Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Ezra

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi, ukumkani wasePersi; wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala, esithi,
12Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi, ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem, ekwaYuda.
13Ubani ophakathi kwenu, ebantwini bakhe bonke, uThixo wakhe makabe naye, anyuke aye eYerusalem ekwaYuda, ayakhe indlu kaYehova, uThixo kaSirayeli (nguye uThixo), eseYerusalem.
14Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukele kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem.
15Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.
16Bonke ababebangqongile babancedisa ngezitya zesilivere, nangegolide, nangempahla, nangeenkomo, nangezinto ezinqabileyo; ngaphandle kwazo zonke ezibe zinikwe ngabantu ngokuqhutywa yintliziyo.
17Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yoothixo bakhe.
18UKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, wazinikela kuMitredati, umgcini-ndyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda.
19Lilo eli inani lazo: izitya zegolide zamashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iinkamba zamashumi mabini anesithoba, iindebe zegolide zamashumi mathathu,
110iindebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mane anashumi linye, iimpahla ezizimbi zaliwaka.
111Zonke iimpahla zegolide nezesilivere zaba mawaka mahlanu anamakhulu amane. Zonke ezo nto wazinyusa uSheshbhatsare, ekunyusweni kwababethinjelwe eBhabheli, beziswa eYerusalem.
21Ngabo ke aba oonyana belizwe lakwaYuda abenyukayo, kwababethinjwe basemfudusweni, awabafudusela eBhabheli uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo;
22abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noSeraya, noRehelaya, noMordekayi, noBhileshan, noMispare, noBhigwayi, noRelum, noBhahana. Inani lamadoda abantu bakwaSirayeli:
23oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
24Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.
25Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu.
26Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini anamakhulu asibhozo, aneshumi elinye elinababini.
27Oonyana bakaElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.
28Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asithoba, anamanci mane anabahlanu.
29Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.
210Oonyana bakaBhani ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anababini.
211Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anabathathu.
212Oonyana baka-Azegadi ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mabini anababini.
213Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anabathandathu.
214Oonyana bakaBhigwayi ibingamawaka amabini, anamanci mahlanu anabathandathu.
215Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amane, anamanci mahlanu anabane.
216Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.
217Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, ana manci mabini anabathathu.
218Oonyana bakaYora ibilikhulu elineshumi elinababini.
219Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anabathathu.
220Oonyana baseGibhare ibingamashumi asithoba anabahlanu.
221Oonyana baseBhetelehem ibilikhulu, elinamanci mabini anabathathu.
222Amadoda aseNetofa ibingamashumi amahlanu anamathandathu.
223Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
224Oonyana baseAzemavete ibingamashumi amane anababini.
225Oonyana baseKiriyati-yeharim neKefira neBheroti, ibingamakhulu asixhenxe, anamanci amane anabathathu.
226Oonyana baseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anamnye.
227Amadoda aseMikimase ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.
228Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu.
229Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini.
230Oonyana bakaMagebhishe ibilikhulu, elinamanci mahlanu anabathandathu.
231Oonyana bomnye uElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci amahlanu anabane.
232Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.
233Oonyana baseLodi neHadide neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anabahlanu.
234Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu.
235Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu amathandathu, anamanci mathathu.
236Ababingeleli: oonyana bakaYedaya bendlu kaYeshuwa ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.
237Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.
238Oonyana bakaPashure ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mane anesixhenxe.
239Oonyana bakaHarim ibiliwaka, elineshumi elinesixhenxe.
240AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodaviya, ibingamashumi asixhenxe anabane.
241Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
242Oonyana babamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, bebonke ibilikhulu, elinamanci mathathu anesithoba.
243Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhayoti,
244oonyana bakaKerose, oonyana bakaSiyaha, oonyana bakaPadon,
245oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana baka-Akubhi,
246oonyana bakaHagabhi, oonyana bakaShalemayi, oonyana bakaHanan,
247oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare, oonyana bakaRehaya,
248oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda, oonyana bakaGazam,
249oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha, oonyana bakaBhesayi,
250oonyana baka-Asna, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefusim,
251oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHar-hure,
252oonyana bakaBhatseluti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,
253oonyana bakaBharkose, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,
254oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.
255Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPeruda,
256oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,
257oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Ami.
258Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.
259Ngaba abenyuka, bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adan-imere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise, nembewu yabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:
260oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu anamanci mahlanu anababini.
261Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
262abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
263Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.
264Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
265ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
266Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu;
267iinkamela zabo ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.
268Inxenye yeentloko zezindlu zooyise ekufikeni kwayo endlwini kaYehova eseYerusalem, yayizisela indlu kaThixo iminikelo yokuqhutywa yintliziyo, ukuba imiswe endaweni yayo.
269Banikela ngoko konke ababenako ebuncwaneni bomsebenzi: igolide yangamawaka amashumi amathandathu, anawaka linye eedarike, nesilivere yangamawaka amahlanu eemina, nekhulu leengubo ezingaphantsi zababingeleli.
270Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabantu inxenye, neemvumi, nabamasango, nabakonzi betempile, emizini yakowabo; amaSirayeli onke emizini yawo.
31Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, oonyana bakaSirayeli besemizini yabo, bahlangana abantu njengamntu mnye, beza eYerusalem.
32Wesuka uYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe ababingeleli, noZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nabazalwana bakhe, basakha isibingelelo sikaThixo kaSirayeli, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses umfo wakwaThixo.
33Basizinzisa isibingelelo endaweni yaso; ngokuba beboyikiswe zizizwe zala mazwe. Banyusa phezu kwaso amadini anyukayo kuYehova, amadini anyukayo akusasa nawangokuhlwa.
34Benza umthendeleko weminquba njengoko kubahliweyo, namadini anyukayo iimini ngeemini, ngenani, ngokwesiko, into yemini ngangemini yayo.
35Emveni kwawo benza idini elinyukayo lamaxesha onke, nawokuthwasa kwenyanga, nawamaxesha onke kaYehova angcwalisiweyo, amisiweyo, nawabo bonke abanikela ngokuqhutywa yintliziyo kuYehova, iminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
36Baqala ugowokuqala umhlawenyanga yesixhenxe, baqala banyusa amadini anyukayo kuYehova; itempile kaYehova ibe ingekasekwa.
37Imali bayinika abaqingqi nabakroli; banika amaTsidon namaTire ukudla, nento eselwayo, neoli, ukuba athabathe imisedare eLebhanon, ayizise ngolwandle eYafo, ngokuvunyelwa kwabo nguKoreshi ukumkani wasePersi.
38Ngomnyaka wesibini wokufika kwabo endlwini kaThixo eYerusalem, ngenyanga yesibini, baqala ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaTsadoki, nabanye abazalwana babo, ababingeleli, nabaLevi, nabo bonke ababephume ekuthinjweni ukuza eYerusalem, bamisa abaLevi, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kwenyusa, ukuba bawongamele umsebenzi wendlu kaYehova.
39Kwema ooYeshuwa noonyana bakhe nabazalwana bakhe, uKademiyeli noonyana bakhe, oonyana bakaHodaviya, njengamntu mnye, ukubongamela abawenzayo umsebenzi endlwini kaThixo: oonyana bakaHenadade, oonyana babo nabazalwana babo, abaLevi.
310Abakhi bayiseka itempile kaYehova; bema ababingeleli, bevethe, benamaxilongo; nabaLevi, oonyana baka-Asafu, benamacangci, ukumdumisa uYehova ngokolwalathiso lukaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
311Basusela ngokudumisa, nangokubulela kuYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade kuSirayeli; ke bonke abantu baduma ngodumo olukhulu, bedumisa uYehova ngenxa yokusekwa kwendlu kaYehova.
312Ke isininzi kubabingeleli, nabaLevi, neentloko zezindlu zooyise, namadoda amakhulu, awayeyibonile indlu yokuqala, sathi ekusekweni kwale ndlu emehlweni aso, salila ngezwi elikhulu; ke abaninzi baduma, bavuya ngokuphakamisa ilizwi.
313Abantu ababa nakulahlula ilizwi lokuduma ngokuvuya kwilizwi lokulila kwabantu; ngokuba abantu babeduma ngodumo olukhulu; ilizwi lavakala nakude.
41Ke kaloku, bakuva ababandezeli bamaYuda nabamaBhenjamin, ukuba oonyana basemfudusweni bamakhela itempile uYehova uThixo wakwaSirayeli,
42beza kuZerubhabheli, nakwiintloko zezindlu zooyise, bathi kubo, Masakhe nani, ngokuba siquqela uThixo wenu njengani; sibingelela kuye kususela kwimihla kaEsar-hadon, ukumkani waseAsiriya, owasinyusela apha.
43Wathi uZerubhabheli, noYeshuwa, nabanye abaziintloko zezindlu zooyise bakwaSirayeli kubo, Anithe ni nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; somakhela sedwa uYehova, uThixo wakwaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako ukumkani onguKoreshi, ukumkani wasePersi.
44Abantu belo zwe bamana ukubaphelisa amandla abantu bakwaYuda, beboyikisa ekwakheni;
45bebaqeshela amagqwetha, ukuba alishitshise iqhinga labo, yonke imihla kaKoreshi ukumkani wasePersi, kwada kwezisa ebukumkanini bukaDariyo ukumkani wasePersi.
46Nasebukumkanini buka-Ahaswerose, ekuqalekeni kobukumkani bakhe, babhala, bebancetheza abemi bakwaYuda nabaseYerusalem.
47Nangemihla ka-Artashashta kwabhala uBhish-lam, noMitredati, noTabheli, nabanye abalingane babo, kuArtashashta ukumkani wasePersi; incwadi yabhalwa ngentetho yesiAram, yakhunyushwa ngesiAram.
48OoRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, babhala incwadi ngeYerusalem kuArtashashta ukumkani, ngolu hlobo.
49Bathumela ke ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo bamaDina, nabama-Afarsateki, nabamaTarpela, nabama-Afarsi, nabama-Arki, nabamaBhabheli, nabamaShushanki, nabamaDehavi, nabamaElam,
410nezinye izizwe, awazithimbayo uOsnapare omkhulu obekekileyo, wazibeka emzini wakwaSamari, nakweminye nganeno koMlambo, nakwezinye iindawo.
411Yiyo le incwadi abayithumela kuArtashashta ukumkani, ithi: Abakhonzi bakho, amadoda anganeno koMlambo, njalonjalo.
412Makwazeke kukumkani, ukuba amaYuda anyukileyo evela kuwe, afikile kuthi eYerusalem; ayawakha umzi ogwilikayo, ongendawo; ayazimisa iindonga zawo, ayazimbela iziseko.
413Makwazeke ngoku kukumkani, ukuba othi, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, angarholi rhafu nasithabathaba, nalunikelo, kude kuye kuxhwaleka ookumkani.
414Kaloku, ngenxa enokuba sisidla ityuwa yasebhotwe, kwaye kungafanelekile kuthi ukubona ukumkani encitshiswa. Ngako oko siyathumela, simazisa ukumkani,
415ukuze kuphicothwe encwadini yezikhumbuzo ezo zooyihlo, wazi ukuba lo mzi waba ngumzi ogwilikayo, owaxhwalekisa ookumkani namazwe, kwenziwa, isiphendu phakathi kwawo kwakudala, waba linxuwa lo mzi ngenxa yoko.
416Siyamazisa ukumkani ukuba, xa uthe wakhiwa lo mzi, zafezwa neendonga zawo, wothi ngenxa yelo thuba ungabi nasabelo wena nganeno koMlambo.
417Waza ukumkani wabathumela impendulo ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo abahleli kwaSamari, nabanye abanganeno koMlambo, wathi: Uxolo, njalonjalo.
418Loo ncwadi nayithumelayo kuthi ilesiwe ngokucacileyo phambi kwam.
419Ndiwise umthetho, kwaphicothwa, kwafunyanwa ukuba lo mzi kwakudala uziphakamisile kookumkani, kwenziwa ugwiliko nesiphendu phakathi kwawo.
420Kwabe kukho ookumkani abanamandla eYerusalem, nabanegunya kwilizwe lonke eliphesheya koMlambo apho; kunikelwa kubo irhafu, nesithabathaba, nonikelo.
421Wisani ngoko umthetho wokuba abanjezelwe loo madoda, loo mzi ungakhiwa, kude kuwiswe umthetho ndim.
422Lumkani, ningakhe le nto niyiyeke; kungani na ukuba kukhule ukonakala, baxhwaleke ookumkani?
423Ithe yakuleswa incwadi ka-Artashashta ukumkani phambi koRehum, noShimshayi umbhali, nabalingane babo, basuka, beza ngobungxamo eYerusalem kumaYuda, bawanyanzela ngegunya nangamandla.
424Waza wema umsebenzi wendlu kaThixo eseYerusalem; wema kwada kwaba ngumnyaka wesibini wobukumkani bukaDariyo, ukumkani wasePersi.
51Ke kaloku abaprofeti, ooHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo, baprofeta kumaYuda abekwaYuda neYerusalem, egameni likaThixo kaSirayeli obekubo.
52Baza basuka ooZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, noYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabathetheli bakhe, ukuba bayakhe indlu kaThixo eYerusalem, abaprofeti bakaThixo bekubo bencedisana nabo.
53Kwangelo xesha, weza kubo uTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, bathi kubo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
54Saza senjenje ukuthetha kubo, ngoonantsi noonantsi, amagama amadoda ayakhayo le ndlu.
55Ke iliso loThixo wawo libe liphezu kwamadoda amakhulu amaYuda, ukuba bangawabambezeli, ide loo ndawo iye kuDariyo, bakhuphe incwadi ngayo loo ndawo.
56Incwadi leyo, ooTatenayi, ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane bakhe bama-Afarseka banganeno koMlambo, bayithumelayo kuDariyo ukumkani,
57bayithumela loo ndawo kuye; kwabhalwa kwathiwa kuyo: KuDariyo ukumkani, uxolo luphelele.
58Makwazeke kukumkani, ukuba saya ezweni lakwaYuda, endlwini kaThixo omkhulu. Iyakhiwa ngamatye anzima, nemithi iyafakwa ezindongeni; lo msebenzi usetyenzwa ngenyameko, uyaphumelela ezandleni zabo.
59Saza sabuza kumadoda lawo makhulu, sathi kuwo, Niwiselwe umthetho ngubani na ukuba niyakhe le ndlu, nilwenze olu donga?
510Sabuza kuwo namagama awo, ukuba sikwazise wena, siwabhale amagama amadoda aziintloko kuwo.
511Enjenje ke ukusibuyisela impendulo, athi, Singabakhe, singabakhonzi bakaThixo wamazulu nehlabathi. Sakha le ndlu yakhiwayo iminyaka emininzi eyadlulayo, yakhiwa yafezwa ngukumkani omkhulu wakwaSirayeli.
512Ngokokuba oobawo bamqumbisayo uThixo wamazulu, wabanikela esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umKaledi. Yena wayichitha le ndlu, wabafudusela eBhabheli abantu.
513Kodwa ngomnyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani waseBhabheli, ukumkani uKoreshi wawisa umthetho wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo.
514Kananjalo iimpahla zendlu kaThixo zegolide nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni eseYerusalem, awazizisayo etempileni yaseBhabheli, ezo wazikhupha uKoreshi ukumkani etempileni yaseBhabheli: zanikelwa kogama linguSheshbhatsare, awammisayo ukuba abe libamba.
515Wathi kuye, Thabatha ezi mpahla, hamba, uzise etempileni eseYerusalem, indlu kaThixo yakhelwe endaweni yayo.
516Waza weza lo Sheshbhatsare, wazibeka iziseko zendlu kaThixo eseYerusalem; kususela kwelo xesha unangoku iyakhiwa; ayikagqitywa ke.
517Kaloku, ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphicothwe endlwini yendyebo yokumkani, eseBhabheli apho, kukhangelwe ukuba kunjalo na, ukuba wawiswa na umthetho nguKoreshi ukumkani, wokuba yakhiwe le ndlu kaThixo eYerusalem; kananjalo makuthunyelwe kuthi ukuthanda kokumkani ngale nto.
61Waza uDariyo ukumkani wawisa umthetho; kwaphicothwa endlwini khona eBhabheli.
62Kwafunyanwa komkhulu, eAmeta, eselizweni lamaMedi, incwadi esongwayo; kwaye kubhaliwe apho isikhumbuzo, kwathiwa:
63Ngowokuqala umnyaka kaKoreshi ukumkani, wawisa umthetho uKoreshi ukumkani, wathi, Indlu kaThixo eYerusalem, mayakhiwe indlu leyo, ibe yindawo apho kubingelelwa khona imibingelelo; zimiswe neziseko zayo; ukuphakama kwayo kube ziikubhite ezimashumi mathandathu, ububanzi bayo bube ziikubhite ezimashumi mathandathu.
64Ize ibe ziingcamba ezintathu zamatye anzima, nocamba lwemithi emitsha; indleko mayiphume endlwini yokumkani.
65Neempahla zendlu kaThixo zegolide, nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni yaseYerusalem, wazizisa eBhabheli, mazibuyiswe zisiwe etempileni eseYerusalem, ezindaweni zazo, endlwini kaThixo.
66Ngoko, Tatenayi, bamba laphesheya koMlambo, nawe Shetar-bhozenayi, nabalingane benu bama-Afarseka phesheya koMlambo, yibani kude naloo nto;
67wuyekeni umsebenzi wale ndlu kaThixo. Ibamba lamaYuda namadoda amakhulu akwaYuda mabayakhe le ndlu kaThixo endaweni yayo.
68Ndiwisa umthetho wento enoyenza kumadoda amakhulu aloo maYuda, ukuba yakhiwe loo ndlu kaThixo; ndithi, loo madoda makanikwe indleko, ebutyebini bukakumkani, erhafini yaphesheya koMlambo, kunyanyekwe, angabanjezelwa.
69Nezinto ezifunekayo, iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, zokuba ngamadini anyukayo kuThixo wamazulu, nengqolowa, netyuwa, newayini, neoli, ngokwelizwi lababingeleli abaseYerusalem, makazinikwe imihla ngemihla, kungaphosiswa;
610ukuze basondeze imibingelelo elivumba elithozamisayo kuThixo wamazulu, bathandazele ubomi bokumkani noboonyana bakhe.
611Ndiwisa umthetho wokuba bonke abantu abayijikayo loo nto, makuncothulwe umthi endlwini yabo, baxhonywe, babethelelwe kuwo, nendlu yabo yenziwe indawo yokuya endle, ngenxa yoko.
612UThixo, olibeke khona igama lakhe, makabakhahlele phantsi bonke ookumkani, nabantu, abolula izandla zabo, beyijika loo nto, ukuba bayitshabalalise le ndlu kaThixo eseYerusalem. Mna Dariyo ndiwise umthetho; mawenziwe ngenyameko.
613Baza ooTatenayi ibamba langaneno koMlambo, noShetar-bhozenayi, nabalingane babo, ngenxa enokuba uDariyo ukumkani ethumile, benjenjalo ngenyameko.
614Ke amadoda amakhulu amaYuda akha, aphumelela ngokokuprofeta kukaHagayi umprofeti, noZekariya unyana kaIdo; akha ke agqiba, ngenxa yomthetho kaThixo kaSirayeli, nangenxa yomthetho wooKoreshi, noDariyo, noArtashashta, ookumkani basePersi.
615Yagqitywa ke le ndlu ngosuka lwesithathu lwenyanga enguAdare; ngumnyaka wesithandathu lowo wokulawula kukaDariyo ukumkani.
616Oonyana bakaSirayeli, ababingeleli nabaLevi nabanye oonyana basemfudusweni, bakwenza ngovuyo ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo.
617Basondezela ukuhlaziywa kwale ndlu kaThixo, ikhulu leenkunzi ezintsha zeenkomo, namakhulu amabini eenkunzi zeegusha, namakhulu amane eemvana; neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono, ngenxa yamaSirayeli onke, zalishumi elinambini, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli.
618Babamisa ababingeleli ngokwezahlulo zabo, nabaLevi ngokwamaqela abo, phezu kwenkonzo kaThixo eseYerusalem, ngoko kubhaliweyo encwadini kaMoses.
619Oonyana basemfudusweni bayenza ipasika ngomhla weshumi elinesine wenyanga yokuqala;
620ngokuba babezihlambulule ababingeleli nabaLevi, njengamntu mnye, bahlambuluka bonke bephela; babaxhelela ipasika oonyana bonke basemfudusweni, nabazalwana babo ababingeleli, nabo ngokwabo.
621Badla ke oonyana bakaSirayeli ababebuye ekufudusweni, kwanabo bonke abazahlulayo ebunqambini beentlanga zelizwe, beza kubo ukuba bamquqele uYehova, uThixo kaSirayeli.
622Benza umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixhenxe bevuyile; ngokuba uYehova ebebavuyisile ngokuyibuyisela kubo intliziyo yokumkani waseAsiriya, ukuze izandla zabo zomelezwe emsebenzini wendlu kaThixo, uThixo kaSirayeli.
71Emveni kwezo zinto, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani wasePersi, wathi uEzra, unyana kaSeraya, unyana ka-Azariya, unyana kaHilekiya,
72unyana ka-Shalum, unyana kaTsadoki, unyana ka-Abhitubhi,
73unyana ka-Amariya, unyana ka-Azariya, unyana kaMerayoti,
74unyana kaZeraya, unyana kaUzi, unyana kaBhuki,
75unyana ka-Abhishuwa, unyana kaPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli oyintloko:
76uEzra lowo wenyuka, ephuma eBhabheli. Waye engumbhali oyinkunkqele emyalelweni kaMoses, awawuwisayo uYehova, uThixo kaSirayeli. Ukumkani wamnika konke awakucelayo ngokwesandla sikaYehova, uThixo wakhe, esiphezu kwakhe.
77Kwenyuka naye inxenye yoonyana bakaSirayeli, neyababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, besiya eYerusalem, ngomnyaka wesixhenxe ka-Artashashta ukumkani.
78Wafika eYerusalem ngenyanga yesihlanu; lowo ke ngumnyaka wesixhenxe wokumkani.
79Ngokuba ibe ingumhla wokuqala wenyanga yokuqala, awawumisela ukunyuka ngawo, ephuma eBhabheli; wafika eYerusalem ngomhla wokuqala wenyanga yesihlanu, ngokwesandla esilungileyo sikaThixo wakhe, esibe siphezu kwakhe;
710ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli.
711Yiyo le incwadi, awathi ukumkani uArtashashta wamnika uEzra umbingeleli, umbhali obhala amazwi emithetho kaYehova, nemimiselo yakhe kumaSirayeli:
712UArtashashta, ukumkani wookumkani, kuEzra umbingeleli, umbhali ogqibeleleyo emthethweni kaThixo wamazulu, njalonjalo.
713Ndiwise umthetho wokuba bonke ebukumkanini bam, phakathi kwabantu bakwaSirayeli, nababingeleli babo nabaLevi, abaqhutywa yintliziyo ukuya eYerusalem, mabahambe nawe.
714Ngokuba wena uthunywa ngukumkani namaphakathi akhe asixhenxe, ukubuzisa ngamaYuda neYerusalem, ngokomthetho kaThixo wakho osesandleni sakho;
715uyise isilivere negolide, ayinikelayo ukumkani namaphakathi akhe, ngokuqhutywa yintliziyo, kuThixo kaSirayeli, okhaya liseYerusalem;
716nayo yonke isilivere negolide, owoyifumana ezweni lonke laseBhabheli, kunye nomnikelo wokuqhutywa yintliziyo wabantu nababingeleli, abanikela ngokuqhutywa yintliziyo ngenxa yendlu kaThixo wabo, eseYerusalem.
717Ngoko ke uya kuthenga ngenyameko ngale mali iinkunzi ezintsha zeenkomo, neenkunzi zeegusha, neemvana, neminikelo yazo yokudla, nethululwayo; uyisondeze esibingelelweni sendlu kaThixo wenu eseYerusalem.
718Nento ethe yalunga kuwe, nakubazalwana bakho, ukwenziwa ngesilivere nangegolide eseleyo, noyenza ngokokuthanda kukaThixo wenu.
719Ke iimpahla ozinikiweyo ngenxa yombuso wendlu kaThixo wakho, zinikele ziphelele phambi koThixo eYerusalem.
720Nezinye izinto ezifunekayo zendlu kaThixo wakho, othi kuyafuneka ukuba zinikelwe, wozirhola endlwini yendyebo yokumkani.
721Mna Artashashta, kumkani, ndiwisa umthetho kubo bonke abagcini-ndyebo abaphesheya koMlambo, wokuba konke aya kukubiza kuni uEzra, umbingeleli, umbhali womthetho kaThixo wamazulu, makwenziwe ngenyameko,
722kuse ekhulwini leetalente zesilivere, nekhulu leekore zengqolowa, nekhulu leebhate zewayini, nekhulu leebhate zeoli, netyuwa ingalinganiselwa.
723Yonke into engomthetho kaThixo wamazulu mayenzelwe indlu kaThixo wamazulu ngokuthe nqo; kuba kungani na ukuba bufikelwe buburhalarhume ubukumkani bokumkani noonyana bakhe?
724Makwazeke kuni, ukuba bonke ababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, nabalungiseleleli bale ndlu kaThixo, akukho bani unagunya lakubathwesa irhafu, nasithabathaba, nalunikelo.
725Wena Ezra, ngokobulumko bukaThixo wakho obusesandleni sakho, misa abagwebi, nabathethi bamatyala, ebantwini bonke abaphesheya koMlambo; ndithi, bonke abayaziyo imithetho kaThixo wakho; nabangayaziyo nobazisa.
726Ke bonke abasukuba bengawenzi umthetho kaThixo wakho, nomthetho wokumkani, malithethwe ityala labo ngenyameko, nokuba baya kubulawa, nokuba baya kugxothwa, nokuba baya kudliwa, nokuba baya kukhonkxwa.
727Makabongwe uYehova, uThixo woobawo, oyinikeleyo into enjalo entliziyweni yokumkani, ukuba ayihombise indlu kaYehova eseYerusalem;
728ondithobele inceba phambi kokumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bonke bokumkani abangamagorha. Mna ndomelezeka ngokwesandla sikaYehova uThixo wam esiphezu kwam; ndazibutha kumaSirayeli iintloko zezindlu zooyise, ukuba zinyuke nam.
81Zizo ke ezi iintloko zezindlu zooyise, nokubhalwa kwazo emilibeni yokuzalwa, ezenyuka nam, ziphuma eBhabheli, ebukumkanini buka-Artashashta ukumkani:
82koonyana bakaPinehasi nguGershom; koonyana bakaItamare nguDaniyeli; koonyana bakaDavide nguHatushe;
83koonyana bakaShekaniya, koonyana bakaParoshe, nguZekariya, enamadoda abhalwe emilibeni yokuzalwa, alikhulu elinamanci mahlanu;
84koonyana bakaPahati wakwaMowabhi nguEliyohenayi unyana kaZeraya, enamadoda angamakhulu mabini;
85koonyana bakaShekaniya, ngunyana kaYahaziyeli, enamadoda angamakhulu amathathu;
86koonyana baka-Adin nguEbhede unyana kaYonatan, enamadoda amashumi mahlanu;
87koonyana bakaElam nguYeshaya unyana ka-Ataliya, enamadoda amashumi asixhenxe;
88koonyana bakaShefatiya nguZebhadiya unyana kaMikayeli, enamadoda amashumi asibhozo;
89koonyana bakaYowabhi nguObhadiya unyana kaYehiyeli, enamadoda angamakhulu amabini aneshumi elinesibhozo;
810koonyana bakaShelomiti ngunyana kaYosifiya, enamadoda alikhulu elinamanci mathandathu;
811koonyana bakaBhebhayi nguZekariya unyana kaBhebhayi, enamadoda amashumi mabini anesibhozo;
812koonyana baka-Azegadi nguYohanan unyana kaHakatan, enamadoda alikhulu elineshumi linye;
813koonyana bokugqibela baka-Adonikam abamagama angala: nguElifelete, noYehiyeli, noShemaya, benamadoda amashumi mathandathu;
814koonyana bakaBhigwayi ngu-Utayi, noZabhudi, enamadoda amashumi asixhenxe.
815Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
816Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.
817Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.
818Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazisa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;
819noHashabhiya enoYeshaya koonyana bakaMerari nabazalwana bakhe, noonyana babo, amashumi amabini;
820nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.
821Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke.
822Ngokuba ndandineentloni ukuba ndicele impi nabamahashe kukumkani, ukuba basincede ezintshabeni endleleni; ngokuba besesithe kukumkani, Isandla sikaThixo wethu siphezu kwabo bonke abamfunayo, ukuba kulunge; namandla akhe nomsindo wakhe uyabachasa bonke abamshiyayo.
823Sazila ukudla ke, samkhunga ngenxa yoko uThixo wethu, wathandazeka sithi.
824Ndahlula kubathetheli bababingeleli ishumi elinababini, ngaphandle koSherebhiya, noHashabhiya, neshumi labazalwana babo;
825ndayilinganisela kubo isilivere, negolide, nempahla, umrhumo wendlu kaThixo wethu, abawurhumayo ukumkani, namaphakathi akhe, nabathetheli bakhe, namaSirayeli onke awayekho apho.
826Ndalinganisela esandleni sabo amakhulu amathandathu anamanci mahlanu eetalente zesilivere, nekhulu leetalente zeempahla zesilivere, nekhulu leetalente zegolide;
827namashumi amabini eendebe zegolide ziliwaka leedarike, neempahla ezimbini zobhedu olubengezela kakuhle, zinqweneleka njengegolide.
828Ndathi kubo, Ningcwele kuYehova, iimpahla zingcwele; negolide nesilivere zingumnikelo wabaqhutywa yintliziyo, kuYehova, uThixo wooyihlo;
829phaphani, nizigcine, nide nizilinganisele phambi kwabathetheli bababingeleli, nabaLevi, nabathetheli bezindlu zooyise zamaSirayeli, eYerusalem, emagumbini endlu kaYehova.
830Ababingeleli nabaLevi bawamkela ke umlinganiso wesilivere negolide nempahla, ukuba bawuzise eYerusalem endlwini yoThixo wethu.
831Saza sanduluka emlanjeni ongumAhava ngomhla weshumi elinesibini wenyanga yokuqala, ukuba size eYerusalem; isandla soThixo wethu saba phezu kwethu, sasihlangula esandleni seentshaba nesabasilaleleyo endleleni.
832Safika eYerusalem, sahlala khona iintsuku zantathu.
833Ngomhla wesine yalinganiselwa isilivere negolide neempahla, endlwini yoThixo wethu, esandleni sikaMeremoti unyana kaUriya, umbingeleli, enoElazare unyana kaPinehasi, benoYozabhadi unyana kaYeshuwa, noNowadiya unyana kaBhinwi, abaLevi;
834zanikelwa ngokwenani ngokulinganiselwa kwezinto zonke; konke ukulinganiselwa kwabhalwa ngelo xesha.
835Oonyana basemfudusweni, abo babephume ekuthinjweni, basondeza amadini anyukayo kuThixo kaSirayeli: iinkunzi ezintsha zeenkomo zalishumi elinambini, ngenxa yamaSirayeli onke, neenkunzi zeegusha zamashumi asithoba anantandathu, neemvana zamashumi asixhenxe anesixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zedini lesono zalishumi elinambini; zonke zaba lidini elinyukayo kuYehova.
836Bayinikela imithetho yokumkani kwiirhuluneli zokumkani, nakumabamba nganeno koMlambo; abo babanceda abantu, nendlu kaThixo.
91Kwakugqitywa oko, beza kum abathetheli, bathi, Abantu bakwaSirayeli, nababingeleli, nabaLevi, abazahluli kwizizwe zamazwe la; benza ngokwamasikizi azo, awamaKanan, namaHeti, namaPerizi, namaYebhusi, nama-Amon, namaMowabhi, namaYiputa, nama-Amori;
92ngokuba bazizekele bona noonyana babo abafazi ezintombini zawo; yazixuba imbewu engcwele nezizwe zala mazwe; ke kuqale isandla sabathetheli nabaphathi kobu bumenemene.
93Ndathi ndakuliva elo lizwi, ndazikrazula iingubo zam, kwaneyokwaleka, ndazidlathula iinwele zam neendevu, ndahlala phantsi ndimangalisiwe.
94Ndahlanganisela kum bonke abagubha ngamazwi kaThixo kaSirayeli ngenxa yobumenemene babafuduswayo; ndahlala phantsi ndimangalisiwe, kwada kwalilixa lomnikelo wokudla wangokuhlwa.
95Ngelo xa lomnikelo wokudla wangokuhlwa, ndesuka ekuzithobeni kwam, ndazikrazula iingubo zam neyokwaleka, ndaguqa ngamadolo, ndazolulela izandla zam kuYehova uThixo wam, ndathi:
96Thixo wam, ndidanile, ndineentloni, andinakubuphakamisela kuwe ubuso bam, Thixo wam; ngokuba ubugwenxa bethu bukhulile, baba phezu kweentloko zethu; netyala lethu likhulu, lesa emazulwini.
97Kususela kwimihla yoobawo, sisetyaleni elikhulu unanamhla; ngenxa yobugwenxa bethu sanikelwa thina, nookumkani bethu, nababingeleli bethu, esandleni sookumkani bala mazwe, nasekreleni, nasekuthinjweni, nasekuphangweni, nasekudaneni kobuso, njengoko kunjalo namhla.
98Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.
99Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.
910Singathini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi,
911Ilizwe eniya kulima, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo.
912Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu; ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.
913Emveni kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zethu ezibi, nangenxa yetyala lethu elikhulu (kanti wena, Thixo wethu, usiyekile, akwasohlwaya ngangobugwenxa bethu, wasinika abasindileyo abangakanana),
914singabuya siyaphule na imithetho yakho, sendiselane nezizwe ezinaloo masikizi? Akuyi kusifuthela ngomsindo side siphele na, ukuze kungabikho baseleyo, basindileyo?
915Yehova, Thixo kaSirayeli, ulilungisa, ngokuba sisele singabasindileyo, njengoko kunjalo namhla. Uyabona, siphambi kwakho, sinalo ityala lethu, ngokuba akukho unokuma phambi kwakho ngenxa yoko.
101Ke kaloku akuthandaza uEzra, akukuxela oku, elila, eziwisile phambi kwendlu kaThixo, kwabuthelana kuye kumaSirayeli ibandla elikhulu kakhulu lamadoda, nabafazi, nabantwana, ngokuba abantu batsho ngesililo esikhulu.
102Waphendula uShekaniya unyana kaYehiyeli, owoonyana bakaElam, wathi kuEzra, Senze ubumenemene kuThixo wethu, sazeka abafazi bezinye iintlanga ezizweni zelizwe eli; kodwa kusekho ithemba kumaSirayeli ngale nto.
103Masimenzele ngoku umnqophiso uThixo wethu, wokuba sibakhuphe bonke abafazi nabazelwe ngabo, ngokwecebo lenkosi yam, nelabagubhela imithetho yoThixo wethu; makwenziwe ngokomyalelo.
104Vuka, ngokuba le nto iphezu kwakho; singakuwe; yomelela, wenze.
105Wavuka uEzra, wabafungisa abathetheli bababingeleli, nababaLevi, nabamaSirayeli onke, ukuba benze ngokwelo lizwi; bafunga ke.
106Wesuka uEzra phambi kwendlu kaThixo, wangena egumbini likaYohanan unyana kaEliyashibhi. Wathi akufika khona, akadla sonka, akasela manzi; ngokuba ubesenza isijwili ngenxa yobumenemene babo bafuduswayo.
107Bahambisa ilizwi kwaYuda naseYerusalem, kubo bonke oonyana basemfudusweni, lokuba babuthelane eYerusalem;
108bathi, bonke abathe abeza ngesithuba semihla emithathu, ngokwecebo labathetheli nelamadoda amakhulu, mayisingelwe phantsi yonke impahla yabo; ke bona ngokwabo bahlulwe nebandla lasemfudusweni.
109Abuthelana eYerusalem onke amadoda akwaYuda nawakwaBhenjamin ngeentsuku ezintathu; yaye iyinyanga yesithoba, ngowamashumi amabini umhla wenyanga leyo. Bahlala bonke abantu ebaleni lendlu kaThixo, bengcangcazela yile nto, naziimvula.
1010Wesuka wema uEzra umbingeleli, wathi kubo, Nenze ubumenemene; nizeke abafazi bezinye iintlanga, ukuze nongeze etyaleni lamaSirayeli.
1011Mzukiseni ngokunje uYehova, uThixo wooyihlo, nenze okukholekileyo kuye, nizahlule kwizizwe zeli lizwe, nakubafazi bezinye iintlanga.
1012Laphendula lonke ibandla, lathi ngezwi elikhulu, Kufanelekile kuthi, ukuba senze ngokwelizwi lakho;
1013kodwa abantu baninzi, yaye ilixesha lemvula, akunakumiwa phandle; lo msebenzi asingowemini enye, asingoweemini ezimbini; ngokuba sone kakhulu ngale nto.
1014Abathetheli bethu ke mabalimele ibandla lonke; bathi bonke emizini yethu, abazeke abafazi bezinye iintlanga, beze ngamaxesha amisiweyo, benamadoda amakhulu emizi ngemizi, nabagwebi bayo, kude kubuyiswe kuthi ukuvutha komsindo woThixo wethu, isekho nje le nto.
1015NgooYonatan unyana ka-Asayeli, noYazeya unyana kaTikwa, bodwa abamelana nelo lizwi; ooMeshulam, noShabhetayi umLevi, bebancedisa.
1016Benjenjalo ke oonyana basemfudusweni. Kwahlulwa ooEzra umbingeleli, namadoda aziintloko zezindlu zooyise ngokwezindlu zooyise, bonke bephela, bebalulwe ngamagama, bahlala phantsi ngomhla wokuqala wenyanga yeshumi ukuyibuza le nto.
1017Bayigqiba into yonke yamadoda abezeke abafazi bezinye iintlanga, elusukwini lokuqala lwenyanga yokuqala.
1018Koonyana bababingeleli kwafunyanwa ababezeke abafazi bezinye iintlanga: koonyana bakaYeshuwa unyana kaYotsadaki, nabazalwana bakhe: ingooMahaseya, noEliyezere, noYaribhi, noGedaliya.
1019Banika isandla sabo, ukuba bobakhupha abafazi babo; bathi, benetyala nje, bakhuphe inkunzi yasempahleni emfutshane ngenxa yetyala labo;
1020koonyana bakaImere yanguHanani noZebhadiya;
1021koonyana bakaHarim yanguMahaseya, noEliya, noShemaya, noYehiyeli, noUziya;
1022koonyana bakaPashure yanguEliyohenayi, noMahaseya, noIshmayeli, noNataniyeli, noYozabhadi, noEliyasa;
1023nakubaLevi; yanguYozabhadi, noShimehi, noKelaya okwanguKelita, noPetaya, noYuda, noEliyezere;
1024kwiimvumi yanguEliyashibhi; kwabamasango yanguShalum, noTelem, noUri;
1025kumaSirayeli: koonyana bakaParoshe yanguRamiya, noIziya, noMalekiya, noMiyamin, noElazare, noMalekiya, noBhenaya;
1026koonyana bakaElam yanguMataniya, noZekariya, noYehiyeli, noAbhedi, noYeremoti, noEliya;
1027koonyana bakaZatu yanguEliyohenayi, noEliyashibhi, noMataniya, noYeremoti, noZabhadi, noAziza;
1028nakoonyana bakaBhebhayi yanguYohanan, noHananiya, noZabhadi, noAtelayi;
1029koonyana bakaBhani yanguMeshulam, noMaluki, noAdaya, noYashubhi, noShehali, noYeremoti;
1030koonyana bakaPahati wakwaMowabhi yanguAdena, noKelali, noBhenaya, noMahaseya, noMataniya, noBhetsaleli, noBhinwi, noManase;
1031koonyana bakaHarim yanguEliyezere, noIshiya, noMalekiya, noShemaya, noSimon,
1032noBhenjamin, noMaluki, noShemariya;
1033koonyana bakaHashum yanguMatenayi, noMatata, noZabhadi, noElifelete, noYeremayi, noManase, noShimehi;
1034koonyana bakaBhani yanguMahadayi, noAmram, noUweli,
1035noBhenaya, noBhedeya, noKelwi,
1036noVaniya, noMeremoti, noEliyashibhi,
1037noMataniya, noMatenayi, noYahasavi,
1038noBhani, noBhinwi, noShimehi,
1039noShelemiya, noNatan, noAdaya,
1040noMakenadebhayi, noShashayi, noSharayi,
1041noAzareli, noShelemiya, noShemariya,
1042noShalum, noAmariya, noYosefu;
1043koonyana bakaNabho yanguYehiyeli, noMatitiya, noZabhadi, noZebhina, noYadayi, noYoweli, noBhenaya.
1044Bonke abo babezeke abafazi bezinye iintlanga. Bekukho phakathi kwabo abafazi ababezele oonyana.