Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Job

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Kwabe kukho indoda ezweni lakwaUtse, egama libe linguYobhi.
12Yaye loo ndoda igqibelele, ithe tye, imoyika uThixo, ityeka ebubini. Yazalelwa oonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.
13Imfuyo yayo yayingamawaka asixhenxe empahla emfutshane, namawaka amathathu eenkamela, namakhulu amahlanu ezibini zeenkomo, namakhulu amahlanu eemazi zamaesile, nabakhonzi abaninzi kunene; yaba nkulu ke loo ndoda kubo bonke oonyana belasempumalanga.
14Oonyana bakhe babeqhele ukuya kwenza isidlo endlwini yalowo ibiyimini yakhe; bathumele bameme oodade babo bobathathu, ukuba badle basele nabo.
15Kwathi, yakuba izungulezile imihla yesidlo, wathumela uYobhi, wabangcwalisa, wavuka kusasa, wanyusa amadini anyukayo ngokwenani labo bonke bephela; kuba uYobhi ebesithi, Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo. Ubesenjenjalo ke uYobhi loo mihla yonke.
16Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova, weza noSathana phakathi kwabo.
17Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
18Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi: ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini?
19USathana wamphendula uYehova, wathi, UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo?
110Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke; wawusikelela umsebenzi wezandla zakhe, imfuyo yakhe yaligqiba ilizwe?
111Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise into yonke anayo, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
112Wathi uYehova kuSathana, Yabona, konke anako kusesandleni sakho; ke kuye ngokwakhe musa ukusa sandla sakho. Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova.
113Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakhe neentombi zakhe babesidla, besela iwayini, endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu.
114Kweza umthunywa kuYobhi, wathi, Iinkomo bezilima, namaesile ebesidla ecaleni lazo;
115agaleleka amaShebha, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele, kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
116Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Umlilo kaThixo uwe ezulwini, wayitshisa impahla emfutshane nabafana, wabadla; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
117Esathetha lo, kwafika omnye wathi, AmaKaledi amisa amaqela amathathu azingenela iinkamela, azithimba, ababulala abafana ngohlangothi lwekrele; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
118Esathetha lo, kwafika omnye, wathi, Oonyana bakho neentombi zakho babesidla, besela iwayini endlwini yomkhuluwa wabo omkhulu;
119nanko kuvela umoya omkhulu ngasentlango, wabetha ezimbombeni zone zendlu, yabawela abafana abo, bafa; kwasinda mna ndedwa, ukuza kukuxelela.
120Wesuka uYobhi, wayikrazula ingubo yakhe yokwaleka, wayicheba intloko yakhe, wawa emhlabeni, waqubuda.
121Wathi, Ndaphuma ndize esizalweni sikama, ndiya kubuyela khona ndikwaze: uYehova wanika, ikwanguYehova othabathileyo; igama likaYehova malibongwe.
122Kuko konke oko akonanga uYobhi, akamsola nokumsola uThixo.
21Kwathi ngamhla uthile, oonyana bakaThixo beza kuzimisa phambi koYehova; weza noSathana phakathi kwabo, ukuba azimise phambi koYehova.
22Wathi uYehova kuSathana, Uvela phi na? USathana wamphendula uYehova, wathi, Ekutyhutyha-tyhutyheni ehlabathini, nasekuhamba-hambeni kulo.
23Wathi uYehova kuSathana, Umgqalile na kodwa umkhonzi wam uYobhi, ukuba akukho unjengaye ehlabathini, indoda egqibeleleyo, ethe tye, emoyikayo uThixo, etyekayo ebubini: esabambeleleyo ekugqibeleleni kwayo, noko undixhokonxele kuyo ukubandiyiginyele ilize?
24USathana wamphendula uYehova, wathi, Ulusu ngenxa yolusu; konke anako umntu wokunika ngenxa yomphefumlo wakhe.
25Kodwa ke khawuse isandla sakho ngoku, uchukumise emathanjeni akhe nasenyameni yakhe, ukuba akayi kukulahla na nawe lo, akwenze oko ebusweni bakho.
26Wathi uYehova kuSathana, Nanko esesandleni sakho; kuphela wogcina umphefumlo wakhe.
27Waphuma ke uSathana, wemka ebusweni bukaYehova; wambetha uYobhi ngamathumba amabi, wathabathela entendeni yonyawo lwakhe, wesa elukakayini lwakhe.
28Wathabatha ukhamba ukuba azikhuhle ngalo, ehleli eluthuthwini.
29Wathi umkakhe kuye, Usabambelele na ekugqibeleleni kwakho? Mlahle uThixo, ufe.
210Wathi yena kuye, Uthetha njengesidengekazi. Siya kwamkela okulungileyo kuThixo, singamkeli nokubi, yini na? Kuko konke oko akonanga uYobhi ngomlomo wakhe.
211Ke kaloku izihlobo ezithathu zikaYobhi zabuva bonke obo bubi bumfikeleyo, zeza, saeso sivela endaweni yaso: uElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama. Banqophisana ukuba beze, bamkhuze, bamthuthuzele.
212Baphakamisa amehlo abo besekude, abamazi; baphakamisa izwi labo, balila; bakrazula elowo ingubo yakhe yokwaleka, bazigalela ngothuli entloko, beluphosa phezulu ezulwini.
213Bahlala naye emhlabeni apho iimini zasixhenxe nobusuku bazo; kungekho namnye uthetha naye, kuba babebona ukuba umvandedwa wakhe mkhulu kakhulu.
31Emveni koko uYobhi wawuvula umlomo wakhe, wayiqalekisa imini yakhe.
32Wasusela uYobhi, wathi,
33Mayidake imini endazalwa ngayo, Nobusuku ekwathiwa, Kukhawulwe indoda.
34Loo mini mayibe bubumnyama, Angayinyamekeli uThixo phezulu, Kungayibengezeli ukukhanya.
35Mayikhululwe ngentlawulelo bubumnyama nethunzi lokufa, Makulale amafu phezu kwayo; Mayidandathekiswe kokungcolisa imini.
36Obo busuku-masibubambe isithokothoko; Mabungavuyi phakathi kwemihla yomnyaka; Mabungangeni enanini leenyanga.
37Yabona, obo busuku mabube ludlolo; Makungezi kumemelela kubo,
38Mababuqalekise abaqalekisi bemihla, Abaxhobele ukuxhokonxa ileviyatan.
39Mazibe mnyama iinkwenkwezi zomso wabo obomvu; Mabulinde ukufika kokukhanya, kungabikho; Bungaziboni iinkophe zesifingo;
310Ngokuba bungazivalanga iingcango zesizalo esandizalayo, Bungabusithelisanga ububi emehlweni am.
311Ibe iyini na ukuba ndingafeli embilinini, Ndingaphumi umphefumlo ndisavela esizalweni?
312Kube kungani na ukuba amadolo andihlangabeze? Ibe iyini na ukuba andihlangabeze amabele, ukuze ndiwanye?
313Kuba ngoku ngendiba ndilele, ndazola; Ngendiba ndalala ubuthongo, ndandula ukuphumla
314Nokumkani namaphakathi elizwe, Abo bazakhelayo amanxuwa;
315Nabathetheli abanegolide, Abazizalisayo izindlu zabo ngesilivere.
316Ngendiba andikho, njengemvambilini eselelweyo; Njengabantwana abangabonanga kukhanya.
317Kuba apho, abangendawo bakuyekile ukugungqa; Khona apho bayaphumla abaphelelwe ngamandla.
318Abakhonkxiweyo bonwabile ndaweni-nye; Abasaliva izwi lomqhubi.
319Omncinane nomkhulu-khona bayalingana; Ikhoboka likhululekile enkosini yalo.
320Yini na ukuba abasebubini abanike ukukhanya, Nabamphefumlo ukrakra abanike ubomi?
321Abalinde ukufa, kusuke kungabikho; buselelweyo;
322Abavuya bade bagcobe, Babe nemihlali, xa bathe bafumanana nengcwaba?
323Ukuba ukukhanya akunike umfo ondlela isitheleyo, Obiyelweyo nguThixo ngeenxa zonke?
324Kuba endaweni yesonka sam kuza ukugcuma, Kuphalazeka njengamanzi ukubhonga kwam.
325Kuba ndinkwantya kokunkwantyisayo, kwaza kwandifikela, Into endinxunguphala yiyo indizele.
326Ndathi, ndingachulumachanga ndingazolanga, ndingaphumlanga, Kweza ke ukugungqa.
41Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
42Kungakudinisa na, kwakulingwa ukubhekiswa ilizwi kuwe? Engubani na onako ukuzibamba angathethi?
43Yabona, uthethise abaninzi, Wazomeleza izandla eziwileyo;
44Ukuthetha kwakho kwabaphakamisa abakhubekayo, Wawaqinisa amadolo agevegeve.
45Kungokunje into ize kuwe, wadinwa; Ifike kuwe, wakhwankqiswa.
46Ukoyika kwakho uThixo asiyinqolonci yakho na? Ithemba lakho alikukugqibelela kweendlela zakho na?
47Khawukhumbule, ngubani na owakha wadaka, emsulwa? Kuphi na apho ke bathi shwaka khona abathe tye?
48Ngokubona endibone ngako, abalima inkohlakalo, Nabahlwayela ububi, bavuna kwabona.
49Badaka ngokuphefumla kukaThixo, Baphela ngumoya womsindo wakhe.
410Ukugquma kwengonyama, nelizwi lebhavumayo, Namazinyo eengonyama ezintsha ancothukile.
411Ingonyama iyatshabalala ngokuswela into yokuqwenga; Amathole engonyamakazi achithakele.
412Ndicothelwe lilizwi, Indlebe yam yakuthabatha ukusebeza kwalo.
413Ezingcingangcingeni zasemibonisweni yobusuku, Bakusindwa abantu bubuthongo obukhulu,
414Kwandikhawulela ukunkwantya nokuthuthumela, Kwawankwantyisa amathambo am amaninzi.
415Kwathi phe umoya ebusweni bam, Yaba namanwele inyama yam.
416Wema, andayinakana imbonakalo yawo; Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am; Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,
417Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo? Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?
418Yabona, akakholwa ngabakhonzi bakhe, Nezithunywa zakhe uthi zingabaphosisi;
419Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka, Abasiseko siseluthulini, Abatyunyuzwa njengamanundu?
420Kusa kuhlwe, beqotywa; Badake kuphele, kungekho ugqalayo.
421Abathi na, xa luthe lwancothulwa kubo uthambo lwentente, Bafe bengalumkanga?
51Khawubize kambe, ukuba ukho na owokuphendula. Uya kubheka kuwuphi na kwabangcwele?
52Kuba ingqumbo iyambulala osisimathane, Nekhwele liyambulala osisiyatha.
53Ndimbonile mna osisimathane emila; Ndaza ndalishwabulela ngesiquphe ikhaya lakhe.
54Bakude nosindiso abantwana bakhe, Batyunyuzwa esangweni bengenamhlanguli;
55Ekubeni abalambileyo besidla uvuno lwakhe, Balurhole naseluthangweni lwesiphingo; Abanxaniweyo bazonda ubutyebi babo.
56Kuba inkohlakalo ayiphumi eluthulini, Nobubi abuntshuli emhlabeni;
57Hayi, umntu uzalelwa ububi, Njengokuba iintlantsi zinyuka ukubaleka kwazo.
58Ke mna bendiya kusingisa kuThixo, Indawo yam ndiyibhekise kuThixo,
59Owenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Imisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa;
510Ulonika imvula phezu kobuso bomhlaba, Ase amanzi phezu kwamaphandle,
511Ukuba abathobekileyo abamise ezindaweni eziphakamileyo, Abanezimnyama zokuzila banyukele elusindisweni.
512Utshitshisa iingcinga zabo banobuqhophololo, Zingenzi nto izimasekileyo izandla zabo.
513Ubambisa izilumko kubuqhophololo bazo, Iqhinga labanobuqokolo lingxamiseke ke.
514Emini baqubisana nobumnyama, Baphuthaphuthe kwemaqanda, ngathi kusebusuku.
515Usindisa ihlwempu ekreleni, emlonyeni wabo, Nasesandleni sowomeleleyo.
516Kubekho ke ithemba kosweleyo, Ubugqwetha buwuvale umlomo wabo.
517Yabona, unoyolo mntu owohlwaywa nguThixo! Musa ke ukukucekisa ukuthethisa kukaSomandla!
518Kuba wenza buhlungu, abophe; Uyaphalusa, ziphilise izandla zakhe.
519Ezimbandezelweni ezintandathu uya kukuhlangula, Nakwezisixhenxe akuyi kuchukunyiswa bububi;
520Endlaleni ukukhulula ekufeni Emfazweni ukukhulula ekuxatyelweni ngekrele,
521Eziniyeni yolwimi uzinyezwe, Ungoyiki imbuqo, yakufika.
522Imbuqo nendlala uya kuyihleka, Nerhamncwa lasendle ungaloyiki.
523Kuba unqophisene namatye asendle, Amarhamncwa asendle axolelene nawe;
524Uya kwazi ukuba uxolo yintente yakho, Ulivelele ikhaya lakho, ungaphosani nanto;
525Uyazi ukuba ininzi imbewu yakho, Nenzala yakho injengomfuno wehlabathi.
526Uya kungena engcwabeni womelele, Njengokungeniswa kwesithungu ngexesha laso.
527Bona, oku sikugocagocile, kunjalo; Kuve, ukwazi wena ngokwakho.
61Waphendula uYobhi, wathi,
62Akwaba bekulinganiswe nokulinganiswa ukukhathazeka kwam, Kwabekwa esikalini ukweyela kwam ndawonye nako!
63Kuba ngoku bekuya kuba nzima ngaphezu kwentlabathi yolwandle; Kungenxa yoko le nto amazwi am angawokubhuda.
64Kuba iintolo zoSomandla zimi kum, Ezibuhlungu bazo buwufincayo umoya wam; Izidandathekiso zikaThixo zindakhele uluhlu lokulwa.
65Iesile lasendle likhe lilile na liseluhlazeni? Iyalila na inkomo isekutyeni kwayo?
66Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa? Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?
67Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam, Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.
68Akwaba bendingazuza isicelo sam, UThixo andiphe endikulindelayo;
69Kukholeke kuThixo ukundityumza, Asivulele isandla sakhe, andinqumle!
610Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam; Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo; Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.
611Ayintoni na amandla am, ukuba ndingade ndithembe? Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingade ndibe nokuzeka kade?
612Angamandla amatye na amandla am? Inyama yam ilubhedu na?
613Akuphelile yini na kum ukuncedakala, Ukuzimaseka kwabhejethwa kwakanye?
614Akuhlaziswa oqotyiweyo ngummelwane wakhe, Uya kulahla ukumoyika uSomandla.
615Abazalwana bam banginizile njengomlanjana, Njengomphantsi wemilanjana etshayo,
616Emdaka ngumkhenkce, Elizifihla kuyo ikhephu.
617Ekufikeni kokufudumala iyabhanga; Lakubalela ithi qoko, ingabikho ezindaweni zayo.
618Iyajikajika imendo yokuhamba kwayo, Inyuka iye enyanyeni, idake.
619Imikhoko yakwaTema yabheka, Imiqodi yakwaShebha yathemba yona;
620Yadana, kuba ibikholosile; Yafika khona, yaneentloni.
621Kuba ngoku nisuke naba yinto engento, Nibone ukuqhiphuka umbilini, noyika.
622Khe ndatsho na ukuthi, Etheni kum? Ndipheni emandleni enu?
623Nindisindise esandleni sombandezeli, Nindikhulule esandleni sengqwangangqwili?
624Ndiyaleni, ndothi cwaka; Nindiqondise ukulahleka kwam.
625Asikuko nokuba ayahlaba amazwi athe tye! Ke ukohlwaya kwenu kohlwaya ntoni na?
626Niba ninokohlwaya ukuthetha oku na? Angumoya amazwi omntu oncamileyo.
627Ke nangenkedama ningaqashisa, Nirhwebe ngommelwane wenu.
628Makukholeke kuni ngoku, nibheke kum, Kuba okunene ebusweni benu andiyi kuthetha amanga.
629Khanibuye, makungabikho bugqwetha, Niphinde nibuye; ubulungisa bam bukule nto.
630Bukho na ubugqwetha elulwimini lwam? Ikhuhlangubo lam alingekuqondi na ukweyelisela?
71Akaphume mkhosi na ehlabathini umntu? Ayinjengemihla yomqeshwa na imihla yakhe?
72Njengesicaka esibe sizonda umthunzi, Njengomqeshwa olinde umvuzo wakhe?
73Ndenjenjalo ukwamkeliswa iinyanga ezinenkohliso, Ndabalelwa nobusuku bobubi.
74Ndakuba ndilele phantsi, ndithi, Ndiya kuvuka nini na? Ukuhlwa kolukile, Ndidikiwe kukuqikaqikeka kude kuse.
75Inyama yam yambeswe iimpethu namagada omhlaba; Ulusu lwam lungamaqhula, lubhiqiza.
76Imihla yam ikhawuleza ngaphezu komkhonjana womluki, Iphela kungekho themba.
77Khumbula ukuba bungumoya ubomi bam; Iliso lam aliyi kubuya likubone okulungileyo.
78Aliyi kuba sandalama iliso londibonileyo; Amehlo akho ekum, ndingabikho.
79Liphelile ilifu, limkile; Unjalo ohla aye kwelabafileyo, akenyuki.
710Akabi sabuyela endlwini yakhe, Ingabi samazi indawo yakhe.
711Nam andiyi kuwubamba umlomo wam; Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam, Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.
712Ndilulwandle na, ndiyingwenya na, Ukuba undimisele umlindo?
713Xa bendisithi, Wondithuthuzela umandlalo wam, Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:
714Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha, Wandidandathekisa emibonweni,
715Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.
716Ndikruqukile; andingi ndingadla bomi ngonaphakade; Ndiyeke, kuba ingumphunga imihla yam.
717Uyintoni na umntu lo, le nto umkhulisayo, Le nto uyisingise kuye intliziyo yakho,
718Umvelele imiso yonke Umcikide imizuzu yonke?
719Kunini na ungawasusi amehlo kum, Ungandiyeki, khe ndiginye amathe?
720Ndithe ndona, ndingakwenza ntoni na? Wena mlindi woluntu, Yini na ukuba undenze itekeni, Ndibe ngumthwalo kum?
721Yini na ukuba ungasixoleli isikreqo sam, ungabudlulisi ubugwenxa bam? Kuba kaloku ndiya kuzilalisa eluthulini; Wondondela kakhulu, ndingabikho.
81Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
82Kunini na uthetha izinto ezinje? Engumoya omkhulu amazwi omlomo wakho?
83UThixo angakwenza gwenxa na okusesikweni? USomandla angabenza gwenxa na ubulungisa?
84Ukuba abantwana bakho bathe bamona yena, Wabanikela esandleni sesikreqo sabo;
85Ukuba uthe wamfuna ngenkuthalo uThixo wena, Watarhuzisa kuSomandla;
86Ukuba uthe wacoceka, wathi tye wena, Okunene, wovuka ngoku ngenxa yakho, Alisikelele ikhaya lobulungisa bakho;
87Kuthi ukuqala kwakho kube kuyinto encinane, Ukuphuma kwakho kube kukhulu kakhulu.
88Kuba khawubuze kwisizukulwana saphambili; Uxunele ekugocagoceni kooyise baso:
89Kuba singabezolo thina, asinakwazi; Ngokuba isisithunzi imihla yethu ehlabathini.
810Abayi kukuyala na abo, bathethe kuwe. Barhole amazwi entliziyweni yabo? bathi,
811Iyakhula na imikhanzi, kungekho mgxobhozo? Iyahluma na ingcobo, kungekho manzi?
812Iseluhlaza, ingekaphiwa, Yoyiphangela ingca yonke ngokoma.
813Unjalo umendo wabo bonke abamlibalayo uThixo, Nethemba lomkhohlisi liyadaka;
814Ngokuba ukugasa kwakhe kuyanqunyulwa; Yindlu yesigcawu ukukholosa kwakhe.
815Wayama ngendlu yakhe, ingemi; Ubambelela kuyo, ingahlali.
816Uluhlaza phambi kwelanga, Namagatya akhe ayaqabela eludongeni lwentsimi yakhe;
817Iingcambu zakhe zijijene emweweni, Utyhudisa ezingcambeni zamatye.
818Ukuba uthe wamginya endaweni yakhe, Yomkhanyela ithi, Andikubonanga.
819Yabona, yiyo le imihlali yendlela yakhe, Ize eluthulini kuntshule abanye.
820Yabona, uThixo akamcekisi ogqibeleleyo, Akababambi ngesandla abenzi bobubi.
821Uya kuwuzalisa umlomo wakho ngokuhleka, Nemilebe yomlomo wakho ngokuduma:
822Abakuthiyayo baya kwambatha ukudana, Ingabi sabakho intente yabangendawo,
91Waphendula uYobhi, wathi,
92Okwenene, ndiyazi ukuba kunjalo; Ke angathini na umntu lo ukuba lilungisa phambi koThixo?
93Ukuba uthe yena wafuna ukubambana naye, Ubengemphenduli namnye umbuzo kweliwaka.
94Ulumkile ngentliziyo, ukhaliphile ngamandla: Ngubani na okha agogotye kuye, aze asinde?
95Uloshenxisa iintaba zingazi, Ukuba azibhukuqe ngomsindo wakhe;
96Ulogungqisa ihlabathi, lisuke endaweni yalo, Zididizele iintsika zalo;
97Ulothetha elangeni lingaphumi, Azitywine, azivingce, iinkwenkwezi ngeenxa zonke;
98Ulotwabulula ixulu eyedwa, Anyathele emimangweni yolwandle;
99Ulowenza iinkwenkwezi zeBhere, namaKroza, nesiLimela, Neengontsi zasezantsi.
910Ulowenza izinto ezinkulu ezingenakugocwagocwa, Nemisebenzi ebalulekileyo engenakubalwa.
911Yabona, udlula phezu kwam, ndingamboni; Uthi phe, ndingamqondi,
912Yabona, exwila, ngubani na ongamnqandayo? Ngubani na ongathi kuye, Wenza ntoni na?
913UThixo akawunqandi umsindo wakhe; Bayasibekeka phantsi kwakhe abancedi bakaRahabhi.
914Ndingathini na ke mna ukumphendula, Ndiwakhethe amazwi am okuphendula kuye?
915Nokuba bendililungisa mna, bendingemphenduli; Ndingatarhuzisa kuphela kumgwebi wam.
916Ukuba bendithe ndabiza, wandiphendula, Bendingekholwa ukuba ulibekele indlebe ilizwi lam;
917Kanye ubeya kundityumza ngoqhwithela, Awandise amanxeba am ngelize,
918Angandiphi nokuba ndiphefumle; Ke ubeya kundihluthisa ngobukrakra.
919Ukuba yinto yamandla ekhalipha, uthi, Ndim okhoyo! Ukuba yinto yomgwebo, uthi, Ngubani na oya kundimema?
920Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba; Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.
921Ndigqibelele; andiwukhathalele umphefumlo wam; Ndiyabucekisa ubomi bam.
922Kunye oko; ngenxa yoko ndithi, Ogqibeleleyo nongendawo uyabatshabalalisa.
923Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe, Uya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.
924Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo; Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo. Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?
925Imihla yam ikhawuleze ngaphezu kwesigidimi; Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;
926Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo, Njengokhozi luxwila ixhoba.
927Ndakuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam, Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,
928Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke, Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.
929Kuthiwa ndingongendawo mna; Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?
930Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu, Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,
931Ubuya kundithi gxwa emhadini, Ndibe lisikizi nakwiingubo zam.
932Kuba akamntu yena, njengam nje, ukuba ndimphendule, Siye ndawonye ematyaleni.
933Akukho mahluli phakathi kwethu, Wokubeka isandla sakhe phezu kwethu sobabini.
934Makayisuse intonga yakhe kum, Isothuso sakhe masingandidandathekisi:
935Ndothetha ke ndingamoyiki; Kuba andivi kunjalo mna eluvalweni lwam.
101Umphefumlo wam udimele bubomi bam; Ngoko ndiya kuyivulela inkalazo yam phakathi kwam; Ndithethe, ukrakra umphefumlo wam;
102Ndithi kuThixo, Musa ukundigweba; Ndazise ukuba ubambene nam ngani na?
103Kulungile na kuwe ukuba ucudise, Ukuba ucekise ukuxelenga kwezandla zakho, Ulibengezelele iqhinga labangendawo?
104Unamehlo enyama na? Ubona ngokubona komntu na?
105Injengemihla yomntu na imihla yakho, Iminyaka yakho injengemihla yomfo na:
106Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam, Usingxoke isono sam,
107Usazi nje ukuba andingongendawo, Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?
108Izandla zakho zindiyilile, zandenza Ndonke, ngeenxa zonke; uyandiginya noko.
109Khawukhumbule, ukuba undenze ngokodongwe; Ke undibuyisa undise eluthulini!
1010Akundithululanga na njengamasi, Wandivuthisa njengengqaka?
1011Wandambesa ngolusu nenyama, Wandiphingela ngamathambo nemisipha.
1012Undenzele ubomi nenceba, Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.
1013Ezi zinto ke wazigusha entliziyweni yakho; Ndiyazi ukuba ubunale ndawo yokuthi:
1014Ukuba ndithe ndona, wondibamba undilinde, Ungandenzi msulwa ebugwenxeni bam.
1015Ukuba ndithe ndabangongendawo, athi ke mna! Ukuba ndithe ndaba lilungisa, ndingayiphakamisi intloko yam: Ndihluthi kukucukucezwa, Nakukubona iintsizi zam.
1016Nokuba ithe yaziphakamisa intloko yam, wondizingela njengengonyama, Ubuye wenze ngokubalulekileyo kum;
1017Uhlaziye amangqina akho phambi kwam; Uyandise ingqumbo yakho kum, Ibe kukukhululana kwemikhosi eza kum.
1018Ibiyini na ke ukuba undikhuphe esizalweni? Ngendaphuma umphefumlo, andabonwa liso,
1019Ndanga andibangakho, Ngendasuswa esizalweni, ndasiwa engcwabeni.
1020Ayimbalwa na imihla yam? Makayeke, Adede kum, ndikhe ndincumeze kancinane,
1021Phambi kokuba ndihambe, ndingabi sabuya, Ndiye ezweni lobumnyama nelethunzi lokufa,
1022Ezweni elisongelwe bubumnyama njengesithokothoko, Lethunzi lokufa nelesidubedube, Elinkazimlo injengesithokothoko.
111Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
112Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na?
113Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?
114Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho.
115Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe;
116Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini, bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.
117Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?
118Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na?
119Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle.
1110Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni, ngubani na onokumnqanda?
1111Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.
1112Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.
1113Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:
1114Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude, Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;
1115Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.
1116Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;
1117Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.
1118Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;
1119Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.
1120Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.
121Waphendula uYobhi, wathi,
122Kambe, nini abantu; Buya kufa nani ubulumko.
123Nam ke ndinentliziyo njengani; Andiwi nganeno kwenu. Ngubani na ongazaziyo izinto ezinjalo?
124Ndiyintlekisa kummelwane mna, Endibe ndingonqula uThixo, andiphendule; Uyintlekisa olilungisa, ogqibeleleyo.
125Onelishwa yinto yokudelwa ngokwamabhongo abonwabileyo; Kulungiselwe abanyawo zikhubekayo.
126Kukho ukuchulumacha ezintenteni zababhuqi; Bakholosile abamqumbisayo uThixo, Abafumbatha uThixo esandleni sabo.
127Kodwa khawubuze ezinkomeni, zokuyala; Nasezintakeni zezulu, zokuxelela;
128Thetha nomhlaba, wokuyala; Zokubalisela neentlanzi zolwandle.
129Ngubani na ongaziyo ngezo zinto zonke, Ukuba sisandla sikaYehova esikwenzileyo oko?
1210Usesandleni sakhe umphefumlo wezinto zonke eziphilileyo, Nomoya wenyama yonke eyiyeyomntu.
1211Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, Nekhuhlangubo likuve ukudla?
1212Emaxhegweni kusebulumkweni, Ebudeni bemihla kusengqondweni,
1213Bukuye ubulumko nobugorha, Lelakhe icebo nengqondo.
1214Yabona, ugungxula, kungakhiwa. Uyamvalela umntu, kungavulwa,
1215Yabona, uyawavala amanzi, atshe; Uyawavulela, aliphethule ilizwe.
1216Anaye amandla nozimaso; Ngowakhe odungudelayo nodungudelisayo.
1217Umkisa amaphakathi ebhunyulwe, Abagezise nabagwebi.
1218Ukhulula imbophelelo yookumkani, Abophe umbhinqo emanqeni abo.
1219Umkisa ababingeleli bebhunyulwe, Abazizimakade abaphenule.
1220Ususa intetho kwabanyanisekileyo, Ayithabathe imvo kumadoda amakhulu.
1221Uphalazela amanene ngendelo, Acombulule uqhwemesha lwabaziingqwemla.
1222Utyhila iinzulu zasebumnyameni, Alikhuphele emhlotsheni ithunzi lokufa.
1223Ukhulisa iintlanga, azitshabalalise; Uziphangalalisa iintlanga azifuduse.
1224Ususa ingqondo kwiintloko zabantu balo ilizwe, Azibhadulise enyanyeni engenandlela.
1225Ziphamza emnyameni kungekho kukhanya, Azibhadulise njengamanxila.
131Yabona, konke oko likubonile iliso lam, Yakuva indlebe yam, yakuqonda.
132Njengoko nazi ngako, ndiyazi nam; Andiwi nganeno kwenu.
133Kodwa mna ndinga ndingathetha kuSomandla, Ndifuna ukuzihlamba kuThixo.
134Kodwa ke nina ningabadyobha ngobuxoki, Ningamagqirha angento nonke niphela.
135Anaba benithe tu kanye; Nibe niya kuba nilumkile.
136Khaniphulaphule ke ukuzihlamba kwam, Ukuphika komlomo wam nikubazele indlebe.
137UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na, Nimthethelele ngenkohliso na?
138Niya kumnonelela na, Niphikele uThixo na?
139Kolunga na xa athe wanigocagoca? Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?
1310Wonohlwaya inene, Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.
1311Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na, Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?
1312Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu; Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.
1313Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe, Kundihlele okundihlelayo.
1314Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am, Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?
1315Yabona, nokuba uthe wandibulala, ndolindela kuye; Kodwa ndozihlamba iindlela zam ebusweni bakhe.
1316Kwaoko koba lusindiso kum: Okuba intshembenxa ingayi kuza ebusweni bakhe.
1317Yivani, nikuve ukuthetha kwam, Nengxelo yam, ngeendlebe zenu.
1318Khanibone, ndilicacisile ityala lam; Ndiyazi ukuba ndiya kugwetyelwa mna.
1319Ngubani na ke ongabambana nam? Kuba bendiya kuthi tu kaloku, ndiphume umphefumlo.
1320Kodwa izinto ezimbini musa ukuzenza kum, Ndize ndingazisithelisi ebusweni bakho:
1321Isandla sakho sise kude kum, Nesothuso sakho singandidandathekisi.
1322Biza ke, ndisabele mna; Mhlawumbi ndithethe, undiphendule.
1323Zingaphi na izenzo ezigwenxa, nezono zam? Ndazise isikreqo sam, nesono sam.
1324Yini na ukuba ubusithelise ubuso bakho, Ube ndilutshaba kuwe?
1325Uya kungcangcazelisa ugxothe igqabi eliphetshethwayo na, Usukele umququ owomileyo na?
1326Ngokuba uzibhalela kum izinto ezikrakra, Undidlisa ilifa lezenzo ezigwenxa zobutsha bam;
1327Uzifaka esitokisini iinyawo zam, Uwugqala wonke umendo wam; Uzikrwelela umda ojikelezayo izithende zeenyawo zam:
1328Mna lo, uhageleyo njengevithi, Njengengubo edliwe ngamanundu.
141Umntu, into ezelwe ngumfazi, Imihla yakhe mifutshane, izele ziinkathazo.
142Uphuma njengentyantyambo, abune; Ubaleka njengethunzi, angemi.
143Onjalo umvelela ngeliso lakho, Undimise mna ematyaleni phambi kwakho?
144Akwaba bekukho ohlambulukileyo ophume koyinqambi! Akukho nokuba abe mnye.
145Imisiwe nje imihla yakhe, Liyaziwa nguwe inani leenyanga zakhe; Umenzele ke umda wakhe ongenakugqithwa.
146Susa amehlo akho kuye, aphumle, Ade akholiswe njengomqeshwa yimini yakhe.
147Kuba kukho ithemba emthini; Ukuba uthe wagawulwa, wobuya uhlume, Igatya lawo lingapheli.
148Ukuba ithe yaba ndala ingcambu yawo emhlabeni, Safa isibili sawo eluthulini:
149Ngevumba lamanzi wodubula, Wenze amasebe njengesithodlana.
1410Ke yena umfo ufa angquleke; Umntu uphuma umphefumlo; abe phi na ke?
1411Amanzi aselwandle ayemka; Umlambo uyatsha, wome:
1412Umntu ulala phantsi ke, angavuki; Lide izulu lingabikho, bangaqabuki, Bangavuswa ebuthongweni babo.
1413Akwaba ubungandigushayo kwelabafileyo, Undisithelise ude ubuye umsindo wakho; Undimisele umda, undikhumbule ke!
1414Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? Yonke imihla yokuphuma kwam umkhosi, bendinga ndingalinda, Kude kufike ukukhululwa kwam.
1415Ubungabizayo ke, ndisabele mna, Uwulangazele umsebenzi wezandla zakho.
1416Kuba ngoku uyawabala amabanga am, Akuzigcinile ngenxa yesono sam.
1417Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam; Wahlomela ebugwenxeni bam.
1418Kodwa intaba, isiwa, iyagubeka; Iliwa liyashenxa endaweni yalo;
1419Amanzi ayawadla amatye; Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba; Ithemba lomntu uyalidakisa ke.
1420Uthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke; Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.
1421Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena; Baba ziimbedlenge, angagqali yena.
1422Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe, Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.
151Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
152Isilumko siphendula ngokwazi okungumoya na, Sizalise umbilini waso ngolophu lwasempumalanga na?
153Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na, Nangokukhuluma okungasizi lutho na?
154Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo, Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;
155Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho, Unyule ulwimi lwabanobuqhophololo.
156Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim; Ngumlomo wakho okuphendulayo.
157Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu? Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?
158Wawukho na egquguleni likaThixo? Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?
159Wazi ntoni na, esingayaziyo thina? Uqonde ntoni na, engekhoyo nathi kuthi?
1510Kunje thina siziingwevu namaxhego, Amadala nakuyihlo ngokuzalwa.
1511Zincinane na kuwe iintuthuzelo zikaThixo, Nelizwi elithethe kuhle nawe?
1512Imka nantoni na intliziyo yakho? Aphanyazela ntoni na emehlo akho,
1513Le nto ukuguqulela kuThixo ukufutha kwakho, Ukhuphe ukuthetha emlonyeni wakho?
1514Uyintoni na umntu, ukuba aqaqambe? Abe lilungisa ozelwe ngumfazi?
1515Yabona, nabangcwele bakhe akakholwa ngabo, Nezulu aliqaqambile emehlweni akhe.
1516Ubeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?
1517Ndokuxelela, ndiphulaphule; Endikubonileyo ndikubalisele;
1518Okwaxelwa zizilumko, Kuvela kooyise, zaza azakufihla.
1519Lanikwa zona zodwa ilizwe, Akwangena wasemzini phakathi kwazo.
1520Yonke imihla yakhe, ongendawo uyazibhijabhija; Inani leminyaka liqwetyelwe ingqwangangqwili.
1521Kumi ilizwi lokunkwantyisa ezindlebeni zakhe, Eluxolweni uyamfikela umbhuqi.
1522Akakholwa ukuba uya kubuya emnyameni; Ke yena uqwetyelwe ikrele.
1523Uphalaphalela ukutya, esithi, Kuphi na? Uyazi ukuba ulungiselwe imini yobumnyama ecaleni kwakhe.
1524Udandathekiswa yimbandezelo nayingcutheko; Ithi gaga phezu kwakhe, njengokumkani olungiselwe isiphendu sokulwa.
1525Ngokuba esolulele kuThixo isandla sakhe, Wazenza igorha kuSomandla:
1526Wamgila, eyolule intamo, Ngamaqhubu angqingqwa eengweletshetshe zakhe;
1527Ngokuba egubungele ubuso bakhe ngamanqatha akhe, Watyeba wanamanqatha emihlubulweni yakhe.
1528Wema imizi engamanxuwa, Nezindlu ezingezakuhlalwa, Ezamiselwa ukuba zibe yimiwewe.
1529Akayi kuba sisityebi, abuyi kuma ubutyebi bakhe; Inzuzo yakhe ayiyi kunaba emhlabeni.
1530Akayi kusinda ebumnyameni; Igatya lakhe liya komiswa ngedangatye; Emke ngokufutha komlomo wakhe.
1531Okhohliswayo makangathembeli kumampunge; Kuba inkohlakalo iya kuba lulwanano lwakhe.
1532Kozaliseka oko ingekabi yimini yakhe, Isebe lakhe lesundu lingabi luhlaza.
1533Wowisa njengomdiliya uwisa iidiliya zawo ezikrwada; Avuthulule njengomnquma intyantyambo yawo.
1534Kuba ibandla leentshembenxa liya kuba njengento embatshileyo, Umlilo uzitshise iintente zokucenga.
1535Bakhawula ububi, bazale ubutshinga, Umbilini wabo usebenze inkohliso.
161Waphendula uYobhi, wathi,
162Ndive izinto ezininzi ezinjengezo; Ningabathuthuzeli abayindinisa, nonke niphela.
163Aphelile na amazwi angumoya? Uxhokonxwa yintoni na, ukuba uphendule?
164Nam ndibe ndingathethayo njengani. Ukuba umphefumlo wenu ubusendaweni yomphefumlo wam. Ndibe ndinganiqukela ukuthetha, Ndinihlunguzele intloko;
165Ndibe ndinganikhaliphisa ngomlomo wam, Nokukhuza komlomo wam kulunqande usizi lwenu.
166Nokuba ndithe ndathetha, awunqandwa umvandedwa wam; Nokuba ndithe ndayeka, kumka ntoni na kum?
167Hayi, ngoku undidinisile; Uliphanzisile lonke ibandla lam.
168Undintshwenyisile, kwaba lingqina oko; Kwandimela ukubhitya kwam, Kwaphendula ebusweni bam.
169Umsindo wakhe wandiqwenga, wanditshutshisa; Uditshixizele amenyo akhe; Engumbandezeli wam, uwenze abukhali amehlo akhe kum.
1610Bandakhamele umlomo; Ngengcikivo bandibetha ezidleleni; Bonke bayathelelana ukundichasa.
1611UThixo wandinikela kumakhwenkwe, Wandijulela ezandleni zabangendawo.
1612Ndibi ndichulumacha, wandivithavitha, Wandibamba ngentamo, wandihlekeza, Wandimisa ndaba yitekeni kuye.
1613Bandirhawula abatoli bakhe, Wazityanda izintso zam, engenalufefe, Wayiphalazela emhlabeni inyongo yam.
1614Wandenza iinduma ngeenduma, Wandigila njengegorha.
1615Ndathungela iingubo ezirhwexayo enkwaneni yolusu lwam, Ndalugquba ngothuli uphondo lwam.
1616Ubuso bam bubomvu kunene kukulila, Phezu kweenkophe zam lithunzi lokufa;
1617Nakuba kungekho kugonyamela ezandleni zam, Uqaqambile umthandazo wam.
1618Mhlaba, musa ukuliselela igazi lam, Kungabi nasikhundla ukuhlahlamba kwam.
1619Nangoku, yabona, lisemazulwini ingqina lam; Ondivumelayo usezindaweni eziphezulu.
1620Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo,
1621Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.
1622Kuba iminyaka embalwa iza kudlula, Ndihambe ke umendo endingayi kubuya ngawo.
171Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.
172Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.
173Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?
174Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.
175Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.
176Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.
177Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.
178Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.
179Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.
1710Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.
1711Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.
1712Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.
1713Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;
1714Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:
1715Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?
1716Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.
181Waphendula uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
182Kunini na nikuzingela ukuthetha? Qondani, sothetha emveni koku.
183Yini na ukuba kuthiwe sinjengeenkomo, Sibe ziinqambi emehlweni akho?
184Wena uziqwengayo ngomsindo wakho, Liya kushiywa ihlabathi ngenxa yakho, lingamiwa na? Likhwelele iliwa endaweni yalo?
185Noko nokukhanya oku kongendawo kuya kucinywa, Lingabi mhlophe ilangatye lomlilo wakhe.
186Ukukhanya kuya kwenziwa mnyama ententeni yakhe, Nesibane sakhe sicinywe phezu kwakhe.
187Ukunyantsula kwakhe kuya kuxinwa, Limphose phantsi kwaelakhe iqhinga.
188Kuba uqhutyelwe emnatheni ziinyawo zakhe, Uhamba phezu kwesibatha.
189Umgibe umbambisa ngesithende, Limbambise isango.
1810Lufihliwe emhlabeni ulutya lwakhe, Ukuthiwa hlasi kwakhe kusengqushwini.
1811Uyadandathekiswa ngeenxa zonke kukukhwankqisa, Kumbhebhethe, kuthane mbende naye.
1812Amandla akhe aya kuphela kukulamba, Ukusindeka kulungiselwe ukujingxela kwakhe.
1813Kudla iziqendu zolusu lwakhe; Udla iziqendu zakhe owamazibulo wokufa.
1814Iyancothuka ententeni yakhe inkoloseko yakhe, Ahanjiselwe kukumkani wokukhwankqisa.
1815Kuhleli ententeni yakhe izinto zasemzini; Kugcwayelwa isulfure ekhayeni lakhe.
1816Ngaphantsi ziya koma iingcambu zakhe, Ngaphezulu abune amasebe akhe.
1817Isikhumbuzo sakhe siya kudaka ehlabathini, Angabi nagama nasemaphandleni.
1818Baya kumtyhala ekukhanyeni, aye ebumnyameni, Aphekuzwe kwelimiweyo.
1819Akayi kuba nanyana nanzala ebantwini bakowabo, Kungabikho usindileyo emizini yakhe.
1820Bomangaliswa yimini yakhe abahleli entshonalanga, Nabasempumalanga babanjwe kukuba namanwele.
1821Inene, injalo iminquba yabanobugqwetha, Injalo indawo yongamaziyo uThixo.
191Waphendula uYobhi, wathi,
192Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha?
193Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa.
194Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam.
195Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam:
196Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe.
197Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
198Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
199Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam.
1910Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam.
1911Uwuvuthise ngakum umsindo wakhe, Wandibalela ekuthini ndingowababandezeli bakhe.
1912Zeza kunye izimpi zakhe, Zandifumbela indlela yazo, Zayizunguleza ngeenxa zonke intente yam.
1913Abazalwana bam ubase kude kum, Abandaziyo sebengabasemzini kanye kum.
1914Izalamane zam zindishiyile, Nabazana nam bandilibele.
1915Abahlala endlwini yam, nabakhonzazana bam, Bandibalele ekuthini ndingowasemzini, Ndingowolunye uhlanga emehlweni abo.
1916Ndibiza umkhonzi wam, angasabeli; Ndimbongoze ngomlomo wam.
1917Umoya wam umkruqule umkam; Ndiyanuka kubantwana besizalo esandizalayo.
1918Namakhwenkwe ayandicekisa; Ndakusuka, asuka athethe ngam.
1919Ndilisikizi kumakholwane am, Nabendibathanda bandiguqukele.
1920Amathambo am atshele eluswini lwam nasenyameni yam; Ndisinde macebetshu.
1921Tarhuni, tarhuni, zihlobo zam; Kuba isandla sikaThixo sindiphethe.
1922Yini na ukuba nindisukele njengoThixo, Ninganeli yinyama yam?
1923Akwaba ngoku ebebhalwa amazwi am! Akwaba ebekrolwe encwadini!
1924Ngentlabo yesinyithi, atyhidwe ngelothe, Axholelwe eweni nanini!
1925Ke mna ndiyazi ukuba umhlawuleli wam uhleli; Engowokuphela, uya kusuka eme phezu kothuli lwehlabathi.
1926Emveni kokuba ulusu lwam ludlavulwe lwanje, Ingasekho inyama yam, ndiya kumbona uThixo,
1927Endiya kuzibonela mna ngokwam; Amehlo am ambone, ingabi wumbi. Ziyaphelelwa izintso zam ngaphakathi kwam.
1928Ukuba nithi, Simsukela ngani na? Ingcambu yaloo nto ifunyenwe kum:
1929Nxunguphalani likrele; Kuba ubushushu, bubo ubugwenxa obufanele ikrele, Ukuze nazi ukuba kukho umgwebo.
201Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,
202Ngako oko iingcingangcinga zam ezi ziyandiphendula, Ngenxa yokuthabatheka kwam ngaphakathi kwam.
203Ukuthethisa okundihlazayo ndiyakuva, Ke umoya uyandiphendula engqondweni yam.
204Oku uyakwazi na kambe kwanini, Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:
205Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane, Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?
206Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe, Intloko yakhe wayifikisa emafini:
207Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele, Abambonayo bathi, Uphi na?
208Uya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa, Aphekuzwe njengombono wobusuku.
209Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda; Indawo yakhe ayisayi kumalama.
2010Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo, Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.
2011Amathambo akhe ebezele bubutsha; Bolaliswa phantsi naye eluthulini.
2012Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe, Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,
2013Wabuconga akabuyeka, Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;
2014Isonka sakhe sibhuqukile emathunjini akhe, Yinyongo yamaphimpi embilinini wakhe.
2015Uginye ubutyebi, wabuhlanza; Uyabukhupha esiswini sakhe uThixo.
2016Womungunya ubuhlungu bamaphimpi, Lumbulale ulwimi lwenyushu.
2017Akayi kubona mijelo, Milambo, zihlambo zobusi namasi.
2018Ebuyisa awakuxelengayo, akakuginyi; Angavuyi ngangobutyebi aburhwebileyo.
2019Kuba wabathi viki, wabalahla, abasweleyo; Waxhakamfula indlu, angayakhanga.
2020Kuba engalwazanga uxolo esiswini sakhe, Akayi kusinda nezinto zakhe ezinqwenelekayo.
2021Bekungekho nto isindayo emqaleni wakhe; Ngenxa yoku, aziyi kuhlala izinto zakhe ezilungileyo.
2022Ekuzalisekeni kokumaneleyo ubandezelekile, Izandla zonke zabangento ziyamfikela.
2023Kothi, ukuze sizaliswe isisu sakhe, UThixo athumele kuye ukuvutha komsindo wakhe, Awunise phezu kwakhe enyameni yakhe.
2024Ebaleka isikrweqe sesinyithi, Lomphumela utolo lwesaphetha sobhedu.
2025Lurholiwe, lwaphuma emzimbeni, Nenyembe ebengezelayo enyongweni yakhe; Uyemka, izothuso ziphezu kwakhe.
2026Ubumnyama bonke bubekelwe iingqwebo zakhe; Udliwa ngumlilo ongavuthelwanga; Ugqibe okusindileyo ententeni yakhe.
2027Izulu lobutyhila ubugwenxa bakhe, Nehlabathi lisukele phezulu kuye.
2028Iya kufuduswa indyebo yendlu yakhe, Ikhukuliswe ngomhla womsindo wakhe.
2029Siso eso isabelo somntu ongendawo, sivela kuThixo, Nelifa alimiselweyo yena nguThixo.
211Waphendula uYobhi, wathi,
212Yivani, nikuve ukuthetha kwam; Kube ziintuthuzelo zenu oku.
213Ndithwaleni, ndithethe nam; Nigculele emva kwamazwi am.
214Mna, inkalazo yam isemntwini yini na? Khona bekungani ukuba ungazekaneki umoya wam?
215Bhekani kum, nimangaliswe; Bekani isandla emlonyeni.
216Okunene, ndakukhumbula, ndisuka ndikhwankqiswe, Nenyama yam ibanjwe kukududuzela.
217Yini na ukuba abangendawo badle ubomi, Babe badala, kananjalo bomelele, babe namandla?
218Imbewu yabo iqinile phambi kwabo, inabo; Nabaphume embilinini wabo basemehlweni abo.
219Izindlu zabo zinoxolo, kungekho kunkwantya, Nentonga kaThixo ayibafikeli.
2110Inkunzi yabo iyazeka ingahlohleli; Imazi yabo iyazala ingaphunzi.
2111Bayawakhuphela njengomhlambi amakhwenkwe abo, Nabantwana babo bayadloba.
2112Baphakamisa ilizwi benengqongqo nohadi, Bavuye lilizwi logwali.
2113Bayayigqiba imihla yabo ngokuchwayitha, Behle ngephanyazo ukuya kwelabafileyo.
2114Bathi kuThixo, Suka kuthi, Asikunanzile ukuzazi iindlela zakho.
2115Uyini na uSomandla, ukuba simkhonze? Kusinceda ntoni na ukumjoka?
2116Yabona, azisesandleni sabo izinto zabo ezilungileyo; Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
2117Kukangaphi na ke isibane sabangendawo sicinywa? Kubafikela ukusindeka kwabo? Ababele uThixo izintya ngomsindo wakhe?
2118Babe njengengca enqunqiweyo phambi komoya, Njengomququ ohlaselwa sisaqhwithi?
2119Nithi, UThixo ububekela abantwana babo ubutshinga babo. Makabuphindezele kubo ngokwabo, bazi bona;
2120Makayibone inkxwaleko yabo amehlo abo, Babusele ubushushu boSomandla.
2121Ngokuba bayinanze ngani bona indlu yabo emva kwabo, Lakuqhitshulwa inani leenyanga zabo?
2122Uya kufundiswa ukwazi uThixo na, Lowo ugweba abaphezulu?
2123Omnye ufa emandleni okwakhe ukuphila, Onwabile kanye, echulumachile.
2124Iimvaba zakhe zizele ngamasi, Nomongo wamathambo akhe utyebile.
2125Omnye ufa ukrakra umphefumlo wakhe, Engadlanga zinto zilungileyo.
2126Balala ndawonye eluthulini, Iimpethu ziyabagubungela bobabini.
2127Yabona, ndiyazazi iingcinga zenu, Namayelenqe enindigonyamela ngawo.
2128Xa nithi, Iphi na indlu yesibhovubhovu? Iphi na intente ebalulekileyo yabangendawo?
2129Anibuzanga na kwabadlula ngendlela? Imiqondiso yabo ninako na ukuyikhanyela?
2130Ukuba ngemini yokusindeka wanqandwa ongendawo, Ngemini yokuphuphuma umsindo wemkiswa?
2131Ngubani na ongaxela ebusweni bakhe indlela yakhe? Enze into yena, ngubani na oya kuphindezela kuye?
2132Usiwa emangcwabeni yena, Alinde esigangeni.
2133Anencasa kuye amagada esihlambo; Emva kwakhe kulandela lonke uluntu, Nangaphambi kwakhe belungenakubalwa.
2134Ningathini na ke ukundithuthuzela ngeento ezingento, limpendulo zenu zisele zibubumenemene nje?
221Wasusela uElifazi wakwaTeman, wathi,
222Umfo unokumnceda na uThixo? Hayi bo! Uzinceda ngokwakhe oqiqayo.
223Kumnandi na kuSomandla, xa ulilungisa? Kuyinzuzo na kuye, ukuba uyazigqibelelisa iindlela zakho?
224Uya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo, Aye nawe ematyaleni?
225Ububi bakho abubukhulu na? Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?
226Kuba ububambise umzalwana wakho ngelize, Ububahluba abaze iingubo.
227Ubungamsezi manzi otyhafileyo, Olambileyo ubumwimba ukutya.
228Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe; Obekekileyo ubehlala kulo.
229Abahlolokazi ububandulula belambatha, Neengalo zeenkedama ubuzityumza.
2210Ngenxa yoko imigibe ikujikelezile, Ukhwankqiswe ngesiquphe kukunkwantyiswa.
2211Khona akububoni na ubumnyama, Nobuninzi bamanzi akugubungelayo?
2212UThixo ukuphakama kwakhe asikokwamazulu yini na? Bona ke intloko yazo iinkwenkwezi, ukuba phezulu kwayo!
2213Uthi ke wena, Wazi ntoni na uThixo? Unokugweba na, engaphaya kobumnyama bamafu?
2214Amafu amsithile, akaboni; Uzihambela okwakhe esazingeni samazulu.
2215Umendo wasephakadeni uya kuwugcina na, Abawunyatheleyo abantu abanobutshinga?
2216Abashwabene lingekabi lixesha; Lwanyibilika, lwangumsinga useko lwabo,
2217Ababesithi kuThixo, Suka kuthi; Angabenza ntoni na uSomandla?
2218Kanti ebenguye ozalisa izindlu zabo ngezinto ezilungileyo. Iqhinga labangendawo malibe lee kum.
2219Aya kubona oko amalungisa, avuye; Omsulwa uyabagculela, esithi,
2220Inene, abasukele phezulu kum bathe shwaka, Wakudla umlilo ukuphuphuma kwabo.
2221Khawenze ubuhlobo naye, ube noxolo; Ngaloo nto wozelwa kokulungileyo.
2222Khawamkele umyalelo emlonyeni wakhe, Ubeke iintetho zakhe entliziyweni yakho.
2223Ukuba uthe wabuyela kuSomandla, uya kwakhiwa. Ukuba uthe wabubeka kude ubugqwetha ezintenteni zakho,
2224Walibeka eluthulini ilitye legolide, Wayibeka eluhlalwini lwemilanjana neyakwaOfire:
2225USomandla woba lilitye legolide kuwe, Nesilivere ebengezelayo kakhulu.
2226Ngokuba uya kwandula ukuziyolisa ngoSomandla, Ubuphakamisele kuThixo ubuso bakho.
2227Wothandaza kuye, eve, Uzizalise izibhambathiso zakho;
2228Usongele into, ifezeke kuwe; Ezindleleni zakho kukhanye, kube mhlophe.
2229Xa zithe zehla, wothi, Phezulu! Amsindise omehlo aqondele phantsi.
2230Uya kusindisa nongemsulwa, Asizwe bubunyulu bezandla zakho.
231Waphendula uYobhi, wathi,
232Nanamhlanje inkalazo yam ineenkani, Isandla sam sinzima phezu kokugcuma kwam.
233Yoo! Andaba bendisazi apho ndingamfumana khona, Ndize esihlalweni sakhe!
234Bendiya kulicacisa phambi kwakhe ityala lam, Ndiwuzalise umlomo wam ngeziganeko.
235Andaba bendikwazi ukuthetha abeya kundiphendula ngako, Ndiyiqonde into abeya kuyithetha kum.
236Wobambana nam ngamandla amakhulu na? Hayi! Kodwa ke wondigqala.
237Oko othe tye ubeya kubonisana naye, Ndisinde kumgwebi wam, kuphele.
238Yabona, ndisinga phambili, angabikho; Nangasemva, ndingamnakani;
239Ngasekhohlo, ekusebenzeni kwakhe, ndingamalami; Xa atyekela ngasekunene, ndingamboni.
2310Kuba uyayazi indlela enam; Endicikidile, bendiya kuphuma njengegolide.
2311Unyawo lwam lubambe umkhondo wakhe, Ndayigcina indlela yakhe, andathi gu bucala.
2312Emthethweni wemilebe yomlomo wakhe andisukanga; Ndiwabekile amazwi omlomo wakhe kunowam ummiselo.
2313Ke yena umi ndaweni-nye, ngubani na ongambuyisayo? Umphefumlo wakhe ukhanukile, uya kwenza oko.
2314Kuba uya kukufeza oko ndikumiselweyo; Zininzi ke izinto ezinje kuye.
2315Ngenxa yoko ndikhwankqiswe ebusweni bakhe. Ndakukugqala, ndisuka ndinkwantye nguye.
2316UThixo uyiqobisile intliziyo yam. USomandla undikhwankqisile.
2317Kuba andibhangiswanga ngenxa yobumnyama, Nangenxa yobuso bam obugutyungelwe sisithokothoko.
241Yini na ukuba kungabekwa maxesha nguSomandla? Yini na ukuba abamaziyo bangaziboni iimini zakhe?
242Kushenxiswa imilimandlela; Kuphangwa imihlambi, yaluswe.
243Kuqhutywa kumkiwe ne-esile lenkedama, Kubanjiswe ngenkomo yomhlolokazi.
244Kugilwa amahlwempu endleleni, Bazimele ndawonye abaziintsizana belizwe.
245Khangela, njengamaesile asendle entlango, Baphuma ngomsebenzi wabo, befuna kwakusasa into yokudla; Inkqantosi sisonka sabantwana kubo.
246Esisimini bavuna ukutya kwabo, Babhikice esidiliyeni songendawo.
247Balala ze bengenangubo, Abananto yokuzigubungela engqeleni,
248Bayanetha sisiphango seentaba; Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzimela.
249Kuhluthwa ebeleni iinkedama, Koniwe abaziintsizana.
2410Bahamba ze, bengenangubo; Bathwala izithungu, belambile.
2411Phakathi kweendonga zabaya bakhama ioli, Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.
2412Emizini kugula amadoda, Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala; Kanti uThixo akathi bubuhilihili.
2413Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni; Abanakwazana neendlela zako, Abahlali ezingqushwini zako.
2414Kusathi qhiphu ukusa, kuvuka isihange, Sibulale iintsizana namahlwempu; Ebusuku sibe njengesela.
2415Iliso lomkrexezi ligcine ungcwalazi; Uthi, Akukho liso liya kundalama, Anxibe isigqubuthelo ebusweni.
2416Bagqobhoza izindlu emnyameni; Emini bayazivalela, Abazani nokukhanya.
2417Ngokuba ubumnyama obuthe shinyi bukukuza kokusa kubo bonke; Ngokuba bazana nokhwankqiso lobumnyama obuthe shinyi.
2418Bayakhawuleza phezu kwamanzi; Sitshabhisiwe isabelo sabo ehlabathini; Abasasingi endleleni yesidiliya.
2419Amanzi ekhephu ahluthwa ngumqwebedu nakukubalela; Aboni bahluthwa lelabafileyo.
2420Sibalibele isizalo; iimpethu ziyabamunya, Ababi sakhunjulwa; Baphulwe ke njengomthi ubugqwetha.
2421Bamphanga kakubi oludlolo, ongazalanga; Abangamenzelanga okulungileyo umhlolokazi.
2422Wolula imihla yeembalasane ngamandla akhe, Ziphakame bezise zibuncamile ubomi.
2423Uzinika inkoloseko, zayame, Amehlo akhe abe phezu kweendlela zazo,
2424Ziphakame: kube mzuzwana zingabikho. Zithe ngqu, zibuthiwe njengabanye bonke, Zinqanyulwe njengesikhwebu sengqolowa.
2425Ukuba kanti akunjalo, ngubani na owondenza othetha amanga, Akwenze into engento ukuthetha kwam?
251Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
252Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
253Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
254Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
255Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
256Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo?
261Waphendula uYobhi, wathi,
262Utheni na wena ukumnceda ongenamandla, Nokuyisindisa ingalo engenamandla?
263Utheni na ukumcebisa ongenabulumko, Ukumazisa kunene into eyiyo?
264Uxelele bani na ukuthetha? Kukuphefumla kukabani na okuphume kuwe?
265Abangasekhoyo bayazibhijabhija Ngaphantsi kwamanzi, nabemi bawo.
266Lize elabafileyo phambi kwakhe, Ayinasigubungelo inzonzobila.
267Ulaneka izulu langasentla enyanyeni, Axhome ihlabathi phezu kokungeni.
268Ubopha amanzi emafini akhe, Lingagqabhuki ilifu ngaphantsi kwawo.
269Uvingca umphambili wetrone, Aneke ilifu lakhe phezu kwayo.
2610Uzunguleza ubuso bamanzi ngomda, Kuse ekupheleni kokukhanya nobumnyama.
2611Iintsika zamazulu ziyanyenganyenga, Zingakhulumi kukukhalima kwakhe.
2612Ngamandla akhe ugxobhagxobha ulwandle, Ngengqondo yakhe uqoba uRahabhi.
2613Ngomoya wakhe wenza ukuba lise izulu; Isandla sakhe sayihlaba inyoka enyebelezayo.
2614Yabona, ngamancam eendlela zakhe lawo; Iyini na ke intsebezo yelizwi esiyivayo ngaye? Ke yona indudumo yemisebenzi yobugorha bakhe ingaqondwa ngubani na?
271Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
272Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam
273(Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),
274Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.
275Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.
276Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.
277Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo.
278Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?
279Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?
2710Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?
2711Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.
2712Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?
2713Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla.
2714Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya.
2715Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili.
2716Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:
2717Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.
2718Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli.
2719Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho.
2720Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi.
2721Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe.
2722UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe.
2723Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.
281Kuba kukho apho iphuma khona isilivere, Nendawo yegolide abayihluzayo.
282Isinyithi sithatyathwa eluthulini, Banyibilikisa amatye abe lubhedu.
283Baphelisa ubumnyama, Bebhekisa eziphelweni zonke, Begocagocela amatye asesithokothokweni nawasebumnyameni obuthe shinyi.
284Bemba umngxuma kude kwabemiyo, Belityelwe lunyawo lwabahambi; Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.
285Umhlaba-kuphuma ukutya kuwo; Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.
286Indawo yesafire ngamatye awo, Amagada egolide akuyo;
287Yingqushu engaziwa xhalanga, Engathiwanga nzo liso lantloyiya,
288Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo, Engahanjwanga nayingonyama.
289Usa isandla sakhe nakwiqhwitha, Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.
2810Ugqobhoza imijelo emaweni; Libona zonke izinto ezinqabileyo iliso lakhe.
2811Uvingca imilambo ingavuzi, Okufihlakeleyo akukhuphele emhlotsheni.
2812Ke bona ubulumko bufunyanwa phi na? Iphi na indawo yengqondo?
2813Akalazi umntu ixabiso labo; Abufunyanwa ezweni labahleliyo.
2814Amanzi enzonzobila athi, Abukum; Ulwandle luthi, Abunam.
2815Akurholwa golide ithe shinyi esikhundleni sabo; Akulinganiswa silivere ibe yintengo yabo.
2816Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire, Nesardonisi enqabileyo, nesafire.
2817Azinakulingana nabo igolide negilas; Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.
2818Zingasakhunjulwa iikorale neekristale, Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.
2819Ayinakulingana nabo itopazi yakwaKushi; Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.
2820Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo?
2821Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
2822Inzonzobila nokufa kuthi, Sibuvile ukubuva ngendlebe.
2823NguThixo oyiqondayo indlela yabo, Nguye oyaziyo indawo yabo.
2824Kuba yena ubheka eziphelweni zehlabathi, Ubona phantsi kwamazulu onke;
2825Ngokuwenzela umoya ubunzima bawo, Namanzi awalinganise ngomlinganiso;
2826Ekuyenzeleni kwakhe imvula ummiselo, Nombane wendudumo indlela:
2827Waza wabubona, wabubala; Wabumisa, wabugocagoca nokubugocagoca;
2828Wathi emntwini: Yabona, ukoyika iNkosi, bubulumko obo, Nokutyeka ebubini kuyingqondo.
291Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
292Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili, Njengemihla abendigcinile uThixo;
293Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam, Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;
294Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla, Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;
295Oko uSomandla ebesenam, Bengeenxa zonke kum abantwana bam;
296Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi, Iliwa lindithululela imijelo yeoli.
297Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi, Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,
298Andibona amadodana, azimela, Asuka amaxhego, ema.
299Abathetheli bakuyeka ukukhuluma, Babeka isandla emlonyeni.
2910Ilizwi leenganga lazimela, Nolwimi lwazo lwanamathela ekhuhlangubeni azo,
2911Kuba indlebe yeva, yathi ndinoyolo; Iliso labona, landingqinela.
2912Kuba bendisiza iintsizana ezizibikayo, Neenkedama, noswele umncedi.
2913Intsikelelo yabadakayo ibindizela, Nentliziyo yomhlolokazi bendiyimemelelisa.
2914Ubulungisa bendibambatha bundambathe; Lwaba njengengubo yokwaleka nonkontsho ugwebo lwam.
2915Bendingamehlo kwimfama, Bendiziinyawo kwisiqhwala;
2916Bendinguyise kumahlwempu, Netyala lendingabaziyo bendiligocagoca.
2917Bendiwaphula amabamba ogqwethayo, Bendilikhupha emazinyweni akhe ixhoba.
2918Ndathi ke, Ndiya kuphuma umphefumlo kunye nendlu yam, Ndiyandise imihla yam njengentaka engafiyo.
2919Ingcambu yam iya kuvulelwa amanzi, Ulale umbethe emasebeni am.
2920Uzuko lwam luya kuhlala lulutsha kum, Sihlaziyeke isaphetha sam esandleni sam.
2921Babendiphulaphula, balindele, Bathi tu ecebeni lam.
2922Emva kwelizwi lam babengaphindi bathethe, Kubachaphazele ukukhuluma kwam.
2923Babendilinda njengemvula, Imilomo yabo bayakhamisele eyasekwindla.
2924Bendibancumela, bencamile; Ukukhanya kobuso bam bangakusanganisi.
2925Bendibanyulela indlela, ndihlale ndiyintloko; Bendihlala njengokumkani phakathi komkhosi, Njengothuthuzela abenza isijwili.
301Kungoku bayandihleka abancinane kunam ngemihla, Abayise babo ndibe ndicekisa nokubabeka nezinja zomhlambi wam.
302Khona abengaba ngawantoni na kum amandla ezandla zabo, Abaphelelwe ngamandla?
303Bathe ngokuswela nokulamba banqina, Abo banqabi bomqwebedu, Bobumnyama bentshabalala yakwantshabalala;
304Abo baqhawula imbuwa ematyholweni, Abasonka siyingcambu yonwele.
305Bayagxothwa phakathi kwabantu; Bahlatyelwa umkhosi ngathi ngamasela;
306Bahlale ezihlanjeni ezingcangcazelisayo, Emingxunyeni yomhlaba nasemaweni.
307Babhomboloza phakathi kwamatyholo, Bafumbalala phantsi kwamarhawu,
308Bengoonyana bezidenge kwanoonyana babangenagama, Ababethwa bemke ezweni.
309Kungoku ndiyingoma yabo. Ndaba kukukhuluma kwabo.
3010Ndilisikizi kubo, bakude nam; Abawanqandi amathe ebusweni bam.
3011Kuba ulucombulule uthambo lwam, wandicinezela, Bawuyeka umkhala phambi kwam.
3012Ngasekunene kuphakama ubuvuvana; Batyhala iinyawo zam, Bandifumbele umendo wabo wokusindeka.
3013Bayenza amagqagala indlela yam, Bancedisa ukweyela kwam, Abangenamncedi.
3014Ukuza kwabo ngathi bagqobhoza ithuba elibanzi eludongeni, Bagaleleka kum nokuthi golokongqo kwalo.
3015Kuguqukele kum ukukhwankqisa, Kubusukela ubunene bam njengomoya; Kudlule njengelifu ukusindiswa kwam.
3016Kungoku uziphalazela phakathi kwam umphefumlo wam; Indibambile imihla yeentsizi.
3017Ubusuku buphehla amathambo am, aqhiwuke kum; Iintlungu ezindidlayo azipheli.
3018Ngobukhulu bamandla sizenze sasisimbi isambatho sam, Sithe nca kum njengomqala wengubo yam yangaphantsi.
3019Undijulele eludakeni, Ndafana nothuli nothuthu.
3020Ndiyazibika kuwe, ungasabeli; Ndisuka ndime, undijonge.
3021Uzenza isijorha kum; Unditshutshisa ngamandla esandla sakho.
3022Undifukulela emoyeni, undikhwelisa kuwo, Undibhangise nokuzongoma kwawo.
3023Kuba ndiyazi ukuba uya kundibuyisela ekufeni, Endlwini yokuhlangana kwabaphilileyo bonke.
3024Kodwa ekuthini bhuma, umntu akoluli sandla na, Azibike ngenxa yoko elishweni lakhe?
3025Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi? Ubungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?
3026Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi; Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.
3027Amathumbu am abila, akayeka; Yandihlangabeza imihla yeentsizi.
3028Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa; Ndaphakama ebandleni, ndazibika.
3029Ndingumzalwana weempungutye, Nomlingane weenciniba.
3030Ulusu lwam luyadlubhuka kum, lumnyama. Namathambo am atshile kukoma.
3031Uhadi lwam lwaba sisijwili, Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.
311Ndiwamisele amehlo am umnqophiso; Ndingathini na ukuqwalasela entombini?
312Besiya kuba yini na isahlulelo sikaThixo esivela phezulu, Nelifa loSomandla elivela ezindaweni eziphakamileyo?
313Ukusindeka asikokogqwethayo yini na, Neshwangusha asilelabenzi bobutshinga yini na?
314Akaziboni na yena iindlela zam, Awabale onke amabanga am?
315Ukuba ndibe ndihamba nokhohlakeleyo, Lwangxamela inkohliso unyawo lwam,
316Makandilinganise esikalini sobulungisa, Akwazi uThixo ukugqibelela kwam.
317Ukuba ebethe gu bucala amabanga am endleleni, Yalandela amehlo am intliziyo yam, Sanamathela isisihla ezandleni zam:
318Mandihlwayele, kudle omnye, Iingcambu zabaphume kum zincothulwe.
319Ukuba ibihendekile intliziyo yam ngenxa yomkamntu, Ndalalela esangweni lommelwane wam,
3110Umkam makasilele omnye umntu, Kuguqe abanye phezu kwakhe.
3111Kuba loo nto bubugqwirha, Loo nto bubugwenxa phambi kwabagwebi.
3112Inene, loo nto ngumlilo odla use enzonzobileni; Ibiya kuncothula iingcambu zongeniselo lwam lonke.
3113Ukuba ndibe ndilahle ilungelo lomkhonzi wam nelomkhonzazana wam, Bakubambana nam,
3114Bendingathini na ukwenza, xa athe uThixo wesuka waphakama? Xa athe wavela, bendingathini na ukuphendula?
3115Owandenzayo ezibilinini akamenzanga na naye? Owasimilisa esizalweni akamnye na?
3116Ukuba ndibe ndisala nabakungxameleyo abasweleyo, Ndawaphelisa amehlo omhlolokazi,
3117Ndawudla ndedwa umthamo wam, Ayadla inkedama kuwo:
3118Hayi bo! Kwasebuncinaneni bam inkedama yakhulela kum, ngathi ikuyise, Ndamalathisa umhlolokazi nasesizalweni sikama.
3119Ukuba ndibe ndimbona otshabalalayo engenanto yokwambatha, Ihlwempu lingenanto yokuzigubungela;
3120Ukuba abengandisikeleli amanqe akhe, Akazifudumeza ngoboya beemvana zam;
3121Ukuba bendilingisile ngesandla sam kwinkedama, Ngokuba bendibone uncedo lwam esangweni:
3122Igxalaba lam maliwe esixhantini salo, Nomkhono wam waphuke ethanjeni lawo.
3123Bekuya kuba kum ukunkwantya, ukusindeka nguThixo, Ndikhohlwe phambi kokuphakama kwakhe.
3124Ukuba bendenze igolide inqolonci yam, Ndathi kwecikizekileyo, Nkoloseko yam;
3125Ukuba bendikuvuyela ukuba buninzi kobutyebi bam, Nokufumana kakhulu kwesandla sam;
3126Ukuba bendilibona ilanga likhupha imitha, Nenyanga ihamba indilekile,
3127Yahendeka ngasese intliziyo yam, Ndasangela ngomlomo wam isandla sam:
3128Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi; Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.
3129Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo, Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi
3130(Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone, Ndiwucele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);
3131Ukuba babengatsho abantu bentente yam, ukuthi, Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?
3132Ubengalali phandle umphambukeli, Iingcango zam bendizivulela endleleni;
3133Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam, Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,
3134Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi, Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane, Ndathi cwaka, andaphuma emnyango—
3135Andaba bendinondiphulaphulayo! Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule; Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.
3136Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam, Ndoyithi jize kum njengesithsaba.
3137Inani lamabanga am ndomxelela, Ndimsondele njengenganga.
3138Ukuba umhlaba wam ubukhala ndim, Nemiqela yawo yalila kunye nawo;
3139Ukuba bendiwadla amandla awo kungekho mali, Ndabanga ukuba uphume umphefumlo womniniwo:
3140Makuphume amakhakakhaka esikhundleni sengqolowa, Nokhula esikhundleni serhasi. Agqityiwe amazwi kaYobhi.
321Ayeka loo madoda omathathu ukumphendula uYobhi; kuba ubelilungisa emehlweni akhe.
322Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
323Wavutha kubahlobo bakhe abathathu umsindo wakhe, ngenxa enokuba bengafumananga kumphendula, phofu bemgwebile uYobhi.
324Ke kaloku uElihu ubesalindisile kuYobhi ngamazwi, ngokuba babebadala kunaye ngemihla.
325Wabona uElihu, ukuba akukho mpendulo emlonyeni waloo madoda mathathu, wavutha ke umsindo wakhe.
326Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam.
327Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko.
328Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo.
329Ukulumka akunabakhulu, Ukuqonda okufaneleyo akunamadoda makhulu odwa.
3210Ngako oko ndithi, Phulaphula kum, Ndokutyela ukwazi kwam nam.
3211Yabonani, bendiwalindile amazwi enu, Ndakubekela indlebe ukuqonda kwenu, Nada nagocagoca ukuthetha.
3212Ndanigqala kakuhle; Yabonani, akukho namnye kuni umohlwayileyo uYobhi, Wawaphendula amazwi akhe.
3213Hleze nibe nithi, Sibufumene ubulumko; UThixo uyamphephetha, asingumntu.
3214Ke akakubhekisanga kum ukuthetha; Andiyi kumphendula ngamazwi enu.
3215Baqhiphuke umbilini, abasaphenduli; Baphelelwe kukuthetha.
3216Khe ndenze kuhle na, ngokuba bengathethi, Ngokuba bemi bengasaphenduli?
3217Ndiya kuphendula nam okwam, Ndixele ukwazi kwam nam.
3218Kuba ndizele kukuthetha; Undicuthile umoya wembilini yam.
3219Niyabona, imbilini yam injengewayini engavulelwanga; Njengeentsuba ezintsha, iza kugqabhuka.
3220Ndiya kuthetha, ukuze ndiphefumle; Ndiya kuwuvula umlomo wam, ndiphendule.
3221Mandingakhe ndinonelele mntu; Ndingakhe nditeketise mntu.
3222Kuba andikwazi ukuteketisa; Ubeya kundisusa kalula uMenzi wam.
331Kodwa khawukuve, Yobhi, ukuthetha kwam, Uwabekele indlebe amazwi am onke.
332Khawubone, ndiwuvulile umlomo wam, Luyathetha ulwimi lwam ekhuhlangubeni lam.
333Akukuthi tye kwentliziyo yam amazwi am; Ukwazi komlomo wam akuthetha kanyulu.
334UMoya kaThixo wandenza, Nokuphefumla kukaSomandla kundidlise ubomi.
335Ukuba unako, ndiphendule; Yakha uluhlu amazwi phambi kwam; misa.
336Uyabona, njengawe ndingokaThixo; Ndacatshulwa eludongweni nam.
337Yabona, ukothusa kwam akuyi kukudandathekisa; Nokushicilela kwam akuyi kuba nzima phezu kwakho.
338Okunene, uthethe ezindlebeni zam, Ndaliva ilizwi lokukhuluma, lisithi,
339Ndiqaqambile, andinalukreqo; Ndiguxiwe, andinabugwenxa.
3310Yabona, ufuna izizekabani zokuthibana nam, Uthi ndilutshaba lwakhe.
3311Uzifaka iinyawo zam esitokisini, Uwulinga wonke umendo wam.
3312Yabona akulungisi ngaloo nto; ndokuphendula; Kuba uThixo yena mkhulu kunomntu.
3313Yini na ukuba ubambane naye, Kuba engaphenduli ngeendawo zakhe zonke?
3314Kanti, hayi, ngendlela enye uThixo uyathetha, Nangezimbini, ke akukhathalwa.
3315Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni;
3316Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo,
3317Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo;
3318Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.
3319Wohlwaywa umntu ngumvandedwa esililini sakhe, Nayimfazwe esimakade emathanjeni akhe;
3320Ubomi bakhe bukwale ukudla, Nomphefumlo wakhe wale ukudla okunqwenelekayo.
3321Iyadleka inyama yakhe, ingabonakali, Avele amathambo akhe abengabonakali.
3322Uyasondela ke esihogweni umphefumlo wakhe, Nobomi bakhe kubabulali.
3323Ukuba ke kuthe kwakho isithunywa sezulu Esimlamlelayo, noko sisinye ewakeni, Sokumxelela umntu okumfaneleyo:
3324Wombabala, athi, Mkhulule, angehli aye esihogweni, Kuba ndilufumene ucamagusho.
3325Isuka ibe nentlahla inyama yakhe; Ubuyela emihleni yobudodana bakhe;
3326Uthandaza kuThixo, akholiswe yena nguye; Abubone ubuso bakhe eduma; Yena ambuyekeze ke umntu ubulungisa bakhe.
3327Lo uvuma ebantwini, athi, Bendonile, ndakugwenxa okuthe tye, Akwalinganiselwa kum njengoko noko.
3328Uwukhulule umphefumlo wam, ukuba ungagqitheli esihogweni, Nobomi bam bokubona ukukhanya.
3329Yabona, oko konke uyakwenza uThixo Izihlando ezibini nezithathu kumfo,
3330Ukuba abuyise umphefumlo wakhe esihogweni, Ukhanye ngokukhanya kobomi.
3331Baza indlebe, Yobhi, phulaphula kum; Yithi tu, ndithethe mna.
3332Ke ukuba unokuthetha, ndiphendule; Thetha, kuba ndifuna ukukugwebela.
3333Ukuba akukho, phulaphula kum wena; Yithi tu, ndikufundise ubulumko.
341Wasusela uElihu, wathi,
342Yivani, nina zilumko, ukuthetha kwam; Nina zazi, ndibekeleni indlebe.
343Ngokuba indlebe iyakucikida ukuthetha, Ikhuhlangubo liyakuva ukudla.
344Masizinyulele okusesikweni, Sikwazi phakathi kwethu okulungileyo.
345Ngokuba uthe uYobhi, Ndililungisa, UThixo ulisusile ibango lam.
346Kuthiwa ndiyaxoka, noko likhoyo ibango lam; Liyabulala inxeba lam lotolo, noko ndingenalukreqo.
347Uphi na umfo onjengoYobhi, Yena ukuselayo ukugcula njengamanzi?
348Athelele kubenzi bobutshinga, Ahambe namadoda angendawo?
349Kuba esithi, Akancedeki umfo Ngokukholana noThixo.
3410Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha,
3411Ke ukwenza komntu ukubuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.
3412Hayi bo! UThixo akenzi ngokungendawo, USomandla akakugwenxi okusesikweni.
3413Ngubani na omphathise ihlabathi? Ngubani na omise elimiweyo lonke?
3414Ukuba ubebhekise kuye ngokwakhe yedwa, Wawuhlanganisela kuye umoya wakhe, nokuphefumla kwakhe,
3415Ibiya kuphuma umphefumlo inyama yonke kunye, Umntu abuyele eluthulini.
3416Wanga ungakuqonda, ungakuva oku, Ulibekele indlebe izwi lokuthetha kwam!
3417Kanene, othiye okusesikweni ubengaphatha ngobukhosi, yini na? Khona uSobulungisa womgweba na?
3418Kungathiwa na kukumkani, Tshijolondini? Nakumanene, Zintondini zingendawo?
3419Kangakanani na ke kongabanoneleliyo abathetheli, Onganoneleli zinongonongo ngaphezu kwabasweleyo? Kuba bangumsebenzi wezandla zakhe bona bonke.
3420Bafa ngephanyazo, phakathi kobusuku; Bayahexiswa abantu, badlule, Zisuswe iimbalasane kungengasandla.
3421Kuba amehlo akhe aphezu kweendlela zomntu, Uyawabona onke amabanga akhe.
3422Akukho bumnyama, akukho thunzi lakufa, Ukuba basithele kulo abenzi bobutshinga.
3423Ngokuba akazekeleli ukumngqinga umntu, Ukuze eze ematyaleni noThixo.
3424Uyabashwaqa abaziinyathi engagocagocanga, Amise ke abanye esikhundleni sabo.
3425Ngako oko uyazazi izenzo zabo, Ababhukuqe ebusuku, batyumke.
3426Uyabamonxoza ngokwabangendawo Endaweni yababoneli.
3427Ekungenxa yokuze kubekho oko, le nto batyekayo ekumlandeleni, Abaziqiqa zonke iindlela zakhe;
3428Ukuze bakufikise kuye ukukhala kosweleyo, Akuve ukukhala kweentsizana.
3429Akuzolisa, ngubani na oya kuxhalisa? Akusithelisa ubuso, ngubani na ongambonayo? Esenjenjalo, nokuba kungenxa yohlanga, nokuba kungenxa yomntu emnye,
3430Ukuze angabi ngukumkani umntu oyintshembenxa, Angabi zizirhintyelo zabantu.
3431Ngokuba ubani angatsho na kuThixo ukuthi, Ndiziphakamisile, andisayi kuba sona;
3432Endingakuboniyo, ndiyale ngako; Ukuba ndithe ndenza ngobugqwetha, andiyi kuphinda?
3433Uya kuphindezela ngokwakho na yena, ngokuba usolile wena? Ukuba unyule wena, kunganyuli mna. Into oyaziyo yithethe.
3434Aya kuthi kum amadoda aziingqondi, Nomfo osisilumko ondiphulaphulayo,
3435UYobhi uthetha engenakwazi, Namazwi akhe akanangqiqo.
3436Tarhuni, makacikidwe uTobhi kuse ekupheleni, Ngenxa yokuphendula kwakhe ngokwamadoda anobutshinga.
3437Kuba elongeza ukreqo kwisono sakhe; Utyhwakraza izandla phakathi kwethu, Awenze maninzi amazwi akhe ngoThixo.
351Wasusela uElihu, wathi,
352Uba oku kusesikweni na, Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;
353Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na, Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?
354Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha, Nabahlobo bakho abanawe.
355Bheka ezulwini ubone; Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.
356Ukuba uthi wone, usebenza ntoni na ngakuye? Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenze ntoni na?
357Ukuba uthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto? Wamkela ntoni na yena esandleni sakho?
358Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho; Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.
359Ngenxa yobuninzi bokucudisa, bayakhala abantu; Bayazibika ngenxa yengalo yabakhulu.
3510Ke abatsho ukuthi, Uphi na uThixo uMenzi wam, Osinika ingoma ebusuku,
3511Osifundisa ngaphezu kweenkomo zehlabathi, Asiphe ubulumko ngaphezu kweentaka zezulu?
3512Bandula bakhale, angaphenduli, Ngenxa yekratshi labanobubi.
3513Hayi, yona into ekhohlakeleyo akayiva uThixo, USomandla akayikhathalele.
3514Noko utshoyo ukuthi akumkhathalele, Ityala liphambi kwakhe, lindela kuye ke!
3515Ke ngoko xa ungekaveleli umsindo wakhe, Akazani na kunene nesikhukhumali?
3516Ke uYobhi ufumana awuvule umlomo wakhe, Akwandise ukuthetha engenakwazi.
361Waqokela uElihu, wathi,
362Khawenze kuhle, ndikutyele; Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.
363Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam, Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.
364Okwenene, akubuxoki ukuthetha kwam; Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.
365Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani; Unamandla ngokuqina kwengqondo.
366Akamlondolozeli ebomini ongendawo; Iintsizana uzinika ibango lazo.
367Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa; Ubahlalisa kunye nookumkani etroneni Ngonaphakade, baphakame ke.
368Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane, Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,
369Ubaxelela izenzo zabo Nezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.
3610Uzityhilela intethiso iindlebe zabo; Uthi mababuye ebutshingeni.
3611Ukuba bathe beva, bamkhonza, Boyigqiba imihla yabo ekulungeni, Neminyaka yabo ebumnandini.
3612Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni, Baphume umphefumlo bengenakwazi.
3613Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo; Abazibiki xa abakhonkxayo;
3614Ufe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo, Nobomi babo bube bobeng’awu kwindawo engcwele.
3615Uyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe, Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.
3616Nawe ubengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo, Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo; Nokubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.
3617Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo; Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.
3618Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla, Nobukhulu bocamagusho mabungathi gu bucala.
3619Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na, Nemigushanxa yonke yamandla?
3620Musa ukuzonda ubusuku Bokususa izizwe esikhundleni sazo.
3621Lumka, ungaguqukeli konobutshinga; Kuba unyule loo nto kuneentsizi.
3622Yabona, uThixo uphakamise ukwenza ngamandla akhe; Ngubani na umyali onjengaye?
3623Ngubani na omphathise indlela yakhe; Ngubani na ongathi, Wenze ngobugqwetha?
3624Khumbula ukuba uwukhulise ngendumiso umsebenzi wakhe, Awuhlabele ingoma amadoda.
3625Bonke abantu bayawubona; Umntu uwukhangela emgama.
3626Yabona, uThixo mkhulu, asimazi; Inani leminyaka yakhe aligocagoceki.
3627Kuba utsalela phantsi amathontsi amanzi, Achaphaze eyimvula enkungwini yakhe,
3628Esiyinisayo isibhakabhaka, Ivuze phezu kwabantu abaninzi.
3629Kanene baya kuqonda na ukwanekwa kwamafu, Nokuzongoma komnquba wakhe?
3630Yabona, waneka phezu kwakhe ukukhanya kwakhe, Azigubungele ngamazantsi olwandle.
3631Kuba ngezo nto ugqweba izizwe, Unika ukudla ngento eninzi.
3632Izandla zozibini uzigubungela ngombane, Awuwisele umthetho ngokochanayo.
3633Ukugquma kwakhe kuyamxela, Kwaneenkomo, ukuba uza kunyuka.
371Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam, Ixhume endaweni yayo.
372Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe, Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.
373Ukusingisa ngaphantsi kwezulu lonke, Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.
374Emva kwawo kubhonga ilizwi; Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe; Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.
375UThixo ududuma ngezwi lakhe ngokubalulekileyo, Esenza izinto ezinkulu esingenakuzazi.
376Kuba uthi kwikhephu, Yiwa uwele emhlabeni; Nakwisiphango semvula, Nakwisiphango seemvula ezinkulu zakhe.
377Isandla soluntu lonke uyasitywina asivingcele, Ukuba babe nokwazi bonke abantu abenzileyo.
378Amarhamncwa angena emlaleleni, Ahlale ezikhundleni zawo.
379Engontsini yasentla kuvela isaqhwithi; Kumphephethi wasentla kuvela ukubanda.
3710Ngokuphefumla kukaThixo kuza umkhenkce, Ububanzi bamanzi bucutheke.
3711Kananjalo usindanisa ilifu ngamanzi amaninzi; Uphangalalisa amafu akhe abanekayo.
3712Wona ajikajika ngeenxa zonke ngokwalathiswa nguye, Ukuze enze konke awawamisela khona Ebusweni behlabathi elimiweyo;
3713Nokuba kungenxa yokubetha, nokuba kungenxa yehlabathi lakhe, Nokuba kungenxa yenceba, uyawafikisa.
3714Oko kubekele indlebe, Yobhi; Yima, uyigqale imisebenzi ebalulekileyo kaThixo.
3715Uyazi na ukuwathwesa kukaThixo amafu akhe, Nokubengezelisa kwakhe ukubaneka kwawo?
3716Uyazi na ukulinganiselwa kwamafu, Imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi?
3717Wena ungubo zifudumeleyo, Lakuzola ilizwe lulophu lwasezantsi;
3718Usikhanda usolule naye na isibhakabhaka, Esiqinileyo njengesipili esityhidiweyo?
3719Sazise esingakuthethayo thina kuye; Asinakucacisa nto ngenxa yobumnyama.
3720Wobikelwa na ukuthi ndiyathetha? Umntu uthi makaginywe na?
3721Ke ngoku akubonwa kukhanya Kukhazimlayo, kusesibhakabhakeni; Kudlula umoya, lise.
3722Entla kuziwa negolide; Phezu koThixo yindili eyoyikekayo.
3723USomandla asinakumfumana, mkhulu ngamandla; Akagwenxi siko nabuninzi bobulungisa.
3724Ngako oko bayamoyika abantu; Akabakhathalele bonke abalumke ngokwabo.
381Waza uYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
382Ngubani na lo usitha icebo Ngokuthetha okungenakwazi?
383Khawuwabhinqise njengomfo amanqe akho, Ndikubuze, undazise.
384Ubuphi na wena ukuseka kwam ihlabathi? Xela, ukuba uyazi, uyaqonda.
385Ngubani na omise imilinganiso yalo, ukuba uyazi? Ngubani na ololulele ulutya lokulinganisa?
386Zifakwe ntwenini na izikhondo zeentsika zalo? Ngubani na owabeka ilitye lalo lembombo,
387Ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, Beduma bonke oonyana bakaThixo?
388Ngubani na owaluvingcelayo ulwandle ngeengcango Ekutyhobozeni kwalo, luphuma esizalweni;
389Ekulwambathiseni kwam ngamafu, Ekulusongeleni ngesithokothoko;
3810Ndakulusikelela umda wam, Ndakumisa imivalo neengcango;
3811Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?
3812Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa, Wasazisa isifingo indawo yaso;
3813Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?
3814Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;
3815Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.
3816Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?
3817Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?
3818Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.
3819Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,
3820Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?
3821Uyazi kambe, ngokuba wawusewuzelwe oko Lilikhulu nenani lemihla yakho!
3822Ufikelele na ebuncwaneni bekhephu? Ubuncwane besichotho wabubona,
3823Endabuqwebela ixesha lembandezelo, Imini yokudibana nemfazwe?
3824Iphi na indlela yalapho kwabiwa khona ukukhanya? Yalapho luphangalaliswa khona ulophu lwasempumalanga ehlabathini?
3825Ngubani na ogqobhozela isiphango umjelo, Ogqobhozela umbane weendudumo indlela;
3826Ukuba ine ezweni elingenamntu, Entlango, apho kungekho mntu;
3827Ihluthise intshabalala yakwantshabalala, Intshulise uhlaza oluphumayo?
3828Inoyise na imvula? Ngubani na ozala amathontsi ombethe?
3829Uphuma umkhenkce esizalweni sikabani na? Neqabaka yasezulwini izalwa ngubani na?
3830Amanzi ayaqina njengelitye, Nobuso bamanzi anzongonzongo bubambene.
3831Unokuwabopha na amaqhina esiLimela, Uzicombulule izintya zamaKroza?
3832Unokuyivelisa na imilindo yeenyanga ngexesha layo, Uzalathise iinkwenkwezi zeBhere nabantwana bayo?
3833Uyayazi na imimiselo yezulu? Umise ulawulo lwalo ehlabathini?
3834Unokuliphakamisela emafini na izwi lakho, Ukuze ubuninzi bamanzi bukugubungele?
3835Unokuyithuma na imibane, ihambe ithi kuwe, Sikho?
3836Ngubani na omise ubulumko ezintsweni? Ngubani na onike imboniseli ingqondo?
3837Ngubani na obala iingqimba zamafu ngobulumko? Ngubani na othulula iintsuba zezulu.
3838Emelelweni wothuli, lube lutyhido, Amagada anamathelane?
3839Ingonyamakazi unokuyizingelela inyamakazi na, Uzalise iphango leengonyama ezintsha,
3840Xa zincathamayo ezikhundleni zazo, Zihlale ezindadeni, zilalele?
3841Ngubani na olungisela ihlungulu umfunzelo walo, Xa amathole alo azibika kuThixo, Ebhadu-bhadula, engenakudla?
391Uyalazi na ixesha lokuzala kwamagogo asemaweni, Ugqale ukuzuza kwamaxhamakazi?
392Uyazibala na iinyanga azizalisayo, Ulazi na ixesha lokuzala kwawo?
393Uyaguqa, azale, Akhuphe inkonyana.
394Ayomelela amankonyana awo, akhula emathafeni, Aphuma, angabi sabuya.
395Ngubani na olindululeyo iesile lasendle likhululekile? Iimbophelelo ze-esile elindwebileyo, ngubani na ozithukululeyo,
396Endilimisele inkqantosi ukuba ibe yindlu yalo, Neendawo ezinetyuwa zibe likhaya lalo?
397Liyayihleka ingxokolo yomzi, Aliyiva ingxolo yomqhubi.
398Umfuno weentaba bubutyani balo, Lilanda lonke uhlaza.
399Yovuma na inqu ukukukhonza, Ilale esitalini sakho?
3910Unokuyibopha na inqu emqeleni ngomqokozo wayo, Iqwakanise iintili ikulandela?
3911Wokholosa na ngayo, ngokuba emakhulu amandla ayo, Ukushiye nayo ukuxelenga kwakho?
3912Unokukholwa na kuyo, ukuba yoyigodusa imbewu yakho, Ibuthele esandeni sakho?
3913Iphiko lencinibakazi liyaphapha: Lunenceba yengwamza na ke usiba lwayo, noboya bayo?
3914Hayi bo! Iwashiya emhlabeni amaqanda ayo, Ifukamele eluthulini;
3915Ilibale ukuba unyawo lowatyumza, Nerhamncwa lasendle lowanyathela.
3916Iyawabukula amathole ayo ngathi asingawayo, Kuphalale ukuxelenga kwayo, ingaxhali.
3917Ngokuba uThixo wenze yabulibala ubulumko, Akayabela ingqondo.
3918Xesha limbi izibetha iphakame, Ilihleke ihashe nomkhweli walo.
3919Linikwa nguwe na ihashe ubukroti? Uyambathise intamo yalo ngobuyakayaka?
3920Nguwe na oliqakathisa njengenkumbi? Isandi somfutho walo siyothusa.
3921Liyagquba entilini ngamanqina, lenze amagqasi ngamandla; Liphuma likhawulele umkhosi onesikrweqe.
3922Liyakuhleka ukunkwantya; aliqhiphuki mbilini; Alijiki phambi kwekrele.
3923Urhashaza phezu kwalo umphongolo, Nentshuntshe ebengezelayo, nenkcula.
3924Ngentshakavu nangengcwangu liginya ilizwe; Alimi kwakuvuthelwa isigodlo.
3925Okuvuthela sivuthelwayo isigodlo, lisuka ngathi lithi, Ngxatsho ke! Lisezela imfazwe kwakude, Nokududuma kwabathetheli, nokufunza.
3926Intambanane iphaphazela ngengqondo yakho na, Yolule amaphiko ayo, ibheke ezantsi?
3927Kungomthetho wakho na, ukuba ixhalanga linyuke, Liyiphakamise indlu yalo,
3928Lihlale engxondorheni, lilale Etsolweni lengxondorha, nasemboniselweni?
3929Lilapho lihlola ukudla; Amehlo alo ondele kude.
3930Amathole alo afunxa igazi; Nalapho bakhona abangxwelerhiweyo, likhona nalo.
401UYehova wamphendula uYobhi, wathi,
402Wobambana noSomandla na ke umthethiswa? Umohlwayi kaThixo makakuphendule oko.
403UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
404Yabona, ndiphantsi. Ndothini na ukuphendula? Ndibeka isandla sam emlonyeni wam.
405Ndithethile kwakanye, andiyi kuphinda ndiphendule; Ndithethile kwakabini, andiyi kuphinda ndibuye ndiqhube.
406UYehova wamphendula uYobhi, esemoyeni ovuthuzayo, wathi,
407Khawuzibhinqise amanqe akho njengomfo; Ndiya kukubuza, undazise.
408Kanene uya kwaphula nogwebo lwam na, Undigwebe, ukuze ube lilungisa?
409Unengalo enjengekaThixo na, Ududume ngezwi njengaye?
4010Khawuzihombise ke ngobungangamsha nokuphakama kwakho, Wambathe indili nobungangamela.
4011Makuphalale ukuphuphuma komsindo wakho, Ulibone lonke ikratshi, uligungxule.
4012Libone lonke ikratshi, ulithobe, Ubangqule abangendawo ezindaweni zabo.
4013Baqhusheke eluthulini kunye, Ububophe ubuso babo emfihlekweni.
4014Nam ndokudumisa, Ukuba sikusindisile isandla sakho sokunene.
4015Khawuyibone imvubu endayenza yanawe: Idla utyani njengenkomo.
4016Khawubone, amandla ayo asemanqeni ayo, Nokuqina kwayo kusezinyameni zesisu sayo.
4017Igoba umsila wayo njengomsedare, Imisipha yamathanga ayo ibhijelene.
4018Amathambo ayo anjengemibholompo yobhedu, Amathambo ayo anjengemivalo yesinyithi.
4019Iyintlahlela yeendlela zikaThixo; UMenzi wayo wayinika ikrele layo.
4020Ngokuba iintaba ziyithwalela ukudla, Onke amarhamncwa asendle adlala khona.
4021Ibutha phantsi kwemitholo, Engcotyeni yeengcongolo nomgxobhozo.
4022Imitholo iyigubungela ngomthunzi wayo; Imingculuba yesihlambo iyayijikeleza.
4023Yabona, uhamba phandle umlambo, ayiphakuzeli; Ikholosile, xa kutyhobozela neYordan emlonyeni wayo.
4024Inokubanjwa na, inamehlo nje, Igqojozwe impumlo ngentsimbi yokuthiyela?
411Unokuyirhola na ingwenya ngegwegwe, Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo?
412Unokuyifaka intambo yomzi empumlweni yayo na, Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?
413Ingatarhuzisa kunene na kuwe, Ithethe amazwi athambileyo kuwe?
414Ingenza umnqophiso na nawe, Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
415Ungadlala na nayo njengentaka, Uyikhulekele amantombazana akho?
416Angarhweba ngayo na amahlulelana abambisayo, Ayabe phakathi kwabarhwebi?
417Unokusizalisa na isikhumba sayo ngeenyembe, Nentloko yayo ngezikhali zeentlanzi?
418Beka isandla sakho kuyo; Khumbula imfazwe, ungaphindi.
419Yabona, ukulinda kobambisayo ngamanga; Inene, uqethuka kwaesayibona.
4110Akukho sijorha sokuyixhokonxa; Ngubani na ke ongazimisa phambi kwam?
4111Ngubani na ondiphangeleyo, wandinika ukuba ndibuyekeze? Okuphantsi kwamazulu onke kokwam.
4112Andiyi kuthi tu ngamalungu ayo, Neendawo zobugorha bayo, nezimbo zezintlu zayo.
4113Ngubani na onokuwutyhila umphambili wesambatho sayo? Ezintlwini ezimbini zemihlathi yayo, ngubani na onokuya?
4114Iingcango zobuso bayo, ngubani na onokuzivula? Ngeenxa zonke emazinyweni ayo sisothuso.
4115Iliqhayiya imiqela yeengweletshetshe zayo, Zivalwe ngetywina eliqinileyo.
4116Zisondelene enye nenye, Akungeni moya phakathi kwazo.
4117Zinamathelene enye kwenye, Zibambene, zingabi nakwahlukana.
4118Ukuthimla kwayo kukhupha imitha, Namehlo ayo anjengeenkophe zesifingo.
4119Emlonyeni wayo kuphuma izikhuni zomlilo ezitshangazayo, Kuthaphuke iintlantsi zomlilo.
4120Emathatheni ayo kuphuma umsi, Njengowongxawu okhwezelwa ngemizi.
4121Umphefumlo wayo uvuthisa amalahle, Kuphuma amalangatye emlonyeni wayo.
4122Entanyeni yayo kuphuma amandla, Ebusweni bayo kuxhina ukuncama.
4123Imihlubulo yenyama yayo inamathelene, Iqinile kuyo, ayishukumi.
4124Intliziyo yayo iqine njengelitye, Iqine njengelokusila langaphantsi.
4125Ekuphakameni kwayo, ziyanxunguphala iinjengele, Zithi makatha ngokuqhiphuka umbilini.
4126Lifike kuyo ikrele, alimi; Nantshuntshe, namkhonto, nankonjane.
4127Ithi singumququ isinyithi, Livithi ubhedu.
4128Utolo lwesaphetha aluyibalekisi; Ajika abe ngumququ amatye okusawula kuyo.
4129Ithi imivinqi ziindiza, Ikuhleke ukutyityimba kwenkcula.
4130Ngaphantsi kwayo ziinkamba ezitsolo; Yaneka impahla yokusizila eludakeni.
4131Iyibiliza inzulu njengembiza, Ulwandle ilwenza njengehlala loqholo.
4132Emva kwayo kukhanya indlela; Anga amanzi anzongonzongo zizimvi.
4133Ehlabathini akukho nto ifana nayo, Le yenziwayo ayaba nakuqhiphuka umbilini.
4134Ibona konke okuphakamileyo; Ingukumkani yona kwizilo zonke ezinyalasayo.
421UYobhi wamphendula uYehova, wathi,
422Ndiyazi ukuba unako ukufeza konke, Akunqatyelwa nto uyicingileyo.
423Ngubani na lo usithe icebo engenakwazi? Ngoko ke ndithethe ndingaziqondi Izinto ezibalulekileyo kum, ndingazazi.
424Khawuphulaphule, ndithethe mna; Ndiya kubuza kuwe, undazise.
425Bendikuva ukukuva ngendlebe, Kungoku iliso lam likubonile.
426Ngenxa yoko ndiyazicekisa, ndizohlwaye, Ndiseluthulini naseluthuthwini.
427Ke kaloku kwathi, emva kokuba uYehova ewathethile la mazwi kuYobhi, wathi uYehova kuElifazi wakwaTeman, Umsindo wam uyavutha kuwe, nakubamelwane bakho bobabini; kuba anithethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
428Ngoku ke zithabatheleni iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe sixhenxe, neenkunzi zeegusha zibe sixhenxe, niye kumkhonzi wam uYobhi, nizinyusele idini elinyukayo, uYobhi umkhonzi wam anithandazele. Ndomnonelela yena yedwa, ukuze ndingenzi kuni ngokobudenge benu; kuba ningathethanga nto iyiyo ngam, njengomkhonzi wam uYobhi.
429Baya ke ooElifazi wakwaTeman, noBhiledadi wakwaShuwa, noTsofare waseNahama, benza njengoko wakuthethayo kubo uYehova. Waza uYehova wamnonelela ke uYobhi.
4210UYehova wakubuyisa ukuthinjwa kukaYobhi, akubon’ ukuba ubathandazele oowabo. Wakongeza uYehova konke awayenako uYobhi, kwada kwaphindwa kabini.
4211Beza kuye bonke abazalwana bakhe, noodade babo bonke, nabo bonke ababesazana naye ngenxa engaphambili, badla naye ukutya endlwini yakhe, bamkhuza, bamthuthuzela ngenxa yobubi bonke, abemfikisele bona uYehova; bamnika elowo ikhulu lemali, elowo ijikazi legolide.
4212UYehova wakusikelela ukuphela kukaYobhi ngaphezu kokuqala kwakhe; waba neshumi elinesine lamawaka empahla emfutshane, nesithandathu samawaka eenkamela, newaka lezibini zeenkomo, newaka leemazi zamaesile.
4213Waba noonyana abasixhenxe, neentombi ezintathu. Igama leyokuqala kwathiwa nguJemima,
4214igama leyesibini nguKetsiya, igama leyesithathu nguKeren-hapuki.
4215Akwafumaneka mankazana mahle njengeentombi zikaYobhi ezweni lonke. Uyise wazinika amafa phakathi kwabanakwazo.
4216Emveni koko, uYobhi wadla ubomi iminyaka elikhulu elinamanci mane, wabona oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe, izizukulwana zazine.
4217Wafa ke uYehobi, eyindoda enkulu, ephelele ebudaleni.