Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » 1 Kings

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
11Ke kaloku ukumkani uDavide ubeseleyindoda enkulu, ehambisekile ebudaleni; bamgubungela ngeengubo, akaba nakufudumala noko.
12Bathi abakhonzi bakhe kuye, Inkosi yethu ukumkani mayifunelwe inkakazana eseyintombi, ime phambi kokumkani, imonge, ilale esifubeni sakhe, ifudumale inkosi yethu ukumkani.
13Bafuna ke intombi eyinzwakazi emideni yonke yakwaSirayeli, bafumana uAbhishagi waseShunem, bamzisa kukumkani.
14Inkakazana leyo yayiyinzwakazi encamisileyo, yamonga ukumkani, yamlungiselela; ukumkani akayazi.
15Waza uAdoniya unyana kaHagiti waziphakamisa, wathi, Ndiya kuba ngukumkani. Wazenzela iinqwelo zokulwa, nabamahashe, namadoda angamashumi omahlanu okutshayelela phambi kwakhe.
16Uyise ebengamenzanga buhlungu nemini enye ngokuthi, Yini na ukuba wenjenje? Kananjalo ubengumfo osiqu sihle; unina wamzala emva koAbhisalom.
17Wacebisana noYowabhi, unyana kaTseruya, noAbhiyatare umbingeleli; bancedisa, balandela uAdoniya.
18Ke bona ooTsadoki umbingeleli, noBhenaya unyana kaYehoyada, noNatan umprofeti, noShimehi, noRehi, namagorha abe kuDavide, ababanga ngakuAdoniya.
19UAdoniya wabingelela impahla emfutshane neenkomo ezityetyisiweyo ngasetyeni laseZohelete, elisecaleni le-En-rogele; wamema bonke abazalwana bakhe, oonyana bokumkani, namadoda onke akwaYuda, abakhonzi bokumkani.
110Ke bona ooNatan umprofeti, noBhenaya, namagorha, noSolomon umkhuluwa wakhe, akabamema.
111Wathetha uNatan kuBhatshebha, unina kaSolomon, wathi, Akuvanga na ukuba uAdoniya, unyana kaHagiti, ungukumkani; ukanti inkosi yethu uDavide ayiyazi loo nto?
112Yiza ke ngoko, ndikuphe iqhinga, usize umphefumlo wakho, nomphefumlo wonyana wakho uSolomon.
113Hamba uye kukumkani uDavide, uthi kuye, Wawungamfungelanga na umkhonzazana wakho, wena nkosi yam, kumkani, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam? Kungani na ke ukuba abe ngukumkani uAdoniya?
114Uyabona, ndothi, usathetha apho nokumkani, ndingene nam emva kwakho, ndiwazalise amazwi akho.
115Waya ke uBhatshebha kukumkani egumbini; ke ukumkani ubeseleyindoda enkulu kunene: uAbhishagi waseShunem ubelungiselela ukumkani.
116Wathoba uBhatshebha, waqubuda kukumkani. Wathi ukumkani, Unga ntoni na?
117Wathi yena kuye, Nkosi yam, wena wamfungela uYehova uThixo wakho umkhonzazana wakho, wathi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam.
118Kaloku nanku inguAdoniya ukumkani; kanti akwazi wena, nkosi yam kumkani.
119Ubingelele iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi umthetheli-mkhosi; akammema ke yena uSolomon umkhonzi wakho.
120Wena, nkosi yam kumkani, amehlo amaSirayeli onke akuwe, ukuba uwaxelele, ukuba kuhlale bani na etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo.
121Kothi, xa ithe yalala kooyise inkosi yam ukumkani, sibe ngaboni, thina noSolomon unyana wam.
122Uthe esathetha nokumkani, nanko kufika uNatan umprofeti.
123Waxelelwa ukumkani, kwathiwa, Nanku uNatan umprofeti. Wafika ke phambi kokumkani, waqubuda kukumkani ngobuso emhlabeni;
124wathi uNatan, Nkosi yam kumkani, utshilo na wena ukuthi, UAdoniya uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam?
125Ngokuba uhlile namhlanje, wabingelela iinkomo nezinto ezityetyisiweyo, nempahla emfutshane yaninzi, wamema bonke oonyana bokumkani, nabathetheli-mkhosi, noAbhiyatare umbingeleli; nabo ke besidla besela phambi kwakhe, besithi, Makadle ubomi ukumkani uAdoniya.
126Ke akandimemanga mna mkhonzi wakho, noTsadoki umbingeleli, noBhenyana unyana kaYehoyada, noSolomon umkhonzi wakho.
127Ingaba ivela kwinkosi yam ukumkani na le nto, waza akwabazisa abakhonzi bakho oya kuhlala etroneni yenkosi yam ukumkani emveni kwayo?
128Waphendula ukumkani uDavide, wathi, Bizani uBhatshebha eze kum. Weza ke phambi kokumkani, wema phambi kokumkani.
129Wafunga ukumkani, wathi, Ehleli nje uYehova, owawukhululayo umphefumlo wam ekubandezelekeni konke;
130inene, njengoko ndakufungela uYehova uThixo kaSirayeli, ndisithi, USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani emveni kwam, kuhlale yena etroneni yam esikhundleni sam: inene, ndiya kwenjenjalo namhla.
131Wathoba ke uBhatshebha ngobuso emhlabeni, waqubuda kukumkani, wathi, Mayidle ubomi inkosi yam, ukumkani uDavide, ngonaphakade.
132Wathi ukumkani uDavide, Babizeni beze kum apha uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada. Beza ke phambi kokumkani.
133Wathi ukumkani kubo, Thabathani abakhonzi benkosi yenu, bahambe nani, nikhwelise uSolomon unyana wam kowam undlebende, nihle naye niye eGihon;
134bamthambisele khona ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti, abe ngukumkani kumaSirayeli; nivuthele izigodlo, nithi, Makadle ubomi ukumkani uSolomon.
135Nize ninyuke, nimlandele; eze ahlale etroneni yam; abe ngukumkani yena esikhundleni sam. Ndimmisile ukuba abe yinganga kumaSirayeli nakumaYuda.
136Waphendula uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi kukumkani, Amen; makatsho uYehova uThixo wenkosi yam ukumkani.
137Njengokuba uYehova wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo uya kuba noSolomon, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yenkosi yam ukumkani uDavide.
138Wehla ke uTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi; bamkhwelisa uSolomon kundlebende wokumkani uDavide, baya naye eGihon.
139UTsadoki umbingeleli wathabatha isigodlo seoli ententeni, wamthambisa uSolomon, wavuthela izigodlo, bathi bonke abantu, Makadle ubomi ukumkani uSolomon!
140Benyuka bonke abantu, bamlandela, abantu bebetha ugwali, bevuya ngemivuyo emikhulu; wathi ndi umhlaba ngesandi sabo.
141Beva ooAdoniya nabamenywa bakhe bonke, bakukhova ukudla. Wasiva uYowabhi isandi sesigodlo, wathi, Sesani na esi sandi sizamazamisa isixeko?
142Uthe esathetha, nanko kufika uYonatan unyana ka-Abhiyatare umbingeleli. Wathi uAdoniya, Ngena, ngokuba ungumfo onesidima, uza neendaba ezilungileyo.
143Waphendula uYonatan, wathi kuAdoniya, Hayi, inkosi yethu ukumkani uDavide imenze ukumkani uSolomon.
144Ukumkani umkhuphe noTsadoki umbingeleli, noNatan umprofeti, noBhenaya unyana kaYehoyada, nabancinithi, nezigidimi, bamkhwelisa kundlebende wokumkani;
145ooTsadoki umbingeleli noNatan umprofeti bamthambisa ukuba abe ngukumkani eGihon. Benyuka, besuka apho bevuya, sazamazama ke isixeko. Siso ke eso esi sandi nisivayo.
146Kananjalo uSolomon uselehleli etroneni yobukumkani.
147Kananjalo bafikile abakhonzi bokumkani, beza kubonga inkosi yethu, ukumkani uDavide, bathi, UThixo wakho makalilungise igama likaSolomon ngaphezu kwegama lakho, ayikhulise itrone yakhe ngaphezu kwetrone yakho; waqubuda ukumkani esililini.
148Kananjalo wenjenje ukumkani ukuthetha, wathi, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, ondinikileyo namhla owokuhlala etroneni yam, esabona nje amehlo am.
149Bothuka ke bonke abamenywa baka-Adoniya, besuka, bahamba elowo indlela yakhe.
150Woyika uAdoniya ebusweni bukaSolomon, wesuka, waya wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.
151Waxelelwa uSolomon, kwathiwa, Nanko uAdoniya esoyika ukumkani uSolomon; nanko ebambelele ezimpondweni zesibingelelo, esithi, Makandifungele namhlanje ukumkani uSolomon, athi, akayi kumbulala ngekrele umkhonzi wakhe.
152Wathi ke uSolomon, Ukuba uthe wangumfo onesidima, akusayi kuwa lunwele lwakhe emhlabeni; ke ukuba kuthe kwafunyanwa ububi kuye, uya kufa.
153Wathumela ukumkani uSolomon, bamhlisa esibingelelweni; waya waqubuda kukumkani uSolomon. Wathi uSolomon kuye, Hamba ugoduke.
21Yasondela imihla kaDavide yokuba afe; wamwisela umthetho uSolomon unyana wakhe, wathi,
22Ndihamba indlela yehlabathi lonke; yomelela ke ube yindoda,
23ugcine isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezingqino zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo;
24ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
25Kananjalo wena uya kwazi awakwenzayo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni.
26Yenza ngokobulumko bakho, zingehli izimvi zakhe ziye kwelabafileyo enoxolo.
27Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.
28Uyabona, unawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.
29Ngoko uze ungamenzi omsulwa, ngokuba uyindoda elumkileyo wena; uze ukwazi oko uya kukwenza kuye; uzihlisele kwelabafileyo zinegazi izimvi zakhe.
210Walala ke uDavide kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide.
211Ke imihla abengukumkani kumaSirayeli uDavide ibingamashumi omane eminyaka; eHebron wayengukumkani iminyaka esixhenxe; eYerusalem wayengukumkani iminyaka emashumi mathathu anamithathu.
212Wahlala ke uSolomon etroneni kaDavide uyise; baqiniseka kunene ubukumkani bakhe.
213Ke kaloku waya uAdoniya, unyana kaHagiti, kuBhatshebha unina kaSolomon. Wathi yena, Uza ngoxolo na? Wathi, Ngoxolo.
214Wathi, Ndinelizwi nawe. Wathi, Thetha.
215Wathi, Uyazi wena ukuba bebubobam ubukumkani, abe ebubhekise kum ubuso bawo onke amaSirayeli, ukuba ndibe ngukumkani. Bathi guququ ubukumkani, baba bobomninawa wam; ngokuba baba bobakhe, buphuma kuYehova.
216Kungokunje ndicela nto-nye kuwe, uze ungandilanduleli.
217Wathi kuye, Thetha. Wathi ke, Khawuthethe noSolomon ukumkani, ngokuba akayi kukulandulela, andinike uAbhishagi waseShunem, abe ngumkam.
218Wathi uBhatshebha, Kulungile, ndokuthethelela kukumkani.
219Waya ke uBhatshebha kukumkani uSolomon, ukuba athethe naye ngoAdoniya. Wesuka ukumkani waya kumkhawulela, waqubuda kuye, wahlala etroneni yakhe, wammisela itrone unina wokumkani, wahlala ke ngasekunene kwakhe.
220Wathi, Ndicela nto-nye kuwe; uze ungandilanduleli. Wathi ke ukumkani kuye, Cela, ma, ngokuba andiyi kukulandulela.
221Wathi yena, UAbhishagi waseShunem makanikwe uAdoniya, umkhuluwa wakho, abe ngumkakhe.
222Waphendula ukumkani uSolomon, wathi kunina, Yini na ukuba uAdoniya umcelele uAbhishagi waseShunem? Sewumcelela nobukumkani, ngokuba ungumkhuluwa wam; ucelele yena, noAbhiyatare umbingeleli, noYowabhi unyana kaTseruya.
223Ukumkani uSolomon wafunga uYehova, wathi, Makenjenje uThixo kum, aqokele ukwenjenje, ukuba uAdoniya akalithethanga elo lizwi elahla umphefumlo wakhe.
224Ngoko, ehleli nje uYehova, ondiqinisileyo, wandihlalisa etroneni kaDavide ubawo, wandenzela indlu njengoko wakuthethayo, uya kubulawa namhlanje uAdoniya.
225Ukumkani uSolomon wathumela ke ngoBhenaya unyana kaYehoyada; wamgwaza, wafa.
226NakuAbhiyatare umbingeleli wathi ukumkani, Hamba uye eAnatoti, emhlabeni wakho; ngokuba ungumfo wokufa; ke andiyi kukubulala ngale mini; ngokuba wayithwala ityeya yeNkosi uYehova phambi koDavide ubawo, nangokuba ubucinezelwe kuko konke abecinezelwe kuko ubawo.
227USolomon wamgxotha uAbhiyatare ekubeni ngumbingeleli kaYehova; ukuze alizalise ilizwi likaYehova, awalithethayo ngendlu kaEli eShilo.
228Lwafika olu daba kuYowabhi; ngokuba uYowabhi wayethelele kuAdoniya, noko wayengathelelanga kuAbhisalom. UYowabhi wasabela ententeni kaYehova, wabambelela ezimpondweni zesibingelelo.
229Waxelelwa ukumkani uSolomon, ukuba uYowabhi usabele ententeni kaYehova; nanko ecaleni lesibingelelo. USolomon wathuma uBhenaya unyana kaYehoyada, wathi, Yiya umgwaze.
230Waya uBhenaya ententeni kaYehova, wathi kuye, Uthi ukumkani, Phuma. Wathi yena, Hayi; ndiya kufela apha. UBhenaya wambuyisela ukumkani ilizwi, esithi, Wenjenje ukuthetha uYowabhi, wenjenje ukundiphendula.
231Wathi ukumkani kuye, Yenza njengoko athethe ngako, umgwaze, umngcwabe, uwasuse kum nakwindlu kabawo amagazi amsulwa, awawaphalazayo uYowabhi.
232UYehova wolibuyisela entlokweni yakhe igazi lakhe, owawela amadoda amabini angamalungisa, alungileyo kunaye, wawabulala ngekrele, engazi ubawo uDavide, angooAbhinere unyana kaNere, umthetheli-mkhosi wakwaSirayeli, noAmasa unyana kaYetere, umthetheli-mkhosi wakwaYuda.
233Obuyela amagazi awo entlokweni kaYowabhi, nasentlokweni yembewu yakhe ngonaphakade; kuDavide, nakwimbewu yakhe, nakwindlu yakhe, nakwitrone yakhe, ibe luxolo olungunaphakade, luvela kuYehova.
234Wenyuka ke uBhenaya unyana kaYehoyada, wamgwaza, wambulala; wangcwatyelwa endlwini yakhe entlango.
235Ukumkani wamisa uBhenaya, unyana kaYehoyada, esikhundleni sakhe phezu komkhosi; ukumkani wamisa uTsadoki umbingeleli esikhundleni sika-Abhiyatare.
236Wathumela ukumkani, wabiza uShimehi, wathi kuye, Zakhele indlu eYerusalem, uhlale khona, ungaphumi khona, uye phi naphi;
237kothi, mini uthe waphuma, wawela umlanjana oyiKidron, wazi inene ukuba uya kufa; igazi lakho loba phezu kwentloko yakho.
238Wathi uShimehi kukumkani, Lilungile elo lizwi; njengoko ithethe ngako inkosi yam ukumkani, uya kwenjenjalo umkhonzi wakho. Wahlala ke uShimehi eYerusalem imihla emininzi.
239Kwathi ekupheleni kweminyaka emithathu, kwazimela izicaka ezibini zikaShimehi, zaya kuAkishe unyana kaMahaka, ukumkani waseGati. Waxelelwa uShimehi, kwathiwa, Yabona, izicaka zakho ziseGati.
240Wesuka uShimehi, wabopha iesile lakhe, waya eGati kuAkishe, efuna izicaka zakhe ezo; uShimehi waya eGati, weza nazo izicaka zakhe.
241Waxelelwa uSolomon, ukuba uShimehi uphumile eYerusalem, waya eGati wabuya.
242Wathumela ke ukumkani, wambiza uShimehi, wathi kuye, Bendingakufungise uYehova yini na, ndakuqononondisa, ndisithi, Mini uthe waphuma waya phi naphi, yazi inene ukuba uya kufa? Wathi ke wena kum, Lilungile elo lizwi, ndilivile.
243Kungani na ke ukuba ungasigcini isifungo sikaYehova, nomthetho endakuwiselayo?
244Wathi ukumkani kuShimehi, Uyabazi wena bonke ububi obaziwa yintliziyo yakho, owabenzayo kuDavide ubawo; uya bubuyisela uYehova ububi bakho kwasentlokweni yakho;
245asikelelwe ukumkani uSolomon, iqiniseke itrone kaDavide phambi koYehova, kude kuse ephakadeni.
246Ukumkani wamwisela ke umthetho uBhenaya unyana kaYehoyada; waphuma wamgwaza, wafa. Ubukumkani baqiniseka esandleni sikaSolomon.
31USolomon ke wakha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke.
32Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla.
33USolomon ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise; kodwa ke ubebingelela eqhumisela ezigangeni yena.
34Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isiganga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo.
35UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.
36Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla.
37Kaloku, Yehova Thixo wam, wena umenze umkhonzi wakho lo wangukumkani esikhundleni sikaDavide ubawo; ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena.
38Umkhonzi wakho lo uphakathi kwabantu bakho obanyulileyo, abantu abaninzi, abangenakubalwa, abangenakuxelwa ukuba baninzi.
39Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?
310Lalunga elo lizwi emehlweni eNkosi ukuba uSolomon acele loo nto.
311Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucele le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenze ngokwelizwi lakho.
312Uyabona, ndikunikile intliziyo enobulumko enokuqonda, ekungabangakho unjengawe phambi kwakho, ekungayi kuvela unjengawe emva kwakho.
313Kananjalo oko ungakucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho.
314Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.
315Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.
316Ngelo xesha kweza kukumkani amankazana amabini angamahenyukazi, ema phambi kwakhe.
317Yathi enye inkazana, Camagu, nkosi yam! Thina nale nkazana sihlala ndlwini-nye; ndazala, ndinayo kuloo ndlu.
318Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu.
319Wafa unyana wale nkazana ebusuku, ngokusuka ilale phezu kwakhe.
320Yavuka phakathi kobusuku, yamthabatha unyana wam ecaleni lam, elele umkhonzazana wakho lo, yamlalisa esifubeni sayo, yathi unyana wayo ofileyo yamlalisa esifubeni sam.
321Ndavuka kusasa, ukuba ndimanyise unyana wam, O! ufile; ndaza ndamgqala kusasa, yini le, asingunyana wam endamzalayo.
322Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.
323Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo.
324Wathi ukumkani, Ndithabatheleni ikrele. Balizisa ke ikrele phambi kokumkani.
325Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.
326Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwayimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni.
327Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningambulali; nguye unina.
328Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebe ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.
41Ukumkani uSolomon waba ngukumkani wamaSirayeli onke.
42Ngabo aba ke abathetheli abenabo: nguAzariya, unyana kaTsadoki, umbingeleli;
43ngooElihorefe noAhiya, oonyana bakaShisha, ababhali; nguYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu;
44nguBhenaya, unyana kaYehoyada, obephethe umkhosi; ngooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli;
45nguAzariya, unyana kaNatan, obephethe abongameli; nguZabhudi, unyana kaNatan, umbingeleli, obengumhlobo wokumkani;
46nguAhishare obephethe indlu; nguAdoniram unyana ka-Abheda, obephethe abafakwa uviko.
47USolomon ubenabongameli abalishumi elinababini phezu kwamaSirayeli onke, ababemxhasa ukumkani nendlu yakhe: elowo ubexhasa ngenyanga yakhe ngomnyaka.
48Ngawo ke la amagama abo: nguBhen-hure, wakweleentaba lakwaEfrayim;
49nguBhen-dekere eMakatse, naseShahalebhim, naseBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan;
410nguBhen-hesede eArubhoti; yayikuye iSoko, nelizwe lonke lakwaHefere;
411nguBhen-abhinadabhi ezindulini zonke zaseDore: uTafati intombi kaSolomon ibingumkakhe;
412nguBhahana unyana ka-Ahiludi eTahanaki naseMegido, naseBhete-shehan yonke esecaleni laseTsaretan, ezantsi kweYizereli, kwathabathela eBhete-shehan, kwesa eAbhele-mehola, kwesa ele kowakwaYokemeham;
413nguBhen-gebhere eRamoti yaseGiliyadi, enamagxamesi akwaYahire unyana kaManase aseGiliyadi, enommandla waseArgobhi oseBhashan: amashumi amathandathu emizi emikhulu eneendonga nemivalo yobhedu;
414nguAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim;
415nguAhimahatse kwaNafetali: yena kananjalo wazeka uBhasemati, intombi kaSolomon, yangumkakhe;
416nguBhahana unyana kaHushayi, kwa-Ashere naseAloti;
417nguYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare;
418nguShimehi unyana kaEla, kwaBhenjamin; nguGebhere unyana kaUri,
419elizweni laseGiliyadi, ezweni lakwaSihon ukumkani wama-Amori, nelakwaOgi ukumkani waseBhashan; ekuphela komongameli obekwelo zwe.
420AmaYuda namaSirayeli ebemaninzi, enjengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi, esidla, esela, evuya.
421USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo, naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.
422Ke ukudla kukaSolomon kwamini-nye bekungamashumi omathathu eekore zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,
423ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.
424Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye.
425Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon.
426USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo.
427Abo bongameli babemxhasa ukumkani uSolomon, nabo bonke abasondela etafileni yokumkani uSolomon, elowo exhasa ngenyanga yakhe; bekungasweleki nto.
428Irhasi nomququ wamahashe, nowamahashe aziimbaleki, babeyizisa endaweni apho ibifanele ukuba khona, elowo njengokumiselwa kwakhe.
429UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle.
430Ubulumko bukaSolomon bebubuninzi ngaphezu kobulumko boonyana bonke basempumalanga, naphezu kobulumko bonke bamaYiputa.
431Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi. Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke.
432Wathetha amawaka amathathu emizekeliso; zathi neengoma zakhe zaliwaka elinantlanu.
433Wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare waseLebhanon, ase nakwihisope ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo, nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi.
434Baye bevela ezintlangeni zonke, besiza kuva ubulumko bukaSolomon bevela kookumkani bonke bomhlaba, ababebuvile ubulumko bakhe.
51Wathuma ke uHiram, ukumkani waseTire, abakhonzi bakhe kuSolomon; kuba ubevile ukuba uthanjisiwe ukuba abe ngukumkani, esikhundleni sikayise; ngokuba uHiram ubehleli emthanda uDavide yonke imihla.
52Wathumela uSolomon kuHiram, esithi,
53Uyazi wena ukuba uDavide ubawo ubengenako ukulakhela igama likaYehova uThixo wakhe indlu, ngenxa yeentshaba ezibe zimjikelezile, wada uYehova wazibeka ngaphantsi kweentende zeenyawo zakhe.
54Kaloku ke undiphumzile uYehova, uThixo wam, ngeenxa zonke; akukho lutshaba, akukho sihlo sibi.
55Uyabona, ndithi ndiza kulakhela indlu igama likaYehova uThixo wam, njengoko wakuthethayo uYehova kuDavide ubawo, esithi, Unyana wakho, endiya kumbeka esikhundleni sakho etroneni yakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
56Ngoko ke wisa umthetho, bandigawulele imisedare eLebhanon; abakhonzi bam babe nabakhonzi bakho; ndikunike umvuzo wabakhonzi bakho, njengako konke owokuthetha; ngokuba uyazi wena, ukuba kuthi apha akukho ndoda ikwaziyo ukugawula imithi njengamaTsidon.
57Kwathi, akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kunene, wathi, Makabongwe uYehova namhla, omnikileyo uDavide unyana olumkileyo, wokubaphatha aba bantu baninzi kangaka.
58Wathumela uHiram kuSolomon, esithi, Ndikuvile oko undithumele khona; ndokwenza konke ukuthanda kwakho mna ngemisedare nangemisipres.
59Abakhonzi bam boyihlisa eLebhanon, bayise elwandle; ndiyihlanganise ndiyidadise elwandle, ndiyise kuloo ndawo wondimisela yona, ndiyikhulule khona, uyithabathe khona; ke wena wenze ukuthanda kwam, ngokuyinika ukudla indlu yam.
510Waye ke uHiram emnika uSolomon imisedare nemisipres ngangokuthanda kwakhe konke.
511USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.
512UYehova wamnika ubulumko uSolomon, njengoko wayekuthethile kuye; lwaba luxolo phakathi koHiram noSolomon: benza umnqophiso bobabini.
513Ukumkani uSolomon wahlahla abafakwa uviko kumaSirayeli onke; abo bafakwa uviko babengamashumi omathathu amawaka amadoda.
514Wabathuma eLebhanon, ishumi lamawaka ngenyanga, bekhululana; inyanga enye babe seLebhanon, iinyanga ezimbini babe sekhaya; ke uAdoniram ubephethe abo bafakwa uviko.
515USolomon ebenamashumi asixhenxe amawaka athwala imithwalo, namashumi osibhozo amawaka abeqingqa amatye ezintabeni;
516bebodwa abathetheli abangabongameli bakaSolomon, ababewuphethe umsebenzi, bengamawaka amathathu anamakhulu mathathu, ababenobukhosi ebantwini ababewusebenza loo msebenzi.
517Wawisa umthetho ukumkani, bemba amatye amakhulu, amatye anqabileyo, amatye aqingqiweyo okuseka indlu.
518Baqingqa ke abakhi bakaSolomon, nabakhi bakaHiram, nabaseGebhali, balungisa imithi namatye okuyakha indlu.
61Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omane anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesine uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo.
62Loo ndlu ukumkani uSolomon wamakhelayo uYehova ibiziikubhite ezimashumi mathandathu ubude bayo, iziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bayo, iziikubhite ezimashumi mathathu ukuphakama kwayo.
63Ivaranda, ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu.
64Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi.
65Wakha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke;
66udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingafakwa ezindongeni zendlu.
67Indlu ekwakhiweni kwayo yakhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo.
68Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu.
69Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare.
610Wakha ke umayamo endlwini yonke, waziikubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare.
611Lafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi,
612Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo;
613ndihlale phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli.
614Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba.
615Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres.
616Wakha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele.
617Yayingamashumi amane eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili.
618Yayimisedare kule ndlu ngaphakathi, ilukrolo lwamathangazana neentyantyambo ezithe bhenqe; yangumsedare yonke; akwabonakala litye.
619Walungisa indawo yezihlabo endlwini ngaphakathi, ukuba ibekwe khona ityeya yomnqophiso kaYehova.
620Umphakathi wendawo yezihlabo ubuziikubhite ezimashumi mabini ubude bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ukuphakama kwawo; wawaleka ngegolide ethe shinyi, wasaleka nesibingelelo ngomsedare.
621Wayaleka ke uSolomon indlu ngaphakathi ngegolide ethe shinyi, wavala ngemixokelelwane yegolide ngaphambi kwendawo yezihlabo, wasaleka ngegolide.
622Wayaleka ngegolide yonke ke indlu, wada wayigqiba yonke indlu; nesibingelelo sonke esibe sisendaweni yezihlabo wasaleka ngegolide.
623Endaweni yezihlabo wenza iikerubhi zambini ngeminquma yasendle: zalishumi leekubhite ukuphakama kwazo.
624Libe liziikubhite ezintlanu elinye iphiko lekerubhi, libe liziikubhite ezintlanu elesibini iphiko lekerubhi: zaba ziikubhite ezilishumi, zithabathela encamini yelinye iphiko layo, zise encamini yelinye iphiko layo.
625Ibiziikubhite ezilishumi neyesibini ikerubhi: ubumnye umlinganiso, kukunye ukubonakala kweekerubhi zombini.
626Ukuphakama kwenye ikerubhi bekuziikubhite ezilishumi, bekunjalo nakweyesibini ikerubhi.
627Wazibeka iikerubhi ezo ngaphakathi kwengaphakathi indlu; oluka amaphiko eekerubhi: lafikelela iphiko lenye eludongeni, lathi iphiko lekerubhi yesibini lafikelela kolunye udonga; aza amaphiko azo afikelelana esazulwini sendlu: elinye iphiko lafikelela kwelinye iphiko.
628Wazaleka iikerubhi ezo ngegolide.
629Wathi zonke iindonga zendlu ngeenxa zonke wazikrola imikrolo, zaba nemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, ngaphakathi nangaphandle.
630Umgangatho wendlu wawaleka ngegolide ngapha nangapha.
631Umnyango wendawo yezihlabo wawenzela iingcango ngeminquma; ulungqu lwemigubasi belusisahlulo sesihlanu sodonga.
632Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu.
633Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesine sodonga.
634Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.
635Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni.
636Wakha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo.
637Yasekwa ngomnyaka wesine, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova;
638ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe.
71Eyakhe indlu uSolomon wayakha iminyaka elishumi elinamithathu, wayigqiba indlu yakhe yonke.
72Kuba wakha nendlu yehlathi laseLebhanon: yalikhulu leekubhite ubude bayo, yangamashumi amahlanu eekubhite ububanzi bayo, yangamashumi amathathu eekubhite ukuphakama kwayo, phezu kwemikrozo emine yeentsika zomsedare, ezinemiqadi echweliweyo yemisedare phezu kweentsika ezo.
73Yafulelwa ngemisedare phezulu, phezu kwamagumbi abe ephezu kweentsika ezingamashumi amane anantlanu; aba lishumi elinantlanu lukrozweni lunye.
74Imiqadi ibiyimikrozo emithathu, ikroba likhangelene nekroba kathathu.
75Zonke iingcango nemigubasi yayimbombo-ne, iyimithi; ikroba lilunge nekroba kathathu.
76Wenza ivaranda yeentsika: yaziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bayo, neekubhite ezimashumi mathathu ububanzi bayo, zinevaranda engaphambi kwazo, neentsika nezinyuko phambi kwazo.
77Wenza nevaranda yetrone, apho abethetha khona amatyala, iyivaranda yamatyala, wayifulela ngemisedare, ethabathela komnye umgangatho wesa komnye umgangatho.
78Indlu yakhe abehlala kuyo, ekwenye intendelezo phakathi ngasevarandeni, yasetyenzwa kwangokunjalo. Wayenzela indlu intombi kaFaro, awayizekayo uSolomon, yanjengaloo varanda.
79Zonke ezo zinto bezizezamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, asarhiweyo ngeesarha, ngaphakathi nangaphandle; ethabathela esisekweni esa elungqwini, ethabathela nangaphandle esa entendelezweni enkulu.
710Useko lwalungamatye anqabileyo, amatye amakhulu, amatye eekubhite ezilishumi, amatye eekubhite ezisibhozo.
711Ngaphezulu yabe ingamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, nemisedare.
712Intendelezo enkulu ejikelezayo yayineengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nocamba lwemisedare echweliweyo; njengentendelezo engaphakathi yendlu kaYehova, nevaranda yendlu layo.
713Wathumela ukumkani uSolomon, wathabatha uHuram eTire.
714Yena ebengunyana womhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, uyise ebengumTire, ingcibi yobhedu; wayezele bubulumko nayingqondo, nakukwazi ukwenza yonke imisebenzi yobhedu. Weza ke kukumkani, kuSolomon, wayenza yonke imisebenzi yakhe.
715Wayila iintsika zambini zobhedu: zalishumi elinesibhozo iikubhite ukuphakama kwentsika inye, nomtya oziikubhite ezilishumi elinambini ukuthandela intsika inye.
716Wenza iingqukuva zambini ngobhedu olutyhidiweyo, zokubekwa emantloko eentsika ezo: ukuphakama kwengqukuva enye kuziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwengqukuva yesibini kuziikubhite ezintlanu.
717Wenza iminatha, umsebenzi onguphinyephinye, nezidanga, umsebenzi osontelwe ezingqukuveni, ezisemantloko eentsika ezo: yasixhenxe kwenye ingqukuva, yasixhenxe kweyesibini ingqukuva.
718Wenza ke iirharnate, imikrozo emibini yokuwujikeleza omnye umnatha, yokugubungela iingqukuva ezisemantloko eentsika, wenjenjalo nakweyesibini ingqukuva.
719Iingqukuva ezisemantloko eentsika ezo zibe zingumsebenzi oyinyibiba, ngokwevaranda, ziziikubhite ezine;
720iingqukuva ezisezintsikeni ezo zombini wazenza nangaphezulu, kufuphi nesisu esalekwe ngomnatha, neerharnate ezimakhulu mabini, zikrozile zajikeleza engqukuveni yesibini.
721Wazimisa iintsika evarandeni yetempile, wayimisa intsika yasekunene, wathi igama layo nguZinzisayo; wayimisa intsika yasekhohlo, wathi igama layo nguMandlakuye.
722Phezu kweentloko zeentsika ezo bekukho umsebenzi weenyibiba. Wagqitywa ke umsebenzi weentsika.
723Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke.
724Ngaphantsi kodini lwalo ngeenxa zonke yangamathangazana alishumi kubhitini-nye, azunguleza ulwandle olo ngeenxa zonke; eyimikrozo emibini amathangazana, athyidwa nalo ekutyhidweni kwalo.
725Lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe kuzo ngaphezulu, imiva yazo zonke isinge phakathi.
726Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lulingene amawaka amabini eebhate.
727Wenza iingqwelwana zalishumi ngobhedu; baziikubhite ezine ubude benqwelwana inye, baziikubhite ezine ububanzi bayo, kwaziikubhite ezintathu ukuphakama kwayo.
728Kwakunje ukwenziwa kwenqwelwana: zazineepanele phakathi kwemiqhele;
729naphezu kweepanele eziphakathi kwemiqhele ibiziingonyama neenkomo neekerubhi; naphezu kwemiqhele bekukho useko ngaphezulu; ngaphantsi kweengonyama neenkomo bekukho izidanga, umsebenzi ojingayo.
730Inqwelwana inye yabe ineevili ezine zobhedu, neeasi zobhedu; iinyawo zazo zozine zazinamagxa; ngaphantsi kwezitya zokuhlambela ingamagxa lawo atyhidiweyo, ngaphaya kwelinye ibizizidanga.
731Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-ne, azaba zinqila.
732Ngaphantsi kweepanele yabe iziivili ezine, iiasi zeevili ezo bezimi enqwelwaneni; ukuphakama kwevili kwakuyikubhite nesiqingatha sekubhite.
733Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke.
734Amagxa omane abesezimbombeni zone zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo.
735Emphezulwini wenqwelwana kwakukho inqila ngeenxa zonke; ukuphakama kwawo kusisiqingatha sekubhite; phezu komphezulu wenqwelwana kwaphuma izinto zokubamba neepanele.
736Emacebeni azo okubamba, nasezipaneleni zawo, wakrola iikerubhi neengonyama namasundu, ngangebala lalo elinye, nezidanga ngeenxa zonke.
737Wenjenjalo ukuzenza iinqwelwana ezilishumi: waba mnye umtyhido, waba mnye umlinganiso, kwaba kunye ukubonakala kwazo zonke.
738Wenza ke izitya zokuhlambela zalishumi ngobhedu; sisinye isitya sokuhlambela salingana amashumi amane eebhate: sisinye isitya sokuhlambela siziikubhite ezine; sasisitya sokuhlambela enqwelwaneni kuzo zoshumi.
739Wabeka iinqwelwana zantlanu ngecala lokunene layo indlu, wabeka zantlanu ngecala lasekhohlo layo indlu; walubeka ulwandle ngecala lokunene layo indlu, lwabheka empumalanga malunga ezantsi.
740UHuram wazenza nezitya zokuhlambela, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ke ukuwenza wonke umsebenzi abewenzela ukumkani uSolomon, wendlu kaYehova:
741iintsika zombini, neembumba zeengqukuva ebezisemantloko eentsika ezo zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva ebezisemantloko eentsika;
742neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini: imikrozo emibini yeerharnate kumnatha umnye yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni;
743neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni;
744nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;
745neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezo bhedu olubengezelayo.
746Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.
747Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; abafumaneka ubunzima bobhedu olo.
748Wazenza ke uSolomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;
749neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide,
750nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe.
751Wagqitywa ke wonke umsebenzi, abewenzela indlu kaYehova ukumkani uSolomon. Wazingenisa uSolomon zonke Izinto, abezingcwalisile uDavide uyise, isilivere negolide, wazibeka iimpahla ezo endaweni yobuncwane bendlu kaYehova.
81Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, izikhulu zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova, iphume emzini kaDavide: yiZiyon ke leyo.
82Abizelwa ndawonye kukumkani uSolomon onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni ngenyanga enguEtanim: yinyanga yesixhenxe ke leyo.
83Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli; bayithwala ababingeleli ityeya leyo.
84Benyuka nayo ityeya kaYehova, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele ezibe zisententeni; benyuka nazo ababingeleli nabaLevi.
85Ke ukumkani uSolomon nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselene kuye, linaye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
86Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi.
87Ngokuba iikerubhi zaye ziwolulele amaphiko phezu kwendawo yetyeya, iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.
88Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda engcweleni phambi kwendawo yezihlabo, azabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.
89Kwakungekho nto etyeyeni, yayingamacwecwe amabini amatye kuphela, awawabeka khona uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo ezweni laseYiputa.
810Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu layizalisa indlu kaYehova.
811Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.
812Waza wathi uSolomon, UYehova wathi, uya kuhlala esithokothokweni.
813Ukukwakhela, ndikwakhele indlu, ukuba ibe yeyokuhlala wena, indawo yokuhlala wena ngonaphakade.
814Wee guququ ukumkani walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli (laye ke limi lonke ibandla lakwaSirayeli).
815Wathi yena, Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli, owathetha ngomlomo wakhe kuDavide ubawo, wakuzalisa ngesandla sakhe, esithi,
816Kususela kwimini yokubakhupha kwam abantu bam amaSirayeli eYiputa, andinyulanga mzi ezizweni zonke zakwaSirayeli wokwakha indlu, yokuba libe khona igama lam; ndanyula uDavide ukuba abe phezu kwabantu bam amaSirayeli.
817Kwaye kukho entliziyweni kaDavide ubawo ukuthi alakhele indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.
818Wathi uYehova kuDavide ubawo, Ngenxa enokuba kwakukho entliziyweni yakho ukuthi ulakhele indlu igama lam, walungisa ngokuthi kubekho oko entliziyweni yakho;
819noko ke akusayi kuyakha indlu wena: unyana wakho ophuma esinqeni sakho, nguye oya kulakhela indlu igama lam.
820Ulimisile ke uYehova ilizwi lakhe awalithethayo; ndivelile endaweni kaDavide ubawo, ndahlala etroneni yakwaSirayeli, njengoko wakuthethayo uYehova; ndalakhela indlu igama likaYehova uThixo kaSirayeli.
821Ndayimisela khona indawo yetyeya, apho ukhona umnqophiso kaYehova, awawenzayo nobawo bethu ekubakhupheni kwakhe ezweni laseYiputa.
822Wema ke uSolomon phambi kwesibingelelo sikaYehova, ebusweni bebandla lonke lamaSirayeli, wazolulela ezulwini izandla zakhe.
823Wathi: Yehova Thixo kaSirayeli, akukho unjengawe, ezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi, ubagcinelayo umnqophiso nenceba abakhonzi bakho abahamba phambi kwakho ngentliziyo yabo yonke;
824umgcineleyo umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye; wakuthetha ngomlomo wakho, wakuzalisa ngesandla sakho, njengoko kunjalo namhla.
825Kaloku, Yehova, Thixo kaSirayeli, mgcinele umkhonzi wakho uDavide ubawo oko wakuthethayo kuye, usithi, Ebusweni bam akuyi kunqunyukelwa ndoda yakuhlala etroneni yakwaSirayeli; ukuba kodwa bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, bahamba phambi kwam, njengoko uhambe phambi kwam wena.
826Kaloku, Thixo kaSirayeli, makanyaniseke amazwi akho, owawathethayo kumkhonzi wakho uDavide ubawo.
827Gxebe uThixo angade ahlale emhlabeni na? Yabona, amazulu, amazulu awo amazulu, akakulingene; hina ke, yona le ndlu ndiyakhileyo!
828Noko ke kunonelele ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, Yehova Thixo wam, ukuphulaphule ukumemelela nokuthandaza, athandaza ngako umkhonzi wakho phambi kwakho namhla;
829ukuba amehlo akho akhangele kule ndlu ubusuku nemini, kwindawo othe, Liya kuba kuyo igama lam; uphulaphule umthandazo athandaza ngawo umkhonzi wakho kule ndawo.
830Phulaphula ukutarhuzisa komkhonzi wakho, nabantu bakho amaSirayeli, abaya kuthandaza ngako kule ndawo; uve ke wena endaweni ohlala kuyo emazulwini; uve ke uxolele.
831Xa athe umntu wona ummelwane wakhe, wathwaliswa isifungo, wafungiswa, weza wafunga phambi kwesibingelelo sakho kule ndlu:
832yiva ke wena emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho; umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe phezu kwentloko yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.
833Xa bathe abantu bakho, amaSirayeli, boyiswa ziintshaba zabo, kuba bekonile, baza babuyela kuwe, balivuma igama lakho, bathandaza batarhuzisa kuwe bekule ndlu:
834yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika ooyise.
835Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula, kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:
836yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.
837Xa kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sakho:
838ukuthandaza, nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe besazi elowo isibetho sentliziyo yakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo:
839yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele; wenze, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana bonke babantu);
840ukuze bakoyike yonke imihla abahleli ngayo emhlabeni owawunika oobawo.
841Kananjalo owolunye uhlanga, ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho
842(ngokuba baya kuliva igama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo); weza ke lowo, wathandaza ekule ndlu:
843yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zomhlaba zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba ibizwe ngegama lakho le ndlu ndiyakhileyo.
844Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa notshaba lwabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuYehova, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:
845yiva ke emazulwini ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.
846Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babasa ezweni lotshaba olo, nokuba likude nokuba likufuphi;
847baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya, batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, senza ubugwenxa, senza okungendawo;
848babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe leentshaba zabo ezibathimbileyo, bathandaza kuwe, bebhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:
849yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele,
850ubaxolele abantu bakho ngoko kona, nokukreqa kwabo konke abakreqe ngako kuwe, ubenzele imfesane phambi kwababathimbileyo, basikwe bona yimfesane ngabo.
851Ngokuba ngabantu bakho, nelifa lakho, owabakhuphayo eYiputa ezikweni lesinyiti;
852ukuba amehlo akho akhangele ekutarhuziseni komkhonzi wakho, nasekutarhuziseni kwabantu bakho amaSirayeli, ukuba ubeve ekukunquleni kwabo konke.
853Ngokuba wabahlula wena ezizweni zonke zomhlaba, ukuba babe lilifa lakho, njengoko wakuthetha ngoMoses umkhonzi wakho, ekubakhupheni kwakho oobawo eYiputa, Nkosi Yehova.
854Kwathi xa agqibileyo ukuthandaza uSolomon kuYehova konke oko kuthandaza nokutarhuzisa, wesuka phambi kwesibingelelo sikaYehova ekuguqeni ngamadolo akhe, ezolulele ezulwini izandla zakhe.
855Wema, walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli ngezwi elikhulu, wathi,
856Makabongwe uYehova, obanike ukuphumla abantu bakhe amaSirayeli, njengoko konke wakuthethayo; akwaphalala nalinye ilizwi kuwo onke amazwi akhe alungileyo, awawathethayo ngoMoses umkhonzi wakhe.
857UYehova uThixo wethu makabenathi, njengokuba wayenoobawo bethu; angasishiyi, angasilahli;
858ukuze ayithobele kuye intliziyo yethu, sihambe ngeendlela zakhe zonke, sigcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, njengoko abebawisele umthetho ngako oobawo.
859Makathi nala mazwi am, nditarhuzisileyo ngawo phambi koYehova, asondele kuYehova uThixo wethu, imini nobusuku, ukuba amgwebele umkhonzi wakhe, abagwebele abantu bakhe amaSirayeli, into yemini ngemini yayo;
860ukuze zazi zonke izizwe zomhlaba, ukuba uYehova nguye uThixo, akukho wumbi.
861Mayiphelele intliziyo yenu kuYehova uThixo wethu, ukuba nihambe ngemimiselo yakhe, niyigcine imithetho yakhe, njengoko kunjalo namhla.
862Waye ke ukumkani, namaSirayeli onke kunye naye, ebingelela imibingelelo phambi koYehova.
863Wabingelela ke uSolomon imibingelelo yokubulela, awayibingelelayo kuYehova; amashumi amabini anesibini amawaka eenkomo, ikhulu elinamanci amabini lamawaka empalula emfutshane. Bayisungula ke indlu kaYehova, ukumkani lowo noonyana bonke bakaSirayeli.
864Ngaloo mini ukumkani wawungcwalisa umphakathi wentendelezo ephambi kwendlu kaYehova. Ngokuba wenza khona idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela; kuba isibingelelo sobhedu esiphambi koYehova besisincinane, singenakulamkela idini lonke elinyukayo, nomnikelo wokudla, namanqatha emibingelelo yokubulela.
865Ngelo xesha uSolomon wenza umthendeleko, enamaSirayeli onke, ibandla elikhulu, elithabathele ekungeneni kweHamati, lesa emlanjeni waseYiputa, phambi koYehova uThixo wethu, iintsuku ezisixhenxe neentsuku ezisixhenxe, zaziintsuku ezilishumi elinesine.
866Ngosuku lwesibhozo wabandulula abantu. Bambonga ukumkani, baya ke ezintenteni zabo, bevuya, bechwayithile ngenxa yokulunga konke awakwenzayo uYehova kuDavide umkhonzi wakhe, nakumaSirayeli abantu bakhe.
91Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona,
92wabonakala uYehova kuSolomon okwesibini, njengoko wayebonakele kuye eGibheyon.
93Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
94Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwenze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am:
95ndoyimisa itrone yobukumkani bakho phezu kwamaSirayeli ngonaphakade, njengoko ndakuthethayo kuDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.
96Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo:
97ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwalisele igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke.
98Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?
99Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyayo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.
910Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani
911(uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare nangemisipres, nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili.
912Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: ayalunga emehlweni akhe.
913Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli unanamhla.
914UHiram wayethumele kukumkani ikhulu elinamanci mabini eetalente zegolide.
915Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.
916Kwakunyuke uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe.
917USolomon wayakha ke iGezere, neBhete-horon yasezantsi;
918neBhahalati, neTademore esentlango kwelo zwe;
919nemizi engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yeenqwelo, nemizi yabamahashe, nokulangazelela kukaSolomon awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.
920Bonke abantu abaseleyo kuma-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababengengabo abakoonyana bakaSirayeli,
921oonyana babo abasala emva kwabo ezweni, ababengenako oonyana bakaSirayeli ukubasingela phantsi, wabahlahla uSolomon, ukuba babe ngamakhoboka afakwa uviko unanamhla.
922Ke koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga khoboka; kuba bona baba ngamadoda akhe okulwa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabaphathi-mikhosi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.
923Abo bathetheli babengabongameli abaphezu komsebenzi kaSolomon; babengamakhulu amahlanu anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini abenza loo msebenzi.
924Yathi yakuthi ukunyuka intombi kaFaro, iphuma emzini kaDavide, isiza endlwini yayo abeyakhele, waqala wayakha iMilo.
925USolomon ubenyusa kathathu ngomnyaka amadini anyukayo, nemibingelelo yokubulela, esibingelelweni abesakhele uYehova, aqhumisele kweso siphambi koYehova. Wayigqiba indlu.
926Ukumkani uSolomon wenza isinqanawa e-Etsiyon-gebhere, ese-Eloti, elunxwemeni loLwandle oluBomvu, ezweni lakwaEdom.
927UHiram wathuma ke ngesinqanawa eso abakhonzi bakhe, amadoda eenqanawa, alwaziyo ulwandle, ndawonye nabakhonzi bakaSolomon.
928Baya kwaOfire, bathabatha khona igolide, amakhulu amane anamanci mabini eetalente, bazisa kukumkani uSolomon.
101Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, olusingisele kwigama likaYehova, weza ukumlinga ngemibuzo elukhuni.
102Wafika eYerusalem enesihlwele esinzima kunene, esineenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi kunene, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe.
103USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kukumkani, angabanga nakumtyhilela lona.
104Wabubona ukumkanikazi waseShebha bonke ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile,
105nokudla kwetafile yakhe, nokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe, nezambatho zabo, nabangcamli bakhe, nezinyuko zakhe abenyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
106Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva, ezweni lam, lezinto zakho nobulumko bakho.
107Andikholwanga ngamazwi lawo, ndada ndeza, abona amehlo am; uyabona, bendingaxelelwanga nesiqingatha esi. Ulugqithile ngobulumko nangokulunga udada ebendiluvile.
108Anoyolo amadoda akho, banoyolo aba bakhonzi bakho bemiyo phambi kwakho amaxesha onke, bebuva ubulumko bakho.
109Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleleyo, wakubeka etroneni yakwaSirayeli ngokuwathanda kwakhe amaSirayeli ngonaphakade, wakumisa waba ngukumkani, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
1010Ukumkanikazi wamnika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube saziswa bulawu bungangobo ukuba buninzi kwabo, obo ukumkanikazi waseShebha wabunika ukumkani uSolomon.
1011Kananjalo isinqanawa sikaHiram, esathutha igolide kwaOfire, savela kwaOfire nemialmugi emininzi kunene, namatye anqabileyo.
1012Imialmugi leyo ukumkani wayenza iintsika zendlu kaYehova, nezeyendlu yokumkani, neehadi nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kube saziswa mialmugi injalo, akubonwanga injalo unanamhla.
1013Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke akunanzileyo, awakucelayo; kukodwa khona awamnikayo ngokwamandla okuba engukumkani uSolomon. Wajika ke, waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
1014Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu mathandathu anamanci mathandathu anesithandathu iitalente zegolide.
1015Iyodwa eyabarhwebi, neyentengiso yabathengisi, neyookumkani bonke bomxukuxela, neyamabamba elizwe.
1016Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando: zangamakhulu amathandathu iishekele zegolide, awaleka ngazo khaka linye.
1017Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zaba ntathu iimina zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
1018Ukumkani wenza itrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaleka ngegolide engcwengiweyo.
1019Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinomphezulu oyinqila ngasemva. Kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala; kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo.
1020Kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
1021Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ecikizekileyo; bekungekho yasilivere; ibingento yakonto yona ngemihla kaSolomon.
1022Ngokuba ukumkani ubenesinqanawa saseTarshishe elwandle, ndawonye nesinqanawa sikaHiram; seza kanye ngeminyaka emithathu isinqanawa eso saseTarshishe, sithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.
1023Waba mkhulu ke ukumkani uSolomon, ngaphezu kookumkani bonke behlabathi, ngobutyebi nangobulumko.
1024Lonke ihlabathi laye lifuna ubuso bukaSolomon, ukuba live ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo.
1025Bazisa elowo umnikelo wakhe; iimpahla zesilivere, neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka.
1026USolomon wahlanganisa iinqwelo zokulwa namahashe akhwelwayo, waba newaka elinamakhulu amane eenqwelo zokulwa, namawaka alishumi elinamabini amahashe akhwelwayo; wazibeka ezo zinto emizini yeenqwelo zokulwa, nakukumkani eYerusalem.
1027Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare wayenza yanjengemithombe esesihlanjeni, ukuba mininzi.
1028Amahashe abenawo uSolomon avela eYiputa; laza iqela labathengela ukumkani lalithabatha iqela ngalinye ngenani elithile.
1029Kwenyuka kwaphuma inqwelo yokulwa eYiputa ngamakhulu amathandathu eeshekele zesilivere, nehashe ngekhulu elinamanci mahlanu; benjenjalo bona ngokwabo ukubathuthela ookumkani bonke bamaHeti, nookumkani bama-Aram.
111Ke kaloku ukumkani uSolomon wathanda abafazi abaninzi bezinye iintlanga, ndawonye nentombi kaFaro: amaMowabhikazi, nama-Amonikazi, namaEdomikazi, namaTsidonikazi, namaHetikazi;
112ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando.
113Wayenabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; namakhulu amathathu amashweshwe; abafazi bakhe bayityekisa ke intliziyo yakhe.
114Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
115USolomon walandela uAshtoreti, uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki, izothe lama-Amon.
116Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise.
117Waza uSolomon wamakhela isiganga uKemoshe, izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon.
118Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo.
119UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini;
1110emwisele umthetho ngaloo nto, ukuba angalandeli thixo bambi; akawugcina umthetho abemwisele wona uYehova.
1111Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho.
1112Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho.
1113Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo.
1114Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom.
1115Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthetheli-mkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom
1116(ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom);
1117wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko.
1118Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe.
1119UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi.
1120Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro.
1121UHadade eseYiputa, weva ukuba uDavide ulele kooyise, ufile noYowabhi umthetheli-mkhosi; wathi uHadade kuFaro, Ndindulule ndiye ezweni lakowethu.
1122Wathi uFaro kuye, Uswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndindulule.
1123UThixo wamvelisela omnye umchasi onguRezon, unyana kaEliyada, owabalekayo kuHadadezere, ukumkani waseTsobha, inkosi yakhe.
1124Wabuthela kuye amadoda, waba ngumthetheli wempi, ekubabulaleni kukaDavide abo. Baya ke eDamasko, bahlala khona, baba nobukumkani eDamasko.
1125Waba lutshaba lwamaSirayeli yonke imihla kaSolomon; ke ngobu bubi wabenzayo uHadade, wakruquka ngamaSirayeli; waye engukumkani kwa-Aram.
1126NoYarobheham, unyana kaNebhati, umEfrayim waseTsereda, umkhonzi kaSolomon, ogama lonina belinguTseruya, umhlolokazi, wasiphakamisa isandla kukumkani.
1127Nantsi ke imbangi yokuba amphakamisele isandla ukumkani. USolomon wayesakha iMilo, wavala ithuba lomzi kaDavide uyise.
1128Ke le ndoda inguYarobheham ibiligorha elinobukroti. Wayibona uSolomon le ndodana, ukuba iyasebenza, wayenza umphathi womthwalo wonke wendlu kaYosefu.
1129Kwathi ngelo xesha, uYarobheham waphuma eYerusalem; wathi uAhiya waseShilo, umprofeti, wamfumana endleleni; wayambethe ke ingubo entsha; baye bobabini bebodwa endle.
1130Wesuka uAhiya, wayibamba loo ngubo intsha abenayo, wayiqwenga; yaziziqwenga ezilishumi elinazibini.
1131Wathi uAhiya kuYarobheham, Zithabathele iziqwenga zibe lishumi: ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, ndikunike izizwe zibe lishumi;
1132esinye isizwe sibe kuye ngenxa yomkhonzi wam uDavide, nangenxa yeYerusalem, umzi endiwunyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli.
1133Ndibukrazula ngenxa enokuba bendishiyile mna, baqubuda kuAshtoreti, uthixo wamaMowabhi, nakuMilikom, uthixo woonyana baka-Amon; abahamba ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye emehlweni am, nemimiselo yam, namasiko am, njengoDavide uyise.
1134Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe; ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam.
1135Ndobuthabatha ubukumkani esandleni sonyana wakhe, ndinike wena izizwe ezilishumi ke;
1136unyana wakhe ndimnike isizwe esinye, ukuze kubekho isibane kuDavide, umkhonzi wam, yonke imihla phambi kwam eYerusalem, umzi endiwunyulileyo ukuba ndibeke khona igama lam.
1137Ndokuthabatha, ube ngukumkani kuko konke othe wakunqwenela umphefumlo wakho, ube ngukumkani kumaSirayeli.
1138Kothi, ukuba uthe wakuphulaphula konke endikuwisela umthetho ngako, wahamba ngeendlela zam, wenza okuthe tye emehlweni am, ukuba ugcine imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wenza ngako uDavide umkhonzi wam: ndibe nawe, ndikwakhele indlu esimakade, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike amaSirayeli;
1139ndiyibandezele imbewu kaDavide ngenxa yoku; kodwa kungade kube ngonaphakade.
1140USolomon wafuna ukumbulala uYarobheham; wesuka uYarobheham wabalekela eYiputa kuShishaki, ukumkani weYiputa. Waba seYiputa wada wafa uSolomon.
1141Ezinye izinto zikaSolomon, nako konke awakwenzayo, nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi kaSolomon?
1142Ke imihla abengukumkani ngayo uSolomon eYerusalem kumaSirayeli onke, yaba yiminyaka emashumi mane.
1143USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
121URehabheham waya kwaShekem; ngokuba amaSirayeli onke abeye kumenza ukumkani kwaShekem.
122Kwathi akuva uYarobheham, unyana kaNebhati (eseYiputa, apho wayebalekele khona ebusweni bukaSolomon ukumkani; ehleli uYarobheham eYiputa, bathumela bambiza),
123weza uYarobheham nebandla lonke lakwaSirayeli, bathetha noRehabheham, besithi,
124Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu; ke wena yenze lula inkonzo elukhuni kayihlo, nedyokhwe yakhe enzima awayibeka phezu kwethu, ukuze sikukhonze.
125Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.
126Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko abesahleli, wathi, Ninika cebo lini na nina, ukuze ndibanike ilizwi aba bantu?
127Athetha ke kuye, esithi, Ukuba uthe namhla waba ngumkhonzi kwaba bantu, wabakhonza, wabaphendula, wathetha amazwi amahle kubo, boba ngabakhonzi bakho yonke imihla.
128Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe;
129wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuze sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi, Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?
1210Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo.
1211Ke, ekubeni ubawo ebenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.
1212Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.
1213Ukumkani wabaphendula abantu kalukhuni, walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona.
1214Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo wanibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.
1215Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuYehova, ukuze alimise izwi lakhe, abelithethile uYehova ngoAhiya waseShilo kuYarobheham, unyana kaNebhati.
1216Akubona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Asinalifa kunyana kaYese. Ezintenteni zenu, maSirayeli! Zikhangelele ngoku ngokwakho indlu yakho, Davide! Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli.
1217Ke oonyana bakaSirayeli ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.
1218Ukumkani uRehabheham wathuma uAdoram, obephethe abafakwa uviko. Esuka onke amaSirayeli, amxuluba ngamatye; wafa. Ukumkani uRehabheham wakhawuleza waya kukhwela enqwelweni yakhe, ukuba asabele eYerusalem.
1219Akreqa ke amaSirayeli endlwini kaDavide unanamhla.
1220Kwathi, akuva onke amaSirayeli ukuba uYarobheham ubuyile, athumela ambizela ebandleni, amenza ukumkani wamaSirayeli onke; akwabakho ulandela indlu kaDavide, saba sisizwe sakwaYuda sodwa.
1221Weza uRehabheham eYerusalem, wabizela ndawonye yonke indlu yakwaYuda, kwanesizwe sakwaBhenjamin, ikhulu elinamanci asibhozo lamawaka amadodana okulwa imfazwe, ukuba aye kulwa nendlu kaSirayeli, bubuyiselwe ubukumkani kuRehabheham unyana kaSolomon.
1222Lafika ilizwi likaThixo kuShemaya, umfo wakwaThixo, lisithi,
1223Yitsho kuRehabheham unyana kaSolomon, ukumkani wakwaYuda, nakwindlu yonke yakwaYuda, nakuBhenjamin, nakubantu abaseleyo, ukuthi,
1224Utsho uYehova ukuthi, Ize ninganyuki; ize ningalwi nabazalwana benu oonyana bakaSirayeli. Buyani, aye elowo endlwini yakhe; ngokuba iphuma kum le nto. Baliphulaphula ilizwi likaYehova, babuya, bahamba ngokwelizwi likaYehova.
1225Ke uYarobheham wawakha umzi wakwaShekem kweleentaba lakwaEfrayim, wahlala khona; waphuma apho wakha iPenuweli.
1226Wathi uYarobheham entliziyweni yakhe, Kaloku ubukumkani buya kubuyela endlwini kaDavide.
1227Ukuba bathe benyuka aba bantu, baya kubingelela endlwini kaYehova eYerusalem, yobuya intliziyo yaba bantu iye enkosini yabo, kuRehabheham, ukumkani wakwaYuda; bandibulale mna, babuyele kuRehabheham ukumkani wakwaYuda.
1228Waceba ke ukumkani, wenza amathole egolide amabini; wathi kubo, Niyaxhamleka kukunyuka niye eYerusalem. Nanku uThixo wakho, Sirayeli, owakukhuphayo ezweni laseYiputa!
1229Walimisa ke elinye eBhetele, walimisa elinye kwaDan.
1230Yathi loo nto yaba sisono; bahamba abantu baya phambi kwelo likwaDan.
1231Wenza indlu yasezigangeni, wenza ababingeleli eluntwini lonke, ababengengabo abakoonyana bakaLevi.
1232UYarobheham wenza umthendeleko ngenyanga yesibhozo, ngoweshumi elinesihlanu umhla kuloo nyanga, onjengomthendeleko wakwaYuda; wenyusa amadini esibingelelweni.
1233Wenjenjalo eBheteli, ebingelela kumathole lawo abewenzile; wamisa eBheteli ababingeleli beziganga awazenzayo. Wenyusa amadini esibingelelweni awasenzayo eBheteli, ngoweshumi elinesihlanu umhla wenyanga yesibhozo, ngenyanga leyo abeyicamangile kweyakhe intliziyo; wabenzela umthendeleko oonyana bakaSirayeli, wenyusa amadini esibingelelweni, ukuba kuqhunyiselwe.
131Nanko, kuvela umfo wakwaThixo kwaYuda ngokwelizwi likaYehova, weza eBheteli; uYarobheham wayemi ugasesibingelelweni eqhumisela.
132Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli beziganga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho.
133Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso.
134Kwathi, akuliva ukumkani ilizwi lomfo wakwaThixo, owankqangazayo esibingelelweni eBheteli, wasolula uYarobheham isandla sakhe esesibingelelweni, wathi, Mbambeni. Sesuka soma isandla sakhe abesolulele kuye, akaba nako ukusibuyisela kwakuye.
135Sakrazuka isibingelelo, lwaphalala uthuthu esibingelelweni, ngokwesimanga abesixelile umfo wakwaThixo ngelizwi likaYehova.
136Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili.
137Wathetha ke ukumkani kumfo wakwaThixo, wathi, Hamba siye ekhaya, uzixhase, ndikunike isipho.
138Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Ungafanelana uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo.
139Ngokuba kwenjiwa nje ukumiselwa kwam lilizwi likaYehova, kwathiwa, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi, ungabuyi ngendlela obuze ngayo.
1310Waza wahamba ngandlela yimbi, akabuya ngendlela abeze ngayo eBheteli.
1311Ke kaloku kwakuhleli eBheteli umprofeti othile, obeseleyindoda enkulu; weza unyana wakhe, wamcacisela konke awakwenzayo umfo wakwaThixo loo mini eBheteli; namazwi awawathethayo kukumkani, wawacacisa kuyise.
1312Wathi uyise kubo, Uhambe ngayiphi na indlela? Babeyibonile ke indlela oonyana bakhe, ahambe ngayo umfo wakwaThixo, owayevele kwaYuda.
1313Wathi koonyana bakhe, Ndibopheleni iesile. Bambophela ke iesile, wakhwela kulo.
1314Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti, wathi kuye, Unguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.
1315Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka.
1316Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo;
1317kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.
1318Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi. Watsho emxokisa.
1319Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.
1320Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile;
1321wankqangaza kuloo mfo wakwaThixo ubevele kwaYuda, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uwuphikisile umlomo kaYehova, akwawugcina umthetho abekuwisele uYehova uThixo wakho,
1322wesuka wabuya, wadla isonka, wasela amanzi kule ndawo awathetha ngayo kuwe, esithi, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi: isidumbu sakho asiyi kungena engcwabeni looyihlo.
1323Kwathi emveni kokudla kwakhe isonka, emveni kokusela kwakhe, wambophela iesile umprofeti lowo abembuyisile.
1324Wahamba, wafunyanwa yingonyama endleleni, yambulala; sathi isidumbu sakhe saqungquluza endleleni; lema ecaleni laso iesile, nengonyama yema ecaleni lesidumbu eso.
1325Kwabonakala kudlula amadoda; asibona isidumbu eso siqungquluzile endleleni, imi ingonyama leyo ecaleni lesidumbu; afika axela kuloo mzi, abehleli kuwo umprofeti obeseleyindoda enkulu.
1326Weva umprofeti obembuyise endleleni, wathi, Ngulaa mfo wakwaThixo uwuphikisileyo umlomo kaYehova. UYehova umnikele engonyameni; yamqoba, yambulala ngokwelizwi likaYehova, abelithethe kuye.
1327Wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndibopheleni iesile. Balibopha.
1328Wahamba ke, wasifumana isidumbu sakhe siqungquluzile endleleni, limi iesile nengonyama ecaleni lesidumbu, ingonyama ingasidlanga isidumbu, ingaliqobanga ne-esile.
1329Wasifunqula umprofeti isidumbu somfo wakwaThixo, wasibeka e-esileni, wabuya naso. Weza ekhaya umprofeti lowo useleyindoda enkulu, ukuba ammbambazelele, amngcwabe.
1330Wasibeka isidumbu engcwabeni lakhe, bammbambazelela besithi, Yoo! Mzalwana wam!
1331Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndakufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulo umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am.
1332Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari.
1333Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi; wabuya wenza ababingeleli beziganga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli beziganga.
1334Yathi loo nto yaba sisono sendlu kaYarobheham, ukuba itshone itshabalale, ingabikho phezu komhlaba.
141Ngelo xesha wahliwa sisifo uAbhiya, unyana kaYarobheham.
142Wathi uYarobheham kumkakhe, Khawusuke uzenze mntu wumbi, bangakwazi ukuba ungumkaYarobheham; uhambe uye eShilo; nanko apho uAhiya umprofeti, owandixelelayo ukuba ndiya kuba ngukumkani waba bantu;
143uphathe esandleni sakho izonka ezilishumi, nemiqhathane, neselwa lobusi, uye kuye: wokuxelela okuya kubakho kulo mntwana.
144Wenjenjalo umkaYarobheham, wesuka waya eShilo, wangena endlwini ka-Ahiya. Ke kaloku uAhiya ebengenakubona, ngokuba amehlo akhe abenorhatyazo ngobudala bakhe.
145Wathi uYehova kuAhiya, Nanko umkaYarobheham eza kubuza into kuwe ngonyana wakhe; ngokuba esifa. Uze uthi, uthi, ukuthetha kuye; kuba wothi ekungeneni kwakhe, azenze mntu wumbi.
146Kwathi, akusiva uAhiya isingqi seenyawo zakhe, engena emnyango, wathi, Ngena, mkaYarobheham, yini na ukuba uzenze mntu wumbi? Ndithunywe kuwe udaba olubi.
147Yiya, uthi kuYarobheham, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo phakathi kwabantu, ndakwenza inganga kubantu bam amaSirayeli,
148ndabukrazula ubukumkani endlwini kaDavide, ndakunika; wesuka akwafuza umkhonzi wam uDavide, owayigcinayo imithetho yam, owandilandelayo ngentliziyo yakhe yonke, ukuba enze okuthe tye kodwa emehlweni am;
149wesuka wena wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababekho ngaphambi kwakho, waya wazenzela thixo bambi, nemifanekiso etyhidiweyo, ukuba undiqumbise, wandiphosa emva komhlana wakho:
1410ngako oko, yabona, ndiya kuyizisela ububi indlu kaYarobheham, ndiyinqamle kwaYarobheham yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli, ndiwatshayele amavela-mva endlu kaYarobheham, njengokutshayelwa kwelindle, kude kuthi tu.
1411OkaYarobheham ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu; ngokuba uYehova ethethile.
1412Suk’ ume ke wena, uhambe uye endlwini yakho; ekungeneni kweenyawo zakho kuwo umzi, uya kufa umntwana.
1413Ommbambazelela onke amaSirayeli, amngcwabe; ngokuba nguye yedwa kwaYarobheham, oya kungena engcwabeni; ngenxa yokuba kufunyenwe kuye kukho into elungileyo, ebhekisele kuYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini kaYarobheham.
1414UYehova uya kuzivelisela ukumkani kwaSirayeli, oya kuyinqamla indlu kaYarobheham loo mini, Ndisathetha ntoni na, sekunjalo nje?
1415UYehova uya kubetha kumaSirayeli, njengengcongolo izanyazanyiswa ema nzini, awanyothule amaSirayeli emhlabeni olungileyo, awawunika ooyise, awachithachithele phesheya koMlambo, ngenxa enokuba enze ooAshera bawo, amqumbisa uYehova;
1416awanikele amaSirayeli ngenxa yesono sikaYarobheham, owonayo, wawonisa ngaso amaSirayeli.
1417Wesuka ke umkaYarobheham, wahamba, wafika eTirtsa, wathi akuthi ukunyathela embundwini womnyango wendlu, wafa umntwana.
1418Amngcwaba, ammbambazelela amaSirayeli onke ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngomkhonzi wakhe, uAhiya umprofeti.
1419Ezinye izinto zikaYarobheham, ukulwa kwakhe, nokulawula kwakhe, nanko kubhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
1420Imihla awayengukumkani ngayo uYarobheham ngamashumi amabini anesibini iminyaka; walala kooyise. UNadabhi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
1421Ke uRehabheham, unyana kaSolomon, waye engukumkani kwaYuda. URehabheham ubeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi awawunyulayo uYehova ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba alibeke khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi.
1422AmaYuda enza ububi emehlweni kaYehova, amkhweletisa ngaphezu kwako konke ababekwenzile ooyise ngezono zabo, ababesona ngazo.
1423Azakhela nazo izinganga, nezimiso zamatye, nooAshera, ezindulini zonke eziphakamileyo, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
1424Kananjalo bekukho amang’awu elizweni, enza ngokwamasikizi onke eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
1425Kwathi ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki, ukumkani waseYiputa, wayifikela iYerusalem.
1426Wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha zonke iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon.
1427Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani.
1428Ubesakuthi, akuya ukumkani endlwini kaYehova, ziziphathe izigidimi ezo, zize zizibuyisele egumbini logcino lwezigidimi.
1429Ezinye izinto zikaRehabheham, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
1430Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla.
1431URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. UAbhiyam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
151Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham unyana kaNebhati, waba ngukumkani uAbhiyam kwaYuda.
152Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
153Wahamba ezonweni zonke zikayise, awa zenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise.
154Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem;
155ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa.
156Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe.
157Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham.
158UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
159Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda.
1510Waba neminyaka emashumi mane anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom.
1511UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise.
1512Wawakhwelelisa amang’awu, akabakho ezweni, wazisusa zoruke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise.
1513KwanoMahaka unina wamguzula, akaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron.
1514Ke iziganga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe.
1515Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla.
1516Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.
1517Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wakha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda.
1518Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhen-hadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko, esithi,
1519Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko, ndikuthumele isipho sokukucenga sesilivere negolide; yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum.
1520UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, waxabela i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti yonke, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali.
1521Wathi, akuva uBhahesha, wayiyeka ukuyakha iRama, wahlala eTirtsa.
1522Ukumkani uAsa wawahlabela umkhosi amaYuda onke, akwabakho namnye ukhululekileyo. Bawasusa amatye eRama, kwanemithi yayo abesakha ngayo uBhahesha ukumkani; uAsa wakha ke ngayo iGebha yakwaBhenjamin, neMizpa.
1523Zonke ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, ayibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Uthe ke akuba yindoda enkulu, wabulawa ziinyawo.
1524UAsa walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise, emzini kaDavide uyise. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
1525UNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.
1526Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.
1527Waza uBhahesha, unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wamceba. UBhahesha wamxabela eGibheton yakumaFilisti, beyingqinga iGibheton uNadabhi namaSirayeli onke.
1528UBhahesha wambulala ke ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
1529Kwathi, xa angukumkani, wayibulala yonke indlu kaYarobheham; akasalisa namnye uphefumlayo kwaYarobheham, wada wamtshabalalisa, ngokwelizwi likaYehova, abelithethile ngomkhonzi wakhe uAhiya waseShilo:
1530ngenxa yezono zikaYarobheham awona ngazo, awawonisa ngazo amaSirayeli; ngokumqumbisa kwakhe awamqumbisa ngako uYehova uThixo kaSirayeli.
1531Ezinye izinto zikaNadabhi, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
1532Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo.
1533Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa; iminyaka yaba ngamashumi amabini anamine.
1534Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli.
161Lafika ke ilizwi likaYehova kuYehu, unyana kaHanani, ngenxa kaBhahesha, lisithi,
162Ngenxa enokuba ndakuphakamisayo eluthulini, ndakwenza inganga yabantu bam amaSirayeli, wesuka wena wahamba ngendlela kaYarobheham, abantu bam amaSirayeli wabonisa ukuba bandiqumbise ngezono zabo:
163yabona, ndiyawatshayela amavela-mva kaBhahesha, namavela-mva endlu yakhe, ndiyenze indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham, unyana kaNebhati.
164OkaBhahesha ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; owakhe ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.
165Ezinye izinto zikaBhahesha, nawakwenzayo, nobugorha bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
166UBhahesha walala kooyise, wangcwatyelwa eTirtsa. UEla, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
167Kananjalo ngesandla sikaYehu, unyana kaHanani, umprofeti, lafika ilizwi likaYehova kuBhahesha nakwindlu yakhe, nangenxa yobubi bonke awabenzayo emehlweni kaYehova, ukumqumbisa ngezenzo zezandla zakhe, ukuba ibe njengendlu kaYarobheham, nangenxa yokuba wamxabelayo.
168Ngomnyaka wamashumi omabini anamithandathu ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uEla unyana kaBhahesha, kwaSirayeli eTirtsa; yaba yiminyaka emibini.
169Wamceba umkhonzi wakhe uZimri, umthetheli wesiqingatha seenqwelo zakhe zokulwa, eseTirtsa, esela enxila endlwini ka-Arza, owayephethe indlu yakhe eTirtsa.
1610Wangena ke uZimri, wamxabela, wambulala, ngomnyaka wamashumi amabini anesixhenxe ka-Asa ukumkani wakwaYuda; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
1611Kwathi, akuba ngukumkani, kwaesaqala ukuhlala etroneni yakhe, wayixabela yonke indlu kaBhahesha, akamsalisela nanye into eyindoda, nongumzalwana wakhe, nongumhlobo wakhe.
1612Wayitshabalalisa uZimri yonke indlu kaBhahesha ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo kuBhahesha ngoYehu umprofeti;
1613ngenxa yezono zonke zikaBhahesha, nezono zikaEla unyana wakhe, abona ngazo, abawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngeento zabo ezingento.
1614Ezinye izinto zikaEla, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
1615Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe ka-Asa, ukumkani wakwaYuda, uZimri waba nemihla esixhenxe engukumkani eTirtsa. Abantu babemise iintente eGibheton eyeyamaFilisti.
1616Beva abantu ababemise khona, kusithiwa, UZimri umcebile, kananjalo umbulele ukumkani. Onke amaSirayeli amenza ukumkani kumaSirayeli uOmri, umthetheli-mkhosi, kwangaloo mini emkhosini.
1617Wenyuka ke uOmri enamaSirayeli onke esuka eGibheton, ayingqinga iTirtsa.
1618Kwathi, akubona uZimri ukuba uza kuthinjwa umzi, wangena enqabeni yendlu yokumkani, wayitshisa ngomlilo phezu kwakhe indlu yokumkani, wafa;
1619ngenxa yezono zakhe awona ngazo, wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangezono zakhe awazenzayo wawonisa ngazo amaSirayeli.
1620Ezinye izinto zikaZimri, nokuceba kwakhe awaceba ngako, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
1621Baza bahluka kubini abantu bakwaSirayeli: esinye isahlulo sabantu salandela uTibheni, unyana kaGinati, ukuba simenze ukumkani; esinye isahlulo salandela uOmri.
1622Abantu ababelandela uOmri baboyisa abo bantu babelandela uTibheni, unyana kaGinati; wafa uTibheni; waba ngukumkani uOmri.
1623Ngomnyaka wamashumi amathathu anamnye ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uOmri waba ngukumkani wamaSirayeli, iminyaka yaba lishumi elinamibini; waba ngukumkani eTirtsa iminyaka emithandathu.
1624Waza wathenga intaba yakwaSamari kuSamari ngeetalente ezimbini zesilivere, wakha kuloo ntaba, wathi igama laloo mzi wawakhayo yiSamari, ngegama likaSamari umninintaba.
1625UOmri wenza okubi emehlweni kaYehova; wenza okubi ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.
1626Wahamba ngendlela yonke kaYarobheham unyana kaNebhati, nangezono zakhe awawonisa ngazo amaSirayeli, ukumqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli ngezinto zabo ezingento.
1627Ezinye izinto zikaOmri awazenzayo, nobugorha bakhe awabenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli?
1628UOmri walala kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, uAhabhi unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
1629UAhabhi, unyana kaOmri, waba ngukumkani kumaSirayeli ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; uAhabhi unyana kaOmri waba neminyaka emashumi mabini anamibini engukumkani kumaSirayeli kwaSamari.
1630UAhabhi unyana kaOmri wenza okubi emehlweni kaYehova ngaphezu kwabo bonke ababengaphambi kwakhe.
1631Ke, ngokungathi kulula kuye ukuhamba ngezono zikaYarobheham unyana kaNebhati, wesuka wazeka uIzebhele, intombi kaEtebhahali ukumkani wamaTsidon, wangumkakhe; waya wakhonza uBhahali, wamnqula.
1632Wammisela uBhahali isibingelelo, endlwini kaBhahali, abemakhele yona kwaSamari.
1633UAhabhi wenza uAshera; uAhabhi waqokela ukumqumbisa uYehova uThixo wakwaSirayeli, ngaphezu kwabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.
1634Ngeemini zakhe wayakha uHiyeli waseBheteli iYeriko; wayiseka ngoAbhiram, amazibulo akhe, wawamisa amasango ayo ngoSegubhi, owamathumbu akhe, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoYoshuwa unyana kaNun.
171Wathi uEliya waseTishbhi, wasezindwendweni zaseGiliyadi, kuAhabhi, Ehleli nje uYehova uThixo wakwaSirayeli, endimi phambi kwakhe, akuyi kukha kubekho mbethe namvula le minyaka, kungengalo ilizwi lam.
172Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
173Hamba umke apha, ubheke empumalanga, uzimele emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
174Wothi usele emlanjaneni apho; ndiwawisele umthetho amahlungulu ukuba akuxhase khona.
175Wahamba ke wenza ngokwelizwi likaYehova, waya wahlala emlanjaneni oyiKeriti, okhangelene neYordan.
176Amahlungulu amzisela isonka nenyama kusasa, isonka nenyama ngokuhlwa, wasela emlanjaneni apho.
177Kuthe, kwakuhamba ixesha, watsha umlanjana, ngokuba bekungabangakho mvula ezweni.
178Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,
179Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; uyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.
1710Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.
1711Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.
1712Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongazalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.
1713Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndenzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.
1714Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba.
1715Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku.
1716Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya.
1717Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye.
1718Wathi kuEliya, Yintoni na enam nawe, mfo wakwaThixo? Uze kum, ukuba undikhumbuze ubugwenxa bam, umbulale unyana wam?
1719Wathi kuye, Ndinike unyana wakho. Wamthabatha ke esifubeni sakhe, wenyuka naye, waya egumbini eliphezulu abehlala kulo, wamlalisa phezu kwesingqengqelo sakhe.
1720Wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, umenzele ububi nomhlolokazi lo na ndiphambukele kuye, ngokubulala unyana wakhe?
1721Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana.
1722Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.
1723Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, uphilile unyana wakho.
1724Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.
181Kwathi kwakuba mzuzu, lafika ilizwi likaYehova kuEliya ngomnyaka wesithathu, lathi, Hamba uye kubonana noAhabhi, ndinise imvula phezu komhlaba.
182Wahamba waya kubonana uEliya noAhabhi. Indlala ke yayinzima kwaSamari.
183UAhabhi wayebize uObhadiya, obephethe indlu yakhe (uObhadiya ke wayemoyika uYehova kunene:
184wayethe yena ekubanqamleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, uObhadiya wathabatha ikhulu labaprofeti, wabazimeza ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, wabondla ngesonka namanzi).
185Wathi ke uAhabhi kuObhadiya, Hamba uye ezweni, emithonjeni yonke yamanzi nasemilanjaneni yonke; mhlawumbi sofumana utyani, siphilise amahashe noondlebende, zingabuthisi zonke iinkomo.
186Balahlula ilizwe phakathi kwabo, ukuba bacande kulo; uAhabhi wahamba ngenye indlela yedwa, uObhadiya wahamba ngenye indlela yedwa.
187Kwathi ke, esendleleni uObhadiya, wabonakala uEliya emkhawulela, wamazi, wawa ngobuso, wathi, Nguwe na lo, nkosi yam Eliya?
188Wathi yena kuye, Ndim. Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.
189Wathi, Ndenze sono sini na, ukuba umnikele umkhonzi wakho esandleni sika-Ahabhi ukuba andibulale?
1810Ehleli nje uYehova uThixo wakho, akukho luhlanga nabukumkani, apho ingathumelanga khona inkosi yam, ikufuna; bakuthi, Akakho, yabafungisa ubukumkani nohlanga olo, ukuthi akufumanekanga.
1811Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya.
1812Kothi, ndithe ndemka kuwe, uMoya kaYehova akuthwalele apho ndingaziyo; ndiye ndixelele uAhabhi, angakufumani, andibulale; umkhonzi wakho lo umoyike uYehova kwasebuncinaneni bam.
1813Bekungaxelwanga na enkosini yam endakwenzayo ekubabulaleni kukaIzebhele abaprofeti bakaYehova, ndazimeza ikhulu lamadoda kubaprofeti bakaYehova, ngamashumi ngamahlanu, ngamashumi ngamahlanu, emqolombeni, ndabondla ngesonka nangamanzi?
1814Kaloku ke uthi, Hamba uye kuthi enkosini yakho, Nanku elapha uEliya; ukuze indibulale.
1815Wathi uEliya, Ehleli nje uYehova wemikhosi, endimiyo phambi kwakhe, inene, namhlanje ndiya kubonana naye.
1816UObhadiya waya kumkhawulela ke uAhabhi, wamxelela; wahamba uAhabhi, waya kumkhawulela uEliya.
1817Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ulapha na wena, uwahlisele intlekele amaSirayeli?
1818Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaSirayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokuyishiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali.
1819Ke ngoko, thumela uwahlanganisele kum amaSirayeli onke entabeni yeKarmele, nabaprofeti bakaBhahali abangamakhulu amane anamanci mahlanu, nabaprofeti baka-Ashera abangamakhulu amane, abadla etafileni kaIzebhele.
1820Wathumela ke uAhabhi koonyana bonke bakaSirayeli, wabahlanganisela abaprofeti entabeni yeKarmele.
1821Wafika uEliya ebantwini abo bonke, wathi, Koda kube nini na nimbaxa? Ukuba uYehova nguThixo, landelani yena; ke ukuba nguBhahali uThixo, landelani yena. Abamphendula nezwi abantu.
1822Wathi uEliya ebantwini, Kusele mna ndodwa umprofeti kaYehova; ke abakaBhahali abaprofeti ngamakhulu amane anamanci amahlanu amadoda.
1823Masinikwe iinkunzi ezintsha zibe mbini, bazinyulele ke enye inkunzi entsha, bayityatye, bayibeke phezu kweenkuni, bangafaki mlilo; nam ndiyilungise enye inkunzi entsha, ndiyibeke phezu kweenkuni, ndingafaki mlilo.
1824Nize ninqule igama lothixo wenu, mna ndinqule igama likaYehova; athi, uThixo othe waphendula ngomlilo, abe nguye uThixo. Baphendula bonke abantu bathi, Lihle elo lizwi.
1825Wathi ke uEliya kubaprofeti bakaBhahali, Zinyuleleni inkunzi entsha ibe nye, nizenzele kuqala; ngokuba nibaninzi nina; ninqule igama lothixo wenu, ningafaki mlilo.
1826Bayithabatha ke inkunzi entsha ababeyinikiwe, bayilungisa, banqula igama likaBhahali, beqale kusasa kwada kwaba semini enkulu, besithi, Bhahali, siphendule. Akwabakho zwi, akwabakho uphendulayo. Baxhentsa ngasesibingelelweni esasenziwe.
1827Kwathi emini enkulu, uEliya wadlala ngabo, esithi, Nqulani ngezwi elikhulu, ngokuba enguthixo; ingabi usacinga, ingabi uthe gu bucala, ingabi useluhambeni; ingabi mhlawumbi ulele, unokuba avuswe.
1828Banqula ngezwi elikhulu ke, bazicenta ngokwesiko labo ngamakrele nangezikhali, lada latsaza igazi kubo.
1829Kwathi emveni kwemini enkulu, baprofeta kwada kwesa ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa; akwabakho lizwi, akwabakho uphendulayo, akwabakho ubeke indlebe.
1830Wathi uEliya ebantwini bonke, Sondelani kum apha. Basondela ke abantu bonke kuye. Wabuya wasakha isibingelelo sikaYehova esibe sidiliziwe.
1831UEliya wathabatha amatye alishumi elinamabini, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaYakobi, eleza kuye ilizwi likaYehova lisithi, Liya kuba nguSirayeli igama lakho.
1832Wakha ngamatye lawo isibingelelo egameni likaYehova, wenza umsele olingene iiseha ezimbini zembewu, ngeenxa zonke esibingelelweni.
1833Wazilungisa iinkuni, wayityatya inkunzi entsha, wayibeka phezu kweenkuni.
1834Wathi, Zalisani imiphanda ibe mine ngamanzi, niwagalele phezu kwedini elinyukayo, naphezu kweenkuni; wathi, Phindani okwesibini; baphinda okwesibini. Wathi, Phindani okwesithathu; baphinda okwesithathu.
1835Ahamba amanzi ngeenxa zonke esibingelelweni; wawuzalisa nomsele ngamanzi.
1836Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho.
1837Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.
1838Wawa ke umlilo kaYehova, walidla idini elinyukayo, kwaneenkuni, kwanamatye, kwanomhlaba; namanzi abe esemseleni wawakhotha.
1839Babona bonke abantu, bawa ngobuso, bathi, UYehova nguye uThixo, uYehova nguye uThixo.
1840Wathi uEliya kubo, Babambeni abaprofeti bakaBhahali; makungasindi namnye kubo. Bababamba ke; uEliya wabahlisela emlanjaneni oyiKishon, wababulalela khona.
1841Wathi uEliya kuAhabhi, Nyuka uye kudla, usele; ngokuba kuvakala ulwandile lwemvula enkulu.
1842Wenyuka ke uAhabhi, waya kudla, waya kusela. Ke uEliya wenyuka waya encotsheni yeKarmele, waqondela emhlabeni, wabufaka ubuso bakhe phakathi kwamadolo akhe.
1843Wathi kwindodana yakwakhe, Khawunyuke, ukhangele ngeli cala laselwandle. Yenyuka, yakhangela, yathi, Akukho nto. Wathi, Buya uye, izihlandlo zibe sixhenxe.
1844Kwathi ke ngesesixhenxe, yathi, Ndibona ilifana elingangesandla somntu, liphuma elwandle. Wathi, Nyuka uye uthi kuAhabhi, Bopha, uhle, ingakuvingceli imvula.
1845Kwathi ke kwakamsinya lasuka izulu lamnyama ngamafu nomoya; kwabakho imvula enkulu. Wakhwela uAhabhi, waya eYizereli.
1846Safika ke isandla sikaYehova kuEliya; wazibhinqisa, wagidima phambi koAhabhi, kwada kwaba sekungeneni eYizereli.
191UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele.
192UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo.
193Wabona, wesuka wabambela ukusindisa umphefumlo wakhe. Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe.
194Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingalungile ngaphezu koobawo.
195Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle.
196Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala.
197Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe.
198Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe.
199Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Uyintoni na apha, Eliya?
1910Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
1911Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova. Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni.
1912Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni; emveni komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle.
1913Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Uyintoni na apha, Eliya?
1914Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe.
1915Wathi uYehova kuye, Hamba ubuye ngendlela yakho, uye entlango yaseDamasko, uye uthambise uHazayeli, abe ngukumkani kuma-Aram;
1916uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani kumaSirayeli; uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhele-mehola, abe ngumprofeti esikhundleni sakho.
1917Kothi ke, athi osinde ekreleni likaHazayeli, abulawe nguYehu; athi osinde ekreleni likaYehu, abulawe nguElisha.
1918Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali, imilomo yonke engamanganga.
1919Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye.
1920Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenze ntoni na?
1921Wabuya ke ekumlandeleni, wazithabatha iinkabi zedyokhwe enye, wabingelela ngazo, wayipheka inyama ngeempahla zeenkabi ezo, wanika abantu, badla. Wesuka ke, walandela uEliya, wamlungiselela.
201Ke kaloku uBhen-hadade, ukumkani wama-Aram, wayibutha yonke impi yakhe; enokumkani abangamashumi amathathu anababini, namahashe, neenqwelo zokulwa; wenyuka, wawungqinga umzi wakwaSamari, walwa nawo.
202Wathumela abathunywa kuAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli, kuloo mzi, wathi kuye,
203Utsho uBhen-hadade ukuthi, Isilivere yakho negolide yakho yeyam, nabafazi bakho nabantwana bakho abo bahle ngabam.
204Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Ngokwelizwi lakho, nkosi yam, kumkani, ndingowakho, nako konke endinako.
205Baphinda abathunywa, bathi, Utsho uBhen-hadade ukuthi, Ndathumela kuwe, ndisithi, ndinike isilivere yakho, negolide yakho, nabafazi bakho, nabantwana bakho;
206ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.
207Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.
208Athi kuye onke amadoda amakhulu nabantu bonke, Musa ukuphulaphula, uze ungavumi.
209Wathi ke kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthume yona umkhonzi wakho ngokokuqala, ndoyenza; le nto yona andinakuyenza. Bemka ke abathunywa, babuya nelo lizwi.
2010Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Mabenjenje oothixo kum, baqokele ukwenjenje, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwalingana ukuzalisa izandla zabantu bonke abandilandelayo.
2011Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yithini, Makangaqhayisi osabhinqa ikrele, njengoselelikhulula.
2012Kwathi, akuliva elo zwi uBhen-hadade, akubon’ ukuba uyasela, yena nokumkani abo eminqubeni, wathi kubakhonzi bakhe, Yakhani uluhlu. Balwakha ke uluhlu kuloo mzi.
2013Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uyibonile na yonke le ngxokolo ingakanana? Yabona ndiyinikele esandleni sakho namhla; wazi ukuba ndinguYehova.
2014Wathi ke uAhabhi, Ngabani na? Wathi yena, Utsho uYehova ukuthi, Ngamadodana abathetheli bamazwe. Wathi, Ngubani na oya kuqala ukulwa? Wathi, Nguwe lo.
2015Wawabala ke amadodana abathetheli bamazwe, aba ngamakhulu amabini anamanci mathathu anamabini; emva kwawo wababala bonke abantu; bonke oonyana bakaSirayeli baba ngamawaka asixhenxe.
2016Baphuma emini enkulu. Ke kaloku uBhen-hadade ubesela, enxila eminqubeni, yena nookumkani abamashumi mathathu anababini, ookumkani abo bamncedisayo.
2017Aphuma kuqala amadodana abathetheli bamazwe. Wathumela uBhen-hadade, bamxelela, besithi, Kuphume amadoda kwaSamari.
2018Wathi, Nokuba aphumele uxolo, wabambeni ehleli; nokuba aphumele ukulwa, wabambeni ehleli.
2019Aphuma ke la madodana abathetheli bamazwe kuwo umzi, nempi ebiwalandela.
2020Yaba ngulowo wabulala umntu; asaba ke ama-Aram; amaSirayeli awasukela. Wasinda uBhen-hadade ukumkani wakwa-Aram ngehashe, enabamahashe.
2021Waphuma ukumkani wakwaSirayeli, wawaxabela amahashe neenqwelo zokulwa; waxabela phakathi kwama-Aram ngoxabelo olukhulu.
2022Wafika umprofeti lowa kukumkani wakwaSirayeli, wathi kuye, Hamba uye kuzomeleza, ukuqonde ukubone okwenzayo; ngokuba ukuvela komnyaka, ukumkani wakwa-Aram uya kunyuka alwe nawe.
2023Ke kaloku abakhonzi bokumkani bakwa-Aram bathi kuye, Ngoothixo basezintabeni oothixo babo, kuko le nto bomeleleyo kunathi; masilwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo.
2024Yenza le nto: bashenxise ookumkani aba, elowo endaweni yakhe, umise amabamba ezikhundleni zabo;
2025uzibalele impi engangempi le iwileyo kuwe, amahashe abe ngangaloo mahashe, iinqwelo zokulwa zibe ngangezo nqwelo zokulwa, silwe nabo ke emathafeni, ukuba asisayi komelela na kunabo. Waliphulaphula izwi labo, wenjenjalo.
2026Kwathi, ekuveleni komnyaka, wawabala uBhen-hadade ama-Aram, wenyuka waya kulwa namaSirayeli eAfeki.
2027Babalwa oonyana bakaSirayeli, baxhotyiswa baya kubahlangabeza. Bamisa oonyana bakaSirayeli phambi kwabo, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe; ama-Aram alizalisa ilizwe.
2028Wafika umfo wakwaThixo, wathi kukumkani wamaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ethe ama-Aram, Nguthixo wasezintabeni uYehova, akanguthixo wasezintilini, ndiya kuyinikela esandleni sakho yonke le ngxokolo ingaka, nazi ukuba ndinguYehova.
2029Yamisa ke, ikhangelene, imihla esixhenxe. Kwathi ngomhla wesixhenxe, yadibana. Oonyana bakaSirayeli babulala kuma-Aram ikhulu lamawaka kumqikela ngamini-nye.
2030Aseleyo asabela eAfeki, ela phakathi komzi. Kwawa udonga phezu kwamawaka angamashumi amabini anamawaka asixhenxe amadoda aseleyo. Wasaba uBhen-hadade, wangena kuloo mzi, wathungela amagumbi.
2031Bathi kuye abakhonzi bakhe, Khawukhangele, sivile ukuba ookumkani bendlu yakwaSirayeli ngookumkani abanenceba. Makhe sibeke iingubo ezirhwexayo emanqeni, neentambo ezintlokweni zethu, siphume siye kukumkani wamaSirayeli; mhlawumbi wowusindisa umphefumlo wakho.
2032Babhinqa ke iingubo ezirhwexayo emanqeni, babeka iintambo ezintlokweni zabo, baya kukumkani wakwaSirayeli, bathi, Umkhonzi wakho uBhen-hadade uthi, Khawusindise umphefumlo wam. Wathi yena, Usaphilile na? Ngumzalwana wam.
2033Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade. Wathi yena, Yiyani kumthabatha.
2034Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni. Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.
2035Ke kaloku indoda ethile yakoonyana babaprofeti yathi kummelwane wayo ngelizwi likaYehova, Khawundibethe. Akavuma loo mntu ukuyibetha.
2036Yathi kuye, Ngenxa yokuba ungaliphulaphulanga ilizwi likaYehova, uyabona, ekumkeni kwakho kum uya kubulawa yingonyama. Wemka kuyo; yamfumana ingonyama, yambulala.
2037Yafumana mntu wumbi, yathi, Khawundibethe, Wayibetha ke loo mntu, wayibetha wayilimaza.
2038Wahamba umprofeti lowo, wamlinda ukumkani endleleni, wazenza mntu wumbi ngokubopha iqhiya emehlweni.
2039Kwathi, akubona ukuba uyadlula ukumkani, wamemeza kukumkani, wathi, Umkhonzi wakho lo waphuma waya emfazweni phakathi; nanko kutyeka indoda, yeza nomntu kum, yathi, Gcina lo mntu; ukuba uthe akabakho, umphefumlo wakho woba sesikhundleni somphefumlo wakhe, okanye wohlawula ngetalente yesilivere.
2040Akuba esebenza umkhonzi wakho lo apha naphaya, wesuka wathi shwaka. Wathi ke ukumkani wakwaSirayeli kuye, Sinjalo isigwebo sakho; umise wagqiba.
2041Wakhawuleza, wayisusa iqhiya emehlweni akhe. Wamazi ukumkani wakwaSirayeli, ukuba ungowasebaprofetini.
2042Wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yokundulula kwakho esandleni indoda endayisingela phantsi, umphefumlo wakho uya kuba sesikhundleni somphefumlo wayo, nabantu bakho babe sesikhundleni sabantu bayo.
2043Waya ukumkani wakwaSirayeli endlwini yakhe, ubuso ebuthe nkwa, ejalile, wafika kwaSamari.
211Kwathi emveni kwezo zinto, uNabhoti waseYizereli enesidiliya esiseYizereli, ngasebhotweni lika-Ahabhi ukumkani wakwaSamari,
212wathetha uAhabhi kuNabhoti, wathi, Ndinike isidiliya sakho, ukuba sibe ngumyezo wemifuno; ngokuba sisondelelene nendlu yam; ndokunika isidiliya esilungileyo kuneso esikhundleni saso; ke ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho, ndokunika imali esilingeneyo.
213Wathi uNabhoti kuAhabhi, Makube lee kum ngenxa kaYehova, ukuba ndikunike ilifa loobawo.
214UAhabhi waya endlwini yakhe ebuthe nkwa ubuso, ejalile, lilizwi abelithethile kuye uNabhoti waseYizereli, wathi, Andiyi kukunika ilifa loobawo. Waya walala esingqengqelweni, wabheka phaya; akadla nokudla.
215Wafika uIzebhele umkakhe kuye, wathi kuye, Yini na ukuba usangane kangaka, ungadli nokudla?
216Wathi kuye, Kungokuba ndithethe kuNabhoti waseYizereli, ndathi kuye, Ndinike isidiliya sakho ngemali; okanye ukuba uyavuma, ndokunika esinye isidiliya esikhundleni saso; wathi, Andiyi kukunika isidiliya sam.
217Wathi uIzebhele umkakhe kuye, Wena, abuphethwe nguwe na ngoku ubukumkani bakwaSirayeli? Vuka udle ukudla, ichwayithe intliziyo yakho; ndokunika mna isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
218Wabhala iincwadi egameni lika-Ahabhi, wazitywina ngomsesane wakhe, wazithumela ezo ncwadi kumadoda amakhulu nakubanumzana ababekuloo mzi wakhe, ababehleli noNabhoti.
219Wabhala kwezo ncwadi, wathi, Memani uzilo lokudla, nimbeke uNabhoti phambi kwabantu;
2110nibeke amadoda amabini angamatshijolo phambi kwakhe, angqine ngaye, athi, Wena uthuke uThixo nokumkani. Nize nimkhuphele phandle, nimgibisele ngamatye, afe.
2111Amadoda omzi wakhe, amadoda amakhulu nabanumzana ababehleli kuloo mzi wakhe, benza njengoko abebathumele ngako uIzebhele, njengoko kwakubhaliwe ezincwadini abezithumele kubo.
2112Bamema uzilo lokudla, bambeka uNabhoti phambi kwabantu.
2113Kwafika loo madoda mabini angamatshijolo, ahlala phambi kwakhe. Amadoda lawo angamatshijolo angqina ngaye uNabhoti phambi kwabantu, athi, UNabhoti uthuke uThixo nokumkani. Bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye, wafa.
2114Bathumela ke kuIzebhele, bathi, UNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa.
2115Kwathi, akuva uIzebhele ukuba uNabhoti ugityiselwe ngamatye, wafa, wathi uIzebhele kuAhabhi, Suka, usithabathe isidiliya sikaNabhoti waseYizereli, abengavumi ukukunika ngemali; ngokuba uNabhoti akasekho, ufile.
2116Kwathi, akuva uAhabhi ukuba uNabhoti ufile, wesuka uAhabhi, wehla, waya kusithabatha isidiliya sikaNabhoti waseYizereli.
2117Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi,
2118Suka uhle, uye kukhawulela uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli okwaSamari; nanko esesidiliyeni sikaNabhoti, ehle waya kusithabatha.
2119Uze uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ubulele na, wathabatha na? Uthethe kuye, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Endaweni ezixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, ziya kulixhaphela khona izinja igazi lakho, wena lo.
2120Wathi uAhabhi kuEliya, Undifumene na, lutshaba lwam? Wathi yena, Ndikufumene; ngenxa enokuba uzithengisele ukwenza okubi emehlweni kaYehova,
2121uyabona, ndikuzisela ububi, ndiwatshayele amavela-mva akho, ndiyinqamle kwa-Ahabhi yonke into eyindoda, ovalelweyo novulelweyo kwaSirayeli.
2122Ndoyenza indlu yakho ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya, ngenxa yokuqumbisa ondiqumbise ngako, wawonisa amaSirayeli.
2123Kananjalo wathetha uYehova ngoIzebhele, wathi, UIzebhele uya kudliwa zizinja emseleni wongqameko lwaseYizereli.
2124Owakwa-Ahabhi ofela phakathi komzi, uya kudliwa zizinja; ofela endle, uya kudliwa ziintaka zezulu.
2125(Kodwa bekungekho unjengoAhabhi, owazithengisela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, owaxhokonxwayo nguIzebhele umkakhe.
2126Wenza ngokwamasikizi kunene, ngokulandela izithixo ezizizigodo, njengoko enza ngako ama-Amori, awawagqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.)
2127Kwathi, akuweva uAhabhi loo mazwi kaEliya, wazikrazula iingubo zakhe, wabeka iingubo ezirhwexayo enyameni yakhe, wazila ukudla, walala ngeengubo ezirhwexayo, wahamba kuhle.
2128Lafika ilizwi likaYehova kuEliya waseTishbhi, lisithi, Uyakubona na, ukuzithoba kwakhe uAhabhi ebusweni bam?
2129Ngenxa enokuba ezithobile ebusweni bam, andiyi kubuzisa ububi emihleni yakhe; ndiya kuyizisela ububi indlu yakhe ngemihla yonyana wakhe.
221Kwahlalwa iminyaka yamithathu, kungekho mfazwe phakathi kwama-Aram namaSirayeli.
222Kwathi ngomnyaka wesithathu wehla uYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani wakwaSirayeli.
223Wathi ukumkani wakwaSirayeli kubakhonzi bakhe, Anazi na ukuba iRamoti yaseGiliyadi yeyethu, ukanti sithe cwaka thina; asiyihluthi esandleni sokumkani wakwa-Aram?
224Wathi kuYehoshafati, Wohamba na nam, silwe neRamoti yaseGiliyadi? Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Ndinjengawe; abantu bam banjengabantu bakho, amahashe am anjengamahashe akho.
225Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuze ilizwi likaYehova namhla.
226Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, bekumakhulu amane amadoda, wathi kubo, Ndiye kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka; iNkosi yoyinikela esandleni sokumkani.
227Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
228Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye, esingabuzisa ngayo kuYehova; ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi: nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.
229Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
2210Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, wahlala elowo etroneni yakhe, evethe iingubo zakhe, esandeni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.
2211UZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.
2212Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka, uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
2213Ke umthunywa, obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; izwi lakho makhe libe njengelizwi labo, uthethe okuhle.
2214Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha kum uYehova, ndothetha khona.
2215Wafika kukumkani. Wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, siyeke, kusini na? Wathi kuye, Nyuka, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
2216Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungandixeleli into engeyiyo inyaniso egameni likaYehova?
2217Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi. Wathi uYehova, Aba abanankosi; mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
2218Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndibe ndingatshongo na, ukuthi kuwe, akayi kuprofeta okuhle ngam, woprofeta ububi bodwa?
2219Wathi yena, Ngako oko, live ilizwi likaYehova: Ndimbonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngakuye, ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe;
2220wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
2221Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna. Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na?
2222Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Uya kumlukuhla, ufeze; phuma uye, wenjenjalo.
2223Uyabona kaloku, uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho bonke; uYehova uthethe okubi ngawe.
2224Wesuka uZedekiya unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe phi na kum uMoya kaYehova, ukuba aye kuthetha kuwe?
2225Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela.
2226Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabathe uMikaya, ubuye naye, umse kuAmon umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani;
2227uthi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.
2228Wathi uMikaya, Ukuba ubuye wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani, nonke zizwe ziphela.
2229Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.
2230Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, wangena ekulweni.
2231Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli bakhe beenqwelo zokulwa abamashumi mathathu anababini, wathi, Ize ningalwi nomnci nane nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.
2232Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Inene, ngukumkani wakwaSirayeli; batyeka ke, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati.
2233Kwathi, bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa ukuba asinguye ukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.
2234Wathi umntu watyeda isaphetha, efunisela, watsho kukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi yena kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undise ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
2235Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram, wafa ngokuhlwa; igazi lenxeba lakhe lankcenkceza, laya esiswini senqwelo.
2236Kwavakala kukhwazwa emkhosini ukutshona kwelanga, kusithiwa, Elowo emzini wakhe! Elowo ezweni lakhe!
2237Wafa ke ukumkani, waziswa kwaSamari. Bamngcwabela ukumkani kwaSamari.
2238Yahlanjwa inqwelo yokulwa echibini lakwaSamari; izinja zalixhapha igazi lakhe (ehlamba apho amahenyukazi), ngokwelizwi likaYehova abelithethile.
2239Ezinye izinto zika-Ahabhi, nako konke awakwenzayo, nendlu awayakhayo ngeempondo zeendlovu, nemizi yonke awayakhayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? Walala uAhabhi kooyise;
2240uAhaziya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
2241UYehoshafati, unyana ka-Asa, waba ngukumkani kwaYuda ngomnyaka wesine ka-Ahabhi ukumkani wakwaSirayeli.
2242UYehoshafati ube minyaka imashumi mathathu anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mabini anamihlanu engukumkani eYerusalem. Igama lonina lalinguAzubha, intombi kaShilehi.
2243Wahamba ngeendlela zonke zika-Asa uyise, akatyeka kuzo; esenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa iziganga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni.
2244UYehoshafati wahlalelana ngoxolo nokumkani wakwaSirayeli.
2245Ezinye izinto zikaYehoshafati, nobugorha bakhe awabenzayo, nokulwa kwakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
2246Amasalela amang’awu, awasalayo ngemihla kayise uAsa, wawatshayela ezweni.
2247Bekungekho kumkani oko kwaEdom. Bekulawula ibamba.
2248UYehoshafati wenza iinqanawa zaseTarshishe zokuya kuthabatha igolide kwaOfire. Azaya, ngokuba iinqanawa ezo zaphuka e-Etsiyon-gebhere.
2249Waza wathi uAhaziya, unyana ka-Ahabhi, kuYehoshafati, Abakhonzi bam mabahambe nabakhonzi bakho ngeenqanawa. Akavuma uYehoshafati.
2250UYehoshafati walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise. UYehoram unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
2251UAhaziya, unyana ka-Ahabhi, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari ngomnyaka weshumi elinesixhenxe kaYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli.
2252Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangendlela yonina, nangendlela kaYarobheham unyana kaNebhati, owawonisayo amaSirayeli.
2253Wakhonza uBhahali, waqubuda kuye, wamqumbisa uYehova uThixo kaSirayeli, njengako konke awakwenzayo uyise.