Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 2 Chronicles

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11USolomon, unyana kaDavide, womelela ebukumkanini bakhe; uYehova uThixo wakhe waba naye, wamenza mkhulu, wamphakamisa.
12Wathetha uSolomon kumaSirayeli onke, kubathetheli bamawaka nabamakhulu, nakubagwebi, kwizikhulu zonke, kumaSirayeli onke, kwiintloko zezindlu zooyise.
13Baya ke ooSolomon nebandla lonke elo esigangeni esibe siseGibheyon; ngokuba yabe ikhona intente yokuhlangana kaThixo, awayenzayo uMoses umkhonzi kaThixo entlango.
14Ke yona ityeya kaThixo wayeyinyusile uDavide eKiriyati-yeharim, wayisa kuloo ndawo abeyilungisele yona uDavide; ngokuba wayeyimisele intente eYerusalem.
15Isibingelelo sobhedu, abesenzile uBhetsaleli unyana kaUri, unyana kaHuri, sasilapho phambi komnquba kaYehova; bamquqela uYehova ooSolomon nebandla kwisibingelelo eso,
16Wenyusa khona uSolomon esibingelelweni sobhedu phambi koYehova, esibe singasententeni yokuhlangana, wenyusa kuso amadini anyukayo aliwaka.
17UThixo wabonakala ngobo busuku kuSolomon, wathi kuye, Cela into, ndikuphe.
18Wathi uSolomon kuThixo, Wena wenze kuDavide ubawo inceba enkulu, wandenza ukumkani esikhundleni sakhe.
19Ke kaloku, Yehova Thixo, malinyaniseke ilizwi lakho owalenza kuDavide ubawo; ngokuba wena undenze ukumkani wabantu abaninzi njengothuli lomhlaba.
110Ndinike kaloku ubulumko nokwazi, ndiphume ndingene phambi kwaba bantu; ngokuba ngubani na onokubalawula aba bantu bakho bangaka?
111Wathi uThixo kuSolomon, Ngenxa enokuba loo nto ibisentliziyweni yakho, akwacela ubutyebi, nenzuzo, nozuko, nobomi beentshaba zakho; kananjalo akwacela imihla emininzi, wasuka wazicelela ubulumko nokwazi, ukuze ubalawule abantu bam, endikwenze ukumkani kubo:
112ubunikiwe ubulumko nokwazi; ndiya kukunika ubutyebi, nenzuzo, nozuko, ekungabangakho unjalo kookumkani ababephambi kwakho, ekungayi kubakho unjalo emva kwakho.
113Wabuya ke uSolomon esigangeni esibe siseGibheyon, weza eYerusalem, esuka phambi kwentente yokuhlangana, waba ngukumkani kumaSirayeli.
114USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo; waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
115Ukumkani wayenza isilivere negolide yaninzi njengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
116Ukuphuma kwamahashe abengakaSolomon eYiputa, lathi igqiza labathengela ukumkani, lathabatha igqiza lawo ngenani elithile.
117Baphuma nenqwelo eYiputa, bayithenga ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu. Benjenjalo ke bona ngokwabo ukubathuthela amahashe ookumkani bonke bamaHeti nookumkani bama-Aram.
21USolomon wacinga ukulakhela indlu igama likaYehova, nokubakhela indlu ubukumkani bakhe.
22USolomon wamisa amashumi osixhenxe amawaka amadoda angabathwali, namashumi asibhozo amawaka amadoda angabaqingqi bamatye, nangabasebenzi bemithi, ezintabeni; nabongameli bawo abangamawaka amathathu anamakhulu mathandathu.
23Wathumela uSolomon kuHiram ukumkani waseTire, wathi, Njengoko wakwenzayo kuDavide ubawo, wathumela kuye imisedare yokuzakhela indlu yokuba ahlale kuyo, yenjenjalo nakum.
24Yabona, ndilakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, ukuba ingcwaliselwe yena, kuqhunyiselwe phambi kwakhe isiqhumiso esiqholiweyo, kucwangciswe ngamaxesha onke ukucwangciswa kwezonka, kunyuswe amadini anyukayo kusasa nangokuhlwa, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo nguYehova uThixo wethu; yeyaphakade loo nto kumaSirayeli.
25Indlu endiyakhayo inkulu; ngokuba mkhulu uThixo wethu koothixo bonke.
26Ngubani na onamandla okumakhela indlu; ngokuba izulu, nezulu lawo amazulu, alimlingene? Ndingubani na ke mna, ukuba ndimakhele indlu, ingaba yeyokuqhumisela phambi kwakhe kodwa?
27Ndithumele ke ngoko indoda enobugcisa ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangemisonto emfusa nebomvu nemsi, ekwaziyo ukukrola ndawonye nabalumkileyo abakum kwaYuda naseYerusalem, abalungiswayo nguDavide ubawo.
28Ndithumele nemisedare, nemisipres, nemialgumi, evela eLebhanon; ngokuba ndiyazi mna ukuba abakhonzi bakho bayakwazi ukugawula imithi eLebhanon. Yabona abakhonzi bam bohamba nabakhonzi bakho,
29bandilungisele imithi emininzi; ngokuba indlu endiyakhayo inkulu ngokubalulekileyo.
210Yabona abaqingqi abo nabasebenzi bemithi, abakhonzi bakho abo, ndobanika ingqolowa ukuba ibe kukudla, iikore ezingamawaka angamashumi mabini, nerhasi iikore ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zewayini ezingamawaka angamashumi mabini, neebhate zeoli ezingamawaka angamashumi mabini.
211UHiram ukumkani waseTire wathumela kuSolomon ngokubhala, wathi, UYehova, ngokubathanda kwakhe abantu bakhe, ukumisile ukuba ube ngukumkani kubo.
212Wathi uHiram, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owenza izulu nehlabathi, omnikileyo uDavide ukumkani unyana olumkileyo, owaziyo, oqiqayo, oqondayo, oya kumakhela indlu uYehova, nendlu yobukumkani bakhe.
213Ngoko ndithumela indoda eligcisa, eyaziyo, eqondayo, inkunkqele uHuram,
214unyana wentokazi yasezintombini zakwaDan. Uyise ngumfo waseTire, okwaziyo ukusebenza ngegolide, nangesilivere, nangobhedu, nangesinyithi, nangamatye, nangemithi, nangemisonto emfusa nemsi, nangelinen ecikizekileyo, nangemisonto ebomvu, nokukrola konke, nokuyila zonke iintlobo zomsebenzi awuphathisiweyo, ndawonye nezilumko zakho, nezilumko zenkosi yam, uDavide uyihlo.
215Ingqolowa ke, nerhasi, neoli, newayini, ethethe ngazo inkosi yam, mayizithumele kubakhonzi bayo.
216Ke thina sogawula imithi eLebhanon njengokufuna kwakho konke, siyizise kuwe eYafo ngokuyidadisa elwandle, uyinyuse wena, uyise eYerusalem.
217USolomon wawabala onke amadoda angawasemzini, abe esezweni lamaSirayeli, emva kokubala awawabala ngako uDavide uyise; afumaneka elikhulu elinamanci amahlanu amawaka, elinesithathu samawaka, anamakhulu amathandathu.
218Wamisa amashumi asixhenxe amawaka kuwo aba ngabathwali; namashumi asibhozo amawaka aba ngabasebenzi bemithi, nabaqingqi bamatye ezintabeni; namawaka amathathu anamakhulu amathandathu aba ngabongameli bokusebenzisa abantu.
31USolomon waqala ukuyakha indlu kaYehova eYerusalem, entabeni yeMoriya, apho uYehova wabonakala khona kuDavide uyise, endaweni awayilungisayo uDavide, esandeni sikaOrnan umYebhusi.
32Waqala ukwakha ngenyanga yesibini, ngowesibini umhla, ngomnyaka wesine wobukumkani bakhe.
33Siso esi isiseko awasibekayo uSolomon ekuyakheni kwakhe indlu kaThixo; ubude iikubhite ngokomlinganiso omdala bebuziikubhite ezimashumi mathandathu; ububanzi bebuziikubhite ezimashumi mabini.
34Ivaranda, ebingaphambi kobude bendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini, ingangobubanzi bendlu, nokuphakama kwayo kwakuziikubhite ezilikhulu elinamanci mabini; wayaleka ngaphakathi ngegolide ecocekileyo.
35Indlu enkulu wayaleka ngemisipres, wayaleka ke yona ngegolide entle, wenza kuyo amasundu nezidanga.
36Wayivathisa indlu ngamatye anqabileyo ukuyihombisa; igolide leyo ibiyigolide yaseParvayim.
37Wayaleka indlu, imiqadi, nemigubasi, neendonga zayo, neengcango zayo, ngegolide; wakrola iikerubhi ezindongeni.
38Wenza indlu yengcwele kangcwele: ubude bayo, ngangobubanzi bendlu, bebuziikubhite ezimashumi mabini, nobubanzi bayo bebuziikubhite ezimashumi mabini; wayaleka ngegolide entle, ekwiitalente ezimakhulu mathandathu.
39Ubunzima bezikhonkwane bebuziishekele ezimashumi mahlanu zegolide. Wawaleka ngegolide amagumbi aphezulu.
310Wenza endlwini yengcwele kangcwele iikerubhi ezimbini; zakrolwa ukusetyenzwa kwazo; wazaleka ngegolide.
311Amaphiko eekerubhi ubude bawo bebuziikubhite ezimashumi mabini; iphiko elinye beliziikubhite ezintlanu, lada laya kufikelela eludongeni lwendlu; nelinye iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela ephikweni leyesibini ikerubhi.
312Iphiko lenye ikerubhi beliziikubhite ezintlanu, ukuya kufikelela eludongeni lwendlu; nelesibini iphiko beliziikubhite ezintlanu, ukuya kuhlangana nephiko lenye ikerubhi.
313Amaphiko ezo kerubhi oluka iikubhite ezimashumi mabini; zema ngeenyawo, zikhangelise ubuso kuyo indlu.
314Wawenza umkhusane ngemisonto emsi nemfusa nebomvu, nelinen ecikizekileyo; wenza iikerubhi kuwo.
315Wenza phambi kwendlu iintsika zambini: zaziikubhite ezimashumi mathathu anantlanu ubude bazo; ingqukuva esemantloko azo ibiziikubhite ezintlanu.
316Wenza izidanga emqaleni, wazibeka emantloko eentsika; wenza ikhulu leerharnate, wazibeka ezidangeni.
317Wazimisa iintsika phambi kwetempile, enye yangasekunene, enye yangasekhohlo; wathi igama leyasekunene nguZinzisayo, negama leyasekhohlo nguMandlakuye.
41Wenza isibingelelo sobhedu: baziikubhite ezimashumi mabini ubude baso, baziikubhite ezimashumi mabini ububanzi baso, kwaziikubhite ezilishumi ukuphakama kwaso.
42Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini, uye kolunye udini lwalo; lwayinqila ngeenxa zonke, iwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; waziikubhite ezimashumi mathathu umtya ojikeleyo kulo ngeenxa zonke.
43Yangumfuziselo wamathangazana ngaphantsi kodini ngeenxa zonke, alujikeleza ngeenxa zonke: alishumi ekubhitini, aluzunguleza ulwandle, yamibini imikrozo yamathangazana, ityhidiwe ekutyhidweni kwalo.
44Ulwandle lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe phezu kwazo ngaphezulu, imiva yazo yonke isinge phakathi.
45Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lwaye lungena iibhate ezimawaka mathathu.
46Wenza izitya zokuhlambela zalishumi: wabeka zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, ukuze kuhlanjwe kuzo, kuhlanjululwe into yomsebenzi wedini elinyukayo kuzo; ke lona ulwandle belulolokuze ababingeleli bahlambe kulo.
47Wenza iziphatho zezibane zegolide zalishumi ngokwesiko lazo, wazimisa etempileni: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo.
48Wenza iitafile ezilishumi, wazimisa etempileni: zantlanu ngasekunene, zantlanu ngasekhohlo. Wenza ikhulu lezitya zokutshiza zegolide.
49Wenza intendelezo yababingeleli, nentendelezo enkulu, neengcango zentendelezo; wazaleka iingcango zazo ngobhedu.
410Walubeka ulwandle ngecala lasekunene layo indlu, lwabheka ngasezantsi.
411UHuram wenza iimbiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ukuwenza umsebenzi, abewenzela ukumkani uSolomon endlwini kaThixo:
412iintsika zombini, neembumba, neengqukuva ezibe zisemantloko eentsika zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva, ezibe zisemantloko eentsika;
413neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini; yamibini imikrozo yeerharnate mnatheni mnye, yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni zombini.
414Wenza iinqwelwana; wenza nezitya zokuhlambela ezinqwelwaneni.
415Ulwandle lwalunye, lwaneenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kwalo.
416Neembiza, nemihlakulwana, neefolokhwe, ezo mpahla ke zonke inkunkqele uHuram wazenzela uSolomon, zizezendlu kaYehova, ngobhedu olukhazimlisiweyo.
417Ukumkani wazityhidela kummandla waseYordan emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTseredata.
418Wazenza uSolomon zonke ezo mpahla, zaninzi kakhulu; bada ubunzima bobhedu olo ababa nakufunyanwa.
419Wazenza uSolomon zonke iimpahla zendlu kaThixo, nesibingelelo segolide, neetafile ebe zinezonka zokubonisa,
420neziphatho ezinezibane zazo, ngegolide ethe shinyi, ukuze zivuthe ngokwesiko phambi kwendawo yezihlabo;
421neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide, yona iyigolide eyonke;
422nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi. Umnyango ke wendlu, iingcango zawo ezingaphakathi zengcwele kangcwele, neengcango zendlu yetempile, zaba zezegolide.
51Wagqitywa ke wonke umsebenzi awawenzela indlu kaYehova uSolomon. USolomon wazingenisa izinto abezingcwalisile uDavide uyise, nesilivere, negolide, nempahla yonke, wazibeka ebuncwaneni bendlu kaThixo.
52Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, nezikhulu zezindlu zooyise zakoonyana bakaSirayeli, eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide; yiZiyon ke leyo.
53Abizelwa ndawonye kukumkani onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni lowo wenyanga yesixhenxe.
54Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli. Bayithwala abaLevi ityeya,
55bayinyusa ityeya, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele, ezibe zisententeni, bazinyusa ababingeleli nabaLevi.
56Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
57Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi;
58ngokuba iikerubhi zaye ziwolule amaphiko phezu kwendawo yetyeya; iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.
59Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda, zivelile etyeyeni phambi kwendawo yezihlabo, azabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.
510Kwakungekho nto etyeyeni, yayingaloo macwecwe mabini kuphela, wawabekayo kuyo uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa.
511Kwathi ekuphumeni kwababingeleli engcweleni (ngokuba bonke ababingeleli abafumanekayo babezingcwalisile; akaba nakugcinwa amaqela;
512nabaLevi abaziimvumi, bonke bephela bona aba, ooAsafu, noHeman, noYedutun, noonyana babo, nabazalwana babo, bambethe ilinen ecikizekileyo, benamacangci nemirhubhe neehadi, bema ngasempumalanga esibingelelweni, benekhulu elinamanci mabini lababingeleli bevuthela ngamaxilongo);
513kwathi ke abavutheli bamaxilongo neemvumi bavakalisa njengamntu mnye, ngazwi-nye, bedumisa, bebulela kuYehova. Bathi ke bakuphakamisa ilizwi ngamaxilongo, nangamacangci, nangeempahla zokuvuma, nangokumdumisa uYehova, besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade: yesuka indlu yazala lilifu lendlu kaYehova;
514ababingeleli ababa nakuma balungiselele, ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaThixo.
61Waza wathi uSolomon, UYehova wathi uya kuhlala esithokothokweni.
62Mna ke ndikwakhele indlu yokuhlala, indawo yokuba uhlale ngonaphakade.
63Wee guququ ukumkani ngobuso, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli; lonke ibandla lakwaSirayeli lema.
64Wathi: Makabongwe uYehova uThixo kaSirayeli, owathethayo ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
65Kususela kwimini endabakhuphayo abantu bam ezweni lamaYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba igama lam libe kuyo; andinyulanga ndoda yokuba yinganga yabantu bam amaSirayeli;
66ndanyula iYerusalem, ukuba igama lam libe khona; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.
67Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukulakhela indlu igama likaYehova, uThixo kaSirayeli.
68Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho entliziyweni yakho oko;
69noko ke indlu yona ayisayi kwakhiwa nguwe. Unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
610Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile esikhundleni sikaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli;
611ndayibeka khona ityeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo noonyana bakaSirayeli.
612Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, phambi kwebandla lonke lakwaSirayeli, wazolula izandla zakhe
613(ngokuba uSolomon wayenze itheko lobhedu, walibeka esazulwini sentendelezo, laziikubhite ezintlanu ubude balo, iikubhite ezintlanu ububanzi balo, iikubhite ezintathu ukuphakama kwalo; wema phezu kwalo, waguqa ngamadolo phambi kwebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe);
614wathi: Yehova, Thixo kaSirayeli, akukho Thixo unjengawe emazulwini nasehlabathini; ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho, abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;
615wena umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla.
616Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho, uDavide ubawo, oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli: ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba ngomyalelo wam, njengokuba uhambile wena phambi kwam.
617Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide.
618Gxebe, uThixo angade ahlale nabantu emhlabeni na? Yabona izulu, izulu lawo amazulu, alikulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!
619Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho;
620ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu imini nobusuku, kwindawo othe uya kulibeka kuyo igama lakho, uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
621Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini, uve ke, uxolele.
622Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:
623yiva ke wena emazulwini, wenze ugwebe kubakhonzi bakho, umbuyisele ongendawo, uyibeke indlela yakhe entlokweni yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
624Ukuba bathe abantu bakho amaSirayeli boyiswa ziintshaba zabo kuba bekonile, baza babuya balivuma igama lakho, bathandaza, batarhuzisa phambi kwakho kule ndlu:
625yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika bona nooyise.
626Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:
627yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.
628Xa kuthe kwabakho indlala elizweni, xa kuthe kwabakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwabakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sabakho;
629ukuthandaza nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe basazi elowo isibetho sakhe, nesingqala sakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo;
630yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana babantu);
631ukuze bakoyike, bahambe ngeendlela zakho, yonke imihla abahleli ngayo ezweni owalinika oobawo.
632Kananjalo owolunye uhlanga ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo; beza bathandaza bekule ndlu:
633yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.
634Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa neentshaba zabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuwe, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:
635yiva ke emazulwini umthandazo wabo, nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.
636Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni nokuba likude, nokuba likufuphi;
637baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, sagwenxa, senza okungendawo;
638babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe labathimbi ababathimbileyo, bathandaza, babhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:
639yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, umthandazo wabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele, ubaxolele abantu bakho abakonileyo.
640Kaloku, Thixo wam, makavuleke amehlo akho, iindlebe zakho zibazele ukuthandaza okukule ndawo.
641Kaloku, Yehova Thixo, phakamela endaweni yokuphumla kwakho, wena netyeya yamandla akho. Ababingeleli bakho, Yehova Thixo, mabambathe usindiso, abakho benceba bavuye ngokulungileyo.
642Yehova, Thixo, musa ukumlandulela umthanjiswa wakho: khumbula iinceba owazithembisa uDavide, umkhonzi wakho.
71Ke kaloku akugqiba uSolomon ukuthandaza, umlilo welula ezulwini, walidla idini elinyukayo nemibingelelo; ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu.
72Ababingeleli ababa nakungena endlwini kaYehova, ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
73Bonke oonyana bakaSirayeli, bakubona ukuhla komlilo, nobuqaqawuli bukaYehova buphezu kwendlu, baguqa, babhekisa ubuso babo emhlabeni phezu kombekelelo wamatye, baqubuda, babulela kuYehova besithi, Ulungile, inceba yakhe ingunaphakade.
74Ukumkani nabantu bonke babingelela imibingelelo phambi koYehova.
75Wabingelela ukumkani uSolomon umbingelelo weenkomo ezimawaka amashumi mabini anamabini, nempahla emfutshane engamawaka alikhulu elinamanci mabini. Bayisungula indlu kaThixo ukumkani nabantu bonke.
76Ababingeleli bema ezigxineni zabo; nabaLevi, beneempahla zokuvuma zikaYehova, awazenzayo uDavide ukumkani ukuba kubulelwe kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe, ekudumiseni kukaDavide ngezandla zabo. Ababingeleli bavuthela amaxilongo phambi kwabo, emi onke amaSirayeli.
77USolomon wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ebiphambi kwendlu kaYehova; ngokuba ebenze khona amadini anyukayo, namanqatha emibingelelo yoxolo; ngokuba isibingelelo sobhedu, awasenzayo uSolomon, besingenako ukulilingana lonke idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha.
78USolomon wenza ke umthendeleko ngelo xesha iintsuku zasixhenxe enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu kunene, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa.
79Benza ngomhla wesibhozo ingqungquthela; ngokuba ukusungulwa kwesibingelelo bakwenza iintsuku zasixhenxe, nomthendeleko iintsuku zasixhenxe.
710Ngomhla wamashumi mabini anantathu wenyanga yesixhenxe, wabandulula abantu; baya ezintenteni zabo bevuya, bechwayithile, ngenxa yokulunga awakwenzayo uYehova kuDavide, nakuSolomon, nakumaSirayeli abantu bakhe.
711Wayigqiba ke uSolomon indlu kaYehova nendlu yokumkani; nento yonke ekwathi qatha entliziyweni kaSolomon ukuba ayenze, endlwini kaYehova nasendlwini yakhe, wayiphumelelisa.
712Wabonakala uYehova kuSolomon ebusuku, wathi kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho; ndizinyulele le ndawo ukuba ibe yindlu yokubingelela.
713Ukuba ndithe ndalivala izulu, akwabakho mvula, ukuba ndithe ndaziwisela umthetho iinkumbi, ukuba zilidle ilizwe, nokuba ndithe ndathumela ebantwini bam indyikitya yokufa;
714bathoba ke abantu bam, ababizwa ngegama lam, bathandaza, bafuna ubuso bam, babuya ezindleleni zabo ezimbi: ndiya kuva mna emazulwini, ndibaxolele izono zabo, ndiliphilise ilizwe labo.
715Kaloku ovuleka amehlo am, iindlebe zam ziwubazele umthandazo wale ndawo.
716Kuba ngoku ndiyinyule, ndayingcwalisa le ndlu, ukuba libe kuyo igama lam kude kuse ephakadeni, abe khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
717Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ukuba ukwenze konke endikumiseleyo, uyigcine imimiselo yam, namasiko am:
718ndoyimisa itrone yobukumkani bakho, njengoko ndamenzela umnqophiso ngako uDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda yakulawula kwaSirayeli.
719Ke, ukuba nithe nabuya umva, nayilahla imimiselo yam nemithetho yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, nabanqula:
720ndobanyothula emhlabeni wam endibanike wona. Nale ndlu, ndiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, ndiyenze umzekeliso nento yentsini phakathi kwezizwe zonke.
721Nale ndlu, noko iphezulu nje, bomangaliswa bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
722Bathi ke, Kungenxa enokuba bamshiyayo uYehova uThixo wooyise, owabakhupha ezweni lamaYiputa, babambelela thixweni bambi, babanqula, bakhonza bona; kungenxa yoko wabuzisayo bonke obu bubi phezu kwabo.
81Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, abesakhe ngayo uSolomon indlu kaYehova neyakhe indlu,
82imizi uHiram abeyinike uSolomon wayakha uSolomon, wababeka khona oonyana bakaSirayeli.
83Waya uSolomon eHamati-tsobha, wayeyisa.
84Wakha iTademore entlango, nemizi yonke engoovimba, awayakhayo eHamati.
85Wakha neBhete-horon engasentla neBhete-horon engasezantsi, imizi enqatyisiweyo leyo, ineendonga neengcango nemivalo;
86neBhahalati, nemizi yonke engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yonke yeenqwelo zokulwa, nemizi yabamahashe, nokulangazelela konke kukaSolomon, awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
87Bonke abantu abaseleyo kumaHeti, nama-Amori, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababe bengengabakwaSirayeli;
88koonyana babo abasala emva kwabo ezweni, abo babengagqitywanga ngoonyana bakaSirayeli, uSolomon wabanyula ukuba bafakwe uviko, unanamhla.
89Koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga makhoboka omsebenzi wakhe; ngokuba babengamadoda okulwa, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
810Abo bathetheli babengabongameli awayenabo ukumkani uSolomon; bebengamakhulu amabini anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini.
811Ke kaloku uSolomon wayinyusa intombi kaFaro emzini kaDavide, wayisa endlwini abeyakhele; ngokuba ubesithi, Akayi kuhlala umfazi wam endlwini kaDavide, ukumkani wamaSirayeli; ngokuba kungcwele, apho kungene khona ityeya kaYehova.
812Waza uSolomon wanyusa amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sikaYehova, abesakhele phambi kwevaranda;
813ukuba kunyuswe into yemini ngangemini yayo ngokomthetho kaMoses, ngeesabatha, nasekuthwaseni kwenyanga, nangamaxesha amisiweyo, izihlandlo ezithathu ngomnyaka, emthendelekweni wezonka ezingenagwele, nasemthendelekweni weeveki, nasemthendelekweni weminquba.
814Wawamisa ngokwesiko likaDavide uyise amaqela ababingeleli enkonzweni yawo; nabaLevi wabamisela ezigxineni zabo, ukuba badumise, balungiselele phambi kwababingeleli ngokwento yemini ngemini yayo, nabamasango ngokwamaqela abo kwisango ngesango; ngokuba ubunjalo umthetho kaDavide, umfo wakwaThixo.
815Abatyeka emthethweni wokumkani kubabingeleli nakubaLevi ngemicimbi yonke nangobuncwane.
816Walungiswa ke wonke umsebenzi kaSolomon, kwada kwayiloo mini yasekwa ngayo indlu kaYehova, kwasa nasekugqityweni kwayo; yafezwa indlu kaYehova.
817Waza uSolomon waya e-Etsiyon-gebhere, nase-Eloti, elunxwemeni lolwandle ezweni lakwaEdom.
818UHiram wathumela kuye ngabakhonzi bakhe iinqanawa, nabakhonzi ababelwazi ulwandle; baya kunye nabakhonzi bakaSolomon eOfire, bathabatha khona amakhulu amane anamanci mahlanu eetalente zegolide, bayizisa kukumkani uSolomon.
91Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, weza kumlinga uSolomon ngemibuzo elukhuni eYerusalem, enesihlwele esinzima kunene, neenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.
92USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kuSolomon, angabanga nako ukumtyhilela lona.
93Wabubona ukumkanikazi waseShebha ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile;
94nokudla kwetafile yakhe, neendawo zokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe nezambatho zabo, nabangcamli bakhe nezambatho zabo, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
95Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva ezweni lam lezinto zakho, nobulumko bakho.
96Andikholwanga ngamazwi abo, ndada ndeza, abona amehlo am; yabona, ndibe ndingaxelelwanga nesiqingatha esi sobuninzi bobulumko bakho; ulugqithile udaba endibe ndiluvile.
97Anoyolo amadoda akho; banoyolo abakhonzi bakho, abemiyo phambi kwakho ngamaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
98Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleyo, wakubeka etroneni yakhe, ukuba ube ngukumkani kuYehova uThixo wakho, ngokuwathanda kukaThixo wakho amaSirayeli, ukuba awamise ngonaphakade; wakumisa waba ngukumkani kuwo, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
99Ukumkanikazi wanika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube sabakho bulawu bungangobo, ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.
910Kananjalo abakhonzi bakaHiram nabakhonzi bakaSolomon, abeza negolide bevela kwaOfire, beza nemialgumi namatye anqabileyo.
911Imialgumi leyo ukumkani wayenza izinyuko zendlu kaYehova, nezendlu yokumkani, neehadi, nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kubonwe injalo ngaphambili ezweni lakwaYuda.
912Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke ukuthanda kwakhe awakucelayo; kukodwa khona awakuzisayo kukumkani. Wajika ke waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
913Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu amathandathu anamanci amathandathu anesithandathu iitalente zegolide,
914iyodwa eyabarhwebi, nebiziswa ngabathengisi, neyookumkani bonke baseArabhi, neyamabamba elizwe, abezisa igolide nesilivere kuSolomon.
915Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando; zangamakhulu amathandathu iishekele zegolide engumkhando, awaleka ngazo khaka linye.
916Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zangamakhulu amathathu iishekele zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
917Ukumkani wenza netrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaleka ngegolide engcwengiweyo.
918Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinesihlalo seenyawo segolide, ezo nto zibambene nayo; kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala, kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo;
919kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
920Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ethe shinyi; isilivere ibingento yakwanto ngemihla kaSolomon.
921Ngokuba ukumkani ubeneenqanawa eziya eTarshishe ndawonye nabakhonzi bakaHiram; zeza kanye ngeminyaka emithathu iinqanawa ezo zaseTarshishe, zithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.
922Wakhula ke ukumkani uSolomon ngaphezu kookumkani bonke bomhlaba ngobutyebi nangobulumko.
923Bonke ookumkani bomhlaba bafuna ubuso bukaSolomon, ukuba beve ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
924Bazisa elowo umnikelo wakhe, iimpahla zesilivere neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
925USolomon wayenamawaka amane emikhombe yezitali zamahashe neenqwelo, neshumi elinamabini amawaka amahashe akhwelwayo; wawabeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem.
926Ubelawula ookumkani bonke, ethabathela kuwo uMlambo, azise ezweni lamaFilisti, ezisa nasemdeni waseYiputa.
927Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esezihlanjeni, ukuba mininzi.
928Bazisa kuSolomon amahashe evela eYiputa, evela emazweni onke.
929Ezinye izinto zikaSolomon, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaNatan umprofeti, naseziprofetweni zika-Ahiya waseShilo, nasemibonweni kaIdo imboni, ngoYarobheham unyana kaNebhati?
930USolomon wayengukumkani kumaSirayeli onke eYerusalem iminyaka emashumi mane.
931USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
101URehabheham waya kwaShekem; ngokuba amaSirayeli onke abeye kumenza ukumkani kwaShekem.
102Kwathi, akuva uYarobheham unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
103weza uYarobheham namaSirayeli onke, bathetha noRehabheham, besithi,
104Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yenze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, sikukhonze.
105Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
106Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko ebesahleli, wathi, Ninika cebo lini na, ukuba ndibanike ilizwi aba bantu?
107Athetha ke kuye esithi, Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wabakholisa, wathetha amazwi amahle kubo, bokukhonza yonke imihla.
108Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe.
109Wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuba sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi. Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?
1010Athetha ke naye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kubantu abathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo;
1011ke, ekubeni ubawo ubenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, ke mna ndiya kunibetha ngeekatsi.
1012Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.
1013Ukumkani wabaphendula kalukhuni; ukumkani uRehabheham walishiya icebo lamadoda amakhulu.
1014Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza kuyo; ubawo wanibetha ngeentsontelo, ke mna ndiya kunibetha ngeekatsi.
1015Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuThixo, ukuze uYehova alimise ilizwi lakhe, abelithethile ngoAhiya waseShilo kuYarobheham unyana kaNebhati.
1016Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese; elowo makaye ententeni yakhe, maSirayeli; zikhangelele ngoku indlu yakho, Davide. Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli onke.
1017Ke oonyana bakaSirayeli, ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.
1018Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Besuka oonyana bakaSirayeli, bamxuluba ngamatye, wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.
1019Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide, unanamhla.
111Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye indlu yakwaYuda neyakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo amawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa namaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham.
112Lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,
113Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakumaSirayeli onke, kwaYuda nakwaBhenjamin, ukuthi,
114Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphume kum le nto. Baliphulaphula izwi likaYehova, babuya ekuyeni kulwa noYarobheham.
115Wahlala uRehabheham eYerusalem, wakha imizi yokunqabisa kwaYuda.
116Wakha iBhetelehem, ne-Etam, neTekowa,
117neBhete-tsure, neSoko, neAdulam,
118neGati, neMaresha, neZifi,
119neAdorayim, neLakishe, neAseka,
1110neTsora, neAyalon, nowaseHebron, ekwaYuda nekwaBhenjamin, imizi enqatyisiweyo.
1111Waziqinisa iinqaba, wabeka iinganga zamadoda kuzo, noovimba bokudla neoli newayini.
1112Nakwimizi ngemizi yonke wabeka amakhaka, nezikhali; wayiqinisa kakhulu kunene. Aba kuye amaYuda namaBhenjamin.
1113Ababingeleli nabaLevi ababekwelakwaSirayeli lonke bathelela kuye, bevela emideni yabo yonke.
1114Ngokuba abaLevi bawashiya amadlelo abo, nemfuyo yabo, beza kwaYuda naseYerusalem; ngokuba uYarobheham noonyana bakhe babebakhuphile, ukuba bangabi ngababingeleli kuYehova;
1115wazimisela ababingeleli beziganga, nabamaxhonti, nabamathole awawenzayo.
1116Emva kwabo ke, ezizweni zonke zakwaSirayeli, bathi abazinikelayo iintliziyo zabo ukumquqela uYehova uThixo kaSirayeli, beza kubingelela eYerusalem kuYehova, uThixo wooyise.
1117Babuzinzisa ubukumkani bukaYuda, bamomeleza uRehabheham unyana kaSolomon iminyaka emithathu; ngokuba bahamba ngendlela kaDavide noSolomon iminyaka emithathu.
1118Ke kaloku uRehabheham wazeka uMahalati, intombi kaYerimoti unyana kaDavide, noAbhihayile, intombi kaEliyabhi unyana kaYese;
1119wamzalela oonyana: ooYehushe, noShemariya, noZaham.
1120Emva kwakhe wazeka uMahaka intombi ka-Abhisalom; wamzalela uAbhiya, noAtayi, noZiza, noShelomiti.
1121URehabheham wathanda uMahaka intombi ka-Abhisalom, ngaphezu kwabafazi bakhe bonke namashweshwe akhe (ngokuba ubenabafazi abalishumi elinesibhozo, namashweshwe angamashumi amathandathu; wazala oonyana abamashumi mabini anesibhozo, neentombi ezimashumi mathandathu).
1122URehabheham wamisa uAbhiya unyana kaMahaka, ukuba abe yinkulu, abe yinganga phakathi kwabazalwana bakhe; ngokuba ubecinga ukumenza ukumkani.
1123Wenza ngengqondo, wabathi saa oonyana bakhe bonke emazweni onke akwaYuda nakwaBhenjamin, emizini yonke enqatyisiweyo, wabanika ukudla okuninzi, wabafunela into eninzi yabafazi.
121Kwathi bakubonÂ’ ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, akomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye.
122Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova;
123enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi.
124Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem.
125Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki.
126Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Ulilungisa uYehova.
127Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungathululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki.
128Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe.
129Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
1210Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.
1211Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphethe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi.
1212Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angamtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo.
1213Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
1214Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova.
1215Izinto zikaRehabheham, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaShemaya umprofeti noIdo imboni, ngokokubhalwa kwemilibo yokuzalwa? Yayiziimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham imihla yonke.
1216URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
131Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham, uAbhiya waba ngukumkani kwaYuda.
132Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMikaya, intombi kaUriyeli waseGibheha. Kwabakho imfazwe phakathi koAbhiya noYarobheham.
133UAbhiya wayiqala imfazwe ngempi yamagorha okulwa, engamakhulu amane amawaka ahleliweyo; uYarobheham naye wazakha izintlu zakhe zokulwa naye, zingamakhulu asibhozo amawaka ahleliweyo, angamagorha anobukroti.
134Wesuka wema uAbhiya entabeni yeTsemarim, ekweleentaba lakwaEfrayim, wathi, Ndiphulaphuleni, wena Yarobheham, nani maSirayeli nonke;
135aninakwazi na ukuba uYehova, uThixo kaSirayeli, ubukumkani kumaSirayeli wabunika uDavide ngonaphakade, yena noonyana bakhe, ngomnqophiso wetyuwa?
136Wesuka uYarobheham unyana kaNebhati, umkhonzi kaSolomon unyana kaDavide, wagwilika kwinkosi yakhe;
137wabuthela kuye amadoda angenabuntu, angamatshijolo, aziqinisa, amchasa uRehabheham unyana kaSolomon; uRehabheham engumfana ontliziyo ithambileyo, engomelele phambi kwabo.
138Ngoku ke nithi niya komelela phambi kobukumkani bukaYehova, obusesandleni soonyana bakaDavide; niyingxokolo eninzi nje, ninamathole egolide, awanenzelayo uYarobheham ukuba abe ngoothixo.
139Anibagxothanga yini na ababingeleli bakaYehova, oonyana baka-Aron, nabaLevi; nazenzela ababingeleli njengezizwe zamanye amazwe? bada bonke abo baza kuzimisela ngenkunzi elithole lenkomo, neenkunzi zeegusha ezisixhenxe, benziwa ababingeleli kwabangethixo.
1310Ke thina, nguYehova uThixo wethu: asimshiyanga; ababingeleli abalungiselela kuYehova ngoonyana baka-Aron;
1311nabaLevi basemsebenzini wabo, beqhumisela kuYehova ngamadini anyukayo imiso ngemiso, ukuhlwa ngokuhlwa, nangesiqhumiso esimnandi; nokucwangcisa izonka etafileni ehlambululekileyo; nesiphatho segolide, nezibane sazo zilunyekwa ukuhlwa ngokuhlwa; ngokuba thina siyasigcina isigxina sikaYehova uThixo wethu; ke nina nimshiyile.
1312Niyabona, unathi eyintloko uThixo, nababingeleli bakhe banathi, namaxilongo okuduma, ukuba anivuse. Nyana bakaSirayeli, musani ukulwa noYehova uThixo wooyihlo; ngokuba aniyi kuba nampumelelo.
1313Ke uYarobheham wazungulezisa abalaleli, ukuba baye ngasemva kwawo; baba ngaphambi kwamaYuda bona; abalaleli baba ngasemva kwawo.
1314Abheka amaYuda, ayibona impi ingaphambili nangasemva kwawo. Akhala kuYehova, ababingeleli bevuthela amaxilongo; aduma onke amadoda akwaYuda.
1315Kwathi ekudumeni kwamadoda akwaYuda, wesuka uThixo wabetha kuYarobheham namaSirayeli onke phambi koAbhiya namaYuda.
1316Basaba oonyana bakaSirayeli ebusweni bamaYuda; uThixo wabanikela esandleni sawo.
1317UAbhiya nabantu bakhe bababulala kakhulu; kwawa ababuleweyo kwaSirayeli amakhulu amahlanu amawaka amadoda ahleliweyo.
1318Bathotywa ke oonyana bakaSirayeli ngelo xesha, bakhalipha oonyana bakaYuda; ngokuba bayama ngoYehova uThixo wooyise.
1319UAbhiya wamsukela uYarobheham, wathimba kuye le mizi: iBheteli namagxamesi ayo, neYeshana namagxamesi ayo, ne-Efron namagxamesi ayo.
1320Akaba saba namandla uYarobheham ngemihla ka-Abhiya. UYehova wambetha wafa.
1321Waya esomelela ngokomelela uAbhiya, wazeka abafazi abalishumi elinabane, wazala oonyana abamashumi mabini anababini, neentombi ezilishumi elinantandathu.
1322Ezinye izinto zika-Abhiya, neendlela zakhe, namazwi akhe, abhalwe ezincwadini zamabali omprofeti uIdo.
141UAbhiya walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; ke uAsa unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. Ngemihla yakhe ilizwe lazola iminyaka yalishumi.
142UAsa wenza okulungileyo nokuthe tye emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
143Wazisusa izibingelelo neziganga zezithixo zolunye uhlanga; waziqhekeza izimiso zamatye, wabagawula ooAshera.
144Wathi kumaYuda makamquqele uYehova, uThixo wooyise, awenze umyalelo nomthetho.
145Wazisusa ke emizini yonke yakwaYuda iziganga, neentsika zelanga; bazola ubukumkani phambi kwakhe.
146Wakha imizi enqatyisiweyo kwaYuda; ngokuba ilizwe belizolile, kungekho mfazwe ayilwayo ngaloo minyaka; ngokuba uYehova wayemphumzile.
147Wathi ke kumaYuda, Masiyakhe le mizi, siyijikeleze ngeendonga neenqaba ezinde, senze iingcango nemivalo, lisephambi kwethu nje ilizwe; ngokuba simquqele uYehova uThixo wethu samquqela, wasiphumza ke ngeenxa zonke. Bayakha baba nempumelelo.
148Ke kaloku uAsa wayenempi ephatha amakhaka nezikhali: kwaYuda ingamakhulu amathathu amawaka; nakwaBhenjamin, abaphatha iingweletshetshe nabatyeda izaphetha babengamakhulu, amabini anamanci asibhozo amawaka. Bonke abo babengamagorha anobukroti.
149Kwaphuma kwaza kulwa nabo uZera umKushi, enempi eliwaka lamawaka, neenqwelo zokulwa ezimakhulu mathathu; wada weza eMaresha.
1410Waphuma uAsa esiya kumhlangabeza, bakha izintlu emfuleni weTsefata eMaresha.
1411UAsa wabiza kuYehova uThixo wakhe, wathi, Yehova, akukho bani ingenguwe onokunceda phakathi konamandla nongenawo. Sincede, Yehova, Thixo wethu; ngokuba sayame ngawe, size kule ngxokolo egameni lakho. Yehova, unguThixo wethu, makangabi namandla umntu okumelana nawe.
1412UYehova wawaxabela amaKushi phambi koAsa, naphambi kwamaYuda; asaba ke amaKushi.
1413UAsa nabantu ababenaye bawasukela, bada besa eGerare; oyiswa amaKushi ngokokude angabi nakubuya aphethule; ngokuba aqotywa phambi koYehova, naphambi komkhosi wakhe; bemka nexhoba elininzi kunene.
1414Bayingenela yonke imizi ngeenxa zonke eGerare; ngokuba yafikelwa kukunkwantyiswa nguYehova. Bayiphanga yonke imizi; ngokuba amaxhoba ayemaninzi kuyo.
1415Batshabalalisa neentente zemfuyo, bathimba impahla emfutshane yaninzi, neenkamela; babuya ke baya eYerusalem.
151UMoya kaThixo wamfikela uAzariya, unyana kaOdede.
152Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unani ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.
153AmaSirayeli ayenemihla emininzi engenaThixo wenyaniso, engenambingeleli uyalayo, engenamthetho.
154Ke athi ekubandezelekeni kwawo, akubuyela kuYehova, uThixo kaSirayeli, ukuba amquqele, amfumana.
155Ngaloo maxesha kwakungekho luxolo kophumayo nakongenayo, zaba ziziphithiphithi ezikhulu kubemi bonke bamazwe.
156Uhlanga lwaqotywa luhlanga, umzi ngumzi; ngokuba uThixo wabadubaduba ngeembandezelo zonke.
157Ke nina yomelelani; mazingawi izandla zenu; ngokuba umsebenzi wenu unomvuzo.
158Wathi uAsa, akuweva loo mazwi nesiprofeto sikaOdede umprofeti, womelela, wazikhwelelisa zonke izinto ezinezothe ezweni lonke lakwaYuda nelakwaBhenjamin, nasemizini abeyithimbile kweleentaba lakwaEfrayim; wasihlaziya isibingelelo sikaYehova, esiphambi kwevaranda kaYehova.
159Wawahlanganisa onke amaYuda namaBhenjamin nabasemzini ababekuwo, bakwaEfrayim, nabakwaManase, nabakwaSimon; ngokuba bagalela kuye abakwaSirayeli babaninzi, bakubona ukuba uYehova uThixo wakhe unaye.
1510Babuthelana ke eYerusalem ngenyanga yesithathu, ngomnyaka weshumi elinesihlanu wobukumkani buka-Asa,
1511babingelela kuYehova ngaloo mhla, bethabatha kumaxhoba ababeze nawo: amakhulu asixhenxe eenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane.
1512Benza umnqophiso wokumquqela uYehova, uThixo wooyise, ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke; bathi,
1513Bonke abasukuba bengamquqeli uYehova, uThixo kaSirayeli, mababulawe, kuthabathele komncinane kuse komkhulu; kuthabathele kwindoda kuse kwinkazana.
1514Bafunga kuYehova ngezwi elikhulu, nangokuduma, nangamaxilongo, nangezigodlo.
1515Asivuyela onke amaYuda isifungo eso; ngokuba afunga ngentliziyo yawo yonke, amquqela ngemvume yawo yonke, amfumana; uYehova wawaphumza ngeenxa zonke.
1516Kananjalo ukumkani wamguzula uMahaka unina, ukuba angabi saba yinkosikazi; ngokokuba wayemenzele uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasixhaxha isithixo sakhe, wasithi vithivithi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
1517Ke iziganga azisuswanga kwaSirayeli; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe igqibelele yonke imihla yakhe.
1518Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezinto zakhe ezingcwele, endlwini kaThixo, isilivere, negolide, nempahla.
1519Akwaba sabakho mfazwe, kwada kwaba ngumnyaka wamashumi amathathu anesihlanu wobukumkani buka-Asa.
161Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithandathu wobukumkani buka-Asa, wenyuka uBhahesha ukumkani wamaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wayakha iRama, ukuze angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
162Wayirhola ke uAsa isilivere negolide ebuncwaneni bendlu kaYehova, nobendlu yokumkani, wazithumela kuBhen-hadade ukumkani wama-Aram, ohleli eDamasko, esithi,
163Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko ndikuthumele isilivere negolide; yiya uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.
164UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, wayithimba i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-mayim, nemizi yonke engoovimba yakwaNafetali.
165Kwathi, akuva uBhahesha, wayeka ukuyakha iRama, wawuyeka umsebenzi wakhe.
166UAsa ukumkani wawathabatha onke amaYuda; awasusa amatye eRama, nemithi yayo, awayesakha ngayo uBhahesha; wakha ke ngayo iGebha neMizpa.
167Ngelo xesha uHanani, imboni, weza kuAsa, ukumkani wamaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayama kukumkani wama-Aram, akwayama kuYehova uThixo wakho, ngoko ke iphulukile esandleni sakho impi yokumkani wama-Aram.
168AmaKushi namaLubhi abengeyeyona impi ininzi, enento eninzi kunene yeenqwelo zokulwa nabamahashe? Ukanti ngokuba wayama kuYehova, anikelwa esandleni sakho.
169Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku woba neemfazwe.
1610UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi; ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha.
1611Yabona, izinto zika-Asa, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
1612Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe; kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha.
1613UAsa walala kooyise; wafa ngomnyaka wamashumi omane anamnye wobukumkani bakhe.
1614Bamngcwabela engcwabeni lakhe, awazimbelayo emzini kaDavide, bamlalisa esililini esizele bubulawu, iintlobo ngeentlobo, ezenziwe ubuqholo ngobugcisa babaqholi; bamenzela ibaso elikhulu kunene.
171UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; womelela, wawachasa amaSirayeli.
172Wabeka imikhosi emizini yonke enqatyisiweyo yakwaYuda, wamisa iikampu elizweni lakwaYuda, nasemizini yakwaEfrayim, awayithimbayo uAsa uyise.
173UYehova waba noYehoshafati; ngokuba wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, ezokuqala zona; akabaquqela ooBhahali;
174ke waquqela uThixo kayise, wahamba ngemithetho yakhe; akahamba ngezenzo zakwaSirayeli.
175UYehova wabuzinzisa ubukumkani bakhe esandleni sakhe; onke amaYuda azisa iminikelo kuYehoshafati; waba nobutyebi nozuko ngokukhulu.
176Yaphakama intliziyo yakhe ezindleleni zikaYehova; kananjalo wazisusa iziganga nooAshera kwaYuda.
177Ngomnyaka wesithathu wokuba ngukumkani kwakhe, wabathumela abathetheli bakhe, uBhen-hayile, no-Obhadiya, noZekariya, noNataniyeli, noMikaya, ukuba bafundise emizini yakwaYuda;
178benabaLevi, uShemaya, noNetaniya, noZebhadiya, noAsaheli, noShemiramoti, noYehonatan, noAdoniya, noTobhiya, noTobhadoniya, abaLevi ke abo; benoElishama noYehoram ababingeleli.
179Bafundisa ke kwaYuda, benencwadi yomyalelo kaYehova, bayijikeleza imizi yonke yakwaYuda, bebafundisa abantu.
1710Zonke izikumkani zamazwe ajikeleze amaYuda zangenelwa kukoyika uYehova, azalwa noYehoshafati.
1711NakumaFilisti babekho abazisa iminikelo nemithwalo kuYehoshafati yesilivere; kananjalo ama-Arabhi azisa kuye impahla emfutshane, amawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeegusha, namawaka asixhenxe anamakhulu asixhenxe eenkunzi zeebhokhwe.
1712UYehoshafati waya eba mkhulu ngokuba mkhulu, wada wenyuka wakha kwaYuda iinqaba nemizi engoovimba.
1713Waye enempahla eninzi emizini yakwaYuda; wayenamadoda okulwa, amagorha anobukroti, eYerusalem.
1714Kuko oku ukulandelana kwawo ngokwezindlu zooyise: kwaYuda abathetheli bamawaka nguAdena umthetheli, enamakhulu amathathu amawaka amagorha anobukroti;
1715nganeno kwakhe nguYehohanan umthetheli, enamakhulu amabini anamanci asibhozo amawaka;
1716nganeno kwakhe nguAmasiya unyana kaZikri, owazinikela kuYehova ngokuqhutywa yintliziyo, enamakhulu amabini amawaka amagorha anobukroti.
1717KumaBhenjamin nguEliyada, igorha elinobukroti, enamakhulu amabini amawaka axhobe izaphetha neengweletshetshe;
1718nganeno kwakhe nguYozabhadi, enekhulu elinamanci asibhozo amawaka axhobele imfazwe.
1719Ngabo abo babekhonza kukumkani; bebodwa abamisiweyo ngukumkani emizini enqatyisiweyo kwelakwaYuda lonke.
181Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi.
182Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi.
183Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wohamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni.
184Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova.
185Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amane amadoda, wathi kubo, Siye kulwana neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo woyinikela esandleni sokumkani.
186Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
187Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.
188Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
189Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli elowo etroneni yakhe, bambethe iingubo zabo, behleli ebaleni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.
1810Ke uZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.
1811Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
1812Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle.
1813Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha uThixo wam, ndothetha kona.
1814Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu.
1815Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungathethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova? Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi.
1816Wathi uYehova, Abanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
1817Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
1818Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova: Ndim bonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe.
1819Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
1820Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.
1821Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo.
1822Uyabona kaloku uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethe okubi ngawe.
1823Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?
1824Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela.
1825Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani.
1826Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.
1827Wathi uMikaya, Ukuba uthe wabuya wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani nonke, zizwe ziphela.
1828Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.
1829Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni.
1830Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa abenazo, wathi, Ize ningalwi nomncinane, nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.
1831Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Ngukumkani wakwaSirayeli; bamrhawula, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati; uYehova wamnceda, uThixo wabasonga kuye.
1832Kwathi bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa, ukuba asingukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.
1833Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
1834Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wakwaSirayeli wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram kwada kwahlwa; wafa ukutshona kwelanga.
191Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.
192Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
193Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.
194Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.
195Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.
196Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba akungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unani ke emcimbini wokugweba.
197Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.
198Kananjalo eYerusalem uYehoshafati wamisa inxenye yabaLevi, nababingeleli, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli, ngenxa yogwebo lukaYehova, nangenxa yokubambana kwabantu. Babuyela kwaseYerusalem.
199Wabawisela umthetho wathi, Niya kwenjenjalo ukumoyika uYehova ngokunyanisekileyo, nangentliziyo epheleleyo.
1910Zonke iindawo ekubanjwene ngazo eziza kuni, zivela kubazalwana benu, abahleli emizini yabo, phakathi kwegazi negazi, phakathi komyalelo nomthetho nemimiselo namasiko, nobakhanyisela; ukuze bangabi natyala kuYehova, bunganifikeli nina nabazalwana benu uburhalarhume bakhe; nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.
1911Nanko uAmariya umbingeleli omkhulu, ephezu kwenu ezintweni zonke zikaYehova; noZebhadiya unyana kaIshmayeli, inganga yendlu yakwaYuda, ezintweni zonke zokumkani; nabaLevi boba ngababhali phambi kwenu. Yomelelani nenze; uYehova woba nolungileyo kuni.
201Kwathi emveni koko, oonyana bakaMowabhi noonyana baka-Amon, benamaMahun, beza kulwa noYehoshafati.
202Beza bamxelela uYehoshafati, bathi, Kuza kuwe ingxokolo eninzi, evela phesheya kolwandle kwa-Aram; nantso eHatsetson-tamare, eyiEngedi.
203Woyika uYehoshafati, wazinikela ngokwakhe ekumquqeleni uYehova, wathi makuzilwe ukudla ngamaYuda onke.
204Ahlanganisana ke amaYuda, efuna uncedo kuYehova; nasemizini yonke yakwaYuda baphuma bequqela uYehova.
205Wema uYehoshafati ebandleni lakwaYuda nelaseYerusalem, endlwini kaYehova, phambi kwentendelezo entsha,
206wathi, Yehova, Thixo woobawo, asinguwe na onguThixo emazulwini? Asinguwe na umlawuli ezikumkanini zonke zeentlanga? Akasesandleni sakho na amandla nobugorha, ukuba kungabikho unokumelana nawe?
207Asinguwe na uThixo wethu, owabagqogqayo abemi beli lizwe phambi kwabantu bakho amaSirayeli, waza walinika imbewu ka-Abraham okuthandayo, ngonaphakade?
208Bahlala kulo, bakwakhela kulo indawo engcwele ngenxa yegama lakho, besithi,
209Ukuba sithe safikelwa bububi, nalikrele, nangumgwebo, nayindyikitya yokufa, nayindlala, sema phambi kwale ndlu, naphambi kwakho (ngokuba likule ndlu igama lakho), sakhala kuwe ekubandezelekeni kwethu, wosiva usindise.
2010Yabona ke naba oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, owawungavumanga ukuba amaSirayeli abangenele ekuphumeni kwawo ezweni laseYiputa; ngokuba abayeka, akabatshabalalisa;
2011naba ke besibuyekeza ngokuza kusigxotha elifeni lakho, owasinikayo ukuba silidle.
2012Thixo wethu, akuyi kubagweba na? Ngokuba asinamandla okumelana nale ngxokolo ininzi isizelayo; thina asazi ukuba sothini na, kodwa amehlo ethu akuwe.
2013Ema ke onke amaYuda phambi koYehova, neentsana zawo, nabafazi bawo, noonyana bawo.
2014UYahaziyeli, unyana kaZekariya, unyana kaBhenaya, unyana kaYehiyeli, unyana kaMataniya, umLevi wakoonyana baka-Asafu, wafikelwa nguMoya kaYehova ephakathi kwebandla elo;
2015wathi, Bazani iindlebe, nonke maYuda, nani bemi baseYerusalem, nawe kumkani Yehoshafati. Utsho uYehova ukuthi kuni, Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini ngenxa yale ngxokolo inje ukuba ninzi; ngokuba imfazwe le asiyeyenu, yekaThixo.
2016Yihlani ngomso niye kulwa nabo; nabo benyuka ngeqhina leTsitsi; nobafumana ekupheleni kwesihlambo, phambi kwentlango yaseYeruweli.
2017Le yanamhla asiyeyenu; zimiseni nime, nilubone usindiso lukaYehova onani, maYuda neYerusalem. Musani ukoyika, musani ukuqhiphuka umbilini. Phumani ngomso nibahlangabeze; uYehova unani.
2018Wathoba uYehoshafati, ebubhekise ubuso emhlabeni; namaYuda onke nabemi baseYerusalem bawa phambi koYehova, bamnqula uYehova.
2019Basuka bema abaLevi, bakoonyana bakaKehati, nabakoonyana bamaKora, ukuba badumise uYehova, uThixo kaSirayeli, ngezwi elikhulu kunene.
2020Bavuka kusasa ngengomso, baphuma baya entlango yeTekowa. Ekuphumeni kwabo wema uYehoshafati, wathi, Ndiphulaphuleni, nina maYuda, nani bemi baseYerusalem. Kholwani kuYehova uThixo wenu, nozimaseka; kholwani kubaprofeti bakhe, noba nempumelelo.
2021Uthe akucebisana nabantu, wamisa iimvumi zikaYehova zokudumisa, zivethe ezingcwele, eziya kuphuma zihambe phambi kwabaxhobileyo, zisithi, bulelani kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2022Bathe bakuqala ukumemelela nokudumisa, uYehova wabafikisela abalaleli oonyana baka-Amon, nabakaMowabhi, nabasentabeni yakwaSehire, ababeze kumaYuda; babulawa.
2023Ngokuba oonyana baka-Amon nabakaMowabhi besuka balwa nabemi bentaba yakwaSehire, ukuba babasingele phantsi, babatshabalalise. Bakubagqiba abemi bakwaSehire, babulalana kwabodwa.
2024Afika amaYuda emboniselweni yasentlango, akhangela kuloo ngxokolo, abona bezizidumbu, bequngquluzile emhlabeni, kungekho usindileyo.
2025UYehoshafati nabantu bakhe beza kuphanga amaxhoba; bafumana kubo into eninzi: impahla, nezidumbu, nezinto ezinqwenelekayo; baziphangela, kwayinkohla ukuyithwala. Baba ntsuku ntathu bewaphanga amaxhoba, ngokuba abemaninzi.
2026Ngomhla wesine bahlanganisana eNtilini yokuBonga; kuba bambonga khona uYehova; ngenxa yoko bathi igama lale ndawo yiNtili yokuBonga, unanamhla.
2027Abuya onke amadoda akwaYuda nawaseYerusalem, uYehoshafati esentloko kuwo, ukuze abuye aye eYerusalem, enovuyo; ngokuba uYehova wenza ukuba azivuyelele iintshaba zawo.
2028Angena eYerusalem enemirhubhe, neehadi, namaxilongo, aya endlwini kaYehova.
2029Ukoyikwa kukaYehova kwazifikela zonke izikumkani zamazwe, zakuva ukuba uYehova ulwile neentshaba zakwaSirayeli.
2030Bazola ke ubukumkani bukaYehoshafati; uThixo wakhe wamphumza ngeenxa zonke.
2031UYehoshafati waye engukumkani kwaYuda; ubeminyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; aba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.
2032Wahamba ngendlela kayise uAsa, akatyeka kuyo; wenza okuthe tye emehlweni kaYehova.
2033Kodwa iziganga abazisusanga; abantu babengekazibhekisi iintliziyo zabo kuThixo wooyise.
2034Ezinye izinto zikaYehoshafati, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe emicimbini kaYehu unyana kaHanani, eyafakwa encwadini yookumkani bakwaSirayeli.
2035Emveni koko uYehoshafati ukumkani wakwaYuda wazimanya noAhaziya ukumkani wakwaSirayeli, lowo wenzayo okungendawo.
2036Wazimanya naye ngokwenza iinqanawa zokuya eTarshishe; bazenza iinqanawa e-Etsiyon-gebhere.
2037Waprofeta uEliyezere, unyana kaDodavahu waseMaresha, ngoYehoshafati, esithi, Ngokudibana kwakho noAhaziya, uyaphule uYehova imisebenzi yakho. Zaphuka ke iinqanawa ezo, azaba nakuya eTarshishe.
211UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide; uYehoram, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
212Ubenabaninawa, oonyana bakaYehoshafati; uAzariya, noYehiyeli, noZekariya, noAzariya, noMikayeli, noShefatiya; bonke abo ngoonyana bakaYehoshafati, ukumkani wakwaSirayeli.
213Uyise wabanika izipho ezininzi zesilivere nezegolide, nezinto ezintle, kunye nemizi enqatyisiweyo kwaYuda; ke ubukumkani wabunika uYehoram, ngokuba ebengowamazibulo.
214Akuphakama uYehoram ebukumkanini bukayise, wazomeleza, wababulala bonke abaninawa bakhe ngekrele, nenxenye yeenkosana zakwaSirayeli.
215Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe uYehoram, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem.
216Wahamba ngendlela yookumkani bakwaSirayeli, njengoko yenza ngako indlu ka-Ahabhi; ngokuba wayezeke intombi ka-Ahabhi; wenza ububi emehlweni kaYehova.
217Ke akavumanga uYehova ukuyonakalisa indlu kaDavide, ngenxa yomnqophiso awawenzela uDavide, njengoko wathethayo, ukuba uya kumnika isibane, kwanoonyana bakhe, yonke imihla.
218Ngemihla yakhe amaEdom akreqa esandleni sakwaYuda, azenzela ukumkani.
219Wagqitha uYehoram, enabathetheli bakhe, eneenqwelo zakhe zonke zokulwa; wavuka ebusuku, wawabulala amaEdom abemrhawule ngeenxa zonke, nabathetheli beenqwelo zokulwa.
2110Akreqa ke amaEdom, aphuma phantsi kwesandla samaYuda, unanamhla. Yaza yakreqa iLibhena esandleni sakhe kwangelo xesha; ngokuba ebemshiyile uYehova, uThixo wooyise.
2111Kananjalo, yena wenza iziganga ezintabeni zakwaYuda; wabahenyuzisa abemi baseYerusalem, wawawexula amaYuda.
2112Kweza kuye incwadi ivela kuEliya umprofeti, isithi, Utsho uYehova, uThixo kaDavide uyihlo, ukuthi, Ngethuba lokuba ungahambanga ngeendlela zikaYehoshafati uyihlo, nangeendlela zika-Asa ukumkani wakwaYuda;
2113usuke wabamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, wawahenyuzisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ngokokuhenyuzisa kwendlu ka-Ahabhi; kananjalo wababulala abaninawa bakho bendlu kayihlo, ababelungile kunawe:
2114yabona, uYehova uya kubabetha ngesibetho esikhulu abantu bakho, noonyana bakho, nabafazi bakho, nempahla yakho yonke;
2115ke wena wobethwa zizifo ezininzi, sisifo sezibilini zakho, zide ziphume izibilini zakho sisifo semihla ngemihla.
2116UYehova wawaxhokonxa amaFilisti, nama-Arabhi asecaleni lamaKushi, ukuba amchase uYehoram.
2117Enyuka eza kwelamaYuda, atyhoboza, angena kulo, athimba yonke impahla eyafumaneka endlwini yokumkani, kwanoonyana bakhe, nabafazi bakhe; abamshiya nanyana, yaba nguYehowahazi unyana wakhe omncinane yedwa.
2118Emveni kwezo zinto, uYehova wambetha ezibilinini zakhe ngesifo esingenakuphiliswa.
2119Kwathi ekuhambeni kwexesha, ekupheleni kweminyaka emibini esifa, zaphuma izibilini zakhe esifa njalo; wafa esezintlungwini ezinkulu. Abantu bakhe abamenzelanga baso njengebaso looyise.
2120Ubeminyaka imashumi mathathu anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka esibhozo engukumkani eYerusalem; wemka engalilelwa bani. Bamngcwabela emzini kaDavide; kodwa akangcwatyelwa emangcwabeni ookumkani.
221Abemi baseYerusalem bamenza uAhaziya, unyana wakhe omncinane, ukumkani esikhundleni sakhe; ngokuba bonke abakhulu babebulewe ngamatutu aweza nama-Arabhi emkhosini. Waba ngukumkani ke uAhaziya, unyana kaYehoram, ukumkani wamaYuda.
222UAhaziya ubeminyaka imashumi mane anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba namnyaka mnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAtaliya, intombi kaOmri.
223Kananjalo yena wahamba ngeendlela zendlu ka-Ahabhi; ngokuba unina ubengumcebisi wakhe, ukuba enze okungendawo.
224Wenza ububi emehlweni kaYehova, njengendlu ka-Ahabhi; ngokuba babengabacebisi bakhe bona emva kokufa kukayise, bemonakalisa.
225Kananjalo wahamba ngecebo labo. Wahamba noYehoram unyana ka-Ahabhi, ukumkani wakwaSirayeli, waya kulwa noAzayeli ukumkani wama-Aram, eRamoti yaseGiliyadi; ama-Aram amngxwelerha uYehoram.
226Wabuya, eza kunyangwa eYizereli loo manxeba wawafumana eRama, ekulweni kwakhe noAzayeli ukumkani wama-Aram. Wehla uAzariya unyana kaYehoram, ukumkani wakwaYuda, waya kubona uYehoram unyana ka-Ahabhi eYizereli, ngokuba ebesifa.
227Kwaphuma kuThixo ukutyunyuzwa kuka-Ahaziya, ngokuthi eze kuYehoram. Ekufikeni kwakhe waphuma noYehoram; baya kuYehu unyana kaNimshi, awamthambisayo uYehova ukuba ayinqamle indlu ka-Ahabhi.
228Kwathi, ekugwetyweni kwendlu ka-Ahabhi nguYehu, wafumana abathetheli bakwaYuda, noonyana babazalwana baka-Ahaziya, ababelungiselela kuAhaziya, wababulala.
229Wafunwa uAhaziya; bambamba ezimele kwaSamari, bamsa kuYehu, bambulala; bamngcwaba, ngokuba babesithi, Ngunyana kaYehoshafati, obemquqela uYehova ngentliziyo yakhe yonke. Indlu ka-Ahaziya yayingenabani unokuphatha ubukumkani.
2210Wathi ke uAtaliya, unina ka-Ahaziya, akubona ukuba ufile unyana wakhe, wesuka wayitshabalalisa ngobubhedengu yonke imbewu enobukhosi bendlu yakwaYuda.
2211UYehoshabhati, intombi yokumkani, wamthabatha uYowashe, unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wambeka yena nomondli wakhe egumbini lokulala. UYehoshabhati, intombi yokumkani uYehoram, umkaYehoyada umbingeleli (ngokuba ubengudade boAhaziya), wamfihla kuAtaliya, ukuze angabulawa.
2212Wayenabo endlwini kaThixo, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Ke uAtaliya waba ngukumkanikazi welizwe elo.
231Ngomnyaka wesixhenxe wazomeleza uYehoyada, wathabatha abathetheli-makhulu, uAzariya unyana kaYehoram, noIshmayeli unyana kaYehohanan, noAzariya unyana kaObhedi, noMahaseya unyana ka-Adaya, noElishafati unyana kaZikri, wanqophisana nabo.
232Bajikeleza kwaYuda, babahlanganisa abaLevi emizini yonke yakwaYuda, neentloko zonke zezindlu zooyise zakwaSirayeli, beza nabo eYerusalem.
233Lesuka lonke ibandla lenza umnqophiso nokumkani endlwini kaThixo. Wathi kubo uYehoyada, Yabonani, unyana wokumkani makabe ngukumkani, njengoko wakuthethayo uYehova ngonyana bakaDavide.
234Yiyo le into eniya kuyenza; esinye isahlulo sesithathu kuni bangenayo ngesabatha, kubabingeleli nakubaLevi, soba ngabagcini bamasango;
235esinye isahlulo sesithathu soba sendlwini yokumkani; esinye isahlulo sesithathu soba seSangweni lesiSeko; abantu bonke boba sezintendelezweni zendlu kaYehova.
236Ize kungangeni bani endlwini kaYehova, ngaphandle kwababingeleli nabalungiseleli bakubaLevi; bona baya kungena ngokuba bangcwele; bonke abantu bazigcine izigxina zikaYehova.
237AbaLevi bomngqonga ukumkani ngeenxa zonke, elowo ephethe iintonga zakhe ngesandla; ongowumbi ongenayo endlwini makabulawe; babe nokumkani ekungeneni kwakhe nasekuphumeni kwakhe.
238Benza ke abaLevi namaYuda onke njengako konke awabawisela umthetho ngako uYehoyada umbingeleli. Bathabatha elowo amadoda akhe, abengena ngesabatha nabephuma ngesabatha; ngokuba uYehoyada umbingeleli akawandululanga amaqela lawo.
239UYehoyada umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe, neengweletshetshe, namakhaka, abengakakumkani uDavide, abesendlwini kaThixo.
2310Wabamisa bonke abantu, elowo eneentonga zakhe esandleni; bathabathela kwelokunene igxalaba lendlu besa kwelokhohlo igxalaba lendlu, ngasesibingelelweni nangasendlwini, kukumkani ngeenxa zonke.
2311Bamkhuphela phandle unyana wokumkani, bamfaka isithsaba, bamnika isingqiniso, bamenza ukumkani. UYehoyada noonyana bakhe bamthambisa, bathi, Makadle ubomi ukumkani!
2312Uthe uAtaliya akusiva isandi sabantu, begidima, bedumisa ukumkani, weza ebantwini endlwini kaYehova.
2313Wakhangela, wambona ukumkani emi endaweni ephakamileyo ekungeneni, abathetheli nabavutheli-maxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo; iimvumi zineempahla zokuvuma, zihlabela awokudumisa. UAtaliya wazikrazula iingubo zakhe, wathi, Licebo! licebo!
2314UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bomkhosi, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, Makangabulawelwa endlwini kaYehova.
2315Bamkhwelela ke ngeenxa zombini; waya ekungeneni kwesango lamahashe endlwini yokumkani; bambulalela khona.
2316Wenza uYehoyada umnqophiso phakathi kwakhe nabantu bonke, nokumkani, ukuba babe ngabantu bakaYehova.
2317Baya bonke abantu endlwini kaBhahali, bayidiliza; nezibingelelo zakhe, nemifanekiso yakhe bayiqhekeza; bambulala uMatan, umbingeleli kaBhahali, phambi kwezibingelelo.
2318UYehoyada wamisa abaveleli bendlu kaYehova ngesandla sababingeleli abangabaLevi, awabahlulela uDavide indlu kaYehova, ukuba banyuse amadini anyukayo kaYehova, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, benovuyo neengoma, ngoko kumiselwe nguDavide.
2319Wamisa abagcini-masango emasangweni endlu kaYehova, ukuze kungangeni uyinqambi nangantoni.
2320Wathabatha abathetheli-makhulu, nezinhanha, nabalawuli babantu, nabantu bonke belizwe, wehla nokumkani endlwini kaYehova; bangena ngesango eliphezulu lendlu yokumkani, bambeka ukumkani etroneni yokumkani.
2321Bavuya ke bonke abantu belizwe, umzi wazola; bambulala ke uAtaliya ngekrele.
241UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mane engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguTsibheya waseBher-shebha.
242UYowashe wenza okuthe tye emehlweni kaYehova yonke imihla kaYehoyada umbingeleli.
243UYehoyada wamzekela abafazi ababini; wazala oonyana neentombi.
244Kwathi emveni koko kwaba sentliziyweni kaYowashe, ukuba ayihlaziye indlu kaYehova.
245Wabahlanganisa ababingeleli nabaLevi, wathi kubo, Phumani niye emizini yakwaYuda, nibuthe imali kumaSirayeli onke, yokuyihlaziya indlu kaThixo wenu iminyaka ngeminyaka; yikhawuleziseni loo nto. Ke abaLevi abayikhawulezisanga.
246Ukumkani wambiza uYehoyada umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Yini na ukuba ungabaveleli abaLevi, bayizise irhafu kumaYuda naseYerusalem, ngokomyalelo kaMoses, umkhonzi kaYehova, nowebandla lamaSirayeli, ngenxa yentente yesingqiniso?
247(Ngokuba uAtaliya, laa mfazi ungendawo, noonyana bakhe, babeyigqobhozile indlu kaThixo; kananjalo zonke izinto ezingcwele zendlu kaYehova babezenze ezooBhahali.)
248Wathi ukumkani, mabenze umkhombe, bawubeke esangweni lendlu kaYehova ngaphandle.
249Bathumela ilizwi kwaYuda naseYerusalem, ukuba kuziswe kuYehova irhafu eyamiswa nguMoses umkhonzi kaThixo, phezu kwamaSirayeli entlango.
2410Bavuya bonke abathetheli, nabantu bonke; bayizisa, bayiphosa emkhombeni wada wazala.
2411Kwathi ke ngexesha lokuziswa komkhombe ngesandla sabaLevi kubaveleli bokumkani, bakubona ukuba ininzi imali, weza umbhali wokumkani, nomveleli wombingeleli omkhulu, bayikhupha imali esemkhombeni, baza bawuthwala, bawubuyisela endaweni yawo. Benjenjalo imihla ngemihla, bahlanganisa imali yaninzi.
2412Ukumkani noYehoyada bayinikela kubenzi bomsebenzi wenkonzo endlwini kaYehova; bona baqesha abaxholi bamatye neengcibi zemithi, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova; neengcibi zesinyiti, nezobhedu; ukuba zilungise indlu kaYehova.
2413Basebenza ke abenzi bomsebenzi; wenyuka umsebenzi wokuyihlaziya ezandleni zabo; bayimisa indlu kaThixo, yazinziswa, yazinyaswa.
2414Bakuyigqiba, bayizisa imali eseleyo phambi kokumkani noYehoyada, benza ngayo iimpahla zendlu kaYehova, iimpahla zokulungiselela, nezamadini anyukayo, neenkamba, neempahla zegolide nezesilivere. Baye benyusa amadini anyukayo endlwini kaYehova ngamaxesha onke, yonke imihla kaYehoyada.
2415Ke uYehoyada wayeseleyingwevu, ehambisekile ebudaleni, ukufa kwakhe. Ebeminyaka ilikhulu linamanci mathathu ezelwe, ukufa kwakhe.
2416Bamngcwabela emzini kaDavide kookumkani; ngokuba wenza okulungileyo kwaSirayeli, nakuThixo, nakwindlu yakhe.
2417Emva kokufa kukaYehoyada, beza abathetheli bakwaYuda, baqubuda kukumkani. Waza wabaphulaphula ukumkani.
2418Bayishiya indlu kaYehova, uThixo wooyise, bakhonza ooAshera nezithixo. Afikelwa buburhalarhume amaYuda neYerusalem ngenxa yelo tyala lawo.
2419Wathuma abaprofeti kubo bokubabuyisela kuYehova, babaqononondisa; ke bona abaphulaphula noko.
2420UMoya kaThixo wamthi gqubuthu uZekariya, unyana kaYehoyada umbingeleli, wema phezu kwabantu, wathi kubo, Utsho uThixo ukuthi, Yini na ukuba niyigqithe imithetho kaYehova, nize ningabi nampumelelo? Ngokuba nimshiyile uYehova, wonishiya nani.
2421Bamceba bamxuluba ngamatye, ngokomthetho wokumkani entendelezweni yendlu kaYehova.
2422Wenjenjalo uYowashe ukumkani, akayikhumbula inceba abeyenzile uYehoyada, uyise kaZekariya, kuye; wesuka wambulala unyana wakhe. Ekufeni kwakhe wathi, UYehova wokhangela abuze.
2423Kwathi ekupheleni komnyaka, yenyuka yeza kuye impi yama-Aram; eza kwaYuda naseYerusalem, abatshabalalisa bonke abathetheli babantu ebantwini; onke amaxhoba awo awathumela kukumkani waseDamasko.
2424Ngokuba impi yama-Aram yeza inamadoda ambalwa; uYehova wanikela esandleni sawo impi eninzi kunene; ngokuba babemshiyile uYehova, uThixo wooyise. Amgweba ke uYowashe.
2425Ekumkeni kwawo kuye (ngokuba amshiya eneentlungu ezinkulu), bamceba abakhonzi bakhe (ngenxa yamagazi oonyana bakaYehoyada umbingeleli), bambulalela esingqengqelweni sakhe, wafa; bamngcwabela emzini kaDavide; ke abamngcwabelanga emangcwabeni ookumkani.
2426Abo ke bamcebayo nguZabhadi, unyana kaShimehati umAmonikazi, noYozabhadi, unyana kaShimriti umMowabhikazi.
2427Ke oonyana bakhe, nobuninzi bezihlabo ezimsongelayo, nokusekwa kwendlu kaThixo, nanzo zibhaliwe ezincwadini zamabali ookumkani. UAmatsiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
251UAmatsiya ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.
252Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa kungengantliziyo ipheleleyo.
253Kwathi, bakuqiniselwa ubukumkani kuye, wababulala abakhonzi bakhe, ababebulele ukumkani uyise.
254Ke oonyana babo akababulalanga, kwanjengoko kubhaliweyo emyalelweni, encwadini kaMoses, apho uYehova ebewise khona umthetho wokuthi: Mabangabulawa ooyise ngenxa yoonyana, noonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono.
255UAmatsiya wawahlanganisa amaYuda onke, wawamisa ngokwezindlu zooyise, ngokwabathetheli-mawaka, nangokwabathetheli-makhulu, kuwo onke amaYuda namaBhenjamin; wababala, ethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, kunyuse. Wabafuma na bengamakhulu amathathu amawaka amadodana anokuphuma umkhosi, ephethe iintonga namakhaka.
256Waqesha kumaSirayeli ikhulu lamawaka amagorha anobukroti, ngekhulu leetalente zesilivere.
257Kweza ke umfo wakwaThixo kuye, esithi, Kumkani, mawungahambi nawe umkhosi wamaSirayeli; ngokuba akakho uYehova kumaSirayeli, koonyana bonke bakwaEfrayim.
258Hamba wedwa, wenze womelele ekulweni; uThixo akayi kukuwisa phambi kotshaba; ngokuba uThixo unamandla okunceda nawokuwisa.
259UAmatsiya wathi kumfo wakwaThixo, Liya kuthiwani na ikhulu leetalente, endalinika umkhosi wamaSirayeli? Wathi umfo wakwaThixo, UYehova angakunika okuninzi kunoko.
2510UAmatsiya ke wayahlula impi leyo yayize kuye, ivela kwaEfrayim, ukuba iye endaweni yayo. Wavutha umsindo wayo kunene ngakumaYuda; babuya baya endaweni yabo bevutha ngumsindo.
2511UAmatsiya wazomeleza, wabaqhuba abantu bakhe, waya eSihlanjeni seTyuwa, wabulala koonyana bakwaSehire ishumi lamawaka.
2512Oonyana bakaYuda balithimba elinye ishumi lamawaka lihleli; babasa encotsheni yengxondorha leyo, babaphosa phantsi encotsheni yengxondorha, badlabhuka bonke bephela.
2513Ke abomkhosi awababuyisayo uAmatsiya, ukuba bangayi naye ekulweni, bayingenela imizi yakwaYuda, bethabathela kwaSamari, besa eBhete-horon, babulala kuyo amawaka amathathu, baphanga into eninzi yamaxhoba.
2514Kwathi emva kokubuya kuka-Amatsiya ekuwabulaleni amaEdom, wezisa izithixo zoonyana bakwaSehire, wazimisa ukuba zibe zizithixo zakhe, waqubuda phambi kwazo, waqhumisela kuzo.
2515Wawutha umsindo kaYehova kuAmatsiya, wathumela umprofeti kuye, wathi kuye, Yini na ukuba uquqele izithixo zabantu ezingabahlangulanga abantu bazo esandleni sakho?
2516Kwathi esathetha naye, ukumkani wathi kuye, Sikumisile yini na ukuba ube ngumphakathi wokumkani? Yeka; yini na ukuba uzibethise. Wayeka umprofeti wathi, Ndiyazi ukuba uThixo ugqibe kwelokuba akutshabalalise, ngokuba ukwenzile oku, akwaliphulaphula icebo lam.
2517UAmatsiya ukumkani wakwaYuda wathabatha icebo, wathumela kuYowashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Khawuze siqwalaselane ngamehlo.
2518UYowashe ukumkani wamaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon ladlula, lalibhuqa ikhakakhaka elo.
2519Uthi, Yabona, ndiwabulele amaEdom; yakuphakamisa intliziyo yakho, ukuba uzizukise. Hlala kaloku endlwini yakho; yini na ukuba okunene ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe.
2520Akaphulaphula uAmatsiya; ngokuba oko kwakuphuma kuThixo, ukuze abanikele esandleni seentshaba zabo; ngokuba babequqele izithixo zakwaEdom.
2521Wenyuka ke uYowashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe, ekwaYuda.
2522Atyelwa ke amaYuda ngamaSirayeli; asaba, yangulowo waya ententeni yakhe.
2523UYowashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana kaYehowahazi, eBhete-shemeshe, wamzisa eYerusalem; waluqhekeza udonga lwaseYerusalem, ethabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, iikubhite ezimakhulu mane.
2524Wayithabatha yonke igolide, nesilivere, nempahla yonke eyafumanekayo endlwini kaThixo, ebino-Obhedi-edom, nobuncwane bendlu yokumkani, nabafo abazizibambiso, wabuyela kwaSamari.
2525UAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, emva kokufa kukaYowashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba minyaka ilishumi linesihlanu esidla ubomi.
2526Ezinye izinto zika-Amatsiya, ezokuqala nezokugqibela, asizezo na zibhaliweyo encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli?
2527Ke kaloku, emveni kwexesha awatyeka ngalo uAmatsiya ekumlandeleni uYehova, bamceba eYerusalem; wasabela eLakishe.
2528Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona. Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela koyise, emzini wakwaYuda.
261Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha u-Uziya, akubonÂ’ ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise.
262Yakhiwa nguye iEloti, wayibuyisela kumaYuda, emva kokulala kokumkani kooyise.
263U-Uziya ubeminyaka ilishumi elinamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina libe linguYekoliya waseYerusalem.
264Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise.
265Wamquqela uThixo ngemihla kaZekariya, owamfundisayo ukumoyika uThixo; ngemihla yokumquqela kwakhe uYehova, uThixo wamenza wanempumelelo.
266Waphuma walwa namaFilisti, waluqhekeza udonga lwaseGati, nodonga lwaseYabhene, nodonga lwaseAshdode, wakha imizi kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti.
267UThixo wamnceda kumaFilisti, nakuma-Arabhi ahleli eGur-bhahali, nakumaMahan.
268Ama-Amon amnika u-Uziya umnikelo. Igama lakhe laduma, lada laya kufika ekungeneni kweYiputa; ngokuba womelela wada wenyuka.
269U-Uziya wakha iinqaba ezinde eYerusalem, esangweni lembombo, nasesangweni lomfula, nasembombeni yodonga, wazinqabisa ke.
2610Wakha iinqaba ezinde entlango, wemba amaqula amaninzi; ngokuba imfuyo yakhe yabe ininzi kwelentili nakwelamathafa. Ubenabalimi bomhlaba nabezidiliya ezintabeni naseKarmele; ngokuba wayethanda ukulima umhlaba.
2611U-Uziya ubenempi elwayo, ephuma umkhosi ngamaqela, ngenani lokubalwa kwabo ngesandla sikaYehuweli umbhali, noMahaseya umphathi, phantsi kolawulo luka Hananiya, ongomnye wakubathetheli bokumkani.
2612Lonke inani leentloko zezindlu zooyise, lamagorha anobukroti, lalingamawaka amabini anamakhulu mathandathu.
2613Ngaphantsi kwabo, impi ephuma umkhosi yayingamakhulu amathathu amawaka, anamawaka asixhenxe, anamakhulu mahlanu alwayo, anamandla obukroti ukumnceda ukumkani elutshabeni.
2614U-Uziya wawalungiselela, emkhosini wonke, iingweletshetshe, nezikhali, nezigcina-ntloko, neengubo zentsimbi, nezaphetha, namatye okusawula.
2615Wenza eYerusalem omashini abenziwe ngobuqili beengcibi, bokuba phezu kweenqaba ezinde naphezu koqoqo, ukuba kutolwe ngeentolo, kusawulwe ngamatye amakhulu. Laduma igama lakhe, lada laya kude, ngokuba wancedwa ngokubalulekileyo, wada womelela.
2616Uthe ke akomelela, yaphakama intliziyo yakhe, wada wenza ububi; ngokuba wenza ubumenemene kuYehova uThixo wakhe, wangena etempileni kaYehova, ukuba aqhumisele esibingelelweni sesiqhumiso.
2617UAzariya umbingeleli wamlandela, enababingeleli bakaYehova abangamashumi asibhozo, amadoda anobukroti.
2618Bammela u-Uziya ukumkani, bathi kuye, Asikokwakho, Uziya, ukuqhumisela kuYehova; kokwababingeleli, oonyana baka-Aron abangcwaliselwa ukuqhumisela; phuma engcweleni, ngokuba wenza ubumenemene; akuluzuko oko kuwe phambi koYehova uThixo.
2619Wajala u-Uziya, ephethe ngesandla isiqhumiso sokuqhumisela. Uthe esabajalele ababingeleli, kwasuka kwaphuma iqhenqa ebunzini lakhe phambi kwababingeleli endlwini kaYehova, engasesibingelelweni sokuqhumisela.
2620UAzariya, umbingeleli omkhulu, nababingeleli bonke, babheka kuye, nanko eneqhenqa ebunzi, bamgxotha ngobungxamo khona, wangxama naye ukuphuma; ngokuba uYehova ubembethile.
2621Waye u-Uziya ukumkani eneqhenqa, kwada kwayimini yokufa kwakhe, wahlala endlwini eyodwa, eneqhenqa; ngokuba wanqanyulwa endlwini kaYehova. UYotam, unyana wakhe, wayiphatha indlu yokumkani, ebalawula abantu belizwe.
2622Ezinye izinto zikaUziya, ezokuqala nezokugqibela, wazibhala uIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti.
2623U-Uziya walala kooyise; bamngcwabela ngakooyise emhlabeni wokungcwaba wookumkani; ngokuba bathi, Uneqhenqa. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
271UYotam ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguYerusha intombi kaTsadoki.
272Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise; kodwa akangenanga etempileni kaYehova; ke abantu bona babesabenza ububi.
273Yena walakha isango eliphezulu lendlu kaYehova; wakha kakhulu naseludongeni lwaseOfele.
274Wakha imizi kweleentaba lakwaYuda, nasemahlathini wakha iinqaba neemboniselo.
275Walwa noonyana baka-Amon, waboyisa. Oonyana baka-Amon bamnika ngaloo mnyaka ikhulu leetalente zesilivere, neshumi lamawaka eekore zengqolowa, neshumi lamawaka erhasi. Oko baphinda bakuzisa kuye oonyana baka-Amon ngomnyaka wesibini nangowesithathu.
276Womelela ke uYotam; ngokuba waziqinisela iindlela zakhe phambi koYehova uThixo wakhe.
277Ezinye izinto zikaYotam, neemfazwe zakhe zonke, neendlela zakhe, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
278Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.
279UYotam walala kooyise; bamngcwabela emzini kaDavide; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
281UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem. Akakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova njengoDavide uyise;
282wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, kananjalo wabenzela ooBhahali imifanekiso etyhidiweyo.
283Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
284Wabingelela waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
285UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram; ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abasa eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
286UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.
287UZikri, igorha lakwaEfrayim, wabulala uMahaseya unyana wokumkani, noAzerikam inganga yendlu yakhe, noElikana onganeno kokumkani.
288Oonyana bakaSirayeli bathimba kubazalwana babo amakhulu amabini amawaka, abafazi, noonyana, neentombi, kananjalo babaphanga amaxhoba amaninzi, bawazisa amaxhoba lawo kwaSamari.
289Apho ke bekukho umprofeti kaYehova, ogama linguOdede. Waphuma waya kukhawulela umkhosi owawusiza kwaSamari, wathi kubo, Yabonani, ngenxa yobushushu bukaYehova, uThixo wooyihlo, obukumaYuda, uwanikele ezandleni zenu; nibabulele ke ngomsindo ode waya kufikelela emazulwini.
2810Kaloku ke oonyana bakwaYuda neYerusalem, nithe nina niya kubanyathela, babe ngamakhoboka namakhobokazana kuni. Kodwa nina aninatyala na kuYehova uThixo wenu?
2811Ndiphulaphuleni ngoko, nibabuyise abathinjwa, enabathimba kubazalwana benu; ngokuba ukuvutha komsindo kukaYehova kuphezu kwenu.
2812Kwesuka ke amadoda akwiintloko zoonyana bakaEfrayim, ooAzariya unyana kaYohanan, noBherekiya unyana kaMeshilemoti, noHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, ema phambi kwabavela emkhosini;
2813athi kubo, Ningabazisi apha abathinjwa, ukuze sibe netyala kuYehova; nifuna ukongeza esonweni sethu nasetyaleni lethu; ngokuba, inene, likhulu ityala lethu, nokuvutha komsindo kuphezu kwamaSirayeli.
2814Abaxhobileyo babashiya ke abathinjwa namaxhoba phambi kwabathetheli nebandla lonke.
2815Asuka ke amadoda akhankanywe ngamagama, abathabatha abathinjwa, abambathisa bonke ababeze phakathi kwabo ngamaxhoba, abambathisa, abanxiba iimbadada, abadlisa, abaseza, abathambisa, abathundeza ngamaesile bonke abatyhafileyo, abasa eYeriko, kumzi wamasundu, kubazalwana babo; wona abuya aya kwaSamari.
2816Ngelo xesha ukumkani uAhazi wathumela ke kookumkani baseAsiriya ukuba baze kumnceda.
2817Ngaphezu koko eza amaEdom, abulala amaYuda, athimba abathinjwa.
2818NamaFilisti ayingenela imizi yasezintilini, neyasezantsi yakwaYuda, ayithimba iBhete-shemeshe, neAyalon, neGederoti, neSoko namagxamesi ayo, neTimna namagxamesi ayo, neGimzo namagxamesi ayo, ahlala khona.
2819Ngokuba uYehova wawathoba amaYuda ngenxa ka-Ahazi, ukumkani wakwaSirayeli; ngokuba wenza inyala kwaYuda, wenza ubumenemene kuYehova.
2820UTilegati-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wamfikela, wambandezela, akamomeleza;
2821ngokuba uAhazi wayeyiphangile indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nabathetheli, wanika ukumkani waseAsiriya; akwamnceda nto noko.
2822Ngexesha lokubandezelwa kwakhe waphinda wenza ubumenemene kuYehova, yena ukumkani uAhazi.
2823Wabingelela kwizithixo zaseDamasko ezazimeyisile, wathi, Izithixo zookumkani bama-Aram ezawancedayo, ndobingelela kuzo; zondinceda nam. Ke zona zaba sisikhubekiso kuye nakumaSirayeli onke.
2824UAhazi wazihlanganisa iimpahla zendlu kaThixo, wazinqunqa iimpahla zendlu kaThixo, wazivala iingcango zendlu kaYehova. Wazenzela izibingelelo ezimbombeni zonke zaseYerusalem,
2825wenza iziganga emizini yonke ngaminye yakwaYuda, zokuqhumisela thixweni bambi; wamqumbisa uYehova uThixo wooyise.
2826Ezinye izinto zakhe, neendlela zakhe zonke ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
2827UAhazi walala kooyise, bamngcwabela kuwo umzi oyiYerusalem; ke abamzisanga emangcwabeni ookumkani bakwaSirayeli. UHezekiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
291UHezekiya waba ngukumkani eminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAbhiya intombi kaZekariya.
292Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uDavide uyise.
293Yena, ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, ngenyanga yokuqala, wazivula iingcango zendlu kaYehova, wazilungisa.
294Wabangenisa ababingeleli nabaLevi, wabahlanganisela ebaleni langasempumalanga, wathi kubo,
295Ndiphulaphuleni, baLevi; zingcwaliseni kaloku; yingcwaliseni indlu kaYehova, uThixo wooyihlo, nikukhuphe ukungcola okusendaweni engcwele.
296Ngokuba oobawo benza ubumenemene, benza okubi emehlweni kaYehova uThixo wethu, bamshiya, babusonga ubuso babo emnqubeni kaYehova, bawunikela ikhosi;
297kananjalo bazivala iingcango zevaranda, bazicima izibane, abaqhumisela ngesiqhumiso, abawanyusa amadini anyukayo engcweleni kuThixo kaSirayeli.
298Ngoko ke afikelwa amaYuda neYerusalem buburhalarhume bukaYehova, wawanikela aba yinto yokufeketha, neyokumangalisa, neyomsondlo, njengoko nikubonayo ngamehlo enu.
299Yabona, bawile oobawo likrele; oonyana bethu neentombi zethu nabafazi bethu basekuthinjweni ngenxa yoko.
2910Ngoku ke kusentliziyweni yam ukumenzela umnqophiso uYehova uThixo kaSirayeli, kubuye kuthi ukuvutha komsindo wakhe.
2911Nyana bam, kungokunje musani ukuhiliza; ngokuba uYehova uninyule, ukuze nime phambi kwakhe, nilungiselele kuye, nibe ngabalungiseleli nabaqhumiseli kuye.
2912Basuka ke abaLevi, ooMahati unyana ka-Amasayi, noYoweli unyana ka-Azariya, koonyana bamaKohati; nakoonyana bakaMerari, uKishe unyana ka-Abhedi, noAzariya unyana kaYehaleleli; nakumaGershon, uYowa unyana kaZima, noEden unyana kaYowa;
2913koonyana bakaElitsafan, uShimri noYehiyeli; nakoonyana baka-Asafu, uZekariya noMataniya;
2914nakoonyana bakaHeman, uYehiyeli noShimehi; koonyana bakaYedutun, uShemaya noUziyeli.
2915Babahlanganisa ke abazalwana babo, bazingcwalisa, bangena ngokomthetho wokumkani ngamazwi kaYehova, ukuyihlambulula indlu kaYehova.
2916Bangena phakathi kwendlu kaThixo ababingeleli, ukuze bayihlambulule; bayikhupha yonke into eyinqambi abayifumanayo etempileni kaYehova, bayisa entendelezweni yendlu kaYehova. AbaLevi bayithabatha, ukuze bayikhuphele phandle, bayise emlanjaneni oyiKidron.
2917Baqala ukungcwalisa ngomhla wokuqala, ngenyanga yokuqala; ngomhla wesibhozo wenyanga leyo bafika evarandeni kaYehova. Bayingcwalisa ke indlu kaYehova imihla esibhozo, bagqiba ngomhla weshumi elinesithandathu wenyanga yokuqala.
2918Bangena baya kuHezekiya ukumkani, bathi, Siyihlambulule indlu yonke kaYehova, nesibingelelo sedini elinyukayo, neempahla zaso zonke, netafile yezonka ezicwangciswayo, neempahla zayo zonke.
2919Neempahla zonke awazilahlayo uAhazi, ngexa lokulawula kwakhe ngokwenza ubumenemene, sizilungisile sazingcwalisa; nanzo ziphambi kwesibingelelo sikaYehova.
2920Wavuka kusasa uHezekiya ukumkani, wabahlanganisa abathetheli bawo umzi; wenyuka waya endlwini kaYehova.
2921Bazisa iinkunzi ezintsha zeenkomo zasixhenxe, neenkunzi zeegusha zasixhenxe, neemvana zasixhenxe, neenkunzi zeebhokhwe zasixhenxe, ukuba zibe lidini lesono ngenxa yobukumkani, nangenxa yendawo engcwele, nangenxa yamaYuda. Wathi koonyana baka-Aron, ababingeleli, mabenze amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova.
2922Bazixhela iinkomo, ababingeleli balamkela igazi, balitshiza esibingelelweni; bazixhela iinkunzi zeegusha, balitshiza igazi esibingelelweni; bazixhela iimvana, balitshiza igazi esibingelelweni.
2923Bazizisa iinkunzi zeebhokhwe zedini lesono phambi kokumkani nebandla, bacinezela ngezandla zabo phezu kwazo;
2924bazixhela ababingeleli, ukuba bawacamagushele amaSirayeli onke, ngokulenza nyulu igazi lazo esibingelelweni; ngokuba ukumkani ebethe makenzelwe onke amaSirayeli idini elinyukayo nedini lesono.
2925Wabamisa abaLevi endlwini kaYehova, benamacangci, benemirhubhe, beneehadi, ngokomthetho kaDavide, noGadi imboni yokumkani, noNatan umprofeti; ngokuba loo mthetho ubungokaYehova ngabaprofeti bakhe.
2926Bema abaLevi benempahla kaDavide, ababingeleli benamaxilongo.
2927Wathi uHezekiya, makunyuswe idini elinyukayo esibingelelweni. Lithe lakuqalwa idini elinyukayo, yaqala ingoma kaYehova namaxilongo, ngokokuhlabela kweempahla zikaDavide ukumkani wakwaSirayeli.
2928Lonke ibandla laqubuda, iimvumi zivuma, abavutheli-maxilongo bevuthela; oko konke kwenziwa lada lagqitywa idini elinyukayo.
2929Kwakugqitywa ukunyuswa idini elinyukayo, ukumkani nabo bonke abafumaneka benaye, baguqa baqubuda.
2930Bathi ooHezekiya ukumkani nabathetheli, mabamdumise uYehova abaLevi ngamazwi kaDavide naka-Asafu imboni. Bamdumisa ke bada bavuya; bathoba, baqubuda.
2931Waphendula uHezekiya wathi, Kungokunje nizingcwalisile kuYehova; yizani, nizise imibingelelo neyombulelo endlwini kaYehova. Layizisa ke ibandla imibingelelo neyombulelo; bonke ababeqhutywa yintliziyo, bazisa amadini anyukayo.
2932Inani lamadini anyukayo elawazisayo ibandla, lalingamashumi asixhenxe eenkomo, nekhulu leenkunzi zeegusha, namakhulu amabini eemvana. Ezo zonke zaba zezedini elinyukayo kuYehova.
2933Ezingcwalisiweyo iinkomo zaba ngamakhulu amathandathu, namawaka amathathu empahla emfutshane.
2934Kodwa ababingeleli babembalwa, ababa nakuwahlinza onke amadini anyukayo; bababambisa ke abazalwana babo abaLevi, wada wagqitywa loo msebenzi, bada bazingcwalisa ababingeleli; ngokuba abaLevi babethe tye ngentliziyo ukuzingcwalisa, kunababingeleli.
2935Kananjalo amadini anyukayo aba maninzi, enamanqatha emibingelelo yoxolo, neminikelo ethululwayo yawo amadini anyukayo; yaqiniselwa ke inkonzo yendlu kaYehova.
2936Ke uHezekiya nabantu bonke bakuvuyela oko uThixo akuqinisele abantu; ngokuba le nto yenziwa ngesiquphe.
301Wathumela uHezekiya kuwo onke amaSirayeli namaYuda; kananjalo wabhala iincwadi eziya kumaEfrayim namaManase, ukuba kuziwe endlwini kaYehova eYerusalem, kwenziwe ipasika kuYehova, uThixo kaSirayeli.
302Ukumkani wacebisana nabathetheli bakhe nebandla lonke eYerusalem, ukuba kwenziwe ipasika ngeyesibini inyanga.
303Kuba babengenakuyenza ngexesha elililo; ngokuba ababingeleli baye bengazingcwalisanga ngokwaneleyo, nabantu baye bengazihlanganiselanga eYerusalem.
304Loo ndawo yathi tye emehlweni okumkani, nasemehlweni ebandla lonke.
305Bamisa indawo yokuba lihanjiswe ilizwi kumaSirayeli onke, kuthatyathelwe eBher-shebha, kuse kwaDan, ukuba baze kwenza ipasika kuYehova, uThixo wamaSirayeli, eYerusalem; ngokuba babengayenzanga bebaninzi, njengoko kubhaliweyo.
306Zahamba izigidimi zineencwadi ezivela ezandleni zokumkani nezabathetheli bakhe, zaya kuwo onke amaSirayeli namaYuda, zathi ngokomyalelo wokumkani, Nina, nyana bakaSirayeli, buyelani kuYehova, uThixo, ka-Abraham noIsake noSirayeli, abuyele kwabaseleyo kuni, abasindileyo esandleni sookumkani baseAsiriya.
307Musani ukuba njengooyihlo, nanjengabazalwana benu, abenza ubumenemene kuYehova, uThixo wooyihlo, wabanikela baba yinto yokumangalisa, njengoko nikubonayo.
308Musani ukuyenza lukhuni ngoku intamo yenu, njengooyihlo. Mnikeni uYehova isandla, nize engcweleni yakhe abeyingcwalisile ngonaphakade, nimkhonze uYehova uThixo wenu, kubuye kuni ukuvutha komsindo wakhe.
309Ngokuba, ukuba nithe nabuyela kuYehova, abazalwana benu noonyana benu bofumana imfesane kwababathimbileyo, babuyele kweli lizwe; ngokuba unobabalo, unemfesane uYehova uThixo wenu; akayi kubufihla kuni ubuso bakhe, ukuba nithe nabuyela kuye.
3010Izigidimi ezo zathungela imizi ngemizi ezweni lakwaEfrayim nelakwaManase, zesa kwelakwaZebhulon. Bazihleka, bazigculela;
3011kodwa amadoda athile akwa-Ashere nawakwaManase nawakwaZebhulon azithoba, eza eYerusalem.
3012Kananjalo isandla sikaThixo sabakho kwaYuda, ukuba abanike ntliziyo-nye yokwenza umthetho wokumkani nowabathetheli, ngowelizwi likaYehova.
3013Kwahlangana eYerusalem abantu abaninzi, ukuze benze umthendeleko wezonka ezingenagwele ngenyanga yesibini; baba libandla elikhulu kunene.
3014Besuka, bazisusa izibingelelo ezibe ziseYerusalem, bazisusa zonke iziqhumiselo, baziphosa emlanjaneni oyiKidron.
3015Bayixhela ipasika ngolweshumi elinesine usuku lweyesibini inyanga. Ababingeleli nabaLevi bazidanela, bazingcwalisa, bazisa amadini anyukayo endlwini kaYehova.
3016Bema endaweni yabo ngokwesiko labo, ngokomyalelo kaMoses umfo wakwaThixo; ababingeleli balitshiza igazi layo ipasika, belithabatha esandleni sabaLevi;
3017ngokuba babebaninzi ebandleni abe bengazingcwalisanga. AbaLevi bamela ukuxhela ipasika ngenxa yabantu bonke abaziinqambi, ukuba iimvana zingcwaliselwe kuYehova;
3018ngokuba ubuninzi babantu, abaninzi ababevele kwaEfrayim nakwaManase, kwaIsakare nakwaZebhulon, baye bengazihlambululanga. Bayidla ipasika ngokungengamthetho; kodwa uHezekiya wabathandazela, esithi, Wanga uYehova olungileyo
3019angamxolela elowo uyibhekise intliziyo yakhe ekumquqeleni uThixo uYehova, uThixo wooyise, nakuba kungengokwentlambululo yendawo engcwele.
3020UYehova wamva uHezekiya, wabaphilisa abantu.
3021Oonyana bakaSirayeli abafunyanwayo eYerusalem bawenza ke umthendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixhenxe, bevuya kakhulu, bemdumisa uYehova iimini ngeemini abaLevi nababingeleli, ngeempahla zokumzukisa uYehova.
3022UHezekiya wathetha kakuhle nabo abaLevi bonke, ababenokuyiqonda kakuhle inkonzo kaYehova. Badla ke umthendeleko imihla esixhenxe, bebingelela imibingelelo yoxolo, bebulela kuYehova uThixo wooyise.
3023Ibandla lonke lacebisana ukwenza nesinye isixhenxe semihla; basenza ke isixhenxe semihla, bevuya.
3024Ngokuba uHezekiya ukumkani wakwaYuda walirhumela ibandla iwaka leenkunzi ezintsha zeenkomo, namawaka asixhenxe empahla emfutshane; nabathetheli balirhumela ibandla iwaka leenkunzi ezintsha zeenkomo, namawaka alishumi empahla emfutshane; bazingcwalisa ababingeleli abaninzi.
3025Lavuya lonke ibandla lakwaYuda, nababingeleli nabaLevi, nebandla lonke elavela kwaSirayeli, nabasemzini, abavela kwaSirayeli kwanabahleli kwaYuda.
3026Kwabakho uvuyo olukhulu ke eYerusalem; ngokuba kususela kwiimini zikaSolomon unyana kaDavide, ukumkani wakwaSirayeli, akuzanga kubekho nto injalo eYerusalem.
3027Besuka bema ababingeleli, abaLevi, babasikelela abantu; ilizwi labo laviwa, nomthandazo wabo wangena ekhayeni lakhe elingcwele emazulwini.
311Kwakugqitywa konke oko, aphuma onke amaSirayeli afumanekileyo khona, aya emizini yakwaYuda, aziqhekeza izimiso zamatye, abagawula ooAshera, azidiliza iziganga nezibingelelo kulo lonke elakwaYuda, nelakwaBhenjamin, nelakwaEfrayim, nelakwaManase, kwada kwagqitywa. Babuya bonke oonyana bakaSirayeli, elowo waya elifeni lakhe, emizini yakowabo.
312UHezekiya wawamisa amaqela ababingeleli nawabaLevi ngokwamaqela abo, elowo ngokomsebenzi wakhe, ababingeleli nabaLevi; wabamisela amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, ukuba balungiselele, babulele, badumise emasangweni eminquba kaYehova.
313Isabelo sokumkani sasempahleni yakhe saba sesamadini anyukayo, amadini anyukayo akusasa kwanawangokuhlwa, namadini anyukayo esabatha, nawokuthwasa kwenyanga, nawemithendeleko, ngoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova.
314UHezekiya wathi kubantu, kubemi baseYerusalem, mabanike isabelo sababingeleli nabaLevi, ukuze babambelele emyalelweni kaYehova.
315Lakuvakala elo lizwi, oonyana bakaSirayeli bazisa into eninzi yeziqhamo zokuqala zengqolowa, newayini, neoli, nobusi, nolibo lonke lwamasimi, bazisa kakhulu isishumi sezinto zonke.
316Oonyana bakaSirayeli nabakaYuda, abahleleliyo emizini yakwaYuda, nabo bazisa isishumi seenkomo, nesempahla emfutshane, nesishumi sezinto ezingcwele, ezibe zingcwaliselwe uYehova uThixo wabo, bazibeka iimfumba ngeemfumba.
317Baqala ngenyanga yesithathu ukuzenza iimfumba, bagqiba ngenyanga yesixhenxe.
318Beza ooHezekiya nabathetheli, bazibona iimfumba ezo, babulela kuYehova nakubantu bakhe amaSirayeli.
319Wababuza uHezekiya ababingeleli nabaLevi ngeemfumba ezo.
3110Wathi uAzariya umbingeleli oyintloko, owendlu kaTsadoki, kuye, Kuseloko kwaqalwayo ukuziswa imirhumo endlwini kaYehova, side sahlutha, sashiya kakhulu; ngokuba uYehova ubasikelele abantu bakhe; le nto ingaka yeseleyo.
3111Wathi uHezekiya, Makulungiswe amagumbi endlwini kaYehova; bazilungisa ke,
3112bawungenisa umrhumo, nezishumi, nezinto ezingcwalisiweyo ngokukholekileyo. Umphathi wazo ibiyinganga uKonaniya umLevi, noShimehi umninawa wakhe, obengowesibini;
3113noYehiyeli, noAzaziya, noNahati, noAsaheli, noYerimoti, noYozabhadi, noEliyeli, noIsemakiya, noMahati, noBhenaya, bengabaveleli phantsi kwesandla sikaKonaniya noShimehi umninawa wakhe, ngommiselo kaHezekiya ukumkani, noAzariya inganga yendlu kaThixo.
3114UKore unyana kaImna, umLevi, ongowesango lasempumalanga, ubemele iminikelo kaThixo yabaqhutywa yintliziyo, ukuba awabe umrhumo kaYehova nezinto eziyingcwele kanye.
3115Ngaphantsi kwesandla sakhe ibinguEden, noMinyamin, noYeshuwa, noShemaya, noAmariya, noShekaniya, emizini yababingeleli, ngokunyanisa, ukuba babele abazalwana babo ngamaqela, abakhulu kwanjengabancinane;
3116iyodwa into eyindoda ebhalwe emilibeni yokuzalwa, ethabathele kominyaka mithathu ezelwe kwenyusa, kubo bonke abangenayo endlwini kaYehova ukwamkela into yemini, ngangemini yayo, yomsebenzi wabo, ezigxineni zabo ngokwamaqela abo.
3117Ukubhalwa kwababingeleli emilibeni yokuzalwa kube kungokwezindlu zooyise; nabaLevi bebesezigxineni zabo ngokwamaqela abo, bathabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe kwenyusa;
3118ukuba kwabelwe iintsatshana zabo zonke ezibhaliweyo emilibeni yokuzalwa, abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo, kwibandla lonke. Ngokuba ngokunyanisa kwabo bazingcwalisa ke ngezinto ezingcwele.
3119Nangenxa yoonyana baka-Aron ababingeleli, ababesemhlabeni wamadlelo emizi yabo, emizini ngemizi yonke, kube kukho amadoda axeliweyo ngamagama, okuyabela izabelo into yonke eyindoda kubabingeleli, nabo bonke ababhaliweyo emilibeni yokuzalwa kubaLevi.
3120Wenjenjalo uHezekiya kumaYuda onke; wenza okulungileyo, nokuthe tye, nokunyanisileyo, phambi koYehova uThixo wakhe;
3121nasemsebenzini, nokuba nguwuphi, awawuqalayo wenkonzo yendlu kaThixo, nomyalelo, nomthetho, ukuba amquqele uThixo wakhe, wawenza ngentliziyo yakhe yonke, waphumelela.
321Emveni kwezi zinto noku kunyanisa, weza uSaneribhe, ukumkani waseAsiriya, walingenela elakwaYuda, wangqinga imizi enqatyisiweyo; wathi uya kuzigqobhozela.
322Wathi uHezekiya, akubona ukuba uyeza uSaneribe, ubuso bakhe ebubhekise ekulweni neYerusalem,
323wacebisana nabathetheli bakhe namagorha akhe, ukuba bawavale amanzi emithombo engaphandle komzi; bamnceda ke.
324Kwabuthelana abantu abaninzi, bawavala onke amaso emithombo, nomlanjana obuqukuqela phakathi kwelizwe; bathi, Yini na ukuba ookumkani baseAsiriya beze bafumane amanzi amaninzi?
325Wazomeleza, walwakha lonke udonga olwaludiliziwe, wenyusa iinqaba ezinde phezu kwalo, wakha nolunye udonga ngaphandle, wayiqinisela iMilo yomzi kaDavide, wenza izikhali neengweletshetshe ezininzi.
326Wamisa abathetheli bemfazwe phezu kwabantu; wababuthela kuye endaweni yembutho yasesangweni lomzi, wathetha kakuhle nabo, wathi,
327Yomelelani nikhaliphe; musani ukoyika; musani ukuqhiphuka umbilini ngukumkani waseAsiriya, nayingxokolo yonke anayo, ngokuba baninzi abangakuthi, phezu kwabangakuye.
328Okunaye yingalo yenyama, okunathi nguYehova uThixo wethu, ukuba asincede, alwe amadabi ethu. Abantu bayama emazwini kaHezekiya ukumkani wakwaYuda.
329Emveni koko uSaneribhe ukumkani waseAsiriya wathumela eYerusalem abakhonzi bakhe (yena engaseLakishe, enabalawuli bakhe bonke), kuHezekiya ukumkani wakwaYuda, nakumaYuda onke aseYerusalem, esithi,
3210Utsho uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Nikholose ngantoni na, nihleli nje ekungqingweni eYerusalem?
3211Akanilahlekisi uHezekiya yini na, ukuba aninikele ekufeni yindlala nakukunxanwa, ngokuthi oku, UYehova uThixo wenu wonihlangula esandleni sokumkani waseAsiriya?
3212AsinguHezekiya na lo uzisusileyo iziganga zakhe nezibingelelo zakhe, wathi kumaYuda nakwiYerusalem, Qubudani phambi kwasibingelelo sinye, niqhumisele phezu kwaso?
3213Aniyazi na into endayenzayo, mna noobawo, ezizweni zonke zamazwe la? Baba nako nokuba nako na oothixo beentlanga zamazwe la, ukuwahlangula amazwe azo esandleni sam?
3214Nguwuphi na koothixo bonke bezo ntlanga, bazisingela phantsi oobawo, owaba nako ukubahlangula abantu bakhe esandleni sam, ukuba abe nako uThixo wenu ukunihlangula esandleni sam?
3215Ke ngoko makanganilukuhli uHezekiya, makanganikhohlisi ngokunjalo. Musani ukukholwa nguye; ngokuba akubangakho namnye uthixo wazo zonke iintlanga nezikumkani, owaba nako ukuhlangula abantu bakhe esandleni sam, nasesandleni soobawo; wobeka phi na ke yena uThixo wenu? Akayi kunihlangula esandleni sam.
3216Babuya bathetha abakhonzi bakhe ngoYehova uThixo, nangoHezekiya umkhonzi wakhe.
3217Wabhala incwadi yokumngcikiva uYehova uThixo kaSirayeli, ethetha ngaye esithi, Njengokuba oothixo beentlanga zamazwe bengabahlangulanga abantu babo esandleni sam, ngokunjalo akayi kubahlangula noThixo kaHezekiya abantu bakhe esandleni sam.
3218Bamemeza ngelizwi elikhulu ngesiYuda ebantwini baseYerusalem ababeseludongeni, beboyikisa, bebaphelisa amandla, ukuze bawuthimbe loo mzi.
3219Bathetha ngoThixo weYerusalem njengoothixo bezizwe zehlabathi, umsebenzi wezandla zabantu.
3220Bathandaza ke uHezekiya ukumkani, noIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, ngenxa yoko; bakhala, basingisa emazulwini.
3221UYehova wathuma isithunywa sezulu, sawenza athi shwaka onke amagorha anobukroti, neenganga, nabathetheli, emkhosini wokumkani waseAsiriya. Wabuya, ubuso bakhe buthe khunubembe, waya ezweni lakhe. Wangena endlwini yothixo wakhe; bathi ababephume ezibilinini zakhe bamwisa khona ngekrele.
3222UYehova wamsindisa ke uHezekiya nabemi baseYerusalem esandleni sikaSaneribhe ukumkani waseAsiriya, nasesandleni sabangabambi; wabakhusela ngeenxa zonke.
3223Baba baninzi abazisa umnikelo kuYehova eYerusalem, nezinto ezinqabileyo kuHezekiya ukumkani wakwaYuda. Waphakanyiswa emehlweni eentlanga zonke emveni koko.
3224Ngezo mini wayesifa uHezekiya, wayeza kufa, wathandaza kuYehova; wathetha naye, wamnika umqondiso.
3225Ke uHezekiya akabuyekezanga njengokuphathwa kwakhe; ngokuba intliziyo yakhe yaphakama. Bafikelwa buburhalarhume, yena namaYuda neYerusalem.
3226Wazithoba uHezekiya ekuphakameni kwentliziyo yakhe, yena nabemi baseYerusalem; ababafikela ngemihla kaHezekiya uburhalarhume bukaYehova.
3227UHezekiya ubenobutyebi nozuko olukhulu kunene, wazenzela izindlu zobuncwane besilivere, nobegolide, nobamatye anqabileyo, nobobulawu, nobeengweletshetshe, nobeempahla zonke ezinqwenelekayo,
3228noovimba bendyebo yengqolowa, neyewayini, neyeoli, nezitali zeentlobo zonke zeenkomo, nezibaya zemihlambi.
3229Wazenzela imizi yabalusi bemfuyo yempahla emfutshane, neyeenkomo ezininzi; ngokuba uThixo ubemnike impahla eninzi kunene.
3230UHezekiya lo walivala ithende eliphezulu lamanzi aseGihon, wawahambisa ngaphantsi, esinga ngasentshonalanga komzi kaDavide. UHezekiya waphumelela emsebenzini wakhe wonke.
3231Kodwa ke emcimbini wabathunywa abangamakhumsha, abathetheli baseBhabheli, ababethunyiwe kuye, bebuzisa ngesimanga esabakho ezweni lakhe, uThixo wamshiya, ukuba amlinge, akwazi konke okusentliziyweni yakhe.
3232Ezinye izinto zikaHezekiya, nokwenza kwakhe ngenceba, nanko kubhaliwe embonweni kaIsaya unyana ka-Amotsi, umprofeti, encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli.
3233UHezekiya walala kooyise; bamngcwabela endulini yamangcwaba oonyana bakaDavide. Amzukisa ekufeni kwakhe amaYuda nabemi baseYerusalem. UManase, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
331UManase ubeminyaka ilishumi linamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem.
332Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
333Wabuya wazakha iziganga, awazidilizayo uHezekiya uyise; wabamisela ooBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
334Wazakha izibingelelo endlwini kaYehova, awathi uYehova, KuseYerusalem apho liya kuba khona igama lam ngonaphakade.
335Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova.
336Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
337Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade,
338ndingaphindi ndilususe unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawumisela ooyihlo; kodwa mababe bayakugcina ukukwenza konke endibawisele umthetho ngako, ngokomyalelo wonke nemimiselo namasiko, ngesandla sikaMoses.
339Ke uManase wawalahlekisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ukuba benze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
3310UYehova wathetha kuManase nakubantu bakhe; abaphulaphula.
3311UYehova wabafikisela abathetheli bomkhosi wokumkani waseAsiriya; bambamba uManase ngamakhonkco, bamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, bamsa eBhabheli.
3312Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise.
3313Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguye onguThixo.
3314Emveni koko wakha udonga olungaphandle lomzi kaDavide ngasentshonalanga, lwaya eGihon esihlanjeni, lwaya ekungeneni ngesango leentlanzi, wayizunguleza iOfele, waluphakamisa kakhulu. Wamisa abathetheli bempi emizini yonke enqatyisiweyo kwaYuda.
3315Wabasusa oothixo bolunye uhlanga nemifanekiso endlwini kaYehova, nezibingelelo zonke abezakhe entabeni yendlu kaYehova, naseYerusalem; waziphosa ngaphandle komzi.
3316Wakha isibingelelo sikaYehova, wabingelela phezu kwaso imibingelelo yoxolo neyombulelo; wathi kumaYuda makamkhonze uYehova, uThixo kaSirayeli.
3317Abantu bebesabingelela noko ezigangeni; kodwa babingelela ke kuYehova uThixo wabo yedwa.
3318Ezinye izinto zikaManase, nomthandazo wakhe kuThixo, nokuthetha kweemboni ezibe zithetha kuye egameni likaYehova, uThixo kaSirayeli, nanzo zisemicimbini yookumkani bakwaSirayeli.
3319Nomthandazo wakhe, nokuthandazeka kukaThixo nguye, nezono zakhe, nokumeneza kwakhe, neendawo awakhela kuzo iziganga, wamisa ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazithobi, nanzo zibhaliwe emicimbini kaHozayi.
3320UManase walala kooyise, wangcwatyelwa endlwini yakhe, uAmon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
3321UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem.
3322Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza.
3323Akazithobanga phambi koYehova, njengoko wazithobayo uManase uyise; ke yena lo Amon walikhulisa ityala.
3324Abakhonzi bakhe bamceba, bambulala endlwini yakhe.
3325Abantu belizwe bababulala bonke abacebi abo bokumkani uAmon. Abantu belizwe bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
341UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem.
342Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
343Ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwiziganga, nooAshera, nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
344Bazidiliza phambi kwakhe izibingelelo zooBhahali, neentsika zelanga ezibe ziphezu kwazo, wazigawula; ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo wayaphula, wayicola yaluthuli, wayisasaza phezu kwamangcwaba abo babebingelele kuyo.
345Wawatshisa amathambo ababingeleli phezu kwezibingelelo zabo, wawahlambulula ke amaYuda neYerusalem.
346Nasemizini yakwaManase neyakwaEfrayim neyakwaSimon, kwesa kweyakwaNafetali, emanxuweni azo ngeenxa zonke,
347wazidiliza izibingelelo, wabaqoba ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, wayicola yaluthuli; wazigawula zonke iintsika zelanga ezweni lonke lakwaSirayeli, wabuyela eYerusalem.
348Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bakhe, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo nendlu leyo, wathuma uShafan unyana ka-Atsaliya, noMahaseya umphathi womzi, noYowa unyana kaYowahazi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova uThixo wakhe.
349Beza kuHilekiya umbingeleli oyintloko, bayinikela imali ebizisiwe endlwini kaThixo, abayibuthayo abaLevi, abagcini-mnyango, eyabe ivele esandleni samaManase namaEfrayim, nakumaqongqolo onke akwaSirayeli, nakuwo onke amaYuda namaBhenjamin; babuyela eYerusalem.
3410Bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi, ababephethe indlu kaYehova; bayinikela kubenzi bomsebenzi ababesebenza endlwini kaYehova, ukuba bayilungise bayihlaziye indlu leyo;
3411bayinikela ke kwiingcibi zemithi nakubakhi, ukuba kuthengwe amatye axholiweyo, nemithi yemiqadi yokuhlanganisa, neyophahla lwezindlu, ababeziwisile ookumkani bakwaYuda.
3412Amadoda lawo ebesebenza kuloo msebenzi enyanisekile; abaphathi bawo nguYahati no-Obhadiya, abaLevi, bakoonyana bakaMerari; noZekariya noMeshulam, bakoonyana bakaKehati, abokongamela; nabaLevi bonke abo baziqondayo iimpahla zokuvuma.
3413Babephethe abathwali bemithwalo, bebongamele bonke abasebenzi bomsebenzi ngomsebenzi; abanye abaLevi babengababhali namagosa nabamasango.
3414Ekuyikhupheni kwabo imali ebiziswe endlwini kaYehova, uHilekiya umbingeleli wayifumana Incwadi yomyalelo kaYehova, eyabhalwa ngesandla sikaMoses.
3415Waphendula uHilekiya, wathi kuShafan umbhali, Ndiyifumene incwadi leyo yomyalelo endlwini kaYehova. UHilekiya wayinika uShafan le ncwadi.
3416UShafan wayizisa incwadi kukumkani; kanjako wambuyisela ilizwi ukumkani esithi, Konke obekunikelwe esandleni sabakhonzi bakho, bayakwenza;
3417bayikhuphele imali eyafumanekayo endlwini kaYehova, bayinikela esandleni sabaphathi, nasesandleni sabenzi bomsebenzi.
3418UShafan umbhali waxela kukumkani esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
3419Kwathi akuweva ukumkani amazwi omyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
3420Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya, noAhikam unyana kaShafan, noAbhedon unyana kaMika, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
3421Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.
3422Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo; waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.
3423Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
3424Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiyizisela le ndawo nabemi bayo ububi, zonke iziqalekiso ezibhaliweyo encwadini, abayilesileyo phambi kokumkani wakwaYuda;
3425ngethuba lokuba bandishiyayo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.
3426Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwala mazwi uwavileyo,
3427ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.
3428Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amelulo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
3429Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
3430Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.
3431Wema ukumkani phezu kwendawo yakhe ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, ukuba enze amazwi aloo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi.
3432Wabamisa kuwo bonke abafumanekayo eYerusalem nakwaBhenjamin. Abemi baseYerusalem benza ke ngokomnqophiso kaThixo, uThixo wooyise.
3433UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekayo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Abatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.
351UYosiya wenza ipasika kuYehova eYerusalem; bayixhela ipasika ngosuku lweshumi elinesine lwenyanga yokuqala.
352Wabamisa ababingeleli phezu kwezigxina zabo, wabomelezela enkonzweni yabo yendlu kaYehova.
353Wathi kubaLevi ababeqondisa onke amaSirayeli, ababengcwele kuYehova, Yibekeni ityeya engcwele endlwini, awayakhayo uSolomon unyana kaDavide; ukumkani wakwaSirayeli; aniyi kuyithwala emagxeni. Mkhonzeni kaloku uYehova uThixo wenu, nabantu bakhe amaSirayeli.
354Zilungiseni ngokwezindlu zooyihlo, ngokwamaqela enu, ngokwesibhalo sikaDavide ukumkani wakwaSirayeli, nangokwesibhalo sikaSolomon unyana wakhe;
355nithi engcweleni nimele izahlulo zezindlu zooyise zabazalwana benu, oonyana babantu, iqela eli labaLevi limele indlu enye yooyise.
356Nize niyixhele ipasika, nizingcwalise, niyilungisele abazalwana benu, kwenziwe ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaMoses.
357UYosiya wabarhumela oonyana babantu, bonke abafunyanwayo khona, impahla emfutshane, iimvana, namatakane eebhokhwe, onke lawo angawepasika, engamawaka amashumi mathathu inani; namawaka amathathu eenkomo. Konke oko kwaphuma kwimfuyo yokumkani.
358Abathetheli bakhe babarhumela abantu nababingeleli nabaLevi iminikelo yabaqhutywa yintliziyo. UHilekiya, noZekariya, noYehiyeli, iinganga zendlu kaThixo, babanika ababingeleli amawaka amabini anamakhulu mathandathu amatakane angawepasika, namakhulu amathathu eenkomo.
359UKonaniya noShemaya, noNataniyeli, abazalwana bakhe, noHashabhiya, noYehiyeli, noYozabhadi, abathetheli babaLevi, babarhumela abaLevi amawaka amahlanu amatakane angawepasika, namakhulu omahlanu eenkomo.
3510Yalungiswa ke inkonzo leyo; bema ababingeleli ezindaweni zabo, abaLevi emaqeleni abo, ngokomthetho wokumkani.
3511Bayixhela ipasika; ababingeleli bathabatha igazi ezandleni zabo, balitshiza, abaLevi bahlinza.
3512Bakususa okwamadini anyukayo, ukuba kunikelwe kwizahlulo zezindlu zooyise zoonyana babantu, kusondezwe kuYehova, njengoko kubhaliweyo encwadini kaMoses. Benjenjalo nangeenkomo.
3513Bayosa ipasika ngomlilo ngokwesiko; izinto ezingcwalisiweyo bazipheka ngeembiza, nangongxawu, nangeepani, bagidimisa koonyana bonke babantu.
3514Emveni koko bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli ngokuba ababingeleli, oonyana baka-Aron, babenyusa amadini anyukayo namaqatha, kude kube sebusuku. Ke abaLevi bazilungisela ngokwabo kwanababingeleli, oonyana baka-Aron.
3515Iimvumi, oonyana baka-Asafu, zibe zisezindaweni zazo ngokomthetho kaDavide, noAsafu, noHeman, noYedutun imboni yokumkani; nabamasango emasangweni ngamasango babengesuki enkonzweni yabo; ngokuba abazalwana babo abaLevi babebalungisela.
3516Yalungiswa ke yonke inkonzo kaYehova, ngaloo mini yokwenza ipasika, nokunyusa amadini anyukayo esibingelelweni sikaYehova, ngokomthetho wokumkani uYosiya.
3517Oonyana bakaSirayeli ababekho bayenza ipasika ngelo xesha, nomthendeleko wezonka ezingenagwele, imihla esixhenxe.
3518Bekungazanga kwenziwe pasika ngokwaleyo kwaSirayeli, kususela kwimihla kaSamuweli umprofeti. Ookumkani bonke bakwaSirayeli abazanga benze pasika, ngokwaloo pasika wayenzayo uYosiya, nababingeleli, nabaLevi, nawo onke amaYuda namaSirayeli abekhona, nabemi baseYerusalem.
3519Kwaba ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bukaYosiya, ukwenziwa kwaloo pasika.
3520Emveni kwako konke ukuyilungisa kukaYosiya indlu leyo, kwenyuka uNeko, ukumkani waseYiputa, eza kulwa neKarkemishe ngase-Efrati; uYosiya waphuma, waya kulwa naye.
3521Wathuma abathunywa kuye, wathi, Yintoni na enam nawe, kumkani wakwaYuda? Andize kulwa nawe namhla; ndize endlwini endilwa nayo; uThixo uthe mandikhawulezise; mkhwelele uThixo onam, angakutshabalalisi.
3522Ke uYosiya akabusonganga ubuso bakhe kuye; wazenza mntu wumbi, ukuba alwe naye; akawaphulaphula amazwi kaNeko, aphuma emlonyeni kaThixo; weza kulwa esihlanjeni saseMegido.
3523Abatoli bamtola ukumkani uYosiya; wathi ukumkani kubakhonzi bakhe, Ndishenxiseni, ngokuba ndingxwelerhwe kakubi.
3524Abakhonzi bakhe bamthula enqwelweni, bamkhwelisa kweyesibini inqwelo abenayo, bamsa eYerusalem; wafa, wangcwatyelwa emangcwabeni ooyise. Onke amaYuda neYerusalem amenzela isijwili uYosiya.
3525UYeremiya wamenzela isimbonono uYosiya; zathetha zonke iimvumi neemvumikazi ezimbononweni zazo ngoYosiya, unanamhla. Bazenza ummiselo kwaSirayeli; nanzo zibhaliwe ezimbononweni.
3526Ezinye izinto zikaYosiya, nokwenza kwakhe inceba, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaYehova,
3527nezinto zakhe ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.
361Abantu belizwe bathabatha uYehowahazi, unyana kaYosiya, bamenza ukumkani esikhundleni sikayise eYerusalem.
362UYehowahazi ubeminyaka imashumi mabini anamithathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu engukumkani eYerusalem.
363Ukumkani waseYiputa wamguzula eYerusalem, walihlawulisa ilizwe ikhulu leetalente zesilivere netalente yegolide.
364Ukumkani waseYiputa wamenza uEliyakim, umkhuluwa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda neYerusalem, waliguqula igama lakhe laba nguYehoyakim. UNeko wamthabatha uYehowahazi, umninawa wakhe, wamsa eYiputa.
365UYehoyakim ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Wenza okubi emehlweni kaYehova uThixo wakhe.
366Wenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wameyisa, wamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, ukuba amse eBhabheli.
367UNebhukadenetsare wayisa inxenye yempahla yendlu kaYehova eBhabheli, wayibeka etempileni yakhe eBhabheli.
368Ezinye izinto zikaYehoyakim, namasikizi akhe awawenzayo, nokwafumanekayo kukuye, nanko kubhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda. Waba ngukumkani uYehoyakin, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
369UYehoyakin ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neenyanga ezintathu ezineentsuku ezilishumi engukumkani eYerusalem; wenza okubi phambi koYehova.
3610Ekuveleni komnyaka, ukumkani uNebhukadenetsare wathumela wamzisa eBhabheli, kunye neempahla ezinqwenelekayo zendlu kaYehova; wenza uZedekiya, umninawa wakhe, ukuba abe ngukumkani kwaYuda naseYerusalem.
3611UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem.
3612Wenza okubi phambi koYehova uThixo wakhe, akazithoba ebusweni bukaYeremiya umprofeti, obethetha okwasemlonyeni kaYehova.
3613Kananjalo wagwilika kukumkani, kuNebhukadenetsare, obemfungise uThixo; waba ngontamo ilukuni, wayenza ingqoshomba intliziyo yakhe, ukuze angabuyeli kuYehova, uThixo wakwaSirayeli.
3614Kananjalo bonke abathetheli bababingeleli nabantu bandisa ukwenza ubumenemene ngokwamasikizi onke eentlanga; bayenza inqambi indlu kaYehova, awayingcwalisayo eYerusalem.
3615UYehova, uThixo wooyise, wathumela kubo ngabathunywa bakhe, wanyameka ukuthumela; ngokuba wayenemfesane ngabantu bakhe, nekhaya lakhe.
3616Baye bebagculela abathunywa bakaThixo, bewadela amazwi akhe, bebagxeka abaprofeti bakhe, bada benyuka ubushushu bukaYehova, beza kubantu bakhe, kwada akwabakho mpilo.
3617Wabanyusela ukumkani wamaKaledi; wawabulala amadodana abo ngekrele endlwini yabo engcwele, akaconga ndodana nantombi, nandoda inkulu naxhego; bonke wabanikela esandleni sakhe.
3618Zonke iimpahla zendlu kaThixo, ezinkulu nezincinane, nobuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bokumkani, nobabathetheli bakhe, zonke ezo zinto wazisa eBhabheli.
3619Bayitshisa indlu kaThixo, baludiliza udonga lwaseYerusalem, bawatshisa ngomlilo onke amabhotwe ayo; bazitshabalalisa zonke iimpahla zayo ezinqwenelekayo.
3620Wabafudusela eBhabheli abasindileyo ekreleni; baba ngabakhonzi kuye nakoonyana bakhe, bada bangena ubukumkani bamaPersi;
3621ukuba lizaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, lide ilizwe lanele ziisabatha zalo; ngayo yonke imihla yokuba senkangala kwalo, laphumla, ukuba kuzaliswe iminyaka emashumi asixhenxe.
3622Ke kaloku ngowokuqala umnyaka kaKoreshi, ukumkani wasePersi, ukuze kuzaliseke ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya, uYehova wawuxhokonxa umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi, wahambisa izwi ebukumkanini bakhe bonke, walibhala esithi,
3623Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi, Zonke izikumkani zehlabathi uzinike mna uYehova, uThixo wamazulu. Yena undiyalele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem ekwaYuda. Ubani ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, uYehova uThixo wakhe makabe naye, anyuke.