantsi kwemiqhokro yeengxondorha? |
| 57 | 6 | Isahlulo sakho saba sematyeni agudileyo esihlambo; wona aba ngamaqashiso akho; kananjalo wawathululela amadini athululwayo, wenyusa iminikelo yokudla kuwo. Mandizithuthuzele na ngezo zinto? |
| 57 | 7 | Entabeni ephakamileyo ende wabeka isilili sakho, wenyuka waya kubingelela imibingelelo nalapho. |
| 57 | 8 | Isikhumbuzo sakho wasibeka emva kocango nomgubasi; ngokuba wathi ungekum wazityhila, wenyuka, wasenza sabanzi isilili sakho, wanqophisana nabo, wathanda kulala nabo, wandlala ukhuko. |
| 57 | 9 | Wahambela kukumkani uneoli, wanyhikiza iziqholo zakho, wazithuma kude izigidimi zakho, wazithoba kwada kwaba kwelabafileyo. |
| 57 | 10 | Wadinwa ngokuba nde kwendlela yakho; akwathi, Ndincamile; wawafumana ebuya ephila amandla akho ngenxa yoko akuthanga fehlefehle. |
| 57 | 11 | Ubunesithukuthezi ngabani na, ubusoyika bani na, ukuba uthethe amanga, ungandikhumbuli, ungakunyamekeli oko ngentliziyo? Andithe quthu na kususela kwaphakade, ungandoyiki nje? |
| 57 | 12 | Ndiya kubuxela mna ubulungisa bakho, nezenzo zakho aziyi kukunceda nto. |
| 57 | 13 | Ekukhaleni kwakho mazikuhlangule iimfumba zezithixo zakho; zonke ziphela zimka nomoya, zithatyathwa ngumphunga. Ke yena okholosa ngam uya kulidla ilifa ilizwe, ayime intaba yam engcwele. |
| 57 | 14 | Uthile wothi, Fumbani, fumbani, gecani indlela; susani isikhubekiso endleleni yabantu bam. |
| 57 | 15 | Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo. |
| 57 | 16 | Ngokuba andiyi kubambana naye ngonaphakade, andiyi kuhlala ndinoburhalarhume; kuba umoya ubungatyhafayo phambi kwam, nemiphefumlo endiyenzileyo mna. |
| 57 | 17 | Ngenxa yobugwenxa bokubawa kwakhe ndaba noburhalarhume, ndambetha, ndazisithelisa, ndaba noburhalarhume; wahamba ephamba ngendlela yentliziyo yakhe. |
| 57 | 18 | Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzalo yena, nabakhe ke abenza isijwili. |
| 57 | 19 | Umdali weziqhamo zomlomo, uYehova, uthi, Uxolo, uxolo malubekho kwabakude nakwabakufuphi, ndibaphilise. |
| 57 | 20 | Ke bona abangendawo banjengolwandle oluvunjululweyo, ngokuba alunakuzola; amanzi alo avumbulula udaka nezibi. |
| 57 | 21 | Alukho uxolo kwabangendawo, utsho uThixo wam. |
| 58 | 1 | Danduluka uphimisele, ungathinteleki; phakamisa izwi lakho njengesigodlo, ubaxelele abantu bam ukreqo lwabo, uyixelele indlu kaYakobi izono zayo. |
| 58 | 2 | Ke bayandingxoka imini ngemini, bakunanzile ukuzazi iindlela zam. Njengohlanga olwenze ubulungisa alwalishiya isiko loThixo walo, bacela kum imigwebo yobulungisa, bakunanzile ukusondela kuThixo. |
| 58 | 3 | Bathi, Yini na ukuba sizile ukudla, ungaboni? siwuthobe umphefumlo wethu, ungazi? Yabonani, ngomhla wokuzila kwenu nifumana enikunanzileyo, nibakhandanise abasebenzi benu bonke ababulalekayo. |
| 58 | 4 | Yabonani, nizilela ukubambana, niphikisane, nibethane ngenqindi lokungendawo; namhla anizileli ukuze nivakalise ilizwi lenu phezulu. |
| 58 | 5 | Into enjalo ingaba kukuzila endikunyulileyo na? Ingaba ngumhla wokuba umntu awuthobe umphefumlo wakhe na? Ukuthokombisa intloko yakhe njengomzi andlale ezirhwexayo nothuthu, oko ukubiza ngokuthi kukuzila na? Ngumhla okholekileyo na kuYehova? |
| 58 | 6 | Ukuzila endikunyulileyo asikoku na: ukucombulula iziqamangelo zokungendawo, ukukhulula izitropu zeedyokhwe, ukundulula abavikivekileyo bekhululekile, naphule zonke iidyokhwe? |
| 58 | 7 | Asikoku na: ukumqhekezela esonkeni sakho olambileyo, ubangenise endlwini abaziintsizana, abatshutshiswayo? xa uthe wabona ohamba ze, umambese, ungazifihli kwinyama yakho? |
| 58 | 8 | Kuya kwandula ke ukukhanya kwakho kuthi qhiphu njengokusa, kuhlume kamsinya ukupholiswa kwakho, buhambe phambi kwakho ubulungisa bakho, buqoshelise emva kwakho ubuqaqawuli bukaYehova. |
| 58 | 9 | Uya kwandula ubize, asabele uYehova; uzibike, athi, Ndikho! Ukuba uthe wakususa phakathi kwakho ukufaka idyokhwe, nokwalatha ngomnwe, nokuthetha ubudenge; |
| 58 | 10 | wamvukelisa olambileyo ngento oyidlayo, wawuhluthisa umphefumlo wocinezelweyo: kophumela ke ukukhanya kwakho emnyameni, nesithokothoko sakho sibe njengemini enkulu. |
| 58 | 11 | Uya kuhlala ekwalathisa uYehova, awuhluthise umphefumlo wakho ekubaleleni kwelanga, omeleze amathambo akho, ube njengomyezo onyakanyiswa yimvula, nanjengendawo ephuma amanzi, emanzi angatshiyo. |
| 58 | 12 | Baya kwakha amanxuwa angunaphakade abakowenu, uvuse iziseko zezizukulwana ngezizukulwana; bathi ukukubiza nguMvingci wamathuba, nguMbuyisi womendo wokuhlala. |
| 58 | 13 | Ukuba uthe walubuyisa unyawo lwakho kwisabatha, ukuba ungenzi okunanzileyo ngomhla wam ongcwele; wathi ukuyibiza isabatha isisonwabiso, ingcwele kaYehova; wathi inozuko, wayizukisa ke ngokungenzi iindlela zakho, ngokungafumani okunanzileyo, uthethe iintetho ezingeni: |
| 58 | 14 | uya kwandula ukuziyolisa ngoYehova, ndikukhwelise emimangweni yomhlaba, ndikudlise ilifa likaYakobi uyihlo; kuba umlomo kaYehova uthethile. |
| 59 | 1 | Yabonani, isandla sikaYehova asisifutshane, ukuba singasindisi; nendlebe yakhe ayinzima, ukuba ingevi. |
| 59 | 2 | Bubugwenxa benu obunahlukanisileyo noThixo wenu, zizono zenu ezibusithelisileyo ubuso bakhe kuni, ukuba angevi. |
| 59 | 3 | Kuba izandla zenu zidyobhekile ligazi, neminwe yenu bubugwenxa; nomlomo wenu uthetha ubuxoki, ulwimi lwenu ludumzela ubugqwetha. |
| 59 | 4 | Akukho uvakalisa ilizwi elinobulungisa, akukho umangalelana nomnye enyanisile; bakholose ngochuku, bathethe inkohlakalo; bakhawula ububi, bazale ubutshinga. |
| 59 | 5 | Baqandusela amaqanda erhamba, baluka izindlu zesigcawu. Lowo udla amaqanda abo uya kufa; elinyathelweyo liqandulelwa inyushu. |
| 59 | 6 | Imisonto yabo ayiyi kuba yingubo, nemisebenzi yabo ayiyi kubagubungela. Izenzo zabo zizenzo zobutshinga; ukusebenza ngogonyamelo kusezandleni zabo. |
| 59 | 7 | Iinyawo zabo zigidimela ebubini, zikhawuleze ukuya kuphalaza igazi elimsulwa; iingcinga zabo ziingcinga zobutshinga; emendweni wabo kukubhuqa nokwaphula. |
| 59 | 8 | Abayazi indlela yoxolo, okusesikweni akukho emikhondweni yabo; bazijikajikile iindlela zabo; bonke abanyathela kuzo abalwazi uxolo. |
| 59 | 9 | Ngenxa yoko kukude kuthi okusesikweni, nobulungisa abufikeleli kuthi. Sithembe ukukhanya, nanku ke kumnyama; sithembe ukuba kube mhlophe, sihamba esithokothokweni. |
| 59 | 10 | Siya phuthaphutha njengeemfama eludongeni; siyaphuthaphutha njengabangenamehlo; sikhubeka emini enkulu ngathi kungongcwalazi; phakathi kwabaxhamla ubomi, ngathi thina singabafileyo. |
| 59 | 11 | Siyavungama njengebhere sonke siphela; sidumzela sidumzele njengamavukuthu; sithemba okusesikweni, kungabikho; sithemba usindiso, lube kude kuthi. |
| 59 | 12 | Kuba zininzi izikreqo zethu phambi kwakho, nezono zethu ziyangqina ngathi; kuba izikreqo zethu zinathi, nobugwenxa bethu siyabazi: |
| 59 | 13 | ukukreqa kuYehova, nokumkhanyela, nokubuya umva kuThixo wethu, ukuthetha okucudisayo, okutyekisayo, ukukhawula nokuphimisela ngentliziyo amazwi obuxoki. |
| 59 | 14 | Okusesikweni kubuyiswe umva, nobulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca. |
| 59 | 15 | Yesuka yasweleka inyaniso, nocezayo ebubini wazibhunyulisa. Wabona ke uYehova, kwakubi emehlweni akhe, ukuba kungekho okusesikweni. |
| 59 | 16 | Wabona ukuba akukho mntu, wamangaliswa ukuba kungekho mthandazeli; yaza yamsindisela ingalo yakhe, nobulungisa bakhe bona bamxhasa. |
| 59 | 17 | Wanxiba ubulungisa ngokwengubo yentsimbi, wanxiba isigcina-ntloko sosindiso entloko; ukwambatha wambatha iingubo zempindezelo, wazithi wambu ngekhwele, kwanga kungengubo yokwaleka. |
| 59 | 18 | Ngokwempatho yabo leyo uya kubuyekeza ngokoko, ubushushu kubabandezeli bakhe, kwaimpatho yabo kwabaziintshaba zakhe; kwiziqithi uya kubuyekeza kwaimpatho yazo. |
| 59 | 19 | Baya kuloyika igama likaYehova entshonalanga, baboyike ubuqaqawuli bakhe empumalanga; kuba uya kuza njengomlambo oxineneyo, obalekiswa ngumoya kaYehova; |
| 59 | 20 | eze engumkhululi weZiyon, wababuyayo elukreqweni kwaYakobi; utsho uYehova. |
| 59 | 21 | Mna ke nguwo lo umnqophiso wam nabo, utsho uYehova; uMoya wam ophezu kwakho, nelizwi lam endilibeke emlonyeni wakho, aliyi kusuka emlonyeni wakho, nasemlonyeni wembewu yakho, nasemlonyeni wembewu yembewu yakho, utsho uYehova, kuthabathele kweli xesha kude kuse ephakadeni. |
| 60 | 1 | Suk ume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli bukaYehova buthe chapha kuwe. |
| 60 | 2 | Ngokuba, uyabona, ubumnyama buwugubungele umhlaha, isithokothoko sizigubungele izizwe; ke kuwe uYehova uthe chapha, ubuqaqawuli bakhe bubonakele phezu kwakho. |
| 60 | 3 | Ziya kuhamba iintlanga zize ekukhanyeni kwakho, ookumkani beze ebumhlotsheni bokuthi chapha kwakho. |
| 60 | 4 | Phakamisa amehlo akho ngeenxa zonke, ubone; bonke bephela bayahlanganisana, baza kuwe; oonyana bakho bavela kude, neentombi zakho zibelekwe ephangweni. |
| 60 | 5 | Uya kwandula ukubona, ukhazimle, inkwantye yande intliziyo yakho; ngokuba iya kuguqulelwa kuwe intabalala yolwandle, ubutyebi beentlanga buya kuza kuwe. |
| 60 | 6 | Inkitha yeenkamela iya kukugubungela, amagobo akwaMidiyan nawakwaEfa, bonke bephela baya kuza bevela kwaShebha, bezisa igolide nentlaka emhlophe, beshumayela iindaba ezilungileyo zeendumiso zikaYehova. |
| 60 | 7 | Yonke imihlambi yakwaKedare ibuthelana kuwe, iinkunzi zeegusha zakwaNebhayoti ziyakulungiselela; zinyuka ngokulikholo kum esibingelelweni sam, ndihombise indlu yokuhomba kwam. |
| 60 | 8 | Ngoobani na abaya, beza bebaleka njengelifu, njengamavukuthu esiza emakrobeni awo? |
| 60 | 9 | Okwenene zithembele kum iziqithi, ziinqanawa zaseTarshishe phambili; zizisa oonyana bakho bevela kude, benesilivere yabo negolide yabo, kwigama likaYehova uThixo wakho, koyiNgcwele kaSirayeli, ngokokuba ekuhombisile. |
| 60 | 10 | Oonyana bolunye uhlanga baya kuzakha iindonga zakho, ookumkani babo bakulungiselele; kuba ndikubethe ndinoburhalarhume, kodwa ndaba nemfesane kuwe ndinetarhu; |
| 60 | 11 | ohlala evuliwe amasango akho imini nobusuku; akayi kuvalwa, ukuze bungeniswe kuwe ubutyebi beentlanga, nookumkani bazo beqhutywa. |
| 60 | 12 | Kuba uhlanga nobukumkani obungayi kukukhonza buya kutshabalala, ezo ntlanga ziphanze ziphanzile. |
| 60 | 13 | Ubuqaqawuli beLebhanon buya kuza kuwe, umsipres nompleyini nomgalagala ndawonye, ukuze ihombe indawo yengcwele yam, ndiyizukise indawo yeenyawo zam. |
| 60 | 14 | Baya kuza kuwe besibekeka oonyana babacinezeli bakho, baqubude ezintendeni zeenyawo zakho abakugibayo; ukukubiza bathi, Mzi kaYehova, Ziyon yoyiNgcwele kaSirayeli. |
| 60 | 15 | Esikhundleni sokuba ubushiyiwe, uthiyiwe, akwabakho bani ucanda kuwe, ndiya kukwenza ke ingangamsha engunaphakade, imihlali yezizukulwana ngezizukulwana. |
| 60 | 16 | Uya kwanya amasi eentlanga, wanye ibele lokumkani, wazi ukuba mna Yehova ndinguMsindisi wakho, uMkhululi wakho, iMbalasane kaYakobi. |
| 60 | 17 | Esikhundleni sobhedu ndizisa igolide, esikhundleni sesinyithi ndizisa isilivere, esikhundleni semithi ubhedu, esikhundleni samatye isinyithi; isiveleli sakho ndisenze uxolo, abaphathi bakho ndibenze ubulungisa. |
| 60 | 18 | Akuyi kuba savakala lugonyamelo ezweni lakho, imbuqo nolwaphulo emideni yakho; iindonga zakho ukuzibiza wothi luSindiso, namasango akho uthi yiNdumiso. |
| 60 | 19 | Ilanga aliyi kuba saba sisikhanyiso kuwe emini, nenyanga ingakukhanyiseli, ukuze kube mhlophe kuwe; uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, uThixo wakho abe sisihombo sakho. |
| 60 | 20 | Aliyi kuba satshona ilanga lakho, ingafi nenyanga yakho; kuba uYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe, zizaliseke iimini zesijwili sakho. |
| 60 | 21 | Abantu bakho bayakuba ngamalungisa bonke bephela, balidle ilifa ilizwe ngonaphakade; besisithole esityelwe ndim, isenzo sesandla sam sokuba ndihombe. |
| 60 | 22 | Omncinanana uya kuba liwaka, noweyeleyo abe luhlanga olunamandla. Mna, Yehova, ndiya kukukhawulezisa oko ngexesha lako oko. |
| 61 | 1 | UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Undithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo; |
| 61 | 2 | ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili; |
| 61 | 3 | ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba. |
| 61 | 4 | Baya kwakha amanxuwa angunaphakade, bavuse iindawo ezichithakeleyo zangaphambili, bahlaziye imizi engamanxuwa, iindawo ezichithakeleyo zezizukulwana ngezizukulwana. |
| 61 | 5 | Baya kuma abasemzini, baluse imihlambi yenu, oonyana bezinye iintlanga babe ngabalimi bomhlaba wenu, nabezidiliya zenu. |
| 61 | 6 | Ke nina ukubizwa kwenu, kuya kuthiwa ningababingeleli bakaYehova; kuya kuthiwa kuni, ningabalungiseleli boThixo wethu; niya kudla ubutyebi beentlanga, nindolose ninozuko lwazo. |
| 61 | 7 | Esikhundleni sokudana kwenu niya kuzuza okuphindiweyo; esikhundleni sehlazo baya kumemelela ngesahlulo sabo; ngako oko baya kudla ilifa eliphindiweyo ezweni labo, baya kuba novuyo olungunaphakade. |
| 61 | 8 | Kuba mna, Yehova, ndithanda okusesikweni, ndikuthiyile ukuphanga ngokugqwetha; ndibanika umvuzo womsebenzi wabo ngenyaniso; ndenza umnqophiso ongunaphakade nabo. |
| 61 | 9 | Iya kwaziwa imbewu yabo ezintlangeni, baziwe nabaphume ezibilinini zabo phakathi kwezizwe; bonke abababonayo baya kubazi ukuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova. |
| 61 | 10 | Ndinemihlali ndanemihlali ngoYehova, umphefumlo wam uya kugcoba ngoThixo wam; kuba endinxibe iingubo zosindiso, endithe wambu ngengubo yokwaleka yobulungisa, njengomyeni ononkontsho ngokombingeleli, nanjengomtshakazi evethe iimpahla zakhe. |
| 61 | 11 | Kuba njengoko ilizwe livelisa izilimo zalo, njengoko umyezo untshulisa intlwayelelo yawo, yenjenjalo iNkosi uYehova ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke. |
| 62 | 1 | Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi tu, ngenxa yeYerusalem andiyi kuzola, bude buphume njengokusa ubulungisa bayo, nosindiso lwayo njengesikhuni esidangazelayo; |
| 62 | 2 | zibubone iintlanga ubulungisa bakho, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Uya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kaYehova; |
| 62 | 3 | ube sisithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho. |
| 62 | 4 | Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile. |
| 62 | 5 | Njengokuba indodana izeka intombi, oonyana bakho baya kuzeka wena; njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe. |
| 62 | 6 | Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimise abagcini: imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka. |
| 62 | 7 | Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini. |
| 62 | 8 | UYehova ufunge isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo. |
| 62 | 9 | Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibuthayo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam. |
| 62 | 10 | Phumani, phumani ngamasango; gecani indlela yabantu; fumbani, fumbani umendo, ncothulani amatye kuwo; nyusani ibhanile phezu kwezizwe. |
| 62 | 11 | Yabona, uYehova uvakalisile wesa eziphelweni zehlabathi, wathi, Yithini kwintombi enguZiyon, Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe unawo, nento ayisebenzileyo iphambi kwakhe. |
| 62 | 12 | Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova ngokumiselwa; ukubizwa kwakho kuthiwe, ungofuniweyo, ungumzi ongashiyiweyo. |
| 63 | 1 | Ngubani na lo uza evela kwaEdom, evela eBhotsera, zibomvu iingubo zakhe? Lo uyingangamsha ngesambatho sakhe, enyalasa ebuninzini bamandla akhe? Ndim, mna uthetha ngokobulungisa, mna umkhulu ukusindisa. |
| 63 | 2 | Yini na ukuba sibe yingqombela isambatho sakho, neengubo zakho zibe njengezoxovula esixovulelweni sewayini? |
| 63 | 3 | Isifaxangelo ndisixovule ndedwa; ezizweni akubangakho bani inam; ndazixovula ndinomsindo, ndazinyasha ndishushu; igazi lazo lachaphazela iingubo zam, ndasidyobha sonke isambatho sam. |
| 63 | 4 | Kuba umhla wempindezelo ubusentliziyweni yam, nomnyaka wokukhulula kwam ngokuhlawulela ufikile. |
| 63 | 5 | Ndabheka, akwabakho mncedi; ndamangaliswa ukuba kungabikho mxhasi; yandisindisela ke ingalo yam, nobushushu bam baba ngumxhasi wam. |
| 63 | 6 | Ndazigqusha izizwe ndinomsindo, ndazinxilisa ndinobushushu, ndalihlisela emhlabeni igazi lazo. |
| 63 | 7 | Ndiya kukhankanya iinceba zikaYehova, iindumiso zikaYehova ngokokufanele konke ukusiphatha kukaYehova; nokulunga kwakhe okukhulu kwindlu kaSirayeli, awayiphatha ngako ngokwemfesane yakhe, nangokobuninzi beenceba zakhe. |
| 63 | 8 | Wathi okwenene, Bangabantu bam ke, oonyana abangayi kuxoka; waba ngumsindisi kubo ke. |
| 63 | 9 | Ekubandezelekeni kwabo konke wabandezeleka, nesithunywa sobuso bakhe sabasindisa; ekubathandeni kwakhe nasekubacongeni kwakhe wayebakhulula ngokumisela yena, wabafunqula; wabathwala yonke imihla yasephakadeni. |
| 63 | 10 | Ke bona bamphikisa, bamenza buhlungu uMoya wakhe oyiNgcwele; waguquka ke, waba lutshaba kubo, walwa nabo. |
| 63 | 11 | Baza abantu bakhe bakhumbula imihla yasephakadeni kaMoses, bathi, Uphi na lo wabanyusa elwandle, ndawonye nomalusi womhlambi wakhe? Uphi na lowo wawubeka phakathi kwabo uMoya wobungcwele bakhe? |
| 63 | 12 | wayihambisa ngasekunene kukaMoses ingalo yokuhomba kwakhe? wawacanda amanzi phambi kwabo, ukuze azenzele igama elingunaphakade? |
| 63 | 13 | wabahambisa emanzini anzongonzongo, njengehashe entlango, abakhubeka? |
| 63 | 14 | Njengeenkomo ezihla ziye entilini, uMoya kaYehova wabaphumza; wenjenjalo ukubaqhuba abantu bakho, ukuze uzenzele igama elizukileyo. |
| 63 | 15 | Bheka usemazulwini, ubone usengontsini yobungcwele bakho neyesihombo sakho. Buphi na ubukhwele bakho nobugorha bakho? Ukusika kwezibilini zakho neemfesane zakho zibambekile kum. |
| 63 | 16 | Kuba ungubawo wena, ngokuba uAbraham engasazi, uSirayeli engasinakani; wena, Yehova, unguBawo, uMkhululi wethu ligama lakho kwasephakadeni. |
| 63 | 17 | Yini na ukuba usiyeke sidungudele, Yehova, simke ezindleleni zakho, uyiqaqadekise intliziyo yethu, singakoyiki wena? Buya, ngenxa yabakhonzi bakho, izizwe zelifa lakho. |
| 63 | 18 | Abantu bakho abangcwele badla ilifa umzuzwana; ababandezeli bethu bayigqusha ingcwele yakho. |
| 63 | 19 | Sisuke saba njengabo ungabalawulanga kwasephakadeni, abangabizwanga ngegama lakho. |
| 64 | 1 | Yoo! Wanga ungawakrazula amazulu uhle, zizamazame iintaba ebusweni bakho, |
| 64 | 2 | njengomlilo uvuthisa iintsasa, njengomlilo uxhaphazelisa amanzi; ukuze ulazise igama lakho kubabandezeli bakho, zigungqe iintlanga ebusweni bakho. |
| 64 | 3 | Ekwenzeni kwakho imisebenzi eyoyikekayo, ebe singayilindele, wanga ungehla, zizamazame iintaba ebusweni bakho! |
| 64 | 4 | Kususela kwasephakadeni, abantu abevanga, abamamelanga, neliso alibonanga Thixo ingenguwe, omenzelayo lowo ulindele kuye. |
| 64 | 5 | Umkhawulele onemihlali, enze ubulungisa, ekukukhumbuleni kwabo ezindleleni zakho. Yabona, wena ubunoburhalarhume, masibe ke singaboni; kudala sikwezo zinto; sosindiswa na ke? |
| 64 | 6 | Ke sisuke saba njengoyinqambi sonke siphela, yanjengengubo enomzi yonke imisebenzi yethu yobulungisa; sabuna njengamagqabi sonke siphela, ubugwenxa bethu basithabatha njengomoya. |
| 64 | 7 | Akwabakho ulinqulayo igama lakho, uzixhoxhayo ukuba abambelele kuwe; ngokuba ubusithelisile ubuso bakho kuthi, wasinyibilikisa ngobugwenxa bethu. |
| 64 | 8 | Kaloku ke, Yehova, unguBawo; siludongwe; unguMbumbi wethu; sisisenzo sesandla sakho, sonke siphela. |
| 64 | 9 | Musa ukuba noburhalarhume, Yehova, kuphele; ungabukhumbuli ubugwenxa ngonaphakade. Yabona, khawusibheke; singabantu bakho sonke siphela. |
| 64 | 10 | Imizi yobungcwele bakho iyintlango, iZiyon iyintlango, iYerusalem ilinxuwa. |
| 64 | 11 | Indlu yobungcwele bethu nokuhomba kwethu, ababekudumisela kuyo oobawo, itshile ngumlilo, neento zonke ezibe zinqweneleka kuthi zichithakele. |
| 64 | 12 | Uya kuzihamba na ngokwakho, zinjalonje ezo zinto, Yehova, uthi cwaka na, usicinezele na kuphele? |
| 65 | 1 | Ndangxokeka kwababengandibuzi, ndafumaneka kwababengandifuni. Ndathi, Ndikho, ndikho, kuhlanga obelungabizwa ngegama lam. |
| 65 | 2 | Ndolula isandla zam imini yonke kubantu abaziinjubaqa, abahamba ngendlela engalungileyo, emva kweengcinga ezizezabo: |
| 65 | 3 | abantu aba bandiqumbisayo ngamaxesha onke besebusweni bam, bebingelela emiyezweni, beqhumisela eziteneni, |
| 65 | 4 | behleli emangcwabeni, belalisa ezindaweni ezinqabileyo, besidla inyama yehagu, ezityeni zabo ingumhluzi oyimbozisa; |
| 65 | 5 | besithi, Yima, ungasondeli kum; ngokuba ndingcwele kunawe. Abo bangumsi ezimpumlweni zam, umlilo otsha iimini zonke. |
| 65 | 6 | Yabona, kubhaliwe phambi kwam, kwathiwa, Andiyi kuthi tu, ndingaphindezelanga; ndiya kuphindezelela esondweni lengubo yabo izenzo zenu ezigwenxa, |
| 65 | 7 | nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova; abaqhumiselayo ezintabeni, bandingcikiva ezindulini; ngako oko ndiya kuwulinganisela umvuzo womsebenzi wabo kuqala esondweni labo. |
| 65 | 8 | Utsho uYehova ukuthi, Njengokuba incindi ifunyanwa esihlokweni, athi umntu, Musa ukusonakalisa, ngokuba kukho intsikelelo kuso; ndiya kwenjenjalo ngenxa yabakhonzi bam, ukuze ndingonakalisi into yonke. |
| 65 | 9 | Ndiya kuvelisa imbewu kaYakobi, indlalifa yentaba yam kwaYuda, balidle ilifa abanyulwa bam, bahlale khona abakhonzi bam; |
| 65 | 10 | iSharon yoba likriwa lempahla emfutshane, nentili yeAkore ibe yindawo yokubutha iinkomo ebantwini bam abandiquqeleyo. |
| 65 | 11 | Ke nina nimshiyileyo uYehova, niyilibeleyo intaba yam engcwele, nimlungiselayo uThamsanqa isithebe, nimzaliselayo uSihlo iwayini ephithikeziweyo, |
| 65 | 12 | ndinimisele ikrele, niguqele ukusikwa nonke mpela, ngenxa enokuba ndanibizayo, anasabela; ndathetha, aneva; nesuka nenza okubi emehlweni am; nanyula endingakunanzileyo. |
| 65 | 13 | Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana. |
| 65 | 14 | Yabonani, abakhonzi bam baya kumemelela ngokuchwayitha kwentliziyo, ke nina niya kukhala ngumvandedwa wentliziyo, nibhomboloze kukwaphuka komoya wenu. |
| 65 | 15 | Niya kulishiya igama lenu libe sisishwabulo kubanyulwa bam, ikubulale iNkosi uYehova, ke ibabize ngalimbi igama abakhonzi bayo; |
| 65 | 16 | ngokokude athi ozisikeleleyo elizweni, azisikelele ngoThixo wenyaniso; athi ofungayo elizweni, afunge uThixo wenyaniso; ngokuba zilityelwe iimbandezelo zangaphambili, nangokuba zisithele emehlweni am. |
| 65 | 17 | Ngokuba, niyabona, ndidala amazulu amatsha nehlabathi elitsha; angakhunjulwa awokuqala, angenyuki athi qatha entliziyweni. |
| 65 | 18 | Hayi, yibani nemihlali, nigcobe nanini yiloo nto ndiyidalayo; ngokuba, yabonani, ndiyayidala iYerusalem ukuba igcobe, nabantu bayo ukuba babe nemihlali. |
| 65 | 19 | Ndiya kugcoba ngeYerusalem, ndibe nemihlali ngabantu bam, lingabi savakala khona ilizwi lokulila nelizwi lokukhala. |
| 65 | 20 | Akuyi kuba savela khona usana oluneentsuku, nexhego elingayizalisanga imihla yalo; kuba umfana uya kufa engominyaka ilikhulu ezelwe, atshabhiswe umoni engominyaka ilikhulu ezelwe. |
| 65 | 21 | Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. |
| 65 | 22 | Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala, kudle bambi; kuba iya kuba njengemihla yomthi imihla yabantu bam, badle into esetyenzwe zizandla zabo abanyulwa bam. |
| 65 | 23 | Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova, nabaphume ezibilinini zabo banabo. |
| 65 | 24 | Kuya kuthi bengekabizi, ndisabele; besathetha, ndibe sendivile. |
| 65 | 25 | Kuya kudla ndawonye ingcuka nemvana, ingonyama idle umququ njengenkomo; inyoka, sibe luthuli isonka sayo. Aziyi kwenza bubi, zonakalise, kuyo yonke intaba yam engcwele; utsho uYehova. |
| 66 | 1 | Utsho uYehova ukuthi, Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. Iyini na le ndlu, niya kundakhela yona? Iyini na le ndawo yokuphumla kwam? |
| 66 | 2 | Zonke ezo zinto sazenza isandla sam, zabakho ke zonke ezo zinto; utsho uYehova; ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam. |
| 66 | 3 | Oxhela inkomo unjengesixabela-mntu; obingelela igusha ngumsiki wenja; onyusa umnikelo wokudla ngumnyusi wegazi lehagu; okhumbuza ngoqhumiselo lwentlaka emhlophe ngosikelela into ebubutshinga. Bezinyulele nje iindlela zabo, umphefumlo wabo wawananza amazothe abo: |
| 66 | 4 | nam ke ndiya kunyula iimfeketho zokufeketha ngabo, ndibazisele izinto ezibanxunguphalisayo; ngenxa enokuba ndabizayo, akwabakho usabelayo; ndathetha, abeva; besuka benza ububi emehlweni am, banyula nento endingayinanzileyo. |
| 66 | 5 | Liveni ilizwi likaYehova, nina nigubhayo ngelizwi lakhe; uthi, Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxothayo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova, sibone imivuyo yenu; baya kudana ke bona. |
| 66 | 6 | Phulaphulani isandi esiphuma kuwo umzi; ilizwi eliphuma etempileni; ilizwi likaYehova, ephindezela impatho yeentshaba zakhe. |
| 66 | 7 | Ingekazibhijabhiji, yazala; ingekezi inimbakuyo, yathi tyibilili umntwana oyinkwenkwe. |
| 66 | 8 | Ngubani na okhe weva kunjalo? Ngubani na okhe wabona izinto ezinjalo? Kuya kuzalwa ilizwe ngamini-nye na? Kuzalwa uhlanga ngasihlandlo sinye na? Ngokuba isathi ukuthi ukuzibhijabhija, yabazala onyana bayo iZiyon. |
| 66 | 9 | Mna ndingavelisisa na, ndingazalisi? utsho uYehova; ndingathi mna ndizalisayo ndivingce na? utsho uThixo wakho. |
| 66 | 10 | Vuyisanani neYerusalem, nigcobe ngayo, nonke bayithandayo; yenzani imihlali nibe nemihlali, nonke bayenzalayo isijwili; |
| 66 | 11 | ukuze nanye nihluthe libele leentuthuzelo zayo, ukuze nishube, nixhamle ukwehlisa kozuko lwayo. |
| 66 | 12 | Ngokuba uYehova utsho ukuthi, Yabonani, ndisingisa uxolo kuyo njengomlambo, nozuko lweentlanga njengesihlambo esikhukulayo, ukuze nanye; niya kubelekwa ephangweni, niteketiswe emathangeni. |
| 66 | 13 | Njengomntu othu thuzelwa ngunina, ndiya kwenjenjalo mna ukunithuthuzela, nithuthuzelwe eYerusalem. |
| 66 | 14 | Nobona, ibe nemihlali intliziyo yenu, ahlume amathambo enu njengohlaza, sazeke isandla sikaYehova ebakhonzini bakhe, azibhavumele iintshaba zakhe. |
| 66 | 15 | Kuba, yabonani, uYehova uya kuza ngomlilo, zinjengesaqhwithi iinqwelo zakhe zokulwa, ukuze abuyekeze umsindo wakhe ngobushushu, nokukhalima kwakhe ngamalangatye omlilo. |
| 66 | 16 | Kuba uYehova uya kuyigweba ngomlilo nangekrele lakhe inyama yonke, babe baninzi ababuleweyo nguYehova. |
| 66 | 17 | Abo bazingcwalisayo, bazihlambululele imiyezo, bexelisa omnye ongaphakathi, badle inyama yehagu, nento enezothe, nempuku, baya kuphela kunye; utsho uYehova. |
| 66 | 18 | Mna ke, ndiyazazi izenzo zabo neengcinga zabo. Kobakho ixesha lokuba zihlanganisane zonke iintlanga neelwimi, zize zibubone ubuqaqawuli bam; |
| 66 | 19 | ndomisa umqondiso phakathi kwazo, ndithume abasindileyo kuzo, baye ezintlangeni ezingooTarshishe, noPuli, noLudi, abatyedi besaphetha; ezingooTubhali noYavan, eziqithini ezikude ezingazivanga iindaba zam, ezingabubonanga ubuqaqawuli bam, babuxele ubuqaqawuli bam ezintlangeni. |
| 66 | 20 | Baya kubazisa bonke abazalwana benu, bevela nabo ezintlangeni zonke, bengumnikelo kuYehova, bekhwele emahasheni, nasezinqwelweni, nasemathaleni, nakoondlebende, nakwiinkamelakazi, benyuke entabeni yam engcwele eYerusalem, utsho uYehova; kwanjengokuba oonyana bakaSirayeli bewuzisa umnikelo wokudla ngesitya esihlambulukileyo endlwini kaYehova. |
| 66 | 21 | Ndothabatha nakuzo ezo, zibe ngababingeleli nabaLevi; utsho uYehova. |
| 66 | 22 | Kuba njengoko amazulu amatsha nehlabathi elitsha endiza kuwenza, amiyo phambi kwam, utsho uYehova, iya kwenjenjalo ukuma imbewu yenu negama lenu; |
| 66 | 23 | kuthi kuphikelane nokuthwasa kweenyanga zonke, kuphikelane neesabatha zonke, ukuza kwenyama yonke, ukuba iqubude phambi kwam; utsho uYehova. |
| 66 | 24 | Baya kuphuma babone izidumbu zamadoda akreqileyo kum; kuba iimpethu zabo aziyi kufa, nomlilo wabo ungacimi, babe linyumnyezi kuluntu lonke. |