Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Exodus

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Ngawo la ke amagama oonyana bakaSirayeli, ababefike eYiputa noYakobi; beza elowo nendlu yakhe:
12uRubhen, uSimon, uLevi noYuda;
13uIsakare, uZebhulon noBhenjamin;
14uDan noNafetali, uGadi noAshere.
15Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi yayiyimiphefumlo emashumi asixhenxe; uYosefu yena ubeseleseYiputa.
16Wafa ke uYosefu nabazalwana bakhe bonke, neso sizukulwana sonke.
17Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
18Kwavela ukumkani omtsha phezu kweYiputa, owayengamazi uYosefu.
19Wathi ebantwini bakhe, Yabonani, abantu oonyana bakaSirayeli baninzi, banamandla kunathi.
110Yizani sibalumkise, hleze bande; bathi, xenikweni kuthe kwehla imfazwe, bathelele nabo kwiintshaba zethu, balwe nathi, banyuke baphume ezweni.
111Bamisa ke phezu kwabo abathetheli bokubafaka uviko, ukuze babacinezele ngemithwalo yabo. Bamakhela ke uFaro imizi enoovimba, iPitom neRameses.
112Okukhona babacinezelayo, kokukhona bandayo, kokukhona baphangalalayo; bakruquka ngabo oonyana bakaSirayeli.
113AmaYiputa ke abakhonzisa oonyana bakaSirayeli ngokutyumzayo;
114abenza bakrakra ubomi babo ngomsebenzi olukhuni, ngodaka nangezitena, nangeentlobo zonke zomsebenzi wasendle; yonke imisebenzi abasetyenziswa yona yayiyetyumzayo.
115Ke kaloku ukumkani waseYiputa wathetha kubazalisikazi abangamaHebherekazi, igama lomnye linguShifra, igama lomnye linguPuwa;
116wathi, Ekuzaliseni kwenu amaHebherekazi, khangelani xa azalayo: ukuba ithe yayinkwenkwe, noyibulala; ukuba ithe yayintombi, yodla ubomi.
117Abazalisikazi boyika uThixo, abenza ngoko wathetha ngako kubo ukumkani waseYiputa, bawasindisa amakhwenkwe.
118Wababiza ukumkani waseYiputa abazalisikazi, wathi kubo, Kungani na ukuba nenze le nto yokuwasindisa amakhwenkwe?
119Bathi abazalisikazi kuFaro, AmaHebherekazi akanjengabafazi bamaYiputa, kuba omelele; azala engekangeni kuwo umzalisikazi.
120Ngoko uThixo wabenzela okulungileyo abazalisikazi. Banda abantu, banamandla kakhulu.
121Kwathi, kuba abazalisikazi babemoyika uThixo, wazisikelela izindlu zabo.
122UFaro wabawisela umthetho abantu bakhe bonke, wathi, Bonke oonyana abathe bazalwa, baphoseni emlanjeni; ke zonke iintombi zisindiseni.
21Kwaphuma umfo wendlu kaLevi, wazeka intombi yakwaLevi.
22Wamitha umfazi lowo, wazala unyana; wambona ukuba mhle, wamfihla iinyanga ezintathu.
23Wathi, akuba engasenako ukumfihla, wamthabathela umkhombe wemikhanzi, wawutyabeka ngebhitumene netywina, wamfaka kuwo umntwana, wawubeka engcotyeni, elunxwemeni lomlambo.
24Udade wabo wema mgama, ukuze ayazi into eya kwenzeka kuye.
25Yehla ke intombi kaFaro, isiya kuqubha emlanjeni; baye abakhonzazana bayo behamba ngasecaleni lomlambo. Yabona umkhombe engcotyeni phakathi, yathuma umkhonzazana wayo, ukuba aye kuwuthabatha.
26Yawunqika, yambona umntwana; nantso inkwenkwana ilila. Yaba nofefe ngayo, yathi, Ngumntwana wamaHebhere lo.
27Wathi udade wabo kwintombi kaFaro, Ndiye kukubizela na umfazi wamaHebhere onokwanyisa, akwanyisele umntwana?
28Yathi intombi kaFaro kuye, Yiya. Yaya ke intombi leyo, yabiza unina womntwana.
29Yathi intombi kaFaro kuye, Thabatha lo mntwana, umanyise; ndokunika umvuzo wakho mna. Umfazi lowo wamthabatha umntwana, wamanyisa.
210Wakhula umntwana, wamsa ke kwintombi kaFaro, waba ngunyana wayo. Yamthiya igama elinguMoses, yathi, Ndamrhola emanzini.
211Kwathi ke ngaloo mihla, akukhula uMoses, waphuma waya kubazalwana bakhe, ekhangela imithwalo yabo. Wabona umYiputa ebetha umHebhere wakubazalwana bakhe.
212Wabhekabheka, wathi akuba engaboni mntu, wamthi qwaka umYiputa, wamselela entlabathini.
213Waphuma ngemini yesibini; wabona amaHebhere emabini entlalana; wathi kowone omnye, Yini na ukuba umbethe ummelwane wakho?
214Wathi yena, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumthetheli nomgwebi phezu kwethu? Uza kundibulala na nam, usitsho nje, njengokuba umbulele umYiputa? Woyika uMoses, wathi, Mayibe le nto iyaziwa.
215UFaro wayiva le nto, wafuna ukumbulala uMoses. Wabaleka uMoses, wemka kwaFaro, waya kuma ezweni lakwaMidiyan, wahlala phantsi ngasequleni.
216Ke kaloku umbingeleli wakwaMidiyan wayeneentombi ezisixhenxe; zeza kukha amanzi, zayizalisa imikhumbi ukuba ziseze impahla emfutshane kayise.
217Bafika abalusi, bazigxotha. Wesuka uMoses wazinceda, wayiseza impahla yazo emfutshane.
218Zakufika kuRehuweli uyise, wathi, Nitheni na namhlanje ukuhle nifike?
219Zathi, Sihlangulwe ngumYiputa esandleni sabalusi; kunjalo wasikhelela amanzi, wayiseza impahla emfutshane.
220Wathi ezintombini zakhe, Uphi na? Nimshiyeleni na umntu lowo? Mbizeni, adle isonka.
221Wakholwa uMoses kukuhlala naloo ndoda. Yamnika uMoses uTsipora, intombi yayo.
222Yazala unyana, wamthiya igama elinguGershom, kuba ubesithi, Ndingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga.
223Kwathi emva kwaloo mihla mininzi wafa ukumkani waseYiputa. Bancwina oonyana bakaSirayeli ngenxa yomsebenzi, bakhala; kwenyuka ukuzibika kwabo, kwaya kuThixo, ngenxa yomsebenzi.
224Wakuva uThixo ukugula kwabo, wawukhumbula uThixo umnqophiso wakhe noAbraham, noIsake, noYakobi.
225UThixo wababona oonyana bakaSirayeli, wabazi uThixo.
31Ke kaloku uMoses wayesalusa impahla emfutshane kaYitro, uyise womkakhe, umbingeleli wakwaMidiyan, wayiqhubela ele kwentlango, wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
32Kwabonakala isithunywa sikaYehova kuye, siselangatyeni lomlilo, etyholweni phakathi, wakhangela, wabona ityholo lisitsha ngumlilo, noko lingade litshe liphele.
33Wathi uMoses, Makhe ndityeke, ndiye kubona lo mbono mkhulu; ukuba kutheni na ukuba ityholo lingatshi liphele.
34Wabona uYehova, ukuba utyekile esiza kubona; uThixo wabiza esetyholweni phakathi, wathi kuye, Moses, Moses. Wathi yena, Ndilapha.
35Wathi, Musa ukusondela apha. Khulula iimbadada zakho ezo ezinyaweni zakho, kuba loo ndawo umi kuyo ingumhlaba ongcwele.
36Wathi, NdinguThixo kayihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wabusithelisa uMoses ubuso bakhe, kuba ebesoyika ukukhangela kuThixo.
37Wathi uYehova, Ndizibonile okunene iintsizi zabantu bam abaseYiputa, nokukhala kwabo ndikuvile, ngenxa yabo babaqhuba kalukhuni; kuba ndiyawazi umvandedwa wabo.
38Ndihlile ke; ndize kubahlangula esandleni samaYiputa, ndibanyuse baphume kwelo lizwe, baye ezweni elilungileyo, elibanzi, ezweni elibaleka amasi nobusi, endaweni yamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
39Ngoku ke naku ukukhala koonyana bakaSirayeli, kufikile kum; kananjalo ndikubonile ukuxina abaxine ngako amaYiputa.
310Hamba ngoku, ndikuthume kuFaro, ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.
311Wathi uMoses kuThixo, Ndingubani na ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe eYiputa oonyana bakaSirayeli?
312Wathi, Ndiya kuba nawe. Nangu umqondiso wokuba ndikuthumile mna: ekubakhupheni kwakho abantu eYiputa, niya kumkhonza uThixo kule ntaba.
313Wathi uMoses kuThixo, Uyabona, ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, UThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo?
314Wathi uThixo kuMoses, Ndinguye eNdinguye. Wathi, Wotsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNdinguye undithumile kuni.
315Waphinda wathi uThixo kuMoses, Wothi koonyana bakaSirayeli, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, undithumile kuni: ligama lam elo ngonaphakade, sisikhumbuzo sam eso kwizizukulwana ngezizukulwana.
316Yiya uhlanganise amadoda amakhulu akwaSirayeli, uthi kuwo, UYehova, uThixo wooyihlo, uThixo ka-Abraham, kaIsake kaYakobi, ubonakele kum, wathi, Ndinivelele nina, naloo nto niyenziweyo eYiputa.
317Ndathi, Ndiya kuninyusa niphume ezintsizini zaseYiputa, niye ezweni lamaKanan, namaHiti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ezweni elibaleka amasi nobusi.
318Boliphulaphula ilizwi lakho; uze uye ke wena namadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani waseYiputa, nithi kuye, UYehova uThixo wamaHebhere uhlangene nathi; ngoku makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu.
319Ke mna ndiyazi, ukuba ukumkani waseYiputa akayi kunivumela ukuba nihambe, nokuba sekungesandla esithe nkqi.
320Ndiya kusolula isandla sam, ndiyibethe iYiputa ngemisebenzi yam yonke ebalulekileyo, endiya kuyenza phakathi kwayo, andule ke ukunindulula.
321Aba bantu ndiya kubababala phambi kwamaYiputa; kuthi, xa nithe nemka, ningemki nize.
322Intokazi iya kucela kwengummelwane wayo, nakwengumphambukeli endlwini yayo, impahla yesilivere, nempahla yegolide, neengubo, nizinxibe oonyana benu neentombi zenu, niwaphange amaYiputa.
41Waphendula uMoses wathi, Uyabona, abayi kukholwa ndim, abayi kuliphulaphula izwi lam; kuba baya kuthi, UYehova akabonakalanga kuwe.
42Wathi uYehova kuye, Yintoni na loo nto isesandleni sakho? Wathi, Yintonga.
43Wathi, Yiphose emhlabeni. Wayiphosa emhlabeni, yasuka yaba yinyoka; wayibaleka uMoses.
44Wathi uYehova kuMoses, Solule isandla sakho, uyibambe ngomsila; (wasolula isandla sakhe, wayibamba, yasuka yaba yintonga esandleni sakhe);
45ukuze bakholwe ukuba uYehova, uThixo wooyise, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi, ubonakele kuwe.
46Waphinda uYehova wathi kuye, Khawusifake isandla sakho esifubeni sakho. Wasifaka isandla sakhe esifubeni sakhe. Akusirhola isandla sakhe, naso sineqhenqa, simhlophe njengekhephu.
47Wathi, Sibuyisele isandla sakho esifubeni sakho. Wasibuyisela isandla sakhe esifubeni; wasirhola esifubeni sakhe, naso sibuye saba njengenyama yakhe.
48Kothi, ukuba abathanga bakholwe nguwe, abaliphulaphula izwi lowokuqala umqondiso, bakholwe lilizwi lomqondiso wamva.
49Kothi, ukuba abathanga bakholwe nayile miqondiso mibini, abaliphulaphula nezwi lakho, uthabathe amanzi omlambo, uwaphalazele emhlabeni owomileyo; osuka amanzi owathabathileyo emlanjeni abe ligazi emhlabeni owomileyo.
410Wathi uMoses kuYehova, Camagu, Nkosi yam! Andindoda imazwi maninzi nanini na, oko wathethayo kumkhonzi wakho lo; kuba ndingokuthetha kunzima, ndikwanzima nolwimi.
411Wathi uYehova kuye, Ngubani na obeke umlomo emntwini? Ngubani na owenze isidenge, nesithulu, nobonayo, nemfama? Asindim na, mna Yehova?
412Ngoko ke hamba, ndoba nomlomo wakho mna, ndikubonise into oya kuyithetha.
413Wathi yena, Camagu, Nkosi yam! Khawuthume ngesandla salowo womthuma.
414Wavutha umsindo kaYehova kuMoses, wathi, Akanguye na umkhuluwa wakho uAron umLevi? Ndiyazi ukuba yena uyakwazi ukuthetha. Kananjalo nanko yena ephuma eza kukukhawulela; wokubona, avuye entliziyweni yakhe.
415Wothetha kuye, ubeke amazwi emlonyeni wakhe; mna ndoba nomlomo wakho nomlomo wakhe, ndinibonise into eniya kuyenza.
416Yena wokuthethela ebantwini, athi yena abe ngumlomo kuwe, uthi wena ube nguthixo kuye.
417Ke le ntonga yiphathe ngesandla sakho; uya kwenza ngayo imiqondiso leyo.
418Wahamba ke uMoses, wabuyela kuYitro, uyise womkakhe, wathi kuye, Makhe ndihambe, ndibuyele kubazalwana bam abaseYiputa, ndibone ukuba basahleli na. Wathi uYitro kuMoses, Hamba ngoxolo.
419UYehova wathi kuMoses kwaMidiyan, Hamba ubuyele eYiputa; kuba afile onke amadoda abezonda ubomi bakho.
420UMoses wathabatha umkakhe noonyana bakhe, wabakhwelisa e-esileni, wabuyela ezweni laseYiputa; wayiphatha uMoses intonga kaThixo ngesandla sakhe.
421Wathi uYehova kuMoses, Ekuhambeni kwakho ubuyela eYiputa, uze ukhangele ukuba uzenze phambi koFaro zonke izimanga, endizibeke esandleni sakho. Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo yakhe, angabandululi abantu.
422Wothi kuFaro, Utsho uYehova ukuthi, Unyana wam wamazibulo nguSirayeli;
423ndithi kuwe, Mndulule unyana wam lowo, andikhonze; walile nje ukumndulula, uyabona, ndombulala unyana wakho, amazibulo akho.
424Kwathi, endleleni apho balalisa khona, uYehova wamhlangabeza, wafuna ukumbulala.
425UTsipora wathabatha intshengece, wanqumla inyama yokwaluswa yonyana wakhe, wayiphosa ezinyaweni zakhe, wathi, Ungumyeni wamagazi kum.
426Wamyeka ke. Watsho oko ukuthi, Ungumyeni wamagazi, ngenxa yolwaluko.
427Wathi uYehova kuAron, Hamba uye kukhawulela uMoses entlango. Waya ke, wamhlangabeza entabeni kaThixo, wamanga.
428UMoses wamxelela uAron onke amazwi kaYehova abemthume wona, nemiqondiso yonke abemwisele umthetho ngayo.
429Wahamba uMoses noAron, bawahlanganisa onke amadoda amakhulu oonyana bakaSirayeli.
430Wawathetha uAron onke amazwi abewathethile uYehova kuMoses, wayenza nemiqondiso phambi kwabantu.
431Bakholwa abantu, beva ukuba uYehova ubavelele oonyana bakaSirayeli wazibona iintsizi zabo, bathoba baqubuda.
51Emveni koko beza ooMoses noAron, bathi kuFaro, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Bandulule abantu bam, bandenzele umthendeleko entlango.
52Wathi uFaro, Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe, lokuba ndindulule uSirayeli? Andimazi uYehova, kananjalo andiyi kumndulula uSirayeli.
53Bathi ke, UThixo wamaHebhere uhlangene nathi; makhe sihambe entlango uhambo lweentsuku ezintathu, sibingelele kuYehova uThixo wethu, hleze asiqwele ngendyikitya yokufa nangekrele.
54Wathi ukumkani waseYiputa kubo, Yini na, nina Moses noAron, ukuba nibakhulule abantu emisebenzini yabo? Yiyani emithwalweni yenu.
55Wathi uFaro, Yabonani, baninzi abantu belizwe ngoku, ke nina niyabaphumza emithwalweni yabo.
56UFaro wabawisela umthetho abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu ngaloo mini, esithi,
57Ize ningabi sabanika abantu umququ wokwenza izitena, njengokwangaphambili; mabaye ngokwabo, bazibuthele umququ;
58nenani ababelenza njengokwangaphambili, bamiseleni lona; ize ningalinciphisi, kuba bayahiliza; kuko le nto bakhalayo, besithi, Masiye kubingelela kuThixo wethu.
59Mawube nzima umsebenzi phezu kwamadoda, asebenze wona, angaphulaphuli amazwi obuxoki.
510Baphuma ke abaphathi nabaqhubi-kalukhuni babantu, bathetha ebantwini bathi, Utsho uFaro ukuthi, Andiyi kuninika mququ;
511yiyani nina, nizithabathele umququ apho ningawufumana khona; kuba akuyi kuncitshiswa nto emsebenzini wenu.
512Baphalazeka abantu ezweni lonke laseYiputa, babutha iindiza endaweni yomququ.
513Abaqhubi-kalukhuni babantu babangxamisa, besithi, Yisebenzeni imisebenzi yenu, into yemini ngangemini yayo, ngangokuya naninomququ.
514Babethwa ke abaphathi boonyana bakaSirayeli, ababemiswe phezu kwabo ngabaqhubi-kalukhuni babantu bakaFaro, kusithiwa, Kungathuba lini na, ukuba ningagqibi ukwenza izitena enizimiselweyo izolo nanamhla, njengokwangaphambili?
515Baya abaphathi boonyana bakaSirayeli, bakhala kuFaro, besithi, Yini na ukuba wenjenje kubakhonzi bakho?
516Abakhonzi bakho aba abanikwa mququ; kuthiwa ke kuthi, Yenzani izitena. Yabona, abakhonzi bakho aba bayabethwa, kanti kona abantu bakho abo.
517Wathi, Kuhiliza nina; niyahiliza, kuko le nto nithi, Masiye sibingelele kuYehova.
518Yiyani ke ngoku, nisebenze; aniyi kunikwa mququ; ke lona inani lezitena niya kulirhola.
519Babona abaphathi boonyana bakaSirayeli ukuba basebubini, kusithiwa nje, Aniyi kunciphisa nto eziteneni zenu, kwinto yemini ngangemini yayo.
520Baqubisana noMoses noAron, beza kubo ekuphumeni kwabo kuFaro.
521Bathi kubo, UYehova makanikhangele, agwebe; ekubeni nilinukisile ivumba lethu phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, ukuba kubekwe ikrele lokusibulala esandleni sabo.
522Wabuyela kuYehova uMoses, esithi, Nkosi yam, yini na ukuba ubaphathe kakubi aba bantu? Yini na le nto uthume mna?
523Kususela koko ndangenayo kuFaro, ndithetha egameni lakho, yena ubaphethe kakubi aba bantu; akubahlangulanga nokubahlangula abantu bakho.
61Wathi uYehova kuMoses, Uya kukubona ngoku endiya kukwenza kuFaro, kuba uya kubandulula, abagxothe ezweni lakhe ngesandla esithe nkqi.
62Wathetha uThixo kuMoses, wathi kuye, NdinguYehova:
63ndabonakala kuAbraham nakuIsake nakuYakobi ngelokuba nguThixo uSomandla; ke ngegama lam lokuba nguYehova andazekanga kubo.
64Kananjalo ndawumisa nabo umnqophiso wam wokuba ndibanike ilizwe lakwaKanan, ilizwe lokuphambukela kwabo abaphambukela kulo.
65Kananjalo ndikuvile mna ukugula koonyana bakaSirayeli abakhonziswayo ngamaYiputa, ndawukhumbula umnqophiso wam.
66Yithi ngoko koonyana bakaSirayeli, ndinguYehova: ndiya kunikhupha phantsi kwemithwalo yamaYiputa, ndinihlangule enkonzweni yawo, ndinihlawulele, ndinikhulule ngengalo eyolukileyo, nangezigwebo ezikhulu;
67ndinithabathe nibe ngabantu bam, ndibe nguThixo wenu; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu, onikhuphayo phantsi kwemithwalo yamaYiputa;
68ndiningenise ezweni endaphakamisa isandla sam ngalo, ukuba ndilinike uAbraham noIsake noYakobi; ndiya kulinika nina, libe lilifa: ndinguYehova.
69Watsho ke uMoses koonyana bakaSirayeli; abamphulaphulanga uMoses, ngenxa yokukhathazeka, nangenxa yomsebenzi onzima.
610Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
611Yiya uthethe kuFaro ukumkani waseYiputa, abandulule oonyana bakaSirayeli, baphume ezweni lakhe.
612UMoses wathetha phambi koYehova, wathi, Yabona, oonyana bakaSirayeli abandiphulaphulanga; wothini na ke uFaro ukundiphulaphula, ndingomlomo ungalukanga nje?
613Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wabawisela umthetho oonyana bakaSirayeli, nakuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba babakhuphe oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.
614Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguHanoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi; yiyo leyo imizalwane yakwaRubhen.
615Oonyana bakaSimon nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi; yiyo leyo imizalwane yakwaSimon.
616Ngawo la amagama oonyana bakaLevi ngenzala yabo: uGershon, noKehati, noMerari. Iminyaka yobudala bukaLevi yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
617Oonyana bakaGershon nguLibheni, noShimehi, ngokwemizalwane yabo.
618Oonyana bakaKehati nguAmram, noItsare, noHebron, noUziyeli. Iminyaka yobudala bukaKehati yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anamithathu.
619Oonyana bakaMerari nguMaheli, noMushi; yiyo leyo imizalwane yakwaLevi ngenzala yabo.
620UAmram wazeka uYokebhede, udade boyise, wangumkakhe; wamzalela uAron noMoses. Iminyaka yobudala buka-Amram yayiyiminyaka elikhulu elinamanci mathathu anesixhenxe.
621Oonyana bakaItsare nguKora, noNefege, noZikri.
622Oonyana bakaUziyeli nguMishaheli, noElitsafan, noZitri.
623UAron wazeka uElishebha intombi ka-Aminadabhi, udade boNashon, wangumkakhe; wamzalela uNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare.
624Oonyana bakaKora nguAzire, noElikana, noAbhiyazafu; yiyo leyo imizalwane yamaKora.
625UElazare, unyana ka-Aron, wazeka umfazi ezintombini zikaPutiyeli; wamzalela uPinehasi. Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ngokwemizalwane yabo.
626Ngulaa Aron noMoses, wathi kubo uYehova, Bakhupheni oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
627Ngabo abo bathethayo kuFaro ukumkani waseYiputa, ukuba abakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa; ngabo Moses noAron.
628Kwathi, mhlana wathethayo uYehova kuMoses ezweni laseYiputa,
629wathetha uYehova kuMoses, wathi, NdinguYehova; thetha kuFaro, ukumkani waseYiputa, zonke izinto endizithethayo kuwe.
630Wathi uMoses phambi koYehova, Yabona, ndingomlomo ungalukanga; wothini na uFaro ukundiphulaphula?
71Wathi uYehova kuMoses, Khangela, ndikwenze uthixo kuFaro; ke uAron umkhuluwa wakho woba ngumprofeti wakho.
72Wena wothetha zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo; ke uAron umkhuluwa wakho wothetha kuFaro, aze abandulule oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
73Ke mna ndiya kuyiqaqadekisa intliziyo kaFaro, ndiyandise imiqondiso yam nezimanga zam ezweni laseYiputa.
74Akayi kuniphulaphula uFaro. Ke mna iYiputa ndiya kuyisa isandla, ndiyikhuphe imikhosi yam, abantu bam oonyana bakaSirayeli, ezweni laseYiputa ngezigwebo ezikhulu;
75azi amaYiputa, ekusoluleni kwam isandla sam phezu kweYiputa, ukuba ndinguYehova; ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli phakathi kwawo.
76Wenza ke uMoses noAron; ngoko uYehova wabawisela umthetho ngako, benjenjalo.
77UMoses ubeminyaka imashumi asibhozo ezelwe, noAron ubeminyaka imashumi asibhozo anamithathu ezelwe, ukuthetha kwabo kuFaro.
78Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, wathi,
79Xa athe uFaro wathetha kuni, esithi, Ndiboniseni isimanga, wothi wena kuAron, Thabatha intonga yakho, uyiphose phambi koFaro; yoba yinyoka.
710Wangena uMoses noAron kuFaro; benza njengoko uYehova wabawisela umthetho, uAron wayiphosa intonga yakhe phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe, yaba yinyoka.
711Naye uFaro wazibiza izilumko nabakhafuli; zenjenjalo nezazi ezo zaseYiputa, ngobugqi bazo.
712Elowo waphosa phantsi intonga yakhe, yaba yinyoka; yasuka intonga ka-Aron yaziginya iintonga zabo.
713Yaba lukhuni intliziyo kaFaro; akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
714Wathi uYehova kuMoses, Intliziyo kaFaro iqaqadekile, akavumi ukubandulula abantu.
715Yiya kuFaro kusasa, nanko ephuma esiya emanzini. Uze ume elunxwemeni lomlambo malunga naye; intonga eyaguqukayo yaba yinyoka yiphathe esandleni.
716Uze uthi kuye, UYehova, uThixo wamaHebhere, undithume kuwe, esithi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza entlango; yabona ke, akuphulaphulanga unangoku.
717Utsho uYehova ukuthi, Uya kwazi ngale nto ke ukuba ndinguYehova. Yabona, ndiya kubetha ngentonga esesandleni sam emanzini omlambo, aguqulwe abe ligazi,
718zife iintlanzi ezisemlanjeni, unuke umlambo, amaYiputa abe nesicaphucaphu akuwasela amanzi omlambo.
719Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Thabatha intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kwamanzi aseYiputa, phezu kwemilambo yabo, naphezu kwemijelo yabo, naphezu kwamachibi abo, naphezu kweentlangano zonke zamanzi abo; abe ligazi, ibe ligazi ezweni lonke laseYiputa, nasemiphandeni yemithi neyamatye.
720OoMoses noAron benza njengoko uYehova wabawisela umthetho; wayiphakamisa intonga, wawabetha amanzi omlambo phambi koFaro, naphambi kwabakhonzi bakhe; aza aguquka onke amanzi omlambo, aba ligazi.
721Zafa iintlanzi ezisemlanjeni, wanuka umlambo, akaba nako amaYiputa ukuwasela amanzi omlambo; laba ligazi ezweni lonke laseYiputa.
722Zenjenjalo ke nezazi zaseYiputa ngobugqi bazo, Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko wayetshilo uYehova.
723Wajika uFaro, waya endlwini yakhe, akayibekela ntliziyo nale nto.
724Onke amaYiputa emba amanzi okusela ngeenxa zonke emlanjeni; kuba ebengenakuwasela amanzi omlambo.
725Kwazaliseka isixhenxe seentsuku emveni kokuwubetha kwakhe uYehova umlambo.
81Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
82Ke ukuba uthe akwavuma ukubandulula, uyabona, ndoyibetha yonke imida yakho ngamasele;
83umlambo unyakazele amasele, anyuke, angene endlwini yakho, nasesililini sakho, naphezu kwesingqengqelo sakho, nasendlwini yabakhonzi bakho, nasebantwini bakho, nasezimbizeni zakho, nasemikhumbini yakho yentlama;
84anyuke amasele lawo, eze nakuwe, nakubantu bakho, nakubakhonzi bakho bonke.
85Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula isandla sakho eso sinentonga yakho phezu kwemilambo, naphezu kwemijelo, naphezu kwamachibi, unyuse amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
86Wasolula ke uAron isandla sakhe phezu kwamanzi aseYiputa; enyuka amasele, aligubungela ilizwe laseYiputa.
87Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, zawanyusa amasele phezu kwelizwe laseYiputa.
88UFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Mthandazeni uYehova, awasuse amasele kum nasebantwini bam; ndobandulula abantu, baye kubingelela kuYehova.
89Wathi uMoses kuFaro, Zizukise ngokundimisela ixesha lokuba ndikuthandazele nini na, wena nabakhonzi bakho, nabantu bakho, anqunyulwe amasele kuwe nakwindlu yakho, asale emlanjeni wodwa.
810Wathi yena, Ngomso. Wathi ke, Makube ngokwelizwi lakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengoYehova uThixo wethu;
811asuke amasele kuwe, nakwizindlu zakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho; asale emlanjeni wodwa.
812Baphuma ke ooMoses noAron kuFaro; wadanduluka uMoses kuYehova ngendawo yamasele abewabeke phezu koFaro.
813Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses. Afa amasele ezindlwini, nasezintendelezweni, nasemasimini.
814Bawahlanganisa aziimfumba ngeemfumba; lanuka ilizwe.
815Uthe ke uFaro akuba nethuba lokuphefumla, wayenza lukhuni intliziyo yakhe, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
816Wathi uYehova kuMoses, Yithi kuAron, Yolula intonga yakho, ulubethe uthuli lwelizwe lube ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
817Benjenjalo. Wasolula uAron isandla sakhe eso sinentonga yakhe, walubetha uthuli lwelizwe, lwaba ziingcongconi ebantwini nasezinkomeni. Lonke uthuli lwelizwe lwaba ziingcongconi ezweni lonke laseYiputa.
818Zenjenjalo nezazi ngobugqi bazo, ukuba zivelise iingcongconi, azaba nako. Kwakho iingcongconi ebantwini nasezinkomeni.
819Zathi izazi kuFaro, Ngumnwe kaThixo. Yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova.
820Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa ngomso, ume phambi koFaro, nanko ephuma esiya emanzini; uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
821Okanye ukuba uthe akwabandulula abantu bam, yabona, ndithuma izibawu kuwe, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, nasezindlwini zakho, zizale izindlu zamaYiputa zizibawu, nomhlaba akuwo;
822ndilibalule ngaloo mini lona ilizwe laseGoshen, abemi kulo abantu bam, kungabikho zibawu khona, ukuze wazi ukuba ndinguYehova phakathi kwelizwe;
823ndimise inkululo phakathi kwabantu bam nabantu bakho; lo mqondiso uya kubakho ngomso.
824Wenjenjalo uYehova. Kweza izibawu ezininzi endlwini kaFaro, nasezindlwini zabakhonzi bakhe, nasezweni lonke laseYiputa; lonakala ilizwe zizibawu.
825UFaro wabiza uMoses na-Aron, wathi, Yiyani nibingelele kuThixo wenu kweli lizwe.
826Wathi uMoses, Akulungisile ukwenjenjalo; kuba soba sibingelela amasikizi amaYiputa kuYehova uThixo wethu. Ukuba sithe sabingelela into engamasikizi kumaYiputa phambi kwawo, osixuluba ngamatye.
827Siya kuhamba uhambo lweentsuku ezintathu entlango, sibingelele kuYehova uThixo wethu, njengoko wothi asiyalele.
828Wathi uFaro, Ndiya kunindulula nina, niye kubingelela kuYehova uThixo wenu entlango, kodwa ize ningahambi niye kude; ndithandazeleni.
829Wathi uMoses, Yabona, ndiya kuphuma kuwe, ndithandaze kuYehova, zimke izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe ngomso, kodwa makangaphindi uFaro akhohlise ngokungabandululi abantu, baye kubingelela kuYehova.
830Wemka uMoses, wathandaza kuYehova.
831Wenza uYehova ngokwelizwi likaMoses, wazisusa izibawu kuFaro, nakubakhonzi bakhe, nakubantu bakhe; akwasala nasinye.
832UFaro wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, nangesi sihlandlo, akabandulula abantu.
91Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro, uthethe naye, uthi, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
92Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula,
93waba usababambile, yabona, isandla sikaYehova soba semfuyweni yakho esendle, emahasheni, emaesileni, ezinkameleni, ezinkomeni, nasempahleni emfutshane, senze indyikitya yokufa enzima kunene;
94uYehova ayibalule imfuyo yamaSirayeli kwimfuyo yamaYiputa: akuyi kufa nto kuyo yonke eyoonyana bakaSirayeli.
95UYehova umise ixesha elithile, wathi, Ngomso uYehova uya kuyenza le nto kweli lizwe.
96Wayenza ke uYehova le nto ngengomso. Yafa yonke imfuyo yamaYiputa; ke kweyoonyana bakaSirayeli imfuyo akufanga nanye.
97UFaro wasusa umntu. O, kweyamaSirayeli imfuyo akufanga nokuba ibe nye. Yaqaqadeka intliziyo kaFaro, akabandulula abantu.
98Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Thabathani uthuthu lweziko, nizalise izandla zozibini, uMoses aluphose phezulu esibhakabhakeni phambi koFaro,
99lube luthuli ezweni lonke laseYiputa, lube ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini, nasezinkomeni, ezweni lonke laseYiputa.
910Baluthabatha ke uthuthu lweziko, bema phambi koFaro; uMoses waluphosa phezulu esibhakabhakeni, lwaba ngamathumba athe qwele ngamaqhakuva ebantwini nasezinkomeni.
911Azaba nako izazi ukuma phambi koMoses ngenxa yamathumba; kuba amathumba abakho kwizazi nakumaYiputa onke.
912UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabaphulaphula, njengoko watshoyo uYehova kuMoses.
913Wathi uYehova kuMoses, Vuka kusasa, ume phambi koFaro, uthi kuye, Utsho uYehova uThixo wamaHebhere, ukuthi, Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
914Kuba ngesi sihlandlo ndithuma zonke izibetho zam entliziyweni yakho, nakubakhonzi bakho, nakubantu bakho, ukuze wazi ukuba akukho unjengam ehlabathini lonke.
915Kuba ngoku, ukuba bendithe ndasolula isandla sam, ndakubetha wena nabantu bakho ngendyikitya yokufa, ngewuthe shwaka akwabakho ehlabathini.
916Noko ke ndikumisele eli thuba lokuba ndiwabonakalalise amandla am kuwe, laziswe igama lam ehlabathini lonke.
917Unangoku usazenza udonga kubantu bam, akubandululi.
918Yabona, eli xa ngomso ndiya kunisa isichotho esinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso eYiputa, kususela kwimini eyasekwayo kude kube ngoku.
919Thumela ngoku, ukhawuleze, uhlanganise imfuyo yakho, neento zakho zonke onazo ezindle; bonke abantu neenkomo ezifunyenwe endle zingahlanganiselwanga ekhaya, zohlelwa sisichotho, zife.
920Owaloyikayo ilizwi likaYehova kubakhonzi bakaFaro, wabasabisela ezindlwini abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe.
921Ongalibekelanga ntliziyo ilizwi likaYehova, wabayeka abakhonzi bakhe nemfuyo yakhe endle.
922Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho isichotho ezweni lonke laseYiputa phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemifuno yonke yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
923UMoses wayolulela intonga yakhe ezulwini; uYehova wathoba indudumo nesichotho, nomlilo wehla weza emhlabeni. UYehova walinisela isichotho ilizwe laseYiputa.
924Kwabakho ke isichotho, nomlilo obophene phakathi kwesichotho, sinzima kunene, ekungazanga kubekho singangaso ezweni lonke lamaYiputa, kususela oko aba luhlanga.
925Isichotho sayibetha yonke into esendle ezweni lonke laseYiputa, kwathabathela emntwini kwesa enkomeni; sayibetha isichotho yonke imifuno yasendle, sayaphula yonke imithi yasendle.
926Kodwa ezweni laseGoshen, apho babekhona oonyana bakaSirayeli, akubangakho sichotho.
927Wathuma uFaro, wabiza uMoses noAron, wathi kubo, Ndonile okwesi sihlandlo. UYehova ulilungisa, ke mna nabantu bam asindawo.
928Thandazani kuYehova; kwanele ukubakho kweendudumo zikaThixo nesichotho; ndonindulula ningabi sahlala.
929UMoses wathi kuye, Ekuphumeni kwam phakathi komzi, ndozolulela kuYehova izandla zam, ziyeke iindudumo, nesichotho singabi sabakho, ukuze wazi ukuba umhlaba lo ngokaYehova.
930Ke wena nabakhonzi bakho, ndiyazi ukuba aniyi kwandula nimoyike uYehova uThixo.
931Yabhuqwa iflakisi nerhasi, kuba irhasi ibiselidubule, neflakisi ibiselityatyambile.
932Ke yona ingqolowa nespelete ayibhuqwanga; kuba ibisencinane.
933Waphuma uMoses phakathi komzi, wemka kuFaro, wazolulela izandla zakhe kuYehova, zayeka iindudumo nesichotho, yathula imvula emhlabeni.
934Wabona uFaro ukuba iphelile imvula nesichotho neendudumo, waphinda wona, wayiqaqadekisa intliziyo yakhe, yena nabakhonzi bakhe.
935Yaba lukhuni ke intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli, njengoko watshoyo uYehova ngoMoses.
101Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibonakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe;
102ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.
103Waya uMoses noAron kuFaro, bathi kuye, Utsho uYehova, uThixo wamaHebhere, ukuthi, Kunini na ungavumi ukuzithoba phambi kwam? Bandulule abantu bam, baye kundikhonza.
104Okanye ukuba uthe akwavuma ukubandulula abantu bam, uyabona, ngomso ndozisa iinkumbi emideni yakho;
105zibugubungele ubuso belizwe, lingabi nakubonwa ilizwe, zidle intsalela esindileyo, enisalele esichothweni, zidle yonke imithi enihlumelayo endle;
106zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro.
107Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala?
108Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke?
109Wathi uMoses, Siya kuhamba nolutsha neengwevu zakowethu, sihambe noonyana bethu neentombi zethu, nempahla yethu emfutshane neenkomo zethu; kuba kuthi ngumthendeleko kaYehova.
1010Wathi kubo, Makube njalo kambe; uYehova makabe nani, njengokuba ndinindulula nina nentsapho yenu. Khangelani, kukho ububi phambi kwenu.
1011Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro.
1012Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho.
1013Wayolula uMoses intonga yakhe phezu kwelizwe laseYiputa, uYehova waqhuba umoya wasempumalanga kwelo lizwe yonke loo mini nobusuku bonke; kwakusa, umoya wasempumalanga wazithwala iinkumbi.
1014Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo.
1015Zabugubungela ubuso belizwe lonke, laba mnyama ilizwe; zayidla yonke imifuno yelizwe neziqhamo zonke zemithi, ezazishiywe sisichotho; akwasala nanye into eluhlaza emthini nasemifunweni yasendle, ezweni lonke laseYiputa.
1016Wakhawuleza uFaro wabiza uMoses noAron, wathi, Ndonile kuYehova uThixo wenu nakuni.
1017Kaloku khanisixolele isono sam okwesi sihlandlo sodwa, nithandaze kuYehova uThixo wenu, akususe kum oku kufa kodwa.
1018Waphuma kuFaro, wathandaza kuYehova.
1019UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu; akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.
1020Wayenza lukhuni uYehova intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli.
1021Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.
1022Wasolulela uMoses isandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu.
1023Ababonana; akwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.
1024UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.
1025Wathi uMoses, Wena uze usinike imibingelelo namadini anyukayo ezandleni zethu, sibingelele kuYehova uThixo wethu;
1026nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye; kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
1027UYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akavuma ukubandulula.
1028Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.
1029Wathi uMoses, Utyaphile utsho; andisayi kuphinda ndibubone ubuso bakho.
111UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha; xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha.
112Khawuthethe ezindlebeni zabantu, ithi inkazana icele kummelwane wayo, indoda icele kummelwane wayo, iimpahla zesilivere neempahla zegolide.
113UYehova wabababala abantu emehlweni amaYiputa. Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kunene ezweni laseYiputa kubakhonzi bakaFaro nasebantwini.
114Wathi uMoses, Utsho uYehova ukuthi, Xa kuphakathi kobusuku, ndiya kuphuma ndihambe phakathi kweYiputa,
115afe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kumazibulo kaFaro, ohleliyo etroneni yakhe, ese kumazibulo omkhonzazana osemva kwamatye okusila, namazibulo onke eenkomo;
116kubekho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazanga kubekho sinjalo, kwaye kungayi kuphinda kubekho sinjalo.
117Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;
118behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo.
119UYehova wathi kuMoses, Akayi kuniphulaphula uFaro, ukuze zande izimanga zam ezweni laseYiputa.
1110UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
121Wathetha uYehova kuMoses nakuAron ezweni laseYiputa, wathi,
122Le nyanga kuni iyintloko yeenyanga; kuni yeyokuqala ezinyangeni zomnyaka.
123Thethani kwibandla lonke lakwaSirayeli, nithi, Ngolweshumi usuku kule nyanga elowo makazithabathele ixhwane, ngokwenzindlu zooyise, ixhwane ngendlu.
124Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni.
125Ixhwane lenu malibe liduna eligqibeleleyo, elimnyaka mnye; nolithabatha ezigusheni nokuba kusezibhokhweni.
126Nize niligcine kude kube lusuku lweshumi elinesine lwale nyanga, silixhele ke sonke isikhungu sebandla lakwaSirayeli lakutshona ilanga;
127bacaphule egazini, baliqabe emigubasini yomibini nasemqadini wezindlu eliya kudlelwa kuzo ngabo;
128bayidle inyama ngobo busuku, yosiwe ngomlilo, inezonka ezingenagwele, bayidle nemithana ekrakra.
129Musani ukudla ndawo ikrwada kuyo, nandawo ikuphekwa iphekwe ngamanzi; mayosiwe ngomlilo: intloko yalo namanqina alo nezibilini zalo.
1210Nize ningasalisi ndawo yalo kude kuse; okuseleyo kulo kwada kwasa nokutshisa ngomlilo.
1211Nize nenjenje ukulidla; nodla nibhinqile, nineembadada ezinyaweni zenu, ninentonga esandleni senu, nilidle buphuthuphuthu: leyo yipasika kuYehova.
1212Ndiya kucanda ezweni laseYiputa ngobu busuku, ndibethe onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndithabathele emntwini ndise enkomeni, ndenze izigwebo koothixo bonke baseYiputa, mna Yehova.
1213Igazi elo loba ngumqondiso kuni ezindlwini enikuzo. Ndolibona igazi, ndigqithe kuni, singabikho kuni isibetho esonakalisayo, ekulibetheni kwam ilizwe laseYiputa.
1214Le mini yoba sisikhumbuzo kuni, niyenze umthendeleko kuYehova; ezizukulwaneni zenu niyenze ummiselo ongunaphakade.
1215Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe; kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli.
1216Ngomhla wokuqala kobakho intlanganiso engcwele, nangomhla wesixhenxe kobakho intlanganiso engcwele kuni. Akuyi kwenziwa msebenzi ngawo, ingengulowo wokudla komntu; nguwo wodwa eningazenzelayo.
1217Nize nigcine umthendeleko wezonka ezingenagwele; kuba kanye ngayo loo mini ndayikhupha imikhosi yenu ezweni laseYiputa; niwugcine loo mhla kwizizukulwana zenu, ube ngummiselo ongunaphakade.
1218Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesine enyangeni leyo, ngokuhlwa, nodla izonka ezingenagwele, kude kuse kusuku lwamashumi omabini analunye lwenyanga leyo, ngokuhlwa.
1219Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo.
1220Yonke into enegwele nize ningayidli; emakhayeni enu onke nodla izonka ezingenagwele.
1221Wawabiza uMoses onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi kuwo, Hambani niye, nizithabathele ixhwane ngokwemizalwane yenu, nixhele ipasika.
1222Nithabathe isipha sehisope, nisithi nkxu egazini elisengqayini, niqabe emqadini nasemigubasini yomibini ngegazi elisengqayini; ke kuni ze kungaphumi mntu emnyango wendlu yakhe kude kuse.
1223UYehova uya kucanda, awabulale amaYiputa. Akulibona igazi emqadini nasemigubasini yomibini, wogqitha uYehova emnyango, angamvumeli umonakalisi ukuba angene ezindlwini zenu, abulale.
1224Woligcina elo zwi libe ngummiselo kuwe, nakoonyana bakho kude kuse ephakadeni.
1225Nothi, nakufika ezweni aya kuninika uYehova, njengoko watshoyo, niyigcine le nkonzo.
1226Kothi, xa bathe oonyana benu kuni, Iyintoni na le nkonzo kuni?
1227nithi ke, Ngumbingelelo wepasika kuYehova, owagqitha ezindlwini zoonyana bakaSirayeli eYiputa; ekubulaleni kwakhe amaYiputa, wazihlangula izindlu zethu.
1228Bathoba abantu, baqubuda. Bahamba oonyana bakaSirayeli, baya kwenza; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.
1229Kwathi ke phakathi kobusuku, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, kwathabathela kowamazibulo kaFaro ohleliyo etroneni yakhe, kwasa kowamazibulo omthinjwa osentolongweni engumhadi, namazibulo onke eenkomo.
1230Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo.
1231Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu;
1232nempahla yenu emfutshane neenkomo zenu zithabatheni, njengoko natshoyo, nihambe; nam nindisikelele.
1233AmaYiputa ajokisa ukubandulula abantu ngobungxamo kwelo zwe; kuba abesithi, Sonke sesifile.
1234Abantu bayithabatha intlama yabo ingekabi nagwele, imikhumbi yabo yokuxovulela isongelwe ezingutyeni zabo, ibotshelelwe emagxeni abo.
1235Oonyana bakaSirayeli benza ngokwelizwi likaMoses; bacela kumaYiputa iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, neengubo.
1236UYehova wabababala abantu phambi kwamaYiputa, abenza ukuba bacele. Bawaphanga ke amaYiputa.
1237Banduluka ke oonyana bakaSirayeli eRameses, baya eSukoti, amadoda eenyawo engathi akumakhulu omathandathu amawaka, ngaphandle kosapho.
1238Kwenyuka ke nabo inkitha engumxube, nempahla emfutshane, neenkomo, imfuyo eninzi kunene.
1239Bosa amaqebengwana angenagwele entlama, ababephume nayo eYiputa, kuba ibingenagwele; kuba bagxothwa eYiputa ababa nakulibala, kananjalo babengazenzelanga mphako.
1240Ke ukuhlala koonyana bakaSirayeli, abakuhlalayo eYiputa, yiminyaka emakhulu mane aneminyaka emanci mathathu.
1241Ekupheleni kweminyaka emakhulu mane, aneminyaka emanci mathathu, kwathi, kanye ngayo loo mini, yaphuma yonke imikhosi kaYehova ezweni laseYiputa.
1242Bubusuku obo bokugcina kukaYehova, kuba wabakhupha ezweni laseYiputa. Bubusuku bukaYehova obo bokugcinwa ngoonyana bakaSirayeli bonke, ezizukulwaneni zabo.
1243Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika ngulo: Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.
1244Onke amakhoboka, abantu abazuzwe ngemali, uze uwaluse, andule ke ukudla kuyo.
1245Olundwendwe nongumqeshwa akasayi kudla kuyo.
1246Yodlelwa ndlwini-nye; akusayi kusa nto yaloo nyama ngaphandle kwendlu, anisayi kwaphula thambo layo.
1247Lonke ibandla lakwaSirayeli loyenza loo nto.
1248Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.
1249Woba mnye umyalelo, kozalelwe kwelo zwe, nakowasemzini ophambukele phakathi kwenu.
1250Benza ke bonke oonyana bakaSirayeli; njengoko uYehova wabawisela umthetho uMoses noAron, benjenjalo.
1251Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
131UYehova wathetha kuMoses, wathi,
132Ndingcwalisele onke amazibulo, yonke into evula isizalo phakathi koonyana bakaSirayeli, kumntu nakwinkomo; yeyam.
133Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.
134Lo ngumhla eniphume ngawo ngenyanga enguAbhibhi.
135Kothi, xa uYehova anifikisileyo ezweni lamaKanan, lamaHiti, lama-Amori, lamaHivi, lamaYebhusi, awalifungela ooyihlo ukubanika, izwe elibaleka amasi nobusi, ukhonze ngale nkonzo kule nyanga:
136nidle izonka ezingenagwele iintsuku ezisixhenxe; ke usuku lwesixhenxe lungumthendeleko kuYehova;
137izonka ezingenagwele zodliwa iintsuku ezisixhenxe; kungabonwa kuwe nto inegwele, kungabonwa gwele kuwe emideni yakho yonke.
138Uze umxelele unyana wakho ngaloo mini, uthi, Ndikwenza oku ngenxa yoko uYehova wakwenzayo kum ekuphumeni kwam eYiputa;
139kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.
1310Uze uwugcine lo mmiselo ngexesha lawo elimisiweyo imihla kamihla.
1311Kothi, xa akufikisileyo uYehova ezweni lamaKanan, njengoko wafungayo kuwe nakooyihlo, wakunika lona,
1312uyidlulisele kuYehova yonke into evula isizalo, into yonke elizibulo lenkomo, oya kuba nayo; amaduna oba ngakaYehova.
1313Into yonke elizibulo le-esile woyikhulula ngokuyimisela ngexhwane; ke ukuba uthe akwayikhulula ngokuyimisela, woyaphula ilungu lentamo. Yonke into elizibulo lomntu koonyana bakho, nayo woyikhulula ngokuyimisela.
1314Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;
1315kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhulule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;
1316ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.
1317Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
1318UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.
1319UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
1320Banduluka eSukoti, balalisa e-Etam, enyeleni yentlango.
1321UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.
1322Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.
141Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
142Thetha koonyana bakaSirayeli ukuba bajike, bamise iintente phambi kwePi-hahiroti, phakathi kweMigdoli nolwandle, phambi kweBhahali-tsefon, malunga nayo, nimise ngaselwandle.
143Uya kuthi uFaro ngoonyana bakaSirayeli, Badidekile ezweni, intlango ibavingcele.
144Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Benjenjalo ke.
145Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile; yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzele ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni?
146Wayibopha inqwelo yakhe yokulwa, wabathabatha abantu bakhe, bahamba naye.
147Wathabatha amakhulu omathandathu eenqwelo zokulwa ezikhethiweyo, neenqwelo zonke zokulwa zaseYiputa, nabaphathi-mikhosi phezu kwazo zonke ziphela.
148UYehova wayenza lukhuni ke intliziyo kaFaro ukumkani waseYiputa, wabasukela oonyana bakaSirayeli, baye oonyana bakaSirayeli bephume ngesandla esiphakamileyo.
149AmaYiputa abasukela, enamahashe onke eenqwelo zokulwa kaFaro, nakhwelwayo akhe, nempi yakhe, afika kubo bemise iintente ngaselwandle, ngasePi-hahiroti phambi kweBhahali-tsefon.
1410Wasondela uFaro. Bawaphakamisa amehlo abo oonyana bakaSirayeli, nango amaYiputa efake emva kwabo. Boyika kunene, bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova.
1411Bathi kuMoses, kungokuba bekungekho mangcwaba na eYiputa, le nto usithabathileyo ukuba sifele entlango apha? Yini na ukuba usenze into enje, usikhuphe eYiputa?
1412Asililo na eli ilizwi ebesilithetha kuwe eYiputa, sisithi, Siyeke, siwakhonze amaYiputa? Kuba kube kusilungele kanye ukuba sikhonze amaYiputa, kunokuba sifele entlango apha.
1413Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade.
1414UYehova uya kunilwela, ke nina niya kuthi cwaka.
1415Wathi uYehova kuMoses, Yini na ukuba ukhale kum? Thetha koonyana bakaSirayeli, banduluke.
1416Ke wena, phakamisa intonga yakho, wolule isandla sakho phezu kolwandle, ulwahlule, bahambe oonyana bakaSirayeli phakathi kolwandle, emhlabeni owomileyo.
1417Mna ke, yabona, ndiya kuzenza lukhuni iintliziyo zamaYiputa, angene emva kwabo, ndizukiseke ngoFaro, nangempi yakhe yonke, ngeenqwelo zakhe zokulwa, nangabamahashe bakhe;
1418azi amaYiputa ukuba ndinguYehova, ekuzukisekeni kwam ngoFaro nangeenqwelo zakhe zokulwa nangabamahashe bakhe.
1419Sesuka isithunywa sikaThixo, esibe sihamba phambi kwemfuduka yamaSirayeli, sahamba emva kwayo. Wesuka umqulu welifu phambi kwayo, wema emva kwayo;
1420wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke.
1421UMoses wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, walumkisa uYehova ulwandle ngomoya wasempumalanga onamandla, bonke obo busuku, walwenza umhlaba owomileyo ulwandle, ahlulelana amanzi.
1422Bangena oonyana bakaSirayeli elwandle phakathi, kowomileyo; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.
1423Asukela amaYiputa, angena emva kwabo elwandle phakathi, enamahashe onke kaFaro, neenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
1424Kwathi ngomlindo wokusa, uYehova waqondela empini yamaYiputa esemqulwini womlilo nelifu; wayidubaduba impi yamaYiputa.
1425Wayidonyula imilenze yeenqwelo zawo zokulwa, aziqhuba nzima. Athi amaYiputa, Masisabe phambi kwamaSirayeli, kuba uYehova uyawalwela, esilwa namaYiputa.
1426Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo.
1427Wasolula uMoses isandla sakhe phezu kolwandle, ulwandle lwabuyela ebumeni balo, ukuthi qhiphu kokusa; asaba amaYiputa asinga kulo. UYehova wawavuthululela amaYiputa phakathi elwandle.
1428Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo.
1429Bona oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle; asuka amanzi aba ludonga ngasekunene nangasekhohlo.
1430Wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa; amaSirayeli awabona amaYiputa efile elunxwemeni lolwandle.
1431Asibona amaSirayeli isandla esikhulu asibonakalalisileyo uYehova kumaYiputa. Bamoyika, abantu uYehova, bakholwa nguYehova, nanguMoses umkhonzi wakhe.
151Waza uMoses wahlabela le ngoma kuYehova, enoonyana bakaSirayeli, batsho ukuthi: Ndiya kuhlabela kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu, Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
152Uqhayiya lam, ungoma yam nguYehova; Waba lusindiso kum. UloThixo wam endimzukisayo, UThixo kabawo endimphakamisayo.
153UYehova yindoda elwayo, UYehova ligama lakhe.
154Iinqwelo zokulwa zikaFaro nempi yakhe waziphosa elwandle; Abahleliweyo kubaphathi-mikhosi bakhe batshoniswe eLwandle oluBomvu.
155Amanzi enzonzobila abagubungele. Behlela ezinzulwini njengelitye.
156Isandla sakho sokunene, Yehova, sivethe amandla; Isandla sakho sokunene, Yehova, sivikiva utshaba.
157Ngobukhulu bobungangamsha bakho ubagungxule abachasi bakho; Ukhupha ukuvutha kwakho, kubadle bona njengeendiza.
158Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi, Yema njengemfumba imiqukuqela. Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.
159Lwathi utshaba, Ndiyasukela, ndiyafumana, Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo; Ndirhola ikrele lam, siya kubagqogqa isandla sam.
1510Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle; Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.
1511Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova? Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele, Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?
1512Wolula isandla sakho sokunene, Umhlaba uyabaginya.
1513Uyabakhokela ngenceba yakho abantu aba ubahlawuleleyo, ubakhululeyo. Ngoqilima lwakho ubathundezela ekhayeni lakho elingcwele.
1514Zivile izizwe, ziyangqunga, Abemi baseFilisti babanjwe kukuzibhijabhija,
1515Zaza zakhwankqa izikhulu zakwaEdom; Iinjengele zakwaMowabhi zabanjwa kukuthuthumela, Batha amandla bonke abemi belakwaKanan.
1516Bawelwa kukudenga nakukunkwantya, Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye, Bade badlule abantu bakho, Yehova, Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.
1517Uya kubangenisa, ubatyale entabeni yelifa lakho, Endaweni oyenzele ukuba uhlale kuyo, Yehova, Engcweleni eziyilungisileyo izandla zakho.
1518UYehova uya kuba ngukumkani ngonaphakade kanaphakade.
1519Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.
1520UMiriyam umprofetikazi, udade boAron, wathabatha ingqongqo ngesandla sakhe; aphuma onke amankazana emva kwakhe, eneengqongqo engqungqa.
1521Wawaphendula uMiriyam wathi, Vumani kuYehova, kuba enobungangamsha obukhulu; Ihashe nomkhweli walo ulizulumbele elwandle.
1522UMoses wawandulula amaSirayeli, emka eLwandle oluBomvu, aphuma aya entlango yaseShure; ahamba iintsuku zantathu entlango, akafumana manzi.
1523Afika eMara, akaba nakuwasela amanzi aseMara, kuba ayekrakra; ngenxa yoko igama laloo ndawo kwathiwa yiMara.
1524Abantu bamkrokrela uMoses, besithi, Siya kusela ntoni na? Wadanduluka kuYehova.
1525UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.
1526Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa; kuba ndinguYehova, igqirha lakho.
1527Bafika e-Elim, apho kwaye kukho imithombo yamanzi elishumi elinamibini, nemithi yesundu engamashumi osixhenxe, bazimisa iintente khona ngasemanzini.
161Lonke ibandla loonyana bakaSirayeli landuluka e-Elim, lafika entlango yaseSin, ephakathi kwe-Elim, neSinayi, ngosuku lweshumi elinesihlanu lwenyanga yesibini yokuphuma kwabo ezweni laseYiputa.
162Labakrokrela ooMoses noAron lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango apho.
163Bathi oonyana bakaSirayeli kubo, Akwaba besife sisandla sikaYehova ezweni laseYiputa, xa sasihleli ngasezimbizeni zenyama, sisidla isonka sada sahlutha; ngokuba nisikhuphele kule ntlango, ukuze nisibhubhise sonke esi sikhungu ngendlala.
164Wathi uYehova kuMoses, Uyabona, ndiya kuninisela isonka sivela ezulwini; baphume abantu, babuthe isabelo semini esilingene imini, ukuze ndibalinge ukuba bohamba ngomyalelo wam, abayi kuhamba ngawo, kusini na.
165Kothi ngemini yesithandathu, balungise oko bakuzisileyo; koba ngumlinganiselo ophindwe kabini kunoko bathe bakubutha imihla ngemihla.
166Wathi uMoses noAron koonyana bakaSirayeli bonke, Ngokuhlwa niya kwazi ukuba nguYehova owanikhuphayo ezweni laseYiputa;
167kusasa niya kububona ubuqaqawuli bukaYehova, ekubeni ekuvile ukumkrokrela kwenu uYehova. Thina besingoobani na ukuba nisikrokrele?
168Wathi uMoses, Niya kububona ekuthini uYehova aninike inyama ngokuhlwa, nidle isonka kusasa, nihluthe; ekubeni uYehova ekuvile ukukrokra kwenu enimkrokrela ngako. Ke thina singoobani na? Anikrokreli thina, nikrokrela uYehova.
169Wathi uMoses kuAron, Yithi kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, Sondelani phambi koYehova; kuba ukuvile ukukrokra kwenu.
1610Ke kaloku, xa wayethetha uAron kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, bakhangela entlango, nabo ubuqaqawuli bukaYehova bubonakala efini.
1611Wathetha uYehova kuMoses, wathi,
1612Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
1613Kwathi ngokuhlwa zenyuka izagwityi, zayigubungela iminquba yonke; kusasa kwabakho umbethe olele ngeenxa zonke eminqubeni.
1614Wenyuka umbethe obulele, nanko kukho phezu komhlaba entlango intwana apha ecolekileyo, ejiyileyo, encinanana njengeqabaka emhlabeni.
1615Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.
1616Le yiloo nto wawisa umthetho ngayo uYehova, wathi, Buthani yona, elowo ngangokudla kwakhe, ihomere ngentloko yomntu, ngokwenani labantu, elowo athabathele abasententeni yakhe.
1617Benjenjalo oonyana bakaSirayeli; babutha omnye kakhulu, omnye kancinane.
1618Balinganisela ngehomere; akagqithisa obuthe kakhulu; akasilela obuthe kancinane; babutha elowo ngangokudla kwakhe.
1619Wathi kubo uMoses, Umntu makangabeki mbeko.
1620Abamphulaphulanga uMoses. Inxenye yayibeka umbeko; yabola, yaba neempethu, yanuka. UMoses waba noburhalarhume kubo.
1621Bayibutha imiso ngemiso, elowo ngangokudla kwakhe; lathi lakufudumala ilanga yanyibilika.
1622Kwathi ngemini yesithandathu, babutha isonka semihla emibini, iihomere ezimbini mntwini mnye. Zangena zonke izikhulu zebandla, zamxelela uMoses.
1623Wathi kuzo, Yiyo loo nto ayithethileyo uYehova, Ngomso luphumlo; yisabatha engcwele kuYehova; yosani enikosayo, phekani enikuphekayo, zibekeleni yonke into eseleyo, igcinwe kude kuse.
1624Bayibeka ke kwada kwasa, njengoko uMoses wabawisela umthetho; ayanuka, akwabakho mpethu kuyo.
1625Wathi uMoses Yidleni namhla; kuba namhla yisabatha kuYehova; namhla aniyi kuyifumana endle.
1626Noyibutha imihla emithandathu; ngomhla wesixhenxe yisabatha; ayi kubakho ngawo.
1627Kuthe ngomhla wesixhenxe, kwaphuma inxenye yabantu, yaya kubutha, ayafumana nto.
1628Wathi uYehova kuMoses, Kuya kuda kube nini na, ningavumi ukuyigcina imithetho yam nemiyalelo yam?
1629Niyabona ke, uYehova uninike isabatha; kungenxa yoko athe ngomhla wesithandathu waninika isonka semihla emibini. Hlalani elowo endaweni yakhe; makungaphumi mntu endaweni yakhe ngomhla wesixhenxe.
1630Baye bephumla ke abantu ngomhla wesixhenxe.
1631Indlu kaSirayeli yathi igama lale nto yimana. Yayinjengembewu yekoriyandire, imhlophe, isongo sayo sinjengezonkana ezinobusi.
1632Wathi uMoses, Nantsi into awise umthetho ngayo uYehova: zalisani ihomere ngayo, igcinelwe izizukulwana zenu, ukuze zisibone isonka endinidlise sona entlango, ekunikhupheni ezweni laseYiputa.
1633Wathi uMoses kuAron, Thabatha isitya sibe sinye, ugalele ihomere kuso sizale yimana, uyibeke phambi koYehova, igcinelwe izizukulwana zenu;
1634igcinwe njengoko uYehova wamwisela uMoses umthetho ngako. Wayibeka uAron phambi kwesingqino, ukuba igcinwe.
1635Bayidla oonyana bakaSirayeli imana iminyaka emashumi mane, bada bafika ezweni elimiweyo; bayidla imana bada bafika emdeni welizwe lakwaKanan
1636Ke ihomere isisahlulo seshumi se-efa.
171Landuluka lonke ibandla loonyana bakaSirayeli entlango yaseSin ngokweehambo zabo, ngelizwi likaYehova; bazimisa iintente eRefidim. Akwabakho manzi okuselwa ngabantu.
172Babambana abantu noMoses, bathi, Sinike amanzi, sisele. Wathi uMoses kubo, Yini na ukuba nibambane nam? Yini na ukuba nimlinge uYehova?
173Banxanelwa amanzi apho abantu; abantu bamkrokrela uMoses, bathi, Yini na ukuba usinyuse siphume eYiputa, nosapho lwethu, nemfuyo yethu, uze kusibhubhisa ngenxano?
174UMoses wadanduluka kuYehova, esithi, Ndiya kubathini na aba bantu? Sekukancinane ukuba bandixulube ngamatye.
175Wathi uYehova kuMoses, Gqithela phambi kwabantu, uthabathe amadoda amakhulu akwaSirayeli abe nawe; uthi nentonga yakho, owawubetha ngayo umlambo, uyiphathe esandleni sakho, uhambe.
176Yabona, ndiya kuma phambi kwakho khona, phezu kweliwa eHorebhe; uze ulibethe iliwa; kophuma amanzi kulo, basele abantu. Wenjenjalo ke uMoses phambi kwawo amadoda amakhulu akwaSirayeli.
177Wathi igama laloo ndawo yiMasa neMeribha, ngenxa yokubambana koonyana bakaSirayeli, nangenxa yokumlinga kwabo uYehova, besithi, UYehova ukho na phakathi kwethu, akakho, kusini na?
178UAmaleki weza, walwa noSirayeli eRefidim.
179Wathi uMoses kuYoshuwa, Sihlelele amadoda; uze wena uphume ulwe noAmaleki; mna ngomso ndiya kuma encotsheni yenduli, intonga kaThixo isesandleni sam. Wenza uYoshuwa njengoko wathethayo uMoses kuye, walwa noAmaleki;
1710bona ooMoses na-Aron noHure benyuka baya encotsheni yenduli.
1711Kwathi, xa aziphakamisileyo uMoses izandla, kweyisa uSirayeli; kwathi xa azihlisileyo izandla, kweyisa uAmaleki.
1712Izandla zikaMoses zadinwa. Bathabatha ilitye, balibeka phantsi kwakhe, wahlala kulo; bathi ooAron noHure bazixhasa izandla zakhe, omnye engapha, nomnye engaphaya. Zazimaseka izandla zakhe, lada ilanga latshona.
1713UYoshuwa wamchitha uAmaleki nabantu bakowabo ngohlangothi lwekrele.
1714Wathi uYehova kuMoses, Kubhale oku kube sisikhumbuzo encwadini, ukuthethe ezindlebeni zikaYoshuwa; ngokuba ndiya kusicima impela isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwamazulu.
1715UMoses wakha isibingelelo, wathi igama laso nguYehova-ibhanile-yam.
1716Wathi, Isandla siphakanyiselwe etroneni kaYehova, ukuba uYehova uya kulwa imfazwe noAmaleki isizukulwana ngesizukulwana.
181UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa.
182UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule,
183noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom, kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga; igama lomnye lalinguEliyezere,
184kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro.
185UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo.
186Wathi kuMoses, Mna Yitro, unguyihlo, ndize kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.
187Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni.
188UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanayo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.
189Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa.
1810Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaDaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa.
1811Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli.
1812UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
1813Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa.
1814Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe?
1815Wathi uMoses kuyise womkakhe, Kungokuba abantu besiza kum ukuba ndibacelele icebo kuThixo;
1816xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazise imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.
1817Wathi uyise womkaMoses kuye,
1818Ayilungile le nto uyenzayo. Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa.
1819Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo;
1820ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza.
1821Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye;
1822bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise.
1823Ukuba uthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, woba nako ukuma, bathi naba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo.
1824UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile.
1825UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheli-waka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye.
1826Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona.
1827UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.
191Ngenyanga yesithathu emveni kokuphuma koonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa, ngayo loo mini, bafika entlango yaseSinayi.
192Banduluka eRefidim, bafika entlango yaseSinayi, balalisa entlango; amisa iintente apho amaSirayeli malunga nentaba.
193UMoses wenyuka waya kuThixo, uYehova wadanduluka kuye esentabeni apho, wathi, Yitsho kwindlu kaYakobi, uxelele oonyana bakaSirayeli ukuthi,
194Nina niyibonile into endiyenzileyo kumaYiputa, ukuba ndanithwala ngamaphiko okhozi, ndanizisa kum.
195Ngoku ke, ukuba nithe naliphulaphula okunene izwi lam, nawugcina umnqophiso wam, noba yinqobo kum kwizizwe zonke, kuba ihlabathi lonke lelam;
196nibe bubukumkani bababingeleli kum, nohlanga olungcwele. Ngawo lawo amazwi oya kuwathetha koonyana bakaSirayeli.
197Weza uMoses, wawabiza amadoda amakhulu abantu, wabeka phambi kwawo onke amazwi uYehova awamwisela umthetho ngawo.
198Baphendula bonke abantu ngamxhelo mnye, bathi, Konke akuthethileyo uYehova sokwenza. UMoses wayixelela uYehova intetho yabantu.
199Wathi uYehova kuMoses, Yabona, ndiyeza kuwe ndiselifini elingqingqwa, ukuze beve abantu ekuthetheni kwam nawe, bakholwe kuwe ngonaphakade. Wawaxela ke uMoses amazwi abantu kuYehova.
1910Wathi uYehova kuMoses, Yiya ebantwini, ubangcwalise namhla nangomso, bazihlambe iingubo zabo, balunge ngomhla wesithathu;
1911kuba ngomhla wesithathu uya kuhla uYehova phezu kwentaba yeSinayi, emehlweni abantu bonke;
1912ubamisele abantu imida ngeenxa zonke, uthi kubo, Zigcineni ningenyukeli entabeni, ningawachukumisi amazantsi ayo; osukuba eyichukumisa intaba wobulawa afe.
1913Makungafiki sandla kuye; makaxulutywe ngamatye mpela, athi mhlawumbi atolwe nokutolwa; nokuba yinto ezizitho zine, nokuba ngumntu, akayi kuphila. Sakolula isandi sesigodlo ukuhlokoma, banganyuka entabeni bona.
1914Wehla uMoses entabeni, waya ebantwini, wabangcwalisa abantu; bazihlamba iingubo zabo.
1915Wathi ebantwini, Ize nizilungiselele umhla wesithathu, ningasondeli ebafazini.
1916Kwathi ngomhla wesithathu, kwakusa, kwabakho iindudumo, nemibane, nelifu elinzima phezu kwentaba, nesandi sesigodlo esomeleleyo kunene; bagubha bonke abantu abaseminqubeni.
1917UMoses wabakhupha abantu eminqubeni, baya kumkhawulela uThixo; bema emazantsi entaba.
1918Intaba yeSinayi yaba ngumsi yonke iphela, kuba uYehova wehla phezu kwayo esemlilweni. Umsi wayo wenyuka njengomsi weziko lemfutho; yanyikima kunene yonke intaba.
1919Kwabakho isandi sesigodlo esaya sisomelela kakhulu; wathetha uMoses, uThixo wamphendula ngesandi.
1920Wehla ke uYehova phezu kwentaba yeSinayi, encotsheni yentaba; uYehova wambizela uMoses encotsheni yentaba leyo; wenyuka ke uMoses.
1921Wathi uYehova kuMoses, Yihla, ubaqononondise abantu, hleze batyhobozele kuYehova, bakhangele, kwenzakale into eninzi kubo.
1922Kananjalo ababingeleleli abasondelayo kuYehova, mabazingcwalise, hleze uYehova ababhubhise.
1923Wathi uMoses kuYehova, Abantu abanakunyuka, baye entabeni yeSinayi; kuba wena wasiqononondisa wathi, Yimisele imida intaba, uyingcwalise.
1924Wathi uYehova kuye, Hamba uhle, uze unyuke wena ninoAron; ke ababingeleli nabantu mabangatyhobozi benyuke beze kuYehova, hleze ababhubhise.
1925Wehla ke uMoses, waya ebantwini, watsho kubo.
201UThixo wawathetha ke onke la mazwi, wathi:
202NdinguYehova, uThixo wakho, owakukhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
203Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
204Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba.
205Uze ungaqubudi kwezo nto, ungazikhonzi: kuba mna, Yehova Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana, kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabandithiyileyo;
206ndiwenzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
207Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho; kuba uYehova akayi kumenza omsulwa ofumana alibize igama lakhe.
208Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise.
209Wosebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho;
2010ke wona umhla wesixhenxe uyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi ngawo, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nezinto zakho ezizitho zine, nowasemzini osemasangweni akho:
2011kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.
2012Beka uyihlo nonyoko, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
2013Uze ungabulali.
2014Uze ungakrexezi.
2015Uze ungebi.
2016Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
2017Uze ungawunqweneli umzi wommelwane wakho. Uze ungamnqweneli umfazi wommelwane wakho, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
2018Bonke abantu bazibona iindudumo nemibane, nesandi sesigodlo, nentaba ingumsi. Abantu babona ke bangcangacazela, bamela kude.
2019Bathi kuMoses, Thetha wena nathi, siya kuva; makangathethi nathi uThixo, hleze sife.
2020Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; kuba uThixo uze kunilinga, ukuba kubekho ukumoyika ebusweni benu, ukuze ningoni.
2021Abantu bamela kude; wasondela uMoses esithokothokweni abekuso uThixo.
2022Wathi uYehova kuMoses, Wotsho koonyana bakaSirayeli, ukuthi, Nibonile nina, ukuba ndithethe nani ndisemazulwini.
2023Ize ningenzi oothixo bokunxulumana nam, ningazenzeli oothixo besilivere, noothixo begolide.
2024Uze undenzele isibingelelo somhlaba, ubingelele phezu kwaso amadini akho anyukayo, nemibingelelo yakho yoxolo, impahla yakho emfutshane neenkomo zakho. Ndoza kuwe ndikusikelele ezindaweni zonke endomisa kuzo isikhumbuzo segama lam.
2025Ke ukuba uthe wandenzela isibingelelo samatye, uze ungasakhi ngamatye aqingqiweyo; okanye ukuba uthe wayiphakamisa intlabo yakho phezu kwaso, woba usihlambele.
2026Uze ungenyuki ngezinyuko esibingelelweni sam, ukuze bungatyhileki ubuze bakho kuso.
211Ngawo la amasiko oya kuwabeka phambi kwabo:
212Xa uthe wazuza ikhoboka elingumHebhere, lokhonza iminyaka ibe mithandathu; lithi kowesixhenxe liphume likhululekile, lingahlawulelwanga.
213Ukuba lithe leza lodwa, lophuma lodwa; ukuba belithe leza liyindoda enomfazi, umkalo wophuma nalo.
214Ukuba ke inkosi yalo ithe yalizekela umfazi, walizalela oonyana, nokuba ziintombi: umfazi lowo nabantwana balo boba ngabenkosi yalo, liphume lona lodwa.
215Ukuba lithe eli khoboka, Ndiyayithanda inkosi yam, nomkam, nabantwana bam, andiyi kuphuma ndikhululekile:
216inkosi yalo leyo yolisondeza kuThixo, ilisondeze elucangweni, nokuba kusemgubasini, ilithumbuse indlebe ngenyatyhowa inkosi yalo, liyikhonze ngonaphakade.
217Xa ke umntu athe wathengisa ngentombi yakhe, yaba likhobokazana, mayingaphumi ngokokuphuma kwamakhoboka lawo.
218Ke ukuba ithe ayayikholisa inkosi yayo, ebizimisele yona, yoyivumela ukuba ikhululwe ngentlawulelo; ke ayiyi kuba nagunya lakuthengisa ngayo kubantu bolunye uhlanga, ukuba iyitshinizele.
219Ukuba ithe yayimisela unyana wayo, yothi iyenze ngokwesiko leentombi zonke.
2110Ukuba ithe yamzekela omnye umfazi, mayingakunciphisi ukudla kwayo, nezambatho zayo, nokubalelwa kwayo.
2111Ukuba ayithanga izenze ezo zinto zontathu, mayiphume ingahlawulelwanga mali.
2112Othe wabetha umntu wafa, naye wobulawa afe.
2113Ke lowo ubengenanzondo, yanguThixo omqubisanise nesandla sakhe, ndokumisela indawo aya kusabela kuyo.
2114Xa ke umntu athe wagabadela ngakummelwane wakhe, wambulala ngobuqhophololo: uze umsuse nasesibingelelweni sam, afe.
2115Othe wabetha uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
2116Othe weba umntu, nokuba uthengise ngaye, nokuba ufunyenwe esandleni sakhe, wobulawa afe.
2117Othe watshabhisa uyise, nokuba ngunina, wobulawa afe.
2118Xa athe abambana amadoda, yaza enye yambetha ummelwane wakhe ngelitye, nokuba kungengqindi, akafa, wesuka walala ngendlu:
2119ukuba uthe wavuka, wahamba phandle esimelela: mayingabi natyala leyo yambethayo, kodwa yomnika indleko yexesha lakhe, imphilise aphile.
2120Xa athe umntu wabetha isicaka sakhe, nokuba sisicakakazi sakhe ngentonga, safa ngesandla sakhe: sophindezelwa ngenene.
2121Kodwa ukuba sithe sahlala, asafa, usuku nokuba ziintsuku: makungaphindezelwa; kuba siyimali yakhe.
2122Xa athe amadoda abambana ngezihlwitha, agila umfazi emithi, waphuma isisu, akwenzakala nto noko: makahlawuliswe ngenene umfo lowo, njengoko iya kubeka phezu kwakhe indoda yaloo mfazi, arhole ngokwelizwi labahluli.
2123Ukuba uthe wenzakala, uze urhole umphefumlo ngomphefumlo,
2124iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo,
2125ukutshiswa ngokutshiswa, inxeba ngenxeba, umvumbo ngomvumbo.
2126Xa athe umntu wasibetha esweni isicaka sakhe, nokuba uthe wasibetha esweni isicakakazi sakhe, latyhaphaka: makasindulule sikhululekile ngenxa yeliso laso.
2127Ukuba uthe wakhumla izinyo lesicaka sakhe, nokuba lelesicakakazi sakhe: makasindulule sikhululekile ngenxa yezinyo laso.
2128Ke xa inkomo ithe yahlaba indoda, nokuba yinkazana, yafa: loo nkomo mayigityiselwe ngamatye, ingadliwa inyama yayo; umnininkomo woba msulwa.
2129Ke ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, waza waziswa umniniyo, akayigcina noko, yaza yabulala indoda, nokuba yinkazana: mayigityiselwe ngamatye inkomo leyo, kananjalo nomniniyo makabulawe.
2130Ukuba uthe wamiselwa intlawulo yokuzicamagushela, makayirhole akhulule umphefumlo wakhe, ngako konke akumiselweyo.
2131Nokuba ihlabe unyana, nokuba ihlabe intombi, makwenziwe kuye ngelo siko.
2132Ukuba inkomo yakhe ithe yahlaba isicaka, nokuba sisicakakazi, makarholele inkosi yaso iishekele zesilivere ezimashumi mathathu, inkomo yona igityiselwe ngamatye.
2133Xa umntu athe wavula umhadi, naxa umntu athe wemba umhadi, akawuvingca, kweyela inkomo, nokuba liesile, kuwo:
2134umninimhadi woyimisela, ambuyisele umniniyo ngemali, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
2135Xa ithe inkomo yomntu yahlaba inkomo yommelwane wakhe, yafa, mabathengise ngenkomo leyo iphilileyo, bayahlule imali yayo; kananjalo mabayahlule leyo ifileyo.
2136Ukuba kwakusazeka ukuba inkomo leyo ibihlaba kakade, akayigcina umniniyo: makayimisele inkomo ngenkomo, leyo ifileyo ibe yeyakhe.
221Xa umntu athe weba inkomo, nokuba yigusha, wayixhela, mhlawumbi wathengisa ngayo: makadliwe iinkomo zibe ntlanu ngenkomo leyo, izimvu zibe ne ngemvu leyo.
222Ukuba isela lithe lafunyanwa ligqobha indlu, labethwa lafa, akukho tyala lagazi kulowo.
223Ukuba liphunyelwe lilanga, lobakho ityala legazi kulowo. Loo nto maliyimisele ngokuzeleyo; ukuba alinanto, makuthengiswe ngalo ngenxa yobusela balo.
224Ukuba ithe yafunyanwa isesandleni salo, okanye iphilile, loo nto ibiweyo, nokuba yinkomo, nokuba liesile, nokuba yigusha, maliyibuyise nganto mbini.
225Xa umntu athe wadlisa intsimi, nokuba sisidiliya, wavulela iinkomo zakhe, zayidla intsimi yomnye: makamisele ngeyona nto intle yentsimi yakhe, nangeyona nto intle yesidiliya sakhe.
226Xa kuthe kwatsha umlilo, wafumanana neentango, watshisa izitha zengqolowa, nokuba yemiyo, nokuba yintsimi: lowo uwutshisileyo makazimisele ezo zinto.
227Xa athe umntu wanikela ummelwane wakhe imali, nokuba yimpahla, ukuba ayigcine, yaza yabiwa endlwini yaloo mntu: ukuba lithe lafunyanwa isela elo, maliyibuyekeze kabini.
228Ukuba lithe alafunyanwa isela: umninindlu makasondezwe kuThixo, afunge ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe lowo.
229Ngenxa yezinto zonke zokona, ngenxa yenkomo, ye-esile, yegusha, yengubo, nangenxa yezinto zonke ezidakileyo, ezifaniswayo: loo ndawo yabo bobabini yoya phambi koThixo; othe wagwetywa nguThixo, wombuyekeza kabini ummelwane wakhe.
2210Xa athe umntu wanika ummelwane wakhe iesile, nokuba yinkomo, nokuba yigusha, nokuba yiyiphi into ezitho zine, ukuba ayigcine; yaza yafa, mhlawumbi yaphuka, mhlawumbi yathinjwa, kungaboni bani:
2211makubekho ukufunga uYehova phakathi kwabo bobabini, ukuba akayiphathanga impahla yommelwane wakhe; makamkele oko umniniyo, loo mntu angayimiseli.
2212Ukuba ibiwe yabiwa ikuye, woyimisela kumniniyo.
2213Ukuba iqwengiwe, woyizisa ibe lingqina; makangayimiseli into eqwengiweyo.
2214Xa athe umntu waboleka inkomo kummelwane wakhe, yaza yaphuka, mhlawumbi yafa, engekho umniniyo, makayimisele.
2215Ukuba ithe yenzakala ekho umniniyo, makangayimiseli; ukuba ibithe yaqeshwa, ibe ihambele ingqesho yayo.
2216Xa athe umntu warhwebesha intombi engaganiweyo, walala nayo, woyilobola ibe ngumkakhe.
2217Ukuba uyise wayo walile kanye ukumnika, makarhole imali njengekhazi lazo iintombi.
2218Umkhafulikazi uze ungamyeki adle ubomi.
2219Bonke abathe balala inkomo, mababulawe bafe.
2220Obingelela kuthixo ongenguye uYehova yedwa, makasingelwe phantsi.
2221Umphambukeli uze ungamxinzeleli phantsi, ungamxini; kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
2222Yonke into engumhlolokazi nenkedama uze ungayicinezeli.
2223Ukuba uthe wabacinezela nangayiphi na indlela, bakhala kum, ndokuva ukukhala kwabo;
2224uvuthe umsindo wam, ndinibulale ngekrele; babe ngabahlolokazi abafazi benu, babe ziinkedama abantwana benu.
2225Ukuba uthe wababoleka imali abantu bam abaziintsizana abanawe, uze ungabi kubo njengomboleki-mali: uze ungababizi nzala.
2226Ukuba ummelwane wakho ubambise ngengubo yakhe kuwe, woyibuyisela kuye lingekatshoni ilanga;
2227kuba yona ikukuphela kwesigubungelo anaso, yingubo yakhe yomzimba wakhe; wolala ngantoni ke? Kothi, xa athe wakhala kum, ndive; kuba ndinenceba.
2228UThixo uze ungamtshabhisi, nesikhulu ebantwini bakowenu uze ungasiqalekisi.
2229Indyebo yakho nencindi yemithi yakho, uze ungalibali ukundinika. Oonyana bakho bamazibulo uze undinike.
2230Uze wenjenjalo ngenkomo yakho, nangempahla yakho emfutshane: mayibe kunina iintsuku ezisixhenxe, uthi ngosuku lwesibhozo undinike.
2231Noba ngabantu abangcwele kum; inyama yento eqwengiweyo endle nize ningayidli; noyiphosa ezinjeni.
231Uze ungathuthi ludaba lukhohlakeleyo: uze ungancedisani nongendawo, ukuba ube lingqina logonyamelo.
232Uze ungalandeli isininzi ukuya kwenza izinto ezimbi; ungathi ukungqina kwimbambano ekhoyo, ujike ulandele isininzi, uyijike inyaniso.
233Uze ungasicengi isisweli ekubambaneni kwaso nomnye.
234Xa uthe waqubisana nenkomo yotshaba lwakho, nokuba liesile lalo, lilahleka: wolibuyisela kulo.
235Xa uthe walibona iesile lokuthiyileyo lisadalele phantsi komthwalo walo, musa ukumyekela; likhulule umkhululise.
236Uze ungasijiki isigwebo sehlwempu lakho ekubambaneni kwalo nomnye.
237Zikhwelelise kude entweni ebubuxoki; musa ukumbulala omsulwa nolilungisa: kuba andiyi kumgwebela ongendawo.
238Uze ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi siyabamfamekisa ababonayo, siphenula imicimbi yamalungisa.
239Uze ungamxini umphambukeli; niyawazi nina umphefumlo womphambukeli, kuba naningabaphambukeli nani ezweni laseYiputa.
2310Wowuhlwayela umhlaba wakho iminyaka emithandathu, ubuthe iziqhamo zawo;
2311ke ngowesixhenxe wowuyeka ulale, adle amahlwempu abantu bakowenu, okuseleyo kuwo kudliwe ziinyamakazi; wenjenjalo ngesidiliya sakho, nangesinquma sakho.
2312Wowusebenza umsebenzi wakho imihla emithandathu, uphumle ngomhla wesixhenxe; iphumle inkomo yakho ne-esile lakho, akhe aphefumle unyana wesicakakazi sakho nomphambukeli.
2313Zonke izinto endizithethileyo kuni, zigcineni; igama lathixo bambi uze ungalikhankanyi, lingaviwa emlonyeni wakho.
2314Wondenzela umthendeleko kathathu ngomnyaka.
2315Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine, udle izonka ezingenagwele imihla esixhenxe, njengoko ndakuwiselayo umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma ngayo eYiputa; makungabonakali bani phambi kwam engaphethe lutho;
2316nomthendeleko wexa lokuvuna, wentlahlela yemisebenzi yakho yokuhlwayela entsimini; nomthendeleko wokuhlanganisa, osekupheleni komnyaka, ekuhlanganiseni kwakho imisebenzi yakho entsimini.
2317Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, mayibonakale yonke into eyindoda yakowenu phambi kweNkosi uYehova.
2318Uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele igazi lombingelelo wam; nenqatha lomthendeleko wam malingabi ngumbeko.
2319Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyizise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lonina.
2320Uyabona, ndithuma isithunywa phambi kwakho, ukuba sikugcine endleleni, sikufikise endaweni endiyilungisileyo.
2321Silumkele, uliphulaphule izwi laso. Musa ukusiphikisa; kuba asiyi kuluxolela ukreqo lwenu; kuba igama lam likuso.
2322Ke ukuba uthe waliva ilizwi laso, wenza konke endikuthethayo, ndoba lutshaba kwiintshaba zakho, ndibabandezele ababandezeli bakho.
2323Kuba isithunywa sam sohamba phambi kwakho, sikufikise kuma-Amori, namaHiti, namaPerizi, namaKanan, namaHivi, namaYebhusi; ndiwabethe athi shwaka.
2324Uze ungabanquli oothixo babo, ungabakhonzi, ungenzi ngokwemisebenzi yabo; uze uzigungxule, uziqhekeze nokuziqhekeza izimiso zabo zamatye.
2325Nize nikhonze uYehova uThixo wenu, asisikelele isonka sakho, namanzi akho; ndisisuse isifo phakathi kwakho.
2326Akuyi kubakho kuphunza nakudlola ezweni lakho; inani lemihla yakho ndolizalisa.
2327Ndiya kuzithuma phambi kwakho izothuso zam, ndibadubadube bonke abantu oya kufika kubo, iintshaba zakho zonke ndizenze zikunikele ikhosi;
2328ndithume oonomeva phambi kwakho, bawagxothe amaHivi, namaKanan, namaHiti, asuke phambi kwakho.
2329Andiyi kuwagxotha phambi kwakho ngamnyaka mnye, hleze ilizwe kube senkangala kulo, ande amarhamncwa asendle phezu kwakho.
2330Ndiya kumana ukuwagxotha kancinane phambi kwakho, ude wande, ulidle ilifa ilizwe.
2331Ndoyimisa imida yakho, ithabathele kuLwandle oluBomvu ise kulwandle lwamaFilisti; ithabathele entlango, ise kuwo uMlambo; kuba abemi belo lizwe ndiya kubanikela esandleni sakho, ubagxothe phambi kwakho.
2332Uze unganqophisani nabo, kwanoothixo babo;
2333ize bangemi kwelo zwe lakho, hleze bakwenze undone. Xa uthe wabakhonza oothixo babo, inene, oko koba ngumgibe kuwe.
241Wathi ke kuMoses, Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi, noAbhihu, namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, ninqule nikude;
242kusondele uMoses yedwa kuYehova; bangasondeli bona, nabantu bangenyuki naye.
243Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova, namasiko onke. Baphendula bonke abantu ngazwi-nye, bathi, Onke amazwi awathethileyo uYehova sowenza.
244Wawabhala uMoses onke amazwi kaYehova, wavuka kusasa, wakha isibingelelo emazantsi entaba, nezimiso zamatye zalishumi elinazibini, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
245Wathuma abafana bakoonyana bakwaSirayeli, banyusa amadini anyukayo, babingelela imibingelelo yoxolo, iinkunzi ezintsha zeenkomo kuYehova.
246UMoses wathabatha isiqingatha segazi, wasigalela ezidendelekweni, esinye isiqingatha segazi wasitshiza esibingelelweni.
247Wathabatha incwadi yomnqophiso, wayilesa ezindlebeni zabantu; bathi bona, Yonke into ayithethileyo uYehova soyenza siyive.
248Walithabatha uMoses igazi, wabatshiza abantu ngalo, wathi, Nalo igazi lomnqophiso awenzayo uYehova nani ngala mazwi onke.
249Wenyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu, namashumi osixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli.
2410Bambona uThixo wamaSirayeli; phantsi kweenyawo zakhe kwaye kunjengento eyenziwe ngesafire eqaqambileyo, njengenkqu yezulu lisile.
2411Amanene oonyana bakaSirayeli akawasanga sandla. Ambona ke uThixo, adla, asela.
2412Wathi uYehova kuMoses, Nyuka uze kum entabeni, ube khona, ndikunike amacwecwe amatye enomyalelo nomthetho, endiwubhalele ukuze bayalwe ngawo.
2413Wesuka uMoses noYoshuwa, umlungiseleli wakhe, wenyuka ke uMoses waya entabeni kaThixo.
2414Wathi kumadoda amakhulu, Hlalani, nisilinde apho, side sibuye, size kuni. Yabonani, uAron noHure banani; onendawo yokumangala makasondele kubo.
2415Wenyuka ke uMoses waya entabeni; ilifu layigubungela intaba.
2416Ubuqaqawuli bukaYehova bahlala phezu kwentaba yeSinayi; ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu; wamemeza kuMoses ngosuku lwesixhenxe phakathi efini.
2417Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova, emehlweni oonyana bakaSirayeli, kwaye kunjengomlilo otshayo encotsheni yentaba.
2418Wangena uMoses phakathi efini, wenyuka ke intaba uMoses; waba sentabeni apho iimini ezimashumi mane, nobusuku obumashumi mane.
251Wathetha uYehova kuMoses, wathi, Thetha koonyana bakaSirayeli, bandizisele umrhumo.
252Nowuthabatha umrhumo wam ebantwini bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo.
253Nguwo lo ke umrhumo eniya kuwuthabatha kubo: igolide, nesilivere, nobhedu;
254nento emsi nemfusa nebomwu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
255nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi;
256nemingampunzi, ioli yesikhanyiso, ubulawu beoli yentambiso, nobesiqhumiso esiqholiweyo;
257amatye ebherilo, namatye okufakwe e-efodini, nawobengo;
258bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo.
259Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.
2510Mabenze ityeya yomngampunzi. Ubude bayo mabube ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo bube yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;
2511uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyaleke ngaphakathi nangaphandle, uze uyithi jize ngesithsaba segolide;
2512woyityhidela amakhonkco egolide abe mane, uwafake emilenzeni yayo yomine, amakhonkco abe mabini ngeli icala, amakhonkco abe mabini ngelinya icala;
2513wenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide,
2514uzifake izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ithwalwe ngazo ityeya leyo.
2515Zoba semakhonkcweni etyeya izibonda ezo; maze zingarholwa kuyo.
2516Isingqino, endiya kukunika sona, uze usibeke etyeyeni.
2517Uze wenze isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso mabube ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso bube yikubhite enesiqingatha.
2518Uze wenze iikerubhi zibe mbini ngegolide; ukuzenza wozikhanda, zivele eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha;
2519wenze ikerubhi ibe nye ivele esiphelweni seli icala, enye ikerubhi ivele esiphelweni seliya, esihlalweni sokucamagusha; wozenza iikerubhi zivele eziphelweni zaso zozibini.
2520Maze iikerubhi ziwolule amaphiko phezulu, zisisithelise ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha, ubuso bazo bukhangelane, bubheke esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi ezo.
2521Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya; ufake etyeyeni isingqino endiya kukunika sona.
2522Ndiya kuhlangana nawe khona, ndithethe nawe ndisesihlalweni sokucamagusha, phakathi kweekerubhi zombini eziphezu kwetyeya yesingqino, ngeento zonke endiya kukuwisela umthetho ngazo koonyana bakaSirayeli.
2523Uze wenze netafile ngomngampunzi. Ubude bayo boba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo bube yikubhite, ukuphakama kwayo kube yikubhite enesiqingatha;
2524uyaleke ngegolide ecocekileyo, uyenzele isithsaba segolide esithi jize.
2525Uze uyenzele udini olungangobubanzi besandla ngeenxa zonke, ulwenzele udini lwayo isithsaba segolide esithe jize.
2526Woyenzela amakhonkco egolide abe mane, uwafake amakhonkco omane ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.
2527Oba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, abe ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile;
2528uzenze izibonda ezo ngomngampunzi, uzaleke ngegolide, ithwalwe ngazo itafile.
2529Uze wenze izitya zayo, neenkamba zayo, neendebe zayo, nemicephe yayo ekuya kuthungwa ngayo; uzenze ngegolide ecocekileyo;
2530ubeke etafileni izonka zokubonisa, phambi kwam ngamaxesha onke.
2531Uze wenze nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza, wosikhanda isiphatho eso: isikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso zivele kwakuso;
2532amasebe amathandathu avele emacaleni aso; amasebe amathathu esiphatho avele kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avele kweliya icala laso.
2533Zoba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina neentyantyambo, kweli isebe; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile, zibe zinamaqhina neentyantyambo, kweliya isebe; makube njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
2534Zoba ne iindebe esiphathweni, ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso;
2535ibe liqhina phantsi kwamasebe omabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, ibe liqhina phantsi kwamasebe amabini livele kuso, abe ngawamasebe amathandathu avelayo esiphathweni eso.
2536Amaqhina awo, namalungu awo avele kuso, sonke siphela masibe ngumkhando omnye wegolide ecocekileyo.
2537Uze wenze izibane zaso zibe sixhenxe, uzimise izibane zaso, zikhanyisele icala elikhangelene nomphambili waso.
2538Nozenza izifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.
2539Nosenza ngetalente yegolide ecocekileyo, sona nezo mpahla zonke.
2540Khangela ke, uzenze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.
261Ke umnquba uze uwenze ngeshumi lamalengalenga elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nangemisonto emsi nemfusa nebomvu. Wowenzela iikerubhi umsebenzi wengcibi yokuluka.
262Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye bube ziikubhite ezine; onke amalengalenga alingane.
263Amalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye; namalengalenga amahlanu ohlanganiswa, elinye nelinye.
264Uze wenze amasango emisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni, ekuhlanganeni; wenjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
265Wowenza amasango abe mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga; wenze amasango abe mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini, ukuze amasango alungelelane elinye nelinye;
266wenze amagwegwe egolide abe mashumi mahlanu, uwahlanganise amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, ube mnquba mnye.
267Uze wenze amalengalenga ngoboya beebhokhwe abe yintente phezu komnquba, uwenze amalengalenga lawo abe lishumi elinalinye.
268Ubude belengalenga lilinye boba ziikubhite ezimashumi mathathu; ububanzi belengalenga lilinye boba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye olingana.
269Wowahlanganisa odwa amalengalenga amahlanu, namalengalenga amathandathu odwa; elesithandathu ilengalenga uliphinde phambi kwentente ngaphambili;
2610wenze amasango abe mashumi mahlanu emphethweni welengalenga elo lokugqibela, ekuhlanganeni namasango, abe mashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga elihlanganiswe nelinye.
2611Uze wenze amagwegwe obhedu abe mashumi mahlanu, uwafake amagwegwe awo emasangweni, uyihlanganise intente ibe nye.
2612Ke ukwanekwa kwendawo egqithiseleyo emalengalengeni entente, sothi isiqingatha selengalenga eligqithiseleyo sanekwe kwelasemva icala lomnquba;
2613ithi ikubhite ngapha nekubhite ngapho, endaweni egqithiseleyo ebudeni bamalengalenga entente, yanekwe emacaleni omnquba ngapha nangapho, iwugubungele.
2614Intente uze uyenzele isigubungelo ngezintsu zeenkunzi zezimvu, ezenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
2615Umnquba uze uwenzele iiplanga ngomngampunzi, zime.
2616Ubude beplanga boba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye bube yikubhite enesiqingatha.
2617Iplanga inye yoba neempondlo ezimbini, zihlangene olunye nolunye; wenjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.
2618Umnquba uze uwenzele iiplanga, zibe mashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi;
2619wenze iziseko zesilivere, zibe mashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini: zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini; zibe zibini iziseko, phantsi kweplanga inye, zeempondlo zayo zombini.
2620Ezecala lesibini lomnquba ngelasentla icala zoba mashumi mabini iiplanga;
2621neziseko zazo zesilivere zibe mashumi mane; iziseko zibe zibini phantsi kweplanga inye; zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
2622Ezomva womnquba ngasentshonalanga wozenza zibe ntandathu iiplanga.
2623Iiplanga ezimbini uze uzenze iimbombo zomnquba emaphundwini omabini;
2624zibe ngamawele, zithabathele ezantsi ukuhlangana; zibe nto-nye kude kuse entloko, ziye khonkcweni linye. Koba njalo kuwo omabini, abe ngaweembombo zombini.
2625Zoba ziiplanga ezisibhozo neziseko zazo zesilivere, zibe ziziseko ezilishumi elinazithandathu: zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye, zibe zibini iziseko phantsi kweplanga inye.
2626Maze wenze imivalo ngomngampunzi: ibe mihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
2627ibe mihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba, ibe mihlanu imivalo eziplangeni zecala lomnquba, emaphundwini ngasentshonalanga.
2628Umvalo othi gabhu phakathi eziplangeni ezo mawuvale, usuka ekupheleni uye ekupheleni.
2629Uze uzaleke iiplanga ngegolide; amakhonkco azo uwenze ngegolide, abe ziindawo zemivalo; ke imivalo uyaleke ngegolide.
2630Uwumise umnquba ngokwesiko lawo olibonileyo entabeni.
2631Uze wenze umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo: wowenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.
2632Uze uwuxhome ezintsikeni ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, emagwegweni azo egolide, zime phezu kweziseko zozine zesilivere;
2633wowuxhoma umkhusane emakhonkcweni, ityeya yesingqino uyingenise khona, ngaphaya komkhusane, ukuze umkhusane unahlulele ingcwele kwingcwele kangcwele.
2634Uze usibeke isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya yesingqino, kwingcwele kangcwele;
2635uyimise itafile nganeno komkhusane, usimise nesiphatho sesibane malunga netafile, ngecala lomnquba langasezantsi; ke itafile uyibeke ngecala langasentla.
2636Umnyango wentente uze uwenzele isisitheliso, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki.
2637Isisitheliso eso uze usenzele iintsika zibe ntlanu ngomngampunzi, uzaleke ngegolide; amagwegwe azo abe ngawegolide; uzityhidele iziseko zobhedu zibe zihlanu.
271Uze usenze isibingelelo ngomngampunzi. Ubude baso boba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso bube ziikubhite ezintlanu, sibe mbombo ne isibingelelo; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezintathu.
272Uze wenze iimpondo zaso ezimbombeni zaso zone, zivele kuso iimpondo zaso; usaleke ngobhedu.
273Uze wenze neenkamba zaso zokuwola uthuthu lwaso, nemihlakulwana yaso, nezitya zaso zokutshiza, neefolokhwe zaso, neengcedevu zaso zamalahle; zonke iimpahla zaso uzenze ngobhedu.
274Wosenzela uthango, umsebenzi ongumnatha ngobhedu; wenze emnatheni lowo amakhonkco abe mane ngobhedu eziphelweni zalo zozine;
275ulubeke phantsi kongqameko olujikeleze isibingelelo, luthabathele ezantsi, lungumnatha, luthi gabhu phakathi esibingelelweni.
276Uze usenzele izibonda isibingelelo, izibonda zomngampunzi, uzaleke ngobhedu;
277zifakwe izibonda zaso emakhonkcweni, zibe semacaleni omabini esibingelelo izibonda ezo ekuthwalweni kwaso.
278Wosenza ngeeplanga, sibe holoholo. Njengoko waboniswa ngako entabeni, mabenjenjalo.
279Uze uyenze intendelezo yomnquba kwelasezantsi icala ngasezantsi, ibe ngamawunduwundu entendelezo elinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude becala lilinye boba ziikubhite ezilikhulu;
2710iintsika zayo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zibe zezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
2711Kananjalo ngecala lasentla, ebudeni makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zalo ezimashumi mabini, neziseko zaso ezimashumi mabini, izezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo ibe yeyesilivere.
2712Ububanzi bentendelezo ngecala lasentshonalanga boba ngamawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu. Iintsika zawo zoba lishumi, neziseko zazo zibe lishumi.
2713Ububanzi bentendelezo ngecala lempumalanga ngasempumalanga boba ziikubhite ezimashumi mahlanu.
2714Amawunduwundu ngelinye icala lesango oba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu;
2715amawunduwundu ngelinye icala lesango abe ziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zibe ntathu, neziseko zazo zibe zithathu.
2716Esangweni lentendelezo soba sisisitheliso seekubhite ezimashumi mabini semisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki. Iintsika zazo zoba ne, neziseko zaso zibe zine.
2717Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba neminqiwu yesilivere; amagwegwe ayo abe ngawesilivere, neziseko zazo zibe zezobhedu.
2718Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu; ububanzi buhambe buba ngamashumi omahlanu, amashumi omahlanu; ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu zelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; iziseko zazo zibe zezobhedu.
2719Zonke iimpahla zomnquba, ekusetyenzweni kwawo konke, nezikhonkwane zawo zonke, nezikhonkwane zonke zentendelezo, zoba zezobhedu.
2720Oonyana bakaSirayeli maze ubawisele umthetho wokuba bakuzisele ioli eqaqambileyo yemingquma engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuba bamise isibane samaxesha onke,
2721ententeni yokuhlangana, nganeno komkhusane ophambi kwesingqino. UAron noonyana bakhe bosilungisa, kuthabathele ngokuhlwa kude kuse, phambi koYehova; ibe ngummiselo onganuphakade kwizizukulwana zabo, ngenxa yoonyana bakaSirayeli.
281Wena ke sondeza kuwe uAron umkhuluwa wakho, enoonyana bakhe, umthabathe phakathi koonyana bakaSirayeli abe ngumbingeleli kum: uAron, noNadabhi, noAbhihu, noElazare, noItamare, oonyana baka-Aron;
282uAron, umkhuluwa wakho, umenzele izambatho ezingcwele, zibe zezozuko nezokuhomba.
283Uze uthethe wena kubo bonke abantliziyo zilumkileyo, endibazalise ngomoya wobulumko, bazenze izambatho zika-Aron zokumngcwalisa, abe ngumbingeleli kum.
284Zizo ke ezi izambatho abaya kuzenza: ubengo, ne-efodi, nengubo yokwaleka, nengubo yangaphantsi elukwe ngokwesindlwane, nonkontsho, nombhinqo; bamenzele ke izambatho ezingcwele uAron, umkhuluwa wakho, noonyana bakhe, abe ngumbingeleli kum.
285Bothabatha bona igolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
286Maze bayenze iefodi ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka.
287Yoba neziziba ezibini zamagxa, zokuyixakatha emiphethweni yayo yomibini, ixakathwe ke.
288Nombhinqo ophezu kwayo, wokuyinxiba iefodi, mawube njengokusetyenzwa kwayo, uphume kuyo, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
289Uze uthabathe amatye ebherilo abe mabini, ukrole kuwo amagama oonyana bakaSirayeli;
2810amagama amathandathu abo oba kwelinye ilitye, namagama amathandathu amanye abe kwelesibini ilitye, ngokweenzala zabo.
2811Wowakrola amatye omabini, ngokomsebenzi womkroli wamatye, ngokrolo lomsesane wokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, uwabhijele ngomluko wegolide.
2812Uze uwabeke amatye omabini ezizibeni zamagxa ze-efodi, abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli; awathwale uAron amagama abo phambi koYehova ezizibeni zamagxa akhe omabini, abe sisikhumbuzo.
2813Uze wenze nemiluko yegolide;
2814neentsontelo ezimbini zegolide ecocekileyo, uzenze zithi shinyi, zibe ngumsebenzi osontiweyo, uzifake iintsontelo ezo zisontiweyo emilukweni yegolide.
2815Uze ulwenze ubengo lwesigwebo, umsebenzi ke lowo wengcibi yokuluka, ulwenze njengokwenziwa kwe-efodi, ulwenze ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
2816Loba mbombo-ne, luphindwe: ubude balo bube kukolulwa kweminwe, ububanzi balo bube kukolulwa kweminwe.
2817Uze ufake kulo imifakwa yamatye, imikrozo emine yamatye; ibe lukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lukrozo lokuqala ke olo;
2818ukrozo lwesibini lube yirubhi, nesafire, nekalikedo;
2819ukrozo lwesithathu lube yihakinto, neagati, neametiste;
2820ukrozo lwesine lube yikrizolite, nebherilo, neyaspisi; ibe ngumluko wegolide ekufakweni kwawo;
2821amatye lawo abe umgokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinamabini ngokwamagama abo; abe nokrolo lomsesane wokutywina, lithi elo libe negama lalo ngokwamagama ezizwe ezilishumi elinazibini.
2822Uze wenze elubengweni iintsontelo ezithe shinyi, umsebenzi ke lowo osontiweyo ngegolide ecocekileyo;
2823wenze elubengweni amakhonkco abe mabini ngegolide, uwafake loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo;
2824uzifake iintsontelo zombini zegolide esontiweyo, emakhonkcweni amabini asemancamini obengo;
2825namancam omabini eentsontelo zombini uwafake emilukweni yomibini, uwafake ezizibeni zamagxa e-efodi, phambili kuyo.
2826Uze wenze amakhonkco amabini ngegolide, uwafake emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi;
2827wenze amanye amakhonkco amabini ngegolide, uwafake ezizibeni zozibini zamagxa e-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi;
2828ulunxibelele ubengo ngamakhonkco alo emakhonkcweni e-efodi ngentsontelo yemisonto emsi, lube sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi.
2829Wowathwala uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe, ekungeneni kwakhe engcweleni, luhlale lusisikhumbuzo phambi koYehova.
2830Uze ufake elubengweni lwesigwebo iiUrim neeTumim, zibe phezu kwentliziyo ka-Aron ekungeneni kwakhe phambi koYehova, ahlale ethwele uAron isigwebo soonyana bakaSirayeli phezu kwentliziyo yakhe phambi koYehova.
2831Ingubo yokwaleka ye-efodi maze uyenze yonke ngemisonto emsi.
2832Umqala wamantla ayo woba sesazulwini sayo, umqala ube nomphetho owujikelezileyo, ongumsebenzi womluki, ube njengomqala wesigcina-sifuba kuyo, ukuze ingakrazuki.
2833Uze wenze emqukumbelweni wayo ngasezantsi iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, zizunguleze emqukumbelweni wayo; namankenteza egolide phakathi kwazo, azunguleze.
2834Kobakho inkenteza legolide nerharnate, inkenteza legolide nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kuzunguleze;
2835ayinxibe uAron, ukuba alungiselele; sivakale isandi sayo ekungeneni kwakhe engcweleni phambi koYehova, nasekuphumeni kwakhe, ukuze angafi.
2836Uze wenze imbasa ngegolide ecocekileyo, ukrole kuyo ngokrolo lomsesane wokutywina, uthi, ingcwele kuYehova;
2837uyifake umtya wemisonto emsi, inxitywe elunkontshweni. Yoba ngaphambili elunkontshweni,
2838ibe sebunzi kuAron, ukuze abuthwale uAron ubungwenxa bezinto ezingcwele, abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli eminikelweni yabo yonke engcwele; ihlale isebunzi kuye, ukuze zibakholekise zona phambi koYehova.
2839Uze uyiluke ingubo yangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, unkontsho ulwenze ngelinen ecikizekileyo, uwenze nombhinqo ngokomsebenzi oyimfakamfele womluki.
2840Wobenzela oonyana baka-Aron iingubo zangaphantsi, ubenzele umbhinqo; ubenzele neminqwazi, ibe yeyozuko neyokuhomba;
2841uzinxibe kuAron umkhuluwa wakho, nakoonyana bakhe benaye, ubathambise, ubamisele, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
2842Wobenzela iibhulukhwe zelinen emhlophe zokufihla ubuze babo, zithabathele esinqeni zise emathangeni;
2843bazinxibe uAron noonyana bakhe ekungeneni kwabo emnqubeni wokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela engcweleni, bangathwali ubugwenxa bafe: ibe ngummiselo ongunaphakade kuye, nakwimbewu yakhe emva kwakhe.
291Yiyo le into owoyenza kubo yokubangcwalisa, ukuba babe ngababingeleli kum: Thabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo, neenkunzi zezimvu ezigqibeleleyo zibe mbini;
292nesonka esingenagwele, nemiqhathane engenagwele egalelwe ioli, nezonkana ezisicaba, ezingenagwele, zithanjiswe ngeoli: uzenze ngomgubo ocoliweyo.
293Wozibeka ngobozini-nye, uzisondeze ngengobozi leyo, kwanenkunzi entsha yenkomo, neenkunzi zezimvu zombini.
294UAron noonyana bakhe uze ubasondeze emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;
295uzithabathe izambatho, umnxibe uAron ingubo engaphantsi, nengubo yokwaleka ye-efodi, ne-efodi, nobengo, umbhinqise ngombhinqo we-efodi;
296umbeke unkontsho entlokweni yakhe, ubeke isithsaba esingcwele elunkontshweni olo.
297Uze uthabathe ioli yentambiso, uyithululele entlokweni yakhe, umthambise.
298Oonyana bakhe ke wobasondeza, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
299ubabhinqise umbhinqo, uAron noonyana bakhe, ubanxibe iminqwazi, bube bobabo ububingeleli, bube ngummiselo ongunaphakade; ubamisele uAron noonyana bakhe.
2910Uze uyisondeze inkunzi entsha phambi kwentente yokuhlangana, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi entsha.
2911Woyixhela inkunzi entsha phambi koYehova emnyango wentente yokuhlangana,
2912ucaphule egazini lenkunzi entsha, uliqabe ezimpondweni zesibingelelo ngomnwe wakho; lonke igazi uliphalazele esisekweni sesibingelelo;
2913uthabathe wonke umhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, uqhumisele ngazo esibingelelweni.
2914Yona inyama yenkunzi entsha, nesikhumba sayo, nomswane wayo, wozitshisa ezo zinto ngomlilo, ngaphandle kweminquba yenu. Lidini lesono elo.
2915Woyithabatha enye inkunzi yemvu leyo, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo.
2916Uze uyixhele inkunzi yemvu, ulithabathe igazi layo, ulitshize esibingelelweni, ujikelezise.
2917Woyityatya inkunzi yemvu, uzihlambe izibilini zayo neentungo zayo, uzibeke phezu kweenyama zayo, naphezu kwentloko yayo;
2918uqhumisele ngenkunzi yemvu iphela esibingelelweni. Elo lidini elinyukayo kuYehova, livumba elithozamisayo, kukudla kwasemlilweni kuYehova.
2919Uze uyithabathe eyesibini inkunzi yemvu, uAron noonyana bakhe bacinezele ngezandla zabo entlokweni yenkunzi yemvu leyo.
2920Woyixhela inkunzi yemvu, ucaphule egazini layo, uliqabe esithinzini sendlebe yasekunene ka-Aron, nasesithinzini sendlebe yasekunene yoonyana bakhe, nasesithupheni sesandla sabo sokunene, nakubhontsi wonyawo lwabo lwasekunene, ulitshize igazi esibingelelweni, ujikelezise;
2921ucaphule egazini eliphezu kwesibingelelo, naseolini yentambiso, ulifefe kuAron, nasezambathweni zakhe, nakoonyana bakhe, nasezambathweni zoonyana bakhe ndawonye naye, bangcwaliswe ke, yena nezambatho zakhe, noonyana bakhe, nezambatho zoonyana bakhe ndawonye naye.
2922Uze uthabathe enkunzini yemvu amanqatha, nomsila, nomhlehlo ogubungele izibilini, nomhlehlo ophezu kwesibindi, nezintso zombini, nenqatha lazo, nomlenze wasekunene; kuba yinkunzi yemvu yokumisela;
2923nentendana yesonka, nomqhathane ogalelwe ioli ube mnye, nesonkana esisicaba sibe sinye, engobozini yezonka ezingenagwele eziphambi koYehova.
2924Wozibeka zonke ezo zinto ezandleni zika-Aron, nasezandleni zoonyana bakhe, uzitshangatshangise, zibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova;
2925uzithabathe ezandleni zabo, uqhumisele ngazo esibingelelweni, phezu kwedini elinyukayo, zibe livumba elithozamisayo phambi koYehova. Oko kukudla kwasemlilweni kuYehova.
2926Uze uthabathe incum yenkunzi yemvu yokumisela uAron, uyitshangatshangise ibe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, sibe sisabelo sakho eso.
2927Woyingcwalisa incum yomtshangatshangiso otshangatshangisiweyo, nomlenze womrhumo orhunyiweyo, enkunzini yemvu yokumisela uAron noonyana bakhe;
2928ibe yeka-Aron noonyana bakhe; ibe ngummiselo ongunaphakade, iphuma koonyana bakaSirayeli, kuba ingumrhumo. Woba ngumrhumo ophuma koonyana bakaSirayeli emibingelelweni yabo yoxolo, umrhumo wabo kuYehova.
2929Izambatho ezingcwele ezikuAron zoba zezoonyana bakhe emva kwakhe, bathanjiswe ngeoli bezambethe, bamiselwe kuzo.
2930Lowo ungumbingeleli esikhundleni sakhe, koonyana bakhe, wozambatha imihla esixhenxe ekungeneni kwakhe ententeni yokuhlangana, ukuba alungiselele engcweleni.
2931Inkunzi yemvu yokumisela uze uyithabathe, uyipheke inyama yayo endaweni engcwele;
2932bayidle ooAron noonyana bakhe inyama yenkunzi yemvu, kwanesonka esisengobozini, emnyango wentente yokuhlangana.
2933Ezo zinto, bekucanyagushwe ngazo, ukubamisela nokubangcwalisa, mabazidle; owasemzini makangazidli, kuba zingcwele.
2934Ukuba kuthe kwasala nto enyameni yokumisela nasezonkeni, kwada kwasa, uze uyitshise ngomlilo loo nto iseleyo; ingadliwa, kuba ingcwele.
2935Uze wenjenje kuAron nakoonyana bakhe ngokweento zonke endikuwisele umthetho ngazo; wobamisela iintsuku zibe sixhenxe.
2936Uze wenze idini lesono ngenkunzi entsha imini ngemini, ukuze kucanyagushwe; isibingelelo usihlambulule isono ekusicamagusheleni kwakho, usithambise, singcwaliswe.
2937Imihla yoba sixhenxe isibingelelo usicamagushela, usingcwalise, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele. Zonke izinto ezisichukumisayo isibingelelo eso zoba ngcwele.
2938Yiyo ke le into oya kuyibingelela esibingelelweni: ziimvana ezimnyaka mnye zibe mbini, imini ngemini amaxesha onke.
2939Enye imvana woyibingelela kusasa, eyesibini imvana uyibingelele lakutshona ilanga.
2940Kwimvana yokuqala uze wenze isahlulo seshumi se-efa yomgubo ocoliweyo, ugalelwe ioli engqushiweyo esisahlulo sesine sehin, ndawonye nomnikelo othululwayo osisahlulo sesine sehin yewayini.
2941Eyesibini imvana woyibingelela lakutshona ilanga, uyenze ngokomnikelo wokudla wakusasa, nangokomnikelo walo othululwayo, ibe livumba elithozamisayo, ukudla kwasemlilweni kuYehova.
2942Elo loba lidini elinyukayo lamaxesha onke kwizizukulwana zenu, emnyango wentente yokuhlangana phambi koYehova, apho ndiya kuhlangana nani khona, ndithethe nawe.
2943Khona apho ndohlangana noonyana bakaSirayeli, bangcwaliswe ngobuqaqawuli bam;
2944ndiyingcwalise intente yokuhlangana nesibingelelo, noAron noonyana bakhe ndibangcwalise, babe ngababingeleli bam.
2945Ndohlala phakathi koonyana bakaSirayeli, ndibe nguThixo wabo;
2946bazi ukuba ndinguYehova uThixo wabo, owabakhuphayo ezweni laseYiputa, ukuba ndihlale phakathi kwabo: ndinguYehova uThixo wabo.
301Uze wenze isibingelelo sokuqhumisela ngesiqhumiso, usenze ngomngampunzi.
302Ubude baso boba yikubhite, ububanzi baso bube yikubhite, sibe mbombo-ne; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini, ziphume kuso iimpondo zaso.
303Umphezulu waso wowaleka ngegolide ecocekileyo, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso; usithi jize ngesithsaba segolide.
304Uze usenzele amakhonkco abe mabini ngegolide phantsi kwesithsaba saso, ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, abe ziindawo zezibonda, sithwalwe ngazo;
305uzenze izibonda ngomngampunzi, uzaleke ngegolide.
306Uze usibeke nganeno komkhusane ongasetyeyeni yesingqino, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, apho ndiya kuhlangana nawe khona.
307Woqhumisela kuso uAron ngesiqhumiso esimnandi, imiso ngemiso. Woqhumisela ngaso ekulungiseni kwakhe izibane;
308ekuzimiseni uAron izibane, lakutshona ilanga, ahlale eqhumisela ngesiqhumiso phambi koYehova, kwizizukulwana zenu.
309Kuso nize ninganyusi siqhumiso esingesesikweni, nadini linyukayo, namnikelo wakudla; namnikelo uthululwayo ningawuthululeli kuso.
3010UAron makacamagushele iimpondo zaso kube kanye ngomnyaka; ngegazi ledini lesono lokucamagusha, kube kanye ngomnyaka; asicamagushele kuse kwizizukulwana zenu: siyingcwele kangcwele kuYehova.
3011Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
3012Xa ulithabathayo inani loonyana bakaSirayeli, ngokubalelwa kwabo encwadini yomlibo wokuzalwa, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho sibetho kubo ekubabaleni.
3013Nantsi loo nto: bonke abagqithela kwababaliweyo mabanike isiqingatha seshekele ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera ezimashumi mabini); isiqingatha seshekele leyo yoba ngumrhumo kuYehova.
3014Bonke abagqithela kwababaliweyo, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, benyusa, mabamnike uYehova umrhumo.
3015Isityebi asiyi kugqithisa, nosweleyo akayi kubetha nganeno kwesiqingatha seshekele, ukumnika umrhumo uYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
3016Uze uyithabathe imali yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana; ukuze ibe sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, phambi koYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
3017Wathetha uYehova kuMoses esithi,
3018Yenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, kuhlanjelwe kulo; ulubeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo;
3019bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo.
3020Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova;
3021bohlamba ke izandla zabo neenyawo zabo, ukuze bangafi; ibe ngummiselo ongunaphakade kubo, kuye lo, nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.
3022Wathetha uYehova kuMoses esithi,
3023Thabathela kuwe ubulawu bohlobo: imore, ezivuzelayo ngokwayo, engamakhulu amahlanu eeshekele; isinamon enobulawu ibe sisiqingatha soko, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu; nekalamo evumba limnandi, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu;
3024nekasiya, amakhula abe mahlanu ngokweshekele yengcwele; neoli yeminquma ibe yihin;
3025uyenze ibe yioli engcwele yokuthambisa, isiqholo sokuqhola, umsebenzi womqholi, ibe yioli engcwele yokuthambisa.
3026Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana, netyeya yesingqino,
3027netafile nempahla yayo yonke, nesiphatho sezibane nempahla yaso, nesibingelelo sokuqhumisela,
3028nesibingelelo sedini elinyukayo neempahla zaso zonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
3029uzingcwalise zibe yingcwele kangcwele. Zonke izinto ezizichukumisayo zoba ngcwele.
3030UAron noonyana bakhe uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.
3031Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu.
3032Ize ingagalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni.
3033Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
3034Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis, neonike, negalebhana; ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo;
3035wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele.
3036Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni.
3037Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova.
3038Umntu osukuba enze esinjengaso, ukuba asijoje, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
311Wathetha uYehova kuMoses esithi,
312Khangela, ndibize ngegama uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda;
313ndamzalisa ngomoya kaThixo, ngobulumko, nangokuqonda, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke;
314ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,
315nangokukrola amatye, awafake, nangokukrola imithi, asebenze amashishini onke.
316Yabona, mna ndimkhuphe kunye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan; nasezintliziyweni zabo bonke abalumkileyo entliziyweni ndibeke ubulumko, ukuza bazenze zonke izinto endikuwisele umthetho ngazo:
317intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, nesihlalo sokucamagusha esiphezu kwayo, nempahla yonke yentente,
318netafile nempahla yayo, nesiphatho sezibane esicocekileyo, nempahla yaso yonke, nesibingelelo sokuqhumisela,
319nesibingelelo sedini elinyukayo nempahla yaso yonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
3110nezambatho zokubusa, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela;
3111neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi sengcwele; benze njengako konke endikuwisele umthetho ngako.
3112Wathetha uYehova kuMoses esithi,
3113Wena, thetha koonyana bakaSirayeli uthi, Inene, iisabatha zam zigcineni; kuba zingumqondiso phakathi kwam nani kwizizukulwana zenu, ukuze nazi ukuba ndinguYehova oningcwalisayo;
3114niyigcine isabatha, kuba ingcwele kuni. Lowo uyihlambelayo wobulawa afe; kuba bonke abo basebenza umsebenzi ngayo, loo miphefumlo yonqanyulwa, ingabikho ebantwini bakowayo.
3115Imihla emithandathu wosebenza umsebenzi ngayo, ke umhla wesixhenxe yisabatha kasabatha, ingcwele kuYehova; bonke abo basebenza umsebenzi ngomhla wesabatha, bobulawa bafe.
3116Oonyana bakaSirayeli mabayigcine ke isabatha, bayenze isabatha kwizizukulwana zabo: ingumnqophiso ongunaphakade.
3117Phakathi kwam noonyana bakaSirayeli, ngumqondiso ongunaphakade; kuba imihla emithandathu uYehova wenza izulu nomhlaba, waphumla ngomhla wesixhenxe, waphefumla.
3118Akukhova ukuthetha naye entabeni yaseSinayi, wamnika uMoses amacwecwe amabini esingqino, amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.
321Ke babona abantu ukuba uMoses ulibele, akehli entabeni; bababizela ndawonye abantu kuAron, bathi kuye, Sukume, usenzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
322Wathi uAron kubo, Qhawulani amajikazi egolide, asezindlebeni zabafazi benu, noonyana benu, neentombi zenu, niwazise kum.
323Bawaqhawula ke abantu bonke amajikazi egolide abesezindlebeni zabo, bawazisa kuAron.
324Wawathabatha ezandleni zabo, wayikrola igolide ngentlabo, wayenza ithole elityhidiweyo. Bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa!
325Wabona uAron, wakha isibingelelo phambi kwalo; wadanduluka uAron wathi, Ngumthendeleko kuYehova ngomso.
326Bavuka kusasa ngengomso, banyusa amadini anyukayo, basondeza imibingelelo yoxolo; bahlala phantsi abantu, badla basela, besuka bema, badlala.
327Wathi uYehova kuMoses, Hamba uhle; kuba abantu bakho, owabanyusayo ezweni laseYiputa, bonakalisile;
328batyeke msinya endleleni endabawisela umthetho ngayo; bazenzele ithole elityhidiweyo, balinqula, babingelela kulo, bathi, Nanko uthixo wakho, Sirayeli, okunyusileyo ezweni laseYiputa.
329Wathi uYehova kuMoses, Ndibakhangele aba bantu; uyabona, ngabantu abantamo ilukhuni.
3210Kaloku ndiyeke, uvuthe umsindo wam kubo, ndibadle, ndenze wena uhlanga olukhulu.
3211UMoses wambongoza uYehova uThixo wakhe, wathi, Yini na, Yehova, ukuba uvuthe umsindo wakho kubantu bakho, obakhuphileyo ezweni laseYiputa ngamandla amakhulu, nangesandla esithe nkqi?
3212Yini na ukuba amaYiputa atsho ukuthi, Wabakhuphela ububi, ukuze ababulalele ezintabeni, abagqibele bemke emhlabeni? Buya ekuvutheni komsindo wakho, uzohlwaye ngobubi obo ngenxa yabantu bakho.
3213Khumbula uAbraham noIsake noSirayeli, abakhonzi bakho, owazifunga ngokwakho kubo, wathi kubo, Ndiya kuyandisa imbewu yenu ibe njengeenkwenkwezi zezulu, neli lizwe lonke ndithethileyo ngalo, ndiya kulinika imbewu yenu, ilidle ilifa ngonaphakade.
3214Wazohlwaya ke uYehova ngobubi abethe uya kubenza ebantwini bakhe.
3215Wajika uMoses, wehla entabeni, enamacwecwe omabini esingqino esandleni sakhe, amacwecwe lawo ebhalwe ngamacala omabini, ebhalwe ngapha nangapha.
3216Amacwecwe lawo ebengumsebenzi kaThixo, nombhalo lowo ubungumbhalo kaThixo ukroliwe emacwecweni.
3217Waliva uYoshuwa izwi labantu ekudumeni kwabo, wathi kuMoses, Lilizwi lemfazwe eminqubeni.
3218Wathi yena, Asilizwi lakuduma kwabeyisayo, asilizwi lakukhala kwabeyiswayo; lilizwi labahlabelayo nabavumayo, endilivayo mna.
3219Kwathi, xa asondelayo eminqubeni, walibona ithole nomdudo. Wavutha umsindo kaMoses, wawalahla amacwecwe, wawaqhekeza emazantsi entaba.
3220Walithabatha ithole ababelenzile, walitshisa ngomlilo, walisila lada lacoleka, waligcwayela emanzini, waseza oonyana bakaSirayeli.
3221Wathi uMoses kuAron, Benze ntoni na aba bantu kuwe, ukuba ubazisele isono esikhulu kangaka?
3222Wathi uAron, Umsindo wenkosi yam mawungavuthi. Wena uyabazi aba bantu, ukuba banobubi.
3223Bathi kum, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses, le ndoda yasinyusayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na.
3224Ndathi kubo, Ubani onegolide makayiqhawule; bandinika ke. Ndayiphosa emlilweni kwaphuma eli thole.
3225Wababona uMoses abantu, ukuba baqhawule umkhala (kuba uAron ebebaqhawulisile umkhala, ukuba babe yintlekisa phakathi kwabo bachasene nabo);
3226wema uMoses ekungeneni eminqubeni, wathi, OngakuYehova makeze kum apha. Bantontelana kuye bonke oonyana bakaLevi.
3227Wathi kubo, Utsho uYehova uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Mabanxibe elowo ikrele lakhe ethangeni lakhe, bathunge bephuma emasangweni eminquba, babulale elowo umzalwana wakhe, elowo uwabo, elowo ummelwane wakhe.
3228Benza oonyana bakaLevi ngokwelizwi likaMoses; kwawa ebantwini loo mini ngathi ngamawaka omathathu amadoda.
3229Wathi uMoses, Zimiseleni namhla kuYehova, ukuba umntu achase unyana wakhe nomzalwana wakhe, ithotywe namhla intsikelelo phezu kwenu.
3230Kwathi ngengomso, uMoses wathi ebantwini, Nonile nina, nenza isono esikhulu; ndiya kunyuka ngoku ndiye kuYehova; mhlawumbi ndingacamagusha ngenxa yesono senu.
3231UMoses wabuya waya kuYehova, wathi, Yoo! Aba bantu bonile, benza isono esikhulu, bazenzela uthixo ngegolide.
3232Khawusixolele ngoko isono sabo; ukuba akunakuba njalo, wose undicima encwadini yakho oyibhalileyo.
3233Wathi uYehova kuMoses, Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.
3234Ke ngoko hamba ubalathise abantu, baye kuloo ndawo ndathethayo ngayo kuwe. Yabona, isithunywa sam sohamba phambi kwakho; ke mini ndivelelayo, ndiya kusivelela isono sabo kubo.
3235Ke uYehova wababulala abantu ngenxa yokuba belenzile ithole elo walenzayo uAron.
331Wathi uYehova kuMoses, Hamba unyuke, umke apha, wena nabantu obanyusileyo ezweni laseYiputa, uye kulo ilizwe endalifungela uAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho.
332Ndothuma phambi kwakho isithunywa, ndiwagxothe amaKanan, nama-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi;
333niye ezweni elibaleka amasi nobusi; ke andisayi kunyuka phakathi kwenu nina; kuba ningabantu abantamo ilukhuni, hleze ndiniphelise endleleni.
334Baliva ke abantu elo lizwi libi, benza isijwili; akwabakho mntu uzinxibayo izivatho zakhe.
335Wathi uYehova kuMoses, Yithi koonyana bakaSirayeli, Ningabantu abantamo ilukhuni; ndingathi, ndinyuke phakathi kwenu, ndiniphelise ngephanyazo. Ke ngoko, zikhululeni izivatho zenu, ndize ndazi endokwenza kuni.
336Bazijaca oonyana bakaSirayeli izivatho zabo, beqalela entabeni yaseHorebhe.
337Wayithabatha uMoses intente, wayitwabululela ngaphandle kweminquba, kude neminquba, wathi yintente yokuhlangana. Kwathi ke, bonke abamfunayo uYehova baphuma, baya ententeni leyo yokuhlangana ingaphandle kweminquba.
338Kwathi, xa uMoses aphumayo esiya ententeni leyo, besuka bema bonke abantu, walowo wema emnyango wentente yakhe, wakhangela kuMoses, wada waya kungena ententeni leyo.
339Kwathi, xa uMoses wangenayo ententeni leyo, wehla umqulu welifu, wema emnyango wentente leyo; wathetha yena noMoses.
3310Bawubona abantu bonke umqulu welifu, umi emnyango wentente leyo; besuka bema bonke abantu, baza baqubuda, elowo esemnyango wentente yakhe.
3311UYehova wathetha kuMoses, bekhangelene ebusweni, njengomntu ethetha nomhlobo wakhe, wabuyela kwaseminqubeni; ke umlungiseleli wakhe, uYoshuwa unyana kaNun, umfana, akasukanga yena ententeni leyo.
3312Wathi uMoses kuYehova, Uyabona, uthi kum, Nyusa aba bantu; ke wena akundazisanga lowo uya kundithuma naye; kanti ke uthe, Ndikwazile ngegama, kananjalo ndikubabale.
3313Ngoko ukuba undibabale, khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi, ukuze undibabale, ukhumbule ukuba olu hlanga lungabantu bakho.
3314Wathi, Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.
3315Wathi kuye, Ukuba ubuso bakho abuhambi nathi, musa ukusinyusa, simke apha.
3316Kuya kwaziwa kwaziwe ngantoni na khona, ukuba undibabale mna nabantu bakho? Akungokuthi na uhambe nathi, sibaluleke thina, mna nabantu bakho, ebantwini bonke abaphezu komhlaba?
3317Wathi uYehova kuMoses, Nale nto uyithethileyo ndiya kuyenza; kuba ndikubabale, ndikwazile ngegama.
3318Wathi yena, Khawundibonise ubuqaqawuli bakho.
3319Wathi, Ndiya kukudlulisa konke ukulunga kwam ebusweni bakho, ndivakalise igama likaYehova phambi kwakho, ndibabale endimbabalayo, ndisikwe yimfesane kondosikwa yimfesane ngaye.
3320Wathi, Akunakububona ubuso bam; kuba akukho mntu undibona aphile.
3321Wathi uYehova, Nantsi ke indawo ngakum; uze ume phezu kweliwa;
3322kuthi, ekudluleni kobuqaqawuli bam, ndikubeke emqhokrweni weliwa, ndikugubungele ngesandla sam, ndide ndidlule;
3323ndize ndisuse isandla sam, uwubone umva wam. Ke bona ubuso bam abuyi kubonwa.
341Wathi uYehova kuMoses, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abesemacwecweni okuqala owawaqhekezayo;
342ulunge kusasa, unyuke kusasa, uye entabeni yaseSinayi, ume ngakum khona encotsheni yentaba.
343Kuze kunganyuki mntu nawe, kuze kungabonwa mntu kuyo yonke intaba, kuze kungadli mpahla imfutshane nankomo, isingise entabeni leyo.
344Wawaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala. Wavuka uMoses kusasa, wenyuka waya entabeni yaseSinayi, njengoko uYehova wamwisela umthetho ngako, waphatha esandleni sakhe amacwecwe amatye omabini.
345Wehla uYehova esefini, wema khona naye, wavakalisa igama likaYehova.
346UYehova wadlula ebusweni bakhe, wavakalisa esithi, UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso;
347olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala, obuvelelayo ubugwenxa booyise koonyana, nakoonyana boonyana kwesesithathu nakwesesine isizukulwana!
348Wakhawuleza uMoses, wathoba emhlabeni, waqubuda kuye.
349Wathi, Ukuba undibabale, Nkosi yam, mayihambe phakathi kwethu iNkosi yam; kuba bengabantu abantamo ilukhuni. Xolela ubugwenxa bethu nesono sethu, usenze ilifa lakho.
3410Wathi, Yabona, ndenza umnqophiso; ndiya kwenza imisebenzi ebalulekileyo, engazanga idalwe ehlabathini lonke nasezintlangeni zonke, phambi kwabantu bonke bakowenu; bonke abantu ophakathi kwabo wena bowubona umsebenzi kaYehova; ngokuba yinto eyoyikekayo eniya kuyenza kuwe.
3411Kugcine oko ndikuwisela umthetho ngako namhla. Yabona, ndigxotha ebusweni bakho ama-Amori, namaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi.
3412Zigcine, hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe ungena kulo; hleze babe ngumgibe phakathi kwakho.
3413Nozidiliza izibingelelo zabo, niziqhekeze izimiso zabo zamatye, nibagawule ooAshera babo.
3414Kuba akusayi kungqula thixo wumbi; kuba uYehova nguKhwele, igama lakhe, nguThixo onekhwele;
3415hleze wenze umnqophiso nabemi belo zwe, baze bahenyuze ngokulandela oothixo babo, babingelele koothixo babo, bakubize udle umbingelelo wabo;
3416uzekele oonyana bakho ezintombini zabo, zize iintombi zabo zihenyuze ngokulandela oothixo babo, zibenyuzise noonyana bakho, ngokubalandelisa oothixo babo.
3417Uze ungazenzeli oothixo abatyhidiweyo.
3418Umthendeleko wezonka ezingenagwele uze uwugcine. Iintsuku ezisixhenxe wodla izonka ezingenagwele, njengoko ndakuwisela umthetho, ngexesha elimisiweyo lenyanga enguAbhibhi; kuba waphuma eYiputa ngenyanga enguAbhibhi.
3419Yonke into evula isizalo yeyam, nemfuyo yakho yonke evula isizalo engamaduna, nokuba yinkomo, nokuba yimvu;
3420ke lona izibulo le-esile wolikhulula ngokulimisela ngexhwane; ukuba akuthanga ulikhulule ngokulimisela, wolaphula intamo. Bonke oonyana bakho bamazibulo uze ubakhulule ngokubamisela; mabangabonakali phambi kwam bengaphethe lutho.
3421Wosebenza imihla emithandathu; ke ngomhla wesixhenxe uze uphumle, uphumle ekulimeni nasekuvuneni.
3422Uze uwenze umthendeleko weeveki, wentlahlela yokuvunwa kwengqolowa; nomthendeleko wokuhlanganisela ukutya emakhaya ekupheleni komnyaka.
3423Izihlandlo ezithathu ngomnyaka, yonke into engamadoda yakowenu yobonakala ebusweni beNkosi uYehova, uThixo kaSirayeli.
3424Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho, izihlandlo ezithathu ngomnyaka.
3425Igazi lombingelelo wam uze ungalibingeleli phezu kwento enegwele; nombingelelo womthendeleko wepasika uze ungahlali kude kuse.
3426Ingqalo yentlahlela yomhlaba wakho uze uyise endlwini kaYehova uThixo wakho. Uze ungalipheki itakane ngobisi lukanina.
3427Wathi uYehova kuMoses, Wabhale la mazwi; kuba ndenze ngokuthetha kwala mazwi umnqophiso nawe noSirayeli.
3428Waye ekhona ke enoYehova iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane; akadla sonka, akasela manzi. Wawabhala emacwecweni amazwi omnqophiso, la mazwi alishumi.
3429Kwathi, ekuhleni kukaMoses entabeni yaseSinayi, amacwecwe omabini esingqino esesandleni sikaMoses ekuhleni kwakhe entabeni, akazi uMoses, ukuba ulusu lobuso bakhe belukhazimla ekuthetheni kwakhe naye.
3430UAron noonyana bonke bakaSirayeli bambona uMoses. Yini? Ulusu lobuso bakhe luyakhazimla; boyika ukusondela kuye.
3431Wababiza uMoses, babuyela kuye uAron nezikhulu zonke zebandla, wathetha nazo uMoses.
3432Emveni koko basondela bonke oonyana bakaSirayeli, wabawisela umthetho wako konke abekuthethile uYehova kuye entabeni yaseSinayi.
3433Wagqiba uMoses ukuthetha nabo, wabeka isigqubuthelo ebusweni bakhe.
3434Ekungeneni kukaMoses phambi koYehova, esiya kuthetha naye, wasisusa isigqubuthelo, wada waphuma. Waphuma, wathetha koonyana bakaSirayeli oko abemwisele umthetho ngako.
3435Babubona oonyana bakaSirayeli ubuso bukaMoses, ukuba ulusu lobuso bukaMoses luyakhazimla. Wabuya wasibeka uMoses isigqubuthelo ebusweni bakhe, wada wangena, waya kuthetha naye.
351Walibizela ndawonye uMoses lonke ibandla loonyana bakaSirayeli, wathi kubo, Zizo ezi iindawo uYehova aniwisele umthetho ngazo, ukuba nizenze.
352Wosebenza imihla emithandathu; ke umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha kasabatha kuYehova; bonke abenza umsebenzi ngayo bobulawa.
353Ize ningaphembi mlilo ezindlwini zenu zonke ngomhla wesabatha.
354Wathetha uMoses kwibandla lonke loonyana bakaSirayeli, wathi, Yiyo le indawo ayiwisele umthetho uYehova:
355uthi, Thabathani phakathi kwenu, nise umrhumo kuYehova; bonke abantliziyo zibaqhubayo mabazise umrhumo kaYehova: igolide, nesilivere, nobhedu;
356nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya beebhokhwe;
357nezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi; nemingampunzi;
358neoli yesiphatho sezibane, nobulawu beoli yokuthambisa, nobesiqhumiso esimnandi;
359namatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni.
3510Bonke benentliziyo elumkileyo kuni mabeze, benze zonke izinto uYehova awise umthetho ngazo:
3511umnquba nentente yawo, nesigubungelo sayo, amagwegwe ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
3512ityeya nezibonda zayo, isihlalo sokucamagusha, nomkhusane wokusithelisa;
3513itafile nezibonda zayo, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
3514isiphatho sezibane zokukhanyisa, nempahla yaso, nezibane zaso, neoli yokukhanyisa;
3515isibingelelo sokuqhumisela nezibonda zaso, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso somnyango emnyango womnquba;
3516isibingelelo sedini elinyukayo, nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso, neempahla zaso zonke; nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo;
3517amawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso somnyango wentendelezo;
3518izikhonkwane zomnquba, nezikhonkwane zentendelezo, nezintya zazo;
3519izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
3520Lemka ke lonke ibandla loonyana bakaSirayeli phambi koMoses.
3521Beza bonke abantu abantliziyo yabavuselelayo, abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umrhumo kaYehova emsebenzini wentente yokuhlangana, nasenkonzweni yayo yonke, nasezambathweni ezingcwele.
3522Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zibaqhubayo, bezisa izacholo, namajikazi, nemisesane, nezidanga, yonke impahla yegolide; bonke abantu ababetshangatshangise kuYehova umtshangatshangiso wegolide, bawuzisa.
3523Bonke abantu abafunyanwa benemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, noboya bebhokhwe, nezintsu zeenkunzi zezimvu zenziwe zayingqombela, nezikhumba zamahlengezi, bazizisa.
3524Bonke abarhuma umrhumo wesilivere, nowobhedu, bawuzisa umrhumo kaYehova; bonke abafunyanwa benemingampunzi yomsebenzi wonke wenkonzo, bayizisa.
3525Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo basonta ngezandla zabo, bazizisa ezo nto zisontiweyo; imisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
3526Abafazi bonke, abantliziyo yabavuselelayo ngobulumko, basonta uboya beebhokhwe.
3527Izikhulu zazisa amatye ebherilo, namatye okufakwa e-efodini naselubengweni, nobulawu,
3528neoli yesiphatho sezibane, neyamafutha okuthambisa, neyesiqhumiso esimnandi.
3529Oonyana bakaSirayeli bazisa ke kuYehova umnikelo wokuqhutywa yintliziyo; nawo onke amadoda nabafazi bonke bantliziyo zabaqhubayo ukuyizisela yonke imisebenzi awawisa umthetho uYehova ngesandla sikaMoses, ukuba yenziwe.
3530Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli, Khangelani, UYehova umbize ngegama uBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda.
3531Umzalisile ngoMoya kaThixo, ngobulumko, nangengqondo, nangokwazi, nangobungcibi bamashishini onke,
3532ukuba athelekelele, ayile, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu;
3533nangokukrola amatye, awafake; nangokukrola imithi, asebenze imisebenzi yonke ngentelekelelo.
3534Ubeke entliziyweni yakhe ukuyala, yena ke kwanoAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan.
3535Ubazalise ngobulumko bentliziyo, ukuba benze umsebenzi wonke wokukrola, nowokuluka, ukuluka imfakamfele, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, neyomluki, babe ngabenzi bomsebenzi wonke, nabathelekeleli bokuyila.
361Bosebenza ke ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, awanikeleyo uYehova ubulumko nengqondo, ukuba akwazi ukusebenza yonke imisebenzi yenkonzo yengcwele, nento yonke abewise umthetho ngayo uYehova.
362UMoses wabiza ooBhetsaleli noAholiyabhi namadoda onke antliziyo zilumkileyo, antliziyo uYehova wazinikayo ubulumko, onke antliziyo yawavuselelayo ukusondela emsebenzini, ukuba awenze.
363Bathabatha, ebusweni bukaMoses, yonke imirhumo ababeyizisile oonyana bakaSirayeli emsebenzini wenkonzo yengcwele ukuba yenziwe. Baye bona bezisa kuye imiso ngemiso iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
364Zeza ke zonke izilumko ezibe ziyisebenza yonke imisebenzi yengcwele, saseso savela emsebenzini waso esibe siwusebenza;
365zatsho kuMoses ukuthi, Abantu bazisa ngaphezulu kakhulu kokwanele ukusetyenzwa komsebenzi, awise umthetho ngawo uYehova ukuba wenziwe.
366Wawisa umthetho uMoses, ukuba kuhanjiswe ilizwi eminqubeni, lisithi, Amadoda nabafazi mabangabi senza mpahla yamrhumo wengcwele. Bapheza ke abantu ukuzisa.
367Impahla yazanela izinto zonke, emisebenzini yonke, ukubabayenze, yada yasala.
368Bonke abantliziyo zilungileyo, phakathi kwabenza imisebenzi, bawenza umnquba, amalengalenga aba lishumi, ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, benza iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka.
369Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mabini anesibhozo, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine, amalengalenga alingana onke.
3610Bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye; bahlanganisa amalengalenga amahlanu, elinye nelinye.
3611Benza amasango ngemisonto emsi emphethweni welinye ilengalenga, ekupheleni ekuhlanganeni; benjenjalo emphethweni welengalenga lokugqibela, ekuhlanganeni kwelesibini.
3612Benza amasango aba mashumi mahlanu kwelinye ilengalenga, benza namasango aba mashumi mahlanu ekupheleni kwelengalenga elisekuhlanganeni kwelesibini; amasango alungelelana, elinye nelinye.
3613Benza amagwegwe egolide aba mashumi mahlanu; bawahlanganisa amalengalenga, elinye nelinye, ngamagwegwe lawo, waba mnquba mnye.
3614Benza amalengalenga ngoboya beebhokhwe, aba yintente phezu komnquba; bawenza amalengalenga alishumi elinalinye.
3615Ubude belengalenga lilinye baba ziikubhite ezimashumi mathathu, ububanzi belengalenga lilinye baba ziikubhite ezine; loo malengalenga alishumi elinalinye alingana.
3616Bawahlanganisa amalengalenga amahlanu odwa, namalengalenga omathandathu odwa.
3617Benza amasango amashumi mahlanu emphethweni welengalenga eli lokugqibela ekuhlanganeni, benza namasango amashumi mahlanu emphethweni welesibini ilengalenga, elihlanganiswe nelinye.
3618Benza amagwegwe obhedu amashumi mahlanu, ukuba ihlanganiswe intente, ibe nye.
3619Bayenzela intente isigubungelo ngezintsu zeekunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi ngaphezulu kweso.
3620Umnquba bawenzela iiplanga ngomngampunzi, zema.
3621Ubude beplanga baba ziikubhite ezilishumi, ububanzi beplanga inye baba yikubhite enesiqingatha.
3622Iplanga inye yaneempondlo ezimbini, zahlangana olunye nolunye; benjenjalo eziplangeni zonke zomnquba.
3623Bazenza ke iiplanga zomnquba; zamashumi mabini iiplanga ngecala lasezantsi ngasezantsi.
3624Benza iziseko zesilivere zamashumi mane phantsi kweeplanga ezimashumi mabini; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye; zazibini iziseko zeempondlo zayo zombini, phantsi kweplanga inye.
3625Ezecala lesibini lomnquba, ngelasentla icala, benza iiplanga ezimashumi mabini,
3626neziseko zazo zesilivere zamashumi mane: iziseko zazibini phantsi kweplanga inye, zazibini iziseko phantsi kweplanga inye.
3627Ezomva womnquba ngasentshonalanga bazenza zantandathu iiplanga.
3628Iiplanga ezimbini bazenza iimbombo zomnquba ngamacala, emaphundwini omabini,
3629zangamawele, zithabathela ezantsi ukuhlangana, zaba nto-nye kwada kwasa entloko, zaya khonkcweni linye; benjenjalo kuwo omabini angaweembombo zombini.
3630Zaba ziiplanga ezisibhozo; neziseko zazo zesilivere zaziziseko ezilishumi elinazithandathu: zazibini iziseko, zazibini iziseko, phantsi kweplanga inye.
3631Benza imivalo ngomngampunzi; yamihlanu eziplangeni zelinye icala lomnquba,
3632yamihlanu imivalo eziplangeni zelesibini icala lomnquba; yamihlanu imivalo eziplangeni zomnquba ephundwini, ngasentshonalanga.
3633Benza umvalo othe gabhu phakathi eziplangeni ezo, wavala, usuka ekupheleni waya ekupheleni.
3634Bazaleka iiplanga ngegolide; amakhonkco azo bawenza ngegolide, azindawo zemivalo; ke imivalo bayaleka ngegolide.
3635Benza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; bawenzela iikerubhi, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.
3636Bawenzela iintsika ezine zomngampunzi ezalekwe ngegolide, namagwegwe azo egolide; bazityhidela iziseko zozine zesilivere.
3637Umnyango wentente bawenzela isisitheliso ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, umsebenzi oyimfakamfele womluki;
3638neentsika zaso zantlanu, namagwegwe azo, bazaleka iintloko zazo neminqiwu yazo ngegolide, neziseko zazo zozihlanu zazezobhedu.
371UBhetsaleli wayenza ityeya ngomngampunzi. Ubude bayo baba ziikubhite zombini ezinesiqingatha, ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, ukuphakama kwayo kwayikubhite enesiqingatha.
372Wayaleka ngegolide ecocekileyo ngaphakathi nangaphandle, wayithi jize ngesithsaba segolide.
373Wayityhidela amakhonkco egolide amane, emilenzeni yayo yomine: amakhonkco amabini ngeli icala, amakhonco amabini ngeliya icala.
374Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide;
375wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni etyeya, ukuba ithwalwe ngazo.
376Wenza isihlalo sokucamagusha ngegolide ecocekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha.
377Wenza iikerubhi zambini ngegolide, ukuzenza wazikhanda; zavela eziphelweni zozibini zesihlalo sokucamagusha:
378enye ikerubhi ivele esiphelweni esi, enye ikerubhi ivele esiphelweni esiya. Wazenza iikerubhi esihlalweni sokucamagusha, zavela eziphelweni zaso zozibini.
379Iikerubhi zolula amaphiko phezulu, zasisithelisa ngamaphiko azo isihlalo sokucamagusha; ubuso bazo bakhangelana, babheka esihlalweni sokucamagusha ubuso beekerubhi.
3710Wenza netafile ngomngampunzi; ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha.
3711Wayaleka ngegolide ecocekileyo, wayithi jize ngesithsaba segolide.
3712Wayenzela ngeenxa zonke udini olungangobubanzi besandla, udini lwayo waluthi jize ngesithsaba segolide.
3713Wayityhidela amakhonkco egolide amane, wawafaka amakhonkco ezimbombeni zone ezisemilenzeni yayo yomine.
3714Aba kufuphi nokuhlangana kodini amakhonkco lawo, aba ziindawo zokufaka izibonda zokuyithwala itafile.
3715Wenza izibonda ezo ngomngampunzi, wazaleka ngegolide, ukuba ithwalwe ngazo itafile.
3716Wenza impahla ephezu kwetafile, izikotile zayo, nemicephe yayo, neenkamba zayo, neendebe zayo ekwakuthululwa ngazo, wazenza ngegolide ecocekileyo.
3717Wenza nesiphatho sezibane ngegolide ecocekileyo. Ukusenza wasikhanda isiphatho eso, nesikhondo saso, nesibili saso, neendebe zaso, namaqhina aso, neentyantyambo zaso, zivele kwakuso.
3718Amasebe amathandathu avela emacaleni aso: amasebe amathathu esiphatho avela kweli icala laso, amasebe amathathu esiphatho avela kweliya icala laso.
3719Zaba ntathu iindebe ezifana neentyantyambo zeamangile kweli isebe, zineqhina nentyantyambo; neendebe ezintathu ezifana neentyantyambo zeamangile zaba kweliya isebe, zineqhina nentyantyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso.
3720Zaba ne iindebe esiphathweni ezifana neentyantyambo zeamangile, zinamaqhina aso neentyantyambo zaso.
3721Yaba liqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, yaliqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, angawamasebe amathandathu avela kuso.
3722Amaqhina awo namalungu awo avela kuso sonke, saba ngumkhando wamnye wegolide ecocekileyo.
3723Wenza izibane zaso zasixhenxe, nezifinyiso zaso, neengcedevu zaso, ngegolide ecocekileyo.
3724Wasenza ngetalente yegolide ecocekileyo, neempahla zaso zonke.
3725Wenza nesibingelelo sokuqhumisela ngomngampunzi. Ubude baso baba yikubhite, ububanzi baso baba yikubhite, saba mbombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezimbini; zaphuma kuso iimpondo zaso.
3726Wasaleka ngegolide ecocekileyo umphezulu waso, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso, wasithi jize ngesithsaba segolide.
3727Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide, phantsi kwesithsaba saso ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, aziindawo zezibonda ukuba sithwalwe ngazo.
3728Wazenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngegolide.
3729Wenza neoli engcwele yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi esingangxengelelweyo, umsebenzi womqholi ke lowo.
381Wasenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi: ubude baso baba ziikubhite ezintlanu, ububanzi baso baba ziikubhite ezintlanu, sambombo-ne; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezintathu.
382Wenza iimpondo zaso ezimbombeni zaso, zaphuma kuso iimpondo zaso, wasaleka ngobhedu.
383Wazenza zonke iimpahla zesibingelelo eso: iinkamba, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neefolokhwe, neengcedevu; zonke iimpahla zaso wazenza ngobhedu.
384Isibingelelo wasenzela uthango, umsebenzi ongumnatha, ngobhedu, phantsi kongqameko olujikelezileyo, lwathabathela ezantsi, lwathi gabhu phakathi.
385Wawatyhida amakhonkco amane eziphelweni zozine zothango lobhedu, aba ziindawo zezibonda.
386Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.
387Wazifaka izibonda emakhonkcweni, emacaleni esibingelelo, ukuba sithwalwe ngazo; wasenza ngeeplanga saholoholo.
388Wenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, nezipili zabafazi, ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.
389Wenza intendelezo kwelasezantsi icala, ngasezantsi, yaba ngamawunduwundu entendelezo, elinen ecikizekileyo, ephothiweyo, iikubhite ezilikhulu.
3810Iintsika zawo zaba mashumi mabini, neziseko zazo zaba mashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
3811Ngecala lasentla amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu; iintsika zawo ezimashumi mabini, neziseko zazo ezimashumi mabini, zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
3812Ngecala lasentshonalanga amawunduwundu aziikubhite ezimashumi mahlanu; iintsika zawo zalishumi, neziseko zazo zalishumi; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere.
3813Ngecala lempumalanga ngasempumalanga aziikubhite ezimashumi mahlanu.
3814Amawunduwundu asingisa kwelinye icala lesango aziikubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
3815Ngelinye icala lesango lentendelezo, ngapha nangapha, aba ngamawunduwundu eekubhite ezilishumi elinantlanu; iintsika zawo zantathu, neziseko zazo zazithathu.
3816Onke amawunduwundu entendelezo ajikelezileyo aba ngawelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
3817Iziseko zeentsika zazezobhedu; amagwegwe eentsika neminqiwu yazo yayeyesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo kwayisilivere; iminqiwu yeentsika zonke zentendelezo yayeyesilivere.
3818Isitheliso sesango lentendelezo sasingumsebenzi oyimfakamfele womluki, ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo; ubude baba ziikubhite ezimashumi mabini, ukuphakama ebubanzini kwaba ziikubhite ezintlanu; kwalungelelana namawunduwundu entendelezo.
3819Iintsika zawo zone neziseko zazo zozine zaba zezobhedu; amagwegwe azo aba ngawesilivere, nokwalekwa kwamantloko azo neminqiwu yazo kwayisilivere.
3820Zonke izikhonkwane zomnquba nezentendelezo ejikelezileyo zazezobhedu.
3821Ngawo la amanani ezinto zomnquba, zomnquba wesingqino, abebalwa ngomlomo kaMoses ngenkonzo yabaLevi, ngesandla sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
3822UBhetsaleli, unyana kaUri, unyana kaHuri, wesizwe sakwaYuda, wakwenza konke uYehova abemwisele umthetho ngako uMoses.
3823Waye noAholiyabhi unyana ka-Ahisamaki, wesizwe sakwaDan, engumkroli, ingcibi, umluki weemfakamfele ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
3824Ke yonke igolide ekwakusetyenzwa ngayo umsebenzi emisebenzini yonke yengcwele, igolide yomtshangatshangiso, yaye iziitalente ezimashumi mabini anesithoba, neeshekele ezimakhulu asixhenxe anamanci mathathu, ngokweshekele yengcwele.
3825Ke isilivere yabo babalwayo bebandla yaba likhulu leetalente neeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, ngokweshekele yengcwele.
3826Yaba yibheka ngentloko yomntu (isiqingatha seshekele leyo, ngokweshekele yengcwele), kubo bonke abagqithelayo kwabo babalwayo; bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, nangaphezulu, kubo abangamawaka angamakhulu omathandathu anamawaka amathathu, anamakhulu amahlanu anamanci mahlanu.
3827Ngeetalente zesilivere ezilikhulu kwatyhidwa iziseko zengcwele neziseko zomkhusane; yalikhulu leziseko kwikhulu leetalente, yayitalente kwisiseko.
3828Ngeeshekele eziliwaka elinamakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anantlanu, wenza amagwegwe eentsika, wawaleka amantloko azo, wenza iminqiwu.
3829Ubhedu olungumtshangatshangiso lwaye luziitalente ezingamashumi osixhenxe, neeshekele ezingamawaka amabini anamakhulu mane.
3830Wenza ngalo iziseko zomnyango wentente yokuhlangana, nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, nempahla yonke yesibingelelo;
3831neziseko zentendelezo ejikelezileyo, neziseko zesango lentendelezo, nezikhonkwane zonke zomnquba, nezikhonkwane zonke zentendelezo ejikelezileyo.
391Ngemisonto emsi nemfusa nebomvu benza izambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; benza nezambatho ezingcwele zika-Aron, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
392Iefodi wayenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo.
393Bayikhanda igolide yaba zizixwexwe ezicekethekileyo, bancwela imityana, ukuze bayixube emisontweni emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, umsebenzi wengcibi yokuluka ke lowo.
394Iefodi bayenzela iziziba zamagxa zokuyixakatha, yaxakathwa emiphethweni yomibini;
395nombhinqo ophezu kwayo wokuyinxiba iefodi, ophuma kuyo, wawunjengokusetyenzwa kwayo; bawenza ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
396Benza amatye ebherilo, abhijelwe ngomluko wegolide, akrolwa ngokukrolwa kwemisesane yokutywina, ngokwamagama oonyana bakaSirayeli;
397wawabeka ezizibeni zamagxa ze-efodi, aba ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
398Walwenza ubengo, lwaba ngumsebenzi wengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo.
399Lwaba mbombo-ne, lwaphindwa, balwenza ubengo; ubuda balo baba ngangokolulwa kweminwe, ububanzi balo baba ngangokolulwa kweminwe luphindiwe.
3910Bafaka kulo imikrozo yamine yamatye; ukrozo lwesardiyo, netopazi, nesmarado, lwaba lukrozo lokuqala olo;
3911ukrozo lwesibini lwaba yirubhi, nesafire, nekalikedo;
3912ukrozo lwesithathu lwaba yihakinto, neagati, neametiste;
3913ukrozo lwesine lwaba yikrizolite, nebherilo, neyaspisi; abhijelwa ngomluko wegolide ezimfakweni zawo.
3914Amatye lawo amiswa ngokwamagama oonyana bakaSirayeli abalishumi elinababini, ngokwamagama abo; aba nokrolo lomsesane wokutywina, lathi elo laba negama lalo, ngokwezizwe ezilishumi elinazibini.
3915Benza elubengweni intsontelo ethe shinyi, umsebenzi osontiweyo ngegolide ecocekileyo.
3916Benza imiluko yamibini ngegolide, namakhonkco amabini ngegolide, bawafaka loo makhonkco mabini emancamini omabini obengo.
3917Bazifaka iintsontelo zombini zegolide emakhonkcweni omabini asemancamini obengo;
3918namancam omabini eentsontelo zombini bawafaka emilukweni yomibini, bayifaka ezizibeni zamagxa ze-efodi, ngaphambili.
3919Benza amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka emancamini omabini obengo, emphethweni walo okwicala elikhangelene ne-efodi, elibheke ngaphakathi.
3920Benza amanye amakhonkco amabini ngegolide, bawafaka ezizibeni zamagxa zozibini ze-efodi ngaphantsi, mayela nomphambili wayo, kufuphi nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.
3921Balunxibelela ubengo ngamakhonkco alo, emakhonkcweni e-efodini, ngentsontelo yemisonto emsi, lwaba sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungasuki ubengo kuyo iefodi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
3922Benza ingubo yokwaleka ye-efodi, umsebenzi womluki, yonke ngemisonto emsi.
3923Umqala wengubo yokwaleka waba sesazulwini sayo, njengomqala wesigcina-sifuba; waba nomphetho owujikelezileyo umqala, ukuze ungakrazuki.
3924Benza emqukumbelweni wengubo yokwaleka iirharnate ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ephothiweyo.
3925Benza namankenteza egolide ecocekileyo, bawabeka amankenteza phakathi kweerharnate emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza phakathi kweerharnate:
3926yaba linkenteza nerharnate, inkenteza nerharnate, emqukumbelweni wengubo yokwaleka, kwazunguleza; ukuba kulungiselelwe njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
3927Benza iingubo zangaphantsi ngelinen ecikizekileyo, umsebenzi womluki, ukuba zibe zezika-Aron noonyana bakhe;
3928nonkontsho, ngelinen ecikizekileyo; neminqwazi yokuhomba, ngelinen ecikizekileyo; neebhulukhwe, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, emhlophe;
3929nombhinqo, ngelinen ecikizekileyo, ephothiweyo, nemisonto emsi nemfusa nebomvu, umsebenzi oyimfakamfele womluki, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
3930Benza nembasa, isithsaba esingcwele segolide ecocekileyo, babhala phezu kwayo umbhalo ngokrolo lomsesane wokutywina, othi, ingcwele kuYehova.
3931Bayifaka umtya wemisonto emsi, yanxitywa elunkontshweni phezulu, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
3932Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana. Benza oonyana bakaSirayeli njengako konke uYehova ebemwisele umthetho ngako uMoses, benjenjalo.
3933Bawuzisa umnquba kuMoses: intente nempahla yayo yonke, amakhonkco ayo, neeplanga zayo, nemivalo yayo, neentsika zayo, neziseko zayo;
3934nesigubungelo sezintsu zeenkunzi zezimvu, zenziwe zayingqombela, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, nomkhusane osithelisayo;
3935netyeya yesingqino, nezibonda zayo, nesihlalo sokucamagusha;
3936netafile, neempahla zayo zonke, nezonka zokubonisa;
3937nesiphatho sezibane esihle, nezibane zaso, izibane ezicwangcisiweyo, nempahla yaso yonke, neoli yokukhanyisa;
3938nesibingelelo segolide, neoli yokuthambisa, nesiqhumiso esimnandi, nesisitheliso sokusithelisa umnyango wentente;
3939nesibingelelo sobhedu, nothango lwaso lobhedu, izibonda zaso, nempahla yaso yonke; uhehema lwesitya sokuhlambela noseko lwalo;
3940namawunduwundu entendelezo, neentsika zayo, neziseko zayo, nesisitheliso sesango lentendelezo, nemitya yayo, nezikhonkwane zayo, nempahla yonke yenkonzo yomnquba, yentente yokuhlangana;
3941nezambatho zokubusa, zokulungiselela engcweleni; nezambatho ezingcwele zika-Aron umbingeleli, nezambatho zoonyana bakhe zokwenzelelela.
3942Njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, bawenjalo oonyana bakaSirayeli wonke umsebenzi.
3943Wawukhangela uMoses wonke umsebenzi, nango ke bewenzile; njengoko uYehova abemwisele umthetho ngako, bawenjenjalo. Wabasikelela ke uMoses.
401Wathetha uYehova kuMoses wathi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala usuku enyangeni leyo,
402uze uwumise umnquba wentente yokuhlangana; ubeke khona ityeya yesingqino,
403uyisithelise ityeya ngomkhusane;
404ungenise itafile, uzicwangcise izinto zayo ezicwangciswayo; ungenise isiphatho sezibane, uzimise izibane zaso;
405usimise isibingelelo segolide sokuqhumisela phambi kwetyeya yesingqino, usixhome isisitheliso somnyango emnqubeni;
406usimise isibingelelo sedini elinyukayo phambi komnyango womnquba wentente yokuhlangana;
407ulumise uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo.
408Uze uyimise intendelezo ijikeleze, usixhome isisitheliso sesango lentendelezo.
409Uze uthabathe ioli yokuthambisa, uthambise umnquba neento zonke ezikuwo, uwungcwalise nempahla yawo yonke, ube yingcwele;
4010uthambise isibingelelo sedini elinyukayo, nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo, sibe sisibingelelo esiyingcwele kangcwele;
4011uthambise uhehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo, ulungcwalise.
4012Uze usondeze uAron noonyana bakhe emnyango wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi;
4013umnxibe uAron izambatho ezingcwele, umthambise, umngcwalise, ukuze abe ngumbingeleli kum.
4014Wosondeza oonyana bakhe, ubanxibe iingubo zangaphantsi;
4015ubathambise njengoko wamthambisayo uyise, ukuze babe ngababingeleli kum; kuthi ukuthanjiswa kwabo kube kokobubingeleli obungunaphakade kubo, kwizizukulwana zabo.
4016Wenza ke uMoses; njengako konke uYehova abemwisele umthetho ngako, wenjenjalo.
4017Kwathi, ngenyanga yokuqala ngomnyaka wesibini, ngolokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.
4018Wawumisa ke uMoses umnquba, wazibeka iziseko zawo, wazimisa iiplanga zawo, wayifaka imivalo yawo, wazimisa iintsika zawo.
4019Wayaneka intente phezu komnquba, wabeka isigubungelo sentente phezu kwayo phezulu, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
4020Wasithabatha isingqino, wasibeka etyeyeni, wazifaka izibonda etyeyeni, wasibeka isihlalo sokucamagusha phezu kwetyeya phezulu.
4021Wayingenisa ityeya emnqubeni, wawuxhoma umkhusane osithelisayo, wayisithelisa ityeya yesingqino, njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses.
4022Wayibeka itafile ententeni yokuhlangana, ngecala lomnquba elingasentla, nganeno komkhusane;
4023wacwangcisa phezu kwayo ukucwangciswa kwezonka phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
4024Wasimisa isiphatho sezibane ententeni yokuhlangana, sakhangelana netafile ngecala lomnquba elingasezantsi;
4025wazimisa izibane phambi koYehova, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
4026Wasibeka isibingelelo segolide ententeni yokuhlangana, phambi komkhusane.
4027Waqhumisela phezu kwaso ngesiqhumiso esimnandi, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
4028Wasixhoma isisitheliso somnyango emnqubeni.
4029Wasibeka isibingelelo sedini elinyukayo emnyango womnquba wentente yokuhlangana; wanyusa kuso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
4030Walubeka uhehema lwesitya sokuhlambela phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo eso, wagalela amanzi okuhlamba kulo.
4031Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo khona.
4032Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, bahlamba, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
4033Wayimisa intendelezo ejikeleza umnquba lo nesibingelelo esi, wasixhoma isisitheliso sesango lentendelezo. Wawugqiba ke uMoses umsebenzi.
4034Ilifu layigubungela intente yokuhlangana, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
4035UMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana, ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo, ubuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.
4036Belisithi lakunyuswa lisuswe ilifu emnqubeni, banduluke oonyana bakaSirayeli, benjenjalo ekundulukeni kwabo konke.
4037Ke xa ilifu belingekanyuswa, bebenganduluki kude kube yimini yokunyuswa kwalo;
4038kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku, phambi kwendlu yonke kaSirayeli, ekundulukeni kwabo konke.