Share this page:  
 

Multilingual Scriptures

(Compare books in 2 different language versions of your choice)

Comparison Search:

Select Language version and font:
You can only select max. of two versions.
Book:
Chapter:
Verse:
---------
From: To:

Free Search:

Select Language version and font:
Enter search text:

Multilingual Scriptures Home » Xhosa Bible » Genesis

Xhosa Bible
Chapter # Verse # Verse Detail
12Ke ehlabathini kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila. UMoya kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.
13Wathi uThixo, Makubekho ukukhanya. Kwabakho ke ukukhanya.
14Wakubona ke uThixo ukukhanya ukuba kulungile, wahlula uThixo phakathi kokukhanya nobumnyama.
15Wathi uThixo ukukhanya yimini, wathi ubumnyama bubusuku. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wokuqala.
16Wathi uThixo, Makubekho isibhakabhaka phakathi kwawo amanzi, sibe ngumahlulo wokwahlula amanzi kumanzi.
17Wasenza uThixo isibhakabhaka, wawahlula amanzi angaphantsi kwesibhakabhaka kuwo amanzi angaphezu kwesibhakabhaka. Kwaba njalo.
18Wathi uThixo isibhakabhaka ngamazulu. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesibini.
19Wathi uThixo, Amanzi angaphantsi kwamazulu makahlanganiselwe ndaweni-nye, kubonakale okomileyo. Kwaba njalo.
110Wathi uThixo okomileyo ngumhlaba, wathi intlanganisela yamanzi ziilwandle. Wabona uThixo ukuba kulungile.
111Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume uhlaza, imifuno evelisa imbewu, imithi yeziqhamo, eyenza iziqhamo ngohlobo lwayo, embewu ikuyo, emhlabeni. Kwaba njalo.
112Umhlaba waphuma uhlaza, nemifuno evelisa imbewu ngohlobo lwayo, nemithi eyenza iziqhamo, embewu ikuyo, ngohlobo lwayo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
113Kwahlwa kwasa: yangumhla wesithathu.
114Wathi uThixo, Makubekho izikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zibe ngumahlulo wokwahlula imini kubusuku; zibe zezemiqondiso, zibe zezamaxesha amisiweyo, zibe zezemihla neminyaka;
115mazibe zizikhanyiso esibhakabhakeni samazulu, zikhanyise ehlabathini. Kwaba njalo.
116Wenza uThixo izikhanyiso ezikhulu zazibini, esona sikhulu isikhanyiso ukuba silawule imini, esona sincinane isikhanyiso ukuba silawule ubusuku; wenza neenkwenkwezi.
117Wazibeka uThixo esibhakabhakeni samazulu, ukuba zikhanyise ehlabathini, zilawule imini nobusuku,
118zahlule ukukhanya kubumnyama. Wabona uThixo ukuba kulungile.
119Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesine.
120Wathi uThixo, Amanzi la makanyakazele inyakanyaka, imiphefumlo ephilileyo; zithi neentaka ziphaphazele ehlabathini, esibhakabhakeni sezulu.
121Wadala uThixo oominenga mikhulu, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enambuzelayo, awanyakazela ngayo amanzi ngohlobo lwayo, neentaka zonke ezinamaphiko ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
122Wazisikelela uThixo, esithi, Qhamani, nande, niwazalise amanzi aselwandle; zithi iintaka zande ehlabathini.
123Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesihlanu.
124Wathi uThixo, Umhlaba mawuphume imiphefumlo ephilileyo ngohlobo lwayo: izinto ezizitho zine, nezinambuzane, nezinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo. Kwaba njalo.
125Wenza uThixo izinto eziphilileyo zomhlaba ngohlobo lwazo, nezinto ezizitho zine ngohlobo lwazo, nazo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo. Wabona uThixo ukuba kulungile.
126Wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni ezizitho zine, nasemhlabeni wonke, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzela emhlabeni.
127Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; wamdala ngokomfanekiselo kaThixo; wadala indoda nenkazana.
128Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.
129Wathi uThixo, Yabonani, ndininikile yonke imifuno evelisa imbewu, esemhlabeni wonke, nayo yonke imithi eneziqhamo zemithi evelisa imbewu: yoba kukudla kuni.
130Nezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, neentaka zonke zezulu, nezinambuzane zonke ezisemhlabeni, ezinomphefumlo ophilileyo, ndizinike yonke imifuno eluhlaza ukuba ibe kukudla. Kwaba njalo.
131Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene. Kwahlwa, kwasa: yangumhla wesithandathu.
21Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto.
22Wawugqiba ke uThixo ngomhla wesixhenxe umsebenzi wakhe awawenzayo; waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo.
23Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe awawudalayo uThixo, wawenza.
24Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto, mini wenza uYehova uThixo ihlabathi namazulu,
25onke amatyholo asendle engekaveli emhlabeni, nayo yonke imifuno yasendle ingekantshuli; kuba uYehova uThixo ebengekanisi mvula emhlabeni; kwaye kungekho mntu wokuwusebenza umhlaba.
26Kwaye kunyuka inkungu iphuma ehlabathini, yawunyakamisa wonke umhlaba.
27UYehova uThixo wambumba umntu ngothuli lwasemhlabeni, waphefumlela emathatheni akhe impefumlo yobomi; umntu ke waba ngumphefumlo ophilileyo.
28UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.
29UYehova uThixo wantshulisa emhlabeni yonke imithi enqwenelekayo ngokukhangeleka, nelungele ukudliwa; nomthi wobomi emyezweni phakathi, nomthi wokwazi okulungileyo nokubi.
210Kwaphuma umlambo e-Eden wokuwunyakamisa umyezo; wahluka apho, waba ziimbaxa ezine.
211Igama lowokuqala yiPishon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe laseHavila, apho ikhona igolide.
212Igolide yelo lizwe intle, ikhona ibhedolaki nelitye lebherilo.
213Igama lowesibini umlambo yiGihon; nguwo lowo ujikeleze lonke ilizwe lakwaKushi.
214Igama lowesithathu umlambo yiHidekele; nguwo lowo uya phambi kwelakwa-Asiriya. Owesine umlambo ngumEfrati.
215UYehova uThixo wamthabatha umntu, wambeka emyezweni we-Eden, ukuba awusebenze, awugcine.
216UYehova uThixo wamwisela umthetho umntu, esithi, Yonke imithi yomyezo ungayidla uyidle;
217ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.
218Wathi uYehova uThixo, Akulungile ukuba umntu abe yedwa, ndiya kumenzela umncedi onguwabo.
219UYehova uThixo wabumba ngomhlaba zonke izinto eziphilileyo zasendle, nazo zonke iintaka zezulu, wazisa kuye uAdam ukubona ukuba wothini na ukuzibiza, ukuze oko azibize ngako uAdam zonke izinto eziphilileyo, ibe ligama lazo elo.
220Wazithiya amagama uAdam zonke izinto ezizitho zine, neentaka zasezulwini, nazo zonke izinto eziphilileyo zasendle; ke uAdam akafunyanelwanga mncedi unguwabo.
221UYehova uThixo wawisa ubuthongo obukhulu phezu koAdam, walala. Wathabatha lwalunye ezimbanjeni zakhe, wavingca ngenyama esikhundleni salo.
222UYehova uThixo walwakha ubambo abeluthabathe kuAdam, lwaba ngumfazi; wamzisa kuAdam.
223Wathi uAdam, Eli ke ngoku lithambo lasemathanjeni am, yinyama yasenyameni yam; lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.
224Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.
225Baye bobabini behamba ze, umntu lowo nomkakhe, bengenazintloni.
31Ke kaloku inyoka yaye inobuqhophololo ngaphezu kwazo zonke izinto eziphilileyo zasendle, abezenzile uYehova uThixo. Yathi kumfazi Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Ze ningadli kuyo yonke imithi yomyezo?
32Wathi umfazi kwinyoka, Eziqhameni zemithi yomyezo singadla;
33ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Ze ningadli kuzo; ze ningazichukumisi, hleze nife.
34Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa:
35kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.
36Wabona umfazi ukuba umthi ulungele ukudliwa, nokuba uyakhanukeka emehlweni, ingumthi onqwenelekela ukuqiqisa, wathabatha eziqhameni zawo, wadla; wanika nendoda yakhe inaye, yadla.
37Aqabuka amehlo abo bobabini, bazi ukuba bahamba ze; bathunga amagqabi omkhiwane, bazenzela imibhinqo.
38Basiva isandi sikaYehova uThixo, ehamba emyezweni empepheni yasemini; basuka bazimela uAdam nomkakhe ebusweni bukaYehova uThixo, phakathi kwemithi yomyezo.
39UYehova uThixo wambiza uAdam, wathi kuye, Uphi na?
310Wathi yena, Ndive isandi sakho emyezweni, ndasuka ndoyika, ngokuba ndihamba ze; ndazimela.
311Wathi, Uxelelwe ngubani na, ukuba uhamba ze? Udlile na kuwo umthi, endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo?
312Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke.
313Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.
314Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho.
315Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.
316Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.
317KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho.
318Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle.
319Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.
320UAdam walibiza igama lomkakhe ngokuthi nguEva, ngokuba yena engunina wabaphilileyo bonke.
321UYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa.
322Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade:
323uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo.
324Wamgxotha ke umntu; wamisa ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi, nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.
41Ke kaloku uAdam wamazi uEva umkakhe; wamitha wazala uKayin, wathi, Ndizuze indoda ngoYehova.
42Waphinda wazala umninawa wakhe, uAbheli; uAbheli waba ngumalusi wezimvu, uKayin waba ngumsebenzi womhlaba.
43Kwathi ekupheleni kwamihla ithile, uKayin wathabatha eziqhameni zomhlaba, wazisa umnikelo kuYehova.
44UAbheli wazisa naye, ethabathe kumazibulo ezimvu zakhe, kwezinamanqatha. Waza uYehova wambheka uAbheli nomnikelo wakhe.
45Akambheka uKayin nomnikelo wakhe. Waqumba kunene uKayin, basangana ubuso bakhe.
46Wathi uYehova kuKayin, Yini na ukuba uqumbe, yini na ukuba busangane ubuso bakhe?
47Ukuba uthe walungisa, abuyi kuswabuluka ubuso yini na? Ukuba uthe akwalungisa, isono sibuthumile ngasesangweni, singxamele wena; ke wena, silawule.
48Wathetha uKayin noAbheli umninawa wakhe, kwathi besendle, wesuka uKayin wamvunukela uAbheli umninawa wakhe, wambulala.
49Wathi uYehova kuKayin, Uphi na uAbheli, umninawa wakho? Wathi yena, Andazi; ndingumgcini womninawa wam, yini na?
410Wathi, Wenze ntoni na? Izwi legazi lomninawa wakho liyakhala emhlabeni kum.
411Ngoko uqalekisiwe emhlabeni, owakhamise umlomo wawo ukuba ulithabathe igazi lomninawa wakho esandleni sakho.
412Xenikweni uwusebenzayo umhlaba, awusayi kuphinda ukunike amandla awo; uya kubhadula uphalaphale ehlabathini.
413Wathi uKayin kuYehova, ityala lam likhulu ngokungenakuthwalwa.
414Yabona, undigxdothile namhla phezu komhlaba; ndiya kusithela nasebusweni bakho, ndibhadule ndiphalaphale ehlabathini bathi bonke abantu abandifumanayo bandibulale.
415Wathi uYehova kuye, xa kunjalo, bonke ababulala uKayin kophindezelwa kubo kasixhenxe. UYehova wammisela uKayin umqondiso, ukuze bonke abamfumanayo bangamsiki.
416Waphuma uKayin, wemka ebusweni bukaYehova; wahlala ezweni lakwaKuphalaphala phambi kwe-Eden.
417UKayin wamazi umkakhe, wamitha, wazala uEnoki. Wakha umzi, wawuthiya loo mzi ngegama lonyana wakhe uEnoki.
418UEnoki wazalelwa uIradi; uIradi wazala uMehuyaheli; uMehuyaheli wazala uMetusaheli; uMetusaheli wazala uLameki.
419ULameki wazeka abafazi ababini; igama lomnye belinguAda, igama lowesibini belinguZila.
420UAda wazala uYabhali yena waba nguyise wabahlala ezintenteni, nabafuyileyo.
421Igama lomninawa wakhe belinguYubhali; yena waba nguyise wabo bonke abaphatha uhadi nogwali.
422UZila uthe naye wazala uTubhalekayin, obekhanda yonke impahla enobukhali yobhedu nesinyithi; udade woTubhalekayin ebenguNahama.
423Wathi uLameki kubafazi bakhe, ada noZila, liveni ilizwi lam. Bafazi bakaLameki, phulaphulani intetho yam. Sendibulele indoda ngenxa yenxeba lam, nendodana ngenxa yomvumbo wam.
424Xa uKayin aya kuphindezelwa kasixhenxe, Yena uLameki uya kuphindezelwa kamashumi osixhenxe anesixhenxe.
425UAdam wabuya wamazi umkakhe, wazala unyana, wathi igama lakhe nguSete, kuba wathi, UThixo undimisele enye imbewu esikhundleni sika-Abheli owabulawa nguKayin.
426USete naye wazalelwa unyana, wathi igama lakhe nguEnoshe. Kwaqalwa oko ukunqulwa igama likaYehova.
51Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.
52Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam, mhlana wabadala.
53UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.
54Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
55Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
56USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.
57USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.
58Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.
59UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.
510UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.
511Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.
512UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.
513UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mane: wazala oonyana neentombi.
514Iyonke imihla kaKenan yaba yiminyaka emakhulu asithoba, aneminyaka elishumi; wafa ke.
515UMahalaleli wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uYerede.
516UMahalaleli wahlala emveni kokuzala kwakhe uYerede iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mathathu; wazala oonyana neentombi.
517Iyonke imihla kaMahalaleli yaba yiminyaka emakhulu asibhozo anamanci asithoba anamihlanu; wafa ke.
518UYerede wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathandathu anamibini, wazala uEnoki.
519UYerede wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoki iminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
520Iyonke imihla kaYerede yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathandathu anamihlanu, anamibini; wafa ke.
521UEnoki wahlala iminyaka emashumi mathandathu anamihlanu, wazala uMethusela.
522UEnoki wahamba noThixo, emveni kokuzala kwakhe uMethusela, iminyaka emakhulu mathathu; wazala oonyana neentombi.
523Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.
524UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.
525UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.
526UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana eneentombi.
527Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.
528ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.
529Wamthiya igama elinguNowa, esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.
530ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.
531Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.
532Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.
61Kuthe bakuqala ukwanda abantu ehlabathini, bakuzalelwa iintombi,
62bazibona oonyana bakaThixo iintombi zabantu ukuba zintle, bazeka abafazi kuzo zonke abazinyulayo.
63Wathi uYehova, UMoya wam akayi kulawula ebantwini ngonaphakade; ekulahlekeni kwabo bayinyama; imihla yabo iya kuba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini.
64Kwakukho iingxilimbela ehlabathini ngaloo mihla; kananjalo emveni koko, xeshikweni oonyana bakaThixo bangenayo kuzo iintombi zabantu, zabazalela abantwana. Aba baba ngamagorha ababekho kwasephakadeni, amadoda adumileyo.
65Wabona uThixo ukuba ububi babantu bandile ehlabathini, konke ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa imihla yonke.
66Wazohlwaya uYehova, ngokuba emenzile umntu ehlabathini, kwaba buhlungu kuye entliziyweni.
67Wathi uYehova, Ndiya kumcima umntu endimdalileyo, angabikho ehlabathini, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, kuse ezinambuzaneni, kuse ezintakeni zezulu, ngokuba ndizohlwaya ngokuba ndizenzile ezo zinto.
68UNowa yena wababalwa nguYehova.
69Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.
610UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.
611Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.
612UThixo walikhangela ihlabathi, nalo, lonakele! Ngokuba yonke inyama ibiyonakalisile indlela yayo ehlabathini.
613Wathi uThixo kuNowa, Isiphelo senyama yonke sifikile phambi kwam; ngokuba ihlabathi lizele lugonyamelo oluphuma kubo; yabona ke, ndiya kubonakalisa, bona ndawonye nehlabathi.
614Zenzele ke umkhombe ngemithi yegofere, uwenze izindlu umkhombe, uwuqabe ngaphakathi nangaphandle ngebhitumene.
615Wenjenje ukuwenza: bube ngamakhulu omathathu eekubhite ubude bomkhombe, namashumi omathathu eekubhite ububanzi bawo, namashumi omathathu eekubhite ukuphakama kwawo.
616Wenze ikroba emkhombeni, ukuligqiba kwakho kube yikubhite enye, ithabathela phezulu; umnyango womkhombe uwumise ecaleni lawo; wenze izindlu zodidi lwaphantsi, nolwesibini, nolwesithathu.
617Mna ke, uyabona, ndihlisa unogumbe wamanzi ehlabathini, wokonakalisa yonke inyama enomoya wokuphila kuyo, ephantsi kwamazulu; konke okusehlabathini kuya kuphuma umphefumlo;
618ndiwumise umnqophiso wam nawe, ungene emkhombeni wena, noonyana bakho, nomkakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.
619Kwizinto zonke eziphilileyo, kwinyama yonke, uze ungenise emkhombeni ngambini kuzo zonke, ukuze zisindiswe nawe, ibe yinkunzi nemazi;
620kwiintaka ngohlobo lwazo, kwiinkomo ngohlobo lwazo, kuzo zonke izinambuzane zomhlaba ngohlobo lwazo, zibe ngambini kuzo zonke, eziya kungena kuwe, ukuba zisindiswe.
621Wena ke, uthabathele kuwe ekudleni konke okudliwayo, uhlanganisele kuwe kube kukudla kuwe nakuzo.
622Wenza uNowa konke uThixo abemwisele umthetho ngako, wenza njengoko.
71Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana.
72Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;
73nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.
74Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.
75Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.
76UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.
77Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.
78Kuzo izinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho zine eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,
79kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.
710Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.
711Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.
712Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mani.
713Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.
714Bona, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko,
715zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.
716Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.
717Yaba ngunogumbe imihla emashumi mane ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.
718Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.
719Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.
720Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.
721Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.
722Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.
723Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.
724Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.
81UThixo wamkhumbula uNowa, neento zonke eziphilileyo, nezinto zonke ezizitho zine ezazinaye emkhombeni; uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi.
82Yavingcwa imithombo yamanzi enzonzobila neengcango zezulu, wathintelwa umvumbi wezulu.
83Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu.
84Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.
85Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
86Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mane, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
87wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.
88Wasusa ihobe, ukuze abone ukuba amanzi awuthile na phezu kwehlabathi.
89Ihobe alifumananga ndawo yakuphumza nentende yethupha lalo, labuyela kuye emkhombeni, ngokuba amanzi abephezu kwehlabathi lonke; wolula isandla sakhe, walithabatha, walingenisa kuye emkhombeni.
810Walinda eminye imihla esixhenxe, waphinda walisusa ihobe emkhombeni.
811Leza kuye ihobe ngexesha langokuhlwa; nanko, kukho igqabi lomnquma elisandula ukukhiwa emlonyeni walo; wazi uNowa, ukuba ehlile amanzi ehlabathini.
812Walinda eminye imihla ekwasixhenxe, walisusa ihobe; aliphindanga libuyele kuye kanjalo.
813Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omathandathu anamnye, ngolokuqala enyangeni yokuqala, amanzi atsha ehlabathini; uNowa walususa uphahla lomkhombe; wakhangela, nango umhlaba womile.
814Ngenyanga yesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo, woma kwaphela umhlaba.
815Wathetha uThixo kuNowa, esithi,
816Phuma emkhombeni, wena nomkakho, noonyana bakho, nabafazi boonyana bakho, ndawonye nawe.
817Zonke izinto eziphilileyo ezikuwe, kwinyama yonke, ezintakeni, nasezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni zonke ezinambuzelayo emhlabeni, phuma nazo, zizalise ihlabathi, ziqhame, zande ehlabathini.
818Waphuma ke uNowa, noonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye.
819Zonke izinto eziphilileyo, zonke izinambuzane, neentaka zonke, iinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, ngeentlobo zazo, zaphuma emkhombeni.
820UNowa wamakhela uYehova isibingelelo, wathabatha kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakwiintaka zonke ezihlambulukileyo, wanyusa amadini anyukayo esibingelelweni eso.
821UThixo weva ivumba elithozamisayo, wathi uYehova entliziyweni yakhe, Andisayi kuphinda ndilitshabhise ihlabathi ngenxa yomntu, ngokuba ukuyila kwentliziyo yomntu kubi kwasebutsheni bakhe; andisayi kuphinda ndizibhubhise zonke izinto eziphilileyo, njengoko ndenze ngako.
822Kuthabathela apha, ngayo yonke imihla yehlabathi, akuyi kuphela ukuhlwayela nokuvuna, ukubanda nobushushu, ihlobo nobusika, imini nobusuku.
91UThixo wamsikelela uNowa noonyana bakhe, wathi kubo, Qhamani, nande, nizalise ihlabathi.
92Ukoyikeka kwenu, nokuqhiphula kwenu umbilini, makube phezu kwezinto zonke eziphilileyo zomhlaba, naphezu kweentaka zonke zezulu, nakwiinto zonke ezinambuzelayo emhlabeni, nakwiintlanzi zonke zolwandle; zona zinikelwe esandleni senu.
93Zonke izinambuzane eziphilileyo mazibe kukudla kuni; njengomfuno oluhlaza, ndininikile oko konke.
94Yinyama yodwa enomphefumlo wayo, enegazi layo, eningasayi kuyidla.
95Ligazi lenu lodwa, imiphefumlo yenu ke, endiya kulibiza; esandleni sezinto zonke eziphilileyo ndiya kulibiza, nasesandleni somntu; esandleni salowo ungumzalwana wakhe, ndiya kuwubiza umphefumlo womntu.
96Ophalaza igazi lomntu, igazi lakhe lophalazwa ngumntu, ngokuba umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo.
97Nina ke, qhamani nande, nilizalise ihlabathi, nande kulo.
98Watsho uThixo kuNowa, nakoonyana bakhe ndawonye naye, ukuthi,
99Yabonani, mna ndiyawumisa umnqophiso wam nani, nembewu yenu emva kwenu,
910nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto zonke eziphilileyo zehlabathi ezikuni; kwiinto zonke eziphume emkhombeni, ezizizinto zonke eziphilileyo zehlabathi.
911Ndiwumise umnqophiso wam nani, ukuba ingabi sanqunyulwa yonke inyama ngamanzi onogumbe, kungabi sabakho nogumbe wokulonakalisa ihlabathi.
912Wathi uThixo, Nguwo lo umqondiso womnqophiso endiwubekayo phakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo ekuni, kuse kwizizukulwana zasephakadeni:
913umnyama wam ndiwubeke efini, ukuba ube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nehlabathi.
914Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyama lowo efini;
915ndiwukhumbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.
916Umnyama woba semafini ke, ndiwukhangele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.
917Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.
918Ke kaloku oonyana bakaNowa, abaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.
919Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.
920UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.
921Wasela iwayini, wanxila, wazihluba phakathi kwentente yakhe.
922UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuze bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.
923UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuze bukayise.
924Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.
925Wathi, Makaqalekiswe uKanan, Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.
926Wathi, Makabongwe uYehova uThixo kaShem, UKanan abe sisicaka kubo.
927UThixo makamvulele uYafete, Ahlale ezintenteni zikaShem, UKanan abe sisicaka kubo.
928Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mthathu anamanci mahlanu.
929Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.
101Yiyo le ke inzala yoonyana bakaNowa: uShem, noHam, noYafete. Bazalelwa oonyana emveni konogumbe.
102Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi.
103Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noRifati, noTogarma.
104Oonyana bakaYavan nguElisha, noTarshishe, ngamaKiti namaDodan.
105Zadabuka kubo abo iziqithi zeentlanga emazweni, lwaolo ngokolwimi lwalo, ngokwesizwe salo ezintlangeni zazo.
106Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan.
107Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSebheta, noRama, noSabheteka; oonyana bakaRama nguShebha noDedan.
108UKushi wazala uNimrodi; yena waqala waba ligorha ehlabathini.
109Yena waba ligorha lezingela phambi koYehova; ngenxa yoko kwathiwa, NjengoNimrodi, igorha lezingela phambi koYehova.
1010Ukuqala kobukumkani bakhe yiBhabheli, ne-Ereki, neAkadi, neKalene, ezweni leShinare.
1011Kulo elo zwe waphuma waya kwelaseAsiriya, wikha iNineve neRehobhotire nomzi weKala,
1012neRezen, phakathi kweNineve neKala; nguloo mzi mkhulu ke lowo.
1013UMitzerayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi,
1014namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti namaKafetori.
1015UKanan wazala uTsidon, owamazi bulo wakhe, noHeti,
1016namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi,
1017namaHivi, nama-Areki, namaSin,
1018nama-Arvadi, namaTsemari, namaHamati; emveni koko zaphangalala izizwe zamaKanan.
1019Umda wamaKanan wathabathela eTsidon, wasinga eGerare, wasa eGaza; wasinga eSodom, neGomora, neAdama, neTsebhoyim, wasa eLasha.
1020Ngabo abo oonyana bakaHam, ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ezintlangeni zabo.
1021UShem wazalelwa naye; unguyise wabo bonke oonyana bakaEbhere, ungumzalwana omkhulu kaYafete.
1022Oonyana bakaShem nguElam, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram.
1023Oonyana baka-Aram ngu-Utse, noHuli, noGetere, noMashi.
1024UArpakishadi wazala uShela, uShela wazala uEbhere.
1025UEbhere wazalelwa oonyana bababini; igama lomnye belinguPelege, ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi behlabathi; igama lomninawa wakhe belinguYoketan.
1026UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera,
1027noHadoram, noUzali, noDikela,
1028no-Obhali, noAbhimayeli, noShebha,
1029no-Ofire, noHavila, noYobhabhi; bonke abo bangoonyana bakaYoketan.
1030Ukuma kwabo kwathabathela eMesha, kwasinga eZefara, intaba yasempumalanga.
1031Ngabo abo oonyana bakaShem ngokwezizwe zabo, ngokweelwimi zabo, emazweni abo, ngokweentlanga zabo.
1032Zizo ezo izizwe zoonyana bakaNowa, ngokweenzalo zabo, ezintlangeni zabo; zadabuka kubo abo iintlanga ehlabathini emveni konogumbe.
111Ke kaloku lonke ihlabathi libe lintetho-nye, limazwi manye.
112Kwathi, ekundulukeni kwabo besinga empumalanga, bafumana ithafa ezweni laseShinare; bahlala khona. Bathi abanye kwabanye, Yizani, senze izitena, sizitshise kunene.
113Baba nezitena endaweni yamatye, nebhitumene endaweni yodaka.
114Bathi, Yizani, sizakhele umzi, nepoma lenqaba elincopho isemazulwini; sizenzele igama, hleze sichithakalele ehlabathini lonke.
115UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.
116Wathi uYehova, Yabona, abantu banye, bantetho-nye bonke bephela; yingqalo ke le yokwenza kwabo; kaloku abayi kunqatyelwa nto bayinkqangiyeleyo ukuyenza.
117Yizani, sihle, sidube khona apho intetho yabo, ngokokuze bangevani ngentetho.
118UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke; bayeka ukuwakha loo mzi.
119Ngenxa yoko kwathiwa igama lawo yiBhabheli; ngokuba uYehova wayiduba khona apho intetho yehlabathi lonke, wabachithachitha kwalapho uYehova ehlabathini lonke.
1110Yiyo le ke inzala kaShem: uShem ubeminyaka ilikhulu ezelwe, wazala uArpakishadi, iminyaka emibini emveni konogumbe.
1111UShem wahlala emveni kokuzala kwakhe uArpakishadi iminyaka emakhulu mahlanu, wazala oonyana neentombi.
1112UArpakishadi wahlala iminyaka emashumi mathathu anamihlanu, wazala uShela.
1113UArpakishadi wahlala emveni kokuzala kwakhe uShela iminyaka emakhulu mane anamathathu, wazala oonyana neentombi.
1114UShela wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uEbhere.
1115UShela wahlala emveni kokuzala kwakhe uEbhere iminyaka emakhulu mane anamithathu, wazala oonyana neentombi.
1116UEbhere wahlala iminyaka emashumi mathathu anamine, wazala uPelege.
1117UEbhere wahlala emveni kokuzala kwakhe uPelege iminyaka emakhulu mane anamanci mathathu, wazala oonyana neentombi.
1118UPelege wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uRehu.
1119UPelege wahlala emveni kokuzala kwakhe uRehu iminyaka emakhulu mabini anesithoba, wazala oonyana neentombi.
1120URehu wahlala iminyaka emashumi mathathu anamibini, wazala uSerugi.
1121URehu wahlala emveni kokuzala kwakhe uSerugi iminyaka emakhulu mabini anesixhenxe, wazala oonyana neentombi.
1122USerugi wahlala iminyaka emashumi mathathu, wazala uNahore.
1123USerugi wahlala emveni kokuzala kwakhe uNahore iminyaka emakhulu mabini, wazala oonyana neentombi.
1124UNahore wahlala iminyaka emashumi mabini anesithoba, wazala uTera.
1125UNahore wahlala emveni kokuzala kwakhe uTera iminyaka elikhulu elinashumi-nye linesithoba, wazala oonyana neentombi.
1126UTera wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uAbram, noNahore, noHaran.
1127Yiyo le ke inzala kaTera: uTera wazala uAbram, noNahore, noHaran; uHaran wazala uLote.
1128Wafa uHaran esekho uTera uyise, ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre yamaKaledi.
1129UAbram noNahore bazeka abafazi; igama lomka-Abram lalinguSarayi; igama lomkaNahore lalinguMilka, intombi kaHaran, usoMilka, usoYiska.
1130USarayi ebengazali, engenamntwana.
1131UTera wamthabatha uAbram, unyana wakhe, noLote unyana kaHaran, unyana wonyana wakhe, noSarayi umolokazana wakhe, umka-Abram unyana wakhe, baphuma nabo eUre yamaKaledi, besiya ezweni lakwaKanan; bafika kwelakwaHaran, bahlala khona.
1132Imihla kaTera yaba yiminyaka emakhulu mabini anamihlanu; wafa uTera kwelakwaHaran.
121Ke kaloku uYehova wathi kuAbram, Hamba, umke ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, nasendlwini kayihlo, uye ezweni endokubonisa lona;
122ndikwenze uhlanga olukhulu, ndikusikelele, ndilikhulise igama lakho, ube yintsikelelo;
123ndibasikelele abakusikelelayo, ndimtshabhise okuqalekisayo; zisikeleleke ngawe zonke izizwe zehlabathi.
124Wahamba uAbram njengoko wathethayo uYehova kuye; wahamba naye uLote. UAbram ubeminyaka imashumi asixhenxe anamihlanti ezelwe, ukuphuma kwakhe kwelakwaHaran.
125UAbram wathabatha uSarayi umkakhe, noLote unyana womninawa wakhe, nengqwebo yabo yonke ababeyiqwebile, nabantu ababebafumene kwelakwaHaran; baphuma ke besiya ezweni lakwaKanan, bafika ke ezweni lakwaKanan.
126UAbram wacanda ilizwe, wada waya kwindawo enoShekem, wada waya eMokini kaMore. AmaKanan abekho ngelo xesha kulo ilizwe.
127UYehova wabonakala kuAbram, wathi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe. Wamakhela khona isibingelelo uYehova, owabonakalayo kuye.
128Wesuka khona waya entabeni ngasempumalanga, eBheteli, wayitwabulula intente yakhe, iBheteli ingasentshonalanga, iAyi ingasempumalanga; wamakhela khona isibingelelo uYehova, wanqula igama likaYehova.
129Wanduluka uAbram, ehamba encothula, esinga kwelasezantsi.
1210Kwabakho indlala ezweni. Wehla uAbraham waya eYiputa, ukuze aphambukele khona; ngokuba indlala ibinzima elizweni.
1211Kwathi, akusondela ukuba angene eYiputa, wathi kuSarayi umkakhe, Uyabona ke, ndiyazi ukuba ungumfazi omhle imbonakalo.
1212Kothi ke, akukubona amaYiputa, athi, Ngumkakhe lo; andibulale, akuyeke wena udle ubomi.
1213Uze uthi, ungudade wethu wena; ukuze kulunge kum ngenxa yakho, umphefumlo wam udle ubomi ngenxa enawe.
1214Kwathi, akufika uAbram eYiputa, ambona amaYiputa umfazi ukuba uyinzwakazi.
1215Bambona abathetheli bakaFaro, bamdumisa kuFaro; umfazi wasiwa endlwini kaFaro.
1216Wamphatha ngokulungileyo uAbram ngenxa yakhe; wanempahla emfutshane, neenkomo, namaesile, nabakhonzi, nabakhonzazana, neemazi zamaesile, neenkamela.
1217UYehova wambetha uFaro nendlu yakhe ngezibetho ezikhulu ngenxa kaSarayi, umka-Abram.
1218UFaro wambiza uAbram wathi, Yintoni na le uyenzileyo kum? Yini na ukuba ungandixeleli ukuba ngumkakho?
1219Yini na ukuba uthi, ngudade wenu? Ndamthabatha ukuba abe ngumfazi wam. Ngoku ke nanko unikakho, mthabathe uhambe.
1220UFaro wawawisela umthetho amadoda ngaye; amkhapha yena nomkakhe, nezinto zakhe zonke.
131Wenyuka uAbram, ephuma eYiputa, yena nomkakhe, neento zakhe zonke, enoLote, esinga kwelasezantsi.
132UAbram waye esisityebi kunene ngemfuyo, nangesilivere, nangegolide.
133Wahamba encothula, esuka kwelasezantsi, wafika eBheteli, kuloo ndawo yayikhona intente yakhe matanci, phakathi kweBheteli neAyi,
134endaweni yesibingelelo awasenzayo khona ekuqaleni. UAbram walinqula khona igama likaYehova.
135Naye uLote, obehamba noAbram, waye enempahla emfutshane, neenkomo, neentente.
136Ilizwe elo alaba nakubathwala, ukuba bahlale ndawonye; ngokuba impahla yabo yayininzi, ababa nakuhlala ndawonye.
137Kwabakho ukubambana phakathi kwabalusi bemfuyo ka-Abram nabalusi bemfuyo kaLote. Ngelo xesha ilizwe lalimiwe ngamaKanan namaPerizi.
138UAbram wathi kuLote, Makungabikho mbambano kaloku phakathi kwam nawe, naphakathi kwabalusi bam nabalusi bakho; ngokuba singamadoda azalanayo.
139Aliphambi kwakho na ilizwe lonke? Khawahluke kum; ukuba uya ekhohlo, ndoya ekunene, ukuba uya ekunene, ndoya ekhohlo.
1310ULote waphakamisa amehlo akhe, wawukhangela wonke ummandla waseYordan, ngokuba ubunamanzi wonke, engekayonakalisi uYehova iSodom neGomora, unjengomyezo kaYehova, unjengelizwe laseYiputa, usingise eTsohare.
1311ULote wawunyula wonke ummandla waseYordan; wanduluka uLote waya ngasempumalanga; bahlukana ke.
1312UAbram wahlala ezweni lakwaKanan; uLote wahlala emizini yaloo mmandla, wayisondezela eSodom intente yakhe.
1313Ke kaloku amadoda aseSodom ayengabenzi bobubi, engaboni abakhulu kuYehova.
1314Wathi uYehova kuAbram, emveni kokuba uLote ahlukane naye, Khawuwaphakamise amehlo akho ukuloo ndawo ukuyo, ubhekise entla, nasezantsi, nasempumalanga, nasentshonalanga;
1315ngokuba lonke ilizwe olibonayo ndiya kulinika wena, nembewu yakho, kude kuse ephakadeni;
1316ndiyenze imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, angathi ubani enako ukulubala uthuli lomhlaba, ayibale nembewu yakho.
1317Suka, ulihambe ilizwe ngobude balo nangobubanzi balo; ngokuba ndiya kulinika wena.
1318Wancothula uAbram intente yakhe, waya wahlala ngaseMiokini kaMamre eseHebron, wakhela khona uYehova isibingelelo.
141Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare, noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi,
142benza imfazwe noBhera ukumkani waseSodom, noBhirsha ukumkani waseGomora, noShinabhi ukumkani waseAdama, noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare.
143Bonke abo baqukana entilini yaseSidim, eluLwandle lweTyuwa.
144Iminyaka elishumi elinamibini bakhonza uKedorlahomere, bathi ngomnyaka weshumi elinantathu bagwilika.
145Ngomnyaka weshumi elinamine weza uKedorlahomere nookumkani ababanaye, bawatshabalalisa amaRafa eAshtaroti-karnayim, namaZuzi eHam, namaEma ethafeni laseKiriyatayim,
146namaHori entabeni yawo yakwaSehire, kwasa kwiElparan, engasentlango.
147Bajika, beza e-En-mishpati eyiKadeshe, balitshabalalisa lonke ilizwe lakwa-Amaleki, nama-Amori abehleli eHatsetson-tamare.
148Waphuma ukumkani waseSodom, nokumkani waseGomora, nokumkani waseAdama, nokumkani waseTsebhoyim, nokumkani waseBhela, eyiTsohare, bakha uluhlu lokulwa nabo entilini yaseSidim;
149noKedorlahomere ukumkani wakwaElam, noTidali ukumkani wamaGoyi, noAmrafele ukumkani waseShinare, noAriyoki ukumkani wase-Elazare: ookumkani abahlanu balwa nabane.
1410Ke intili yaseSidim yaye iyimingxuma yodwa yebhitumene; basaba ookumkani, owaseSodom, nowaseGomora, beyela khona, amasalela asabela entabeni.
1411Bayithabatha yonke impahla yaseSodom, neGomora, nako konke ukudla kwabo, bemka.
1412Bamthabatha noLote, nempahla yakhe, unyana womninawa ka-Abram, bemka; kuba wayehleli eSodom.
1413Wafika osindileyo, waxelela uAbram, umHebhere; yena ebehleli eMiokini kaMamre umAmori, umzalwana kaEshkoli, nomzalwana ka-Anere; bona ke bebengamanqophisana noAbram.
1414Weva ke uAbram, ukuba uthinjiwe umzalwana wakhe, wawaphalaza amadoda akhe aqeqeshiweyo, azalelwe endlwini yakhe, angamakhulu mathathu aneshumi elinesibhozo, wasukela, waya kufika kwaDan.
1415Wawahlulahlula, wabawela ebusuku, yena nabakhonzi bakho, wabagxotha, wabasukela wasa eHobha, engasekhohlo kweDamasko.
1416Wazibuyisa zonke iimpahla, kwanoLote unizalwana wakhe, wazibuyisa neempahla zakhe, kwanabafazi nabantu.
1417Waphuma ukumkani waseSodom, esiya kumkhawulela ekubuyeni kwakhe ekutshabalaliseni uKedorlahomere, nookumkani ebabenaye, entilini yeShave, eyintili yookumkani.
1418UMelkitsedeke, ukumkani waseSalem, waphuma enesonka newayini, ubengumbingeleli kaThixo Osenyangweni.
1419Wamsikelela wathi, Makasikelelwe uAbram nguThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi!
1420Makabongwe uThixo Osenyangweni obanikeleyo ababandezeli bakho esandleni sakho. UAbram wamnika isishumi seento zonke.
1421Wathi ukumkani waseSodom, kuAbram, Ndinike abantu, uthabathe impahla.
1422Wathi uAbram kukumkani waseSodom, Isandla sam ndisiphakamisele kuYehova uThixo Osenyangweni, uMninimazulu nehlabathi,
1423ukuba andiyi kuthabatha nosinga, nokuba ngumtya wembadada, ukuba andiyi kuthabatha kuko konke okwakho; ukuze ungatsho ukuthi, Mna nidimtyebisile uAbram.
1424Makungabikho nto iyeyam, kuphela ibe yile nto idliweyo ngabafana, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, noEshkoli, noMamre; wona makasithabathe isabelo sawo.
151Emveni kwezo zinto, lafika ilizwe likaYehova kuAbram ngombono, lisithi, Musa ukoyika, Abram; ndiyingweletshetshe yakho, umvuzo wakho omkhulu kunene.
152Wathi uAbram, Nkosi yam, Yehova, wondinika ntoni na? Ndihamba ndingenamntwana; indlamafa yendlu yam ngulo Eliyezere waseDamasko.
153Wathi uAbram, Yabona, akundinikanga mbewu; yabona, umntu ongowendlu yam uya kuba yindlamafa yam.
154Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye, lisithi, Akayi kuba yindlamafa yakho lo; ngoya kuphuma ezibilini zakhe, yena oya kuba yindlamafa yakho.
155Wamsa phandle, wathi, Khawubheke phezulu ezulwini, uzibale iinkwenkwezi, ukuba unokuzibala; wathi kuye, Iya kuba njalo ke imbewu yakho.
156Wakholwa kuYehova; oko wakubalela ebulungiseni kuye.
157Wathi kuye, NdinguYehova owakukhuphayo eUre yamaKaledi, ukuba ndikunike eli lizwe, ulidle ilifa.
158Wathi yena, Nkosi Yehova, ndiya kwazi ngantoni na, ukuba ndiya kulidla ilifa?
159Wathi kuye, Ndithabathele ithokazi eliminyaka mithathu, nemazi yebhokhwe eminyaka mithathu, nenkunzi yemvu eminyaka mithathu, nehobe, negobo levukuthu.
1510Wamthabathela ke zonke ezo zinto, wazicanda kubini, wazibeka izahlulo, esinye sakhangelana nesinye; ke zona iintaka akazicanda.
1511Ehla amaxhalanga phezu kwezidumbu, wawaphekuza uAbram.
1512Kwathi, xa litshonayo ilanga, efikelwe uAbram bubuthongo obukhulu, wabo na efikelwa kukothuka nabubumnyama obukhulu.
1513Wathi kuAbram, Yazi ke, ukuba imbewu yakho iya kuba ngumphambukeli ezweni elingelayo, ibakhonze abo, bayicinezele, iminyaka emakhulu mane.
1514Kananjalo uhlanga eya kulukhonza ndiya kulugweba; emveni koko iya kuphuma ineempahla ezininzi.
1515Ke wena uya kuya kooyihlo unoxolo; ungcwatywe uyingwevu enkulu.
1516Kwesesine isizukulwana iya kubuyela apha, kuba ubugwenxa bama-Amori abukazaliseki.
1517Kwathi, lakuba litshonile ilanga, kwakuba sithokothoko, wabona kukho; iziko eliqhumayo, elinelangatye elidangazelayo, elacanda phakathi kwezo zahlulo.
1518Ngaloo mini ke uYehova wenza umnqophiso noAbram, wathi, Imbewu yakho ndiyinike eli lizwe, lithabathele emlanjeni waseYiputa, lise emlanjeni omkhulu, emlanjeni ongumEfrati:
1519amaKeni, namaKinazi, namaKadimon,
1520namaHeti, namaPerizi, namaRafa,
1521nama-Amori, namaKanan, namaGirigashi, namaYebhusi.
161Ke kaloku uSarayi umka-Abram ubengamzaleli mntwana. Waye enomkhonzazana ongumYiputazana, ogama belinguHagare.
162Wathi uSarayi kuAbram, Yabona, uYehova undivingcile ukuba ndingazali; khawungene kumkhonzazana wam lo, mhlawumbi ndingakheka ngaye. Waliphulaphula uAbram izwi likaSarayi.
163Wathi uSarayi, umka-Abram, wamthabatha uHagare umYiputazana, umkhonzazana wakhe, emveni kokuba uAbram wayehleli iminyaka elishumi ezweni lakwaKanan, wamnika uAbram indoda yakhe ukuba abe ngumkakhe.
164Wamngena ke uHagare, wamitha; akubona ukuba umithi, inkosikazi yakhe yacukucezeka emehlweni akhe.
165Wathi uSarayi kuAbram, Ukoniwa kwam makube phezu kwakho; umkhonzazana wam ndimnike mna esifubeni sakho; uthe akubona ukuba umithi, ndacukucezeka emehlweni akhe; uYehova makagwebe phakathi kwam nawe.
166Wathi uAbram kuSarayi, Yabona, umkhonzazana wakho asesandleni sakho; yenza kuye okulungileyo emehlweni akho. USarayi wamcinezela, wabaleka wemka ebusweni bakhe.
167Ke kaloku isithunywa sikaYehova samfumana ngasemthonjeni wamanzi entlango, ngasemthonjeni osendleleni eya eShure.
168Sathi, Hagare, mkhonzazana kaSarayi, uvela phi na, usiya phi na? Wathi, Ndibaleke ndemka ebusweni bukaSarayi, inkosikazi yam.
169Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Buyela kwinkosikazi yakho, uzithobe phantsi kwesandla sayo.
1610Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Ndiya kuyandisa kakhulu imbewu yakho, ingabalwa ngenxa yobuninzi.
1611Sathi isithunywa sikaYehova kuye, Yabona umithi; uya kuzala unyana, umthiye igama elinguIshmayeli, ngokuba uYehova uzivile iintsizi zakho.
1612Yena uya kuba ngumntu onjenge-esile lasendle ukundweba; isandla sakhe siya kuchasana nabantu bonke, isandla sabantu bonke sichasane naye; ahlale ebusweni babazalwana bakhe bonke.
1613Walibiza igama likaYehova, obethetha naye, wathi, UnguThixo ozibonakalisayo. Ngokuba wathi, Ndisabona na nalapha, emveni kokuba ndimbonile?
1614Ngenxa yoko walithiya elo qula igama lokuthi liQula likaPhila-ebonile; nalo phakathi kweKadeshe neBherede.
1615UHagare wamzalela uAbram unyana; uAbram ukumthiya igama unyana wakhe, lowo abemzalele yena uHagare, wathi nguIshmayeli.
1616UAbram ubeminyaka imashumi asibhozo anamithandathu ezelwe, oko uHagare wamzalelayo uAbram uIshmayeli.
171Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.
172Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.
173Wawa uAbram ngobuso bakhe.
174UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; uya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.
175Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga;
176ndiya kukuqha misa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;
177ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;
178ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.
179Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.
1710Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa;
1711oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.
1712Unyana omihla isibhozo makaluswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.
1713Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.
1714Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwaluswa ingaluswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; uwaphule umnqophiso wam.
1715Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi; igama lakhe loba nguSara.
1716Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikunike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.
1717UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?
1718Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!
1719Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.
1720Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu.
1721Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.
1722Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.
1723UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.
1724UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.
1725UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.
1726Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.
1727Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye.
181UYehova wabonakala kuye eMiokini kaMamre, ehleli emnyango wentente, ekufudumaleni kwemini.
182Wawaphakamisa amehlo akhe, wabona, nango amadoda amathathu emi ngakuye. Wabona, wagidima, eya kuwa khawulela, esuka emnyango wentente.
183Waqubuda emhlabeni, wathi, Nkosi yam, ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, musa ukudlula umke kumkhonzi wakho.
184Makhe kuthatyathwe intwana yamanzi, nihlambe iinyawo zenu, ningqengqe phantsi komthi lo;
185ndithabathe iqhekeza lesonka, nixhase iintliziyo zenu; kamva nodlula; kuba nize kudlula ngenxa yoko kumkhonzi wenu. Athi, Yenza ngoko uthethe ngako.
186Wakhawuleza uAbraham, waya ententeni kuSara, wathi, Khawuleza, uxovule iiseha ezintathu zomgubo ocoliweyo, wenze amaqebengwana ezonka.
187Wagidima waya ezinkomeni uAbraham, wathabatha ithole lenkomo, lithambile, lilungile, wanika umfana, wakhawuleza ukulilungisa.
188Wathabatha amasi, nobisi, nethole lenkomo abelilungisile, wabeka phambi kwawo, wema ngakuwo phantsi komthi lowo, adla.
189Athi kuye, Uphi na uSara umkakho?
1810Wathi, Nanko ententeni. Yathi, Ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha; yabona, uSara umkakho uya kuba nonyana. Weva uSara esemnyango wentente, wona esemva kwayo.
1811Ke kaloku uAbraham noSara babesebaluphele, sebekhulile; kusekunqamkile kuSara okwendlela yabafazi.
1812USara wahleka ngaphakathi kwakhe, esithi, Emveni kokuba ndihagele, ndisaya kuyolelwa na, nenkosi yam yaluphele nje?
1813Wathi uYehova kuAbraham, Yini na ukuba uSara ahleke, esithi, Kuhleliwe nje ndiya kuzala na ndaluphele nje mna?
1814Kukho nto ingamnqabelayo na uYehova? Ngexesha elimisiweyo ndiya kubuyela kuwe, lakubuya eli xesha, uSara abe nonyana.
1815Wakhanyela uSara, esithi, Andihlekanga; kuba ebesoyika. Wathi yena, Hayi, uhlekile.
1816Asuka ke amadoda lawo ondela eSodom; uAbraham ehamba nawo, ewaphelekelela.
1817Wathi uYehova, Ndomfihlela na uAbraham into endiza kuyenza?
1818Kanti uAbraham uya kuthi abe luhlanga olukhulu, olunamandla, zisikeleleke ngaye iintlanga zonke zehlabathi.
1819Kuba ndaze yena, ukuze abawisele umthetho abantwana bakhe, nendlu yakhe emva kwakhe, bagcine indlela kaYehova, benze ubulungisa nokusesikweni, ukuze uYehova amenzele uAbraham into ayithethileyo kuye.
1820Wathi uYehova, Isikhalo saseSodom neGomora sisikhulu nje, nesono sayo sinzima kunene nje,
1821ndiya kukha ndihle, ndikhangele ukuba baphelelisile na ngokwesikhalo sayo esifikileyo kum; ukuba akunjalo, ndazi.
1822Ajika apho amadoda lawo, asinga eSodom; ke yena uAbraham wayesemi phambi koYehova.
1823Wasondela uAbraham, wathi, Ungade ubhebhethe olilungisa kunye nongendawo yini na?
1824Hi, kwakho amashumi amahlanu amalungisa phakathi komzi; ungade uyibhebhethe, ungayixoleli, loo ndawo yini na, ngenxa yamalungisa amashumi mahlanu akuyo?
1825Makube lee kuwe ukwenza ngokwendawo enjalo ukubulala olilungisa kunye nongendawo, ilungisa libe njengongendawo; makube lee kuwe. Umgwebi wehlabathi lonke akayi kwenza okusesikweni yini na?
1826Wathi uYehova, Ukuba ndithe ndafumana eSodom amalungisa amashumi mahlanu phakathi komzi, ndoyixolela yonke loo ndawo ngenxa yawo.
1827Waphendula uAbraham, wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini, ndiluthuli nothuthu.
1828Hi ke, kwasweleka isihlanu kumalungisa amashumi mahlanu, wowonakalisa ngenxa yesihlanu yini na wonke umzi? Yathi, Andiyi kuwonakalisa, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omane anesihlanu.
1829Waphinda kanjalo wathetha kuye, wathi, Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omane? Yathi, Andiyi kukwenza ngenxa yamashumi omane.
1830Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khe ndithethe. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omathathu? Yathi, Andiyi kukwenza, ukuba ndithe ndafumana khona amashumi omathathu.
1831Wathi, Khawubone, sendide ndathetha eNkosini. Hi ke, kwafunyanwa khona amashumi omabini? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yamashumi omabini.
1832Wathi, Mayingabi namsindo iNkosi, khendithethe esi sihlandlo sodwa. Hi ke, kwafunyanwa khona ishumi elinye? Yathi, Andiyi kuwonakalisa ngenxa yeshumi elinye.
1833Wemka uYehova, akugqiba ukuthetha kuAbraham; uAbraham wabuyela endaweni yakhe.
191Zafika izithunywa ezo zozibini eSodom ngokuhlwa, uLote ehleli esangweni leSodom. ULote wazibona, wesuka waya kuzikhawulela, waqubuda ngobuso emhlabeni.
192Wathi, Khanibone, zinkosi zam! Khaniphambukele endlwini yomkhonzi wenu, nilale, nihlambe iinyawo zenu, nivuke kusasa, nihambe indlela yenu. Zathi, Hayi, solala esitratweni.
193Wazijoka kunene, zaphambukela kuye, zangena endlwini yakhe; wazenzela isidlo, woja nezonka ezingenagwele, zadla.
194Ke kaloku, zingekalali, amadoda aloo mzi, amadoda aseSodom, ayirhawula indlu, ethabathela kumfana esa kwixhego, bonke abantu bevela nasekupheleni kwawo.
195Bambiza uLote, bathi kuye, Aphi na amadoda angene kuwe ngobu busuku? Wakhuphele kuthi, siwazi.
196Waphuma uLote waya kubo emnyango, waluvala ucango emva kwakhe,
197wathi, Musani ukwenza into embi, bazalwana.
198Khanibone, ndineentombi ezimbini ezingazani nandoda; mandikhuphele zona kuni, nenze kuzo ngoko kulungileyo emehlweni enu. Ke kula madoda musani ukwenza nto, kuba angene ngenxa yoko emthunzini wophahla lwam.
199Bathi, Khwelela; batsho bathi, Lo wezayo ngokuphambukela uhlala egweba; ngoku sokuphatha kakubi wena kunawo. Besuka indulumbane phezu kwendoda uLote, basondela, beza kuluqhekeza ucango.
1910Amadoda lawo asolula isandla sawo, amngenisa uLote kuwo endlwini, aluvala ucango.
1911Awabetha ngobumfama amadoda abesemnyango wendlu, ethabathela kwencinane esa kwenkulu, azidinisa ke ukufuna umnyango.
1912Athi amadoda lawo kuLote, Usenabani na apha? Umyeni, noonyana bakho, neentombi zakho, nabo bonke onabo kulo mzi, bakhuphe kule ndawo;
1913ngokuba siya kuyonakalisa le ndawo, ngokuba sikhulu isikhalo sabo ebusweni bukaYehova. UYehova usithume ukuba siyonakalise.
1914Waphuma, uLote, wathetha kubayeni beentombi zakhe, abaya kuzeka iintombi zakhe, wathi, Sukani, niphume kule ndawo; ngokuba uYehova uya kuwonakalisa lo mzi. Usuke waba njengohlekisayo emehlweni abayeni beentombi zakhe.
1915Izithunywa zamngxamisa uLote ngesifingo, zathi, Vuka, thabatha umkakho, neentombi zakho zombini, aba banokufumaneka, hleze ubhebhethwe ngobugwenxa balo mzi.
1916Wazilazila; amadoda abamba isandla sakhe, nesandla somkakhe, nesandla seentombi zakhe zombini; uYehova emvela, amkhupha, amyeka ngaphandle komzi.
1917Akuba emkhuphele phandle, athi, Zisindise ngenxa yomphefumlo wakho. Musa ukubheka emva kwakho, musa ukuma kuwo wonke lo mmandla; zisindise ngokuya entabeni, hleze ubhebhethwe.
1918Wathi kuwo uLote, Hayi, Nkosi yam.
1919Khawubone, umkhonzi wakho umbabale. Uyikhulisile inceba yakho ondenzeleyo, ukuba uwusindise umphefumlo wam; mna ke andinako ukuzisindisa ngokuya entabeni, hleze ndinanyathelwe bububi, ndife.
1920Khawubone, lo mzi ukufuphi, ukuba kubalekelwe kuwo, mncinane; ndanga ndingazisindisa ngokuya kuwo (awumncinane na?), usinde umphefumlo wam.
1921Wathi kuye, Yabona, ndikunonelele nangale nto, ukuba ndingawubhukuqi lo mzi uthethe ngawo.
1922Khawuleza, zisindise ngokuya khona, kuba andinakwenza nto ude ufike khona. Ngenxa yoko igama laloo mzi kwathiwa yiTsohare.
1923Ilanga lalise liphumile phezu kwehlabathi, ukufika kukaLote eTsohare.
1924Wanisa ke uYehova phezu kweSodom neGomora isulfure nomlilo ophuma kuYehova emazulwini;
1925wayibhukuqa loo mizi, nawo wonke loo mmandla, nabo, bonke abemi baloo mizi, nesihlumo somhlaba.
1926Kodwa umkakhe, esemva kwakhe, wakhangela ngasemva, waba yintsika yetyuwa.
1927UAbraham wavuka kusasa, waya kuloo ndawo wayemi kuyo ebusweni bukaYehova.
1928Wondela eSodom neGomora, nakulo lonke ilizwe laloo mmandla. Wakhangela; nango unyuka umsi welo zwe, njengomsi weziko lemfutho.
1929Kwathi, xenikweni uThixo wayonakalisayo imizi yaloo mmandla, uThixo wamkhumbula uAbraham, wamkhupha uLote phakathi kobhukuqo olo, ekuyibhukuqeni imizi leyo abehleli kuyo uLote.
1930Wenyuka uLote ephuma eTsohare, wahlala entabeni, eneentombi zakhe zombini, kuba ebesoyika ukuhlala eTsohare; wahlala emqolombeni, yena neentombi zakhe zombini.
1931Yathi eyamazibulo kwencinane, Ubawo waluphele; akukho ndoda ezweni apha yokusingena ngokwendlela yehlabathi lonke;
1932yiza, simseze ubawo iwayini, silale naye, sigcine imbewu ngobawo.
1933Zamseza ke uyise iwayini ngobo busuku; yangena eyamazibulo, yalala noyise; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.
1934Kwathi ngengomso, yathi eyamazibulo kwencinane, Yabona, ndilele nobawo phezolo; masimseze iwayini nangobu busuku, ungene, ulale naye, ukuba sigcine imbewu ngobawo.
1935Zamseza ke uyise iwayini nangobo busuku, yasuka, encinane yalala naye; akayazanga yena ukulala kwayo nokuvuka kwayo.
1936Zamitha zombini iintombi zikaLote ngoyise.
1937Eyamazibulo yazala unyana, yambiza ngegama elinguMowabhi; yena nguyise wamaMowabhi unanamhla.
1938Nencinane yazala unyana, yambiza ngegama elinguBhenami; yena nguyise wonyana baka-Amon unanamhla.
201Ke kaloku uAbraham wanduluka apho, waya ezweni lasezantsi, wahlala phakathi kweKadeshe neShure, waphambukela eGerare.
202Wathi uAbraham ngoSara umkakhe, Ngudade wethu. UAbhimeleki ukumkani waseGerare wathuma, wamthabatha uSara.
203Weza uThixo kuAbhimeleki ngephupha ebusuku, wathi kuye, Uyabona, ufile ngenxa yomfazi omthabathileyo; ngumkamntu.
204Ke uAbhimeleki ubengasondelanga kuye; wathi, Nkosi, nolunobulungisa uhlanga wolubulala, yini na?
205Akatshongo na yena kum ukuthi, Ngudade wethu, naye ngokwakhe wathi, Ngumnakwethu? Le nto ndiyenze ngentliziyo yam igqibelele, nangezandla zam zimsulwa.
206Wathi uThixo kuye ngephupha, Nam ndiyazi ukuba uyenze le nto ngentliziyo yakho igqibelele. Ndakunqanda nam, ukuba ungoni kum; ngenxa yoko andikuvumelanga ukuba umchukumise.
207Ngoko mbuyise umfazi wale ndoda, ngokuba ingumprofeti; yokuthandazela ukuba uphile; ukuba uthe akwambuyisa, yazi ukuba uya kufa, wena nabo bonke onabo.
208Wavuka kwakusasa uAbhimeleki, wababiza bonke abakhonzi bakhe, wawathetha onke la mazwi ezindlebeni zabo. Oyika kakhulu loo madoda.
209UAbhimeleki wambiza uAbraham, wathi kuye, Yintoni na le nto uyenzileyo kuthi? Ndikone ngantoni na, ukuba mna nobukumkani bam isono esingaka? Wenze kum izenzo ezingezakwenziwa.
2010Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ubone ntoni na, ukuba uyenze le nto?
2011Wathi uAbraham, Ndithe, akukho kanye ukoyika uThixo kule ndawo; baya kundibulala ngenxa yomkam.
2012Okwenene ngudade wethu; yintombi kabawo, kodwa akantombi kama, waba ngumkam ke.
2013Kwathi, uThixo akundiphambukisa, andikhuphe endlwini kabawo, ndathi kuye, Nantsi inceba owondenzela yona: ezindaweni zonke esofika kuzo, uze uthi ngam, Ngumnakwethu.
2014UAbhimeleki wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, nabakhonzi, nabakhonzazana, wanika uAbraham; wambuyisela uSara umkakhe kuye.
2015Wathi uAbhimeleki, Nali ilizwe lam, liphambi kwakho; hlala apho kulungileyo emehlweni akho.
2016Wathi kuSara, Yabona, umnakwenu ndimnike iwaka lesilivere; yabona, sisigqubuthelo samehlo kuwe, ngokusingisele kubo bonke aba nawe; naphakathi kwabo bonke ugwetyelwe.
2017Wathandaza uAbraham kuThixo; uThixo wamphilisa uAbhimeleki, nomkakhe, nabakhonzazana bakhe, bazala.
2018Ngokuba uYehova ubezivingcile kanye, zonke izizalo endlwini ka-Abhimeleki, ngenxa kaSara, umka-Abraham.
211Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile.
212Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye.
213UAbraham wamthiya loo nyana wakho abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.
214UAbraham wamalusa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.
215UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.
216Wathi uSara, Undihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.
217Wathi, Ngubani na obengatsholo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe.
218Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.
219USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa.
2110Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana walo mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.
2111Lalibi kunene elo zwi emehlweni ka-Abraham ngenxa yonyana wakhe.
2112Wathi uThixo kuAbraham, Malingabi libi emehlweni akho ngenxa yenkwenkwe, nangenxa yomkhonzazana wakho. Entweni yonke ayithethileyo uSara kuwe, phulaphula izwi lakhe, ngokuba iya kuba ngoIsake lo imbewu kuwe.
2113Kananjalo unyana womkhonzazana ndiya kumenza uhlanga, ngokuba eyimbewu yakho.
2114Wavuka kusasa uAbraham, wathabatha isonka nentsuba yamanzi, wanika uHagare, ebeka emagxeni akhe, nenkwenkwe, wamndulula. Wemka ke, wandwendwela entlango yaseBher-shebha.
2115Aphela amanzi entsubeni, wayiphosa inkwenkwe phantsi kwetyholo.
2116Waya wahlala phantsi malunga nayo, umgama ongangowokutola ngotolo; kuba wathi, Mandingakuboni ukufa kwenkwenkwe. Wahlala phantsi malunga nayo ke, waphakamisa izwi lakhe, walila.
2117Waliva uThixo ilizwi lenkwenkwe. Samemeza isithunywa sikaThixo kuHagare sisemazulwini, sathi kuye, Unantoni na, Hagare? Musa ukoyika, ngokuba uThixo ulivile ilizwi lenkwenkwe apho ikhona.
2118Suka ume, uyithabathe inkwenkwe, uyibambe ngesandla; kuba ndiya kuyenza uhlanga olukhulu.
2119UThixo wawavula amehlo akhe, wabona iqula lamanzi; waya wayizalisa intsuba ngamanzi, wayiseza inkwenkwe.
2120UThixo waba nenkwenkwe leyo; yakhula, yahlala entlango, yaba yintoli yakukhula, yahlala entlango yaseParan;
2121unina wayithabathela umfazi ezweni laseYiputa.
2122Kwathi ngelo xesha, wathetha uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, kuAbraham, esithi, UThixo unawe entweni yonke osukuba uyenza.
2123Ngoko ndifungele uThixo apha, ukuba akuyi kundixokisa mna, noonyana bam, nenzalo yam; wothi ngokwenceba endiyenzileyo kuwe, wenze kum, nakwilizwe ophambukele kulo.
2124Wathi uAbraham, Mna ndofunga.
2125UAbraham wamohlwaya uAbhimeleki ngenxa yequla lamanzi elalihluthwe ngabakhonzi baka-Abhimeleki.
2126Wathi uAbhimeleki, Bendingazi ukuba yenziwe ngubani na le nto; nawe ube ungandixelelanga; nam bendingayivanga, ndiyiva namhla.
2127UAbraham wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, wanika uAbhimeleki, benza umnqophiso bobabini.
2128UAbraham wamisa amathokazi ezimvu asixhenxe omhlambi, aba wodwa.
2129Wathi uAbhimeleki kuAbraham, Ayintoni na la mathokazi ezimvu asixhenxe uwamisileyo odwa?
2130Wathi, La mathokazi ezimvu asixhenxe wowathabatha esandleni sam, abe bubungqina bam bokuba ndilimbile eli qula.
2131Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiBher-shebha; ngokuba kulapho bafungayo bobabini.
2132Benza ke umnqophiso eBher-shebha. Wesuka uAbhimeleki, noFikolo umthetheli womkhosi wakhe, babuyela ezweni lamaFilisti.
2133UAbraham watyala umtamariske eBher-shebha, walinqula khona igama likaYehova uThixo ongunaphakade.
2134UAbraham waye engumphambukeli ezweni lamaFilisti imihla emininzi.
221Kwathi emveni kwezo nto, uThixo wamvavanya uAbraham, wathi kuye, Abraham; wathi yena, Ndilapha.
222Wathi, Khawuthabathe unyana wakho, emnye kuwe, omthandayo, uIsake, uhambe uye ezweni laseMoriya, umnyuse khona abe lidini elinyukayo phezu kwentaba endokuxelela yona.
223Wavuka uAbraham kusasa, walibopha iesile lakhe, wathabatha amabini kumadodana akhe, noIsake unyana wakhe, wacanda iinkuni zedini elinyukayo, wesuka waya endaweni abemxelele yona uThixo.
224Ngomhla wesithathu uAbraham wawaphakamisa amehlo akhe, wayibona loo ndawo ikude.
225Wathi uAbraham kumadodana akhe, Hlalani nina apha ne-esile; mna nomfana lo soya phaya, sinqule, sibuye size kuni.
226Wazithabatha uAbraham iinkuni zedini elinyukayo, wazibeka phezu koIsake unyana wakhe, waphatha umlilo ngesandla, nesitshetshe, bahamba bobabini ndawonye.
227Watsho uIsake kuAbraham uyise ukuthi, Bawo. Wathi yena, Ndilapha, nyana wam. Wathi, Nangu umlilo neenkuni; iphi na ke imvu yedini elinyukayo?
228Wathi uAbraham, UThixo wozibonela imvu yedini elinyukayo, nyana wam. Bahamba bobabini ndawonye.
229Bafika endaweni abemxelele yona uThixo, wakha khona uAbraham isibingelelo, wazicwangcisa iinkuni, wambopha uIsake unyana wakhe, wambeka esibingelelweni phezu kweenkuni.
2210Wasolula uAbraham isandla sakhe, wathabatha isitshetshe, ukuba amsike unyana wakhe.
2211Samemeza kuye isithunywa sikaYehova sisemazulwini, sathi, Abraham, Abraham.
2212Wathi, Ndilapha. Sathi, Musa ukusisa isandla sakho kumfana, musa ukumenza nto, kuba ndiyazi ngoku ukuba uyamoyika uThixo; akunqabanga nonyana akho kum, emnye kuwe.
2213UAbraham waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nantso inkunzi yegusha ngasemva, ibambeke ngeempondo etyholweni; waya uAbraham, wayithabatha inkunzi yegusha, wayinyusa ukuba ibe lidini elinyukayo esikhundleni sonyana wakhe.
2214UAbraham wathi igama laloo ndawo linguYehova ozibonelayo ekuthiwa nanamhla, Entabeni abonakala kuyo uYehova.
2215Samemeza isithunywa sikaYehova kuAbraham okwesibini sisemazulwini sathi,
2216Ndizifungile, utsho uYehova, ngenxa enokuba uyenzile le nto, akwanqaba nonyana wakho, emnye kuwe:
2217ukuba ndiya kukusikelela ndikusikelele; ndiya kuyandisa ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; imbewu yakho ilidle ilifa isango leentshaba zayo;
2218zisikelelwe ngembewu yakho zonke untlanga zehlabathi, ngenxa enokuba uliphulaphule ilizwi lam.
2219Wabuyela uAbraham kumadodana akhe, besuka baya bendawonye eBher-shebha, wahlala uAbraham eBher-shebha.
2220Kwathi emva kwezi zinto, kwaxelwa kuAbraham kwathiwa, Yabona, uMilka ukwazele naye kuNahore, umninawa wakho, abantwana:
2221u-Utse owamazibulo akhe, noBhuzi umninawa wakhe, noKemuweli uyise ka-Aram,
2222noKesede, noHazo, noPildashe, noYidelafu, noBhetuweli
2223(uBhetuweli ke wazala uRebheka); abo bosibhozo uMilka wamzalela uNahore, umninawa ka-Abraham.
2224Ishweshwe lakhe, eligama linguRehuma, lazala nalo uTebha, noGaham, noTahashe, noMahaka.
231Ke kaloku ukudla ubomi kukaSara kwaba yiminyaka elikhulu elinamanci mabini aneminyaka esixhenxe; yiyo iminyaka yokudla ubomi kukaSara.
232Wafa ke uSara eKiriyati ka-Arbha, eyiHebron, ezweni lakwaKanan. UAbraham waya kumbambazelela uSara nokumlilela.
233Wesuka uAbraham ebusweni bomfikazi lowo,
234wathetha koonyana bakaHeti, esithi, Ndingumphambukeli, ndilundwendwe kuni; ndinikeni ndibe nendawo yam yokungcwaba phakathi kwenu, ukuze ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam.
235Bamphendula uAbraham oonyana bakaHeti, bathi kuye, Sive, nkosi yam!
236Usisikhulu sakwaThixo phakathi kwethu; kwelona linyulekayo kumangcwaba ethu, mngcwabe umfikazi lowo; akukho bani kuthi uya kwala nengcwaba lakhe, ukuba ungamngcwabi umfikazi lowo.
237Wesuka uAbraham, waqubuda kubantu belizwe elo, koonyana bakaHeti abo.
238Wathetha nabo esithi, Ukuba kusemphefumlweni wenu, ukuba ndimngcwabe umfikazi, angabikho phambi kwam, ndiveni, nindibongozele kuEfron, unyana kaTsohare,
239ukuba andinike umqolomba waseMakapela, lowo anawo, osekupheleni kwentsimi yakhe, andinike wona ngemali ezalisekileyo; ube yindawo yam yokungcwaba phakathi kwenu.
2310UEfron wayehleli phakathi koonyana bakaHeti; uEfron umHeti wamphendula uAbraham ezindlebeni zoonyana bakaHeti, zabo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe, esithi, Hayi, nkosi yam, ndive!
2311Intsimi leyo ndiyakunika, nomqolomba okuyo ndiyakunika; emehlweni oonyana babantu bakowethu ndiyakunika; ngcwaba umfikizi loo.
2312Waqubuda uAbraham phambi kwabantu belizwe elo.
2313Wathetha kuEfron ezindlebeni zabantu belizwe elo, wathi, Wanga ungandiva; ndikunika imali ngentsimi; yithabathe kum, ndingcwabe umfikazi khona.
2314UEfron wamphendula uAbraham, wathi kuye,
2315Nkosi yam, ndive! Umhlaba ngoweeshekele zesilivere ezimakhulu mane. Yintoni na loo nto phakathi kwam nawe? Ngcwaba ke umfikazi lowo.
2316UAbraham wamphulaphula uEfron; uAbraham wamlinganisela uEfron isilivere leyo, abethethe ngayo ezindlebeni zoonyana bakaHeti, amakhulu omane eeshekele zesilivere evunywayo ngumrhwebi.
2317Yaqiniseka ke intsimi kaEfron eseMakapela ephambi kowakwaMamre, intsimi leyo nomqolomba okuyo, nemithi yonke esentsimini, ekuyo yonke imilimandlela ngeenxa zonke.
2318Yaba yinzuzo kuAbraham emehlweni oonyana bakaHeti, kubo bonke abangenayo ngesango lomzi wakhe.
2319Emveni koko uAbraham wamngcwaba uSara umkakhe emqolombeni wentsimi yaseMakapela phambi kowakwaMamre, kowaseHebron leyo, ezweni lakwaKanan.
2320Yaqiniseka ke intsimi leyo nomqolomba okuyo kuAbraham, ukuze abe nendawo yakhe yokungcwaba, ngoonyana bakaHeti.
241Ke kaloku uAbraham ebaluphele, eselekhulile ebudaleni; uYehova waye emsikelele ke uAbraham ezintweni zonke.
242Wathi uAbraham kumkhonzi wakhe, oyena mkhulu endlwini yakhe, obelawula zonke izinto abenazo, Khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam,
243ndikufungise uYehova uThixo wamazulu, uThixo wehlabathi, ukuba akuyi kumzekela unyana wam umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli phakathi kwawo;
244ukuba woya ezweni lakowethu, nakwelokuzalwa kwam, umzekele unyana wam uIsake umfazi.
245Wathi umkhonzi kuye, Hi ke, ayavuma inkazana ukundilandela ukuza kweli lizwe, ndombuyisela na unyana wakho kwelo zwe waphuma kulo wena?
246Wathi uAbraham kuye, Zilumkele ungambuyiseli unyana wam khona.
247UYehova, uThixo wamazulu, owandithabathayo endlwini kabawo, ezweni lokuzalwa kwam, owathethayo kum, owandifungelayo esithi, Imbewu yakho ndiya kuyinika eli lizwe, yena wosithuma isithunywa sakhe phambi kwakho, umzekele umfazi unyana wam khona.
248Ukuba ke inkazana leyo ithe ayavuma ukukulandela, woba ukhululekile kwesi sifungo sam; kodwa uze ungambuyiseli unyana wam khona.
249Wasibeka umkhonzi isandla sakhe ngaphantsi kwethanga lika-Abraham inkosi yakhe, wamfungela loo nto.
2410Umkhonzi wathabatha unkamela ezilishumi kwunkamela zenkosi yakhe, wemka enezinto zonke ezilungileyo zenkosi yakhe esandleni sakhe, wesuka waya kwa-Aram, phakathi kweMilambo, emzini kaNahore.
2411Waziguqisa iinkamela ngaphandle komzi, ngasequleni lamanzi, ngexa langokuhlwa, ngexa lokuphuma kwabakhi bamanzi.
2412Wathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, mawundithamsanqele namhla, uyenzele inkosi yam uAbraham inceba.
2413Yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; untombi zabantu balo mzi ziyaphuma, ziza kukha amanzi.
2414Ke intombi endothi kuyo, Khawuthobe umphanda wakho ndisele; ize ithi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza nazo: mayibe yiyo oyimisele umkhonzi wakho uIsake; ndazi mna ngoko, ukuba uyenzele inkosi yam inceba.
2415Kwathi, ingekagqibi ukuthetha, gqi uRebheka esiza, lowo wazalwayo nguBhetuweli, unyana kaMilka, umkaNahore, umninawa ka-Abraham, enomphanda wakhe egxalabeni lakhe.
2416Intombi leyo ibe intle kunene imbonakalo, intombi eyintombi, engaziwanga ndoda; yehla, yeza emthonjeni, yawuzalisa umphanda wayo, yenyuka.
2417Wagidima umkhonzi waya kuyikhawulela, wathi, Ndiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho.
2418Yathi, Sela, nkosi yam. Yakhawuleza, yawuhlisela esandleni umphanda wayo, yamseza.
2419Yakugqiba ukumseza, yathi, Neenkamela zakho ndiya kuzikhelela, zide zigqibe ukusela.
2420Yakhawuleza, yawugalela umphanda wayo emkhombeni wokuseza, yagidima yaya kukha futhi equleni, yazikhelela zonke unkamela zakhe.
2421Indoda leyo yee nqa yiyo, ithe cwaka, ukuze yazi ukuba uYehova uyiphumelelisile indlela yayo, akayiphumelelisanga, kusini na.
2422Kwathi, iinkamela zigqibile ukusela, indoda leyo yathabatha ijikazi lempumlo legolide, elisisiqingatha seshekele ubunzima balo, nezacholo zozibini zokufakwa ezandleni, eziziishekele ezilishumi zegolide ubunzima bazo; yathi, Uyintombi kabani na wena?
2423Khawundixelele; kukho ndawo na yokulala endlwini kayihlo?
2424Yathi kuye, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaMika, awamzalela uNahore.
2425Yathi kuye, Sinawo umququ kwaneendiza ezaneleyo, nendawo yokulala.
2426Yathoba indoda leyo, yaqubuda kuYehova.
2427Yathi, Makabongwe uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ongayiyekelelanga inceba yakhe nenyaniso yakhe, imke enkosini yam: uthe ndisendleleni, uYehova wandikhokelela endlwini yabazalwana benkosi yam.
2428Yakhawuleza intombi leyo, yaxelela indlu kanina ngokwala mazwi.
2429URebheka waye enomnakwabo, ogama linguLabhan waya endodeni leyo ngaphandle emthonjeni.
2430Ke kwathi, akulibona ijikazi lempumlo, nezacholo ezandleni zodade wabo, wathi, akuweva amazwi kaRebheka udade wabo, esithi, Yenjenje indoda le ukuthetha kum: waya kuyo indoda, nantso imi ngasezinkameleni ngasemthonjeni.
2431Wathi, Yiza, wena usikelelweyo nguYehova; umeleni na ngaphandle? Mna ndiyilungisile indlu nendawo yeenkamela.
2432Yangena indoda leyo endlwini, wazikhulula iinkamela zayo; iinkamela wazinika umququ neendiza, wayinika amanzi okuhlamba iinyawo zayo, neenyawo zamadoda abenayo.
2433Kwabekwa ukudla phambi kwayo. Yathi yona, Andiyi kudla, ndide ndilithethe ilizwi lam. Wathi, Thetha.
2434Yathi, Ndingumkhonzi ka-Abraham.
2435UYehova uyisikelele kunene inkosi yam; wayikhulisa, wayinika imphahla emfutshane, neenkomo, nesilivere, negolide, nabakhonzi, nabakhonzazana, neenkamela, namaesile.
2436Ke uSara, umfazi wankosi yam, wayizalela inkosi yam unyana, emveni kokuba iseyaluphele. Imnike zonke izinto enazo.
2437Yandifungisa ke inkosi yam, isithi, Unyana wam uze ungamzekeli umfazi ezintombini zamaKanan, endihleli ezweni lawo mna.
2438Suka uye endlwini kabawo emizalwaneni yakowethu, umzekele unyana wam umfazi.
2439Ndathi enkosini yam, Hi ke ayandilandela inkazana leyo?
2440Yathi kum, UYehova, endihamba phambi kwakhe, wosithuma isithunywa sakhe siye nawe, ayenze ibe nempumelelo indlela yakho, umzekele unyana wam umfazi emizalwaneni yakowethu, nasendlwini kabawo;
2441wandule ukuba msulwa esifungweni sam xa ufikileyo emizalwaneni yakowethu; ukuba abathanga bakunike, woba msulwa esifungweni sam.
2442Ndifikile ke namhlanje emthonjeni, ndathi, Yehova, Thixo wenkosi yam uAbraham, ukuba kaloku uyenze yanempumelelo indlela yam endihamba ngayo,
2443yabona, ndimi ngasemthonjeni wamanzi; ke intombi ephuma isiza kukha, ndithi kuyo, Khawundiphe ndisele intwana yamanzi emphandeni wakho;
2444ithi kum, Sela wena, neenkamela zakho ndozikhelela nazo: mayibe yiyo engumfazi uYehova ammiseleyo unyana wenkosi yam.
2445Ndingekagqibi mna ukuthetha entliziyweni yam, gqi uRebheka, esiza enomphanda egxalabeni lakhe, wehla waya emthonjeni, wakha; ndathi kuye, Khawundiphe ndisele.
2446Wakhawuleza, wawuhlisa umphanda wakhe kuye, wathi, Sela, neenkamela zakho ndoziseza. Ndasela ke, waziseza neenkamela.
2447Ndambuza ndathi, Uyintombi kabani na? Wathi, Ndiyintombi kaBhetuweli, unyana kaNahore, lowo wamzalelwa nguMilka. Ndamfaka ke ijikazi lempumlo ethatheni lakhe, nezacholo ezandleni zakhe.
2448Ndathoba, ndamnqula uYehova, ndambonga uYehova, uThixo wenkosi yam uAbraham, ondikhokeleyo endleleni eyinyaniso, ukuba ndimzekele unyana wakhe intombi yomzalwana wenkosi yam.
2449Ngoku ke, ukuba niyayenzela inceba nenyaniso inkosi yam, ndixeleleni; ukuba anenjenjalo, ndixeleleni; ukuze ndibheke ekunene, nokuba kusekhohlo.
2450Waphendula uLabhan noBhetuweli, bathi, Le nto iphuma kuYehova; asinakuthetha nto kuwe, nokuba yembi nokuba yelungileyo.
2451Nanko uRebheka phambi kwakho. Mthabathe, uhambe, abe ngumfazi wonyana wenkosi yakho, njengoko akuthethileyo uYehova.
2452Kwathi, akuweva umkhonzi ka-Abraham amazwi abo, waqubuda emhlabeni kuYehova.
2453Umkhonzi wavelisa impahla yesilivere, nempahla yegolide, nezambatho, wanika uRebheka; wanika umnakwabo nonina izinto ezinconywayo.
2454Badla, basela, yena namadoda abenaye, balala, bavuka kusasa, wathi, Ndindululeni ndiye enkosini yam.
2455Wathi umnakwabo nonina, Makhe ihlale intombi nathi iintsuku nokuba zilishumi, ihambe ke emveni koko.
2456Wathi kubo, Musani ukundibambezela; uYehova uyenze yanempumelelo indlela yam; ndindululeni ndiye enkosini yam.
2457Bathi, Masiyibize intombi, sive ngomlomo wayo.
2458Bambiza uRebheka, bathi kuye, Uya kuhamba na nale ndoda? Wathi, Ndohamba.
2459Bamndulula ke uRebheka udade wabo, nomanyisikazi wakhe, nomkhonzi ka-Abraham, namadoda abenaye.
2460Bamsikelela uRebheka, bathi kuye, Ungudade wethu; yiba ngamawaka-waka, imbewu yakho ilidle ilifa isango labo bayithiyayo.
2461Wesuka uRebheka nomthinjana wakhe, bakhwela ezinkameleni, balandela emva kwendoda leyo. Umkhonzi wamthabatha ke uRebheka, wemka.
2462Ke kaloku uIsake weza ngendlela evela equleni likaPhila-ebonile; kuba ebemi ezweni lasezantsi.
2463Waphuma uIsake, waya kucamngca entsimini, xa kuhlwayo; wawaphakamisa amehlo akhe, wabona nanzo iinkamela zisiza.
2464URebheka wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uIsake, waziphosa phantsi, wehla enkameleni.
2465Wathi kumkhonzi, Ngubani na laa mfo uhambayo entsimini, esiza kusikhawulela? Wathi umkhonzi, Yinkosi yam. Wathabatha ke isigqubuthelo, wazigqubuthela.
2466Umkhonzi wamxelela uIsake izinto zonke abezenzile.
2467UIsake wamsa ententeni kaSara unina, wamzeka uRebheka, waba ngumkakhe; wamthanda. UIsake wathuthuzeleka ke ngenxa yonina.
251Wabuya uAbraham wazeka umfazi; igama lakhe lalinguKetura.
252Wamzalela uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshibhaki, noShuwa.
253UYokeshan wazala uShebha noDedan; oonyana bakaDedan bebengama-Asiriya, namaLetushi, namaLehum.
254Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
255UAbraham wazinika uIsake zonke izinto abenazo.
256Ke oonyana bamashweshwe, abenawo uAbraham, wabanika izipho uAbraham; wabandulula, bemka kuIsake unyana wakhe, esekho, basinga empumalanga, ezweni lasempumalanga.
257Yiyo le imihla yeminyaka yokudla ubomi kuka-Abraham awayidlayo; yiminyaka elikhulu elinamanci asixhenxe aneminyaka emihlanu.
258UAbraham waphuma umphefumlo, wafa, eyingwevu enkulu, aluphele, ephele ebudaleni; wahlanganiselwa kwabakowabo.
259OoIsake noIshmayeli, oonyana bakhe, bamngcwaba emqolombeni waseMakapela, entsimini kaEfron unyana kaTsohare, umHeti, phambi kowakwaMamre,
2510entsimini leyo wayithengayo uAbraham kooyana bakaHeti. Ungcwatyelwe khona uAbraham, noSara umkakhe.
2511Kwathi, emveni kokufa kuka-Abraham, uThixo wamsikelela uIsake unyana wakhe; uIsake wahlala ngasequleni likaPhila-ebonile.
2512Yiyo le ke inzala kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, awathi uHagare umYiputazana, umkhonzazana kaSara, wamzalela uAbraham.
2513Ngawo la amagama oonyana bakaIshmayeli, ngamagama abo ngokwenzala yabo: owamazibulo kaIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam,
2514noMishma, noDuma, noMasa;
2515uHadade, noTema, noYeture, noNafishi, noKedema.
2516Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli, ngawo lawo amagama abo ngemizi yabo, nangeengqili zabo, izikulu ezilishumi elinazibini ngokwezizwe zazo.
2517Yiyo le iminyaka yokudla ubomi kukaIshmayeli: iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, aneminyaka esixhenxe. Waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo.
2518Bema bethabathela eHavila besa eShure, phambi kweYiputa, ukusinga kwelakwa-Asiriya. Wazihlalisa ebusweni babo bonke abazalwana bakhe.
2519Yiyo le ke inzala kaIsake, unyana ka-Abraham. UAbraham wazala uIsake.
2520UIsake waye eminyaka ingamashumi omane ezelwe, ukuzeka kwakhe uRebheka, intombi kaBhetuweli, umAram wasePadan-aram, udade boLabhan umAram, ukuba abe ngumkakhe.
2521Wathandaza uIsake kuYehova mayela nomkakhe, ngokuba ebengazali. Wathandazeka uYehova, wamitha uRebheka umkakhe.
2522Batyahalana abantwana embilini wakhe, wathi, Ukuba unjalo, yini na ukuba ndibe nje? Waya kubuza kuYehova.
2523Wathi uYehova kuye, Zimbini iintlanga esizalweni sakho; Kuya kwahluka zizwe zibini esiswini sakho, Esinye somelele ngaphezu kwesinye; Omkhulu uya kukhonza omnci.
2524Yazaliseka ke imihla yakhe yokuzala, nanko, ingamawele esizalweni sakhe.
2525Laphuma elokuqala lingqombela, lonke liphela njengengubo exhonti; balithiya igama elinguEsawu.
2526Emveni koko kwaphuma umninawa walo, isandla sakhe sibambe isithende sikaEsawu, wamthiya igama elinguYakobi. UIsake wayeminyaka imashumi mathandathu ezelwe, ukuzalwa kwabo.
2527Akhula ke amakhwenkwe; uEsawu waba lizingela, indoda yasendle; uYakobi waba yindoda egqibeleleyo, ihleli ezintenteni.
2528UIsake wathanda uEsawu, ngokuba inyamakazi ibimnandi emlonyeni wakhe; ke yena uRebheka wathanda uYakobi.
2529UYakobi wayepheke ukudla; wafika uEsawu evela ezindle, etyhafile.
2530Wathi uEsawu kuYakobi, Khawundiphe ndiginye kwinto engqombela, loo nto ingqombela, kuba ndityhafile; ngenxa yoko kwathiwa igama lakhe nguEdom.
2531Wathi uYakobi, Thengisa namhlanje ngobuzibulo bakho kum.
2532Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?
2533Wathi uYakobi, Ndifungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.
2534UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo; wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.
261Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare.
262UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; ima ezweni endiya kukuxelela lona.
263Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;
264ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi;
265ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.
266Wahlala uIsake eGerare.
267Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu; kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo.
268Kwathi, akubonÂ’ ukuba ulibele umzuzu khona, wondela uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, ngefestile; wakhangela, nanko, uIsake edlala noRebheka umkakhe.
269UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, inene ngumkakho lo; ungathini na ukuthi, Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Bendisithi, hleze ndife ngenxa yakhe.
2610Wathi uAbhimeleki, Yini na ukuba wenze le nto kuthi? Othile ebantwini ebengathi alale nomkakho, ube usizisele ityala.
2611UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.
2612UIsake wahlwayela kwelo zwe, wazuza ngaloo mnyaka imilinganiso elikhulu; uYehova wamsikelela.
2613Yaba nkulu indoda leyo, yaya ikhula ngokukhula, yada yaba nkulu kunene.
2614Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.
2615Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba.
2616Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.
2617UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.
2618Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.
2619Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo.
2620Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke, kuba babezamana naye.
2621Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.
2622Wesuka khona wemba elinye iqula; ababambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti. Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.
2623Wenyuka wemka khona, waya eBher-shebha.
2624UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam.
2625Wakha khona isibingelelo, wanqula igama likaYehova, wayimisa khona intente yakhe; abakhonzi bakaIsake bemba khona iqula.
2626Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe.
2627Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?
2628Bathi, Sibone kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,
2629wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku usikelelwe nguYehova.
2630Wabenzela isidlo, badla, basela. Bavuka kusasa, bafungelana;
2631uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.
2632Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.
2633Wathi liyiShibha; ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.
2634Ke kaloku uEsawu, akuba minyaka imashumi mane ezelwe, wazeka umfazi, uYuditi intombi kaBheri, umHeti, noBhasemati intombi kaElon, umHeti;
2635babacaphukisa ooIsake noRebheka.
271Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha.
272Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam.
273Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi;
274undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.
275Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe. UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.
276URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho, esithi,
277Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.
278Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.
279Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;
2710ukuse kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.
2711Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.
2712Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.
2713Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele.
2714Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise.
2715URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci.
2716Izintsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe;
2717wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.
2718Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam?
2719Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenze njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.
2720Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.
2721Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na?
2722Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu.
2723Akamnakana ke, kuba izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke.
2724Wathi, Wena lo ungunyana wam uEsawu na? Wathi yena, Ndinguye.
2725Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela.
2726Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam.
2727Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi, Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.
2728Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu, Nakuko ukuchuma komhlaba, Nentabalala yengqolowa, newayini entsha;
2729Izizwe mazikukhonze, Izizwe ziqubude kuwe. Yiba yinkosi kubazalwana bakho, Baqubude kuwe oonyana bakanyoko; Uqalekisiwe okuqalekisayo, Usikelelwe okusikelelayo.
2730Kwathi, akubonÂ’ ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe.
2731Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele.
2732Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho.
2733UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wosikeleleka ke.
2734Akuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndisikelele nam, bawo.
2735Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.
2736Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?
2737Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?
2738Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndisikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.
2739Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba, Lee nombethe wezulu ovela phezulu.
2740Uya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; Kuthi wakudlokova, Uyaphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.
2741UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.
2742Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.
2743Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran;
2744uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho,
2745ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumele ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?
2746Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?
281UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan.
282Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume.
283Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;
284akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.
285UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram, umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.
286UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;
287noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadan-aram.
288Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;
289wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
2810Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.
2811Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.
2812Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;
2813nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;
2814imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.
2815Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
2816Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.
2817Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.
2818Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.
2819Wathi igama laloo ndawo yiBheteli, nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.
2820Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla, neengubo ndambatha,
2821ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo: uYehova woba nguThixo wam,
2822neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.
291Wesuka uYakobi, waya ezweni labasempumalanga.
292Wakhangela, wabona iqula ezweni, nantso ikhona imihlambi emithathu yempahla emfutshane, ibuthile ngakulo; kuba imihlambi yayisezwa kwelo qula. Kukho ilitye elikhulu emlonyeni wequla.
293Yabe ihlanganiselwa khona yonke imihlambi, baliqengqe ilitye, balisuse emlonyeni wequla, bayiseze impahla emfutshane, balibuyisele ilitye elo emlonyeni wequla endaweni yalo.
294UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran.
295Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi.
296Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.
297Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.
298Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.
299Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa.
2910Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.
2911UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo.
2912UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. Wagidima yena waxelela uyise.
2913Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.
2914Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.
2915Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza negelize? Ndixelele umvuzo wakho.
2916Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.
2917Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.
2918UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe egenxa kaRakeli, intombi yakho enci.
2919Wathi uLabhan Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.
2920UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli; yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.
2921Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.
2922Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.
2923Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.
2924Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
2925Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonze ngenxa undikhohlise?
2926Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo.
2927Zalisa iveki yale, waleke eminye iminyaka esixhenxe; sokunika naleyo ngenkonzo oya kundikhonza ngayo.
2928Wenjenjalo uYakobi, wayizalisa iveki yale. Wamnika ke uRakeli intombi yakhe, yangumkakhe.
2929Intombi yakhe uRakeli, uLabhan wayinika uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
2930Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.
2931UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.
2932Wamitha ke uLeya wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen, ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam; inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.
2933Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika nalo; wamthiya igama elinguSimon.
2934Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu; ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.
2935Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yonke wamthiya igama elinguYuda. Wanqamka ukuzala.
301Ke kaloku akubona uRakeli ukuba akamzaleli mntwana uYakobi, uRakeli wammonela udade wabo, wathi kuYakobi, Ndinike abantwana; ukuba akundiniki, ndofa.
302Wavutha umsindo kaYakobi ngakuRakeli, wathi, Ndisesikhundleni sikaThixo na, okuvimbileyo isiqhamo sesizalo?
303Wathi yena, Nantso impelesi yam uBhiliha; yingene, izalele emadolweni am, ndakheke nam ngayo.
304Wamnika ke uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumfazi; uYakobi wamngena.
305Wamitha uBhiliha, wamzalela uYakobi unyana.
306Wathi uRhakeli, UThixo undigwebele, kananjalo uliphulaphule izwi lam, wandinika unyana; ngenxa yoko wamthiya igama elinguDan.
307Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
308Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.
309Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.
3010UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.
3011Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.
3012UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.
3013Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.
3014Waya uRubhen ngemihla yovuno lwengqolowa, wafumana amathuma endle, wawazisa kuLeya unina. Wathi uRakeli kuLeya, Khawundiphe emathumeni onyana wakho lawo.
3015Wathi kuye, Yinto encinane na ukuyithabatha indoda yam, ubuye uthabathe namathuma onyana wam? Wathi uRakeli, Ngako oko mayilale nawe ngobu busuku, ngenxa yamathuma onyana wakho lawo.
3016Wafika uYakobi evela ezindle ngokuhlwa, waphuma uLeya esiya kumkhawulela, wathi, Uze undingene, kuba ndikuqeshile ngamathuma onyana wam. Walala ke naye ngobo busuku.
3017UThixo wamphulaphula uLeya; wamitha, wamzalela uYakobi unyana wesihlanu.
3018Wathi uLeya, UThixo undinikile umvuzo wam, ngenxa yokuba indoda yam ndiyinike umkhonzazana wam.
3019Wamthiya igama elinguIsakare. Wabuya wamitha uLeya, wamzalela uYakobi unyana wesithandathu.
3020Wathi uLeya, UThixo undiphe isipho esilungileyo; okwesi sihlandlo indoda yam iya kuhlala nam, kuba ndiyizalele oonyana abathandathu. Wamthiya igama elinguZebhulon.
3021Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.
3022Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.
3023Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.
3024Wamthiya igama elinguYosefu, wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.
3025Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndindulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.
3026Ndinike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.
3027Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabe ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.
3028Wathi, Ndimisele kakuhle umvuzo wakho ondifaneleyo, ndikunike.
3029Wathi kuye, Uyalwazi nawe uhlobo lokukukhonza kwam, nohlobo lokuhlala kwempahla yakho nam.
3030Kuba obunayo ndingekafiki yabe imbalwa, ngoku izazekile yaninzi; uYehova ukusikelele apho unyawo lwam luthe lwanyathela; kaloku ndiya kuyisebenzela nini na mna eyam indlu?
3031Wathi, Ndikunike ntoni na? Wathi uYakobi, Akuyi kundinika nento le; ukuba uthe wandenzela le ndawo, ndobuya ndiyaluse impahla yakho emfutshane, ndiyigcine.
3032Ndiya kucanda phakathi kwayo yonke impahla yakho emfutshane namhlanje, ndihambe ndikhetha kuyo zonke iingusha ezinala, nezirhwexu, neegusha zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, nazo zonke ezirhwexu nezinala phakathi kweebhokhwe, zibe ngumvuzo wam;
3033bundingqinele ke ubulungisa bam ngexesha elizayo, xa uthe weza kumvuzo wam ophambi kwakho: zonke ezingenala, nezingerhwexu phakathi kweebhokhwe, nezingemnyama phakathi kweegusha, zoba zezibiweyo ezo, xa zithe zakum.
3034Wathi uLabhan, Yabona, makube ngokwelizwi lakho elo.
3035Wazikhetha ngaloo mhla iinkunzi zeebhokhwe ezinemizila, nezirhwexu, nazo zonke iimazi zeebhokwe ezinakazi, nezirhwexukazi, zonke ezinobumhlophe, nazo zonke ezimnyama phakathi kwamatakane, wazinikela esandleni soonyana bakhe.
3036Wamisa uhambo lweemini ezintathu phakathi kwabo noYakobi; uYakobi walusa eseleyo ke impahla emfutshane kaLabhan.
3037Ke kaloku uYakobi wathabatha iintonga zompopulari omhlophe ezimanzi, nezom-amangile, nezompleyini, wachuba iindawo ezimhlophe kuzo, exwebula buvele ubumhlophe obusezintongeni ezo.
3038Wazimisa iintonga abezichubile emijelweni, emikhumbini yamanzi, apho impahla emfutshane ibiza kusela khona, phambi kwempahla emfutshane, ukuba iphathane xa iza kusela.
3039Yaphathana ke impahla emfutshane phambi kweentonga ezo, yazala impahla emfutshane enemizila, nerhwexu, nenala.
3040Wawahlula uYakobi amatakane lawo, wabukhangelisa ubuso bempahla emfutshane malunga nenemizila, nemnyama, yonke empahleni emfutshane kaLabhan; wayibeka yodwa eyakhe imihlambi, akayibeka empahleni emfutshane kaLabhan.
3041Kwathi, xa iphathanayo eyomeleleyo empahleni emfutshane, uYakobi wazibeka iintonga phambi kwempahla emfutshane emijelweni, ukuze iphathane phakathi kweentonga.
3042Xa ityhafileyo impahla emfutshane, akazibekanga; yathi ke etyhafileyo yaba yekaLabhan, eyomeleleyo yaba yekaYakobi.
3043Yanda indoda leyo kakhulu kunene, Yanda indoda leyo kakhulu kunene, yaba nempahla emfutshane enizi, nabakhonzazana, nabakhonzi, neenkamela, namaesile.
311Ke kaloku waweva amazwi oonyana bakaLabhan, besithi, UYakobi uzithabathile zonke izinto abenazo ubawo; ubenze ngezinto zikabawo obu butyebi bakhe bonke.
312Wabubona uYakobi ubuso bukaLabhan, nabo bungenjengezolo nezolo elinye kuye.
313UYehova wathi kuYakobi, Buyela ezweni likayihlo, kwelokuzalwa kwakho; ndoba nawe.
314UYakobi wathumela, wabiza uRakeli noLeya, ukuba beze endle empahleni yakhe emfutshane.
315Wathi kubo, Ndiyabubona ubuso bukayihlo, ukuba abunjengezolo nezolo elinye kum; ke uThixo kabawo ubenam.
316Niyazi nina, ukuba uyihlo ndimkhonze ngamandla am onke;
317ke uyihlo undidephisele, wawuguqula umvuzo wam kalishumi; kodwa uThixo akamvumelanga ukuba andenze into embi.
318Xa athe, Enala yoba ngumvuzo wakho isuke yonke impahla emfutshane yazala enala; xa athe, Enemizila yoba ngumvuzo wakho, isuke yonke impahla emfutshane yazala enemizila.
319Wayihlutha uThixo imfuyo kayihlo, wandinika.
3110Kwathi, ngexesha lokuphathana kwempahla emfutshane, ndawaphakamisa amehlo am, ndabona ephupheni, nanzo iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose.
3111Sathi isithunywa sikaThixo kum ephupheni, Yakobi; ndathi, Ndilapha.
3112Sathi, Khawuphakamise amehlo akho, ubone; zonke iinkunzi ezikhwelayo empahleni emfutshane zinemizila, zinala, zinomchokose; kuba ndizibonile zonke izinto azenzayo uLabhan kuwe.
3113NdinguThixo waseBheteli, apho wasithambisa khona isimiso, apho wabhambathisa ngesibhambathiso kum. Suka ngoko, uphume kweli lizwe, ubuyele ezweni lokuzalwa kwakho.
3114Baphendula uRakeli noLeya, bathi kuye, Sisenasabelo nalifa lini na endlwini kabawo?
3115Akuthiwa singabasemzini kuye yini na? Kuba uthengise ngathi, wamana eyidla nemali yethu.
3116Ngoko kuze bonke ubutyebi abuhluthileyo uThixo kubawo, bube bobethu, noboonyana bethu, kaloku ke konke akuthethileyo uThixo kuwe kwenze.
3117Wesuka uYakobi wabakhwelisa oonyana bakhe, nabafazi bakhe, ezinkameleni.
3118Waqhuba yonke impahla yakhe, nayo yonke ingqwebo yakhe abeyiqwebile, impahla abeyifuyile, abeyiqwebile ePadan-aram, ukuze aye kuIsake uyise ezweni lakwaKanan.
3119ULabhan ubeye kucheba impahla yakhe emfutshane; uRakeli wayiba imilonde-khaya ebiyekayise.
3120UYakobi wamlalanisa uLabhan umAram, ekubeni engamxelelanga ukuba uyabaleka.
3121Wabaleke ke, yena nako konke abenako; wesuka, wawuwela uMlambo, wabubhekisa ubuso bakhe entabeni yaseGiliyadi.
3122Waxelelwa uLabhan ngomhla wesithathu ukuba uYakobi ubalekile.
3123Wathabatha abazalwana bakhe, wamphuthuma uhambo lwemihla esixhenxe; bafumanana entabeni yaseGiliyadi.
3124Weza uThixo kuLabhan umAram ephupheni ebusuku, wathi kuye, Zilumkele, ungathethi nto kuYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.
3125ULabhan wafika kuYakobi. Ke kaloku uYakobi ubeyigxumekile intente yakhe entabeni; uLabhan nabazalwana bakhe bagxumeka entabeni yaseGiliyadi.
3126Wathi uLabhan kuYakobi, Wenza ntoni na ukundilalanisa, uziqhube iintombi zam njengabathinjwe ngekrele?
3127Yini na ukuba uzimele, ubaleke, undilalanise, ungandixeleli? Ngendiba ndokundulule ngemivuyo, nangeengoma, nangengqongqo, nangohadi.
3128Yini na ukuba ungandivumeli ndibange oonyana bam neentombi zam? Kaloku wenze ngobudenge.
3129Kusemandleni esandla sam ukunenza ububi; ke uThixo kayihlo uthethe nam phezolo, esithi, Zilumkele, ungathethi nto noYakobi, nokuba yelungileyo nokuba yembi.
3130Ngoku umkileyo nje, ngokuba walangazelela kakhulu indlu kayihlo, uzibeleni na zona izithixo zam?
3131Waphendula uYakobi wathi kuLabhan, Bendisoyika, kuba bendisithi, Hleze uzixhakamfule kum iintombi zakho.
3132Osukuba uzifumana kuye izithixo zakho, makangadli bomi. Phambi kwabazalwana bethu fanisa into yakho enam, uyithabathe. Wayengazi uYakobi ukuba uRakeli uzibile.
3133Wangena uLabhan ententeni kaYakobi, nasententeni kaLeya, nasententeni yeempelesi zombini; akazifumana. Waphuma ententeni kaLeya, wangena ententeni kaRakeli.
3134Ke kaloku uRakeli ebeyithabathile imilonde-khaya, wayifaka phakathi kwesali yenkamela, wahlala phezu kwayo. ULabhan wayiphuthaphutha yonke intente, akayifumana.
3135Wathi kuyise, Mawungabi namsindo, nkosi yam, kuba ndingenako ukusuka phambi kwakho, ngokuba ndihleli phezu kwengca. Wagquthagqutha, akayifumana imilonde-khaya.
3136Wavutha umsindo kaYakobi, wabambana noLabhan. Waphendula uYakobi, wathi kuLabhan, Luyintoni na ukreqo lwam, siyintoni na isono sam, ukuba undisukele ngokushushu nje?
3137Uziphuthaphuthile zonke iimpahla zam; ufumene ntoni na yazo zonke iimpahla zendlu yakho? Yibeke apha phambi kwabazalwana bam, nabazalwana bakho, bahlule phakathi kwethu sobabini.
3138Le minyaka imashumi mabini bendinawe; iimazi zakho zeegusha, neemazi zebhokhwe aziphunzanga, neenkunzi zempahla yakho emfutshane andizidlanga.
3139Into eqwengiweyo andiyizisanga kuwe, ndayimisela ngokwam; wayibiza esandleni sam nokuba ibiwe emini, nokuba ibiwe ebusuku.
3140Emini ndadliwa bubushushu, ebusuku yingqele; ubuthongo bam bemka emehlweni am.
3141Kwaba njalo kum le minyaka imashumi mabini endlwini yakho; ndakukhonza iminyaka elishumi elinamine ngenxa yeentombi zakho zombini, iminyaka emithandathu ngenxa yempahla yakho emfuthsane; uwuguqule kalishumi umvuzo wam.
3142Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene unge undindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.
3143ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana azo ezibazeleyo?
3144Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.
3145UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.
3146Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.
3147Wathi ukuyibiza uLabhan yiYegarsahaduta, uYakobi wathi ukuyibiza yiGaledi.
3148Wathi uLabhan, Le mfumba ilingqina phakathi kwam nawe namhla, ngenxa yoko yathiywa igama eliyiGaledi;
3149neliyiMizpa, ngokuba wathi Makobonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;
3150ukuba uthe wazicinezela iintombi zam, nokuba uthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.
3151ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe;
3152ingqina yile mfumba, ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.
3153UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlomelwa nguyise uIsake.
3154UYakobi wabingelela umbingelelo entabeni apho, wabiza abazalwana bakhe, ukuba badle isonka. Badla ke isonka, balala entabeni apho.
3155Wavuka uLabhan kusasa, wabanga oonyana bakhe, neentombi zakhe, wabasikelela; wemka ke uLabhan, wabuyela ekhayeni lakhe.
321UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.
322Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.
323Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.
324Wabawisela umthetho esithi, Nothi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;
325ndineenkomo namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumele ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.
326Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omane.
327Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.
328Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.
329Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsake, Yehova, uthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho; ndokuphatha kakuhle.
3210Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.
3211Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.
3212Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho nidyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.
3213Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;
3214iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi neegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,
3215neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mane, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.
3216Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa. Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.
3217Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakubuza ngokuthi, Ungokabani na? Uya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho?
3218wothi, Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.
3219Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nothetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.
3220Kananjalo nothi, Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibubone ubuso bakhe; mhlawumbi wondibuka.
3221Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.
3222Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzanzana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko le Yabhoki.
3223Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
3224UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.
3225Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.
3226Yathi, Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.
3227Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.
3228Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
3229Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? Yamsikelela khona.
3230UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
3231Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.
3232Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.
331Wawaphakamisa uYakobi amehlo akhe, wabona, nanko uEsawu esiza, enamadoda amakhulu mane. Abantwana wabahlulahlula, baba kuLeya, nakuRakeli, nakubakhonzazana bobabini.
332Wababeka abakhonzazana nabantwana babo phambili, uLeya nabantwana bakhe emva kwabo, uRakeli noYosefu emva kanye.
333Ke yena wagqithela phambi kwabo, waqubuda emhlabeni kasixhenxe, wada wasondela kumkhuluwa wakhe.
334Wagidima uEsawu emkhawulela, wamwola, wawa entanyeni yakhe, wamanga; basitsho isililo.
335Wawaphakamisa amehlo akhe, wababona abafazi nabantwana, wathi, Ngoobani na aba banawe? Wathi yena, Ngabantwana, athe uThixo wabababala umkhonzi wakho.
336Basondela abakhonzazana, bona nabantwana babo, baqubuda.
337Wasondela noLeya nabantwana bakhe, baqubuda; emveni koko wasondela uYosefu noRakeli, baqubuda.
338Wathi, Iyintoni na yonke le mfuduka yakho endiqubisene nayo? Wathi, Yeyokuba ndibabalwe emehlweni enkosi yam.
339Wathi uEsawu, Ndanele, mninawa; makube kokwakho okwakho.
3310Wathi uYakobi, Hayi, makungabi njalo. Ukuba kaloku ndibabalwe emehlweni akho, thabatha umnikelo wam lo esandleni sam; kuba ngenxa yoko ndibubonile ubuso bakho, ndanga ndibona ubuso bukaThixo, ndalikholo kuwe.
3311Khawuyithabathe intsikelelo yam ezisiweyo kuwe, ngokuba uThixo undibabale, kuba ndineento zonke. Wamjoka, wayithabatha.
3312Wathi uEsawu, Masinduluke, sihambe; ndohamba phambi kwakho.
3313Wathi kuye, Inkosi yam iyazi ukuba abantwana bathambile, nempahla emfutshane, neenkomo ezanyisayo ziphezu kwam; yothi iqhutywe kakhulu imini enye, ife yonke impahla emfutshane.
3314Inkosi yam mayikhe igqithele phambi komkhonzi wayo ndihambise kuhle ngokuhamba kwempahla ephambi kwam, nangokuhamba kwabantwana, ndide ndifike enkosini yam kwaSehire.
3315Wathi uEsawu, Makhe ndiyishiye kuwe inxenye yabantu abanam. Wathi yena, Ngani na? Mandibabalwe emehlweni enkosi yam.
3316Wabuya ngaloo mhla uEsawu ngendlela yakhe, esiya kwaSehire.
3317UYakobi wanduluka, waya eSukoti, wazakhela indlu, iinkomo zakhe wazibiyela iintlantsi; ngenxa yoko kwathiwa igama laloo ndawo yiSukoti.
3318Wafika uYakobi enoxolo emzini kaShekem, osezweni lakwaKanan, ekuveleni kwakhe ePadan-aram; wamisa iintente phambi komzi.
3319Wathenga isiziba somhlaba, apho wayitwabulula khona intente yakhe, esandleni soonyana bakaHamore usoShekem, ngekhulu lemali.
3320Wamisa khona isibingelelo, wathi ukusithiya nguThixo, uThixo kaSirayeli.
341Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe.
342UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona.
343Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi.
344UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndizekele le ntombi ibe ngumfazi.
345Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.
346Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi.
347Bafika oonyana akaYakobi evela kwalusa. Bakuyiva le nto aba bahlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wenza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.
348Wathetha uHamore nabo, esithi, uShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe;
349nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu;
3410nahlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqiniseke ukuma kulo.
3411Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika.
3412Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.
3413Oonyana bakaYakobi babaphendla ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo.
3414Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi.
3415Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda.
3416Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye.
3417Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.
3418Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore.
3419Akalibala umfana ukuyenza loo nto, uba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise.
3420Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi,
3421La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu.
3422Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyinoda, njengokuba alukile wona.
3423Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi.
3424Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango omzi wabo. Yaluswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo.
3425Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda.
3426Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma.
3427Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo.
3428Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha;
3429nobutyebi babo bonke, nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.
3430UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam.
3431Bathi bona, udade wethu angaphathwa njengehenyukazi yini na?
351Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.
352Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;
353sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.
354Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem.
355Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, ayabasukela oonyana bakaYakobi.
356Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli; yena nabo bonke abantu ababenaye.
357Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.
358Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, angcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila.
359UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.
3510Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.
3511Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.
3512Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena; ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
3513Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.
3514UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.
3515UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.
3516Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
3517Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho.
3518Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.
3519Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
3520UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.
3521USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.
3522Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli. Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.
3523Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.
3524Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.
3525Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.
3526Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere. Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.
3527UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.
3528Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.
3529UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe.
361Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.
362UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, oAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;
363wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.
364UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.
365UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.
366UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.
367Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.
368Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.
369Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.
3610Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.
3611Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.
3612UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;
3613ngabo abo oonyana baka-Ada, umkaEsawu. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli: uNahati, noZera, noShama, noMiza. Ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.
3614Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.
3615Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esingeOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki.
3616Zizo ezo izikhulu zakwaElifazi ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana baka-Ada.
3617Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.
3618Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.
3619Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.
3620Ngabo abo oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali,
3621noTsibheyon, oAna, noDishon noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.
3622Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.
3623Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.
3624Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.
3625Ngabo aba oonyana baka-Ana: NguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.
3626Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.
3627Ngabo aba oonyana bakaEtsere:
3628nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.
3629Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna, isikhulu esinguDishon,
3630isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.
3631Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:
3632uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.
3633Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.
3634Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.
3635Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti.
3636Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe.
3637Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, walawula esikhundleni sakhe.
3638Wafa uSawule, wathi uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, walawula esikhundleni sakhe.
3639Wafa uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, wathi uHadare walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiPawu; igama lomkakhe nguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.
3640Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete,
3641isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,
3642isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,
3643isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom, ngokwamakhaya azo, ezweni lokuma kwazo. NguEsawu ke lowo uyise wamaEdom.
371Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan.
372Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise.
373USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.
374Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.
375UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.
376Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo.
377Yabonani, besibopha izithungu entsimini phakathi; saza isithungu sam sesuka sema; zaza izithungu zenu zasingqonga, zaqubuda kwisithungu sam.
378Abakhuluwa bakhe bathi kuye, Yinene na ukuba uya kuba ngukumkani phezu kwethu? Yinene na ukuba uya kusilawula? Kwaba kukhona bamtiyayo ngenxa yamaphupha akhe, nangenxa yamazwi akhe.
379Wabuya waphupha elinye iphupha, walixela kubakhuluwa bakhe, wathi, Yabonani, ndibuye ndaphupha iphupha; ndiphuphe ilanga nenyanga neenkwenkwezi ezilushumi elinanye ziqubuda kum.
3710Wakuxela kuyise, nakubakhuluwa bakhe. Uyise wamkhalimela, wathi kuye, Liphupha lini na eli uliphuphileyo? Mna, nonyoko, nabakhuluwa bakho, soza size kuqubuda kuwe na emhlabeni?
3711Abakhuluwa bakhe bammonela, ke yena uyise waligcina eli lizwi.
3712Ke kaloku abakhuluwa bakhe baya kwalusa impahla emfutshane kayise kwaShekem.
3713USirayeli wathi kuYosefu, Abakhuluwa bakho abalusi eShekem na? Yiza, ndikuthume kubo.
3714Wathi yena kuye, Ndilapha. Wathi kuye, Khawuye kukhangela ukuphila kwabakhuluwa bakho, nokuphila kwempahla emfutshane; ubuye uze kundixelela. Wamthuma ke, emsusa entilini yaseHebron, waya eShekem.
3715Wafunyanwa ngumfo, ebhadula endle; umfo lowo wambuza wathi, Ufuna ntoni na?
3716Wathi, Ndifuna abakhuluwa bam; khawundixelele apho balusa khona.
3717Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.
3718Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.
3719Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.
3720Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.
3721Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.
3722Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
3723Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo;
3724bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uze, kungekho manzi kuwo.
3725Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa.
3726UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe?
3727Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe.
3728Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa.
3729Wabuyela uRubhen emhadini. Yini? UYosefu akakho emhadini; wazidrazula iingubo zakhe.
3730Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi, Umfana akakho; mna ke ndosuka ndiye ngaphi na?
3731Bayithabatha ingubo kaYosefu, baxhela inkunzi yebhokhwe exhonti, bayithi nkxu ingubo egazini.
3732Bayithumela ingubo ende enemikhono ekhaya, bayisa kuyise, bathi, Siyichole; khawufanise, ukuba yingubo yonyana wakho, asiyiyo, sini na?
3733Wayifanisa, wathi, Yingubo yonyana wam; udliwe lirhamncwa; inene, uqwengiwe uYosefu.
3734UYakobi wazikrazula iingubo zakhe, wabeka ezirhwexayo esinqeni sakhe, wamenzela isijwili unyana wakhe imihla emininzi.
3735Besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma kuthuthuzelwa, wathi, Ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo, ndisenza isijwili. Uyise wamlilela ke.
3736AmaMidiyan aya athengisa ngaya eYiputa kuPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki.
381Kwathi ngelo xesha, wehla uYuda, esuka kubazalwana bakhe, waya wayimisa intente yakhe ngakwindoda yaseAdulam, egama linguHira.
382UYuda wabona khona intombi yendoda engumKanan, egama linguShuwa; wayizeka, wayingena.
383Yamitha, yazala unyana; wathi igama lakhe nguEre.
384Yabuya yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguOnan.
385Yabuya yaphinda yamitha, yazala unyana; yathi igama lakhe nguShela; wayeseKezibhi ukumzala kwakhe.
386UYuda wamzekela uEre, amazibulo akhe, umfazi ogama linguTamare.
387Ke uEre, amazibulo kaYuda, ubeneentlondi ezimbi emehlweni kaYehova; waza uYehova wambulala.
388UYuda wathi kuOnan, Yiya kumfazi womkhuluwa wakho, umngene, umvelisele imbewu umkhuluwa wakho.
389Wayesazi uOnan ukuba imbewu ayiyi kuba yeyakhe; wathi, xa sukuba esiya kumfazi womkhuluwa wakhe, wayiphalazela emhlabeni ukuze angamniki mbewu umkhuluwa wakhe.
3810Kwaba kubi emehlweni kaYehova oko wakwenzayo; ngoko wambulala naye.
3811Wathi uYuda kuTamare, umolokazana wakhe, Hlala ungumhlolokazi endlwini kayihlo, ade akhule uShela, unyana wam; kuba wathi, Hleze afe naye, njengabakhuluwa bakhe. Wemka uTamare, waya kuhlala endlwini kayise.
3812Zakuba ninzi iintsuku, yafa intombi kaShuwa, umkaYuda Akuthuthuzeleka uYuda, wenyuka waya kubachebi bempahla yakhe emfutshane, yena noHira, isihlobo sakhe saseAdulam, kwaTimna.
3813Waxelelwa uTamare kwathiwa, Nanko uyihlozala, enyuka esiya kucheba impahla yakhe emfutshane kwaTimna.
3814Wazisusa iingubo zobuhlolokazi bakhe, wazigqubuthela ngesigqubuthelo, wazithi wambu, wahlala phantsi esangweni le-Enayim, engasendleleni eya kwaTimna; kuba ubebona ukuba ukhulile uShela, akasiwa noko kuye ukuba abe ngumkakhe.
3815UYuda wambona, waba ulihenyukazi, kuba ebegqubuthele ubuso.
3816Wathi gu bucala, waya kuye endleleni wathi, Khawuze, ndikungene; kuba ubengazi ukuba ngumolokazana wakhe. Wathi, Wondinika ntoni na, ukuze ndikuvumele ukuba undingene?
3817Wathi, Mna ndothumela ndithabathe itakane lebhokwe elisempahleni emfutshane. Wathi, Ewe, ukuba uthe wandinika isibambiso, ude ulithumele kum.
3818Wathi, Ndikunike sibambiso sini na? Wathi yena, Umsesane wakho, nesidanga sakho, nomsimelelo wakho osesandleni sakho. Wamnika ke, wamngena, wamitha yena ngaye.
3819Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.
3820UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.
3821Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ingÂ’awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ngÂ’awukazi apha.
3822Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ngÂ’awukazi apha.
3823Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.
3824Kwathi, emva kweenyanga ezintathu, waxelelwa uYuda kwathiwa, UTamare, umolokazana wakho, uhenyuzile; kananjalo, yabona, umithi ngokuhenyuza oko. UYuda wathi, Mkhupheni atshiswe.
3825Akukhutshwa, wathumela yena kuyisezala, wathi, Ndimithiswe yindoda ezizezayo ezi zinto; wathi, Khawufanise ukuba ngokabani na lo msesane, nesi sidanga, nalo msimelelo.
3826Wazifanisa uYuda, wathi, Ulilungisa kunam; wenze kuba ndingamnikanga uShela, unyana wam. Akabanga sabuya amazi.
3827Kwathi, ngexesha lokuzala kwakhe, nanku ingamawele esizalweni sakhe.
3828Kwathi, ekuzaleni kwakhe, kwavela isandla; wathabatha umzalisikazi, wabopha esandleni salo usinga olubomvu, esithi, Eli laphuma kuqala.
3829Kuthe ke, lakusibuyisa isandla salo, nanko kuphuma umzalwana walo. Wathi, Yini na ukuba uzityhobozele? Wathiywa ke igama lokuba nguPeretse.
3830Kwathi emva koko, kwaphuma umzalwana walo, obenosinga olubomvu esandleni sakhe; wathiywa igama lokuba nguZera.
391Ke kaloku uYosefu wahliswa wasiwa eYiputa. UPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki, umYiputa, wamthenga kumaIshmayeli, abemhlisele khona.
392UYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa lowo.
393Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe.
394UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe.
395Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle.
396Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo.
397Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale.
398Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam.
399Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?
3910Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye.
3911Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho.
3912Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle.
3913Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle,
3914wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, usizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu;
3915yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.
3916Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo.
3917Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Size kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam;
3918kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle.
3919Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo.
3920Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.
3921UYehova ubenoYosefu, wamthobela inceba, wenza ukuba athandwe ngumphathi wentolongo.
3922Umphathi wentolongo wawanikela kuYosefu onke amakhonkxwa asentolongweni, ukuze zonke izinto ezisukuba zisenziwa khona, abe nguye ozenzayo.
3923Umphathi wentolongo akakhathalelanga nto isesandleni sakhe, ngenxa yokuba uYehova ubenaye; zonke izinto ebesakuzenza, uYehova ubeziphumelelisa.
401Kwathi emveni kwezi zinto, umngcamli wokumkani waseYiputa, nomoji wezonka zakhe, bayona inkosi yabo, ukumkani waseYiputa.
402UFaro waba noburhalarhume kubo ababusi bakhe bobabini, umphathi wabangcamli nomphathi waboji bezonka.
403Wabanikela elugcinweni, endlwini yomthetheli wabasiki entolongweni, endaweni abekhonkxelwe kuyo uYosefu.
404Umthetheli wabasiki wamenza uYosefu umveleli wabo, wabalungiselela; baba nomzuzu beselugcinweni.
405Baphupha iphupha bobabini; elowo waphupha iphupha lakhe ngabusuku bunye, elowo ngokokutyhilwa kwephupha lakhe, umngcamli nomoji wezonka bokumkani waseYiputa, ababekhonkxiwe entolongweni.
406UYosefu wangena kubo kwakusa, wabakhangela, wafika bematshekile.
407Wababuza ababusi bakwaFaro, ababenaye elugcinweni endlwini yenkosi yakhe, esithi, Kutheni na ukuba ubuso benu bube bubi namhlanje?
408Bathi kuye, Siphuphe iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
409Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;
4010emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;
4011indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithabathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.
4012UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu;
4013kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe.
4014Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu;
4015ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.
4016Umphathi waboji-zonka wabona ukuba isityhilo eso silungile, wathi kuYosefu, Nam ndiphuphile; ndibone iingobozi ezintathu zezonka ezimhlophe ezisentlokweni yam;
4017engobozini ephezulu kukho izidlo ngezidlo zonke zikaFaro ezingumsebenzi womoji-zonka, iintaka zisidla kweyona ngobozi iphezulu entlokweni yam.
4018Waphendula uYosefu wathi, Siso esi isityhilo salo: iingobozi ezintathu ezo yimihla emithathu;
4019kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, isuke kuwe, akuxhome emthini, ziyidle iintaka inyama yakho iphele.
4020Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.
4021Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro.
4022Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo.
4023Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.
411Kwathi, ekupheleni kweminyaka emibini ezeleyo, uFaro waphupha emi phezu komlambo;
412nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe amahle, etyebile, esidla engcotyeni;
413nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, emabi, enqinile; ema ecaleni lamanye amathokazi lawo elunxwemeni lomlambo;
414asuka amathokazi amabi, anqinileyo, awadla amathokazi asixhenxe amahle, atyebileyo. Waphaphama uFaro.
415Walala waphupha okwesibini. Wabona izikhwebu ezisixhenxe ziphuma mcingeni mnye, zityebile, zilungile.
416Nanzo izikhwebu ezisixhenxe ezingcakacileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziphuma emva kwazo;
417zesuka izikhwebu ezingcakacileyo zaziginya izikhwebu zosixhenxe ezityebileyo, ezichumileyo. Wavuka uFaro, O, liphupha!
418Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.
419Wathetha umphathi wabangcamli kuFaro, esithi, Ndiyasikhumbula namhlanje isono sam.
4110UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka.
4111Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe.
4112Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.
4113Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wandibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.
4114UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro.
4115Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, uyaliva iphupha ulityhile.
4116UYosefu wamphendula uFaro, esithi, Akunam; uThixo uya kuphendula into yokumsindisa uFaro.
4117UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo;
4118nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni;
4119nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo;
4120amathokazi angamarhoqorhoqo, amabi, awadla awokuqala amathokazi asixhenxe atyebileyo;
4121angena embilinini wawo akwazeka ukuba angenile embilinini wawo; imbonakalo yawo yambi, njengasekuqaleni. Ndaphaphama.
4122Ndabona ephupheni lam, izikhwebu ezisixhenxe ziphuma micingeni mnye, zichumile, zilungile;
4123nanzo, izikhwebu ezisixhenxe zishwabene, zingcakacile, zitshile lulophu lwasempumalanga, zihluma emva kwazo.
4124Zesuka izikhwebu ezingcakacileyo, zaziginya izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo. Ndathetha nezazi; akukho bani kuzo undixelelayo.
4125UYosefu wathi uFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.
4126Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe; izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye.
4127Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.
4128Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.
4129Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;
4130ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;
4131ingaziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.
4132Ukuphindwa kabini kwephupha elo kuFaro kukuqiniswa kwayo le ndawo nguThixo; uya kukhawuleza uThixo ukuyenza.
4133Ngoko uFaro makakhangele indoda eyingqondi, esisilumko, ayimise phezu kwelizwe laseYiputa.
4134Makenze le nto uFaro, alimisele abaveleli ilizwe, athabathe isihlanu selizwe laseYiputa ngeminyaka yosixhenxe yendyebo.
4135Mababuthe konke ukudla kwaloo minyaka ilungileyo izayo, bafumbe ingqolowa phantsi kwesandla sikaFaro, ibe kukudla emizini, bayigcine;
4136oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.
4137Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe.
4138UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo?
4139UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe.
4140Uya kuba phezu kwendlu yam wena, bawuthobele umlomo wakho bonke abantu bam; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe.
4141UFaro wathi kuYosefu, Khangela, ndikumise phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.
4142Wawukhulula uFaro umsesane wakhe esandleni sakhe, wawufaka esandleni sikaYosefu, wamambathisa iingubo zelinen ecikizekileyo, wanxiba umxokelelwane wegolide entanyeni yakhe.
4143Wamkhwelisa enqwelweni yesibini abenayo, kwamenyezwa phambi kwakhe, kwathiwa, Guqani! Wammisa phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.
4144Wathi uFaro kuYosefu, NdinguFaro; ngaphandle kwakho, akukho bani uya kuphakamisa sandla sakhe, nalunyawo lwakhe, ezweni lonke laseYiputa.
4145UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.
4146UYosefu wayeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukuma kwakhe phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; waphuma uYosefu ebusweni bukaFaro, walicanda lonke ilizwe laseYiputa.
4147Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo.
4148Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo.
4149UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.
4150UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.
4151UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase; ngokuba wathi, UThixo undenze ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.
4152Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim; ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.
4153Yaphela ke iminyaka yosixhenxe yendyebo ebisezweni laseYiputa.
4154Yaqala ukufika iminyaka yosixhenxe yendlala, njengoko wayekuthethile uYosefu. Yabakho indlala kumazwe onke; ke ezweni lonke laseYiputa kwakukho isonka.
4155Lonke ilizwe laseYiputa laba nendlala; abantu bakhalela isonka kuFaro; wathi uFaro kuwo onke amaYiputa, Yiyani kuYosefu; athe wakuthetha kuni nize nikwenze.
4156Indlala yaba sezweni lonke; uYosefu wazivula zonke izindlu ezinokudla, wathengisa ngengqolowa kumaYiputa; kuba indlala yaba namandla ezweni laseYiputa.
4157Lesuka ilizwe liphela, leza kuthenga ingqolowa kuYosefu eYiputa, kuba indlala ibinamandla kulo lonke.
421Wabona uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wathi uYakobi koonyana bakhe, Yini na ukuba nikhangelane?
422Wathi, Yabonani, ndivile ukuba kukho ingqolowa eYiputa; yihlani niye khona, nisithengele ingqolowa, siphile, singafi.
423Behla abakhuluwa bakaYosefu abalishumi, beya kuthenga ingqolowa eYiputa.
424Kodwa uBhenjamin, umninawa kaYosefu, uYakobi akamthumanga nabakhuluwa bakhe; kuba wathi, hleze ahlelwe yingozi.
425Oonyana bakaSirayeli beza kuthenga ingqolowa phakathi kwabo bezayo; kuba indlala ibikho ezweni lakwaKanan.
426UYosefu wayengumlawuli welizwe elo; yena wayethengisa ngengqolowa kubo bonke abantu belizwe elo; bafika ke abakhuluwa bakaYosefu, baqubuda kuye ngobuso emhlabeni.
427UYosefu wababona abakhuluwa bakhe, wabazi, wazenza ongabaziyo, wathetha nabo kalukhuni, wathi kubo, Nivela phi na? Bathi, Sivela ezweni lakwaKanan, size kuthenga ukudla.
428UYosefu wabazi abakhuluwa bakhe; ke bona abamnakananga.
429Wawakhumbula uYosefu amaphupha abewaphuphile ngabo, wathi kubo, Niziintlola nina; nize kubona ubuze belizwe eli.
4210Bathi kuye, Hayi, nkosi; abakhonzi bakho baze kuthenga ukudla.
4211Sonke siphela singoonyana bamfo mnye; siyalungisa, abakhonzi bakho abazizo iintlola.
4212Wathi kubo, Hayi, nize kubona ubuze belizwe eli.
4213Bathi, Abakhonzi bakho balishumi elinababini; siyazalana, singoonyana bamfo mnye ezweni lakwaKanan. UYabona, omncinane ukubawo namhla, omnye akakho.
4214Wathi uYosefu kubo, Yile nto bendiyithetha kuni, ndisithi, Niziintlola.
4215Niya kucikidwa ngale ndawo: ehleli nje uFaro, anisayi kuphuma apha, ukuba akathanga eze apha umninawa wenu omncinane.
4216Thumani omnye kuni apha, aphuthume umninawa wenu, nikhonkxwe nina; acikidwe amazwi enu ukuba ninenyaniso na; ukuba akubanga njalo, ehleli nje uFaro, inene noba niziintlola.
4217Wabanikela bonke elugcinweni imihla yamithathu.
4218UYosefu wathi kubo ngomhla wesithathu, Yenzani oku, niphile; kuba ndiyamoyika uThixo.
4219Ukuba ninyanisile, omnye umzalwana kuni apha makakhonkxwe endlwini yokugcinwa kwenu, nihambe nina, niyise ingqolowa ngenxa yendlala yezindlu zenu.
4220Umninawa wenu omncinane nimzise kum; okholeka ke amazwi enu, ningafi.
4221Benjenjalo ke. Bathetha omnye komnye besithi, Inyaniso, sinetyala ngenxa yomninawa wethu, sabe sikubona nje ukubandezeleka komphefumlo wakhe, oko abetarhuzisa kuthi, asamphulaphula; kungenxa yoko le nto kusifikeleyo oku kubandezeleka.
4222Wabaphendulu uRubhen esithi, Ndabe ndingatsho na kuni ukuthi, Musani ukumona umfana? Anaphulaphula; yabonani ke, igazi lakhe liyabizwa.
4223Babengazi bona ukuba uYosefu uyeva, kuba kwakumi umkhumshi phakathi kwabo.
4224Wathi guququ, walila; wabuya weza kubo, wathetha nabo, wamthabatha uSimon kubo, wamkhonkxa bekhangele.
4225Wawisa umthetho uYosefu wokuba zizaliswe iingxowa zabo ngengqolowa, imali yabo ibuyiselwe kulowo nalowo engxoweni yakhe, banikwe nomphako wendlela; kwenjiwa njalo ke kubo.
4226Bawabopha ingqolowa amaesile abo, bemka ke apho.
4227Uthe ke omnye akuyivula ingxowa yakhe, ukuba aphe iesile lakhe iindiza apho balalisa khona, wayibona imali yakhe, esemlonyeni wengxowa yakhe.
4228Wathi kubazalwana bakhe, Ibuyisiwe imali yam; nantsi ikho nokubakho engxoweni yam. Baphela amandla, bakhangelana begubha, bathi, Yintoni na le ayenzileyo uThixo kuthi?
4229Bafika kuYakobi uyise ezweni lakwaKanan, bamxelela yonke into ebahleleyo, besithi,
4230Indoda, inkosi yelo zwe, yathetha nathi kalukhuni, yathi siziintlola zelo zwe.
4231Sathi kuyo, Sinyanisile;
4232asizizo iintlola, singabazalwana abalishumi elinababini, oonyana bakabawo; omnye akakho, omncinane ukubawo namhla, ezweni lakwaKanan.
4233Indoda leyo, inkosi yelo zwe, yathi kuthi, Ndiya kwazi ngale ndawo ukuba ninyanisile: shiyani abe mnye umzalwana wenu kum apha, niphathele izindlu zenu ukudla ngenxa yendlala, nihambe;
4234nimzise umninawa wenu omncinane kum, ndize ndazi ukuba ninyanisile, anizizo iintlola; ndimnikele kuni umzalwana wenu, nirhwebe ezweni apha.
4235Kwathi, bakukhuphela iingxowa zabo, babona isiqhuma semali salowo nalowo engxoweni yakhe; bakuzibona iziqhuma zabo zemali boyika, bona noyise.
4236Wathi kubo uYakobi uyise, Nindihluthe abantwana; uYosefu akakho, uSimon akakho, niza kuthabatha noBhenjamin; zikhwele kum zonke ezo zinto.
4237Wathi uRubhen kuyise, Babulale bobabini oonyana bam, ukuba andithanga ndimzise kuwe; mnikele esandleni sam, ndombuyisela kuwe mna.
4238Wathi yena, Unyana wam akasayi kuhla nani; ngokuba ufile umkhuluwa wakhe, yena usele yedwa. Ukuba uthe wahlelwa yingozi endleleni eniyihambayo, izimvi zam nozithobela kwelabafileyo ndinesingqala.
431Indlala yayinzima kwelo zwe.
432Kwathi, bakuba begqibile ukuyidla ingqolowa ababeze nayo bevela eYiputa, wathi uyise kubo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.
433Wathi uYuda kuye, Indoda leyo yaqononondisa kuthi, yathi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.
434Ukuba uthe wamthuma umninawa wethu nathi, sohla siye kukuthengela ukudla.
435Ukuba akuthanga umthume, asiyi kuhla; kuba indoda leyo yathi kuthi, Aniyi kububona ubuso bam, engabangakho nani umninawa wenu.
436USirayeli wathi, Yini na ukuba nindenzele ububi, niyixelele indoda leyo ukuthi, nisenomninawa?
437Bathi, Indoda leyo yabuza kunene ngathi nangemizalwana yethu, isithi, Usaphilile na uyihlo? Nisenomninawa na? Sayixelela ngokwaloo mazwi. Besisazi yini na ukuba ibiya kuthi, Yihlani nomninawa wenu?
438UYuda wathi kuSirayeli uyise, Mthume nam umfana, sisuke sihambe, siphile, singafi thina, nawe, nabantwana bethu.
439Mna ndiya kummela, wombiza esandleni sam; ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndimbeke phambi kwakho, mandibe netyala kuwe yonke imihla yam.
4310Kuba, ukuba besingazilazilanga, inene ngesiba ngoku sesibuye okwesibini.
4311USirayeli uyise wathi kubo, Ukuba kunjalo okunene, yenzani ke oku: thabathani kwezinconywayo izinto zelizwe eli, nizifake ezingxoweni zenu, nihle niyisele indoda leyo umnikelo: intwana yamafutha aqholiweyo, nentwana yencindi yobusi, nentlaka emhlophe, nentlaka emnandi, neenkozo zepistasi, neeamangile.
4312Phathani enye imali esandleni senu; naloo mali yabuyiswayo emlonyeni weengxowa zenu, buyani nayo esandleni senu; mhlawumbi sisiphosiso.
4313Nomninawa wenu mthabatheni, ninduluke, nibuyele kwindoda leyo.
4314Ngamana uThixo uSomandla waniphatha ngemfesane phambi kwendoda leyo, ukuba inikhululele omnye umzalwana wenu lowo noBhenjamin. Mna, ukuba ndihluthiwe abantwana, ndihluthiwe.
4315Amadoda lawo awuthabatha loo mnikelo, neemali zombini aziphatha esandleni sawo, noBhenjamin, asuka ehla aya eYiputa, ema phambi koYosefu.
4316UYosefu wambona uBhenjamin enabo, wathi kumphathi wendlu yakhe, Wangenise loo madoda endlwini, uxhele, ulungise; kuba la madoda aya kudla nam emini enkulu.
4317Indoda leyo yenza njengoko watshoyo uYosefu; indoda yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu.
4318Amadoda oyika, ngokuba engeniswe endlwini kaYosefu, athi, Kungenxa yemali eyayibuyiselwe ezingxoweni zethu ekuqaleni, le nto singeniswe apha; ukuze agaleleke phezu kwethu, asiwele, asithabathe sibe ngamakhoboka, kwanamaesile ethu.
4319Asondela kuloo ndoda iphethe indlu kaYosefu, athetha nayo emnyango wendlu, athi, Tarhu, nkosi!
4320Sehla okunene ekuqaleni, sisiza kuthenga ukudla.
4321Kwathi, sakufika endaweni yokulalisa, sazivula iingxowa zethu, kwavela imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe, imali yethu ngomlinganiso wayo. Sibuye nayo ke siyiphethe.
4322Nenye imali sihle seza nayo esandleni sethu, ukuba sithenge ukudla; asimazi oyifakileyo imali ezingxoweni zethu.
4323Yathi, Xolani, musani ukoyika; uThixo wenu, uThixo kayihlo, uninikile ubutyebi ezingxoweni zenu; imali yenu ndayamkela. Yabakhuphela uSimon.
4324Indoda leyo yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu, yawanika amanzi, ahlamba iinyawo zawo; yawapha iindiza amaesile awo.
4325Umnikelo lowo awulungisela ukufika kukaYosefu emini enkulu; kuba ebeve kusithiwa aya kudla isonka khona.
4326Wangena uYosefu endlwini; amzisela endlwini umnikelo obusesandleni sawo, aqubuda kuye emhlabeni.
4327Wawabuza ukuphila kwawo, wathi, Uyihlo usaphilile na, ixhego enanithethe ngalo? Usadla ubomi na?
4328Athi, Usaphilile ubawo umkhonzi wakho, usadla ubomi. Bathoba baqubuda.
4329Wawaphakamisa amehlo akhe, wambona uBhenjamin umninawa wakhe, umntwana kanina, wathi, Nguye na lo umninawa wenu omncinane, enibe nithetha ngaye kum? Wathi, Ngamana uThixo wakubabala, nyana wam.
4330Wakhawuleza uYosefu; kuba wasikwa yimfesane ngenxa yomninawa wakhe, wafuna indawo angalilela kuyo, wangena engontsini, walila khona.
4331Waza wahlamba ubuso bakhe, waphuma ezibambile, wathi, Bekani isonka.
4332Bambekela yedwa, bababekela bodwa bona, bawabekela odwa amaYiputa abesidla naye; kuba amaYiputa akanakudla sonka namaHebhere; kuba lisikizi elo kumaYiputa.
4333Bhalala phantsi phambi kwakhe, owamazibulo ngokobuzibulo bakhe, omncinane ngokobuncinane bakhe. Amadoda akhangelana ethe manga.
4334Aselwa izabelo ezisuka phambi kwakhe; ke isabelo sikaBhenjamin saba sikhulu kahlanu kwizabelo zabo bonke bephela. Basela, baba mnandi benaye.
441Wamwisela umthetho umphathi wendlu, esithi, Zizalise iingxowa zala madoda ngokudla, njengoko zinako ukukhongozela, uyibeke imali yalowo nalowo emlonyeni wengxowa yakhe;
442uyibeke indebe yam, indebe yesilivere, emlonyeni wengxowa yomncinane, nemali yengqolowa yakhe. Wenza ke ngokwelizwi likaYosefu abelithethile.
443Kwakuthi qhiphu ukusa, andululwa loo madoda, wona namaesile awo.
444Akubona ukuba aphumile emzini, engekayi kude, wathi uYosefu kumphathi wendlu yakhe, Suka, uwasukele laa madoda; wakuwafumana uze uthi kuwo, Yini na ukuba niphindezele okulungileyo ngokubi?
445Le nto asiyile na inkosi yam isela ngayo, ihlabe nezihlabo ngayo? Yinto embi le nto niyenzileyo.
446Wawafumana, wathetha kuwo loo mazwi.
447Athi kuye, Yini na ukuba inkosi yam ithethe ngokwaloo mazwi? Makube lee kubakhonzi bakho ukwenza ngokwelo lizwi.
448Uyabona, imali esayifumanayo emlonyeni weengxowa zethu, sayibuyisela kuwe, sivela ezweni lakwaKanan. Singathini na ke ukuba endlwini yenkosi yakho isilivere nokuba yigolide?
449Osukuba ifunyenwe kuye phakathi kwabakhonzi bakhe, makafe; kananjalo thina sibe ngamakhoboka enkosini yam.
4410Wathi, Makube njengokwamazwi enu; ke ngoko osukuba ifunyenwe kuye, woba sisicaka sam, ke nina noba msulwa.
4411Bakhawuleza, bathula elowo ingxowa yakhe, bayibeka emhlabeni, bavula elowo ingxowa yakhe.
4412Wagquthagqutha, eqalela komkhulu, egqibela komncinane; yafunyanwa indebe engxoweni kaBhenjamin.
4413Bazikrazula iingubo zabo, babopha elowo iesile lakhe, babuyela kuloo mzi.
4414Wafika uYuda nabazalwana bakhe endlwini kaYosefu; ubesekhona yena. Bawa phambi kwakhe emhlabeni.
4415UYosefu wathi kubo, Sisenzo sini na esi nisenzileyo? Beningazi na ukuba indoda enjengam nje ibingahlaba izihlabo?
4416UYuda wathi, Siya kuthini na enkosini yam? Siya kuthetha ntoni na? Siya kuzihlamba njani na? UThixo ubufumene ubugwenxa babakhonzi bakho; yabona, singabakhonzi benkosi yam, thina aba, nalowa indebe ifunyenwe esandleni sakhe.
4417Wathi, Makube lee kum ukwenza loo nto; indoda efunyenwe esandleni sayo indebe, yiyo eya kuba sisicaka kum; ke nina nyukani nixolile, niye kuyihlo.
4418UYuda wasondela kuye, wathi, Tarhu, nkosi yam! Makhe athethe ilizwi umkhonzi wakho ezindlebeni zinkosi yam; mawungavuthi umsindo wakho ngakumkhonzi wakho, ngokuba ungangoFaro wena.
4419Yababuza inkosi yam abakhonzi bayo, isithi, Ninoyihlo na? Ninomninawa na?
4420Sathi thina enkosini yam, Sinobawo ixhego, nomntwana wobuxhego bakhe omncinane; umkhuluwa wakhe wafa, yena usele yedwa kunina, uyise uyamthanda.
4421Wathi ke wena kubakhonzi bakho, Yihlani naye eze kum, ndiwamise amehlo am kuye.
4422Sathi thina kwinkosi yam, Umfana lowo akanako ukumshiya uyise; emshiyile, uyise angafa.
4423Wathi wena kubakhonzi bakho, Ukuba umninawa wenu omncinane akathanga ehle nani, aniyi kubuya nibubone ubuso bam.
4424Kwathi, xenikweni senyukayo saya kumkhonzi wakho ongubawo, samxelela amazwi enkosi yam.
4425Wathi ubawo, Buyani niye kusithengela intwana yokudla.
4426Sathi, Asinakuhla. Ukuba umninawa wethu omncinane unathi, sohla; kuba asinakububona ubuso bendoda leyo, engenathi umninawa wethu omncinane.
4427Wathi ubawo umkhonzi wakho kuthi, Niyazi nina, ukuba umkam wandizalela oonyana ababini.
4428Omnye waphuma kum, ndathi, Inene, uqwengiwe; andimbonanga unangoku.
4429Nimthabatha nje nalo ebusweni bam, ethe wahlelwa yingozi, nozihlisela izimvi zam zinobubi kwelabafileyo.
4430Ngoko ke, ukuba ndithe ndafike kubawo umkhonzi wakho, engenathi umfana (umphefumlo wakhe ubotshwe nomphefumlo wakhe nje),
4431kothi, akubona ukuba akakho umfana, afe, nabakhonzi bakho bahlise izimvi zomkhonzi wakho ubawo enesingqala, ziye kwelabafileyo.
4432Kuba umkhonzi wakho lo wammela umfana lowo kubawo, ndisithi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndoba netyala kubawo yonke imihla yam.
4433Ngoko makahlale umkhonzi wakho lo esikhundleni somfana, ndibe likhoboka enkosini yam mna; umfana anyuke nabakhuluwa bakhe.
4434Kuba ndingathini na ukunyuka ndiye kubawo, engenam umfana? hleze ndibubone ububi obomfumana ubawo.
451UYosefu akabanga nakuzibamba phambi kwabo bonke ababemi ngakuye. Wadanduluka wathi, Khuphani bonke abantu, bemke kum. Akwabakho mntu umi ngakuye ekuzaziseni kukaYosefu kubazalwana bakhe.
452Wasibeka isililo; eva amaYiputa, yeva nendlu kaFaro.
453Wathi uYosefu kubazalwana bakhe, NdinguYosefu; usaphilile na ubawo? Ababa nako ukumphendula abazalwana bakhe; kuba bakhwankqiswa phambi kwakhe.
454Wathi, uYosefu kubazalwana bakhe, Khanisondele kum apha. Basondela. Wathi, NdinguYosefu, umzalwana wenu, enathengisayo ngaye eYiputa.
455Ngoko musani ukuba buhlungu, ningaziqumbeli, ukuba nathengisa ngam apha; kuba uThixo wandithuma phambi kwenu ukuze ndisindise abantu.
456Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo.
457UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu.
458Ngoko ke asinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa.
459Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Utsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenze inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala.
4510Wohlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo;
4511ndikondle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo.
4512Yabonani, amehlo enu ayabona, namehlo omninawa wam uBhenjamin, ukuba ngumlomo wam lo uthethayo kuni.
4513Nize nimxelele ubawo lonke uzuko lwam eYiputa, nezinto zonke enizibonileyo, nikhawuleze nihle nobawo, eze apha.
4514Wawa entanyeni kaBhenjamin, umninawa wakhe, walila; uBhenjamin walila entanyeni yakhe.
4515Wabanga bonke abazalwana bakhe, walila phezu kwabo. Emveni koko, abazalwana bakhe bathetha naye.
4516Lavakala izwi endlwini kaFaro, lisithi, Bafikele abazalwana bakaYosefu. Kwalunga oko emehlweni kaFaro, nasemehlweni abakhonzi bakhe.
4517Wathi uFaro kuYosefu, Yithi kubazalwana bakho, Yenzani oku: bophani amaqegu enu, nihambe niye ezweni lakwaKanan,
4518nithabathe uyihlo nezindlu zenu, nise kum apha. Ndoninika izinto ezilungileyo zelizwe laseYiputa, nidle ukutyeba kwelizwe.
4519Wena ke uwiselwe umthetho, yenzani oku; bathabatheleni abantwana benu, nabafazi benu, iinqwelo ezweni laseYiputa, nithwale uyihlo, nize.
4520Iliso lenu malingabi nanceba empahleni yenu, kuba zonke izinto ezilungileyo zelizwe lonke laseYiputa zezenu.
4521Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli. UYosefu wabanika iinqwelo ngokomthetho kaFaro; wabanika nomphako wendlela.
4522Wabanika bonke elowo iingubo zokukhululana. Wamnika uBhenjamin iisilivere ezimakhulu mathathu, neengubo ezintlanu zokukhululana.
4523Kuyise wathumela ezilolu hlobo: amaesile alishumi, ethwele izinto ezilungileyo zaseYiputa, neemazi zamaesile ezilishumi, zithwele ingqolowa, nesonka, nomphako kayise wendlela.
4524Wabandulula ke abazalwana bakhe, bahamba; wathi kubo, Ize ningaxabani endleleni.
4525Benyuka, bemke ke eYiputa, bafika ezweni lakwaKanan kuYakobi uyise.
4526Bamxelela besithi, UYosefu usahleli; ewe, ungumphathi welizwe lonke laseYiputa. Yaqoba intliziyo yakhe, kuba ebengakholwa ngabo.
4527Bawathetha kuye onke amazwi kaYosefu, abewathethile kubo. Wazibona iinqwelo abezithumele uYosefu, ukuba zimthwale; waza waphila umoya kaYakobi uyise.
4528Wathi uSirayeli, Kwanele. UYosefu unyana wam usahleli. Ndiya kuya ndimbone, ndingekafi.
461Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBher-shebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.
462Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.
463Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
464Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.
465Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.
466Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;
467oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.
468Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen.
469Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi.
4610Oonyana bakaSimon, nguYemuweli, noYamin, no-Ohadi, noYakin, noTsohare, noSawule, unyana womKananekazi.
4611Oonyana bakaLevi nguGershon, noKehati, noMerari.
4612Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela, noPeretse, noZera; ke ooEre no-Onan bafela ezweni lakwaKanan. Oonyana bakaPeretse nguHetseron noHamuli.
4613Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYobhi, noShimron.
4614Oonyana bakaZebhulon nguZerede, noEloni, noYaleli.
4615Ngabo abo oonyana bakaLeya, awabazalela uYakobi ePadan-aram, noDina intombi yakhe; yonke imiphefumlo yoonyana bakhe neyeentombi zakhe ingamashumi omathathu anamithathu.
4616Oonyana bakaGadi nguTsifiyon, noHagi, noShuni, noEtsebhon, noEri, noArodi, noAreli.
4617Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshvi, noBheriya, noSera udade wabo; oonyana bakaBheriya nguEbhere noMalekiyeli.
4618Ngabo abo oonyana bakaZilipa, awathi uLabhan wamnika uLeya intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, imiphefumlo elishumi elinamithandathu.
4619Oonyana bakaRakeli, umkaYakobi, nguYosefu noBhenjamin.
4620Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase, noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn.
4621Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi.
4622Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinamine.
4623Oonyana bakaDan nguHushim.
4624Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem.
4625Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.
4626Iyonke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.
4627Oonyana bakaYosefu awabazalelwa eYiputa yimiphefumlo emibini. Iyonke imiphefumlo yendlu kaYakobi eyaya eYiputa ibimashumi asixhenxe.
4628Wasusa uYuda ukuba amandulele aye kuYosefu, ambonise indlela eya eGoshen; bafika ke ezweni laseGoshen.
4629UYosefu wayibopha inqwelo yakhe, wenyuka waya kumkhawulela uSirayeli uyise eGoshen. Bathe bakubonana, wawa entanyeni yakhe, walila umzuzu omkhulu entanyeni yakhe.
4630Wathi uSirayeli kuYosefu, Ndibubonile nje ubuso bakho, ukuba usahleli, mandife ngoku.
4631Wathi uYosefu kubazalwana bakhe nakwindlu kayise, Ndiya kunyuka ndiye kubika kuFaro, ndithi kuye, Abazalwana bam nendlu kabawo, ababesezweni lakwaKanan, bafikile;
4632kunjalo nje la madoda ngabalusi bempahla emfutshane, kuba ngabafuyi; impahla yawo emfutshane, neenkomo zawo, neento zonke ananzo, aze nazo.
4633Xa athe wanibiza uFaro, wathi, Uyintoni na umsebenzi wenu? nothi,
4634Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla kwasebuncinaneni bethu unangoku, thina aba noobawo bethu; ukuze nime ezweni laseGoshen, kuba bonke abalusi bempahla emfutshane balisikizi kumaYiputa.
471UYosefu waya kumbikela uFaro, wathi, Ufikile ubawo nabazalwana bam, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, neento zonke abanazo, bevela ezweni lakwaKanan; nabo besezweni laseGoshen.
472Wakhetha kubo abazalwana bakhe amadoda amahlanu, wawamisa phambi koFaro.
473Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu.
474Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.
475Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.
476Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba uyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.
477UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.
478UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?
479Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.
4710UYakobi wamsikela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.
4711UYosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseYiputa, wabanika indawo yokuma kweyona ndawo intle yelizwe, ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro.
4712UYosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.
4713Bekungekho kudla kulo lonke ilizwe; kuba ibinzima kunene indlala; ilizwe laseYiputa nelizwe lakwaKanan laphelelwa ngamandla ngenxa yendlala.
4714Wayihlanganisa uYosefu yonke imali eyafunyanwayo ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan, yengqolowa ababeyithenga; wayingenisa uYosefu imali endlwini kaFaro.
4715Yaphela imali ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan. Onke amaYiputa eza kuYosefu, esithi, Sinike ukudla. Yini na ukuba sife phambi kwakho, kuba imali iphelile.
4716Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile.
4717Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.
4718Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nimihlaba yethu yodwa kuphela.
4719Yini na ukuba sife phambi kwakho, thina aba nomhlaba wethu. Sithenge thina nomhlaba wethu ngokudla, ukuze thina nomhlaba wethu sibe ngabakhonzi bakaFaro. Sinike imbewu, ukuze siphile, singafi, kube senkangala.
4720UYosefu wawuthengela uFaro wonke umhlaba waseYiputa; kuba amaYiputa athengisa elowo ngentsimi yakhe, kuba indlala yabe inzima phezu kwawo; umhlaba ke waba ngokaFaro.
4721Abantu wabafudusela emizini, kwathabathela ekupheleni komnye umda waseYiputa kwesa ekupheleni komnye.
4722Ngumhlaba wababingeleli wodwa angawuthenganga; kuba ababingeleli babenesabelo abasimiselweyo esivela kuFaro, besidla isabelo eso simiselweyo, babesinikwe nguFaro; ngenxa yoko bona abathengisanga ngomhlaba wabo.
4723Wathi uYosefu ebantwini, Yabonani, namhla nina nomhlaba wenu ndinithengele uFaro; nantsi ke imbewu yenu, hlwayelani umhlaba.
4724Nothi kwinto eniyizuzileyo, nimnike uFaro esesihlanu isahlulo, ezine izahlulo zibe zezenu, zibe yimbewu yentsimi, nezokudliwa nini nangabasezindlwini zenu, nezokudliwa lusapho lwenu.
4725Bathi, Usisindisile; mayisibabale inkosi yam, soba ngabakhonzi kuFaro.
4726UYosefu wayimisa loo nto yaba ngummiselo unanamhla phezu komhlaba waseYiputa, ukuba esesihlanu isahlulo sibe sesikaFaro; ngumhlaba wababingeleli wodwa ongabanga ngokaFaro.
4727Wahlala uSirayeli ezweni laseYiputa, ezweni laseGoshen; baqiniseka ukuma khona, baqhama, banda kunene.
4728UYakobi wadla ubomi ezweni laseYiputa iminyaka elishumi elinesixhenxe; imihla kaYakobi, iminyaka yobudala bakhe, yaba yiminyaka elikhulu elinamanci amane, aneminyaka esixhenxe.
4729Yasondela imihla kaSirayeli yokuba afe; wabiza unyana wakhe uYosefu, wathi kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, khawubeke isandla sakho phantsi kwethanga lam, undenzele inceba nenyaniso. Uze ungakhe undingcwabe eYiputa.
4730Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho.
4731Wathi, Funga; wafunga ke. Waqubuda uSirayeli phezu kwentloko yesingqengqelo.
481Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.
482Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.
483UYakobi wathi uYosefu, uThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.
484Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilinike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.
485Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam; njengoRubhen noSimon.
486Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.
487Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
488USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba?
489Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele.
4810Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.
4811USirayeli wathi uYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.
4812UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.
4813UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye.
4814USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.
4815Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abahamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke,
4816angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.
4817Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase.
4818Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba ngulo owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe.
4819Akavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi.
4820Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe uya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase.
4821USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo.
4822Mna ndikunike isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam.
491Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
492Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
493Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
494Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
495USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
496Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
497Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
498Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
499Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
4910Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.
4911Ngukhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile, Ukhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile; uhlamba ngewayini isambatho sakhe, Ngegazi lediliya ingubo yakhe;
4912Umehlo abomvu yiwayini, Umazinyo amhlophe ngamasi.
4913UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,
4914Ewe, ngasezibukweni leenqanawa, Icala lakhe lisingise eTsidon. UIsakare yinyathi ye-esile, Ulala phakathi kweentlanti.
4915Wakubona ukuphumla ukuba kulungile, Nelizwe ukuba limnandi; Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala, waba ngumsebenzi ofakwa uviko.
4916UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo, Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.
4917UDan makabe yinyoka ngasendleleni, Irhamba ngasemendweni, Eliluma izithende zehashe, Awe ngomva olikhweleyo.
4918Usindiso lwakho, Yehova, ndiluthembile.
4919UGadi ungenelwa ngamatutu, Ke yena uwangenela ezithendeni.
4920KuAshere kuphuma amafutha, isonka sakhe eso; Yena unika izinto eziyolisa ookumkani.
4921UNafetali yimazi yexhama ekhululweyo, ukhupha amazwi amahle.
4922NguGatya lomthi oqhamayo uYosefu, UGatya lomthi oqhamayo ngasemthonjeni, Omasebe aqabele eludongeni.
4923UBamcubunga bamtola, Bamchasa abatoli;
4924USihlala sithe nkqi isaphetha sakhe, UMikhono yezandla zakhe inokusityeda, Ngezandla zembalasane kaYakobi, Khona apho akhoyo umalusi, ilitye likaSirayeli;
4925NgoThixo wooyihlo—akuncede, NgoSomandla—akusikelele, Ibe ziintsikelelo zamazulu ezivela phezulu, Iintsikelelo zamanzi enzonzobila alele ezantsi, Iintsikelelo zamabele, nezesizalo.
4926Iintsikelelo zikayihlo Zizigqithile iintsikelelo zomawokhulu, Zasa nasemdeni weentaba zanini; Mazibe sentloko kuYosefu, Ebuchotsheni bobalulweyo kubazalwana bakhe!
4927UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo.
4928Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
4929Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,
4930emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.
4931Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.
4932Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.
4933Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.
501Wawa uYosefu phezu kobuso bukayise, walila phezu kwakhe, wamanga.
502UYosefu wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise; amagqirha amqhola ke uSirayeli.
503Bamzalisela imihla emashumi mane, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe.
504Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,
505Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wondingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.
506Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.
507Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;
508nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen.
509Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene.
5010Bafika esandeni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe.
5011Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandeni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim, ephesheya kweYordan.
5012Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe.
5013Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.
5014UYosefu wabuyela eYiputa ke, yena nabazalwana bakhe, nabo bonke abenyuka naye beya kumngcwaba uyise, emva kokungcwaba kwakhe uyise.
5015Ke kaloku abakhuluwa bakaYosefu babona ukuba uyise wabo ufile, bathi, Azi uYosefu uya kusitshutshisa na, abubuyisele kanye na kuthi bonke ububi esimenzele bona?
5016Bathumela kuYosefu, besithi, Uyihlo wayolela phambi kokufa kwakhe, wathi,
5017Notsho kuYosefu ukuthi, Khawuluxolele ukreqo lwabakhuluwa bakho, nesono sabo sokuba bekwenze into embi; ngoko khawuluxolele ukreqo lwabakhozi boThixo wooyihlo. Walila uYosefu ekuthetheni kwabo kuye.
5018Baya nabakhuluwa bakhe, baziphosa phantsi phambi kwakhe, bathi, Yabona, singabakhonzi bakho.
5019Wathi uYosefu kubo, Musani ukoyika; ndisesikhundleni sikaThixo yini na?
5020Nina nacinga ububi ngam; ke yena uThixo wacinga okulungileyo, ukuze kuthi, njengoko kwenzekileyo namhla, kusinde abantu abaninzi.
5021Ngoko musani ukoyika; ndonondla nina, nentsapho yenu. Wabathuthuzela ke, wathetha kakuhle nabo.
5022UYosefu wena eYiputa, yena nendlu kayise. UYosefu wahlala iminyaka elikhulu elinashumi-nye.
5023UYosefu wabona oonyana besesithathu isizukulwana sikaEfrayim, kwanoonyana bakaMakire, unyana kaManase, ababezalelwe emadolweni kaYosefu.
5024Wathi uYosefu kubakhuluwa bakhe, Ndiza kufa; uThixo okunene uya kunivelela, aninyuse, niphume kweli lizwe, niye ezweni abelifungele uAbraham, noIsake, noYakobi.
5025UYosefu wabafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo okunene eya kunivelela nje, nowanyusa amathambo am, emke apha.
5026Wafa ke uYosefu engominyaka ilikhulu linashumi-nye; bamqhola; wafakwa etyeyeni eYiputa.