Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Ecclesiastes
Xhosa Bible | ||
Chapter # | Verse # | Verse Detail |
1 | 1 | Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem. |
1 | 2 | Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge. |
1 | 3 | Unalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga? |
1 | 4 | Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade. |
1 | 5 | Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona. |
1 | 6 | Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo. |
1 | 7 | Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali; endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona. |
1 | 8 | Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihluthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva. |
1 | 9 | Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekayo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga. |
1 | 10 | Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu. |
1 | 11 | Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo. |
1 | 12 | Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem. |
1 | 13 | Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame. |
1 | 14 | Ndazikhangela zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya. |
1 | 15 | Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa. |
1 | 16 | Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulise ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam ibone kakhulu ubulumko nokwazi. |
1 | 17 | Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya. |
1 | 18 | Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa. |
2 | 1 | Ndathi mna entliziyweni yam, Khawuze khe ndikulinge ngovuyo, ubone okulungileyo. Yabona, kwanaloo nto ingamampunge. |
2 | 2 | Ndathi kohlekayo, Uyageza; nakovuyayo, Wenza ntoni na lo? |
2 | 3 | Ndasingasinga entliziyweni yam ukuba nditsale inyama yam ngewayini, ekubeni intliziyo yam iziqhuba ngobulumko: ukuba ndazane nobuyatha, ndide ndibone ukuba yiyiphi na into ebalungeleyo oonyana babantu, ukuze bayenze phantsi kwezulu, ngemihla embalwa yobomi babo. |
2 | 4 | Ndazenzela imisebenzi emikhulu, ndazakhela izindlu: ndazityalela izidiliya, |
2 | 5 | ndazenzela amasimi nemiyezo, ndatyala kuyo imithi eneziqhamo zonke; |
2 | 6 | ndazenzela amachibi amanzi okunyela ihlathi elihluma imithi; |
2 | 7 | ndathenga amakhoboka namakhobokazana, ndaba nawo nazalelwe endlwini yam. Kananjalo imfuyo yeenkomo neyempahla emfutshane yaba ninzi kum, ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwam eYerusalem. |
2 | 8 | Ndaziqwebela nesilivere, negolide, nezinto eziziinqobo zookumkani ngookumkani, nezamazwe ngamazwe; ndazenzela iimvumi neemvumikazi, neziyolo zoonyana babantu, inkosikazi namakhosikazi. |
2 | 9 | Ndaba mkhulu ke, ndanda ngaphezu kwabo bonke ababeseYerusalem ngaphambi kwam; bathi nobulumko bam bandinceda. |
2 | 10 | Andiwabandezanga into yonke ayibizayo amehlo am; andiyivimbanga intliziyo yam namnye umvuyo; ngokuba intliziyo yam yayivuya emigudwini yam yonke, saba sesi ke isabelo sam emigudwini yam yonke. |
2 | 11 | Ndabheka mna ezenzweni zam zonke, ezazenzayo izandla zam, nasemigudwini yam endaphuka yiyo ukuyenza; ndayibona ukuba yonke loo nto ingamampunge nokusukelana nomoya; akukho lungelo phantsi kwelanga. |
2 | 12 | Ndazijika mna, ndakhangela ubulumko, nobugeza, nobuyatha: ngokuba ngumntu oyini na, lowo uya kuza emva kokumkani? lo ubeselenziwe kade? |
2 | 13 | Ndabona ukuba ubulumko buyabugqitha ubuyatha, njengokuba ukukhanya kubugqitha ubumnyama. |
2 | 14 | Isilumko, amehlo aso asentlokweni yaso; ke sona isinyabi sihamba emnyameni. Ndaqonda ke mna ukuba bonke bephela bahlelwa sihlo sinye. |
2 | 15 | Ndathi mna entliziyweni yam, Njengoko sihlelwa kuko isinyabi, ndiya kuhlelwa kuko nam lo: ibiyini na ke ukuba ndisidlule mna ngokulumka? Ndathi entliziyweni yam, Kwanaloo nto ingamampunge. |
2 | 16 | Ngokuba isilumko kunye nesinyabi asinakukhunjulwa kungunaphakade, ekubeni kusiza iimini ezoba sezilityelwe zonke ezo nto. Kutheni na, ukuba zife izilumko kunye nezinyabi? |
2 | 17 | Ndabuthiya ke ubomi; ngokuba mibi kum imisebenzi eyenzeka phantsi kwelanga; ngokuba yonke loo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya. |
2 | 18 | Ndayithiya yonke imigudu yam, endaphuka yiyo phantsi kwelanga, ekubeni ndiya kuyishiya nomntu oya kubakho emva kwam. |
2 | 19 | Waziwa ngubani na, ukuba woba sisilumko, nokuba woba sisiyatha, kusini na? Ukanti uya kugunyazela emigudwini yam yonke endaphuka yiyo, endalumkayo kuyo phantsi kwelanga; kwanaloo nto ingamampunge. |
2 | 20 | Ndajika ke mna, ndayincamisisa intliziyo yam ngemigudu yonke endaphuka yiyo phantsi kwelanga. |
2 | 21 | Ngokuba kubakho umntu omigudu yakhe inobulumko, inokwazi, inempumelelo; ukanti uya kuyinika umntu ongenzanga migudu, ibe sisabelo sakhe; kwanaloo nto ingamampunge nobubi obukhulu. |
2 | 22 | Ngokuba umntu uba nantoni na ngemigudu yakhe yonke, nangenzondelelo yentliziyo yakhe, aphuka yiyo yena phantsi kwelanga? |
2 | 23 | Ngokuba imihla yakhe yonke inomvandedwa, nasekuzameni kwakhe ukhathazekile, nasebusuku ayiphumli intliziyo yakhe; kwanaloo nto ingamampunge. |
2 | 24 | Akukho nto ilungileyo ebantwini kunokuba badle, basele, bawubonise umphefumlo wabo okulungileyo emigudwini yabo. Kwanaloo nto ndiyibonile, ukuba ivela esandleni sikaThixo. |
2 | 25 | Ngokuba ngubani na ongadlayo, ngubani na ongavayo ubumnandi, engenaye? |
2 | 26 | Ngokuba umntu olungileyo phambi kwakhe umnika ubulumko nokwazi novuyo; ke yena umoni umnika umzamo wokuhlanganisa nokuqweba, ukuze loo nto ayinike olungileyo phambi koThixo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya. |
3 | 1 | Into yonke inexesha elimisiweyo, nomcimbi wonke unexesha lawo phantsi kwezulu: |
3 | 2 | ukuzala kunexesha lako, ukufa kunexesha lako; ukutyala kunexesha lako, ukunyothula okutyelweyo kunexesha lako; |
3 | 3 | ukubulala kunexesha lako, ukuphilisa kunexesha lako; ukuchitha kunexesha lako, ukwakha kunexesha lako; |
3 | 4 | ukulila kunexesha lako; ukuhleka kunexesha lako; kukho ixesha lokulila umbambazelo, kukho nexesha lokudloba; |
3 | 5 | kukho ixesha lokuchithachitha amatye, kukho nexesha lokufumba amatye; ukuwola kunexesha lako, ukuyeka ukuwola kunexesha lako; |
3 | 6 | ukufuna kunexesha lako, ukulahlekelwa kunexesha lako; ukugcina kunexesha lako, ukulahla kunexesha lako; |
3 | 7 | ukukrazula kunexesha lako, ukuthunga kunexesha lako; ukuthi cwaka kunexesha lako, ukuthetha kunexesha lako; |
3 | 8 | ukuthanda kunexesha lako, ukuthiya kunexesha lako; kukho ixesha lemfazwe, kukho nexesha loxolo. |
3 | 9 | Unalungelo lini na lowo usebenzayo, kuloo nto ayenzela imigudu? |
3 | 10 | Ndiwubonile umzamo, awunike oonyana babantu uThixo, ukuba bawuzame. |
3 | 11 | Zonke izinto uzenze zantle ngexesha lazo; kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo ngohlobo lokuba umntu angasifumani isenzo asenzayo uThixo, athabathele ekuqaleni ade ase ekupheleni. |
3 | 12 | Ndiyazi ke ukuba akukho nto ilungileyo phakathi kwabo, ingekukuvuya nokuzizuzela okulungileyo ebomini babo. |
3 | 13 | Kwanokuba wonke umntu adle, asele, abone okulungileyo emigudwini yakhe yonke: sisipho sikaThixo eso. |
3 | 14 | Ndiyazi ke ukuba yonke into aya kuyenza uThixo, yiyo eya kuba ngonaphakade; kungongezwa nto kuyo, kungacatshulwa nto kuyo: uThixo ukwenzela ukuba koyikwe ebusweni bakhe. |
3 | 15 | Le nto ikhoyo ibiselikho kade; nento eya kubakho ibiselikho kade. UThixo ke ubuya ayifune into egxothiweyo. |
3 | 16 | Ndabuya ndabona phantsi kwelanga indawo yokugweba, ukuba okungendawo kukhona; nendawo yobulungisa, ukuba okungendawo kukhona. |
3 | 17 | Ndathi mna entliziyweni yam, Nolilungisa nongendawo, uThixo uya kulithetha ityala labo; ngokuba umise ixesha layo yonke imicimbi, nazo zonke izenzo. |
3 | 18 | Ndathi mna entliziyweni yam, Kungenxa yoonyana babantu, ukuze uThixo abahlele, nokuze bazibone benjengeenkomo bona ngokwabo. |
3 | 19 | Ngokuba bayahlelwa oonyana babantu, ziyahlelwa neenkomo, sinye isihlo kubo nakuzo; njengoko kunjalo ukufa kwabo, kunjalo ukufa kwazo; mnye umoya kubo bonke nakuzo zonke; akukho kuyigqitha komntu inkomo; ngokuba zonke ezo nto zingamampunge. |
3 | 20 | Zonke ezo nto ziya ndaweni-nye; zonke ezo nto zavela eluthulini, zonke ezo nto zibuyela eluthulini. |
3 | 21 | Ngubani na owaziyo umoya woonyana babantu, ukuba uyenyuka na uye phezulu; nomoya wenkomo, ukuba uyehla na uye phantsi emhlabeni? |
3 | 22 | Ndaqonda ke ukuba akukho nto ilunge ngaphezu kokuba umntu avuye ezenzweni zakhe; ngokuba kusisabelo sakhe oko. Ngokuba uya kungeniswa ngubani na, ukuba akubone okuya kubakho emveni kwakhe? |
4 | 1 | Ndabuya ke mna, ndakubona konke ukucudisa okwenziwayo phantsi kwelanga. Ndazibona iinyembezi zabacudisiweyo, bengenamthuthuzeli; esandleni sabacudisi babo kuphuma ububhovubhovu, bengenamthuthuzeli bona. |
4 | 2 | Ndabancoma ke mna abafileyo, abasebefe kade, kunabahleliyo abasahleliyo ngoku. |
4 | 3 | Ke ulungile kunabo bobabini lowo ungekabikho, ungakubonanga ukwenza okubi okwenziwa phantsi kwelanga. |
4 | 4 | Kananjalo ndayiqonda ke mna yonke imigudu, nayo yonke impumelelo yomsebenzi, ukuba ingumona wokwanyelana. Kwanaloo nto ingamampunge, nokusukelana nomoya. |
4 | 5 | Isinyabi sikhwabusha izandla, sidle kwaeyaso inyama. |
4 | 6 | Kulungile ukuzalisa sandla sinye ngokuphumla, kunokuzalisa zozibini izandla ngemigudu nokusukelana nomoya. |
4 | 7 | Ndabuya mna, ndabona amampunge phantsi kwelanga. |
4 | 8 | Kukho oba yedwa, ongenaye owesibini, ongenanyana namzalwana; ingena siphelo imigudu yakhe yonke, angahluthiyo noko bubutyebi amehlo akhe. Akatsho ukuthi, Ndaphukela bani na, ndiwuhlutha nje umphefumlo wam okulungileyo? Kwanaloo nto ingamampunge, ingumzamo ombi yona. |
4 | 9 | Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye, kuba banomvuzo olungileyo ngemigudu yabo. |
4 | 10 | Ngokuba xa bathe bawa, omnye unokumphakamisa uwabo; yeha ke, yena oyedwa, othe wawa! kuba akukho wesibini wokumphakamisa. |
4 | 11 | Kananjalo ababini, bathe balala, baya kuva ukusitha; angathini na ukuva ukusitha olele yedwa? |
4 | 12 | Ukuba umntu uthe wamgagamela oyedwa, bona ababini baya kumisa phambi kwakhe; umsonto ontluntathu awuhle uqhawulwe. |
4 | 13 | Ulungile umntwana olihlwempu elumkile, ngaphezu kokumkani oselemkhulu, esisidenge, ongasakuvayo ukuyalwa. |
4 | 14 | Ngokuba uphuma endlwini yamakhonkxwa ukuba abe ngukumkani; ukanti uzalelwe ebukumkanini balowo ulihlwempu. |
4 | 15 | Ndababona bonke abadla ubomi, behamba phantsi kwelanga kunye naye umntwana, lo ungowesibini, uza kuma esikhundleni salowo. |
4 | 16 | Akukho kuphela kwabantu bonke, kwabo bonke angaphambi kwabo; ukanti amavela-mva akayi kuvuya ngaye. Ngokuba kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya. |
5 | 1 | Gcina unyawo lwakho xeshikweni uya endlwini kaThixo; ukusondela ukuba uve, kungaphezu kokunikela kwezidenge imibingelelo; ngokuba ukungazi kwazo kwenza izinto ezimbi. |
5 | 2 | Musa ukungxama ngomlomo wakho, intliziyo yakho ingaphangi ikhuphe ilizwi phambi koThixo; ngokuba uThixo usemazulwini, ke wena usehlabathini; ngenxa yoko amazwi akho makabe mancinane. |
5 | 3 | Ngokuba ukuphupha kuza ngobuninzi bemicimbi, nezwi lesidenge liza ngobuninzi bentetho. |
5 | 4 | Xeshikweni uthe wabhambathisa isibhambathiso kuThixo, musa ukuzekelela ukusizalisa; ngokuba azinanzwa izidenge; loo nto uyibhambathisileyo yizalise. |
5 | 5 | Kulungile ukuba ungabhambathisi, kunokuba ubhambathise ungazalisi. |
5 | 6 | Musa ukuwuvumela umlomo wakho, ukuba uyonise inyama yakho; ungatsho phambi komthunywa kaThixo ukuthi ibikukulahleka. Yini na ukuba uThixo abe noburhalarhume ngezwi lakho asonakalise isenzo sezandla zakho? |
5 | 7 | Ngokuba ebuninzini bamaphupha namazwi, maninzi amampunge; ke yoyika uThixo. |
5 | 8 | Ukuba uthe wakubona ukucudiswa kwehlwempu, nokuhluthwa kokusesikweni nobulungisa elizweni, musa ukumangaliswa yiloo nto; ngokuba oyena uphakamileyo ukhangele phezu kophakamileyo; kukho abaphakamileyo naphezu kwabo. |
5 | 9 | Ilungelo lelizwe entweni yonke ngukumkani onyamekela umhlaba. |
5 | 10 | Othanda isilivere akaneliswa yisilivere; nalowo uthanda intabalala, akangenelwa nto. Kwanaloo nto ingamampunge. |
5 | 11 | Ekwandeni kwezinto ezilungileyo bayanda abazidlayo zona, abe umninizo enempumelelo eyini na, ingekuko ukwanela ukuzibona ngamehlo? |
5 | 12 | Bumnandi ubuthongo bosebenzayo, nokuba incinane, nokuba ininzi into ayidlayo; ke intabalala yesityebi ayisivumeli ukuba silale buthongo. |
5 | 13 | Kukho ububi obusisifo, endibubonileyo phantsi kwelanga; ukuthi ubutyebi obugcinelwe umninibo, bube nobubi kuye; |
5 | 14 | obo butyebi butshabalala ngento embi; uzala unyana, engenayo nento esandleni sakhe. |
5 | 15 | Njengokuba waphuma esizalweni sonina eze, uya kubuya emke njengoko weza enjalo, angathabathi nento ngemigudu yakhe, angayiphathayo ngesandla sakhe. |
5 | 16 | Kwanale nto bububi obusisifo, ukuba eya kumka kanye kwanjengoko weza ngako: unalungelo lini na ke owaphukela umoya? |
5 | 17 | Kananjalo iimini zakhe zonke uzidlela emnyameni, enengqumbo enkulu, nesifo, noburhalarhume. |
5 | 18 | Nantsi into endiyibonileyo mna, ilungile, intle: into yokuthi umntu adle, asele, abone okulungileyo ngemigudu yakhe yonke aphuka yiyo phantsi kwelanga, ngokwenani lemihla yobomi bakhe amnikileyo uThixo; ngokuba kusisabelo sakhe oko. |
5 | 19 | Kananjalo wonke umntu, athe uThixo wamnika ubutyebi nokuqweba, wamnika negunya lokudla kubo, athabathe isabelo sakhe, avuye emigudwini yakhe: sisipho sikaThixo eso. |
5 | 20 | Ngokuba akayikhumbuli kakhulu imihla yobomi bakhe; ngokuba uThixo eluphendula uvuyo lwentliziyo yakhe. |
6 | 1 | Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, buninzi ke phezu komntu: |
6 | 2 | yindoda uThixo ayinike ubutyebi, nokuqweba, nozuko, ungasweli umphefumlo wayo nanye into engayinqwenelayo, aze uThixo angayiphi amandla okuyidla; ngokuba idliwa yenye indoda. Ngamampunge lawo, sisifo esibi eso. |
6 | 3 | Ukuba umntu uthe wazala ikhulu labantwana, wadla ubomi iminyaka emininzi, yamininzi imihla yeminyaka yakhe, umphefumlo wakhe awahlutha zizinto ezilungileyo, kananjalo akaba nangcwaba: ndithi mna, imvambilini ilungile kunaye. |
6 | 4 | Ngokuba ifike ingamampunge, imka kumnyama, igama layo ligutyungelwe bubumnyama; |
6 | 5 | kananjalo ayilibonanga ilanga, ayilazanga; le yona ilungile kunomntu lowo. |
6 | 6 | Nokuba ebeya kudla ubomi iwaka leminyaka kude kube kabini, angakuboni okulungileyo, ayiyi ndaweni-nye na yonke loo nto? |
6 | 7 | Yonke imigudu yomntu uyenzela umlomo wakhe: ukanti umphefumlo awuzali. |
6 | 8 | Ngokuba isilumko sisigqitha ngantoni na isidenge? Usigqitha ngantoni na olusizana, okwaziyo ukuhamba phambi kwabaphilileyo? |
6 | 9 | Kulungile ukubona kwamehlo ngaphezu kokuhambahamba komphefumlo. Kwanaloo nto ingamampunge nokusukelana nomoya. |
6 | 10 | Loo nto iselikho, yabe iselithiywe kade igama layo; yaziwa into aya kuba yiyo umntu; akanakumelana nalowo unokumeyisa. |
6 | 11 | Ngokuba kukho amazwi amaninzi nje, andisa amampunge; umntu unalungelo lini na ngaloo nto? |
6 | 12 | Ngokuba ngubani na owaziyo okumlungeleyo umntu ebomini, ngangenani lemihla yobomi bakhe obungamampunge, ayigqiba njengesithunzi? Ngokuba ngubani na onokumxelela umntu into eya kubakho emva kwakhe phantsi kwelanga? |
7 | 1 | Igama elilungileyo lingaphezulu nakwioli elungileyo; ulungile umhla wokufa ngaphezu komhla wokuzalwa komntu. |
7 | 2 | Kulungile ukuya endlwini yesijwili kunokuya endlwini yemigidi; kuba oko kukuphela kwabantu bonke, aze ophilileyo akunyamekele ngentliziyo oko. |
7 | 3 | Kulungile ukuba nosizi ngaphezu kokuhleka; ngokuba intliziyo iyalunga bububi bobuso. |
7 | 4 | Intliziyo yezilumko isendlwini yesijwili; ke intliziyo yezidenge isendlwini yovuyo. |
7 | 5 | Kulungile ukuva ukukhalimela kwesilumko, kunokuba umntu eve ingoma yezidenge. |
7 | 6 | Ngokuba njengokuqhuqhumba kwevaba ngaphantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge; naloo nto ingamampunge. |
7 | 7 | Ngokuba ukucudisa kugezisa isilumko, siyitshabalalise intliziyo isicengo. |
7 | 8 | Kulungile ukugqitywa kwendawo, ngaphezu kokuqalwa kwayo; ulungile umoya ozeka kade umsindo, kunomoya ozidlayo. |
7 | 9 | Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge. |
7 | 10 | Musa ukuthi, Ibiyini na, le nto imihla yamandulo ibilungile ngaphezu kwale? ngokuba akuthabatheli ebulumkweni ukuyibuza loo nto. |
7 | 11 | Bulungile ubulumko, bunelifa, bulilungelo kwabalibonayo ilanga. |
7 | 12 | Ngokuba ubulumko bungumthunzi, imali ingumthunzi; ke ukugqithisela kokwazi, kukuba ubulumko buyabasindisa abo banabo. |
7 | 13 | Wukhangele umsebenzi kaThixo; ngokuba ngubani na onokolula into ayenze yagoso? |
7 | 14 | Ngomhla wentsikelelo chwayitha, nangomhla wobubi qonda kakuhle, ukuba nalo, kwanjengalowa, wenziwe nguThixo, ngenxa enokuba umntu engafumani nto emva kwakhe. |
7 | 15 | Le nto yonke ndiyibonile ngemihla yam engamampunge: kubakho ilungisa elitshabalalayo noko linobulungisa, kubekho ongendawo ophila ixesha elide, noko angendawo. |
7 | 16 | Musa ukuba lilungisa ngokukhulu, ungabi sisilumko ngokugqithiseleyo; yini na ukuba uziphanzise? |
7 | 17 | Musa ukuba ngongendawo ngokukhulu, ungazenzi isidenge; yini na ukuba ufe lingekabi lixesha lakho? |
7 | 18 | Kulungile ukuba ubambelele kule nto nakuleya, ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba owoyika uThixo uphumelela kuzo zonke ziphela. |
7 | 19 | Ubulumko buyasiqinisa isilumko, ngaphezu kweshumi labanegunya abakulo mzi. |
7 | 20 | Ngokuba akukho mntu ulilungisa ehlabathini, wenza okulungileyo, angoni. |
7 | 21 | Kananjalo musa ukuyinikela intliziyo yakho kumazwi onke athethwayo, ukuze ungevi umkhonzi wakho, eselekutshabhisa; |
7 | 22 | ngokuba intliziyo yakho nayo iyazi izihlandlo ezininzi, ukuba uyabatshabhisa abanye nawe. |
7 | 23 | Ezo zinto zonke ndizilingile ngobulumko; ndathi ndiya kulumka; ke bona baba kude kum. |
7 | 24 | Hayi, ukuba kude kwezinto ezikhoyo, zinzulu kakhulu; ngubani na oya kuzifumana? |
7 | 25 | Ndajika ke mna, ndanentliziyo enga ingazi, ingasingasinga, ifume ubulumko nesigqibo seengcinga; enga ingakwazi okungendawo ukuba kukunyaba, nokumatha ukuba kukugeza. |
7 | 26 | Ndayifumana ikrakra ngaphezu kokufa, inkazana eyiyimigibe iphela, ezizibatha intliziyo yayo, ezandla zingamakhamandela olungileyo phambi koThixo uya kusinda kuyo, ke yena umoni uya kubanjiswa yiyo. |
7 | 27 | Yabona into endiyifumeneyo, itsho iNtshumayeli, ndihloma enye kwenye, ukuba ndifumane isigqibo seengcinga; |
7 | 28 | obumana ukuyifuna umphefumlo wam, ndingayifumani, nantsi: indoda enye ewakeni ndiyifumene, ke yona inkazana kulo lonke andiyifumananga. |
7 | 29 | Yabona, le nto yodwa ndiyifumene, yokuba uThixo wamenza umntu wathi tye; ke bona bafune ubuqili obuninzi. |
8 | 1 | Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe. |
8 | 2 | Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo. |
8 | 3 | Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza. |
8 | 4 | Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na? |
8 | 5 | Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo; |
8 | 6 | ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe; |
8 | 7 | ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo? |
8 | 8 | Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya; akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko. |
8 | 9 | Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye. |
8 | 10 | Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka; besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi. |
8 | 11 | Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi. |
8 | 12 | Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe; |
8 | 13 | kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo. |
8 | 14 | Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge. |
8 | 15 | Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga. |
8 | 16 | Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo), |
8 | 17 | ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana. |
9 | 1 | Ngokuba yonke le nto ndayinyamekela ngentliziyo yam, ndayihlela yonke le nto, yokuba amalungisa, nezilumko, nemisebenzi yabo, isesandleni sikaThixo; nokuthanda nokuthiya, akukhona ekwazini kwabantu; le nto yonke basebeyimiselwe. |
9 | 2 | Izinto zonke zibahlela ngokufanayo bonke: sinye isihlo kwilungisa nakongendawo; kolungileyo, kohlambulukileyo, nakoyinqambi; kobingelelayo nakongabingeleliyo; njengoko anjalo olungileyo, unjalo nomoni; ofungayo unjengalowo ukoyikayo ukufunga. |
9 | 3 | Le yinto embi phakathi kwezinto zonke ezenzekayo phantsi kwelanga, ukuthi sibe sinye isihlo kubo bonke; ibe nentliziyo yoonyana babantu izele bububi; ibubugeza entliziyweni yabo besadla ubomi; emveni kwabo kuyiwa kwabafileyo. |
9 | 4 | Ngokuba kosukuba ehlonyelwa kwabasadla ubomi, kusekho ithemba; ngokuba inja esaphilileyo ilunge ngaphezu kwengonyama efileyo. |
9 | 5 | Ngokuba abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho, abasabi namvuzo; ngokuba balityelwe, abasakhunjulwa nganto. |
9 | 6 | Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga. |
9 | 7 | Yiya udle isonka sakho unovuyo, usele iwayini yakho unentliziyo echwayithileyo; ngokuba sekukade ekholisiwe uThixo zizenzo zakho. |
9 | 8 | Iingubo zakho mazibe mhlophe ngamaxesha onke, neoli mayingasweleki entlokweni yakho. |
9 | 9 | Hlala kakuhle nomfazi omthandileyo ngemihla yonke yobomi bakho obungamampunge, akunikileyo phantsi kwelanga, ngemihla yakho yonke engamampunge; ngokuba sisabelo sakho eso ebomini, nasemigudwini yakho owaphuka yiyo phantsi kwelanga. |
9 | 10 | Yonke into esiyifumanayo isandla sakho ukuba siyenze, yenze ngamandla akho; ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena. |
9 | 11 | Ndabuya ndabona phantsi kwelanga, ukuba ukugidima asikokwabanamendu, imfazwe asiyeyamagorha; kananjalo isonka asisesezilumko; kananjalo ubutyebi asibobabanenqiqo; kananjalo ubabalo asilolwabanokwazi; ngokuba bonke bephela bafikelwa lixesha nasisihlo. |
9 | 12 | Ngokuba umntu akalazi nexesha lakhe; njengeentlanzi ezibanjiswe ngomnatha ombi, nanjengeentaka ezibanjiswe ngomgibe, banjalo ukurhintyelwa kwabo oonyana babantu ngexesha elibi, xa libawele ngesiquphe. |
9 | 13 | Nale nto ndiyibone ibubulumko phantsi kwelanga, babukhulu kum: |
9 | 14 | umzi omncinane unamadoda ambalwa; kweza kuwo ukumkani omkhulu, wawungqinga, wawakhela iimboniselo ezinkulu. |
9 | 15 | Wafumana kuwo indoda elihlwempu inobulumko; yona yawusiza umzi ngobulumko bayo; ke akubangakho mntu ubuya ayikhumbule le ndoda ilihlwempu. |
9 | 16 | Ndathi ke mna, Bulunge ubulumko ngaphezu kobugorha; kodwa ubulumko beli hlwempu budelekile, namazwi alo akaviwa. |
9 | 17 | Amazwi ezilumko, eviwe ngokuthozama, angaphezu kokunkqangaza kolawula phakathi kwezidenge. |
9 | 18 | Bulunge ubulumko ngaphezu kweempahla zokulwa; ke yena umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi. |
10 | 1 | Iimpukane ezifileyo zinukisa zibilise amafutha omqholi; ubudenge obuncinane bunzima kunobulumko nozuko. |
10 | 2 | Intliziyo yesilumko ingasekunene kwaso: intliziyo yesidenge ingasekhohlo kwaso. |
10 | 3 | Ewe, nasendleleni, xa sithe isidenge sahamba ngayo, siyayiswela intliziyo, sihambe sisithi kubantu bonke, Ndisisidenge. |
10 | 4 | Ukuba ukufutha komlawuli kuthe kwenyuka kwakuchasa, musa ukuyishiya indawo yakho; ngokuba ubulali buleleza izono ezikhulu. |
10 | 5 | Kukho ububi endibubonileyo phantsi kwelanga, obunjengokulahleka okuphuma konegunya: |
10 | 6 | ubudenge bunikwa iindawo eziphezulu ezinkulu, zibe izityebi zihleli kwiindawo eziphantsi. |
10 | 7 | Ke ndizibone izicaka zikhwele emahasheni, namatshawe ehamba phantsi ngeenyawo njengezicaka. |
10 | 8 | Omba isigingqi, angeyela kuso; ochitha uthango, inyoka ingamluma. |
10 | 9 | Omba amatye, angenzakala; ocanda iinkuni angaba semngciphekweni. |
10 | 10 | Ukuba intsimbi ithe yaba buthuntu, akalulola uhlangothi lwayo, wogonyela ngoko ngamandla; ke ubulumko buyanceda bulungise. |
10 | 11 | Ukuba inyoka ithe yaluma kungekho kukhafula, akabi nanzuzo umnyangi. |
10 | 12 | Amazwi omlomo wesilumko anokubabala; ke yona imilebe yomlomo wesidenge iginya kwasona. |
10 | 13 | Ingqalo, yamazwi omlomo waso bubudenge, nengqibo yomlomo waso bubugeza obubi. |
10 | 14 | Isidenge sandisa amazwi, engakwazi umntu okuya kubakho nokuya kubakho emva kwakhe, ngubani na onokumxelela? |
10 | 15 | Imigudu yezidenge iyazixhamla, ezingakwaziyo ukuya emzini. |
10 | 16 | Yeha, wena lizwe likumkani ungumntwana, limatshawe adla kwakusasa! |
10 | 17 | Hayi, uyolo lwakho, lizwe likumkani ungunyana wabanumzana, limatshawe adlayo ngexesha elililo, enobugorha, engenamithayi! |
10 | 18 | Ngobuvila iyabhena imiqadi; ngokuthamba kwezandla iyanetha indlu. |
10 | 19 | Benza isidlo ukuba bahleke, iwayini ivuyise ubomi; imali ilungele iinto zonke. |
10 | 20 | Musa ukumtshabhisa ukumkani, nasesazeleni sakho, ungasitshabhisi nesityebi ezingontsini zakho zokulala; ngokuba intaka yasendle yolihambisa elo zwi, nento enamaphiko iyixele loo ntetho. |
11 | 1 | Siphose isonka sakho phezu kwamanzi, ngokuba wosifumana kwakuba ziintsuku ezininzi. |
11 | 2 | Yahlula izahlulo zibe sixhenxe, zibe sibhozo, ngokuba akuyazi into embi eya kubakho ehlabathini. |
11 | 3 | Ukuba amafu athe azala yimvula, ayithululela emhlabeni; ukuba umthi uthe wawa, wabheka ezantsi, nokuba uthe wabheka entla, kuloo ndawo uwe kuyo umthi lowo, wolala khona. |
11 | 4 | Ogqala umoya akayi kuhlwayela; okhangela amafu akayi kuvuna. |
11 | 5 | Njengokuba ungayazi ukuba yiyiphi na indlela yomoya, kwanjengokuyilwa kwamathambo esiswini somithiyo; ngokunjalo akusazi isenzo sikaThixo owenza izinto zonke. |
11 | 6 | Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na. |
11 | 7 | Kumnandi ukukhanya, kulungile emehlweni ukulibona ilanga. |
11 | 8 | Ngokuba umntu, ukuba uthe wadla ubomi iminyaka emininzi, makavuye ngayo yonke iphela, noko ke akhumbule imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi. Yonke into ezayo ingamampunge. |
11 | 9 | Vuya, ndodana, ebutsheni bakho, ikuchwayithise intliziyo yakho ngemihla yobudodana bakho, uhambe ngeendlela zentliziyo yakho, nangokukhangela kwamehlo akho; kodwa yazi ukuba ngenxa yezo zinto zonke uThixo uya kukusa ematyaleni. |
11 | 10 | Yisuse ke ingqumbo entliziyweni yakho, ubudlulise ububi enyameni yakho; ngokuba ubutsha nobudoda bungamampunge. |
12 | 1 | Uze umkhumbule ke uMdali wakho ngemihla yobutsha bakho, ingekezi imihla yobubi, ingekafiki iminyaka owothi ngayo, Ayindiyolele; |
12 | 2 | lingekabi mnyama ilanga, nokukhanya, nenyanga, neenkwenkwezi, engekabuyi amafu emva kwemvula; |
12 | 3 | loo mini baya kungevezela abagcini bendlu, agobe amadoda anobukroti, ziyeke iintokazi ezisilayo ngokuba zimbalwa, kube mnyama kwabakhangela ngeefestile; |
12 | 4 | zivalwe iingcango ngasesitratweni, kwakubonÂ’ ukuba sidambile isandi sokusila, evuka kwazisathetha iintaka, zinqwilile zonke iintombi zengoma; |
12 | 5 | naxeshikweni baya kuzoyika iindawo eziphakamileyo, neento eziqhiphula umbilini zibe sendleleni; utyatyambe umamangile, uchabachabase umqhathu, utshitshe umnqweno; ngokuba umntu esiya ekhayeni lakhe laphakade, bajikajike ezitratweni abambambazeli; |
12 | 6 | ingekaqhawuki intambo yesilivere, lityumke iselwa legolide, uqhekeke umphanda emthonjeni, yaphuke ivili iwe equleni; |
12 | 7 | lungekabuyeli emhlabeni uthuli, njengoko belunjalo, umoya ubuyele kuThixo owawunikayo. |
12 | 8 | Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; into yonke ingamampunge. |
12 | 9 | Phezu koko, ngokuba iNtshumayeli ibisisilumko, yamana ibafundisa abantu ukwazi, yalinganisela, yabagocagoca, yayila imizekeliso emininzi. |
12 | 10 | INtshumayeli yafuna, inga ingafumana amazwi anandiphekayo, kuthi nokubhalwayo kulunge, ibe ngamazwi enyaniso. |
12 | 11 | Amazwi ezilumko anjengeemviko; anjengezikhonkwane ezitshonisiweyo asezintlanganiseleni, anikwe ngumalusi emnye. |
12 | 12 | Nangaphezu koko, nyana wam, vuseleleka; ukwenza iincwadi ezininzi akunakuphela, nokuphikela ukufunda okuninzi kudinisa inyama. |
12 | 13 | Ukuhlanganiswa kwentetho, yakuba ivakele into yonke, nanku: Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe; ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke. |
12 | 14 | Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi. |